Intetho kaMongameli Cyril Ramaphosa engamanye amanyathelo ezoqoqosho nezentlalo okulwa ubhubhane we-COVID-19

Bemi boMzantsi Afrika,

Ngoku zintsuku ezingama-25 oko uMzantsi Afrika waqalisa ixesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwizwelonke, njengelinge lokulwa ukunwenwa kwentsholongwane i-corona.

Eli xesha linyanzelise ukuba somelele kwaye sinyamezele kakhulu.

Libangele intsokolo kwaye lafuna sahlukane nezinto ezininzi.

Nakwesi isihlandlo, ndithi kuni camagu, ukwanda kwaliwa ngumthakathi.

Ubhubhane wentsholongwane i-corona uziphazamisile iimpilo zenu wenza nomonakalo omkhulu kuqoqosho lweli lizwe.

Ulwamvila lalo bhubhane luza kuqhubeka nokwenza umbhodamo kwezi veki nezi nyanga zizayo.
Lo bhubhane ubangele amashishini, nabantu ngokunjalo, ukuba aphulukane nengeniso ngesiquphe, intsokolo igqube ngamandla lande nenani labantu abathwaxwa yindlala.

Amanyathelo esiwathathileyo akhawulezileyo nabanzi ukuze sinqande ukunwenwa ngokukhawuleza kwale ntsholongwane ibikho imfuneko yawo.

Asinike ithuba lokuba sikwazi ukusabela ngendlela engcono kule ngxaki ibilindelekile yokukhula kwenani labantu abosulelwe yile ntsholongwane ngolo hlobo saba sisindisa amashumi amawaka abantu ekubulaweni yile ntsholongwane.

Noxa ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwizwelonke wenze umonakalo omkhulu kuqoqosho lweli lizwe, lo monakalo awuyonto xa unokuthelekiswa nentlungu ibunokwenzeka ebantwini, kwezentlalo nelahleko yezoqoqosho ukuba intsholongwane i-corona ibiyekiwe yazityhutyhela.

Iingcali zezonyango kunye noogqirha bethu bathi sisekumanqanaba okuqala alo bhubhane.
Ngoku kungekabikho chiza okanye yeza lokunyanga esi sifo, kulindeleke ukuba siqhube sigqugqisa ixesha elide.

Eyona into iphambili kuthi ngoku kukuqinisekisa ukuba siwenza ngqingqwa amanyathelo ezempilo okungenelela afunekayo ukuze sinqade size sithintele ukunwenwa ngokukhawuleza kwesi sifo size sisindise nabantu bakuthi.

Ukuza kuthi ngoku, intsholongwane i-corona sele ibulele abantu abangama-58 kweli lizwe lakuthi.

Le yintlungu nathi esuse iintliziyo zethu esihlalweni, kuba siyalwazi udandatheko nenxeba elishiyeke kwiintsapho nezihlobo zabo bathe basweleka.

Kubantu abali-126,000 abahloliweyo, abangama-3,465 baqinisekisiwe ukuba banentsholongwane i-corona.

Abantu abangaphezulu kwezigidi ezibini bavavanyiwe behlolwa iimpawu zesi sifo kulo lonke eli, baze kwaba bantu abangaphezulu kwama-15,000 bathunyelwa ukuba baye kwenziwa uhlolo.

Ukuhambelana neli phulo lezempilo likhulu kangaka ezimbalini siye sathatha namanye amanyathelo okukhusela abantu, ukulwa indlala nenkxwaleko sibuyisele noqoqosho lweli kwindlela eya kuhlumo.

Ngolu rhatya, ndiza kunika ingxelo ngamanyathelo esiza kuwathatha ezoqoqosho nawezempilo ukulwa lo bhubhane ugqugqisha ihlabathi.

Lo bhubhane ufuna sithathe amanyathelo ezoqoqosho aza kukwazi ukumelana kanye nomonakalo owenzayo.

Amanyathelo ethu ezoqoqosho esiza kuwathatha aza kwahlulwa ngezigaba ezithathu.

Isigaba sokuqala saqala phakathi kwinyanga yoKwindla apho sathi sabhengeza ukuba ubhubhane wentsholongwane i-corona yintlekele kazwelonke.

Esi sigaba saquka amanyathelo amaninzi ahlukeneyo okungenelela ukuba kuthintelwe umonakalo ombi onokwenziwa ngulo bhubhane kumashishini, kuluntu ngokubanzi nasebantwini.

La manyathelo aye aquka ukuphungulwa kwerhafu, ukukhutshwa kwemali yokulwa intlekele, ukuthengwa kwezixhobo zikaxakeka, izibonelelo zemivuzo ezihlawulwa nge-UIF kunye noncedo-mali oluya kumashishini asakhasayo.

Ngoku sikwisigaba sesibini samanyathelo ezoqoqosho ukuze sizise uzinzo kuqoqosho, silungise ingxaki yokuhla kakhulu kokuveliswa nokuthengwa kweemveliso kunye nemisebenzi yeeprojekthi.

Njengenxalenye yesi sigaba, ngolu rhatya sibhengeza isicwangciso sezibonelelo zezentlalo nenkxaso yezoqoqosho yemali ezibhiliyoni ezingama-500 zeerandi, imali leyo iyi-10% ye-GDP.
Isigaba sesithathu sisicwangciso-sikhokelo sezoqoqosho esiza kusiqalisa ukuze siqhube uhlumo loqoqosho xa isizwe sidlulile kule ngxaki yalo bhubhane.

Imiba engundoqo kwisicwangciso-sikhokelo sokuhlumisa uqoqosho ngamanyathelo esiza kuwathatha ukuze sikhuthaze ukuveliswa nokuthengwa kweemveliso ngokuthi siqalise iinkqubo zokungenelela ezifana neprojekthi enkulu yokwakhiwa kweziseko zophuhliso ezingundoqo, ukuqaliswa ngokukhawuleza kwenkqubo yokwenza utshintsho olumandla kuqoqosho, ukwenza iinguqu kuqoqosho senze nazo zonke ezinye izinto eziza kukhwezela uhlumo olubanzi loqoqosho.

Siza kunika ingcaciso egcweleyo ngoku kwezi ntsuku zimbalwa zizayo.

Kwezi ntsukwana zimbalwa zidlulileyo, sibambe iindibano zokubonisana namahlakani ethu ahlukeneyo.

Sidibene nabezoshishino, abasebenzi kunye noluntu ngokubanzi kwi-NEDLAC.

Sidibene neeNkulumbuso, abaPhathiswa baMaphondo, ooSodolophu beziXeko ezimbaxa kunye namalungu eBhunga labaCebisi bezoQoqosho bakaMongameli.

Emva kwezi ntlanganiso, iKhabhinethi iye yaqwalasela iziphakamiso ezahlukeneyo yaze yaqukumbela isicwangciso sezibonelelo zezentlalo nesenkxaso yezoqoqosho esisiso esiyintsika yesigaba sesibini samanyathelo ezoqoqosho.
 
Oku kuquka:
Okokuqala, imali eninzi kakhulu eyabelwe icandelo lezempilo yokulwa intsholongwane i-corona,
Okwesibini, izibonelelo zokulwa indlala nenkxwaleko eluntwini,
Okwesithathu, inkxaso enikwe iinkampani nabasebenzi,
Okwesine, ukuvulwa kweentshukumo zoqoqosho ngezigaba.
Umonakalo owenziwa yintsholongwane i-corona ufuna sibeke imali eninzi kakhulu yokulwa intsholongwane i-corona – imali emalunga neebhiliyoni ezingama-500 zeerandi – iye ngqo kumaphulo okulwa lo bhubhane.

Oku kuza kuquka ukuba soxule imali ezibhiliyoni ezili-130 zeerandi kule mali yabiweyo ikhoyo.

Enye imali iza kuvela kumaziko eli afana neziko leNgxowa-mali ye-Inshorensi yaBangasebenziyo (i-UIF), nakumahlakani ethu ehlabathi kunye namaziko ezimali ehlabathi.

Okwangoku, sele kuyiwe kwi-World Bank, i-International Monetary Fund, i-BRICS New Development Bank kunye ne-African Development Bank kwaye la maziko asebenza kunye noNondyebo weSizwe ukujonga iintlobo zezivumelwano zokubolekisana ngemali ekunokungenwa kuzo.

Amanye ala maziko aqalise ngeentlobo ezintsha zezivumelwano zokubolekana ngemali ezilungiselelwe ukunceda amazwe anengxaki yentsholongwane i-corona afana nathi.
Le mali iza kusetyenziswa ukunceda kuqala kwiinkqubo zezempilo zokulwa intsholongwane i-corona.
Imali ezibhiliyoni ezingama-20 zeerandi iza kuya kwiinkqubo zethu zokulwa lo bhubhane.


Ukuze sikwazi ukumelana nenani labantu ekulindeleke ukuba linyuke kakhulu siqinisekise nokuba wonke umntu uyalufumana unyango alufunayo, kufuneka sithi chatha imali kwingxowa yokuthenga izixhobo zokukhusela oonompilo, kumaphulo okuvavanya ukuhlolwa kweempawu zesi sifo (screening), kwandiswe izixhobo zokuhlola, kwandiswe inani leebhedi kwizibhedlele ezikhethiweyo zokunyanga esi sifo, oomatshini bokuphefumlisa, amayeza nabasebenzi.

Ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwizwelonke kuyichaphezele ingeniso yoomasipala ngexesha kanye abantu belufuna ngamandla uncedo lwabo.

Enye imali eyongezelelweyo ezibhiliyoni ezingama-20 zeerandi iza kuya koomasipala ukuze bakwazi ukubonelela uluntu ngamanzi ngokungxamisekileyo, kuphuculwe ucoceko kumaziko nakwizithuthi zikawonke-wonke, kuze kunikwe abantu abangenamakhaya ukutya nendawo yokuqhusheka intloko.

Iinkcukacha ezigcweleyo ziza kunikwa nguMphathiswa wezeMali xa enikezela uhlahlo lwabiwo-mali oluhlenga-hlengisiweyo.
Omnye umba ofuna imali eninzi ngowokulwa iindlala nenkxwaleko eluntwini kulo lonke eli.

Nangona ekhona amanyathelo esiwathathileyo okuqinisekisa ukuba ayichaphazeleki imivuzo yabantu abasebenza kwimisebenzi ebhaliswe ngokusesikweni saze sawanika inkxaso amashishini asakhasayo, aphakathi namancinci, izigidi zabemi boMzantsi Afrika abasebenza kwicandelo lamashishini angabhaliswanga ngokusesikweni nabo bangasebenziyo baphila ngamabona-ndenzile.

Indlala nokunqongophala kokutya ithathe unyawo nje kwisithuba seevekana ezimbalwa.
Ukuze sikwazi ukunceda iintsapho ezisokolayo kweli lizwe lakuthi, siye sagqiba kwelokuba siqalise ngesibonelelo-mali seNtsholongwane i-Corona sethutyana seenyanga ezintandathu.

Siza kubekela bucala imali ezibhiliyoni ezingama-50 zeerandi eza kuya kumaphulo okunceda abo bachatshazelwe kakhulu yintsholongwane i-corona.
Oku kuthetha ukuba abo abafumana isibonelelo-mali sabantwana imali yabo iza kongezwa ngama-300 eerandi ngoCanzibe ize yongezwe ngama-500 eerandi ngenyanga ukusuka kweyeSilimela ukuya kweyeDwarha.


Abanye abantu abafumana ezinye izibonelelo-mali imali eyabo iza kuthiwa chatha ngama-250 eerandi ngenyanga kwezi nyanga zintandathu zizayo.


Ukongeza koku, isibonelelo-mali sethutyana sesiBonelelo sezeNtlalo sokuLwa iNkxwaleko ye-Covid-19 esingama-350 eerandi ngenyanga kwezi nyanga zintandathu zizayo siza kunikwa abantu abangasebenziyo abangafumani kwantlobo yasibonelelo-mali okanye mali kwi-UIF.


ISebe lezoPhuhliso loLuntu liza kukhupha uluhlu lweenkcukacha eziza kufuneka ukuze umntu akwazi ukuxhamla kwezi zibonelelo kunye nezinxulumene nokufaka isicelo.


Siye sabona ukuba urhulumente akanawo umthamo nazixhobo zaneleyo ukunikezela ukutya okusisibonelelo kubantu abathe banda ngokukhawuleza ukususela oko kwaqhambuka lo bhubhane.

I-Arhente yoMzantsi Afrika yeeNkonzo zezeNtlalo zikaRhulumente – i-SASSA – iza kuqalisa ngenkqubo esebenzisa ubuchwepheshe bale mihla kungentsuku zatywala ukuze inikezele ngoncedo lokutya kubantu abaninzi isebenzisa ii-voucher kunye nemali eza kufakwa ezibhankini zabantu ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba abantu abafuna olu ncedo balufumane lula nangokukhawuleza.


Ukongeza, ukuze kulungiswe le ngxaki ingxamisekileyo, iSebe lezoPhuhliso loLuntu libambisene ne-Solidarity Fund, ii-NGO kunye nemibutho yoluntu ziza kunikezela ngamabathwana okutya angama-250 000 kulo lonke eli lizwe kwezi veki zimbini zizayo.


Zisikhathaze gqitha iingxelo zokuba kukho abantu abaneentliziyo ezimbi abayisebenzisela ukondla izisu zabo norhwaphilizo le nkqubo yokunikezelwa kokutya.


Asisoze sithandabuze ukuqinisekisa ukuba abantu ababandakanyeka kule mikhuba baziswe ngaphambili, babanjwe.


Nangona zikhona iinkqubo ezikhoyo zikarhulumente zokulwa ingxaki enkulu yentswela-ngqesho ezifana neNkqubo eBanzi yeMisebenzi yoLuntu (i-EPWP) kunye nenkqubo yemisebenzi yoluntu, azonelanga.


Le ngxaki yentsholongwane i-corona iza kubangela ukuba abantu abaninzi baphelelwe yimisebenzi.


Enye imali ezibhiliyoni ezili-100 zeerandi iza kubekelwa bucala ukwenzela ukunqanda ukuba abantu bangaphelelwa yimisebenzi, futhi idale nemisebenzi.


Ukususela oko kwabhengezwa imo yentlekele kwizwelonke kule nyanga idlulileyo, urhulumente uqalise ngeenkqubo ezininzi zokuqinisekisa ukuba abasebenzi bayayifumana imivuzo yabo nokunceda iinkampani ezisengxakini. Ekupheleni kosuku namhlanje, isibonelelo sethutyana se-COVID-19 esikhutshwa yi-UIF sele sihlawule imali eyibhiliyoni e-1.6 yeerandi, ngolo hlobo sincede iinkampani ezingaphezulu kwama-37,000 nabasebenzi abangama-600 000.


Imali ezibhiliyoni ezingama-40 zeerandi ibekelwe bucala ukuze ihlawule imivuzo yabasebenzi abanabaqeshi abangakwazi ukubahlawula imivuzo yabo.

Siyaqhubeka nokunika uncedo – oluyimali-mboleko, izibonelelo-mali kunye nokutshintshwa kwexesha ebelibekelwe ukuhlawula ityala – kwii-SMME, abanikazi bezikroxo kunye namanye amashishini angabhaliswanga ngokusesikweni.


Imali yolu hlobo loncedo ukuza kuthi ga ngoku ingaphezulu kwezigidi ezili-100 zeerandi.


Enye imali ezibhiliyoni ezi-2 zeerandi iza kubekelwa bucala ukuze incede ii-SME abanikazi bezikroxo namanye amashishini asakhasayo.
Imali-mboleko yakwa-IDC yokuxhasa amashishini atsho akwazi ukuthenga okanye avelise izixhobo zokukhusela abasebenzi bezempilo isetyenzisiwe kwezi veki zimbalwa zidlulileyo, kwaye iyonke esele ikhululwe izizigidi ezili-162 leerandi.


Ezinye iintlobo zenkxaso zinikwe amagcisa, iimbaleki kunye nabantu abangamachule, kwakunye nabaqokeleli-nkunkuma kunye nabo basebenza kwinkqubo yemisebenzi yoluntu kwicandelo lezendalo.


Noxa la malinge eluncedo kwiinkampani nabasebenzi abaninzi, kucacile ukuba uncedo lufuneka ngamandla kuwo onke amacandelo oqoqosho.


Ke ngoko siza kubekela bucala imali ezibhiliyoni ezingama-200 zeerandi eza kuba sisibonelelo semali-mboleko sisebenzisana neebhanki ezinkulu, uNondyebo weSizwe kunye neBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika.


Le mali iza kunceda amashishini kwiindleko zawo zokuqhuba ishishini, ezifana nemali yemivuzo, imali yerenti neyokuhlawulwa kwabanikezeli zinkonzo.


Kwisigaba sokuqala, iinkampani ezenza imali engaphantsi kwezigidi ezingama-300 ngonyaka ziza kuba nelungelo lokufaka isicelo sale mali-mboleko.


Kulindeleke ukuba esi sibonelelo sixhase amashishini angaphezulu kwama-700 000 kunye nabasebenzi abangaphezulu kwezigidi ezithathu ngeli xesha lobunzima.


Iibhanki ezininzi sele zikulungele ukuqalisa ngesi sibonelelo ingekapheli inyanga.


Urhulumente usaqulunqa amanye amacebo okunceda abantu abasemngciphekweni omkhulu wokuchatshazelwa sesi sifo nabo sibachaphazeleyo kwicandelo leeteksi.


Ukongeza kwezi zibonelelo zoncedo zikhoyo, siza kuqalisa nangenkqubo yokunika iinkampani isithuba seenyanga ezine zingayihlawuli irhafu yophuhliso lwezakhono (i-skills development levy), sikhawulezise iinkqubo zokubuyiselwa kwerhafu ye-VAT kunye nokuvumela iinkampani ukuba zilibazise isithuba esingangeenyanga ezintathu phambi kokuba zigcwalise zize zihlawule irhafu yesisi esingcolisa okusingqongileyo (i-carbon tax).


Ukuze sikwazi ukunceda amashishini amaninzi, la ngeniso yonyaka yayimiselwe yokuba irhafu ihlawulwe emva kwexesha inyusiwe ngoku yazizigidi ezili-100 zeerandi, kwaye umyinge we-PAYE onokuhlawulwa emva kwexesha unyusiwe nawo wayi-35% ngoku.


Amashishini enza imali engaphezulu kwezigidi ezili-100 ngonyaka angafaka izicelo zawo kwa-SARS, ishishini ngalinye linike ezalo izizathu zokuba lifune ukuyihlawula emva kwexesha irhafu.

Awazukohlwaywa amashishini ngenxa yokuba ehlawule irhafu emva kwexesha ukuba anayo into ebonakalisa ukuba aye afumana ubunzima ngeli thuba lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile.


Abahlawuli-rhafu abalize ngemali kwi-Solidarity Fund baza kukwazi ukufaka isicelo sokuba bophulelwe enye i-10% kwingeniso yabo etsalwa irhafu.


Zizonke ezi zibonelelo zerhafu ziza kukhupha imali ezibhiliyoni ezingama-70 zeerandi eza kuba yimali okanye iintlawulo eziya ngqo kurhulumente nabantu.


UMphathiswa wezeMali uza kunika iinkcukacha ezithe vetshe ngale miba ingasentla nangezinye izibhengezo ezinxulumene nerhafu.


Xa kuqaliswa la manyathelo angasentla, sizimisele ukuqinisekisa ukuba amanina, ulutsha kunye nabantu abakhubazekileyo benzelwe idolo futhi bafumana inkxaso.


IBhanki enguVimba yoMzantsi Afrika nayo yenze igalelo elimandla ukuxhasa uqoqosho lokwenyani.

 
Ilandela igunya layo elinikwe kuMgaqo-siseko, iyiphungule imali-nzala nge-2%, ngolo hlobo ibe kanti ivulele imali ezibhiliyoni ezingama-80 zeerandi ukuba igalelwe kuqoqosho lokwenyani, ngolo hlobo ibe kanti ithathe elinye inyathelo lokugalela imali kumaziko ezimali eli.


Ibhanki zorhwebo kunye neenkampani ze-inshorensi ezininzi nazo zisifakile isandla kwizibonelelo zezoqoqosho, phakathi kwezinye izinto, ngokuvumela ukuba kunqunyanyiswe ukuhlawulwa okanye kuphungulwe imali ezizavenge yokuhlawula amatyala, zinike abantu ithuba lokuba beme ngokuhlawula amatyala, zingayitsali imali eziqhele ukuyitsala kubantu abamkela inkam-nkam.


Umba wesine ethe iKhabhinethi yawusombulula ngowokuvulwa koqoqosho ngezigaba.


Siza kusebenzisa indlela engazikusibeka mngciphekweni xa siqalisa ukuvulela iintshukumo zoqoqosho, sikhokelise phambili umba wokuthintela ukunwenwa kwentsholongwane i-corona siwuthelekisa nobalulekileyo wokubuyela kwabantu emisebenzini.


Njengoko benditshilo ngaphambili, ukuba sikuphelisa ngokukhawuleza okanye ngesiquphe ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile, sizibeka engxakini apho esi sifo sinokuphinda sivumbuleke sele singalawuleki.


Ke ngoko siza kusebenzisa inkqubo eza kuhamba ngokwezigaba, sikhokelwa bubungqina esibufumana kwiingcali zezenzululwazi, size sisuse imiqathango ethile ethintela iintshukumo zoqoqosho, singangxamanga.

Xa sisenza oku, siza kwenza sisamile kwisigqibo sethu sokulwa ukunwenwa kwale ntsholongwane.

Kuza kufuneka sihlabe sikhangele, silindele nantoni na kwezi veki nezi nyanga zizayo, senze uhlenga-hlengiso ngokubona imeko.


NgoLwesine, ndiza kuthetha nesizwe ngamanyathelo aza kuthathwa ukuvulwa kwakhona koqoqosho emva kokugqitha kweli xesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwizwelonke.


Le ngxaki yeyethutyana, uyeza umhla apho kungazi kubakho mfuneko yala manyathelo.


Ngoku sisalinde lo mhla, kufuneka siqinisekise ukuba bonke abantu bakuthi bafumana inkxaso eyaneleyo. Isicwangciso sezibonelelo zikaxakeka ezingaka sesokuqala ezimbalini.


Sibonisa ukuba senza konke okusemandleni, sincame nepeni yokugqibela, kumalinge ethu okuxhasa abantu bakuthi sibakhusele engozini.

 
Siza kwenza konke okusemandleni – futhi oku kunyanzelekile – ukuqinisekisa ukuba siyaphumela kule ngxaki ichaphazela abantu, intlalo noqoqosho.


Ilizwe lakuthi neli hlabathi siphila kulo litshintshe naphakade.


Sizimisele hayi nje ukubuyisela uqoqosho lweli lizwe kwindawo elalikuyo phambi kokufika kwentsholongwane i-corona, koko sizimisele ukwakha uhlobo olutsha loqoqosho oluza kuhambelana nezi meko zikhoyo kwihlabathi ngoku.


Izicwangciso zethu zoqoqosho ukusuka ngoku ziza kufuna ukuba kubekho isivumelwano sezentlalo esitsha phakathi kwawo onke amahlakani – amashishini, abasebenzi, uluntu kunye norhulumente – ukuze kwenziwe iinguqu kuqoqosho kubekho nohlumo olubanzi.


Sisakhela kule ntsebenziswano intle ikhoyo phakathi kwawo onke amahlakani ezentlalo ngeIi lixesha lalo bhubhane, siza kuzikhawulezisa iinguqu zezoqoqosho ezifunekayo ukuze kuphungulwe iindleko zokuqhuba ushishino, ukukhuthaza ukuveliswa kweemveliso apha ekhaya nokuvuselelwa kwamashishini, ukwenza iinguqu ezimandla kumashishini ombuso nokuphucula amashishini angabhaliswanga ngokusesikweni.

Siza kungena kwisivumelwano sokuqalisa iinguqu zoqoqosho ezimandla eziza kuqinisekisa ukuba zinika amathuba ezoqoqosho amanina, ulutsha kunye nabantu abakhubazekileyo, eziza kwenza ukuba izixeko, iidolophu, iilali neendawo ezisemaphandleni zeli zibe yimimandla enamathuba amaninzi ezoqoqosho namashishini.


Olu qoqosho lweli lutsha kufuneka lusekelwe kwiindlela ezingenamkhethe, kumba wokuxhobisa ngezakhono, ubulungisa nokulingana.

Kufuneka lusebenzise zonke izinto ezilulutho, zonke izakhono esinazo nabo bonke ubuchule bokuyila esinabo ngeenjongo zokunceda abantu bezwe lakuthi.


Olu qoqosho lweli lutsha kufuneka luveze amathuba amatsha.


Kule nyanga iphelileyo, abemi boMzantsi Afrika baye benzelana ububele obumangalisayo.


Nditsho nangoku, nangona kufuneka sincame izinto ezininzi, sinethemba lekamva eliqhakazileyo.


Nditsho nangoku sele sizibona sikwemnyama intsunguzi, kusafuneka sincame okuninzi, nangoku kufuneka silale sichophe ezithendeni, asilahlanga themba sijonge phambili ngethemba.


Ndikuthembile ukuzingisa nesakhono sokunyamezela sabemi abaninzi boMzantsi Afrika, abazibonakalisileyo izihlandlo ngezihlandlo – kwimbali yeli – ukuba bayakwazi ukumelana neenzingo.


Nale iza kugqitha.


Nale siza kuyoyisa.


Siqhubele phambili


Wanga uThixo angasikelela uMzantsi Afrika akhusele abantu bawo.


Enkosi.

 

Share this page

Similar categories to explore