INtetho kaMongameli u-Cyril Ramaphosa ngeNkqubela kwiiNzame zikaZwelonke zokuLwa uBhubhane we-COVID-19

Bemi boMzantsi Afrika,

Isiqingatha sonyaka sidlulile ukususela kwamiselwa imo yentlekele kazwelonke ukusabela kubhubhane wentsholongwane i-corona.

Ngela xesha, ngaphezulu kwama-15 000 abemi boMzantsi Afrika baphulukana nobomi ngenxa yesi sifo futhi bangaphezulu kwama-650 000 abantu ekwaqinisekiswa ukuba bosulelekile yile ntsholongwane.

Uqoqosho kunye nesizwe sakuthi luye lwabetheka kakhulu.

Sinyamezele uqhwithela olungqongqo nolutshabalalisayo.

Kodwa, ngokuthi sime kunye, ngokuhlala sizimisele, sikwazile ukumelana nalo.

Kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo, ngethuba lo bhubhane ugqugqisa ngamandla, besiba nabantu abatsha abamalunga nama-12 000 ngosuku abosulelwa sesi sifo.

Ngoku, sinomyinge wabantu abangaphantsi kwama-2 000 abosulelwa sesi sifo ngosuku.

Ngoku sineqondo elingama-89% labantu abaphilileyo.

Nanjengoko izithintelo zinciphile kwinyanga ephelileyo ngokudlulela kwethu kwinqanaba lesilumkiso lesi-2, kuye kwakho ukwehla, kodwa ngokuthe ngcembe, kokwehla kosulelo olutsha, ukulaliswa esibhedlele kunye nokufa.

Inani labantu abafuna indawo yokulaliswa esibhedlele lehlile ngokunjalo nelezixhobo zokuphefumlisa, umongo-moya kunye nezinye izinto eziyimfuneko kunyango.

Siphumelele ekoyiseni elona nqanaba libi lalo bhubhane ngelixa sikhusela abasebenzi nezixhobo zecandelo lethu lezempilo.

Ndinqwenela ukuniqhwabela izandla, nina abantu baseMzantsi Afrika, ngale mpumelelo kunye nobomi babantu abangamawaka abathe basinda ngenxa yentsebenziswano yenu.

Le mpumelelo iqatshelwe nguMbutho wezeMpilo weHlabathi, obusebenza kunye nathi ukuqinisa amalinge ethu okulwa lo bhubhane.

Njengoko besitshilo ngaphambili usaqhubeka nokusinika iingcebiso futhi uthumele iingcaphephe zawo kwilizwe lethu.

Siyayibulela inkxaso esiyifumene kuMlawuli-Jikelele woMbutho wezeMpilo weHlabathi oseGeneva, kunye namaZiko ase-Afrika okuLawula nokuThintela iZifo.

Nangona senze inkqubela emandla, inani labantu bethu lisosuleleka futhi abanye baphulukana nobomi babo.

Nokuba uyijonga ngawaphi amehlo, okungenakuphikiswa kukuba sisephakathi kulo bhubhane ubulalayo.

Owona mngeni umkhulu wethu ngoku – futhi owona msebenzi wethu ubaluleke kakhulu – kukuqinisekisa ukuba asijongani nokuqhambuka kwakhona kwesi sifo sele singalawuleki.

Amazwe amaninzi kwihlabathi jikelele athwaxwe yingxaki yokuqhambuka kwakhona kwesi sifo.

Amaninzi kula mazwe ebesele ekwinqanaba apho liqalisayo ukuhla inani labantu abosulelwe sesi sifo futhi kubonakala ingathi siyalawuleka.

Amanye awo ade aziphakamisa izithintelo ezininzi kwimicimbi yezoqoqosho neyezentlalo.

Kumazwe amaninzi, ngethuba siqhambuka okwesibini esi sifo; senze umonakalo omkhulu ngaphezulu kwalo wesa sihlandlo sokuqala.

Amazwe amaninzi aye anyanzeleka ukuba abuyele kwakhona kuvaleleko phantsi kwemiqathango ethile.

Idabi eliliwa ngamaziko ezempilo karhulumente ngoku lelokwehlisa ngakumbi ukusasazwa kwentsholongwane kunye nokulungiselela ukubuya kwayo kwakhona.

Ngoku sithathe isigqibo sokuqhubeka nokwandisa uvavanyo lwentsholongwane i-corona.

Ngenxa yokwehla kwenani labantu abosulelwa sesi sifo okokuqala kunye nokuphunguka komthwalo kumaziko ethu ezempilo, ngoku sinezixhobo ezaneleyo zokuvavanya futhi akunyanzelekanga ukuba sifune ubucukubhede obuninzi phambi kokuba umntu simvavanye.

Phakathi kweentlobo zabantu abaza kuvavanywa, ngoku siza kubanakho ukuvavanya abo balaliswe ezibhedlele, abantu abangalaliswanga abaneempawu ze-COVID-19, kunye nabantu abebedibene nabo baqinisekisiweyo ukuba bosulelekile nokuba abanazo bona ngokwabo iimpawu.

Kunye novavanyo olwandileyo, siphucula nephulo lokuzingela abantu abebedibene nomntu ofumaniseke ene-COVID-19 ngokuthi sisebenzisa i-app yeselula ebizwa ngokuba yi-COVID-19 Alert South Africa app kunye neqonga le-COVID-19 Connect WhatsApp.

Uvavanyo olusebenzayo kunye neenkqubo zokuzingelwa kwabo bebedibene nomntu onesi sifo luza kusenza siphawule ngokukhawuleza futhi sinqande ukuqhambuka ngaphambi kokuba kusasazeke ngakumbi.

Ndihlaba ikhwelo kuye wonke umntu oneselula eluhlobo lwe-smartphone eMzantsi Afrika ukuba akhuphele kwiselula yakhe i-app ebizwa ngokuba yi-COVID-19 Alert eyithatha ku-Apple App Store okanye ku-Google Play Store.

Le app ayihlawulelwa kuzo zonke iinkampani zeselula, ngoko ke ungayikhuphela nokuba awunayo idatha.

Ukuba usebenzisa ubugcisa be-Bluetooth, le app iza kuxelela nawuphi umntu oyisebenzisayo ukuba ebedibene nomnye umntu oyisebenzisayo ebefumaniseke ukuba unentsholongwane i-corona kwiintsuku ezili-14 ezidlulileyo.

Le app ayizikhuphi futhi ingathathi iinkcukacha zomntu, kwaye ayiyichazi nendawo umntu akuyo.

ISebe lezeMpilo liqalise nenkqubo yokuthumela imiyalezo ngo-WhatsApp nange-SMS ebantwini abangenazo ii-smartphones libanike iziphumo zovavanyo kwaye libalumkise kubungozi bokosuleleka yile ntsholongwane.

Umkhondo wabantu abathe badibana linyathelo elibalulekileyo lokuzithintela kunye nosapho lwakho nabahlobo.

Siza kwenza uphando kwilizwe lonke lokubala elona nani liqinisekileyo labantu abanale ntsholongwane kwisizwe sakuthi.

Olu hlobo lophando luhlola ukuba ingaba umntu unaso na isilwa-buhlungu egazini kuye sokulwa esi sifo ukuze kubonwe ukuba umntu usebungozini obungakanani bokosulelwa yintsholongwane i-corona.

Olu phando luza kuqhutywa kwilizwe lonke luza kunceda oosonzululwazi ukuba baqikelele inani labantu abangabonakalisi zimpawu ngoku sele bosulelwe sesi sifo kunye nelabantu abanamajoni omzimba akwaziyo ukusilwa esi sifo futhi baqonde neendlela esinwenwa ngayo.

Siyaqhubeka nokuqinisekisa ukuba icandelo lezempilo lixhotyiswe ngokwaneleyo ukuze likulungele ukusilwa esi sifo xa sinokuphinda siqhambuke. Iinjongo zoku ziquka nokuqinisekisa ukuba wonke umntu uyalufumana uncedo lwezempilo nonyango alufunayo.

ISebe lezeMpilo lisebenzisana ngokubambisana nemibutho yezabasebenzi kunye namanye amahlakani ukuqinisekisa ukuba oonompilo kunye nabanye abasebenzi abasebenza ngqo noluntu ukuba banazo izixhobo zokuzikhusela kunye neemeko abasebenzela kuzo ezikhuselekileyo.

Ndibulela abasebenzi beli abasebenza ngqo noluntu ngokuthi benze isimbononono bephakamisa imeko yokhuseleko.

Ndibabulela ngokuzinikela kwabo ekukhathaleleni abantu bakuthi kunye nokuzinikela okungummangaliso abakwenzileyo.

Njengoko sisebenzela ukukhusela ngakumbi ukusasazeka kwale ntsholongwane, sikwalungiselela ixesha apho ichiza linokuthi lifumaneke.

Ukuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika unako ukulifumana ichiza elisebenzayo ngokukhawuleza futhi ngezixa ezaneleyo ukukhusela abemi, eli lizwe lithatha inxaxheba kwilinge lehlabathi elixhaswe nguMbutho wezeMpilo weHlabathi lokuhlanganisa izibonelelo zophuhliso kunye nokuhanjiswa kwechiza.

Ngenxa yeli nyathelo, uMzantsi Afrika nawo njengamanye amazwe uyazixhasa iinkqubo ezininzi zokukhangela ichiza nezokuqinisekisa ukuba elo chiza lithe lafumaneka liza kufunyanwa ngumntu wonke ngokulinganayo futhi libe nexabiso eliphantsi.

Ngenxa yesikhundla sethu sokuba ngusihlalo weManyano lwe-Afrika (i-AU), kudala siwubethelela umba wokuba elo chiza liya kufumaneka kwabelwane ngalo ngokulinganayo ngolo hlobo kuqinisekiswe ukuba akukho lizwe lishiyeka ngasemva.

Sikwatyala imali kwiingcali zeli ukuba nazo ziphande zikhangela ichiza eliza kusetyenziswa kweli lizwe ukwenzela ukuba uMzantsi Afrika udlale indima ephambili kwiinzame zokuqinisekisa ukuba eli chiza lifunyanwa ngabantu abaninzi.

Ilizwe lethu sele lithatha inxaxheba kumaphulo amathathu okuvavanya ichiza, into leyo ebonakalisa ukuba iingcungela zezenzululwazi zeli nazo zingoompondo-zihlanjiwe.

Bemi boMzantsi Afrika,

Kwinyanga edlulileyo, ukuhla okumandla kosulelo olutsha kubangele ilizwe liye kwinqanaba lesilumkiso lesi-2 lentsholongwane i-corona.

Ngoku, ngenkqubela emandla esiyenzileyo njengoko usulelo luqhubeka, sesililungele inyathelo elitsha kumanyathelo ethu ngalo bhubhane.

Sikwazile ukuyilwa intsholongwane i-corona.

Ngoku lithuba lokuba sibuyisele ilizwe lakuthi, abantu balo kunye noqoqosho lwalo kwimeko yesiqhelo, imeko efana nqwa nale sasiphila phantsi kwayo kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo.

Lixesha lokuba sihambele kwinto eyakuba yindlela yethu entsha yokuphila njengoko intsholongwane i-corona isekhona phakathi kwethu.

Ngelixa uninzi lwemisebenzi yoqoqosho iqale kweyeSilimela, ngoku lixesha lokuba sishenxise zonke izithintelo ezishiyekileyo kuqoqosho nakuluntu kodwa oku sikwenza sikhokelisa phambili ukhuseleko.

Silandela uthetha-thethwano nabameli boorhulumente bamaphondo kunye nawesizwe, kunye nokuthatha iingcebiso koosonzululwazi kunye nokufakana imilomo namahlakani ahlukileyo, iKhabhinethi igqibe kusasa nje ukuba isizwe sidlulele kwinqanaba loku-1 lesilumkiso.

Ukudlulela kwinqanaba loku-1 lesilumkiso kuza kuqalisa ezinzulwini zobusuku ngomhla wama-20 kweyoMsintsi 2020.

Ukudlulela kweli nqanaba kwenziwe kuba kubonwa ukuba inani labantu abosulelweyo lehle kakhulu futhi icandelo lezempilo leli lixhobe ngokwaneleyo ukuba likwazi ukumelana neli nani likhoyo labantu abanale ntsholongwane.

Ukudlulela kwinqanaba loku-1 lesilumkiso kuza kuthetha ukunyenyiswa ngakumbi kwemigaqo elawula indlela yokuqhuba iindibano.

  • Iindibano zoluntu, ezakwalizwi, ezopolitiko kunye nezinye ziza kuvunyelwa, nje ukuba inani labantu alidluli kuma-50% omthamo wendawo leyo, ukuya ubuninzi kubantu abangama-250 kwiindibano zangaphakathi kunye nama-500 abantu kwiindibano ezingaphandle.
  • Kufuneka ithotyelwe ngalo lonke ixesha imigaqo yezempilo, efana nokuhlamba izandla okanye ukusebenzisa isibulala-ntsholongwane, ukungasondelelani kwabantu kunye nokunxiba isigqubuthelo-buso.
  • Elona nani liphezulu labantu abanokuya emngcwabeni linyusiwe ukusuka kuma-50 ukuya kwi-100 ngenxa yamathuba amaninzi akhoyo okusasaza intsholongwane emingcwabeni. Imilindelo ayikavunyelwa.
  • Iindawo zokuzilolonga nokuvoca-voca umzimba, ezolonwabo nokuzonwabisa – ezifana neejimu kunye namaziko emidlalo yeqonga – ezazingavunyelwa ukuba zibe nabantu abangaphezulu kwabangama-50, ngoku ziya kuvunyelwa ukuba zifike kuma-50% omthamo wendawo yabo njengoko kumiselwe ngumgangatho okhoyo, ngokuxhomekeke kukungasondelelani kwabantu kunye nezinye iinkqubo zempilo.
  • Izithintelo ezikhoyo zezemidlalo ziya kuhlala zinjalo.

Apho kukho imfuneko umzekelo xa kubhaliselwa ulonyulo okanye ulonyulo olukhethekileyo, iKomishoni yoloNyulo eziMeleyo iza kuvunyelwa ukuba ityelele amaziko ezoluleko, amaziko ezempilo, amakhaya abantu abadala kunye namanye amaziko afana nala.

Oku kufuneka kwenziwe kuthotyelwa imiqathango yezempilo equka ukunxitywa kwezigqubuthelo-buso kunye nokuhlanjwa kwezandla okanye ukusetyenziswa kwesibulala-ntsholongwane ezandleni.

Elinye lamanyathelo okuqala esawathathayo ukunqanda ukusasazeka kwentsholongwane yayikukuthintela ngokungqongqo ukufika kweendwendwe zamazwe angaphandle kunye nokuvala imida yethu.

Ngokudlulela kwinqanaba loku-1 lesilumkiso, siza kunyenyisa ngokuthe ngcembe nangononophelo izithintelo zokutyelela kumazwe angaphandle.

Siza kuvumela ukungena nokuphuma eMzantsi Afrika ngabo bahambela ezoshishino, ukuzonwabisa kunye nolunye uhambo ukusukela ngomhla woku-1 kweyeDwarha 2020.

Oku kuza kuxhomekeka kumanyathelo ahlukeneyo okuthintela kunye nokunciphisa intsholongwane:

  • Ukuhamba kuza kuthintelwa ukuya nokubuya kumazwe athile anenani eliphezulu labantu abanale ntsholongwane. Uluhlu lwala mazwe luza kupapashwa emva kokuba kufunyenwe iinkcukacha ezigcweleyo ezivela kwiingcali.
  • Abahambi baza kukwazi kuphela ukusebenzisa enye yemida ebisoloko isebenza ngexesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile okanye esinye kwezintathu izikhululo zeenqwelo-moya ezizezi: iKing Shaka, i-OR Tambo kunye ne-Cape Town International Airport.
  • Ekufikeni, abahambi kuza kufuneka babonise iziphumo zovavanyo lwe-COVID-19 ezibonisa ukungasuleleki ezingekho ndala kuneeyure ezingama-72 ukususela ngexesha lokuhamba.
  • Apho umhambi engakhange alwenze uvavanyo lwe-COVID-19 phambi kokuba ahambe, kuza kufuneka ukuba bahlale bezivalele bucala bodwa ngendleko zabo.
  • Bonke abahambi baza kuvavanywa ekufikeni kwabo futhi abo babonisa iimpawu kuza kufuneka ukuba bazivalele bucala kude kwenziwe olunye uvavanyo lwe-COVID-19.
  • Bonke abahambi baza kucelwa ukuba bafake i-app yeselula eyi-COVID-19 Alert South Africa.

Amazwe asebenzise olu hlobo lwe-app akwazile ukulawula ubhubhane wentsholongwane i-corona ngokufanelekileyo.

Ekulungiseleleni ukuvula kwakhona imida yethu, amaziko ezozakuzo oMzantsi Afrika aphesheya aya kuvulela izicelo ze-visa futhi zonke ii-visa zexesha elide ziya kubuyiselwa.

Icandelo lezokhenketho lelinye lamacandelo anegalelo elimandla kuqoqosho lweli lizwe.

Sesikulungele ukuvulela ihlabathi iingcango zethu, futhi simema abahambi ukuba bonwabele iintaba, iilwandle, izixeko zethu ezidlamkileyo kunye nemiyezo yethu yezilwanyana zasendle ngokukhuselekileyo kunye nokuzithemba.

Kwakhona njengenxenye yokubuyela kancinci kuqoqosho oluqhelekileyo kunye nemisebenzi yasekuhlaleni:

  • Iiyure zexesha lokufika ekhaya litshintshile. Ixesha lokufika ekhaya ngoku liza kuba phakathi kwenzulu yobusuku nentsimbi yesi-4 ekuseni.
  • Ukuthengiswa kotywala kwindawo ezithengisayo zokuba kuselelwe emakhaya ngoku kuvumelekile ukusuka ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu, ukususela ngentsimbi ye-9 kusasa ukuya kwintsimbi yesi-5 malanga.
  • Utywala buza kuvunyelwa ukuba buselwe kwiindawo ebuthengiswa kuzo ezinephepha-mvume kuphela futhi ngokulandela ngqo ixesha lokufika ekhaya.

Kwezi ntsuku zimbalwa zizayo, imigaqo ehlaziyiweyo iza kupapashwa kwaye abaPhathiswa baza kubamba iindibano apho beza kunika iingcaciso.

ISebe lezeNkonzo kaRhulumente noLawulo ngokukhawulezayo liza kuthumela bonke abasebenzi bakarhulumente imbalelwano enika iinkcukacha ngamanyathelo aza kuvumela ukuba kubuyelwe kuzo zonke iindawo zikarhulumente ukuze kusetyenzwe ngokukhuselekileyo nangaphandle kokulibaziseka okungafanelekanga.

Kuba kusekho izithintelo ezininzi ezisashiyekileyo ezinokuthi zenziwe kuphela ngemigaqo yentlekele, sesiyandisile imo yentlekele kazwelonke ngenyanga ukuya kumhla we-15 kweyeDwarha 2020.

Ukudlulela kwinqanaba loku-1 lesilumkiso kususa izithintelo ezininzi ezishiyekileyo kuqoqosho, nangona kusenokuba lithuba ngaphambi kokuba kukhuseleke ukuba onke amancandelo abuyele ngokupheleleyo emsebenzini.

Umthamo weenkonzo neempahla ezifunwa ngamacandelo athile kwihlabathi jikele kunye nalapha ekhaya, kananjalo nowezifumanekayo, uza kuhlala uphantsi kwezi nyanga zimbalwa zizayo, nangoku sele zisusiwe izithintelo nemiqathango emininzi.

Kubalulekile ke ngoko ukuba siqhubeke ngokungxamisekileyo ukwakha uqoqosho lwethu, sibuyisele uhlumo futhi sidale nemisebenzi.

Kulandela iiveki ezininzi zeengxoxo, amahlakani asekuhlaleni kwa-NEDLAC enze

inkqubela engummangaliso kwisivumelwano soluntu esizibekele umsebenzi onzima kakhulu wokuvuselela uqoqosho.

Oku kuyiimbali kweli lizwe lethu, ebonisa izinto esikwazi ukuzenza xa simanyene sisilwa nengxaki engxamisekileyo

IKhabhinethi iza kwakhela koku sivumelene ngako ukugqibezela isicwangciso sokwakha ngokutsha uqoqosho lwelizwe kunye nesicwangciso sokubuyela kwimeko yesiqhelo kwezi veki zizayo

Isicwangciso sokwakha ngokutsha kunye nesokuhlaziya esiza kugqitywa siza kwakhela kwisicwangciso sezibonelelo zoqoqosho nezentlalo esinemali ezibhiliyoni ezingama-500 zeerandi esasisibhengeza kwekaTshazimpuzi, esincede iintsapho, iinkampani kunye nabasebenzi ngexesha besengxakini enkulu.

Ngenxa yesibonelelo esikhethekileyo se-COVID-19 kunye nokongezwa kwesibonelelo esele sikhona, imali engaphezulu kweebhiliyoni ezingama-30 zeerandi yenkxaso eyongezelelweyo sele inikezelwe kubantu abangaphezu kwezigidi ezili-16 abaphuma kumakhaya ahluphekayo.

Iinkampani ezingaphezulu kwama-800 000 zixhamlile kwisikimu senkxaso yemivuzo yakwa-UIF futhi nakwizibonelelo kunye nemali-mboleko ekhutshwe ngamasebe kunye namaqumrhu ahlukileyo karhulumente.

Abasebenzi abangaphezulu kwezigidi ezi-4 bathe bafumana inkxaso yomvuzo eziibhiliyoni ezingama-42 zeerandi, ukunceda ukukhusela le misebenzi ngelixa iinkampani bezingakwazi ukusebenza.

Le nkxaso ifikelele kwizigidi zabantu boMzantsi Afrika, kwaye ibe luncedo lokwenene kwabo basweleyo.

Ixesha lokukhutshwa kwesibonelelo se-UIF landisiwe ukuya kutsho ekupheleni kwemo yentlekele kazwelonke ukuqinisekisa ukuba abo basebenzi kunye neenkampani ezinengeniso esemngciphekweni baza kuqhubeka nokuxhaswa.

Ukongeza kulo mashishini ebefumana inkxaso, uninzi lweenkampani zixhamlile kwisaphulelo serhafu esifikelele kwimali ezibhiliyoni ezimalunga nama-70 seerandi.

Kwaye izigidi zabemi boMzantsi Afrika zixhamlile ekuncitshisweni okuyimbali kweqondo lenzala yemali.

Uhlenga-hlengiso lwenziwe kwiNkqubo yokuQinisekiswa kweMali-mboleko (i-Loan Guarantee Scheme) ukwenzela ukuba kube lula kwiinkampani nezabuphina ubungakanani ukuba zifumane imboleko ngeqondo lenzala eliphantsi, futhi nexesha lokuqalisa landisiwe kangangeshumi elinambini leenyanga.

Sikhuthaza zonke iinkampani ezijongene nokuphazamiseka kwiingeniso zazo ukuba zifune inkxaso kwesi sikimu ngelixa uqoqosho luchachayo.

Ekuqaleni kwalo bhubhane sasicele abemi boMzantsi Afrika ukuba babonise ubumbano kunye nobuthanda-zwe ngokuthi baxhase iinzame zikarhulumente zokulwa nalo bhubhane.

Samisela iNgxowa-mali yoManyano i-Solidarity Fund, eyathi yafumana iminikelo engama-300 000 kubantu abaphantse bangama-15 000 kunye neenkampani ezimalunga nama-2 500.

Iminikelo ivele kubantu abafana nam nawe kunye nabasebenzi, kwezakwalizwi, kumaqela ezopolitiko, kwimibutho engekho phantsi korhulumente, kwiitrasti kunye nemibutho yesisa.

Ngenxa yemisebenzi yayo, iNgxowa-mali yoManyano isibonisile ukubaluleka kokubambisana kunye nentsebenziswano ekuhlaleni.

Ukususela ekusekweni kwayo, iqokelele imali ezibhiliyoni ezi-3.1 zeerandi yeminikelo evela kwiinkampani, kwimibutho yesisa kunye nasebantwini.

Ukuza kuthi ga ngoku, sele ikhuphe imali ezibhiliyoni ezi-2.4 zeerandi ukuxhasa iindawo ezibalulekileyo kumanyathelo ethu esizwe okulwa intsholongwane i-corona.

Oku kuquka ukuthenga izixhobo zokuvavanya, izinto zokunyanga kunye nezixhobo zokuzikhusela kunye nokuvelisa apha ekhaya iziphefumlisi. Idlulele kwinkxaso yokutya kumakhaya asesichengeni sokuba ngamaxhoba endlala, ivawutsha zabalimi abaziphilisayo, ukukhathalela abo basindileyo kubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nephulo lesizwe lokufundisa nge-COVID-19.

Bemi boMzantsi Afrika,

Ubundlobongela obubhekiselwe kumanina nabantwana buyaqhubeka kwaye abunqandeki ngeli xesha lalo bhubhane.

Sizimisele ukuqhubeka nesigqibo sethu sokujongana nesibetho sobundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwamanina.

Sisebenzisa ulwazi lwakamva nje, sizibhaqile iindawo ezingama-30 kwilizwe liphela apho le ngxaki ixhaphake kakhulu khona.

Njengoko sidlulela kwinqanaba lesilumkiso elilandelayo, siyazandisa kwaye siziphucula iinkonzo zenkxaso zamaxhoba obundlobongela obubhekiselele kwisini, ingakumbi kwezi ndawo sizibhaqileyo.

Kufuneka senze oko kuba ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kunyenyisiwe, kodwa njengenxenye yomsebenzi osele wenziwe wokumisela isiCwangciso-Qhinga sikaZwelonke samkelwa yiKhabhinethi ekuqaleni kwalo nyaka.

Esi sicwangciso-qhinga siquka ukuqaliswa kwenkqubo ehlangeneyo yamacandelo ahlukeneyo edibanisa inkxaso yengqondo nezentlalo, uphando lwamatyala, iindawo zokukhusela amaxhoba e-GBV kunye nokuxhotyiswa ngezoqoqosho kwamaxhoba endaweni enye.

I-Khuseleka One Stop Centres yongeza kulo msebenzi wenziwa zezi Thuthuzela Care Centres zikhoyo, futhi sele isebenza kwizithili eziseMntla Ntshona, eLimpopo kunye naseMpuma Koloni.

Umsebenzi uyaqhubeka nokwakha amaziko afana nala kwamanye amaphondo.

Masizame kangangoko ukuphelisa ingxaki yobundlobongela obujoliswe kumanina nabantwana.

Ubhubhane wentsholongwane i-corona ubhentsise izinga urhwaphilizo elithe langcolisa ngayo isizwe sakuthi lwaze lwakhokelela ekubiweni kwezixhobo ezibalulekileyo zelizwe lethu ngexesha esizidinga ngazo kakhulu.

Ii-arhente zeli zogcino-mthetho zenza inkqubela ebalulekileyo ekuphandeni zonke izityholo zokusetyenziswa gwenxa kwemali enxulumene ne-COVID-19.

ICandelo eliKhethekileyo lezoPhando lindinike ingxelo yalo yethutyana yokuqala, echaza umgama osele uhanjiwe ngophando lwayo kuwo onke amaphondo nakumanye amasebe namaqumrhu esizwe.

Njengoko i-SIU iqukumbela uphando lwayo, siza kukwazi ukwazisa uluntu ngeziphumo zophando lwayo.

I-SIU isebenza nezinye i-arhente ezisi-8 kwiziko lokudibanisa le-COVID-19 (i-Fusion Centre) ukucupha, ukuphanda kunye nokutshutshisa naziphi na iimeko zorhwaphilizo.

Njengenxenye yeenzame zokukhuthaza ukwenza izinto elubala kunye nokuphendula, uNondyebo weSizwe upapashe kwi-intanethi iinkcukacha zezivumelwano ezinxulumene ne-COVID-19 ezikhutshwe ngamashishini karhulumente kwinqanaba lesizwe nelamaphondo.

Eli nyathelo liyimbali engazanga yabonwa kweli esithemba ukuba liza kuba ngumzekelo wayo yonke inkcitho elolu hlobo kwilixa elizayo.

I-Ofisi yoMphicothi-ziNcwadi-Jikelele nayo idlale indima ebaluleke kakhulu ekusikhombiseni iindawo eziqhwalelayo nobungozi kulawulo lwezixhobo ze-COVID-19, futhi ifumanise amatyala obuqhetseba anokuthi aphandwe zii-arhente ezimelweyo kwiziko lophando elingunto-zonke.

Siyaqhubeka nokusebenza ukomeleza iinzame zokulwa norhwaphilizo ngamanyathelo okubonelela i-NPA nezinye ii-arhente zogcino-mthetho ngezixhobo zokusebenza nemali edingekayo ukulwa norhwaphilizo, ukuqinisa iinkundla ezikhethekileyo zolwaphulo-mthetho lwezorhwebo, kunye nokugqibezela isiCwangciso seSizwe sokuLwa noRhwaphilizo.

Sizimisele ukuqinisekisa ukuba siyamlwa aphele lo bhubhane.

Asifuni ukuba esi sifo siphinde siqhambuke okwesibini elizweni lethu.

Uqhambuko lwesibini lwesi sifo lungenza umonakalo omkhulu kwilizwe lethu, futhi lungaphinda luphazamise ubomi neempilo zethu.

Kuxhomekeke kuye wonke umntu waseMzantsi Afrika ukuqinisekisa ukuba oku akwenzeki.

Njengoko siqalise le ndlela intsha yokwenza izinto futhi sifunda ukuphila nale ntsholongwane, kufuneka siqhubeke nokusebenzisa onke amanyathelo ukuthintela ukosulela abanye.

Le yindlela eza kwenza ukuba sizigcine sikhuselekile futhi sigcine uqoqosho lwelizwe lwethu luvulile:

Okokuqala, kufuneka sinxibe isigqubuthelo-buso xa sisesidlangalaleni futhi siqinisekise ukuba siyayigquma impumlo kunye nomlomo.

Okwesibini, kufuneka sigcine umgama ongangemitha enye enesiqingatha phakathi kwabantu ngawo onke amaxesha futhi siqinisekise ukuba sikwiindawo ezingena umoya kakuhle.

Okwesithathu, kufuneka siqhubeke nokuhlamba izandla zethu okanye sisebenzise isitshabalalisi-ntsholongwane rhoqo.

Okwesine, kufuneka sikhuphele i-COVID-19 Alert South Africa, eyi-app ekhutshelwa kwiiselula, futhi sikhusele iintsapho zethu kunye noluntu.

Kwisithuba nje esingaphezulu kweveki ukusukela ngoku, abemi boMzantsi Afrika baza kube bebhiyozela uSuku lwamaFa phantsi kweemeko eziza kuba ngcono ngeendlela ezininzi kunendlela ebesiphila ngayo kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo.

Ndibongoza wonke umntu ukuba ayisebenzise le holide bachithe ixesha neentsapho zabo, bahlalutye becamngca ngolu hambo lunzima sele siluhambile, bazilele abo baphulukene nobomi babo, nokuzonwabisa ngokuzolileyo besebenzisa iintlobo ezahlukeneyo neziqaqambileyo neyahlukeneyo zamafa esizwe sethu.

Kwaye awukho umbhiyozo ongcono wobuntu bethu boMzantsi Afrika ngaphandle kokuthatha inxaxheba kumdaniso odumbise iintloko ebantwini kwihlabathi liphela wengoma ethi: Jerusalema.

Ngoko ke ndiyanibongoza nonke ukuba nizeke mzekweni nilinganise ihlabathi ngolu Suku lwaMafa size sibonise ihlabathi esidume ngako.

Njengoko sibonisile ukuba xa sibambisene singayoyisa le ntsholongwane, kufuneka sibhinqe omfutshane siqalise ukwakha uqoqosho lwelizwe lethu.

Sinomnqantsa womsebenzi ophambi kwethu.

Kuza kuthatha iinzame ezidibeneyo zomntu ngamnye waseMzantsi Afrika ukubuyisela isizwe sethu kwimpumelelo nakuphuhliso.

Lo ngumsebenzi wethu sisesi sizukulwana futhi umsebenzi uqala namhlanje.

Sikoyisile ukuthandabuza kunye nokugxeka salwa nalo bhubhane ungazanga wabonwa ezimbalini.

Sikubonisile abantu boMzantsi Afrika abakwaziyo ukukwenza xa bebambisene.

Masibambelele kumoya wobunye nobambiswano.

Masiqhubekeleni phambili ngokuzimisela.

Wanga uThixo angasikelela uMzantsi Afrika akhusele abantu bawo.

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore