INtetho kaMongameli uCyril Ramaphosa ngeNkqubela kwiLinge leSizwe lokuNqanda uKwanda koBhubhane we-COVID-19

Bantu bakuthi baseMzantsi Afrika,

Ndinqwenela ukuthetha nani ngokuhlwa nje malunga nesimo sakutsha nje sobhubhane wentsholongwane i-corona eMzantsi Afrika.

Phambi kokuba ndenze njalo, ndifuna ukuvakalisa umbulelo wam kubo bonke abemi boMzantsi Afrika abathe bahlonipha iintsuku ezintlanu zokuzilela abo bathe basweleka ngenxa ye-COVID-19 nobundlobongela obugxile kwezesini nokubulawa kwabantu basetyhini ngamadoda (i-GBVF) ukususela ngomhla wama-25 ukuya kowama-29 kweyeNkanga.

Xa sibakhumbula, masithembise ukuba siza kwenza konke okusemandleni wethu ukunqanda ukwanda kwabo bobabini ababhubhane size sisindise imiphefumlo.

Lo bhubhane wehlabathi jikelele uyaqhubeka ukudala intshabalalo kwihlabathi liphela, kungoku nje osele wosulele abantu abangaphezulu kwezigidi ezingama-64 waze wabulala abamalunga nesigidi esinesiqingatha.

Siwabonile amazwe amaninzi ehlabathini jikelele esehlelwa kukuqhambuka kwentsholongwane i-corona kwakhona, kangangokuba kwamanye umonakalo owenziwa sesi sifo kwesi sihlandlo sesibini soqhambuko ungaphezulu kakhulu kunalowa wesa sihlandlo sokuqala.

Apho uMzantsi Afrika wawukhe wakwindawo yesihlanu yokuba nelona nani liphezulu labantu abosulelwe yile ntsholongwane ehlabathini, ngoku sikwindawo ye-14 ehlabathini njengokuba kwamanye amazwe ukuqhambuka kwenyuke ngamandla nje.

Kodwa ke, nangona sesinenkqubela esiyenzileyo, besisoloko sisazi esi sifo siza kuqhambuka okwesibini eMzantsi Afrika ukuba ngaba asithathi manyathelo afanelekileyo ukuzikhusela kunye nabo sikunye nabo.

Ngoku kukho iimpawu ezibonakalisa ukuba inani labantu abosulelwe sesi sifo likhula ngokukhawuleza kwiindawo ezithile zelizwe lethu, nezinokuthi, ukuba akuqutyiswananga nazo ngqwabalala nangokuthe ngqo, zikhokelele kwintlungu enkulu nokusweleka. 

Lo bhubhane sele wenze omonakalo omkhulu kwilizwe lethu.

Ngabantu abangama-800,872 bebonke abaqinisekisiweyo ukuba sele bosulelwe yile ntsholongwane eMzantsi Afrika ukususela kweyoKwindla.

Malunga nama-92% kwabo bantu sele bechachile.

Ngokwanamhlanje, ngabantu abangama-21 803 abaziwa ngokuthi basweleke ngenxa ye-COVID-19 eMzantsi Afrika.

Phantse intsuku ezilikhulu, ukususela phakathi kweyeThupha, sikwazile ukuligcina lingenyuki inani labantu abosulelwa okokuqala sesi sifo lingaphantsi kwabantu abangama-2 000 ngosuku.

Kodwa ke, oko sekutshintshile kwezi veki zintathu zidlulileyo.

Kubekho ukunyuka okuqaphelekayo kwinani labantu abosuleleka okokuqala nokwanda kwenani labantu abangene esibhedlele.

Kwiveki yokuqala kweyeNkanga, besinabantu abalinganiselwa kwi-1 500 abosulelwa sesi sifo ngosuku.

Kwiveki yokugqibela kweyeNkanga, eli nani besele liphantse ukuphindeka kabini laya kutsho kubantu abosulelwe sesi sifo okokuqala abamalunga nama- 2 900 ngosuku.

Izolo, uMzantsi Afrika ubunabantu abasolelwe sesi sifo abangaphezulu kwama-4 400, inani elo lilona lakhe laphezulu ngosuku ukususela phakathi kweyeThupha.

Ngoku abantu abanesi sifo abalele kwizibhedlela zeli bangaphezulu kwama-5 800 kwisizwe kwaye eli nani liyakhula.

Kwiveki ezintathu ezidlulileyo abantu abelele kwizibhedlele zeli bebengama-4 900.

Kunemimandla emithathu kwilizwe lethu enamanani aphezulu kakhulu abantu abosulelwe sesi sifo okokuqala.

Leyo yi-Nelson Mandela Bay neSithili i-Sarah Baartman eMpuma Koloni kunye neSithili sase-Garden Route eNtshona Koloni. 

Inani labo bamkelwa ezibhedlele kwezi zithili liyenyuka, phantsi kwezinye imeko ungalithelekisa kunye nelo lokufika kwesi sifo kweli okokuqala.

EMpuma Koloni naseNtshona Koloni kubekho ukunyuka ngokufanayo kwabantu abasweleka ngenxa ye-COVID-19 kunye nenani elingumyinge wesiqhelo labantu abaswelekayo. Oku kufuneka kuxhalabise umntu ngamnye apha kuthi.

Kukho izizathu eziliqela ezibangela ukunyuka kokunwenwa kwentsholongwane.

Abantu abaninzi bathatha uhambo phakathi kwamaphondo nangaphakathi kwephondo ngalinye bebaninzi, ingakumbi njengokuba kusondela ixesha leholide zokuphela konyaka. 

Kwimeko ye-Garden Route, oku kukwabangelwa kukuhamba-hamba kwabasebenzi abasebenza ngamaxesha athile kwelinye iphondo babe behlala kwelinye.

Indibano zolonwabo, ezenkcubeko kunye nezenkolo zibanjwa ngabantu abaninzi.

Kwimeko ezininzi ezi ndibano zidla ngokuzinyaswa ngabantu abaninzi kunenani elivumelekileyo phantsi kwemiqathango yeNqanaba lokuQala. Okuxhalabisayo kukuba le misitho amaxesha amaninzi ibanjelwa kwindawo ezingangeni moya ngokwaneleyo. 

Le ke yimeko efana nakwimingcwabo, nethi amaxesha amanzi ilandelwe zindibano ezibizwa i- “after tears”.

Izibhedlele eziliqela kuMasipala oMbaxa we-Nelson Mandela Bay zichaze ukunyuka kwamani okungeniswa esibhedlele kwabantu ngenxa yokwenzakala okunxulumene nokusetyenziswa kotywala.

Njengoko sasitshilo ngaphambili oku kwamkela kwabalimele kwizehlo ezinxulumene notywala kuphazamisa izixhobo nabasebenzi abadingekayo ukuba basetyenziswe kwiizehlo ezinxulumene ne-COVID-19.

Kodwa ubukhulu becala eyona nto inegalelo elikhulu ekunyukeni kwenani labantu abosulelwa sesi sifo kukuba abantu abaninzi abazinxibi izigqubuthelo zobuso, kwaye abayithobeli imithetho yezempilo efanelekileyo yococeko nomgama wokuqelelana.

Njengoko benditshilo kwintlanganiso yethu yokugqibela silusapho, kwinqanaba lo-1 lokulumka, amanyathelo esiwadingayo wokulawula le ntsholongwane sinawo.

Kodwa ke eyona ngxaki yethu inkulu yeyokuba kukho iindawo apha kwilizwe lethu apho abantu bangayithobeliyo imiqathango emisiweyo ngoku kwaye amanyathelo angundoqo okuthintela awalandelwa.

Owona msebenzi ungxamiseke ngamandla ophambi kwethu ngoku sithetha nje kukunqanda ukwanda kokunyuka kosuleleko kwizithili ezichaphazelekayo zaseMpuma Koloni naseNtshona Koloni, nokuqinisekisa ukuba imeko enjalo ayidluleli kweminye imimandla yelizwe lethu.

Ukuthintela oku siqalisa ukusebenzisa isicwangciso sokuqhambuka ngokutsha esisiqulunqe sikunye neqela lokugaleleka ngamandla loMbutho wezeMpilo weHlabathi.

Kule mimandla sinikezela ngabasebenzi nezixhoba ezongezelelweyo ezibhedlele nasezikliniki.

Siyalwandisa ungenelelo lwezempilo kawonkewonke olufana novavanyo, ukulandela umkhondo wabo bebehlangene nomntu one-COVID-19, ukwenza ikheswa nokuvalelwa bucala.

Siphakamisela phezulu namaphulo wethu okufundisa nokwazisa malunga nemimiselo yezempilo kawonkewonke.

Bantu bakuthi baseMzantsi Afrika,

Kufuneke sitshintshe indlela yethu yokuziphatha ngoku ukuthintela ukuqhambuka ngokutsha kwale ntsholongwane size silawule ukuqhambuka apho kuthe kwenzeka khona.

Ukuba sicinga ngokuba lo bhubhane ufana nomlilo wedobo, sidinga ukuba sikhawuleze siwucime phambi kokuba udwangezele ube sisihogo.

Kwangaxesha nye, sidinga ukuba senze konke esinako ukugcina uqoqosho luvulelekile nokuqhubela phambili nelinge lethu lokwakha ngokutsha nokuvuselelwa koqoqosho.

Ngokuhambelana nendlela zethu ezahlukeneyo zokulawula lo bhubhane, ngoko ke siza kufezekisa amanyathelo awongezeleleyo kulo mimandla ithe yachongwa njengendawo ebalasele kuzo le ntsholongwane.

Xa sichonga indawo ebalasele kuyo, sinika ingqwalasela kwinani labantu abosuleleka okokuqala yi-COVID-19 ngosuku, izinga lovavanyo phakathi koluntu, izinga labantu abafunyaniswe benayo ngokwepeseti kuluntu olo, inani lezehlo ezibonakalayo, inani labangeniswe ezibhedlele kunye nenani labaswelekileyo.

Ngokulandela isindululo seBhunga loLawulo lweNtsholongwane i-Corona leSizwe nasemva kokuthethana neeNkulumbuso, oosodolophu boomasipala abambaxa kunye nenkokheli zemveli, iKhabhinethi ithathe isigqibo sokubhengeza uMasipala oMbaxa wase-Nelson Mandela Bay njengendawo ebalaseleyo kuyo intsholongwane i-Corona.

Ukongeza kwimimiselo esele ikho yeNqanaba lo-1 lokuLumka, kuza kongezwa le miqathango ilandelayo yongezelelweyo kumasipala oMbaxa wase-Nelson Mandela Bay ukususela ezinzulwini zobusuku bangokuhlwa nje:

  • Ixesha elimiselweyo ekungafuneki mntu ngalo esithubeni liyakuba phakathi kwentsimbi ye-10 ebusuku neye-4 ekuseni.

Oku kuthetha ukuba – ngaphandle kwemeko kaxakeka – akukho mntu uyakuba eyabula ngaphandle kwamasango endawo ahlala kuyo phakathi kwalo maxesha. 

Oku akubachaphazeli abasebenzi beenkonzo ezingundoqo abavunyelweyo ukuba basebenze ngezo yure.

  • Ukuthengiswa kotywala zindawo ezithengisa ngemiyinge emincinci kuyakuvumeleka kuphela phakathi kwentsimbi ye-10 kusasa neye-6 malanga ukususela ngoMvulo ukuya ngoLwesine.
  •  Ukuselwa kotywala kwindawo zikawonkewonke, ezifana nolwandle neepaka, akuvumelekanga tuu kwaphela. Oku kuyimfuneko ukuthintela indibano zolonwabo ezinkulu.
  •  Iindibano – eziquka indibano zezenkolo – akufanelekanga zizinyaswe ngabantu abangaphezu kwe-100 kwimisitho engaphakathi kwesakhiwo nabangama-250 kwimisitho engaphandle kwesakhiwo.
     

Ngawo onke amaxesha inani labantu abapheleleyo kwindawo leyo akufanelekanga lidlule ngaphezu kwama-50% womthamo wendawo.

- Ekugqibeleni, zonke indibano zasemva komngcwabo azivumelekanga.

Le mimiselo yongezelelweyo iyimfuneko ukunqanda ukuqhambuka ngokutsha kwentsholongwane e-Nelson Mandela Bay, ukuthintela kokuqhambuka okuvela kwiindibano zolonwabo nokukhusela umthamo wenkqubo yenkathalelo yezempilo ukubonelela ngenkathalelo abo bayidingayo.

Ekumiseleni le miqathango, besifuna ukuthatha lo manyathelo ayimfuneko kuphela ukusindisa imiphefumlo ngeli xesha sikuthintelayo ukuphazamiseka koqoqosho.

Emva kokuthethana okunzulu neenkokheli zemveli zaseMpuma Koloni, kuye kwavunyelwana ukuba isiko lolwaluko eMpuma Koloni lingaqhuba. 

Oku kungenxa yokuba iinkokheli zemveli eMpuma Koloni zifake isicwangciso esilungiselelweyo somngcipheko esesivunyiwe liSebe lezeMpilo kunye neloLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli.

Esi sicwangciso siquka ukuthotyelwa kwemimiselo yezempilo, kuquka ukuhlolwa kwamakhwenkwe, ukubonelelwa ngezixhobo zokuzikhusela nokubonelela ngamanzi okucoceka nokuthintela ukuphelelwa ngamanzi emzimbeni.

Noxa kunjalo, ngenxa yezinga eliphezulu labantu abosulelwe sesi sifo kumasipala ombaxa, akukho siko lolwaluko luyakuvumeleka e-Nelson Mandela Bay.

Amanyathelo athatyathwayo ngokumayela ne-Nelson Mandela Bay awajongiswanga ekubohlwayeni abahlali.

Awenzelwanga kwandisa intlungu esele iviwe ngabemi bakuthi.

La manyathelo ayimfuneko ukunqanda ukunwenwa kwale ntsholongwane nokusindisa imiphefumlo. Kwezi ntsuku zizayo uMphathiswa wezeMpilo uza kutyelela iSithili sase-Sarah Baartman kunye ne-Garden Route ukuhlola isimo nokuthethana kunye nabadlali-ndima ababalulekileyo kweli phondo.

Ngokuxhomekeka kuhlolo nokwanda kwesi sifo kule mimandla, iBhunga loLawulo lweNtsholongwana i-Corona leSizwe lilo eliza kuthatha isigqibo sokuba ngawaphi amanyathelo afanelekileyo.

Ukuqinisekisa ukuba siyawagcina la manyathelo okhuseleko wangoku, iSimo seNtlekele seSizwe siza kwandiselwa ukuya kumhla we-15 kweyoMqungu yoma-2021 ngokuhambelana noMthetho woLawulo lweNtlekele.

Yonke imiqathango ekhoyo yeNqanaba lokuQala isasebenza kwilizwe jikelele.

Sinazo zonke izixhobo esizidingayo ukuthintela ukuqhambuka ngokutsha kwilizwe jikelele.

Sinokwenza oko kuphela ukuba wonke umntu uyayidlala indima yakhe.

Sinokuthintela kuphela ukuqhambuka kwakhona kwesi sifo ukuba ngaba xa sisonke siyayihlonipha imithetho emiselweyo ukukhusela wonke umntu.

Ukwenzela ukhuseleko lwethu sonke, abo bophula umthetho kufuneka bajongane neziphumo zoko.

Siyalele amagosa ogcino-mthetho ukuba aqinisekise ngokuthotyelwa komthetho, ngabanini, abalawuli, nabaphathi beendawo zempangelo, iivenkile, amaziko nezakhiwo ukuqinisekisa ngomgama wokuqelelana kwakunye nokunxinywa kwezigqubuthelo zobuso.

Abaqhubi beteksi nabo bayacelwa ukuba baqinisekise ukuba bonke abakhweli bayazinxiba izigqubuthelo zobuso.

Ukongeza apho, umntu ngamnye kuthi uza kulindeleka ukuba athobele ixesha elimiselweyo ekungafuneki mntu uyabulayo ngalo.

Kunye namanyathelo okunqanda ukuqhambuka okutsha kwimimandla ebalasele kuyo, amalinge esizwe ayaqhubeka ukomeleza ungenelelo lwezempilo kawonkewonke afana nokuhlolwa koluntu, uvavanyo olongezelelweyo, ukulandela umkhondo wabo bebedibene nomntu onentsholongwane nonxibelelwano lokutshintsha kwendlela yokuziphatha.

Njengoko sasitshilo ngaphambili olona ncedo likuphela koluphathekayo sinokuba nalo ukulwa i-COVID-19 iyakuba lugonyo.

Ngoku maninzi amalinge ehlabathini okukhawulezisa ukuqulunqwa kogonyo.

Siyaqhubeka ukusebenzisana namahlakani wethu kwihlabathi ukuqinisekisa ukuba onke amazwe ayawafumana amachiza okugonya asebenza kakuhle nafikelelekayo ngokwexabiso.

Sithatha inxaxheba kwiZiko leHlabathi lokuFikelela kuGonyo lwe-COVID-19 loMbutho wezeMpilo weHlabathi i-World Health Organization’s COVID-19 Global Vaccine Access Facility – elaziwa njengeziko i-Covax – eligxile ukuhlanganisa imithombo nokwabelana nemingcipheko yokuqulunqwa kogonyo ize ngalo ndlela iqinisekise ukufikelela ngokufanayo kugonyo xa luthe lwabakhona.

Sikhuthazwa kukuba iNgxowa-mali yeMbumbayamanyama (Solidarity Fund) iza kwenza igalelo lokuqala elingamakhulu amathathu anamashumi amabini anesixhenxe zezigidi zeerandi (R327 zezigidi) ekuthengweni kolu gonyo egameni lelizwe lethu. 

Sikwakhuthazwa ziziphumo ezithembisayo ezivela ekulingweni kogonyo olungumgqatswa, elibonakalise inqanaba lezinga lokusebenza eliphakathi kwama-70% nama-95%.

Silindele ukungqinwa okuvela kubalawuli bamayeza bokuba olugonyo lukhuselekile, luyasebenza kwaye luzifanele na izidingo zethu.

EMzantsi Afrika, owethu uGunyaziwe woLawulo lweeMveliso zezeMpilo (SAHPRA) uza kuzihlola ukuvunywa kwezicelo xa zifikile ukuvela kubaqulunqi aze agunyazise ukusetyenziswa kwalo. 

Kodwa ke masikhumbule ukuba lo gama ugonyo lungekaqulunqwa lunikezelwe, siseza kuhlala silelona khuseleko lukhoyo lokulwa i-COVID-19.

Kungamanyathelo wethu wemihla ngemihla esiya kuthi ngawo sizigcine sikhuselekile thina kunye nabanye.

Kungokunxitywa kwezigqubuthelo zobuso kwindawo zikawonkewonke ngawo onke amaxesha.

Kungokuthotyelwa komgama wokuqelelana nokuziphepha indibano ezinkulu nendawo ezingaphakathi kwezakhiwo ezingangeni moya kakuhle.

Kungokuhlanjwa rhoqo kwezandla okanye kusetyenziswe isibulali zintsholongwane

Kwakhona sisenokuzikhusela ngokukhuphela i-app yomnxeba ophathwayo ye-COVID-19 Alert SA enokusazisa ukuba sikhe sasesichengeni sentsholongwane ize ngalo ndlela incede ukwaphula ikhonkco losuleleko.

Kukhuthaza kakhulu ukuba le app ye-Covid-19 Alert SA ngoku sele ikhutshelwe zizigidi zabantu baseMzantsi Afrika.

Ukuba kukho nantoni na lo bhubhane asifundise yona, bubungozi bokwaneliseka.

Kwihlabathi jikelele, amazwe aye abona ukwehla kosuleleko anyenyisela imiqathango nje ukuzibhaqa sele ehlaselwa ukuqhambuka  kwesibini kwesi sifo, nokuthe chatha ngobungozi, okunyanzelise ukuba aphinde amisele imiqathango kwintshukumo, iindibano nentshukumo yezoqoqosho.
Ukuba bekukho ixesha lokuhlala silumkile, lilo eli.

Ixesha leholide zokuphela konyaka liyasondela.

Izikolo namaziko emfundo ephakamileyo azovalela iiholide zehlobo.

Abaninzi kuni sebegqibezela emsebenzini kwaye kungekudala niza kuba semakhayeni wenu neentsapho zenu. 

Abaninzi kuni sebelungiselela ukuthatha uhambo oluya kubadibanisa kunye nezihlobo nezizalwane.

Ukuthatha uhambo kuzele yimingcipheko emininzi, ebesinokuyinciphisa ngokuphepha ukuthatha uhambo olungeyomfuneko.

Sinako nokuwunciphisa umngcipheko wosuleleko ngokunxiba isigqubuthelo sobuso kwizithuthi zikawonkewonke, ngokugcina iifestile zesithuthi zivulekile nokugcina imimiselo yokhuseleko xa sifika.  

Ixesha lasehlotyeni liqheleke njengexesha leendibano zolonwabo, ukuya kwimibhiyozo nemisitho, nokonwaba emitshatweni, kwiindibano zeenkonzo kunye nakwindawo zikawonkewonke ngokufanayo nezabucala.

Ezi ndibano zokonwaba zisenokuba yimisitho ‘engabasasazi abakhulu’ ethwele umgcipheko omkhulu wokusasaza le ntsholongwane.

Umntu ngamnye kuthi kufanele aqiniseke ukuba sithatha amanyathelo okuhlala silumkile ukuthintela ukunwenisela le ntsholongwane kwiintsapho zethu, ingakumbi abantu abadala. 

Kufane iindibano sizigcine zincinci, sizibambele ngaphandle okanye kwiindawo ezingena kakuhle umoya, siqinisekise ngokugcina umgama wokuqelelana nokunxiba izigqubuthelo zobuso kangangoko sinakho.

Kufuneka siyikhumbule lo nto nangona sifuna ukuphumla, le ntsholongwane ayiphumuli yona.
Ibe ngunyaka onzima kuthi njengesizwe lo.
Usivavanye kabuhlungu ekuthatheni izigqibo waze wafunisa ukuba sizidine kakhulu kumntu ngamnye apha kuthi.

Kodwa nangona iiholide zisondela nje, akufuneki ukuba sehlise umxakatho.

Ngaphandle kokuba sithathe uxanduva lwethu buqu ngeempilo zethu nezabanye abantu, basebaninzi abantu abazokosuleleka. Basebaninzi abantu abaza kusweleka.

Kwezi nyanga zisibhozo zidlulileyo, baninzi abantu abalahlekelwe ngabazali babo, abantakwabo, abalingane, abahlobo kunye noogxa babo ngenxa ye-COVID-19.

Njengesizwe, silahlekelwe ngabasebenzi abaninzi abakhaliphileyo abangabona bebephambili edabini abebenakekela abo basezibhedlele nasezikliniki.

Silahlekelwe ngabasebenzi beenkonzo ezingundoqo abebenceda ukugcina eli lizwe lisebenza ngexesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile.

Silahlekelwe ngootitshala abebesiya esikolweni yonke imihla ukuya kuxhasa abantwana bethu nokuqinisekisa ukuba abafundi bethu bematriki bayakwazi ukubhala iimviwo zabo zokuphela konyaka. 

Sinoxanduva kubo bonke abo ubomi babo buye banqanyulwa ngokumasikizi yile ntsholongwane ibulalayo lokuba singavumeli ubunzima nentlungu ziphinde zehlele olunye usapho kwakhona.

Sinoxanduva kubahlobo bethu nezizalwana kunye nabo bakufutshane kuthi.

Sinoxanduva kwilizwe lethu, kuba ukuqhambuka ngokutsha kwale ntsholongwane kuyakusibuyisela umva kakhulu kuqoqosho lwethu eselubuyela kwisiqhelo, kumalinge wethu okubuyisela nokudala imisebenzi, nokubonelela kwethu uluntu lwethu ngeenkonzo.

Okungaphezu kwako konke sinoxanduva kuthi nakumntu ngamnye, kuba oku kusichaphazela sonke.

Ngokuhlwa nje simi siyimbumba yamanyama nabantu bomasipala oMbaxa wase-Nelson Mandela Bay njengoko besebenzela ukunqanda oku kuqhambuka.

Ndinethemba elikhulu lokuba iinkokheli zaseMpuma Koloni zenza konke okusemandleni kwaye ziseza kwenza konke okusemandleni ukwehlisa izinga losuleleko kwaye ziseza kwenza njalo kwakhona. 

Ndibongoza umntu ngamnye kuni ukuba sikhumbule imiphefumlo esele silahlekelwe yiyo kunye nemiphefumlo exabisekileyo ekusafanele siyikhusele.

Kwezi nyanga zisibhozo zidlulileyo, siphumelele ukuyizisa phantsi kolawulo le ntsholongwane ngokusebenza kunye.

Siwulwile lo bhubhane ngako konke esinako.

Ngamalinge wethu adibeneyo, sisindise amawaka amaninzi wemiphefumlo engeyisilahlakele ngokungeyomfuneko.

Ngoku, njengokuba inani losuleleko liqalisa ukwenyuka kwakhona, asikwazi ukwenza idini ngeenzuzo esele sizizuzile.

Asikwazi tu ukubuyela kwiintsuku ezinzima zeyeSilimela neyeKhala, ngexesha apho ukusasazeka kwale ntsholongwane kwakunabe kakhulu babe ubomi beentsapho zethu nabahlobo busemngciphekweni.  

Njengoko sisazi ukuba umsinga wesibini unokwenzeka, kwaye siyayazi kwakhona ukuba asiyonto singenokwazi ukuyiphepha. 

Ngoko ke ngokuhlwa nje, ndiyanicela ukuba nizibophelele kwakhona kulo mlo.

Njengoko sasenze njalo kwiintsuku zokuqala kwalo bhubhane, masimeni kunye size sisebenze kunye.

Siza kudlula kweli xesha lobunzima njengoko sasikhe senza njalo ngaphambili.

Wanga uThixo angawusikelela uMzantsi Afrika aze akhusele abantu bawo.

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore