UMongameli Cyril Ramaphosa: INtetho engoBume beSizwe Yowama-2022

INtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) eyenziwe nguMongameli u-Cyril Ramaphosa kwiHolo lesiXeko saseKapa ngoLwesine, umhla we-10 kweyoMdumba yowama-2021

Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe (i-NA), Nksz Nosiviwe Mapisa-Nqakula
Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP), Mnu Amos Masondo
Sekela-Mongameli uDavid Mabuza,
Owayesakuba nguMongameli, uThabo Mbeki,
Owayesakuba nguSekela-Mongameli, Phumzile Mlambo-Ngcuka,
Owayesakuba nguSekela-Mongameli Baleka Mbete,
Owayesakuba nguSomlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe, uMnu Max Sisulu,
Bambela-Jaji eyiNtloko  Raymond Zondo,
Sodolophu wesiXeko saseKapa, Mnu Geordin Hill-Lewis,
Ingqonyela yeeNkonzo zezoZakuzo, Mnu Bene M'Poko,
Amalungu eCandelo leeNkundla,
Iintloko zamaZiko kaRhulumente aXhasa uLawulo lweNtando yeSininzi,
Malungu ePalamente,
Bemmi boMzantsi Afrika,

Kuyaqala kulo nyaka, oko eli lizwe lathi lalawulwa ngentando yesininzi, ukuba iNtetho kaMongameli yeSizwe (i-SoNA) ingenzelwa kwiNdlu yeNdibano yeSizwe.

Kwathi kungentsuku zingephi lo nyaka umiyo uzelwe, ikhaya ekwafukanyelwa kuwo lo rhulumente ulawulwa ngentando yesininzi, latsha langqungqa ngumlilo.

Sasibukele nathi sisitsha ngumsindo, sidandathekile ezintliziyweni ngethuba amalangatye elwatyuza etshisa evuthulula isakhiwo ekwaphekwa kwaqoqwa kuso uMgaqo-siseko wethu welizwe elilawulwa ngentando yesininzi, isakhiwo esiliziko lokuphumeza imithetho yeenguqu nenkqubela, isakhiwo apho iinkokeli ezonyuliweyo zithi zijajulisane ngezikrweqe zomlomo kumadabi nomsebenzi wokwakha esi sizwe.

Kubantu abaninzi la ntlungu yenzeka ePalamente ihambelana ngqo nentlungu egqugqisa izwe lakuthi.

Kubantu abaninzi, la malangatye ayefana twatse nesibetho esize nobhubhane we-COVID-19 esombethe eli lizwe, afana nqwa neengxaki yamanani anyukayo abantu abangasebenziyo kunye neyendlala ebomvu eya ithatha unyawu.

La mlilo wavuselela amanxeba entshabalalo eyenziwe ngulo bhubhane kule minyaka mibini idlulileyo othe wabulala amashumi amawaka abemmi boMzantsi Afrika, wakhokelela ekubeni izigidi ezibini zonke zabantu ziphelelwe yimisebenzi, ngolo hlobo ushiya usizi nentlungu kumakhaya amaninzi.

La mlilo wasePalamente uthunuke iintliziyo uzikhumbuza isihelegu sentshabalalo, udushe nokutyhuthuIwa okwenzeka kwiindawo ezithile zezwe lakuthi ngenyanga yeKhala kulo nyaka uphelileyo, apho abantu abangaphezulu kwama-300 bathi basutywa kukufa baze abaninzi bashiyeka bezimpula zikaLujaca.

Xa sihlalutya lo nyaka uphelileyo, siza kusimelela ngamazwi kaMongameli Thabo Mbeki owakhe ngenye imini wasikhumbuza ngawo esithi: “Amaxesha anzima afuna ukuzimisela nokunyamezela. Izakhono zethu zokukwazi ukumelana neenzima azigqami mhla kumthebelele.”

Into yokuba sibe kanti sidibanele kwiHolo lesiXeko saseKapa endaweni yeNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe ibonakalisa ukuba la ngamaxesha anzima ngenene.

Le nto ibonisa ukuba ukuzimisela okukhulu kwamaGosa oNgameleyo asePalamente ngokunjalo namalungu ezindlu zethu zombini zePalamente nokuba kufuneka uqhubeleke ngaphandle kokuphazanyiswa umsebenzi owenziwa leli ziko lethu lentando yesininzi.

Kukho amaxesha apho izinto ezisisiqhelo kwisizwe zikhe ziphazamiseke, size isizwe sifundiswe indlela entsha yokwenza izinto.

Ke la maxesha anje ayenzeka ukuba abelithuba lokuba nintingele phezulu okanye niqhwayele emva.

Namhlanje sikuloo meko kanye.

Indlela esiza kuyikhetha ngoku iza kuba ngumzila ekwakuhanjwa ngawo nazizizukulwana ezizayo.

Yiyo loo nto sithatha amanyathelo okuqinisekisa ukuba urhulumente olawulwa ngentando yesininzi akagungqi nawokubethelelela umba wokuba noxa sikule ngxingo sisasimelele ngoMgaqo-siseko olikhaka lethu elisikhusele sonke.

Sisebenza ngokubambisana sizama ukuvuselela uqoqosho lweli lizwe size siphelise ingxaki yokungalingani kunye nokungabikho kobulungisa izinto ezo ziyimiqobo kwindlela yethu yenkqubela.

Sisebenza ngokubambisana sisilwa urhwaphilizo ukuze siqinisekise ukuba abo babephambili kumkhuba wokubamba umbuso ngobhongwane bayohlwaywa ngezenzo zabo zolwaphulo-mthetho.

Sakha iSizwe sethu ngokutsha kwaye sizama ukuba uluntu luwathembe futhi lube nebhongo ngamaqumrhu karhulumente.

Kuzo zonke iingxaki, kodwa yona into esivumelana ngayo – kule meko siphantsi kwayo ngoku – yendlala ebomvu egqubayo, intswela-misebenzi kunye nengxaki yokungalingani – kukuba ezi zinto azamkelekanga kwaye asinakuya ndawo ukuba zingahlala zinje.

Abemmi abaninzi boMzantsi Afrika abaphuma kwiindawo ezahlukeneyo bayavumelana ukuba lufuneka ngamandla utshintsho neengunqu ukuze sikwazi ukukhwezela uhlumo loqoqosho.

Kuyafuneka ukuba siyilungise le ngxaki sijongene nayo ngoku size ngaxeshanye sidale iimeko eziza kubangela ukuba kubekho uzinzo nophuhliso oluzingileyo.

Ukuze senze oku kufuneka abemmi boMzantsi Afrika babe nesivumelwano esitsha.

Isivumelwano esiza kususelwa kwimeko yokuba sonke sazi le meko siphantsi kwayo imaxongo nokuqonda okanye ukuvumelana ukuba kukho ingxaki yentswela-misebenzi, indlala nokungalingani ezifuna ukuthathelwa amanyathelo.

Kufuneka sivumelane ukuba uMbuso kufuneka udale iimeko eziza kwenza kube lula ukuba icandelo labucala likwazi ukutyala imali ngolo hlobo livumbulule ubungangamsha boqoqosho lweli lizwe.

Ngokufanayo, kufuneka sidale iimeko eziza kwenza abemmi boMzantsi Afrika bakwazi ukuphila ngcono futhi namathuba okuba bakwazi ukusebenzisa izakhono zabo bantinge.

Esi kufuneka ibe sisivumelwano esitsha esiza kwenza sikwazi ukukhathelelana, sazi nokuba ezi ngxaki sityumpa-ntyumpeka kuzo zezethu sonke.

Njengamahlakani ezentlalo – urhulumente, abasebenzi, amashishini kunye noluntu – simanxada-nxada sizama ukucinga ngamanyathelo ekufuneka siwathathe ukuze sifikelele kweso sivumelwano.

Sele siziqalisile iingxoxo ngezinto ekufuneka sizincame kunye negalelo ekufuneka silwenze.

Sizinike iintsuku ezili-100 ukuba siqukumbele isivumelwano sezentlalo esibanzi esiza kusisebenzisa siphuhlise uqoqosho, sidale imisebenzi size silwe nendlala.

Lo msebenzi uza kuqalela kulo sele uqaliswe sisiCwangciso soKwakha Ngokutsha nokuVuselela uQoqosho (i-ERRP), esisicwangciso esisisebenzisa kumalinge wethu okwakha ngokutsha uqoqosho.

Siseza kuqhubeka nezinto esazizikhokelise phambili kwi-SoNA yalo nyaka uphelileyo:

  • ukulwa size soyise ubhubhane we-COVID-19,
  • iphulo elikhulu lokwakhiwa kweziseko ezingundoqo
  • ukwandisa kakhulu umthamo weemveliso eziveliswa kweli lizwe,
  • isibonelelo sokuncedisa kumaphulo okudala imisebenzi sixhase namakhaya,
  • ukwandisa amaziko ethu avelisa amandla ombane.
     

Ukuze esi sivumelwano sezentlalo sisebenze kufuneka siquke bonke abemmi boMzantsi Afrika kunye naye wonke ubani elizweni.

Akukho namnye ekufuneka ashiywe ngaphandle.

Bemmi boMzantsi Afrika,

Ngethuba ndisenza intetho yam engobume besizwe kulo nyaka uphelileyo, kungela xesha kanye wayekuvutho-ndaba oyena bhubhane uyingozi wakhe wabonwa kwisithuba esingaphezulu kwenkulungwane.

Oko yathi i-COVID-19 yafika kwizwe lakuthi sele sithwaxwe yimisinga yayo eyahlukeneyo ilandelelana, kukuvela kweentlobo zayo ezintsha futhi nenyhikityha eyishiye ngasemva yabantu abamalunga nama-100 000 ebabuleleyo.

Babonakalisa isibindi nokunyamezela abemmi boMzantsi Afrika nangoku sele bejamelene nalo bhubhane futhi bekwenze oko ngemfesane nokungaphakuzeli.

Kule minyaka mibini idlulileyo, sithathe amanyathelo ayimbali okuphucula icandelo lezempilo, okuxhobisa ngezakhono iilebhu kunye nawokuthintela izifo.

Isizwe sithi mathol’anyongande kudlelana kubasebenzi bezempilo abasebenza ngokuzinikela kunye nabanye abasebenza ngqo noluntu ababeka iimpilo nobomi babo esichengeni benakekela abantu abagulayo nabampilo zi-ethe-ethe ngethuba siphehluzeliswa ngulo bhubhane.

Kwisithuba seevekana nje ezimbalwa emva kokuba kwafunyaniswa umntu wokuqala onesi sifo kweli lizwe, ndaye ndabhengeza ukusekwa kweNgxowa-mali yoManyano ngeenjonyo zokumanya ilizwe kwidabi lokulwa lo bhubhane.

Ngenxa yobubele nenkxaso emandla eyaboniswa ngabantu beli lizwe, le ngxowa-mali yaqokelela imali engaphezulu kweebhiliyoni zeerandi eziyi-3.4 isuka kubantu abangaphezulu kwama-300 000, iinkampani kunye nemibutho yesisa engaphezulu kwama-3 000. Abantu abangaphezulu kwama-400 kunye neenkampani ezingaphezulu kwe-100 zanikezela ngexesha lazo zincedisa nangeenkonzo simahla.

Le ngxowa-mali idlale indima enkulu ekuxhaseni amalinge ecandelo lezempilo okulwa lo bhubhane futhi iye yaluncedo nakwiingxaki yeentsokolo ethe yavelela abantu ngeli xesha.

Ndifuna ukuthi nangamso kuye wonke umntu ofake isandla kwiNgxowa-mali yoManyano kunye nabanye abaninzi abathe babambisana bencedisa kumaphulo ahlukeneyo okunika inkxaso abo bathe bachatshazelwa ngulo bhubhane.

Njengokuba indlela aqhuba ngayo lo bhubhane itshintsha imihla nezolo, nathi kuye kwanyanzeleka sizeke mzekweni, siziqhelanise nezi meko, sitshintshe apho sibona kufanele.

Indlela esimlwa ngayo lo bhubhane isekelwe kulwazi lwezenzulwazi oluphandwe nzulu lwaze lwaqinisekiswa, kwaye amanyathelo esithe sawathatha asenze sagqama kwihlabathi liphela ngenxa yeengcali zenzululwazi zethu kunye nokuba zibandakanyeke kuwo onke amanqanaba namaphulo ethu okulwa lo bhubhane.

Kulo nyaka uphelileyo, siye sagxininisa kakhulu kumba wokunyusa inani labantu abagonyiweyo.

Ukuza kufikelela ngoku, sele sisebenzise amathamo eyeza lokugonyela i-COVID-19 azizigidi ezingama-30. Ngenxa yeli phulo, abantu abadala abamalunga ne-42% sele begonywe ngokugcweleyo kunye nabayi-60% kwabaneminyaka yobudala engaphezulu kwengama-50.

Ngoku sikulungele ukungena kwisigaba esitsha kwidabi lethu lokulwa lo bhubhane.

Ngumnqweno wethu ukuba siliphelise ixesha lemo yentlekele kwizwelonke sakuba nje siwaqukumbele amanye amanyathelo phantsi koMthetho wezeMpilo weSizwe, wowama-2003 (uMthetho uNombl 61 wowama-2003) kunye neminye imithetho yokulwa lo bhubhane.

Phantse yonke imiqathango ethintela iintshukumo zoqoqosho kunye nokuhamba-hamba kwabantu sele inqunyanyisiwe.

 Amayeza okugonya azibonakalisile ukuba sesona sixhobo sinokuthembela kuso kwidabi lethu lokulwa ukugula kunye nokufa okubangelwa yi-COVID-19.

Ukuba siyagonya, siqhubeleke nokuthobela imiqathango yezempilo futhi sihlale sivundlile, siza kukwazi ukubuyela kwimo yesiqhelo nokuba na le ntsholongwane isagquba phakathi kwethu.

Imo yezwe lakuthi ihambelana ngqo nemo yoqoqosho lwezwe lakuthi.

Ukongeza kule ngxaki ibikade ikhona kakade ingomahluko okhoyo phakathi kwabantu bakuthi ngokwebala, iindawo abahlala kuzo kunye nomgangatho wemfundo, i-COVID-19 iwenze wacaca gca umahluko phakathi kosebenzayo nongasebenziyo.

Kulo nyaka uphelileyo, izinga lentswela-ngqesho linyuke laya kufikelela kwelona qondo liphezulu ezimbalini.

Ingxaki yokunqongophala kwemisebenzi ibangelwe luhlumo oluhamba ngesantya solovane, sona esibangelwe kukuhla kotyalo-mali iminyaka ilandelelana.

Kulo nyaka uphelileyo, siye sancedwa kukuba nesicwangciso-nkqubo esicacileyo nesingatshintsha-tshintshwayo, amaxabiso amahle ezimbiwa kunye nohlumo olubengcono kunoku besikuqikelele.

Noko kunjalo, siye saphoxwa yingxaki kacimi-cimi wombane, ukungasebenzi kakuhle kweenkampani zonxibelelwano kunye neendleko eziphezulu zokuqhuba ishishini.

Oko besiqhuba sithatha amanyathelo angaqhelekanga ukuncedisa amashishini ukuba akhule futhi adale nemisebenzi ekhatshwa ngamaphulo abanzi karhulumente okudala imisebenzi kunye nezibonelelo zoluntu.

Sonke siyazi ukuba urhulumente akadali misebenzi. Ngamashishini enza loo nto.

Malunga ne-80% yabantu abasebenzayo eMzantsi Afrika baqeshwe kwicandelo labucala.

Umsebenzi ongundoqo karhulumente kukudala iimeko eziza kunceda amashishini abucala – amancinci namakhulu – aqale, akhule, akwazi ukufumana iindawo nabantu abaza kuthenga iinkonzo neemveliso zawo, ukuvelisa iimveliso ezintsha nokuqesha abantu abaninzi.

Iingxaki zoqoqosho loMzantsi Afrika zinzulu kwaye zinxulumene neendlela le lwakheke ngayo.

Ukuba akukho zinzo kwicandelo lezombane, xa imizila kaloliwe namazibuko engasebenzi ngokufanelekileyo, xa ubuchule bokuyila bubanjezelwa kukungabikho kwe-intanethi esebenza ngesantya esiphezulu, xa umgangatho wamanzi usihla, iinkampani ziye zibe madolwanzima ukutyala imali futhi noqoqosho lungasebenzi ngendlela efanelekileyo.

Ngeenjongo zokulungisa ezi ngxaki siqalise inkqubo yokukhawulezisa ukuqalisa utshintsho olumandla kwindlela olwakheke ngayo uqoqosho ukuze senze la macandelo ukuba abe ngawale mihla, sivulele amathuba otyalo-mali, siphungule iindleko, sikhulise isakhono sokukwazi ukumelana nokhuphiswano kunye nohlumo.

Ingxaki yombane ongucimi-cimi yeyona ngxaki inkulu ibeka uqoqosho esichengeni futhi ithintela nenkqubela kwezentlalo.

Kwezi ntsuku zimbalwa zidlulileyo, siye sabona kwakhona ukuba umbane weli ngenene awunakuthenjwa.

Ucimi-cimi uyaqhubeka nokuchaphazela kakhulu iimpilo zabo bonke abemmi boMzantsi Afrika, uphazamisa urhwebo lwamashishini, into leyo ezifaka ezingxakini ezinkulu iintsapho noluntu ngokubanzi.

Ngenxa yokuba izitishi zokuphehla umbane zeli zizidala, futhi zingakhandwa zilungiswe rhoqo, ukulandela imigaqo-nkqubo engafanelekana kunye nomonakalo omkhulu owenziwa kukubanjwa kukarhulumente ngobhongwane, umbane esinawo isizwe ungaphantsi nge-4 000 MW kulo ufunekayo.

Kulo nyaka uphelileyo, siye sathatha amanyathelo angqingqwa okongeza umbane oveliswayo ngokukhawuleza ukuze sikhawulelana nale ngxaki yombane onganelanga.

Kangangokuba, amaphulo amaninzi okuveliswa kombane aza kugalela umbane kwiziko lesizwe kule minyaka imbalwa izayo. Oku kuquka:

  • Umbane ongaphezulu kwe-megawatt ezingama-500 kwezi projekthi zisashiyekileyo ze-Bid Window 4 zenkqubo zamandla ahlaziyekayo, esele zikumanqanaba okugqibela zisakhiwa.
  • Umbane ozi-megawatt ezingama-2 600 ku-Bid Window 5 wenkqubo wamandla ahlaziyekayo, nkampani ezo ziphumeleleyo zibhengezwe kulo nyaka uphelileyo.
  • Umbane onokude ufikelele kwi-megawatt ezingama-800 kwiiprojekthi ezenzelwe ukulaliselela umhla kaxakeka esele zikulungele ukuqhuba,
  • Umbane ozi-megawatt ezingama-2 600 osuka kwi-Bid Window 6 wenkqubo yamandla ahlaziyekayo, eza kuvulwa kungekudala.
  • Igesi ezi-megawatt ezingama -3 000 kunye nee-megawatt ezingama-500 zombane ogcinwa zibetri, izicelo zawo zona eziza kupapashwa ekupheleni kwalo nyaka,
  • Umbane oqikelelwa kwi-megawatt ezingama-4 000 kwiprojekthi ezingaxhomekekanga kubuxhaka-xhaka bombane besizwe ovela kwicandelo lezemigodi,
  • sithetha nje oomasipala abahlukeneyo bakwinkqubo yokuzama ukuzifumanela umbane ozi-megawatt ezimalunga ne-1 400.

Ukongeza kula malinge okuqinisekisa ukuba asinangxaki yokunqongaphala kombane, siqalisa iinkqubo yokwenza iinguqu kwindlela elimi ngayo icandelo lezombane.

U-Eskom useke icandelo elitsha lokuhanjiswa kombane, kwaye izicwangciso zakhe zokugqibezela ukwahlula-hlula le nkampani ngeyoMnga wama-2022 zihamba kakuhle.

Eli ziko lombane liqhubile nenkqubo yalo yokukhanda nokuhlaziya, ukulungisa umonakalo weminyaka emininzi wokungakhandwa kuhlaziywe kunye nokungasebenzi kakuhle kwezitishi zophehlo-mbane.

Ukuqinisekisa ukuba ezi nguqu zisemthethweni, iKhabhinethi izolo iye yazivuma izihlomelo ezenziweyo kuMthetho woLawulo loMbane, wowama-2006 (uMthetho wowama-2006) ukuze uluntu luhlomle kuwo.

Ezi zilungiso zibanzi ziza kuvulela amanye amashishini ukuba athathe inxaxheba kurhwebo lokuphehlwa kombane zize zivumele nokusekwa kwenkampani ezimeleyo yombuso yokuhanjiswa kombane.

Uqoqosho lweli lizwe alunakukhula amazibuko kunye nemizila yoololiwe ingasebenzi kakuhle.

Sele kuyiminyaka ngoku usihla umgangatho wamazibuko eli xa ethelekiswa namazibuko amanye amazwe ehlabathi naweli lizwekazi lase-Afrika. Oku kungumqobo kuhlumo loqoqosho.

Icandelo lezolimo, umzekelo lixhomekeke kakhulu kumazibuko asebenza kakuhle nangalibazisiyo ukuthumela iimveliso zalo kumazwe angaphandle.

Iimveliso zolimo azikwazi ukuhlala iintsuku neeveki, ngamanye amaxesha, zilinde ezibukweni.

Oku kuyawachana amashishini kwaye kungcolisa igama lelizwe njengoko sithathwa njengelizwe elirhweba ngeemveliso zolimo ezikumgangatho ophezulu namanye amazwe ehlabathi.

UTransnet uthatha amanyathelo okulungisa ezi ngxaki kwaye ngoku uzama ukulungisa iingxakana ezinxulumene nokusebenza kwala mazibuko ngokuthenga ezinye izixhobo nokusebenzisa ubuxhaka-xhaka obutsha ukuphungula ukugcwala okugqithisileyo.

UTransnet uza kucela amahlakani akhe abucala ukuba angenise iziphakamiso malunga neziBuko lee-Container laseThekwini nelaseNgqurha kwezi nyanga zimbalwa zizayo, into leyo eza kwenza ukuba kutyikitywe izivumelwano zentsebenziswano kula mazibuko omabini ngenyanga yeDwarha yowama-2022.

UTransnet uza kuqalisa inkqubo yokuvulela amanye amaqumrhu ukuba asebenzise imizila yakhe kaloliwe ukusuka ngekaTshazimpunzi yowama-2022 ngokuwavumela alayishe imithwalo ngamaxesha athile kwimizila yakhe ephakathi kweTheku neCity Deep eGauteng.

UTransnet sele etyikitye izivumelwano zentsebenziswano namashishini abucala ukuze kuliwe ingxaki yokubiwa kweentambo zombane nokonakaliswa kweziporo kwimizila kaloliwe ngokusebenzisa ubuxhaka-xhaka bale mihla obukwizinga eliphezulu kunye noonogada.

La maphulo okusebenzisana sele ebonisa iziphumo ezincumisayo kuba oololiwe abasaphazamiseki kakhulu ngoku.

Imeko emaxongo yoololiwe abalayisha abantu eMzantsi Afrika iyazichaphazela iimpilo zabantu bakuthi.

Ngenxa yoko asisalali imini nobusuku sizama ukulungisa imizila yoololiwe abalayisha abantu kwimizila ehamba kwimamandla eli-10 ebalulekileyo.

Umzila i-Southern Line eKapa kunye neMabopane Line ePitoli ivuliwe kwakhona. Yona ke iza kulandelwa yeminye imizila le ishiyekileyo kulo nyaka uzayo.

Eminye yemiqobo emikhulu kuphuhliso lobuchwepheshe kuqoqosho lweli lizwe kukulibaziseka kwinkqubo yokutshintshela kuhlobo losasazo oludijithali kusukwa kolu-analogu.

Inkqubo yokucinywa kohlobo losasazo olu-analogu igqityiwe kumaphondo amaninzi.

Njengoko ndanditshilo kwi-SoNA kulo nyaka uphelileyo, amanye amaphondo aza kutshintshela kuhlobo losasazo oludijithali ekupheleni kwenyanga yoKwindla yowama-2022.

Njengenxalenye yale nkqubo, urhulumente uza kuqhubeka nokunceda ngesibonelelo amakhaya amkela imivuzo ephantsi ukuze akwazi ukufumana ii-set-top box aze nawo atshintshele kuhlobo losasazo oludijithali.

Iqumrhu lolawulo lonxibelelwano, i-ICASA, liza kuqalisa ngenkqubo yokuthengisa kwifandesi amaza osasazo ezonxibelelwano kwisithuba esimalunga neeveki ezintathu ukusuka ngoku.

Oku kuza kuvulela amaza onxibelelwano eeselula okokuqala kwisithuba seminyaka elishumi.

Ukongeza, siza kuququzelela inkqubo yokufakelwa ngokukhawuleza kweentambo zokuhambisa ii-intanethi enesantya esiphezulu kubo bonke oomasipala ngokuthi simisele umgangatho ofanayo wokukhutshwa kwamaphepha-mvume kamasipala.

Ezi nguqu ziza kwenza umahluko omkhulu kuphuhliso lobuchwepheshe beli lizwe, into leyo eyenza ukuba abantu abaninzi bakwazi ukusebenzisa i-intanethi enesantya esiphezulu ngolo hlobo kuphunguke iindleko zonxibelelwano ngobuxhaka-xhaka bale mihla.

Kwihlabathi liphela, umba wokukwazi ukutsala abemmi bangaphandle abanezakhono unceda uqoqosho lutsho luhlume.

Ngenxa yoko silungisa futhi sisenza ukuba ibe yeyale mihla inkqubo yokufaka isicelo se-visa yokuza eMzantsi Afrika ngeenjongo zokukhenketha, ukuqhuba ushishino nokusebenza.

Njengoko sasithembisile kulo nyaka uphelileyo, inkqubo ye-eVisa ngoku sele isetyenziswa kumazwe ali-13, aquka i-China, i-India, i-Kenya kunye ne-Nigeria.

ULuhlu lwezaKhono eziNqongopheleyo oluhlaziyiweyo sele lupapashiwe okokuqala ukusuka ngowama-2014. Oku kwenzeka emva komsebenzi ubuqwalasela ubucukubhede obuninzi kunye neendibano ezininzi ebezibanjwe namashishini kunye necandelo labasebenzi. Olu luhlu luhlaziyiweyo lubonakalisa izakhono ezinqongopheleyo namhlanje, ukuqinisekisa ukuba umgaqo-nkqubo wethu wezemfuduko uhambelana nezinto ezifunekayo kuqoqosho lweli lizwe.

Iphulo elibanzi lokuqwalasela indlela esebenza ngayo le nkqubo ye-visa liyaqhuba sithetha nje, kwaye likhokelwa ngulowo wayesakuba nguMlawuli-Jikelele weMicimbi yezeKhaya, uMnu Mavuso Msimang.

Lo msebenzi uza kuquka ukujonga ukuba akunabakho manqanaba matsha na e-visa anokuncedisa kuhlumo loqoqosho, afana ne-Visa yamashishini asaqalayo kunye ne-visa yokusebenzela ngaphandle kwelizwe.

Amanzi bubutyebi bendalo obubaluleke kakhulu kweli lizwe.

Abaluleke kwizidalwa, kuphuhliso nakuhlumo loqoqosho.

Yiyo loo nto siwukhokelise phambili umba wokwenza iinguqu kumaziko asebenza kweli candelo ukuqinisekisa ukuba siza kuhlala sinamanzi oneleyo, kukho utyalo-mali kwicandelo lamanzi futhi neziseko zamanzi ezikhoyo ngoku ziyalungiswa.

Siqalise inkqubo yokwenza iinguqu kumaqumrhu ngokuthi sixhobise iSebe lezaManzi noGutyulo (i-DWS) kunye nokuphononongwa kwamagunya eebhodi zezamanzi kwanokuqinisekiswa ukuba zinceda oomasipala zilandela le Nkqubo iKhokelisa iziThili kuPhuhliso (i-DDM).

Ezi nguqu zikhokelwa nguMphathiswa wezaManzi noGutyulo, osele ehambele zonke iindawo ezinemithombo yamanzi kweli lizwe.

Isicwangciso esibanzi sokuphucula indlela yokusebenza siqalisiwe ukusetyenziswa ukuze kuphuculwe inkqubo yokufakwa kwezicelo zelayisenisi yamanzi. Eyona njongo kukuba ithi ifika inyanga yeSilimela yowama-2022 zibe zigqityiwe ezi zicelo zininzi zingekachathwa kuze kusetyenzwe i-80% yazo zonke izicelo zingaphelanga iintsuku ezingama-90 kulo nyaka-mali uzayo.

Sele uqulunqiwe umthetho wokulungiselela ukusekwa kwe-Arhente yeziSeko ezinguNdoqo zeMithombo yaManzi, kwaye uza kupapashwa ingaphelanga le nyanga izayo ukuze uluntu luhlomle.

Inkqubo yokuhlola umgangatho wamanzi iphinde yamiselwa ukuphucula amaphulo okuqinisekisa ukuba iyathotyelwa imithetho elawula umgangatho wamanzi koomasipala, futhi igunyazisa i-DWS ukuba ingenelele xa zingahambi kakuhle iinkonzo zamanzi nogutyulo.

Siza kuwuphonononga umgaqo-nkqubo nemithetho elawula ukuveliswa kwentsangu nomya ngemithamo emikhulu ukuze sikwazi ukuvula amathuba anokuza notyalo-mali kunye nawukudala imisebenzi.

Nangona ikho imfuneko yeenguqu kuqoqosho ukuze sikwazi ukuvuselela uhlumo loqoqosho, azinakunceda zizodwa.

Kulo nyaka siza kuqalisa amanyathelo abanzi okunika amathuba amashishini amancinci, amashishini amancinane kunye namashishini angabhaliswanga ngokusesikweni.

La mashishini ngawo adala eyona misebenzi mininzi kwaye ikwangawo nanamathuba amaninzi okuba abantu abasokolayo bakwazi ukuzenzela ingeniso.

Sele siziqalisile iingxoxo namahlakani wethu ezentlalo njengenxalenye yenkqubo yesivumelwano sezentlalo yokuqwalasela ngokutsha imithetho elawula icandelo lezabasebenzi kumashishini amacinci ukuze akwazi ukuqesha abantu abaninzi, ngeli thuba eqhubeka nokukhusela amalungelo abasebenzi.

Isibonelelo semali-mboleko esitsha siza kuqalisa ukunceda amashishini amancinci ukuba akwazi ukuphuma kwiinzima aziphathelwe ngubhubhane kunye nezixholo-xholo zoluntu.

Esi sibonelelo siza kubandakanya amaziko ezimali zophuhliso kunye nababoneleli zi-SME angezobhanki ekuboneleleni ngemali, ukwandiswa inani leentlobo zenkxaso-mali ezikhoyo kunye nokwenziwa kohlenga-hlengiso kwizinto ezifunekayo kwabo bafaka isicelo ukuze linyuke inani labantu abaza kuxhamla.

UNondyebo weSizwe usebenzisana namahlakani wakhe kwicandelo lezezimali ukuqukumbela esi sibonelelo kwaye uza kunikezela iinkcukacha kungekudala.

Siphonononga uMthetho wezaMashishini, wowe-1991 (uMthetho uNombl 71 wowe-1991) – kunye nolunye uphononongo olubanzi lwemithetho echaphazela amashishini amancinci, aphakathi namancinane (ii-SMME) – ukuphungula uthotho lwemithetho ekufuneka ithotyelwe ngamashishini angabhalisanga ngokusemthethweni.

Mininzi kakhulu imithetho eyenza izinto nzima kungekho mfuneko, etyabula imali futhi nekungalulanga ukuyithobela. Oku kuthintela iinkampani ukuba zingakhuli zize zidale imisebenzi.

Ngenxa yoko senza konke ukuphucula iimeko amashishini amakhulu namancinci arhweba phantsi kwazo ngokuthi sisebenzise icandelo eliza kujongana nalo msebenzi wodwa eliza kuba kwi-Ofisi kaMongameli ukuphungula ubucukubhede obufunwa ngabasemagunyeni.

Ukuze sikwazi ukuphumelela kumalinge wethu okuphungula ubucukubhede bobasemagunyeni obuwalibazisa gqithi amashishini, kufuneka siseke icandelo eliza kwenza lo msebenzi futhi silinike zonke izixhobo ezifunekayo ukuze lenze utshintsho.

Ngenxa yoko ndibeke uMnu Sipho Nkosi ukuba abe yintloko yeqela eliza kuba se-ofisini yam eliza kujongana nokuphungula ubucukubhede obuninzi obufunwa ngabasemagunyeni kuwo onke amaqoqo karhulumente.

UMnu Nkosi ungumakhwekhwetha onamava kwicandelo lezoshishino. Amava wakhe aquka ukubamba isikhundla sokuba yi-CEO e-Exxaro Resources, kwaye ngoku ungusihlalo we-Small Busines Institute.

Eli qela liza kujongana nokususa ubucukubhede obugqithisileyo bobasemagunyeni liza kukhangela izinto ekufuneka kuqaliswe ngazo kulo nyaka umiyo, eziquka ukuqinisekisa ukuba amasebe karhulumente awabhatala lingakapheli ixesha elimiselweyo leentsuku ezingama-30 amaqumrhu abonelela ngeenkonzo.

Eli qela liza kusebenzisana namanye amasebe kunye nee-arhente ukususa imiqobo ethile ethintela utyalo-mali kunye nokukhula kwamashishini. Liza kuxhasa la maphulo sele ekhona okwenza ibe lula inkqubo yokubhalisa ipropati, urhwebo olwenziwe namanye amazwe kunye namaphepha-mvume ezokwakha.

Iziseko ezingundoqo zibalulekile kwiphulo lethu lokwakha ngokutsha nokuhlaziya uqoqosho.

Ngokusebenzisa iindlela ezihlakaniphileyo zokuxhasa ngemali kunye nokuqesha abasebenzi abanezakhono, siwukhokelise phambili umba weeprojekthi zeziseko ezingundoqo eziza kuxhasa uhlumo loqoqosho ziphucula neempilo zabantu, ingakumbi iziseko ezingundoqo zombane, iindlela kunye nezolawulo lwamanzi.

Onke la malinge aza kuxhomekeka kakhulu kwiNgxowa-mali yeziSeko ezinguNdoqo, eza kwabelwa ngurhulumente imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-100 kule minyaka ili-10 izayo.

Le ngxowa-mali ngoku isebenzisana namaqumrhu ombuso ukwenza uluhlu lweeprojekthi ezixabisa imali emalunga neebhiliyoni zeerandi ezingama-96. Ezi projekthi ziquka iindawo zokuhlala abafundi, izindlu ezisisibonelelo, iziseko ezingundoqo zonxibelelwano, ezamanzi nogutyulo kunye nezecandelo lezothutho.

Iiprojekthi ezahlukeneyo zokuhlakulela ezi zinkulu zizayo ezixabisa imali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-21 kulindeleke ukuba ziqalise kulo nyaka. Kule imali, iibhiliyoni zeerandi eziyi-2.6 isuka kurhulumente enye yona iza kuphuma kumashishini abucala nakumaziko abolekisa ngemali yophuhliso.

Urhulumente uza kugalela imali yokuqala eyibhiliyoni yeerandi eyi-1.8 kwiziseko ezingundoqo ezikhulu, into leyo iza kuvulela iiprojekthi zecandelo labucala ezisixhenxe ezixabisa imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-133.

Kwizigidi zabemmi boMzantsi Afrika abasemaphandleni, iindlela neebhulorho zibanceda ukuba bakwazi ukuya kwiindawo zokuthengisa iimveliso zabo, kwiindawo ezinamathuba emisebenzi nakwiinkonzo zentlalo.

Kodwa, abantwana abaninzi kusanyanzeleka ukuba bawele imilambo ephuphumayo kukugcwala xa besiya esikolweni futhi nabaqhubi kufuneka baqhube iimoto zabo kwiindlela ezimbi xa besiya ezidolophini.

Ngenxa yoko siza kuyandisa inkqubo yokwakhiwa kweebhuloro emaphandleni, i-Welisizwe Rural Bridges Programme itsho yakhe iibhuloro ezingama-95 ngonyaka endaweni yezili-14 ezakhayo ngoku ngonyaka.

UMkhosi wezoKhuselo weSizwe woMzantsi Afrika (i-SANDF) nguwo oza kukhokela eli phulo leWelisizwe, kwaye usibonisile ukuba iinjineli zawo zezokwakhiwa kweebhuloro ngamagcisa anezakhono ezikwizinga eliphezulu.

Ekuqaleni kwale veki, bendikwilali yaseThakgalane eLimpopo ukuyovula ngokusesikweni indlela ibisandula ukwenziwe eza kuba luncedo kakhulu kubantu belali ezimelene neThakgalane. Le ndlela yenziwe ngezitena ezincinci kunye nezinye izixhobo zokwakha iindlela. Iindlela ezakhiwe ngolu hlobo zomelele futhi kuyakhawuleza kungatyabuli namali ininzi ukuzenza.

Le nkqubo yokwenza iindlela zasemaphandleni iza kusebenzisa abasebenzi abaninzi futhi iza kwakha iindlela zasemaphandleni ezizikhilomitha ezingama-685 ubude kule minyaka mithathu izayo. Le nkqubo isisibonelelo iza kwakha iindlela eLimpopo naseMpuma Koloni, ukufaka itha kwiindlela zegrabile eFreyistatha naseMntla Ntshona, kuze kulungiswe futhi kuphuculwa iindlela eNtshona Koloni.

Urhulumente sele eqalise inkqubo yokwakha i-uMzimvubu Water Project.

Le projekthi iquka iDama laseNtabelanga, elaseLalini, imibhobho yokunkcenkceshela kunye nomzi-mveliso wokuphehla umbane ngamanzi, iziko lokucoca amanzi laseNtabelanga kunye nedama elikhulu lokuhambisa amanzi aya ebantwini ukuze kufakelwe iilali ezikufutshane amanzi.

Umhla wokugqibela wokungeniswa kwezicelo zesigaba sokuqala senkqubo yokuthenga enezigaba ezibini kucetywe ukuba ube semaphelweni ale nyanga, lize iqumrhu eliphumeleleyo libhengezwe ngenyanga yoMsintsi yowama-2022.

Urhulumente uqalisa inkqubo ehlakaniphileyo neqiqileyo yokwakha iziseko ezingundoqo zentlalo ukuze kususwe le miqobo ichaphazela inkqubo yokwakhiwa kwezikolo.

Le nkqubo iza kulungisa iingxaki eziquka isantya sokwakha, imali kunye nenkxaso-mali, umgangatho wezikolo ezakhiwayo, ukuqeshwa kwabantu abaninzi kunye nokulungiswa kwezikolo.

Le nkqubo intsha yokwakha iziseko ezingundoqo iza kuza neQumrhu Elikhethekileyo eliza kusebenzisana namaZiko eziMali zoPhuhliso awaziwayo kunye namashishini abucala, ukuze kuqhutywe iinkqubo yokwakhiwa kweziseko ezingundoqo zezikolo.

Sithetha nje eli cebo liyalingwa ezikolweni eMntla Koloni naseMpuma Koloni.

Kulo nyaka uphelileyo, urhulumente uqulunqe ngempumelelo isicwangciso-qhinga se-Hydrogen SA into eyenze ukuba uMzantsi Afrika ube lilizwe elihamba phambili kwihlabathi kweli candelo litsha.

Oku kuquka ukuqulunqwa kwe-Hydrogen Society Roadmap yale minyaka ili-10 izayo kwaye ne-Green Hydrogen Strategy yaseMntla Koloni, ngeenjongo zokuxhasa iiprojekthi zehaydrojini engenabungozi kokusingqongileyo exabisa imali emalunga neebhiliyoni zeerandi ezingama-270.

Umonakalo owenziwa kukubiwa kweenkcenkce neentsimbi ezindala neentambo zombane kwiziseko zethu ezingundoqo zombane, koololiwe nakwezinye iinkonzo ezibalulekileyo mkhulu kakhulu. Siza kuthatha amanyathelo angqingqwa kulo nyaka ngokunyanzelisa ukuthotyelwa komthetho kunye nokuqwalasela namanye amanyathelo anxulumene nokuthengiswa okanye ukuthunyelwa kumazwe angaphandlela kweenkcenkce neentsimbi ezindala.

Umba obalulekileyo kwi-ERRP yethu kukuvuselela icandelo lezemizi-mveliso size sidale neenkampani ezirhweba namazwe ehlabathi ezikwaziyo ukumelana nokhuphiswano.

Kulo nyaka uphelileyo, sipapashe isicwangciso esingundoqo secandelo lesinyithi, esecandelo lefenitshala kunye neenkonzo zoshishino zehlabathi.

Ngokusebenzisa ezi zicwangciso, amashishini, urhulumente kunye nabasebenzi bayasebenzisana ukuze kwandiswe umthamo weemveliso kuze kudalwe nemisebenzi kweli ncandelo.

Kwicandelo lezempahla, iivenkile ezinkulu ezininzi sele zibhengeze izicwangciso zokuthenga umthambo omkhulu weemveliso kwiinkampani zalapha ekhaya.

Enye yezi venkile, nguFoschini, ondithungele le suti ndiyinxibileyo namhlanje kwifektri yakhe yeempahla zikanokutsho, i-Prestige Epping.

Kwiminyaka emihlanu eyadlulayo, iimpahla zika-Foschini Group wonke ezingaphezulu kwe-80% bezithengwa kumazwe aseMpuma. Kodwa ngoku, iimpahla eziphantse zibe sisiqingatha zenziwa apha ekhaya.

Ezi zihlangu zofele loqobo ndizinxibileyo zenziwe ngabasebenzi abangamalungu e-National Union of Leather and Allied Workers base-Bolton Footwear eKapa nase-Dick Whithington Shoes eMgungundlovu.

Kwisithuba esimalunga neminyaka emine eyadlulayo, sazibekela ukuba siza kuqokelela imali eyitriliyoni yeerandi eziyi-1.2 kumaphulo amatsha otyalo-mali kule minyaka mihlanu izayo.

Kwathi kufika iNkomfa yoTyalo-mali yoMzantsi Afrika yesithathu ngenyanga yeNkanga ngowama-2020, zabe izithembiso zotyalo-mali esizifumeneyo sele zifikelele kwimali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-776.

Kule nyanga izayo, ngomhla wama-24 kweyoKwindla, ziza kubamba iNkomfa yoTyalo-mali yaseMzantsi Afrika eRhawutini.

Siza kubonisa oongxowankulu amacandelo amaninzi ekunokutyalwa kuwo imali njengoko uMzantsi Afrika uthe ngcembe uqingqa futhi uswabuluka emva kokuthwaxwa kanobomi ngubhubhane we-COVID-19, size sinike neengxelo malunga neendlela eziqhuba ngazo izithembiso ezazenziwe ngaphambili.

Kulandela izindululo ezithatyathwe kwiNgqungquthela yeMbumba ye-Afrika ebibanjwe kule mpelaveki siyishiyayo, urhwebo ngoku lungaqala ngokwesivumelwano soMmandla weLizwekazi le-Afrika ongaHlawulisani iRhafu yoRhwebelwano (i-AfCFTA).

Iinkampani zoMzantsi Afrika ziza kuxhamla kakhulu kula mathuba eza nesi sivumelwano sivulela zona kuqala amathuba okurhweba namazwe ase-Afrika.

Esi sivumelwano se-AfCFTA simalunga nokubaluleka kokuba i-Afrika izithathele izigqibo ngokwayo ngendlela efuna ukwenza ngayo izinto kunye nokukhuliswa koqoqosho lwamazwe ase-Afrika ngokukhawuleza.

Siza kuqhubeka nomsebenzi wokuqinisekisa ukuba icandelo lezempilo e-Afrika lilawulwa ngama-Afrika, kodwa oku siza kwenza sisebenizisana namanye amazwe ase-Afrika kunye namahlakani ehlabathi ukuxhasa iinkqubo zokuphucula izakhono zeli lizwekazi zokukwazi ukulwa oobhubhane.

Siza kuba ngathi siyawaqinisa amalinge ethu okunceda i-Afrika ikwazi ukuzenzela awayo amayeza okugonya.

Mhle kakhulu umsebenzi osele siwenzile apha e-Afrika.

Kukho iinkampani ezimbini zalapha eMzantsi Afrika – u-Aspen kunye no-Biovac – ezityikitye izivumelwano zokuvelisa amayeza okungonyela i-COVID-19. Sele kubhengezwe nezinye iiprojekthi ezimbini zokuvelisa amayeza okugonya.

Ukongeza, ngoku sinazo iinkampani apha ekhaya ezivelisa oomatshini bokuphefumlisa, izibulali-ntsholongwane, izigqubutheli-buso  ezikumgangatho ofunekayo wezonyango kunye neeglavu kunye namayeza okunyanga izifo nawokudambisa iintlungu.

Ezi nkampani zokuvelisa zivelisa iimveliso ezixabiso iimali ezibhiliyoni zeerandi ngonyaka, zakhiwe kwisithutyana esingaphantsi kweminyaka emibini.

Iimveliso zoMzantsi Afrika sele zithunyelwa nakumanye amazwe ase-Afrika, into leyo ibangele ukuba zibe nabantu abazithengayo ngolo hlobo kudaleke imisebenzi yabantu abatsha eMzantsi Afrika.

Ngelixa sinceda amashishini asele eqhuba ukuba akhule, sikwawanceda nala matsha ukulungiselela ukuba ancede kuhlumo nemisebenzi.

Urhulumente kunye namashishini abucala basebenzisana kakhulu ukukhulisa icandelo leenkonzo zoshishino zehlabathi lisuke ekubeni liqedlana leenkampani ezimbalwa liye ekubeni lelinye lamacandelo aphambili ehlabathini.

Icandelo leenkonzo zoshishino zehlabathi lisendleleni ngoku eya ekudaleni imisebenzi emitsha engama-500 000 kule minyaka imbalwa izayo.

Icandelo lentsangu yokusetyenziswa kwezamayeza kunye nomya lingakwazi ukudala imisebenzi emitsha engaphezulu kwama-130 000.

Ngenxa yoko sizama ukuphucula imithetho elawula eli candelo into leyo iza kwenza ukuba eli candelo lihlume libe likhulu njengoko kunjalo kwamanye amazwe afana neLesotho.

Abantu bakuthi kwiphondo laseMpuma Koloni, elaKwaZulu-Natal nakwezinye iindawo sele bewenze onke amalungiselelo okuqalisa ukulima esi sityalo sakudala arhwebe ngaso esebenzisa iindlela ezintsha zokuthengisa zale mihla.

Icandelo lezentlalo, eliquka uphuhliso lwabantwana abasaqalayo, icandelo labongikazi, elobunontlalontle kunye nelenkonzo zoluntu, lingaluncedo kakhulu hayi nje ekudaleni imisebenzi yodwa koko nasekunikezeleni ngeenkonzo ezibalulekileyo eluntwini.

Amanye amacandelo ekudala eqhuba eli lizwe nawo kuninzi anokunceda ngako kumalinge okuhlaziya ushishino kunye nemizi-mveliso yelizwe lakuthi.

Icandelo lezolimo nalo kuninzi elinokwenza ukuncedisa kumalinge okudala imisebenzi kwizilimo ezifana neziqhamo zesitrasi, iidiliya eziluhlaza neziqwayitiweyo, iziqhamo zamazantsi etropiki, ii-avocado, iziqhamo eziluhlobo lwamaqunube neentlobo zamantongomane ezahlukeneyo.

Isicwangciso esikhulu secandelo leswekile nesecandelo lezilwanyana ezibuntaka zibe negalelo kakhulu kumba wokunyuka kotyalo-mali, kumthamo wemveliso kunye nesantya seenguqu.

Ukuze sitsale abatyali-mali kwicandelo lezimbiwa ezifunekayo kolu hlobo lutsha loqoqosho lwehlabathi, kungekudala siza kuqukumbela isicwangciso-qhinga sethu sokuzingelwa kwezimbiwa.

Siza kuqhubeka sixhasa uphuhliso lweenkampani ezivelisa irhasi, njengoko zinokudala imisebenzi emininzi futhi zincedise nakuphuhliso loqoqosho ngokubanzi.

Siza kuqinisekisa ukuba xa kusenziwa oku ayophulwa imithetho yeli lizwe ngokubanzi kunye nale inxulumene nezokusingqongileyo, kuze kuthi apho kukho ukungavisisani, sisebenzisane silungise loo nto ibangela imbambano sisenzela isizwe sakuthi nabantu baso.

Ilizwe lakuthi likuwona mmandla uthwaxwa kakhulu yingxaki yokuguqu-guquka kwemozulu.

Zixhaphakile apha kweli izinto ezifana nembalela, izikhukhula kunye nezinye iimeko zemozulu embi kakhulu ezayanyaniswa nokunyuka kwamaqondo obushushu emhlabeni. Kutsha nje izikhukhula zithwaxe amaphondo amaninzi, aquka elaKwaZulu-Natal, elaseGauteng nelaseMpuma Koloni.

Sele zenze umonakalo omkhulu kwiziseko ezingundoqo nasebantwini.

Kulo nyaka uphelileyo, mkhulu kakhulu umsebenzi esiwenzileyo kwidabi lokulwa utshintsho lwemozulu, saze ngaxeshanye, saqinisekisa uqoqosho lwethu luyakwazi ukumelana nokhuphiswano.

Okokuqala ezimbalini, umyinge esizibekele wona wokulwa uguqu-guquko lwemozulu uyahambelana nalo wokuphungula iqondo lobushushu nge-1.5°C.

Avumelene ngalo eli liqondo onke amazwe kwisiVumelwano seMozulu saseParis, kwaye libalulekile ukuthintela umonakalo ombi kakhulu onokwenziwa luguqu-guquko lwemozulu.

Ukususela oko ndaseka iKhomishini kaMongameli yeMozulu, kwisithutyana nje esingangonyaka esidlulileyo, sele yenze umsebenzi omninzi wokuxhasa amalinge okuqinisekisa ukutshintshela kuqoqosho oluzinzileyo, oluquka wonke umntu, olukwazi ukunyamezela nelingavelisi ikharboni eninzi.

Kwinkomfa yehlabathi yemozulu ibibanjelwe eGlasgow ngenyanga yeNkanga kulo nyaka uphelileyo, uMzantsi Afrika watyikitya isivumelwano esiyimbali semali ezibhiliyoni zeerandi ezili-131 kunye neMbumba yaseYurophu (i-EU), i-France, i-Germany, i-United Kingdom kunye ne-United States.

Esi sivumelwano sentsebenziswano sisesokuqala ezimbalini siquka umsebenzi wokutshintsha iindlela ebisebenza ngayo kunye neemveliso zayo imigodi yamalahle esele iphelelwa bubutyebi bawo, kuze kudalelwe amathuba amatsha okuziphilisa abasebenzi kunye nemimandla ethwaxwa kakhulu lolu tshintsho.

Ukuze siqinisekise ukuba uMzantsi Afrika uxhamla kangangoko kwesi sivumelwano nakwezinye ozityikityileyo, ndiqashe uMnu Daniel Mminele, owayesakuba nguSekela-Rhuluneli weBhanki enguVimba, njengeNtloko yeQela likaMongameli leziMali zeMozulu apho aza kukhokela amaphulo okuqokelela imali eza kuncedisa kwinkqubo yokutshintshela kuqoqosho olungenzi monakalo kokusingqongileyo.

Ukuba le nkqubo yokutshintshela kuhlobo olutsha lwamandla ingaqhutywa ngobunono, singaxhamla kuyo sonke.

Ukuveliswa kwamandla ahlaziyekayo kuza kuthoba ixabiso lombane futhi kwenze nombane ungamane ucima, kwaye kuza kunceda amashishini eli lizwe akwazi ukukhuphisana nawamanye amazwe ehlabathi.

Ukutyala imali kwizithuthi ezihamba ngombane kunye nehaydrojini kuza kunceda uMzantsi Afrika ukwazi ukuvelisa amandla angenzi monakalo kokusingqongileyo angawo aza kusetyenziswa lihlabathi ngomso.

Siza kukwazi ukwandisa icandelo lethu lezemigodi ngokuthi sigxininise kwizimbiwa ezingundoqo ezibaluleke kakhulu kuhlobo lwamandla angenabungozi kokusingqongileyo, ezifana neplatinam, i-vanadium, i-cobalt, ikopolo, i-manganese kunye ne-lithium.

Kwaye sinethuba elihle kakhulu lokuxhamla kwihaydrojini engenabungozi kokusingqongileyo, njengoko sineziseko ezikwizinga lehlabathi zokwenza amandla ombane ngemitha yelanga nangamaphiko omoya kunye nobuchwepheshe obuveliswe apha ekhaya kunye neengcali ezikwaphekwe apha ekhaya.

Onke la manyathelo – ukusuka kwiinguqu kwindlela olwakheke ngayo uqoqosho ukuya kwinkxaso yee-SMME, utyalo-mali kwiziseko ezingundoqo kunye nokuvela kwamacandelo amatsha – aza kukhokela amaphulo ethu okutshintsha ngokukhawuleza isantya oluhamba ngayo uhlumo loqoqosho aza kuqhutywa luhlumo lwamashishini abucala kule minyaka izayo.

Nangona kunjalo siyazi ukuba nokuba iimeko zokushishina sele zivuma kangakanani na futhi nesantya sohlumo loqoqosho siphezulu kakhulu, kuza kuthatha ixesha phambi kokuba amashishini abucala akwazi ukudala imisebenzi eyaneleyo eza kuthathwa zizigidi zabemmi boMzantsi Afrika abayifuna ngabomvu.

Injongo zethu kukuba kungabikho mntu ushiywa ngasemva.

Yiyo loo nto siyinabisayo inkqubo yokuqesha kurhulumente nakwicandelo lezentlalo.

Izigaba ezibini zokuqala zeenkqubo zikaMongameli yokuVuselela iMisebenzi, ezoqala ngokusesikweni ngenyanga yeDwarha yowama-2020 sele zidale amathuba angama-850 000.

Abantu abangaphezulu kwe-80% kwabathathe inxaxheba ibingabantu abatsha, baze abangaphezulu kwama-60% ibe ngabantu basetyhini.

 

Le nkqubo incede abantu basetyhini abafana no-Tracy Nkosi wase-Springs, obesebenza njengotitshala ongumncedisi kwisikolo iWelgedag Primary, othi eli thuba limnike umdla wokuba afundele ikhondo lokufundisa.

Incede noMama uNosipho Cekwana waseMpendle kwiphondo laKwaZulu-Natal othe wasebenzisa ivawutsha yakhe yezolimo wathenga umbona, isichumisi kunye namayeza emfuyo yakhe.

Inani labantu abaxhamle kwezi nkqubo bebonke liza kunyuka kungekudala liye kwisigidi sabemmi boMzantsi Afrika.

Aba bantu baquka abantu abatsha abasisiqingatha sesigidi abaqeshwe njengootitshala abancedisayo, into leyo eyenze ukuba le ibe yeyona nkqubo inkulu yokuqeshwa kolutsha ezimbalini kweli lizwe.

Isibonelelo semisebenzi siza kunceda iSebe leMicimbi yezeKhaya ukuba liqashe abantu abatsha abangasebenziyo abangama-10 000 abaza kufaka kwikhompyutha ulwazi olubhalwe emaphepheni, ngolo hlobo bafunde izakhono ezitsha befaka negalelo kumalinge okwenza iinkonzo zemicimbi yabemmi zibe zezale mihla.

I-Social Employment Fund iza kudala amathuba emisebenzi engama-50 000 isebenzisa ubuxhaka-xhaka bamashishini angekho phantsi kukarhulumente, kumacandelo afana nelezolimo ezidolophini, kwicandelo lokuphuhliswa kwabantwana abaselula, ubugcisa bukawonke-wonke kunye nokulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini.

Ukongeza kumaphulo okwandisa inani labantu abaqeshwe ngurhulumente, sinika inkxaso abantu abatsha ukwenzela ukuba bakulungele ukungena emisebenzini size sibadibanise neendawo ezinamathuba emisebenzi.

Ukuze sikhuthaze amashishini amancinci ukuba aqeshe, siza kwandisa isixa size senze inkqubo yokuchonga iinkampani eziza kufaneleka ukuba zixhamle kwiSaphulelo seRhafu yeNgqesho ivumele iinkampani ezininzi.

Sele kuyiminyaka emininzi ngoku, le ndlela iyeyona isebenzayo yokukhuthaza iinkampani ukuze ziqeshe abantu abaninzi. Utshintsho olwenziweyo kwesi sibonelelo luza kwenza kube lula ingakumbi kumashishini amancinci ukuba aqeshe abantu abatsha.

UMphathiswa wezeMali uza kubhengeza iinkcukacha zezi zinto ziza kutshintshwa kwintetho yakhe yohlahlo lwabiwo-mali.

Siyazicela iinkampani ukuba zilixhase eli linge, zisithathe esi saphulelo zize zinike abantu abatsha imisebenzi.

Ikhasi elibizwa ngokuba yi-SAYouth.mobi labantu abatsha abakhangela imisebenzi nelibanika amathuba nenkxaso ngoku linabantu abatsha abangabemmi boMzantsi Afrika abangephezulu kwizigidi eziyi-2.3 ababhalise kulo.

Kwaba bantu batsha, abangama-600 000 sele bezifumene izithuba zomsebenzi.

INkonzo yeSizwe yoLutsha ehlaziyiweyo iza kuqesha iqela lokuqala labantu abatsha abangama-50 000 kulo nyaka uzayo, idalele abantu abatsha amathuba okuba benze igalelo kwiindawo abahlala kuzo, iphuhlise izakhono zabo ize iphucule namathuba wabo okuba bafumane imisebenzi.

ISebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho liza kuqesha abantwana abangama-10 000 abaphumelele izifundo kwiikholeji ze-TVET ukusuka ngenyanga kaTshazimpunzi yowama-2022.

Ngethuba ndibhala le-SoNA, ndincediswe ngabemmi boMzantsi Afrika ababini abangabantu abatsha abasebenza njengabafundi abaqeqeshwa besemsebenzini kwi-Ofisi kaMongameli, uNks Naledi Malaji kunye noNks Kearabetswe Mabatle.

Baya bandixelela ngentlungu yabantu abatsha abathi ngoku sele beyifunde bayityekeza kodwa kubenzima ukufumana umsebenzi ngenxa yokuba bengenamava.

Le nto iye inyanzelise ukuba umntu abambe kwasithuba somsebenzi sivelayo nokuba eso sithuba asinanto yakwenza nale nto ebeyifundele.

Onke la manyathelo ndiwakhankanyileyo abalulekile kuba anika abantu abatsha amathuba okuba bafumane amava omsebenzi into leyo ilinyathelo lokuqala elifunekayo ukuze umntu akwazi ukufumana umsebenzi.

Sihlaba ikhwelo kwiinkampani zabucala ukuba zixhase la manyathelo - futhi zithi apho zinako, zinganyanzelisi ukuba umntu kufuneka abe namava ukuze zimqeshe – zinike abantu abatsha abaninzi kangangoko ithuba lokuba umntu afumane umsebenzi wakhe wokuqala.

Njengokuba sisebenza sizama ukukhulisa uqoqosho futhi sidale nemisebenzi, siza kuyandisa inkxaso esiyinika iintsapho ezingathathi ntweni ukuze siqinisekise ukuba akukho mntu kweli lizwe oza kuba sisigculelo sentlungu yokuthwaxa yindlala.

Inkqubo yethu yezibonelelo zikarhulumente iyenye yezinto ezintle nezenza ilunda zalo rhulumente ulawulwa ngokwentando yesininzi, kwaye ixhanyulwa ngabantu abangaphezulu kwezigidi ezili-18 rhoqo ngenyanga.

Ukuba ibingekho le nkxaso, izigidi zabantu ngezityiwa yindlala.

Ukususela oko kwathi kwafika i-COVID-19, isiBonelelo sezeNtlalo sokuLwa iNtsokolo sincede abantu abangaphangeliyo abangaphezulu kwezigidi ezili-10 ababesesichengeni sokubangamaxhoba awayeza kushiywa elusizana ngula bhubhane.

Abanye abantu le mali bayisebenzisela ukuziqalela amashishini.

UMnu Thando Makhubu waseSoweto wafuma esi sibonelelo sama-R350 isithuba esizinyanga ezisixhenxe kulo nyaka uphelileyo, waze wayigcina wavula ivenkile ethengisa i-ayisikhrimu ekungoku nje eqeshe abantu abane.

UMnu Lindokuhle Msomi, umvelisi we-TV ongasebenziyo waKwaMasua Hostel, wazigcinela isibonelelo sama-R350 awasifumana iinyanga ezisithoba wazenzela isikroxwana sokutya ezama ukuba usapho lwakhe lufumane into esiwa phantsi kwempumlo.

Nangona esi sibonelelo senze umahluko, kodwa kufuneka sivume ukuba itasi yesizwe isebunzimeni.

Ingxaki yokoshokexeka kwemali yombuso ingababetha kakhulu abantu abangathathi ntweni ngoba iinkonzo ezisisiseko ezi baxhomekeke kuzo nazo ziza kushokoxeka.

Kuba siqonda ukuba esi sibonelelo sama-R350 siluncedo kakhulu, siza kuqhuba sisihlawula omnye unyaka, kude kube sekupheleni kwenyanga yoKwindla yowama-2023.

Ngeli xesha lishiyekileyo, siza kubamba iindibano zokubonisana ezininzi futhi senze nophando olunzulu sifuna elinye icebo elinokungena endaweni yesi sibonelelo.

Nasiphina esinye isibonelelo esizayo kufuneka sikhutshwe emva kokuba kuqinisekisiwe ukuba urhulumente uza kukwazi ukumelana naso kwaye kufuneka kungachaphazeleki iinkonzo ezisisiseko ngenxa yaso okanye ibe sisibonelelo esiza kusuka siphele esithubeni, singawuzalisekanga umsebenzi waso.

Kona kuliphupha lethu ukuba naso isibonelelo sokunceda abantu abasokolayo bakwazi ukuzifunela izinto ezingundoqo zemihla ngemihla

Ukunika umhlaba abantu abaninizi kubalulekile kumalinge ethu okulwa indlala nokunika abantu impilo engcono.

Siyaqhuba nephulo lethu lokubuyiswa komhlaba silandela imimiselo yoMgaqo-siseko, kwaye sinethemba lokuba uza kwamkelwa uMthetho wokuThathwa Ngaphandle kweNtlawulo kulo nyaka.

Ukusekwa kwe-Arhente yoPhuhliso lwezoLimo nokuBuyiswa koMhlaba kuza kugqitywa kulo nyaka.

ISebe leMisebenzi kaRhulumente neziSeko zoPhuhliso liza kuqukumbela umba wokukhutshelwa komhlaba karhulumente ozihektare ezingama-14 000 kwi-Arhente yoPhuhliso lweziNdlu.

Sinomhlaba otyebileyo owaneleyo onokusetyenziswa zizigidi zamafama asakhasayo kwicandelo lezilwanyana ezibuntaka, kwelemfuyo, kweleziqhamo nakwelezemifuno.

Sisebenzisa iNkqubo kaMongameli yokuVuselela iMisebenzi kunye neNgxowa-mali yoManyano, amafama angaphezulu kwama-100 000 sele efumene iivawutsha zokuqala ishishini ukuze andise amashishini awo.

Esi sikimu siluncedo ngenene futhi senze umahluko omkhulu.

Icandelo lezolimo nalo liyakuqonda ukubaluleka komba wokuxhasa amafama asakhasayo nokuba nawo afakwe njengemanye amaqumrhu arhwebayo kwicandelo lezolimo.

Ngokusebenzisa isicwangciso esikhulu seswekile, eli candelo libonelele amafama asakhasayo oommoba angama-12 000 ngemali ezizigidi zeerandi ezingama-225 njengenxalenye yezithembiso elalizenzile zokuxhasa amafama amnyama.

Siza kusinabisa esi sibonelelo seevawutsha zokuthenga izinto zokuqala ishishini kwaye sicela namanye amacandelo ukuba angenelele kweli phulo, ukuze sikwazi ukuba sisebenzisane size sixhase amafama asakhasayo anokude abengama-250 000 kulo nyaka.

Akukho nalinye ilinge lokukhwezela uqoqosho elinokuba yimpumelelo ukuba asisiphuli neengcambu esi sihelegu sorhwaphilizo.

Ukusuka ekuqaleni kwalo nyaka, sele ndinikwe iziqendu ezibini zengxelo yeKhomishini yoPhando ngokuBanjwa kukaRhulumente ngoBhongwane ekhokelwa liBambela-Jaji eyiNtloko uRaymond Zondo.

Nagona sisalindele ingxelo epheleleyo ecacisa phandle eza kufika ekupheleni kwale nyanga, ezi ziqendu zibini sele sizifumana zingqina phandle ukuba ngenene urhulumente wayebanjwe ngobhongwane.

Oku kuthetha ukuba amaqumrhu karhulumente kunye neenkampani zombuso (ii-SOE) zazingenelwe liqela labantu abangamatutu enza izenzo zolwaphulo-mthetho ababefungele ukuba imali karhulumente bayitye bodwa.

Ezi ziqendu zinike ingcaciso egcweleyo malunga nomonakalo walo mkhuba ungekho mthethweni ku-South African Airways, i-Transnet, i-Denel, iZiko loMzantsi Afrika leNgeniso (i-SARS) kunye neCandelo lezoNxibelelwano likaRhulumente.

Lo mkhuba wokubanjwa kukarhulumente ngobhongwane wachaphazela iimpilo zabo bonke abemmi boMzansi Afrika, kodwa ikakhulu abantu abasokolayo nabangathathi ntweni.

Lo mkhuba umtheze amandla urhulumente wamenza akakwazi ukunikezela ngeenkonzo nokwenza izitno ezilindeleke kuye nokuqinisekisa ukuba abantu baxhamla amalungelo wabo akumgaqo-siseko.

Ngoku kufuneka senze konge okusemandleni ukuqinisekisa ukuba lo mkhuba soze uphinde wenzeke.

Mna umsebenzi wam kukuqinisekisa ukuba ingxelo yale khomishini iyafundwa ide icokiswe kuze kuthathwe amanyathelo afanelekileyo.

Phambi komhla wama-30 kweyeSilimela, ndiza kuthi thaca isicwangciso samanyathelo aza kuthatyathwa kulandelwa iziphakamiso zekhomishini.

Siza kuqinisekisa ukuba ayinazikroba inkqubo yokukhusela oodiz’amahlebo, ababalulekileyo kwidabi lethu lokulwa urhwaphilizo nababeka ubomi babo emngciphekweni ombi ngokudiza kwabasemagunyeni izenzo zobubi, njengoko iphakamise yatsho ingxelo yokuqala yekhomishini.

Siphonononga siphicotha yonke imithetho echaphazelekayo kwaye senza nophando olunzulu ngendlela ezisebenzisa ngayo iinkqubo zokukhuselwa koodiz’amahlebo kwamanye amazwe.

Ii-arhente zogcino-mthetho ezifanalekileyo zithatha amanyathelo afanelekileyo ukungenelela ngokukhawuleza kumba wokhuseleko loodiz’amahlebo.

Abantu kunye neenkampani ezininzi le khomishini efumanisa ukuba yayingabo ababephambili kulo mkhuba wokubanjwa kukarhulumente ngobhongwane kufuneka baphendule ngezenzo zabo.

Ndiqinisekile ukuba iGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA) liza kuqhuba uphando lokulandelela njengoko ikhomishini itshilo, nokuba iza kuwabamba lamatutu ayechwechwa ngobumnyama ebambe urhulumente ngobhongwane asiwe kwabasemagunyeni ngokukhawuleza.

ICandelo lezoPhando le-NPA ngoku lithuba lalo lokuba lizibonise ukuba lingoobani kanye, kwaye iqela elizinikeleyo kumsebenzi walo sele lisekiwe eliza kuphanda la matyala.

Siza kuqesha intloko entsha yeli Candelo lezoPhando kulandela ukulahla kwesi sikhundla kuka-Adv Hermione Cronje.

Isilungiso esenziwayo kwimithetho elawula iKhomishini yokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso ngenyanga yeSilimela kowama-2020, sagunyazisa le Khomishishini ukuba ikwazi ukwabelana ngolwazi nee-arhente zogcino-cwangco.

Ezi zilungiso zenziwayo zivumele nokuba abasebenzi beKhomishini yokuBanjwa ngoBhongwane kukaRhulumente bavumeleke ukuba baqeshwe zi-arhente zogcino-mthetho.

Esi silungiso sinikezela ngamagunya athe xhaxhe sigunyazise iCandelo lezoPhando likwazi ukuphanda amatyala avunjululwe yikhomishini ngaphandle koloyiko.

Sibamba ngazibini ngenkxaso yecandelo labucala yokusinceda isibonelele ngezakhono esingenazo kurhulumente zokuqhuba uphando nokusa amatyala ezinkundleni zamatyala.

Ukuqinisekisa ukuba iGunyabantu lezoTshutshiso liyawenza umsebenzi walo eliwunikwa ngumgaqo-siseko nokuqinisekisa ukuba izinto zenzelwa elubala, siqulunqa isicwangciso esiza kulandelwa xa kutyikitywa izivumelwano zentsebenziswno necandelo labucala esiza kulawulwa nguNondyebo weSizwe.

Zikhona neengxoxo eziqhubekayo neCandelo leeNkundla ezimalunga nokuba kuvulwe iinkundla ezizodwa eziza kujongana namatyala anxulumene nokubanjwa kukarhulumente ngobhongwane kunye naworhwaphilizo.

Nangona sithabathe amanyathelo angqingqwa okuphelisa ixesha lokubanjwa kukarhulumente ngobhongwane, siyazi ukuba kusekude kakhulu ukuze silusiphule neengcambu urhwaphilizo.

Nangoku ilizwe lakuthi lalivukuzwa ngubhubhane we-COVID-19, iinkampani kunye nabanye abantu babesebenzisana namagosa karhulumente kubhungwa ngeendlela ekunokutyiwa ngayo iimali ezibhiliyoni zeerandi kwizivumelwano ezinxulumene ne-COVID-19.

Bathi nje bakuvela ubungqina bale mikhuba sathatha amanyathelo ngoko nangoko.

Saye sayinqumamisa imigaqo yokuthenga ngexesha likaxakeka, samisela iziko elinguntozonke eladibanisa zonke ii-arhente zogcino-mthetho, zapapashwa ku-intanethi iinkcukacha zazo zonke izivumelwano zomsebenzi ezinxulumene ne-COVID-19 laze iCandelo eliKhethekileyo loPhando (i-SIU) laqalisa elona phando lwakhe lwabanzi oko lwamiselwayo.

Ngenyanga yoMnga, i-SIU yathi thaca ingxelo yayo yokugqibela yophando lwayo ngezivumelwano ezinxulumene ne-COVID-19.

Ngenxa yoku, imiba engama-45, exabisa imali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-2.1 xa iyonke, yasiwa kwiNkundla eKhethekileyo.

I-SIU iye yathumela amagosa karhulumente angama-224 ukuba asiwe kwiikomiti zoluleko yaze yathumela amatyala angama-386 kwi-NPA ukuba iwaphande.

I-Ofisi kaMongameli imisele iindlela zokubeka iliso kwindlela ezilandelwa ngayo iziphakamiso ezenziwe yi-SIU nezokuqinisekisa ukuba amasebe kunye namaqumrhu karhulumente abathabathela amanyathelo abo bophule imigaqo nomthetho.

Idabi lokulwa urhwaphilizo alizikuba nalusini ngoku ngenxa yeziphumo zeKhomishini yokuBanjwa kukaRhulumente ngoBhongwane, ukuxhotyiswa ngezakhono kwee-arhente zogcino-mthetho kunye nokuphunyezwa kwemigaqo yokulwa imikhuba yorhwaphilizo kurhulumente.

Ii-SOE zidlala indima ebalulekileyo kuqoqosho lweli lizwe.

Ukusuka kwezo zijongene namanzi ukuya kwezendlela, ukusuka kwezijongene nemiba yamandla ukuya kwezilawula amazibuko, kwezokhuselo ukuya kwezophapho, onke la maqumrhu abalulekileyo adingeka ngamandla ukuze sigcine ilizwe lethu linoqoqosho olusebenzayo.

Kubalulekile ukuba sizilwe ezi ngxaki bezibangela ukuba adodobale, siwabeke endleleni eza kuwenza abe negalelo elibonakalayo.

Ngenxa yoko siqalise amanyathelo okubuyisela la maqumrhu kwisimo esifanelekileyo, sabe ngaxeshanye sisenza iinguqu ezibanzi eziza kwenza ii-SOE zeli zisebenze kakuhle, zikwazi ukumelana nokhuphiswano, ukuphendula ngemisebenzi yazo futhi zizinze.

IBhunga likaMongameli lee-SOE, endaliseka ngowama-2020, liye laphakamisa ukuba sisebenzise inkqubo apho kuza kubakho iqumrhu okanye icandelo elinye elithatha izigqibo ngawo onke amaqumrhu ombuso abalulekileyo arhwebayo. Oku kuza kwahlula uxanduva lombuso njengequmrhu eliphetheyo kunye nelokuqulunqwa kwemigaqo-nkqubo nolawulo, kunciphise amathuba okuba oosopolitiko bangenelele kwizinto ezingabafuniyo kula maqumrhu, kwenze ukuba alawulwe zingcali kuze kulawulwe iimpahla zombuso ngendlela eza kumenzela ingeniso urhulumente njengequmrhu elinazabelo kuwo.

Njengenxalenye yeli phulo, sele eqalisile amalungiselelo okusekwa kwenkampani yombuso eza kulawula zonke ii-SOE ize idlale nendima yokubeka iliso njengomnini-zabelo kuwo onke ngendlela ehlelekileyo.

Ukuqinisekisa ukuba ii-SOE ziwenza ngempumelelo umsebenzi wazo, iBhunga likaMongameli lee-SOE libhala iziphakamiso ezinoluhlu lwee-SOE ekufuneka zigcinwe ziphantsi kukarhulumente, ekufuneka zidityaniswa kunye nezo kufuneka zithengiswe.

Zonke iziphakamiso ziza kuqala zigwadlwe ngawo onke amahlakani.

Sithathe amanyathelo okukhusela ilizwe lakuthi elilawulwa ngentando yesininzi, ukukhusela iziseko ezingundoqo zoqoqosho lweli lizwe size sakhe neendawo ezihlala abantu bakuthi ezikhuselekileyo.

Ekuqaleni kule veki, sikhuphe ingxelo yeqela leengcali ebingezixholo-xholo ezazingenyanga yeKhala kulo nyaka uphelileyo.

Le ngxelo isichazela umbono ombi kakhulu ngezakhono zecandelo lezokhuseleko leli lizwe kunye namaqumrhu okuqinisekisa ukuba kukho ukuthungelana kwimisebenzi eyenziwa leli candelo.

Le ngxelo isichazela ukuba amanyathelo okuqala athatyathwa ngurhulumente ngezidube-dube zeyeKhala yowama-2021 ayeqhwalela, izicwangciso zamapolisa zokungenelela zazingekho mgangathweni, kwakungekho ntsebenziswano intle kwaphela phakathi kwecandelo lezokhuseleko lwesizwe kunye nelezobuntloli, futhi amapolisa awajikelezi kwezi ndawo asebenza kuzo kwaye enganalwazi lunzulu kwaphela ngazo.

Eli qela leengcali lisixelele ukuba intsusa nonobangela wezi zizidube-dube yindlala nokungalingani izinto ezo zibangela ukuba abantu boMzantsi Afrika benze nantoni na eza kugxotha ikati eziko, kangangokuba besokola.

Eli qela leengcali lityhola iKhabhinethi yonke ngokulala emqokozweni kwaye lisithi eza zidube-dube zeyeKhala yowama-2021 zabangelwa kukuba yona ingazange iwenze umsebenzi wayo.

Esi sityholo siyasivuma futhi siyasamkela.

Njengokuba eli qela litshilo, siza kuqulunqa size sikhokele isicwangciso sesizwe esiza kulungisa zonke ezi ndawo lithe eli qela zinokuqhwalela futhi zizizikroba.

Siza kuqalisa ngokuqasha ngokukhawuleza abantu kwizithuba kwizikhundla ezibalulekileyo size sithathe namanyathelo ngezikhundla zabantu abanqunyanyisiweyo kwi-Arhente yezoKhuseleko lweSizwe kunye neCandelo lezoBuntloli kuLwaphulo-mthetho.

Kungekudala siza kubhengeza utshintsho oluza kwenziwa kwizikhundla eziphezulu kwi-arhente zokhuseleko ezininzi ukuze siqinisekise ukuba icandelo lezokhuseleko lweli lizwe lisebenza ngokupheleleyo.

Uza kuphuculwa umgangatho wezakhono zabantu abaza kuqeshwa kwicandelo lamapolisa ogcino-cwangco kuMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) ngokuthi kuqaliswe iinkqubo zoqeqesho ezifanelekileyo.

Umonakalo oqhubekayo owenziwayo kwiziseko ezingundoqo zezoqoqosho kunye nokubiwa kwazo kuyayichaphazela indlela uqoqosho lweli oluthenjwe ngayo futhi kuthintela uhlumo loqoqosho, utyalo-mali kunye namaphulo okudala imisebenzi.

Ngaxeshanye kufuneka silwe namaqela emigulukudu aya kwiindawo ekwakhiwa kuzo nakumanye amashishini enyanzelisa ukuba anikwe imali ngenkani.

Kufuneka siwulwe lo mkhuba futhi sibambisane xa siwulwa.

Ngenxa yoko urhulumente useke icandelo elilodwa elineengcali ezininzi ukulwa le ngxaki yokonakalisa iziseko zoqoqosho, ukubizwa kwemali ngeenkani ngoonqevu kwiindawo ekwakhiwa kuzo kunye nokwenza umonakalo kwiziseko ezingundoqo.

Siza kubekela bucala imali yokuqesha nokuqeqesha amapolisa amatsha angama-12 000 ukuqinisekisa ukuba i-SAPS inamapolisa oneleleyo ukwenza umsebenzi wayo.

Omnye umba ofuna ukusiwa iso ngokukhawuleza ngowokuvuselelwa kwembutho yabahlali yokugcina ucwangco ekuhlaleni ukuze kuphuculwe ubudlelwane nokusebenzisana phakathi kwamapolisa asebenza kulo ndawo ithile kunye nabantu abahlala kwezo ndawo asebenza kuzo.

Kwingxelo yeqela leengcali kucacile ukuba kufuneka siquke wonke umntu xa sihlola izinto ezinokulubeka emngciphekweni ukhuseleko lwelizwe lethu naxa sithatha izigqibo malunga namanye afanelekileyo esiza kuwathatha.

Ndicela bonke abemmi boMzantsi Afrika besebenzisa imibutho eyahlukeneyo ukuba bathathe inxaxheba kwinkqubo yokuqulunqa isiCwangciso-qhinga seSizwe sezoKhuseleko.

Ndiza kuwachwechwela namagosa ongamele iPalamente ndicele ukuba iPalamente idlale indima emandla kwiinkqubo zokuququzela iindibano zokufakana imilomo nokubonisana.

Icandelo lezokhuselo liyalelwe liBhunga leSizwe lezoKhuseleko ukuba liqulunqe ngokukhawuleza izicwangciso zokuphumeza esiza kusabela kanye kwezi zindululo zenziwe leli qela leengcali.

La manyathelo aza kunceda kakhulu ekusabeleni kwezi zinto zixhalabisayo zimalunga nokungabikho komthetho nocwangco kwisizwe sakuthi.

Kulo nyaka siza kuba ngathi siqinisa izihlahla kwidabi lethu lokulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwamanina ngokuthi siqalise ukusebenzisa isiCwangciso-qhinga seSizwe sobuNdlobongela obuSekelwe kwiSini nokuBulawa kwamaNina, kunye namanye amalinge okuxhobisa abantu basetyhini.

Ekuqaleni kule nyanga, ndiye ndatyikitya imithetho emithathu yatsho yayimithetho egqibeleleyo, into leyo ithe yenza icandelo lezeenkundla nolwaphulo-mthetho lanolwamvila nangakumbi, nethe yakhuthaza ukuba wonke umntu osebenzela umbuso aphendule ngemisebenzi yakhe kunye nokuxhasa amaxhoba.

Ukungeniswa kwalo mthetho kuza kunceda kakhulu ekuqinisekiseni ukuba abenzi bobubi bayohlwaywa, nokuba amaxhoba ayakhuselwa futhi kukho izixhobo ezininzi eziza kwenza ukuba kubenzima ukwenza olu hlobo lolwaphulo-mthetho.

Mkhulu kakhulu umsebenzi esele siwenzile ukuphungula umthamo womsebenzi wokuhlolwa kwe-DNA, saphungula iisampuli zegazi elibubungqina zasuka kwezingama-210 000 ngenyanga kaTshazimpunzi yowama-2021 zaya kutsho kwezingama-58 000 sithetha nje.

Noko kunjalo, idabi lokulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini soze siliphumelele, ngaphandle kokuba thina siluluntu, singacela sibongoza yonke imibutho kunye nabo bonke abemmi ukuba baxhase inkqubo yoluntu eza kuqhuba ingemi.

Njengokuba ubhubhane we-COVID-19 esibonisile, impilo yabantu beli lizwe ixhomekeke kwindlela oluqhuba ngayo uqoqosho nakuphuhliso lwezentlalo.

Ngenxa yoko siza kuqhubeka nalo msebenzi sele uqhuba wokuqinisekisa ukuba wonke umntu eMzantsi Afrika uyazixhamla iinkonzo zezempilo, nokuba akanamali yokuzibhatalela.

Nangona siza kuqhuba iindibano zokugaya izimvo zoluntu malunga noMthetho oYilwayo weMpilo yeSizwe (i-NHI) ePalamente mninzi umsebenzi osele wenziwe ukulungiselela ukuqaliswa kwe-NHI.

Abantu abangaphezulu kwezigidi ezingama-59 sele bebhalisiwe kwi-Health Patient Registration System.

NgeyoMsintsi yowama-2021, abanye abasebenzi becandelo lezempilo abangaphezulu kwama-56 000 baye baqeshwa baze abasebenzi basekuhlaleni bezempilo abangaphezulu kwama-46 000 bafakwa kwicandelo lezempilo likarhulumente.

Kule minyaka mibini idlulileyo imfundo yabantwana bethu nabantu abaselula belizwe lakuthi iye yaphazamiseka kakhulu.

Njengoko ngoku sibuyela kwindlela yokufunda nokufundisa yesiqhelo, siza kusebenza nzima ukuze siqinisekise ukuba abafundi bafumana imfundo esemgangathweni ebafanele kanye yonke imihla.

Bemmi boMzantsi Afrika,

Urhulumente kufuneka asebenzele abantu.

Yiyo loo nto owona mba siwukhokelise phambili ikukwakha isizwe esinabantu abanezakhono, esikhokelisa phambili imigaqo yokuziphatha echubekileyo kunye nesigxininisa kuphuhliso.

Kungekudala siza kuqukumbela isicwangciso-qhinga sokwenza ukuba abasebenzi bakarhulumente baxhotyiswe ngezakhono ezikumgangatho ophezulu.

Oku kuza kuquka iindlela ezingekho yeke-yeke zokuqesha abasebenzi kurhulumente, inkqubo yoqeqesho oluqhubekekayo kwizakhono eziphucukileyo kusetyenziswa isiKolo sikaRhulumente seSizwe (i-NSG) kunye nezivumelwano zentsebenziswano phakathi kwamaqumrhu ombuso, imibutho yeengcali kunye needyunivesiti.

Inkqubo enyanzelisa ukuba inkcitho yomntu ihambelane nengeniso yakhe esemthethweni iqalise kuwo onke amacandelo karhulumente.

Kulo nyaka siza kuqhubeka nokusebenzisa i-DDM

Le nkqubo iwadibanisa omathathu amaqoqo karhulumente kunye namanye amahlakani ezentlalo kwisithili ngasinye ukuze kukhuliswe uqoqosho lwemimandla oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke kuphuculwe nobomi babemmi.

I-DDM ikhokela iinkqubo ezihlangeneyo zokwenza izicwangciso kunye nezokuhlahla nokwaba imali kuwo onke amaqoqo karhulumente futhi ihlanganise iprojekthi zikarhulumente kazwelonke nezo zesithili.

Nangona esekhona amacandelo amaninzi ombuso afuna ukukhe anikwe ingqwalasela emandla, akhona amaziko aqhubekayo nokunceda abantu beli lizwe ngendlela ekhawulezayo neluncedo.

Elinye lalo maziko ngu-SARS, oza kube efinca iminyaka engama-25 ekho kulo nyaka.

Nangona u-SARS wayechatshazelwe ngamandla ngumkhuba wokubanjwa kukarhulumente ngobhongwane, mhle kakhulu umsebenzi esele ewenzile ngoku ukubuyisela isidima negama lakhe, kunye nokuqinisekisa ukuba umsebenzi wakhe ubuyela kwimeko yesiqhelo.

Ukususela oko wasekwayo u-SARS ngoku sele eqokelele imali ezitriliyoni ezili-16 zeerandi eye yayokunceda kuphuhliso lwezentlalo noqoqosho lweli lizwe. Le ngeniso ingaka incede urhulumente watsho waphucula ubomi bezigidi zabantu ngokubabonelela ngeenkonzo zempilo, imfundo, izibonelelo zezentlalontle zikarhulumente kunye nezinye iinkonzo ezisisiseko.

Isizwe esinabasebenzi abanezakhono asibhekisi kumgangatho wezakhono zabasebenzi bakarhulumente kuphela koko nakwindlela asebenza ngayo amaqumrhu karhulumente.

Sikwamalunga nendlela abemmi abaxhotyiswe ngayo ukuze nabo bathathe inxaxheba.

Kufuneka sisebenzisane ukuze siqinisekise ukuba amaqumrhu afana namaqumrhu alawula isikolo (ii-SGB) kunye nemibutho yabahlali yokugcina ucwangco (ii-CPF) iyasebenza futhi iquka wonke umntu.

Imibutho yoluntu evuthayo nebandakanyekayo kwizinto ezininzi ibalulekile kwisizwe esinazakhono nakuphuhliso.

Ngenxa yoko siza kusebenzisana namahlakani ezempilo sibize ingqungquthela ekudala ilangazelelwa yecandelo lezemibutho yoluntu.

Le ngqungquthela yenzelwe ukuphucula intsebenziswano phakathi kukarhulumente nemibutho yoluntu futhi ilungise nezinto ezidla imibutho engekho phantsi korhulumente kunye nemibutho yoluntu.

Ilizwe lakuthi likhe lagagana nezinto ezibuhlungu kwezi nyangana zidlulileyo.

Iingxaki ezininzi nemimoya emibi, inkoliso yazo zingaphaya kwamandla ethu, zisibeke kule ndawo sikuyo namhlanje.

Sijongene neengxaki kunye neenzima eziqatha.

Okuyinene kukuba silwela igama nekhaya elisisizwe sokhokho bethu.

Kodwa akukho namathandabuzo, siza kubuya noloyiso.

Ndifuna ukucela bonke abemmi boMzantsi Afrika ukuba babambisane kwidabi lokulwa urhwaphilizo, kwidabi lethu lokuzama ukudala imisebenzi, kwidabi lokuqinisekisa ukuba sisisizwe esisekelwe kubulungisa nesinolingwano.

Zininzi iinkqwithela esagqitha kuzo ngaphambili, kodwa sazoyisa.

Sikhe sasezingxakini ezazifuna ukuba siqine isibindi, sakwenza oko singenadyudyu.

Ngamaxesha anzima, sibonise ubugorha nokukwazi ukunyamezela

Izihlandlo ezininzi, sikwazile ukuzivuthulula sigqithe kwiintsunguzi ezimnyama nokulahlekelwa lithemba sazizithunywa zethemba, uvuselelo kunye nenkqubela.

Nangoku, ke masenze njalo kwakhona.

Masiqulunqeni isivumelwano esiza kusisebenzisa ukujongana nezi meko siphila phantsi kwazo, isivumelwano esiza kusidibanisa kumalinge wethu esibambisene ngawo okwenza iinguqu notshintsho kuqoqosho lweli lizwe nokwakha ngokutsha amaqumrhu esizwe.

Masibhinq’omfutshane, siqalise ukusebenza.

Masibhinq’omfutshane, sakhe ngokutsha isizwe sakuthi.

Kuwo wonke lo msebenzi kodwa singashiyi namnye ngasemva.

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore