UMongameli Cyril Ramaphosa: iNkqubela kwiiNzame zikaZwelonke zokuLwa uBhubhane i-COVID-19

INtetho kaMongameli Cyril Ramaphosa ngeNkqubela kwiiNzame zikaZwelonke zokuLwa uBhubhane wentsholongwane ye-Corona i-COVID-19, umhla we-14 kweyoMnga 2020

Bemi boMzantsi Afrika,

Sele izintsuku ezili-11 ukususela kwintetho yam nesizwe.

Ngoko ndanika ingxelo ngeempawu zokubuya kwakhona kosulelo lwentsholongwane i-corona kwiindawo ezahlukileyo elizweni.

Ngolwa suku, lomhla wesi-3 kweyoMnga, isizwe sethu sabhalisa ngaphezulu kwama-4 400 lenani elitsha labantu abosulelekileyo.

Izolo, umhla we-13 kweyoMnga, sibhalise malunga nama-8 000 enani labantu abosulelekileyo.

Inani elongezelelekayo lokungqina inani elitsha labantu abosulelekileyo ngentsholongwane i-corona eMzantsi Afrika ngoku limi kuma-866 127.

La manani abangela inkxalabo enkulu.

Akunakubakho kuthandabuza – isizwe singene kuqhambuko lwesibini losulelo lwentsholongwane i-corona.


Ngenxa yezinga lenani elitsha labantu abosulelekileyo elithe lakhula kwezi veki zimbini zidlulileyo, kusenokwenzeka ukuba asenzi ngokungxamisekileyo futhi ukuba asisebenzisani, uqhambuko lwesibini luza kuba nzima kakhulu kunolokuqala.
 

Iqondo lemihla ngemihla lenani elitsha labantu abosulelekileyo kwizwelonke kwezi ntsuku zisi-7 zokugqibela lingama-74% ngaphezulu kuneentsuku ezisixhenxe ezidlulileyo.
 

Ngeli xesha, inani elitsha labantu abosulelekileyo lenyukile ukusuka kwiqondo lemihla ngemihla malunga nama-3 800 ukuya ngaphezulu kwama-6 600 ngosuku.
 

Iqondo lemihla ngemihla lokusweleka kwabantu ngenxa ye-COVID-19 lenyuke phantse ngama-50% kwangela xesha linye ukusuka kubantu abangaphezu kwe-100 ngosuku abathe basweleka ukuya kuthi ga kuma-150 labantu abaswelekileyo.
 

Amaphondo amane akhokelayo kuqhambuko lwesibini yiMpuma Koloni, iNtshona Koloni, iKwazulu Natali kunye neGauteng.
 

Okokuqala kulo bhubhane, uninzi lolosulelo luphakathi kolutsha, ingakumbi olo lunobudala obuphakathi kweminyaka eli-15 ukuya kweli-19.
 

Mhlawumbi kukho izizathu ezininzi zokunyuka kakhulu kosulelo, kodwa iimbangela eziphambili ngoku zicaca gca.
 

Iindibano – ingakumbi iindibano zoluntu kunye namatheko – zezona mbangela zinkulu zokuqhambuka kwezifo.
 

Kuninzi lwezi ndibano, ukungasondelelani koluntu akuqatshelwa, iindawo ziyagcwala futhi azingeni moya ngokwaneleyo, izibulala-ntsholongwane zesandla azikho, futhi abantu abazinxibi izigqubutheli-buso.
 

Abantu abaninzi basela iziselo ezinxilisayo kula matheko ‘asasaza intsholongwane ngokumangalisayo’, anesiphumo sokuba abantu bangakhathali malunga nokuthatha amanyathelo okuzikhusela futhi bathintele usulelo.
 

Umsitho owaziwa ngokuba yi-Festival Rage wokubhiyozela ukuqgiba umatriki wakutsha nje obuseBallito sisikhumbuzo esirhabaxa sendlela ezinokuba yingozi ngayo iindibano ezinkulu.
 

Ngoku siyayazi ukuba phantse ibe lulutsha oluli-1 000 olusuka eGauteng ebelizimase lo msitho oluthe lwafunyaniswa ukuba lunale ntsholongwane i-corona. Eyona nto singayaziyo okwangoku kukuba bangaphi abanye abantu abosulelekileyo.
 

Kuthiwa malunga neentsapho ezingama-300 ezinokuba zosulelwe sesi sifo.
 

Inyani elusizi malunga nalo bhubhane kukuba iminyhadala, iikonsathi kunye namatheko – ekufuneka ibe ziindibano zolonwabo kunye novuyo – ingqina ukuba zingunobangela wosulelo kunye nokugula, futhi zinokukhokelela nasekufeni.
 

Enye into engunobangela wokunyuka kosulelo kukwanda kokuhamba. 
 

Abantu abaninzi abawaqwalaseli amanyathelo othintelo njengoko besiya ezixekweni, ezidolophini nasezilalini, naphakathi kwemimandla eyahlukeneyo.

 

Kufuneka siyiqonde into yokuba okukhona sihamba, kokukhona kuya kusanda ukusasazeka kwale ntsholongwane.
 

Oku kuthetha ukuba masinxibe isigqubutheli-buso xa sikwisithuthi sikawonke-wonke kunye nokuqinisekisa ukuba iifestile zivuliwe ngawo onke amaxesha.
 

Kwakhona oku kuthetha ukunciphisa inani labantu ochitha nabo ixesha ukuba uya kutyelela usapho nabahlobo kwezinye iindawo zelizwe.
 

Kukhuselekile ukuchitha ixesha nosapho lwakho olusondeleyo kunokuya kwiindibano ezinkulu ezibangela ukusasazeka kwentsholongwane.
 

Ngokubanzi, ukunyuka okukhulu kosulelo sisiphumo sabantu abangazilandeliyo izinto ezisisiseko – futhi ekulula ukuzilandela.
 

La manyathelo abaluleke ngakumbi njengoko usasazeko lusoloko lubangelwa ngabantu abosulelekileyo kodwa abangabonisi zimpawu, ukuba babanaza kwa iimpawu, futhi basenokungayazi nokuba banayo le ntsholongwane.
 

Amazinga aphantsi osulelo kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo asenze asazinxiba ngakumbi izigqubutheli-buso ezigquma impumlo nomlomo ngalo lonke ixesha sisiya esidlangalaleni.

Asisasiboni isizathu sokuziphepha iindawo ezixineneyo, okanye ukuma ngaphezulu kwe-1.5 yeemitha phakathi komnye nomnye, okanye ukugcina iifestile zivuliwe xa sihamba ngesithuthi sikawonke-wonke okanye sicoce ngesibulala-ntsholongwane iindawo ezisetyenziswa rhoqo.
 

Singene kumoya weKrisimesi kwangethuba futhi simemela abahlobo neentsapho zethu kwiindibano zethu.
 

Ukanti, kukusilela kwethu ekulandeleni zonke ezi zilumkiso zisisiseko ngawo onke amaxesha ezithe zasizisa kolu qhambuko lwesibini.
 

Ezi zilumkiso zokhuseleko zingangajongeki njengezibalulekileyo kude omnye umntu esimthandayo osulelwe yile ntsholongwane ngenxa yokungakhathali kwethu.
 

Ixesha leziyunguma ngoku lingoyena mngcipheko mkhulu kwimpilo kunye nakwintlalo-ntle yesizwe sethu.
 

Likwangosesona sisongelo sikhulu kwakhona ekubuyiseni uqoqosho lwelizwe lethu.
 

Oku kungokuba ixesha leziyunguma lisoloko ngokwesiko ilixesha leendibano, lokuhamba, lokudibana nezihlobo nosapho, kunye nelokuphumla emva konyaka obunzima nobunoxinzelelo.
 

Kule miba, ixesha leziyunguma lifana kakhulu nexesha lePasika.
 

Kubalulekile ukukhumbula ukuba ngexesha lePasika kulo nyaka, sikwazile ukunciphisa inani losulelo ngenxa yokuba sonke sasiziphethe kakuhle, sonke sayiqaphela imigaqo yezithintelo futhi sonke sawalandela amanyathelo ezempilo asisiseko.

Ngokuphathelene noku, siliqaphela idini elenziwa ziinkonzo ngokumisa iinkonzo zePasika, kwaye ngokwenene igalelo elenziwa zizo zonke iinkolo kunyaka wonke likhokelele ekulondolozeni ubomi.


Njengoko senzayo ngexesha lePasika, sidinga kwakhona ukulandela imigaqo-nkqubo yempilo esisiseko.
 

Ukuba asizenzi ngokwahlukileyo izinto kweli xesha leziyunguma, asisoze singene kunyaka omtsha sinovuyo, kodwa sakungena sinosizi.
 

Uninzi lwezihlobo zethu, izalamane kunye nabantu esisebenza nabo baza kosuleleka, abanye baza kugula kakhulu futhi abanye, ngelishwa, baza kusweleka.
 

Ngaphandle kokuba senza izinto ngokwahlukileyo, le iza kuba yiKrisimesi yokugqibela kuninzi lwabemi boMzantsi Afrika.
 

Ngokuqinisekileyo le yinto esingayifuniyo. Sonke sifuna ukuphila futhi sivumele abo sibathandayo ukuba baphile.
 

Kubalulekile ke ngoko ukuba sithathe amanyathelo angaqhelekanga okuba sinqande uqhambuko lwesibini futhi sisindise iimpilo zabantu, ngelixa sisebenzela ukukhusela intlalo-ntle yoluntu.

Bemi boMzantsi Afrika,

Kwiintsuku ezilishumi elinanye ezidlulileyo, sibhengeze iNelson Mandela Bay njengendawo enabantu abaninzi abosulelwe sesi sifo (ii-hotspot), ngokuhambelana nendlela yethu eyahlukileyo yokulawula lo bhubhane.

Kukho abanye oomasipala abathe nabo babonisa ukunyuka okubukhali kosulelo.
 

UMphathiswa wezeMpilo uGq Zwelini Mkhize utyelele le mimandla futhi emva kothetha-thethwano namahlakani ahlukeneyo, iKhabhinethi igqibe ekubeni kwakhona ibhengeze ezi zithili zibini zilandelayo njengeendawo ezinabantu abaninzi abosulelwe sesi sifo sentsholongwane i-corona.
 

Ezi zezi:

- iSithili iSarah Baartman

- iSithili iGarden Route

Oku kuthetha ukuba imigaqo yezithintelo eyongeziweyo efana nesayisebenzisa eNelson Mandela Bay iza kusebenza kwezi zithili ukususela ezinzulwimi zobusuku namhlanje futhi ziza kuqhuba de sibone ukuhla okucacileyo nokuzinzileyo kosulelo.
 

Nangona ezindawo zinabantu abaninzi abosulelwe sesi sifo zifuna ingqalelo ethile nje, ixesha leziyunguma libeka emngciphekweni omkhulu isizwe sonke
 

Kungoko ke besisenza uthetha-thethwano kumaphondo, kuquka nakwinqanaba loomasipala, malunga namanyathelo ekufuneka ethathiwe ukunqanda olu qhambuko lwesibini.
 

Kubekho iingxoxo eziphangaleleyo zeBhunga leSizwe loLawulo lweNtsholongwane i-Corona kunye neBhunga likaMongameli lokuLungelelanisa, elidibanisa kunye abameli bakarhulumente, bamaphondo nawengingqi.

Ngokuxhomekeke kwizindululo ezivela kwezi ntlanganiso, iKhabhinethi igqibe ekubeni eminye imigaqo yezithintelo kufuneka zinyanzeliswe kwizwelonke ukususela ezinzulwini zobusuku ngokuhlwanje.
 

Okokuqala, siza kuqinisekisa ukuba kukho unyanzeliso olungqongqo lwemigaqo yezithintelo lwenqanaba loku-1 lolumkiso kwilizwe liphela ngexesha leziyunguma nangaphaya.
 

Oku kuquka imfuneko yokuba abaqhubi kunye naba baqhuba naluphi na uhlobo lwezithuthi zikawonke-wonke kufuneka baqinisekise ukuba bonke abakhweli banxiba izigqubutheli-buso.
 

Abaphathi okanye abanini bezakhiwo, iindawo okanye izakhiwo – kuquka iivenkile zentengiso, iindawo ezineevenkile ezininzi kunye nezakhiwo zikarhulumente – banyanzelwa ngumthetho ukuba baqinisekise ukuba abathengi abangena kumaziko okanye kwizakhiwo zabo banxibe izigqubutheli-buso.
 

Umqeshi kufuneka aqinisekise ukuba bonke abasebenzi banxiba izigqubutheli-buso ngelixa besenza imisebenzi yabo.
 

Oku kubeka uxanduva kubanini beendawo, kubaphathi nakubaqeshi – nakuthi sonke – ukuqinisekisa ukuba abemi boMzantsi Afrika bakhuselekile nanini na bekwezi ndawo.
 

Abantu abanoxanduva abangaqinisekisiyo ukuba imigaqo iyathotyelwa ngabakhweli, abathengi okanye abasebenzi babo baza kuhlawuliswa okanye bavalelwe entolongweni ukuya kwinyanga ezintandathu.

Okwesibini, sithatha amanyathelo ukuhlisa umngcipheko wemisitho esasaza kakhulu intsholongwane.

Imigaqo yezithintelo yangoku emalunga nobukhulu beendibano ayenzi ngokwaneleyo ukunqanda ukuxinana kwimeko yangoku apho inani elitsha labantu abosulelekileyo linyuka ngokukhawuleza.
 

Ngoko ke, iindibano – kuquka iindibano zenkolo – azinakuhanjwa ngabantu abangaphezulu kwe-100 kwimisitho yangaphakathi kunye nabantu abangama-250 kwimisitho yangaphandle.
 

Ngalo lonke ixesha, ingakumbi kwiindawo ezincinci, inani labantu kwindawo malingadluli kuma-50% kumthamo wendawo leyo.
 

Zonke iindibano kufuneka ziquke ukungena komoya ngokwaneleyo, ukungasondelelani kwabantu, ukunxiba izigqubutheli-buso  kunye nokubonelela ngesibulala-ntsholongwane sesandla.
 

Ngenxa yesakhono sokusasaza, zonke iindibano zasemva komngcwabo, kuquka amatheko abizwa ngokuba zii-‘after-tears’, awavumelekanga.
 

Omnye wemiceli-mingeni emininzi ekufuneka sijongane nawo zizihlwele ezikhulu ezigxalathelana ukuya elwandle nakwiipaki zolonwabo ngeexesha leeholide zikawonke-wonke ngeli xesha leziyunguma.
 

Senze uthetha-thethwano olubanzi ngalo mba ukuze sikwazi ukufumana indlela yokunciphisa umngcipheko wosasazeko olukhulu ngelixa sinciphisa ifuthe elibi kumashishini kwimimandla eselunxwemeni.
 

Ngoko ke sivumelene ukuba sisebenzise indlela eyahlukileyo, ethathela ingqalelo iimeko ezahlukeneyo kwiindawo zelizwe.
 

Kwiindawo ezinezinga eliphezulu lenani labantu abosulelekileyo, iilwandle kunye neepaki zikawonke-wonke ziza kuvalwa ngexesha leeholide ukusuka ngomhla we-16 kweyoMnga ukuya ngomhla wesi-3 kweyoMqungu.
 

Oku kubhekisa kwiMpuma Koloni, kunye nesithili iGarden Route eNtshona Koloni.
 

EKwazulu-Natala, iilwandle kunye neepaki zikawonke-wonke ziza kuvalwa ngezona ntsuku zesiqhelo zixakekileyo kweli xesha lonyaka.
 

Ezi ntsuku zezi: umhla we-16, wama-25, wama-26 kunye nowama-31 kweyoMnga 2020 kunye nomhla woku-1, wesi-2 nowesi-3 kweyoMqungu 2021.
 

Iilwandle kunye neepaki zikawonke-wonke eMntla Koloni naseNtshona Koloni – ngaphandle kweGarden Route – ziza kuhlala zivulelekile eluntwini ngeli xesha leeholide.
 

Iminyhadala, eyemiculo, kunye neminye yolonwabo kwiilwandle ayivumelekanga.
 

Iilwande kunye neepaki ezivulelwe uluntu ziza kuvulwa phakathi kwentsimbi ye-9 kusasa ukuya kweyesi-6 malanga.
 

Le meko iza kubekwa esweni mihla le ngabaphathi bengingqi ukuqinisekisa ukuba imigaqo yeendibano iyathotyelwa kunye nokuthintelwa kotywala.
 

Kwimeko, apho kukho izihlwele ezinkulu okanye ukungathotyelwa kakuhle kwamanyathelo okhuseleko, iilwandle ezithile kunye neepaki zolonwabo ziza kuvalwa.
 

Iipaki zesizwe nezephondo kunye nezinye iipaki apho amanyathelo okulawula ufikelelo kunye nemida yokungena esele ikhona inokuhlala ivulelekile eluntwini.
 

Le yeyona meko inzima, efuna ukuthathelwa ingqalelo rhoqo.
 

Ndiyalele ukuba onke amalungu eBhunga leSizwe loLawulo lweNtsholongwane i-Corona kunye nabasebenzi abaphambili ukuba basoloko bekhona ukuqinisekisa ukubekwa kweliso rhoqo kunye nokuhlolwa kwemeko yelizwe liphela.

Ukuba imeko iya isiba mandundu, kuya kuthathwa amanye amanyathelo ukukhusela abantu bethu.

Indawo yesithathu ekugxilwe kuyo ngeli xesha kukuthintela imisitho esasaza intsholongwane kakhulu kunye nokunciphisa umthwalo kwiinkonzo zokhathalelo lwempilo ngenxa yokusela utywala ngokungakhathali.
 

Ngoko ke, kuthathwa la manyathelo alandelayo:
 

Iiyure zokufika ekhaya ziza kuba nde, ukuqala ngentsimbi ye-11 ebusuku kude kube yintsimbi yesi-4 kusasa.
 

Iindawo ezingesosiseko esingundoqo, kuquka iirestyu kunye nendawo zokuthengisa iitywala, kuza kufuneka zivale ngentsimbi ye-10 ebusuku ukuze abasebenzi kunye nabaxhasi babe nokufika emakhaya ngaphambi kokunyanzeliswa kwexesha lokubuyela ekhaya.
 

Ixesha lokubuyela ekhaya lenzelwe ukuthintela iindibano eziqhubeka kude kube sezinzulwini zobusuku, ngelixa iirestyu, iindawo ezithengisa utywala zifunyelwa ukuba ziqhubeke ukusebenza nokwenza ingeniso.
 

Kufuneka sikhumbule ukuba iiyure zokubuyela ekhaya kwakho ziyasebenza ngoSuku oluphambi kweKrisimesi kunye noluphambi koNyaka oMtsha. Oku kuthetha ukuba sonke kufuneka senze utshintsho kwindlela esibhiyozela ngayo ezi mini.

Ukuthengiswa kotywala ziindawo ezithengisayo ziza kuvunyelwa ukuba zithengise kuphela phakathi kwentsimbi ye-10 kusasa nangentsimbi yesi-6 malanga ukusuka ngoMvulo ukuya ngoLwesine.

Iindawo ezibhalisiweyo ezivelisa iwayini kunye neefama zewayini zinokuqhubeka nokungcamlisa kunye nokuthengisela uluntu iwayini oluza kuhamba nayo ngeempela-veki, le mvume yenziwa ngenxa yegalelo elibalulekileyo lokumiselwa kwecandelo lezokhenketho kwiindawo ezininzi zelizwe.
 

Ukuselwa kotywala kwiindawo zikawonke-wonke, ezifana neelwandle kunye neepaki, akuvumelekanga ngokungqongqo.
 

Asiyi kuwavumela amanani aphezulu abantu abadibana nakweyiphi na indawo ngaphandle kolawulo olufanelekileyo okanye imigaqo-nkqubo ebekiweyo.
 

Le migaqo yezithintelo yexesha leziyunguma iza kuphononongwa ekuqaleni kweyoMqungu ngokubhekiselele kwimeko yobhubhane kwizwelonke.

Bemi boMzantsi Afrika,
 

Ekumiseleni ukusabela kwethu kuqhambuko lwesibini losulelo, siye safuna ukulungelelanisa ngononophelo imfuneko yokusindisa ubomi kunye nokukhusela intlalakahle yoluntu.
 

Ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwizwelonke okwabekwa ekuqaleni kwalo bhubhane kwakuyilelwe ukulibazisa ukusasazeka kwale ntsholongwane ukwenzela ukuba sikwazi ukulungiselela kakuhle inkqubo yethu yezempilo ukusabela kunyuko losulelo.
 

Ngela xesha, sasingakulungelanga ukumelana nokunyuka ngesiquphe kwabantu abanentsholongwane kunye nokwamkelwa esibhedlele.
 

Bekudingeka ukuba sifumane izixhobo ezaneleyo, ukwenza iindawo ezongezelelweyo kumaziko ethu ezempilo, ukuqeqesha oonompilo bethu kunye nokubeka iinkqubo zokubeka iliso kunye nokusabela kwimikhwa kulo bhubhane.
 

Ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile okupheleleyo bekuyimfuneko efanelekileyo ukulibazisa ubhubhane kodwa akusoze kusebenzele injongo efanayo ngoku.
 

Kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo, sibeke uluhlu lwamanyathelo ngeendlela zokuphucula amandla ethu okusabela kulo bhubhane.
 

Ngenxa yokusebenza nzima koonompilo bethu, abasebenzi bakarhulumente, iingcali kwezonyango kunye nabacebisi bezenzululwazi, simise zonke izixhobo zethu ukukhusela abantu baseMzantsi Afrika nokubonelela ngenkathalo kwabo bayidingayo.
 

Amanyathelo esiwathathileyo ekuqaleni kwalo bhubhane, kunye nentshukumo zomnye nomnye ummi woMzantsi Afrika, kusivumele ukuba sisindise ubomi babaninzi.
 

Ngoku, kufuneka sikhusele ingeniso esiyenzileyo futhi sisebenze kunye ukunqanda oku kuqhambuka kwesibini.
 

Njengoko sasenzile kwasekuqaleni, kufuneka senze njalo ngokubhekiselela kubungqina benzululwazi esibufumanayo.
 

Njengoko oogqirha bethu, abongikazi kunye nabasebenzi abaphambili besebenza ngokuzinikela ukusikhusela, kufuneka nathi ke sisebenze ngokuzinikela ukubakhusela nabo.
 

Ukuza kuthi ga ngoku, bangaphezulu kwama-38 000 oonompilo kwicandelo likarhulumente abafumaniseka ukuba banentsholongwane i-corona. Kula manani, malunga nama-5 000 balaliswa ezibhedlele.
 

Ngelishwa, oonompilo abangama-391 kwicandelo likarhulumente baswelekile.
 

Njengesizwe, sinetyala elikhulu kwaba bantu banesibindi nabazinikeleyo nakwiintsapho zabo, kuba ngaphandle kwabo, ngesingekho apha.
 

Njengoko sijongene noqhambuko lwesibini losulelo, kufuneka senze konke esinako ukuxhasa nokukhusela oonompilo bethu.
 

Ngaphandle kokuba sinokuziphatha kakuhle ngoku, ngaphandle kokuba ngawo onke amaxesha siwathobela sonke amanyathelo asisiseko esiwaziyo, siza kujongana nonyaka omtsha odangeleyo.
 

Ngaphandle kwemigaqo yezithintelo kuninzi lwentshukumo zethu zesiqhelo, eli xesha lonyaka lisenokuba leleziyunguma kwaye likhuseleke.
 

Kweli xesha leziyunguma, ndiyanicela ukuba nigcine imibhiyozo yenu imincinci futhi nikuphephe ukuba phakathi kwezihlwele.
 

Ukuba nichitha ixesha nabanye abantu, ndiyanicela ukuba nikwenze oku ngaphandle, nonwabele imozulu yehlobo ebalaseleyo yoMzantsi Afrika, okanye ubuncinci qinisekisani ukuba indawo enikuyo ingena umoya owaneleyo.
 

Ndiyanicela ukuba unxibe isigqubutheli-buso esigquma impumlo nomlomo wakho xa usesidlangalaleni, okanye uphakathi kwabantu ongahlali nabo.
 

Asikho sizathu sokuba isigqubutheli-buso usibeke esilevini sakho, usifake epokothweni okanye usehlise xa uthetha nomntu.
 

Khumbula ukuhlamba izandla zakho rhoqo ngamanzi anesepha ubuncikane imizuzwana engama-20 okanye ngesibulala-ntsholongwane.
 

Nciphisa uhambo lwakho kangangoko. Ukuba uyahamba, qinisekisa ukuba uhamba ngokukhuselekileyo.
 

Ukuba uza kutyelela izihlobo nosapho, nciphisa inani labantu odibana nabo ubuncikane iveki enye ngaphambi kokuba uhambe futhi uzame ukuchitha ixesha nosapho lwakho olusondeleyo kuphela okanye iqela elincinci labantu kangangoko.
 

Siyayazi ukuba i-COVID-19 ichaphazela abantu ngokwahlukileyo.

NgokoMbutho wezeMpilo weHlabathi, uninzi lwabantu kusenokwenzeka ukuba lugule kancinci okanye ngokungagqithisanga futhi luya kuchacha ngaphandle kokuba luthunyelwe esibhedlele.

Ezona mpawu zixhaphakileyo ngumkhuhlane, lukhohlokhohlo olomileyo, kunye nokudinwa. Impawu ezingaxhaphakanga, kodwa ezingagqithisanga, ziimpawu zokuqaqanjelwa neentlungu, umqala obuhlungu, kunye nokulahlekelwa liqondo lokungcamla okanye levumba.
 

Ukuba unezi mpawu, kufuneka uzibeke bucala kwabanye abantu.
 

Ukuba uneempawu ezimandla, ezifana nokuphefumla nzima okanye unombefu, iintlungu zesifuba, ukulahlekelwe kukuthetha okanye yintshukumo, kufuneka ufune uncedo lonyango ngokukhawuleza.
 

Nceda ukhumbule ukuba kufunyaniswe ukuba unentsholongwane i-corona okanye ubudibene nomntu onentsholongwane, kufuneka uhlale bucala kwabanye abantu ngokukhawuleza.
 

Njengoko sasitshilo kwixa elidlulileyo eyona ndlela isebenzayo esinokuyilwa ngayo i-COVID-19 iya kuba lichiza.
 

UMzantsi Afrika uzigqibile zonke iinkqubo eziyimfuneko zokuqiniseka ukuba uthatha inxaxheba kuMbutho wezeMpilo weHlabathi we-Global Vaccine Access Facility.
 

Eli ziko – elaziwa ngokuba yi-COVAX – lidibanisa izixhobo futhi labelane ngomngcipheko wophuhliso lwechiza ukuqinisekisa ukufikeleleka ngokulinganayo xa amachiza efumaneka.
 

Njengenxalenye yeli ziko, kulindeleke ukuba uMzantsi Afrika ufumane amachiza okuqala ukugubungela i-10% yabemi bethu ekuqaleni konyaka ozayo.
 

Sikwayinxalenye yeQela eliSebenzela ukuFumana iChiza e-Afrika (i-African Vaccine Acquisition Task Team) elijonge ezinye iindlela zokuxhasa ngemali ukufumanela amazwe ase-Afrika amanye amachiza ngaphandle kwawe-COVAX.
 

UMphathiswa wezeMpilo uyinxalenye yeQela eliSebenzayo futhi ukwajonga ubuhlakani obutsha namacandelo abucala ukuqinisekisa ukuba abemi boMzantsi Afrika bayafikeleleka kwichiza elisebenzayo elifanele iimeko zethu.
 

Ezi veki zimbalwa zizayo ziza kuba luvavanyo olukhulu lokuzimisela kwethu kunye nokuzinqanda.

Eli xesha liza kufuna omnye nomnye wethu ukuba enze izinto ngokwahlukileyo kwiminyaka edlulileyo kuba lo nyaka awufani neminye ebesiphila phantsi kwayo ngaphambili.
 

Liza kufuna ukuba sishiye iziyolo zexeshana ukuzikhusela thina kunye nabanye, kunye nokuqinisekisa ukuba singawonwabela la maxesha kunye kwiminyaka ezayo.
 

Ndiqinisekile ukuba sonke sidlala eyethu indima, ukuba ngamnye kuthi ulandela amanyathelo ambalwa okhuseleko, sonke singanexesha leziyunguma elinovuyo – futhi, okona kubalulekile kakhulu, sonke singaba nonyaka omtsha owonwabileyo, osempilweni nonempumelelo.
 

Nonke ndininqwenelela ixesha leziyunguma elisikelelekileyo, ukuba nihlale nikhuselekile kwaye nisempilweni entle, futhi samkele unyaka omtsha njengesizwe esinye esimanyeneyo nesizimeleyo.

Wanga uThixo angasikelela uMzantsi Afrika akhusele abantu bawo.

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore