INtetho kwiNtlanganiso yeKhabinethi yangomhla wama-27 kuCanzibe ngowama-2015

1. Usuku lwe-Afrika

1.1. IKhabhinethi ifuna ukubamba ngazibini kubo bonke abemi boMzantsi Afrika abathe bathatha inxaxheba kwimibhiyozo yoSuku lwe-Afrika lowama-2015, okuyinto ebonisa indlela esizibophelele ngayo kwi-Afrika emanyeneyo, enoxolo nenekamva eliqaqambileyo.

1.2. IKhabhinethi iyasibethelela kwakhona isimemezo sikaMongameli uJacob Zuma sokuba onke amaqumrhu neenkampani zoMzantsi Afrika axhome iflegi yeMbumba ye-Afrika (i-AU) kunye neyoMzantsi Afrika. Oku kuza kuhambelana nombono kunye nephupha le-Afrika emanyeneyo, egquba uxolo nenekamva eliqaqambileyo.

2. Ukufezekiswa kweenkqubo zikarhulumente ezingundoqo

2.1. IKhabhinethi ikhumbuza abemi boMzantsi Afrika kunye nabo bangaphandle abathatha uhambo nabantwana ukuba uMthetho weeNcwadi zokuNdwendwela namaXwebhu okuHamba uza kuqala ukusebenza ukusuka ngomhla woku-1 kweyeSilimela ngowama-2015.

2.2. Ngokwalo mthetho mtsha, abazali abathatha uhambo nabantwana abeniminyaka engaphantsi kweli-18 kufuneka baveze iziqinisekiso zokuzalwa ezineenkcukacha ezingafinyezwanga. Oku kuyinxalenye yamalinge ethu okubeka phambili iimfuno zabantwana sikhusele nokurhwetywa ngabantwana.  

3. Izigqibo ezingundoqo zeKhabhinethi

3.1. IKhabhinethi iwuvumile uMgaqo-nkqubo weSizwe wezokuThuthwa kwaBantwana beSikolo, onika izikhokelo ngeendlela zokuthutha abantwana ezithembekileyo, eziluncedo nezikhusekelekiyo. Ukuqaliswa kwayo ukusebenza kuza kukhokelela kwinkonzo yothutho kwabantwana besikolo ehlanganisiweyo ecacisayo ngemigangatho kunye nohlobo lwezithuthi ekufuneka zisetyenziswe kunye neemali ezihlawulelwa ukusetyenziswa kwezithuthi zokuthuthwa kwabantwana besikolo. Lo mgaqo-nkqubo uhambelana noMthetho weziKolo zoMzantsi Afrika, wowe-1996 (Umthetho wama-84 wowe-1996).

3.2. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kweNgxelo yoMzantsi Afrika yowe-1994 ukuya kowama-2014 ngeNkqubo ekuPhumezeni isiBhambathiso esiNdilisekileyo sooMongameli baMazwe eMbumba ye-Afrika esingokuLingana ngokweSini e-Afrika kwiQumrhu loLawulo le-AU. Le ngxelo iyinxalenye yamalungiselelo eNgqungquthela yooMongameli baMazwe e-AU eza kubanjwa ngeyeSilimela ngowama-2015.

Le ngxelo, inyathela isithuba esiphakathi kowe-1994 ukuya kowama-2014, ihlola iphinde ivavanye ukusebenza nolwamvila lwemithetho, imigaqo-nkqubo kunye neenkqubo ezaziphekelwe ukunyusa inani labasetyhini, ukunikezelwa kweenkonzo ezisiseko, ukudalwa kwemisebenzi, ukuphungula indlala, ukusiphula neengcambu ubundlobongela kunye nokukhusela amalungelo oluntu abasetyhini namantombazana.

3.3. IKhabhinethi iwuvumile uMgaqo-nkqubo weSizwe woLutsha wowama-2020 (i-NYP2020). Lo mgaqo-nkqubo ungena endaweni yoMgaqo-nkqubo weSizwe woLutsha wowama-2009-2014 wona osele uphelelwe kungoku nje. Lo mgaqo-nkqubo wabhalwa emva kokufakana imilomo kangangoko nolutsha lwaseMzantsi Afrika oluphuma kuwo olithoba amaphondo. Uza kuba sisiseko ekuza kwakhelwa phezu kwaso iQhinga loPhuhliso loLutsha.

3.4. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngomgama osele uhanjiwe malunga nokuseka iQumrhu eliRhwebayo loLawulo lweZakhiwo (i-PMTE). Eli qumrhu liza kuqinisekisa ukuba indlela ezilawulwa ngayo izakhiwo neempahla zombuso iyiyo kwaye ayinankcitho ingako. IKhabhinethi yanelisekile yindlela ekhula nohlobo lequmrhu elilo i-PMTE, eza kuphucula umgangatho wezakhiwo zikarhulumente.

IKhabhinethi ikuvumile ukuphakanyiswa kwegama likaMnu P Serote ukuba abambe njengentloko ye-PMTE, uMnu M Govender njengentloko yoLawulo lweeMpahla neZakhiwo kunye noNksz BS Mathews njengentloko yeNkonzo yoLuhlu lweZindlu.

4. Imisitho ezayo

4.1. UMzantsi Afrika uza kusingatha iNgqungquthela ye-AU kwiZiko leeNgqungquthela laseSandton ukusuka ngomhla we-7 ukuya kowe-15 kweyeSilimela ngowama-2015 phantsi komxholo othi: “Unyaka wokuXhotyiswa nokuPhuhliswa kwabaseTyhini kujoliswe kwi-Ajenda ye-Afrika yowama-2063”. Imisitho yala veki veki iquka iNtlanganiso yooMongameli baMazwe ase-Afrika ukusuka ngomhla we-14 ukuya kowe-15 kweyeSilimela ngowama-2015.

IRiphablikhi yaseZimbabwe, njengosihlalo we-AU kowama-2015, iza kuba ngusihlalo wengqungquthela kunye neentlanganiso ezikumgangatho olingana nayo. Le ngqungquthela iza kugxininisa kumaphulo okufezekisa izigqibo ezazithatyathwe kwiNgqungquthela yoMqungu ngowama-2015, eziquka i-Ajenda yowama-2063 kunye nesiCwangciso sokuFezekisa semiNyaka eli-10 yokuQala; iMo yoXolo noKhuseleko kweli Lizwekazi, kuquka nobuNqolobi; ukuPhuhliswa nokuXhotyiswa kwabaseTyhini; emiNye imiThombo yeMali yokuXhasa i-AU; Intsebenziswano kweli lizwekazi kunye nokuGqibezela litsho liSebenze iZiko lase-Afrika lokuThintela nokuLwa iziFo ngowama-2015.

UMongameli Zuma uza kuzimasa umsitho wokubekwa ngokusesikweni kukaMongameli onyuliweyo uMohammadu Buhari e-Abuja, eNigeria ngomhla wama-29 kuCanziwe ngowama-2015.

4.2. INgqungquthela yezoQoqosho yeHlabathi yase-Afrika iza kubanjelwa eKapa ngomhla we-3 ukuye kowe-5 kweyeSilimela ngowama-2015 phantsi komxholo othi: “Ngoko, Nangoku: Umbono weNgomso le-Afrika.”

IKhabhinethi iyazamkela iinkokeli zezopolitiko nezoshishino eziphuma mbombo zone zeli lizwekazi le-Afrika nakwezinye iindawo kwihlabathi njengoko le ntlanganiso iza kuphawula iminyaka engama-25 yotshintso e-Afrika.

UMzantsi Afrika ukulinde ngolangazelelo ukuthatha inxaxheba kwiingxoxo zokukhawulezisa uhlobo lohlumo nophuhliso loqoqosho olubandakanya wonke e-Afrika. Eli lizwekazi isenguwona mmandla ukhula ngokukhawuleza kwihlabathi futhi nonomtsalane kakhulu kubatyali zimali.

4.3. USekela Mongameli uCyril Ramaphosa, njengoSihlalo weBhunga leSizwe loMzantsi Afrika le-AIDS (uGawulayo), uza kwenza intetho xa kuvulwa iNkomfa yesi-7 yoMzantsi Afrika ye-AIDS kwiZiko laMazwe ngamazwe leeNgqungquthela i-Inkosi Albert Luthuli ukusuka ngomhla we-9 ukuya kowe-12 ngowama-2015 phantsi komxholo othi: UkuCamngca, ukuTshintsh’unyawo nokuHlaziya”.

Le nkomfa, ibanjwa rhoqo emva kweminyaka emibini, iliqonga elisetyenziselwa ukulinganisa umgama osele uhanjiwe kwidabi lokulwa ukosululeleka yiNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV). Iza kunika ithuba kubantu abasebenza nge-AIDS ne-HIV, iZifo eziSolulela ngokwaBelana ngeSondo (ii-STI) kunye nesifo sephepha (i-TB) ukuba babelane ngezimvo namava abo.

UMzantsi Afrika uneyona nkqubo yakhe yankulu kwihlabathi yokukhutshwa kwamayeza athomalalisa i-HIV (ii-ARV) enabantu abazizigidi ezithathu abesebenzisa ii-ARV, ukusuka ngeyoMnqa kowama-2014. Oku kuncede kakhulu ekuphunguleni abo bosulelwa yi-HIV kunye nababhubha ngenxa ye-AIDS, futhi kwaqinisekisa nokuba abantwana bayasinda kwaye baphile nexesha elide. Ukuceba ngobunono yinto ebangela ukuba iqhube kakuhle ngolu hlobo le nkqubo iyeyona inkulu, eqinisekisa ukuba kusoloko kukho ii-ARV ezoneleyo kwiziko lezempilo likarhulumente (izibhedlela neeklinikhi) ngalinye.

UMzantsi Afrika, usebenzisana neSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe (i-DST), utyale imali iminyaka emininzi kuphando nge-HIV. I-DST yaqala ukutyala imali kuphando nge-HIV ngowama-1999 xa kunye neSebe lezeMpilo, saseka iPhulo loMzantsi Afrika leChiza le-AIDS.

Ngowama-2009, imali i-DST exhasa ngayo uphando nge-HIV yanda yaquka neminye imisebenzi yophando yokuqonda isifo, ii-ARV, amachiza okulwa iintsholongwane (ii-mcrobicide), ngaphezu kwale yophando ngamachiza okugonya. Saseka iQonga loMzantsi Afrika loPhando nge-HIV noYilo (i-SHARP) ngeenjongo zokuxhasa ngemali imisebenzi eyiyeyokuqala yophando nge-HIV ne-AIDS kunye nokukhokela amaphulo okuza nezisombululo ezihlakaniphileyo zalo bhubhane.

Kungoku nje sixhasa amaphulo amaninzi ahambelana ne-HIV akumanqanaba ahlukeneyo ngenkqubo ekuthiwa yiNtsebenziswano eBalulekileyo ngoYilo kwezeMpilo, edibanisa i-SHARP ngokuncedwa liBhunga loMzantsi Afrika lezoPhando ngezoNyango. Indima yale nkqubo kukukhuthaza ukubonisana nokusebenzisana phakathi kweengcali zophando nge-HIV ne-AIDS, kunye nokuseka amaZiko eSizwe abo baSebenzisanayo ngoPhando nge-HIV ne-AIDS.

Kungoku nje, kusungulwe amaphulo amaziko namacandelo ahlukeneyo okuphanda ngamachiza aquka ukuqonda ngesifo, amayeza okugonya kunye namachiza okulwa iintsholongwane ngeenjongo zokuqhubela phambili iinjongo ze-SHARP. UMzantsi Afrika ulixabise kakhulu idabi lokulwa ne-AIDS, kwaye imiyalezo ngokuthintela yiyona ingundoqo kwiSicwangciso-qhinga seSizwe se-HIV, ii-STI kunye ne-TB (sowama-2012-2016).

4.4 INkqubo yeNyanga yezeNdalo

NgeyeSilimela uMzantsi Afrika uza kubhiyozela iintsuku ezibalulekileyo zezendalo. Ngomhla we-5 kweyeSilimela, sikhokelwa liSebe lezeNdalo siza kubhiyozela uSuku lweHlabathi lweNdalo, eKimberley, eMntla Koloni.

Imibhiyozo yoSuku lweHlabathi lweeLwandle ngomhla we-8 kweyeSilimela iza kubanjelwa eBloemfontein, eFreystata namahlakani ahlukeneyo esisebenzisana nawo ekuphumezeni i-Operation Phakisa uQoqosho lwaseLwandle apho aza kwabelana ngolwazi noluntu lwalapha ngamathuba akhoyo kuqoqosho lwaselwandle nakumacandelo afana nalo.

Ngomhla we-17 kweyeSilimela uMzantsi Afrika uza kubamba imisitho yokubhiyozela uSuku lweHlabathi lokuLwa ukuTshatyalaliswa koHlaza eNquthu, KwaZulu-Natal. Zonke ezi ntsuku zibalulekileyo zendalo zineenjongo zokufundisa abantu kwaye zibethelela imiba engezendalo ngeli thuba liza kuxelela ulutsha kuwo onke amaphondo aza kusingatha imibhiyozo ngamathuba akweli candelo.

4.5. Ukuphehlelelwa kwe-TFA yeMimandla eMithathu e-Sharm-el-Shaik

INgingqi yeMimandla emiThathu, i-COMESA-EAC-SADC, engaHlawulisani iiRhafu zoRhwebelwano (i-TFTA) iza kuphehlelelwa ngomhla we-10 kweyeSilimela ngowama-2015 eSharm-el-Shaik, eJiphethe. I-TFTA iza kudala amathuba okurhweba nokuthengisa kwizizwe ezingama-26, ezinabantu abazizigidi ezingama-625 xa edibene kunye nesambuku semveliso yawo (i-GDP) eyitriliyoni yeedola xa ewonke.

Ukuphehlelelwa kwe-TFTA kubonisa ukuqukunjelwa kweendibano zothetha-thethwano ngeSivumelwano soRhwebelwano olungaHlawulelwa Rhafu esimisela imigaqo nesicwangciso-sikhokelo apho irhafu ezihlawulwayo kunye nezinye izigqibo ziza kuqukunjelwa. Iindibano zothetha-thethwano ngeerhafu kunye neenkcukacha ngemvelaphi yemveliso yorhwebo ziza kuqhuba njengenxalenye ye-ajenda eza kuhlala isetafuleni ingatshintshi.

Ukuphehlelelwa kwe-TFTA linyathelo elibaluleke kakhulu kweli Lizwekazi le-Afrika kwaye esi sivumelwano safukanyelwa kwiSicwangciso sokuSebenza se-AU saseLagos nakwiSivumelwano sase-Abuja ezinonjongo zokudala i-Afrika eThatha iNxaxheba kuQoqosho. Sikholelwa ukuba oku kulilizwi elingangathiziyo eliphuma kweli lizwekazi lokuba i-Afrika izimisele ukuba iinjongo zoqoqosho oluhlangeneyo ziphumelele kunye nokudala iimeko eziza kukhuthaza urhwebo notyalo-mali.

Iintlanganiso zothethwano nge-TFTA zaqala ngeyeSilimela ngowama-2011 kwiNgqungquthela eyayisingathwe nguMongameli uJacob Zuma eSandton, eMzantsi Afrika.

4.6 Ukuphehlelelwa kweentlanganiso zothetha-thethwano nge-FTA yeli Lizwekazi (i-CFTA) kwiNgqungquthela ye-AU ngeyeSilimela.

Ukuphehlelelwa kweentlanganiso zothetha-thethwano nge-FTA yeli Lizwekazi kwiNgqungquthela (i-CFTA) ye-AU kuza kubanjelwa eRhawutini, eMzantsi Afrika ngomhla we-15 kweyeSilimela ngowama-2015.

I-CFTA iza kudala amathuba okurhweba kubantu abayibhiliyoni e-1.3 bene-GDP engaphezulu kweetriliyoni ezimbini zeedola idibene. Iza kwakhela kwiMimandla eMithathu engaHlawulisani iiRhafu zoRhwebelwano kwakunye nenkqubela esele yenziwe kwimimandla yezoqoqosho. Iza kunika abarhwebi kunye nabatyali-mali ithuba lokufikelela kulo mmandla worhwebo ukhulayo futhi kube sisiseko sorhwebelwano olumandla phakathi kwamazwe ase-Afrika.

5. Izikhundla
Zonke ezi zikhundla ziza kuxhomekeka ekuqinisekisweni kobunyani beziqinisekiso zemfundo nobunye ubucukubhede obufuna ukuqondisiswa.

5.1. Abameli beSebe lamaShishini kaRhulumente kwiBhodi yabaCebisi beMimandla yezoQoqosho eKhethekileyo:
a) UNksz Jacky Molisane (ilungu elilelesi sikhundla);
b) UNksz Nontsikelelo Rose Mbono (ilungu elililalela).

5.2. UGq Reginald Cassius Lubisi – UMlawuli-Jikelele kwi-Ofisi kaMongameli noNobhala weKhabhinethi (isivumelwano sengqesho sihlaziyiwe isithuba leminyaka emihlanu).

5.3. UMnu Christopher Kobla Gavor – UMxabisi-mhlaba Jikelele: ISebe loPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lweMihlaba.

Imibuzo:
UNksz Phumla Williams (IsiThethi seKhabhinethi esiLibambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore