UMongameli Cyril Ramaphosa: Ukwandiswa kweentsuku zokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kude kube sekupheleni kukaTshazimpuzi

Bemi boMzantsi Afrika,

Ezinzulwini zobusuku namhlanje iza kube iziveki ezimbini kanye izwe lakuthi likwixesha apho kuvalelekwe phantsi kwemiqathango ethile kwelizwe lonke okokuqala ezimbalini ngelinge lokuzama ukulwa ukunwenwa kwentsholongwane i-corona.

Kwezi veki zimbini zidlulileyo, ubomi benu buphazamiseke kakhulu, nidibene nentsokolo emandla futhi ningazi nokuba le meko iza kuphelela phi na.

Siyivalile imida yeli lizwe kumazwe ehlabathi, abantwana bethu abayi esikolweni, amashishini avalile, abaninzi balahlekelwe yingeniso, uqoqosho lwelizwe lakuthi lumi ngxi.

Kodwa noko nijamelene nemingeni engaka, nina bantu boMzantsi Afrika nibambisene nathi ngendlela ebonisa umonde nokuzimisela okukhulu.

Niyihloniphile imiqathanga elawula ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile futhi uninzi lwenu nayithobela le mithetho.

Niyamkele imiqathango engqingqwa enibekelwe yona ethintela ukuba ningahamba-hambi kunye namanye amalungelo esiqhelo esihlala sonke singawathatheli ingqalelo.

Nikwenze oku kuba niwazi umonakalo ombi esi sifo esinokuwenza kwimpilo nakubomi bomntu wonke eMzantsi Afrika ukuba asiwathathi la manyathelo angqingqwa.

Niyakuqonda futhi nokuba kufuneka senze konke okusemandleni ethu ukuthintela ukuba kungabhubhi abantu abaninzi abanokuthi babhubhe xa singenakuthatha manyathelo.

Ndinibulela ngokungazenzisiyo mna buqu ngentsebenziswana yenu, ukuzinikela kwenu kweli dabi, kodwa kuzo zonke, umonde wenu.

Ndifuna ukunibulela ngokukhumbuzana nangokukhumbuza ihlabathi ukuba thina bantu boMzantsi Afrika singabantu abakwaziyo ukuphathisana nokumanyana ngamaxesha anzima.

Ngaphambili namhlanje bendibambe intlanganiso ibishushu kakhulu neeNkulumbuso malunga nomsebenzi eziwenzayo kumaphondo nezithili zazo ukulwa ukunwenwa kwale ntsholongwane.

Kwakhona bendibambe indibano kwakunye neenkokheli zamaqela ezopolitiko ezimelwe ePalamente, ezithe zonke zathembisa ukuwaxhasa amalinge enziwayo okulwa lo mbulala-zwe.

Ngamalinge afana nala sibonisa ukuba siyakwazi ukusebenzisana singamaqela ezopolitiko awahlukeneyo ukuze silwe utshaba oluyingozi kuthi sonke.

Oko ndathi ndabhengeza kwisithuba esingaphezulwana nje kweeveki ezimbini ukuba kuza kuvalelekwa phantsi kwemiqathango ethile, umonakalo owenziwe ngulo bhubhane ugqugqisa ihlabathi mbi kakhulu.

Kwezi veki zimbini zidlulileyo, abantu abaqinisekisiweyo ukuba banentsholongwane i-corona bebengama-340,000 kwihlabathi jikelele.

Ngoku abantu abaqinisekisiweyo ukuba banale ntsholongwane ehlabathini jikelele bangaphezulu kwesigidi esinesiqingatha (1.5m).

Abantu abangaphezulu kwama-90,000 sele bebulewe sesi sifo kwihlabathi liphela.

Amaziko ezempilo kumazwe amaninzi onganyelwe ngumthamo wabantu abafunyenwe sesi sifo.

Namazwe atyebileyo ehlabathi awanazo iindlela zokunyanga amawaka amaninzi abantu abaguliswa yile ntsholongwane.

Ayasokola ukufumana izixhobo zonyango kunye nabasebenzi abafunekayo ukuze kuliwe lo bhubhane.

Iziphumo ezibuhlungu zoku kukuba abantu abaninzi babhubhile.

Ubungqina boku kwihlabathi bubonwa nanguthathatha.

Bungqina ukuba sihlabe sikhangele ngesigqibo sethu sokubhengeza imo yentlekele kwilizwe lonke nokumisela ukuba kuvalelekwe phantsi kwemiqathango ethile kwilizwe lonke.

 

Nangona kusekutsha kakhulu ukuba singatsho ngokupheleleyo ukuba esi sifo siyalawuleka eMzantsi Afrika, bukhona ubungqina obubonisa ukuba inyathelo lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile liyasebenza.

Ukususela oko kwathi kwaqaliswa ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile, isantya abantu abosuleleka ngaso ababoniweyo eMzantsi Afrika sehle kakhulu.

Inani labantu abaqinisekisiweyo ukuba banesi sifo babeli-1,170 ngomhla wama-27 kweyoKwindla, ngoku eli nani limi kwi-1,934.

Kwiiveki ezimbini ezingaphambi komhla wokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile, umyinge wabantu abosulelwa sesi sifo ngosuku bumalunga nama-42%.

Ukususela oko kwaqalisa ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile, umyinge wabantu abosulelwa sesi sifo ngosuku umalunga ne-4%.

Nangona sikuqonda ukuba kufuneka landisiwe inani labantu abahlolwayo ukuze sazi kakuhle isantya esinwenwa ngaso esi sifo, kodwa nala manani akhoyo angumsebenzi oncomeka kakhulu.

Amanyathelo esiwathathileyo - afana nokuvala imida yeli lizwe nokuvala iindibano ezinkulu - kunye nezinto esizitshintshileyo nathi ngokwethu kwizinto esizenzayo, nazo zibe negalelo elimandla ekuthobeni isantya enwenwa ngaso le ntsholongwane.

Kodwa kusekude ngaphambili kwidabi lokulwa intsholongwane i-corona.

Sisesekuqaleni kweli dabi linzima kangaka eliza kufuna ukuba sizijule ijacu senze konke okusemandleni.

Asikwazi ukuyekelela. Asikwazi ukuyekelela umxakatho.

Kwezi veki nezi nyanga zimbalwa zizayo, kufuneka sibhinqe omfutshane sinyuse iikawusi sibe ngathi siyawaphucula amanyathelo okungenelela.

Sifunda kwizinto esizibona kwamanye amazwe kunye nakubungqina esinabo ngoku nendlela lo bhubhane aqhuba ngayo eMzantsi Afrika.

Zonke ezi zinto zikucacisa gca ukuba kufuneka sichule ukunyathela kwaye sihlakaniphe.

Xa ndiyibeka ngokulula, ukuba singakuphelisa ngesiquphe okanye phambi kwexesha ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile, siya kuba sizibeka emngciphekweni wokuba esi sifo sivumbuluke futhi sivele sele singalawuleki kakhulu.

Siyakuba sizibeka emngciphekweni wokuba sibuyele emva kulo msebenzi sele siwenzile kwezi veki zimbalwa zidlulileyo, ibe ngolo hlobo ihambe namanzi le misebenzi mikhulu sele siyenzile.

Bemi boMzantsi Afrika

Ngolu rhatya, ndimi phambi kwenu ndize kunicela ukuba nikhe niphinde ninyamezele.

Ndiyanicela ukuba nivelane nathi ngamandla ukuze eli lizwe likwazi ukuyilwa le ngxaki lijamelene nayo ukuze kusinde amashumi amawaka abantu.

Emva kokuba buqwalaselwe ngeliso lokhozi obu bungqina bukhoyo, i-National Coronavirus Command Council igqibe kwelokuba ikwandise ngezinye iiveki ezimbini ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile ngaphaya kweentsuku ezingama-21 ebezimiselwe kuqala.

Oku kuthetha ukuba, liza kuqhuba uninzi lwemithetho elawula eli xesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kude kuphele uTshazimpuzi.

Siza kusebenzisa ezi ntsuku zizayo siqwalasela indlela esiza kuqalisa ngayo ngamanyathelo alungiselelwe kanye le meko imaxongo siphantsi kwayo aza kunceda ukuba uqoqosho luhlume ngezigaba, anike nethuba lokuba amanye amacandelo avule kodwa phantsi kwemiqathango engqingqwa.

Kwakhona siza kusebenzisa eli thuba siphucule amanyathelo esiwathathileyo ukunceda amaziko ezempilo karhulumente.

Asisithathanga lula esi sigqibo sokwandisa ixesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile.

NjengoMongameli wenu, ndiyabazi ubunzima balo mthwalo ndiwubeka emagxeni enu.

Ndiwazi kakuhle umonakalo oza kwenziwa koku kuqoqosho lweli lizwe.

Kodwa ndiyazi, njengoko nani nisazi, ukuba ngaphandle kokuthatha la manyathelo anzima ngoku, ngaphandle ngokuba sithi ngcembe kule ndlela siyihambayo omnye nje umganyana, lo bhubhane wentsholongwane i-corona uza kusigubungela, uze ekugqibeleni utshabalalise ilizwe lakuthi.

Sonke sifuna uqoqosho lweli lizwe ukuba luvuke ekufeni, sifuna ukuba abantu babuyele emisebenzini, sifuna ukuba abantwana bethu babuyele esikolweni, kwaye sifuna ukukhululeka sikwazi ukuhamba-hamba ngokukhululekileyo.

Kodwa eyona ingxamisekileyo kuthi ngoku ekufuneka siyenzile kufuneka sigxininise ekuthobeni isantya enwenwa ngaso le ntsholongwane nokuthintela ukuba abantu bangagqitywa yile ntsholongwane.

Kufuneka sikwenze oku sibe sithintela ukufadalala koqoqosho nokusindisa abantu bakuthi endlaleni.

Sizimisele ukuhamba ngale ndlela iza kusindisa abantu bakuthi ikhusele nobomi babo.

Isicwangciso sethu sahluke kathathu:

  • Okokuqala, amaphulo angqingqwa ecandelo lezempilo likarhulumente ukuze kuthotywe isantya nenani labantu abosulelwa sesi sifo.
  • Okwesibini, isicwangciso sezimali esibanzi sokuxhasa uqoqosho ukuze sincede amashishini nabantu abachatshazelwe ngulo bhubhane.
  • Okwesithathu, inkqubo yezibonelelo zikarhulumente ukuze kuncedwe amakhaya asweleyo nangathathi ntweni.

Njengorhulumente, kunye namahlakani ethu amaninzi, sisebenzisa eli thuba lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile ukuze sibangule iziphene size siphucule iinkqubo zikarhulumente ukuze sikwazi ukulwa nentsholongwane i-corona.

Indlela esiza kuyisebenzisa kukuvavanya sijonge iqondo lobushushu bomzimba kwiindawo ezihlala abantu bakuthi size siyokubaxilonga ezibhedlele, kwiiklinikhi nakwiiklinikhi ezongoomahamba-nandlwana, sibabeke bodwa abantu abanale ntsholongwane, size sinakekele abo bakumaziko ethu ezempilo.

Oku kufuneka sikwenze ngamandla nangobuchule.

Sisebenzise le veki iphelileyo ukuqulunqa indlela esiza kuvavanya sixilonge ngayo kwiindawo ezahlukeneyo zeli.

Kwezi veki zimbini zizayo, siza kuqalisa ngenkqubo yokuvavanya nokuxilonga abantu bakuthi kuwo onke amaphondo, sigxininisa kakhulu kwiindawo ezihlala abantu abangathathi ntweni.

Abo bafunyaniswe benale ntsholongwane baze bangabi nazo iindawo abanokuzivalela kuzo bodwa emakhaya baza kuthunyelwa kumaziko akhethekileyo abekelwe bucala ekungoku ke esele enezixhobo zokusebenza.

Kufuneka siwahloniphe amalungelo oluntu ngamaxesha onke.

Masingababeki amabala abantu abanale ntsholongwane.

Ukuze siqinisekise ukuba ezi zicwangciso zethu zisebenza kakuhle futhi siqinisekise ukuba zisekelwe kulwazi olutsha nolukhawulezileyo, siye savula iZiko lemiBuzo le-COVID-19 e-Council for Scientific and Industrial Research.

Eli ziko likumgangatho wehlabathi liza kunika iinkcukacha ngenkqubo yokuvavanya, ukuxilonga, ukuzivalela wedwa nezabo bathe balaliswa esibhedlele kulo lonke eli lizwe.

Sele lizibonile iindawo ezinabantu abaninzi abanesi sifo.

Libeke esweni indlela esinwenwa ngayo kunye nobungozi baso esi sifo, into esincedayo ukuba sikwazi ukugxininisa size sithumele nezinto eziluncedo kwindawo ezifuneka kuyo kakhulu.

Sisebenzisana neenkampani zeselula kunye namanye amaziko ukuze sikhangele abantu abanale ntsholongwane kunye nabantu abebedibene nabo.

Njengenxalenye yesicwangciso sethu sesibini, siqalise ngamanyathelo amaninzi ukuze sixhase amashishini asezingxakini, abasebenzi abangazi kuyifumana imivuzo yabo, ukuya kutsho kubantu abazisebenzelayo kunye namashishini angabhaliswanga ngokusesikweni.

Uninzi lwala mathuba athathwa ngamashishini amakhulu namashishini asakhasayo.

INgxowa-mali ye-Inshorensi yabangaSebenziyo ibeke bucala imali ezibhiliyoni ezingama-40 eerandi ukuze incede abasebenzi abangasebenziyo, njengenxalenye yamalinge okuthintela ukuphelelwa kwabantu yimisebenzi ngenxa yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile.

Ukuza kuthi ga ngoku sele ihlawule imali ezizigidi ezingama-356 eerandi.

Ndifuna ukuqhwabela bonke abaqeshi abaqhubeka nokuhlawula abasebenzi imivuzo yabo ngeli xesha lobunzima, kwakunye nabo baqeshi basebenzisana nemibutho yabasebenzi ukuze bancede abasebenzi babo bafake izicelo zokufumana ezi zibonelelo.

Ndicela onke amashishini ukuba aqhubeke nokuhlawula iinkampani eziwabonelela ngeenkonzo, xa ekwazi, ukuze aqinisekise ukuba ezi nkampani ziyakwazi ukuqhubeka zisebenza futhi zihlawule abasebenzi kunye nezinye iinkampani ezisebenzisana nazo.

Kwakulo mba, ndifuna ukuhlaba ikhwelo kuwo onke amashishini ukuba angathi akukho nto anokuyenza aze ayeke ukuhlawula iinkampani asebenzisana nazo kunye nemali yerenti, njengoko oku kuye kuchaphazele namanye amashishini asebenzisana nala angahlawulwanga.

Kufuneka senze konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba amashishini asakhasayo naphakathi ayaqhubeka nokusebenza size sixhase lawo afuna inkxaso ngamandla.

IQumrhu loPhuhliso lwamaShishini (i-IDC) libekele bucala imali ezibhiliyoni ezi-3 zeerandi eza kusetyenziselwa ukuthenga izixhobo ezingundoqo zonyango.

Sele liyikhulule imali ezizigidi ezili-130 leerandi eza kuncedisa kwaye ilindele ukuba ikhulule enye imali ezizigidi ezingama-400 zeerandi kule veki iza kuvulelwa iye kwiinkampani ebezifake izicelo zokuncediswa ngemali kule mali ibekelwe kanye uncedo olufana nolu.

I-Small Enterprise Finance Agency ivumile ukuba intlawulo yezikweleti zemali ibibolekiwe imiswe isithuba esizinyanga ezi-6.

Amaziko okunceda amashishini asakhasayo ngentlawulo yezikweleti nangemali-mboleko sithetha nje aqwalasela izicelo ezifakiweyo zoncedo.

Kukho imali ezizigidi ezingama-500 zeerandi esele ibekelwe bucala ukuze inike uncedo.

Urhulumente uqokelele enye imali eyibhiliyoni e-1.2 yerandi eza kuncedisa ngezimali amafama amancinci nokufaka isandla kumaphulo okuvelisa ukutya.

Ukongeza kwezi mali zikhankanywe ngasentla, iBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika iyithobile inzala yemali-mboleko kwaye ithathe namanye amanyathelo okugalela imali kuqoqosho lweli lizwe.

Omnye wemingeni emikhulu onke amazwe ehlabathi ajamelene nawo kukunqongophala kwezixhobo zonyango zokulwa intsholongwane i-corona.

Njengesizwe kuye kwafuneke sixhomekeke kubuchule bethu bokuhambisa ezi mpahla, kodwa kuye kwanyanzeleka ukuba sifumane imveliso evela kwamanye amazwe.

Kwezi veki zimbalwa zidlulileyo, sibone amashishini oMzantsi Afrika, abasebenzi, eshukuma, izifundiswa kunye namaqumrhu karhulumente eshukuma ngobungako bawo efaka isandla kumaphulo okuthengwa kwezixhobo zonyango ezifunekayo ukulwa intsholongwane i-corona.

Umzekelo, siqalise nge-National Ventilator Project eza kunceda ukuqokelela zonke izixhobo zobugcisa nezikhulu eziza kunceda ilizwe lakuthi livelise oomatshini bokuphefumlisa, eziza kusetyenziselwa ukunceda abantu abagula sesi sifo.

Ezinye iiprojekthi ziza kugxila kumba wokuveliswa kweemaski zobuso apha ekhaya, amachiza okubulala iintsholongwane ezandleni kunye namayeza aza kusetyenziswa ngoonompilo naluluntu ngokubanzi.

Njengenxalenye yesigaba sesithathu kwisicwangciso sethu sokulwa nentsholongwane i-corona, sizama kangangoko ukuba sibonelele abemi boMzantsi Afrika abangathathi ntweni ngeenkonzo ezisisiseko ezifana namanzi kunye nokutya.

Silandisile inani labantu ababonelelwa ngokutya kwaye sizinike inkxaso yezimali iivenkile ezizikroxo.

Ukuza kuthi ga ngoku, urhulumente sele enikezele ebantwini amatanki amanzi angaphezulu kwama-11,000 kulo lonke eli lizwe, yaye uninzi lwala matanki sele efakiwe.

Ukongeza koku, sele kuthunyelwe iiloli zokuthutha amanzi ezili-1,000 ukuze zihambise amanzi.

Uninzi lwabantu abangenamakhaya bafunelwe iindawo zokuhlala kumaziko okuqhusheka intloko ali-154.

Ndinovuyo ngokunazisa ukuba i-Solidarity Fund - eyasekwa ngeenjongo zokuba icele amalizo kwiinkampani, imibutho nabantu iza kuncedisa kumaphulo okulwa lo bhubhane wentsholongwane i-corona - sele iqokelele imali emalunga neebhiliyoni ezi-2.2 zeerandi.

Ibekele bucala imali emalunga neebhiliyoni zerandi eza kuthenga ii-gloves ezicocekileyo, izikhuseli-buso, iimaski, izixhobo zokuvavanya kunye noomatshini bokuphefumlisa.

Iza kubekela bucala nenye imali eza kuya kuncedo kubantu abaphuma kumakhaya asokolayo, ukongeza kule mali izizigidi ezingama-400 eerandi ibekelwe bucala ngurhulumente yezibonelelo ze-Social Relied Distress.

Onke la malinge, nangona efuneka futhi encomeka, awaz’ ukwanela ewodwa ukunceda abantu abasokolayo ukuba bangathwaxwa ngamandla ngulo bhubhane.

Futhi engazi kuwanika lonke uncedo alufunayo amashishini nabasebenzi bawo.

Kuza kufuneka ukuba kuthathwe amanye amanyathelo angaphezu kwala kwezi veki nezi nyanga zizayo ukuze kuncediswe kule ngxaki yokulahlekelwa yingeniso ngesiquphe kwamashishini nabantu.

Sikwimeko apho kufuneka sithathe amanyathelo akhawulezileyo sisebenzise namacebo angaqhelekanga, imeko efuna sisebenzise ukuqiqa nokuhlakanipha nokuba siqokelele konke esinako silwe eli dabi.

IKhabhinethi kulindeleke ukuba iqulunqe isicwangciso esibanzi sezimali esiza kusabela kule ngxaki sijamelene nayo ngoku kunye nengxaki yoqoqosho oluza kutsala nzima kwezi nyanga zimbalwa zizayo.

Kuza kubhengezwa kwalapha ethubeni izicwangciso zokunika inkxaso yezoqoqosho nezentlalo kwesi sigaba silandelayo.

Eyona nto ibaluleke ngamandla kweli dabi yintsebenziswano.

Kulo lonke eli, iinkampani nabantu zize ngaphambili ukuze zibonelele ngoncedo lwezemali nolunye.

Ngelokuxhasa la malinge, siye sagqiba kwelokuba uMongameli, uSekela-Mongameli, abaPhathiswa nooSekela-baPhathiswa baza kutsalelwa isinye esithathwini kwimivuzo yabo kwezi nyanga zintathu zizayo.

Esi sixa semivuzo yabo siza kunikwa i-Solidarity Fund.

Sicela abo bakwizikhundla zikarhulumente kunye nezikhulu zeenkampani ezinkulu ukuba zizeke mzekweni ukuze kwande inani labantu abancedisa kweli phulo lesizwe.

Ngokumayelana noku, sibulela iiselula ezingama-20,000 esiziphiwe njengelizo ngu-Vodacom eziza kunikwa oonompilo abaza kuncedisa kumaphulo okuvavanya nokukhangela abantu kwiindawo ezihlala abantu bakuthi.

Njengoko besigxininisile ngaphambili siyaphinda siyabethelela kwakhona ukuba, eli dabi sililwa nale ntsholongwane i-corona lifuna sitshintshe kakhulu indlela esizenza ngayo izinto.

Side sibe siyilawulile le ntsholongwane i-corona, imithetho ayiz’ ukutshintsha.

Ukuxhawulana izandla, ukwangana, ukusondelelana xa kuhleliwe kunye nezinye izinto ezinokubangela ukusondelelana zibangele ukusasazeka kwale ntsholongwane, kufuneka zinqandwe kangangoko.

Masiqhubeke sihlambisise izandla zethu rhoqo sisebenzisa amanzi nesepha okanye ichiza lokubulala iintsholongwane (i-sanitizer).

Ukuze sihlale sikhuselekile sigcine nabanye abantu bekhuselekile kufuneka siyithobele yonke imiqathango esiyibekelweyo enxulumene nokuhamba-hamba nobomi bethu bemihla ngemihla.

Kwezi veki zimbini zidlulileyo, ndikhe ndafakana imilomo nezinye iinkokheli zase-Afrika ngamalinge ekufuneka aqhutywe ngokubambisana okulwa nentsholongwane i-corona nawokuxhasa abantu noqoqosho lwamazwe akuthi.

Siseke i-AU COVID-19 Response Fund eza kuqokelela izixhobo eziza kuxhasa eli linge.

Sithethile neenkokheli zamazwe ehlabathi, nangona nawo ephakathi kwidabi lokulwa lo bhubhame kumazwe azo, ukuba zincede eli lizwekazi ngezixhobo ezingundoqo zonyango nokuba zifake nesandla kwizicwangciso ezibanzi zokuvuselela uqoqosho lwamazwe ase-Afrika.

Njengoko sisilwa esi sifo kweli lizwe lakuthi, siyinxalenye yamalinge ehlabathi okukhuthaza intsebenziswano emandla kwihlabathi ngeendlela ekungazange kucingwe ukuba zinokwenzeka.

Lo bhubhane wentsholongwane i-corona utshintshe yonke into apha eMzantsi Afrika nakwiibhiliyoni zabantu kwihlabathi liphela.

Asisenako ukusebenza ngendlela ebesikade sisebenza ngayo ngaphambili.

Njengorhulumente, ii-NGO, njengamaqela ezopolitiko, njengeenkampani ezinkulu namashishini asakhasayo, njengamaziko ezezimali, njengemibutho yoluntu nanjengabemi boMzantsi Afrika kufuneka siziqhelanise nale meko intsha.

Xa sidlula kule ngxaki, njengelizwe kufuneka siqalise inkqubo ebanzi yokwakha ngokutsha.

Ukuze senze oko, kufuneka sisebenzise konke esinako: sisebenzise ubutyebi bendalo esinabo, iimarike zezimali zeli, izakhono zethu ezaziwayo kunxibelelwano lwezobuchwepheshe nolwazi kunye nezakhono ezininzi zabantu bakuthi.

Siza kusebenzisa izakhono zethu ezaziwayo zokuyila nobuchule, izakhono zethu zokukwazi ukubambisana ngamaxesha anzima, isiphiwo sethu sokukwazi ukukhathalelana kunye nekamva lethu sonke.

Siza kufunda kwizinto esizibone kumazwe ehlabathi kunye nobungqina benzululwazi obuqinisekisiweyo, kodwa siza kugwadla amacebo aza kuhambelana ncakasana neemeko zoMzantsi Afrika eziza kusebenzisa izakhono zethu njengelizwe.

Le mpela-veki lixesha elingcwele kubemi abaninzi boMzantsi Afrika.

Kuninzi, kuza kubanzima ukuchitha eli xesha ngaphandle kwezihlobo neentsapho zabo.

Ndiyanicela ukuba ngokuhlwa-nje nibeke emithandazweni wonke umntu kweli lizwe lakuthi ongathathi-ntweni, osokolayo nongenabani.

Ndicele ukuba umntu aphose lo ntwana anayo ukuncedisa kule ngxaki sijongene nayo.

Afake isandla kwi-Solidarity Fund nangantoni na anayo.

Eli lixesha elinzima kuthi sonke.

Noko kunjalo umyalezo wePasika siza kuwuthwala ezintliziyweni zethu ngokuhlwa-nje.

Ngumyalezo wethemba, wokuvuselela nokuzalwa ngokutsha.

Njengoko sihamba le ndlela sisonke, njengoko sijajulisana nalo bhubhane, kufuneka sihlale somelele simanyene futhi sizimisele.

Kuninzi esinicele ukuba nikuncame, ngaphezulu kakhulu kwekufuneka sikucele.

Kodwa siyazi ukuba le meko ingumahluko phakathi kokufa nokuphila, kwaye asinakho tu ukungaloyisi olu tshaba.

Siza kubuyela kwimo yesiqhelo.

Siza kumoyisa lo bhubhane.

Anga uSombawo angawusikelela uMzantsi Afrika aze afake phantsi kwamaphilo aKhe abanzi abantu beli lizwe.

 

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore