INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wesi-5 kweyoMnga 2018

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla wesi-5 kweyoMnga ngowama-2018 eTuynhuys, eKapa.

A. Imiba engundaba-mlonyeni
1. Uhlumo loqoqosho


Ilizwe liyakwamkela ukukhula nge-2.2% koqoqosho loMzantsi Afrika kwikota yesithathu, into leyo encede ilizwe latsho laphuma kwixesha lokudodobala koqoqosho olubangelwe kukungahlumi koqoqosho iikota ezimbini zilandelelana. Olu hlumo lwenziwe kukukhula kwicandelo lezolimo (nge-6.5%) kwelezemali (nge-2.3%); kwelezemveliso (nge-7.5%) nakwelevenkile ezinkulu kunye nezokuthengisa (nge-3.2.%). La manani okuhluma koqoqosho abonakalisa ukuvuka koqoqosho lweli kwaye indima edlalwe ngamanye amalinge afana neNgqungquthela yeMisebenzi kunye neNkomfa yoTyalo-mali yoMzantsi Afrika nayo iza kwenza uqoqosho luqhubekeke ukukhula ngesantya esincumisayo.

IKhabhinethi nayo njengabemi boMzantsi Afirka iyakuvuyela ukuhla kwexabiso lamafutha ezithuthi into leyo ithe yanika abantu isiqabu, ingakumbi njengoko sijonge kwiiholide zeKrismesi. Onke amacandelo esizwe ayacelwa ukuba akhele kolu hlumo luncumisayo lwekota yesithathu ngolo enze uMzantsi Afrika ukuba uthi ngcembe kuhle kulo mzila mtsha wohlumo.

2. UMvuzo weSizwe omiSelweyo ongoWona uPhantsi (i-NMW)

IKhabhinethi iyakwamkela ukutyikitywa koMthetho oYilwayo we-NMW ube ngumthetho nguMongameli Ramaphosa. Lo Mthetho uYilwayo uyimbali kumaphulo okukhusela abasebenzi abamkela imivuzo ephantsi nokuphungulwa kwengxaki yokungalingani kweli lizwe. Umvuzo wokuqala ohamba ngokwe-NMW uza kunyusa imivuzo yabasebenzi boMzantsi Afrika abamkela imivuzo ephantsi abaqikelelwa kwizigidi ezithandathu. Kuza kubakho ixesha eliza kumiselwa apho abasebenzi basezifama, bezamahlathi nabancedisa emakhaya beza kunyuselwa imivuzo ngezigaba ide ifikele kweli nqanaba le-NMW.
 
Nangona i-NMW ingazikuwuvala umsantsa omkhulu phakathi kwemivuzo eyamkelwa ngabantu, iKhabhinethi ikholelwa ukuba iza kunceda kakhulu ekulweni ukungalingani nendlala ethwaxa abantu abaninzi beli. 

3. Iziko i-Toyota Wessels Institute leziFundo zezeMizi-mveliso (i-TWIMS)

IKhabhinethi iyakwamkela ukuphehlelelwa kwe-TWMS esanda kuvulwa etyabhule imali ezizigidi ezingama-56 erandi. Eli ziko liza kukhulisa icandelo loMzantsi Afrika lemizi-mveliso, livelise izakhono ezikumgangatho wehlabathi lize lidlale endima emandla kwiphulo lokuvuselela imizi-mveliso e-Afrika. Liza kunceda ekukhuliseni amaphulo okwakha isizwe esigxininisa kwimizi-mveliso efunwa kakhulu sisizwe futhi liza kunyusa nenkcutho yalapha ekhaya lize lidale nemisebenzi elangazelelwe ngabomvu.

Eli liqumrhu elizimeleyo elingenzi nzuzo elisekwe ngoncedo lwemali evela kwiToyota South Africa Education Trust. Livulwe ngentsebenziswano neGordon Institute of Business Science yeDyunivesiti yasePitoli ukuze lifundise isidanga se-Master of Business Admistration kwicandelo lezeMizi-mveliso.

4. ICandelo leMibutho yoLuntu yezeNtlalo 

IKhabhinethi iyiqaphele iNdibano yeMibutho yoLuntu yezeNtlalo ebibanjwe ngurhulumente ngentsebenziswano noMbutho wezabaSebenzi weHlabathi (i-ILO) kunye noRhulumente wase-Flanders ngoLwesihlanu umhla wama-30 kweyeNkungu 2018. Le ndibano ibikhokelwa liSebe lezoPhuhliso loQoqosho lixhaswa liSebe lezoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci. 

Icandelo leMibutho yoLuntu yezeNtlalo liquka amashishini kunye namaphulo alungiselelwe ukuzalisekisa iinjongo zomgaqo-nkqubo wezentlalo ofana nokudala imisebenzi, ukuphuhlisa abantu ababenganikwa mathuba ngaphambili nokusa iinkonzo neempahla ebantwini basemaphandleni. Lingancedisa kumaphulo okuquka wonke umntu kuqoqosho lweli nokudala amawaka eminye imisebenzi. Le ndibano ibizinyaswe ngoosomabhizinisi bezentlalo, iingcali kwezemigaqo-nkqubo, iingcali kwezophando-nzulu kunye nemibutho engekho phantsi kukarhulumente, kwaye iza kuncedisa ekubhalweni kwePhepha loGayo-zimvo elingeCandelo leMibutho yoLuntu yezeNtlalo lwezeNtlalo ngowama-2019.

5. Ukubhalisela ukuvota

Njengamalungiselelo olonyulo lowama-2019, iKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise ilungelo labo njengabemi abanenkathalo ngokuqinisekisa ukuba banayo iNcwadi-sazisi eluhlaza enebhakhowudi, iKhadi-sazisi okanye isatifiketi sethutyana sesazisi nokuba babhalisele ukuvota kwizithili zabo. IKhomishini yoNyulo eziMeleyo (i-IEC) iza kubamba impela-veki yokubhalisela ukuvota ngomhla wama-26 nangowama-27 kweyoMqungu 2019 kwaye abemi boMzantsi Afrika bayabongozwa ukuba basebenzise eli thuba baye kubhalisela ukuvota baze baqinisekise nokuba babhalasile ngenene.
 
IKhabhinethi ibongoza abo bafake izicelo zamaKhadi-zazisi ukuba baye kuthatha amakhadi abo kwii-ofisi zeSebe leMicinga yezeKhaya abebefake kuzo izicelo. 

6. UMlawuli kaZwelonke weGunyabantu lezoTshutshiso (i-NDPP)

IKhabhinethi imqhwabela izandla uMongameli Ramaphosa ngokuqesha u-Advocate Shamila Batohi njenge-NDPP entsha. Oku kulandela emva kokuba uMongameli ethe waqwalasela abagqatswa abahlanu amagama abo ebeziswe ngaphambili liqela labacebisi. Ukuqeshwa kwe-NDPP kuza kuzisa uzinzo kwiGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA) kwaye kunike nesizwe amandla okulwa ulwaphulo-mthetho norhwaphilizo. IKhabhinethi ibulela uMphathiswa wezaMandla uJeff Radebe kunye neqela labacebisi ngegalelo labo kule nkqubo iyimbali yokuqeshwa kwe-NDPP.  

7. Iingcali zezempilo zaseLimpopo

IKhabhinethi ikugxibha kabukhali ukuhlaselwa koogqirha kwizibhedlele zaseLimpopo. Iingcali zezempilo kunye namaziko ezempilo anceda abantu, ingakumbi abo bangathathi ntweni bafumana uncedo kula maziko. Ukuhlasela abo ubizo nomsebenzi wabo ikukusindisa ubomi babantu sisenzo solwaphulo-mthetho futhi akusoze kunyanyezelwe. UMphathiswa wezeMpilo, uGq Aaron Motsoaledi, ukhokelele iqela elisuka kumacandela ahlukeneyo - aquka iingcali zezobuntlola emapoliseni, abezecandelo lezobucuphi, elezokugcinwa koxolo esidlangangalaleni, abasemagunyeni kwicandelo loonogada babucala kunye namagosa aphuma kwiSebe leMicimbi yezeKhaya - ukuze kuhlaziywe ukhuseleko kumaziko ezempilo karhulumente. 

IKhabhinethi ihlaba ikhwelo ebantwini ukuba basebenzisane nee-arhente zogcino-mthetho ukuqinisekisa ukuba abenzi bobubi bobu ndladiya bayabanjwa bagwetywe. 
  
8. Iiholide zokuphela konyaka ezikhuselekileyo

IKhabhinethi ibongoza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bazigcine bekhuselekile ngeli xesha leeholide zeKrisimesi. Abasebenzisi bendlela bayacelwa ukuba bathobele imithetho yendlela, bangaqhubi ngokungenankathalo. Bayabongozwa nokuba bangaqhubi besele iziselo ezinxilisayo. Abahambi ngeenyawo nabo bayacelwa ukuba bahlale bevule amehlo ezindleleni. INtlanganisela yezobuLungisa, uThintelo loLwaphulo-mthetho noKhuseleko iwenze ngqingwa amaphulo okulwa ulwaphulo-mthetho nokukhuthaza ukhuseleko kulo lonke eli. ISebe leMicimbi yezeKhaya lilandisile inani labasebenzi abakumazibuko okungena kweli ukuqinisekisa ukuba bayakwazi ukumelana nabahambi abaza kugqitha kula mazibuko ngeli xesha leeholide zokuphela konyaka. Likwaceba nokuwandisa amaxesha okuvula nokuvala kumazibuko okungena kweli, kulungiselelwe eli xesha liphambi kokuqala kweeholide zokuphela konyaka, ixesha lokufika kwazo kunye nelokuvulwa kwezikolo.

9. Isikhumbuzo seminyaka emihlanu yokushiywa nguMadiba

IKhabhinethi nayo njengabemi boMzantsi Afrika ithoba iintloko ngesi sikhumbuzo seminyaka emihlanu yokusweleka koMongameli wokuqala owanyulwa ngokwentando yesininzi uMongameli Nelson Rolihlahla Mandela, owalandulela eli Phakade ngomhla wesi-5 kweyoMnga 2013. UMongameli Ramaphosa wabhengeza ukuba unyaka wama-2018 ubekelwe bucala njengonyaka wokuphawula iminyaka elikhulu yokuzalwa kukaMandela. Imisitho yokuhlonipha imisebenzi yakhe ibibanjwe kuye wonke lo nyaka ngabemi boMzantsi Afrika ngendlela ezahlukeneyo, owakutsha nje ibingumnyhadala obizwa ngokuba yi-Global Citizens Mandela 100 Festival, obubanjwe kule mpela-veki iphelileyo. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuthi sonke ukuba sihambe ekhondweni likaMadiba, senze njengaye, kuquka nokuzibophelela ngokungagungqiyo kubulungisa, ulingwano nokungacalu-caluli.

10.  I-Global Citizen Festival Mandela 100
IKhabhinethi ibamba ngazibini kubo bonke abo bathe bathatha inxaxheba kwi-Global Citizen Festival Mandela 100 ebibanjelwe eRhawutini ngeCawe, umhla wesi-2 kweyoMnga 2018. Lo mnyhadala ubuyinxalenye yemisitho yesizwe yesikhumbuzo sokubhiyozela iminyaka elikhulu yokuzalwa kukaTata Nelson Mandela kwaye ubusasazwe kumazwe angaphezulu kwali-180. Lo mnyhadala udibanise amawaka abemi behlabathi, amatsha-ntliziyo, iinkokeli zehlabathi, iimvumi nabantu abangosaziwayo ukuze kukhuthazwe iiNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo zeZizwe eziManyeneyo (i-UN) ngeenjongo zokukhumbula imisebenzi negama likaMandela.

IKhabhinethi ivakalisa uvelwano kwabo bathe bagrogriswa bekhuthuzwa ngoonqali-ntloko abazizaphuli-mthetho abathe babaxhaphaza ngethuba bephuma ebaleni. IKhabhinethi izigxeka kabukhali izenzo zolwaphulo-mthetho kwaye ihlaba ikhwelo kwii-arhente zogcino-mthetho ukuba zibambe abenzi bobubi. 

11. USuku lweHlabathi lukaGawulayo 

UMzantsi Afrika uphawule uSuku lweHlabathi lukaGawulayo ngomhla woku-1 kweyoMnga phantsi komxholo othi: Cheka Impilo. Know Your Status". IKhabhinethi iyayibulela inkqubo embaxa karhulumente yeNtsholongwane kaGawula (i-HIV) noGawulayo (i-AIDS) eyenza umsebenzi omhle kakhulu wokulwa lo bhubhane. Le nkqubo yenze ukuba abanye abantu abazizigidi ezibini ukuba baqalise ukusebenzisa amachiza athomalalisa iNtsholongwane kaGawulayo (ii-ARV). 

UMzantsi Afrika unabantu abangaphezulu kwezigidi eziyi-4.2 abasebenzisa ii-ARV, into yenza ukuba inkqubo yeli lizwe ye-ARV ibe yeyona inkulu kwihlabathi liphela. Iphulo le-HIV nele-AIDS liyaqhubeka nokwenza umahluko nokukhuthaza abantu ukuba bayitshintshe indlela abaziphethe ngayo, basele amayeza afanelekileyo futhi nokupheliswa kwengxaki yokubukulwa kwabantu abane-HIV. IKhabhinethi imile kwikhwelo layo lokukhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba baye kuvavanya igazi baze bayazi imo yabo ye-HIV, into leyo eza kubanceda ukuba bakwazi ukuzikhusela, ukuzinyanga, ukuzikhathalela baze bafumane nenkxaso.

12. USuku lweHlabathi le-UN lwabaNtu abaKhubazekileyo

UMzantsi Afrika nawo njengamazwe omhlaba uhloniphe uSuku lwe-UN lweHlabathi lwabaNtu abaKhubazekileyo, ngoMvulo, umhla wesi-3 kweyoMnga.  
Urhulumente usemi kwiphulo lakhe lokubandakanya nokukhusela abantu abakhubazekileyo ngokuqalisa iinkqubo ezilungiselelwe kanye bona kunye namanye amanyathelo okungenelela ukuze kuqinisekiswe ukuba bawafumana ngokulinganayo amathuba njengoko usitsho uMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996.  

B. Izigqibo zeKhabhinethi

13. UMmandla oKhethekileyo wezoQoqosho (i-SEZ) waseNkomazi 


IKhabhinethi isamkele isigqibo soMphathiswa wezoRhwebo noShishino, uGq Rob Davies, ukuba avume ngokusesikweni ukuba kumiselwe i-SEZ aze akhuphele iLayisenisi ye-SEZ iSebe lezoPhuhliso loQoqosho nezoKhenketho likaRhulumente wePhondo waseMpumalanga. 

I-SEZ yaseNkomazi iza kusetyenziswa njengeNgingqi yokuColwa nokuSetyenzwa kweeMveliso zezoLimo" esebenzinsa umbane ongenabungozi kokusingqongileyo. Le SEZ iza kuma ngeenkonzo ezahlukeneyo, ezifana namaziko okugcina iimpahla zorhwebo kunye nezokuthuthwa nokuhanjiswa kweempahla. Oku kuyinxalenye yeprojekthi yokuPhuhliswa kweNgingqi yaseMaputo neziphaluka zayo, eyingingqi ephambili kwezorhwebo edibanisa iGauteng, Limpopo neMpumalanga kunye neMaputo eMozambique. Le ngingqi ineendlela, amazibuko nemizila kaloliwe, phakathi kwezinye izinto.

Iza kuba negalelo elimandla ekukhuliseni uhlumo, itsale utyalo-mali oluvela ngaphandla nalapha ekhaya, yandise icandelo lemizi-mveliso ize idale nemisebenzi kulo mmandla. 

14. IKhabhinethi ikuvumile ukutyikitywa kweSivumelwano seNtsebenziswano kwezoQoqosho (i-EPA) ne-United Kingdom yakuba imiba ibisabambezela isonjululwe kunye nemiba enxulumene nobunye ubucukubhede obenziwa ezi-ofisini. IKhabhinethi ivumile ukuba singeniswe ePalamente size kutyikitywa isiVumelwano esiseka i-EPA phakathi koMbutho wamaZantsi e-Afrika ongaHlawulisani Rhafu yaRhwebo (i-SACU) kunye noMozambique ne-UK.

15. IKhabhinethi ikuvumile ukupapapshwa kwePhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo weMicimbi yezeKhaya ukuze uluntu luhlomle. Eli Phepha liCacisa uMgaqo-nkqubo lithi ukuze uMzantsi Afrika ukwazi ukuwaxhamla onke amaqithi-qithi eza neXesha eliGxininisa kubuXhaka-xhaka bale Mihla be-Intanethi, iSebe lemiCimbi yezeKhaya kufuneka lidlale indima eza kuxhobisa abemi beli ngezakhono, eza kwenza ukuba uphuhliso luquke futhi luxhanyulwe ngumntu wonke, urhulumente osebenzayo kunye nokhuseleko lesizwe.  
Likwasekelwe ekubeni iSebe leMicimbi yezeKhaya ibe lilo kuphela elinegunya lokukhupha iincwadi-zazisi, elilawula umba wokufuduka kwabantu, uncedo lwabantu abafuna indawo yokubhacela nababelaka emazweni abo okuzalwa ngenxa yeentshutshiso. Eli Phepha licebisa ukuba kuthathwe amanyathelo okulwa ubuqhetseba kunaniselwano lweebhanki kuze kongiwe imali ngokusebenzisa iindlela zokusebenza ezintsha. 

16. IKhabhinethi ivumile ukuba singeniswe ePalamente isiVumelwano seLungelo lobuNini (i-WCT) soMbutho weHlabathi wobuNini bemiSebenzi yezobuGcisa ukuze sigwadlwe kuvunyelwane ngaso. 

Esi sisivumelwano samazwe ngamazwe kwaye sikwasisivumelwano esisodwa esilawulwa ngokweSivumelwano saseBerne esimalunga nokukhuselwa kwemisebenzi namalungelo ababhali kule mihla ye-intanethi. Ukuwamkela amasolotya e-WCT kuza kunceda necandelo lezobugcisa loMzantsi Afrika ingakumbi ababhali boncwadi namagcisa. I-WCT iza kunceda uMzantsi Afrika njengoko ineenjongo zokuqinisekisa ukuba umthetho olawulo ilungelo lobunini uza kuhambelana nolu tshintsho olukhawulezayo lwenzeka kwezobuchwepheshe. Oku kuza kunceda ukuba amalungelo abanini-malungelo kunye nemisebenzi yabo yobugcisa akhuselwe ekusetyenzisweni ngokungekho mthethweni ngeekhompyutha.

17. IKhabhinethi ivumile ukuba i-Performances and Phonograms Treaty ye-WIPO yowe-1996 ingeniswe iPalamente ukuze ityikitywe. 

Esi sivumelwano samazwe ngamazwe singamalungelo amagcisa nabavelisi bezandi (ababhali beengoma), ingakumbi kula maxesha obuchwepheshe be-intanethi. Esi sivumelwano siza kukhusela abantu okanye imibutho enegalelo lobugcisa, lobuchule okanye lokuhlela ngethuba le misebenzi yobugcisa iveliswa isisiwa eluntwini ukuze nabo bazenzele imali ngale misebenzi. 

18. IKhabhinethi ivumile ukuba kungeniswe isiVumelwano saseBeijing ePalamente ukuze sivunywe. Esi sisivumelwano samazwe ngamazwe, esilawula ilungelo lobunini labo benza imisebenzi yobugcisa nemidlalo yobugcisa ebukelwayo nemanyelwayo futhi sandisa amalungelo abo benza umsebenzi wobugcisa obukelwayo nomanyelwayo. Sihlonipha amalungelo obunini abo benza umsebenzi wobugcisa obukelwayo nomanyelwayo uze ubancede nabo benze imali ngeli khondo labo. Sikwanika abo benza umsebenzi wobugcisa omanyelwayo nobukelwayo amalungelo kuba eyinto elungileyo omsebenzi wabo kwaye sikwabethelela namalungelo abo benza umsebenzi wobugcisa obukelwayo nomanyelwayo kweli xesha le-intanethi.   

19. IKhabhinethi ivumile ukuba kumiselwe iKomiti yabaPhathiswa (i-IMC) eza kukhokela isihlandlo sesibini sokuhlola seLinge lase-Afrika lokuHlolana kwaMazwe (i-APRM). Liza kuqhutywa emva koNyulo Jikelele lowama-2019. Le IMC iza kuxhaswa liBhunga leSizwe loLawulo le-APRM eliza kusekwa ngokwesivumelwano. Inkqubo yokuhlola ye-APRM inika amazwe angamalungu ithuba lokuba abambe iindibano zokufakana imilomo ngemiba yolawulo kunye nezikhombisi zentlalo noqoqosho kunye nokuba kuvunyelwane ngendlela izinto eziza kwenziwa ngayo.

20. IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika utyikitye isiVumelwano sokusekwa, phantsi komthetho wehlabathi, kombutho woorhulumente abahlukeneyo obizwa ngokuba yi-Square Kilometre Array (i-SKA) Observatory, oza kujongana nomsebenzi wezigaba zokwakhiwa nokusetyenziswa kweprojekthi ye-SKA yehlabathi yesibonakude samaza, eza kuba seMzantsi Afrika nase-Australia. 

Ukutyikitywa kwesi sivumelwano kuza kubaluleka kakhulu ekuqinisekiseni ukuba kukho ukusebenzisana nokubambisana namazwe ehlabathi kusetyenziswa iindlela zokulawula ezifanelekileyo into leyo eza kuqinisekisa ukuba le projekthi iphunyezwa ngempumelelo. UMzantsi Afrika uza kukwazi ukusebenzisa amathuba eza notyalo-mali oluvela ngaphandle lungena kweli, kwakunye nezakhono kunye nophuhliso lweziseko ezingundoqo eziza ngenxa yeprojekthi ye-SKA. 

21. IKhabhinethi ivumile ukuba siqaliswe isiCwangciso-sikhokelo seSizwe seZibuko elinguNtozonke (i-OSBP). Oku kuza kusebenza njengesikhokelo sokuba kumiselwe ii-OSBP phakathi koMzantsi Afrika namazwe angabamelwane. I-OSBP iza kuphucula urhwebo ingakhange ilubekwe emngciphekweni ukhuseleko lwesizwe nokuqokelelwa kwerhafu kusetyenziswa iindlela engasokolisiyo yokuhanjiswa kweempahla, iinkonzo kunye nabantu phakathi koMzantsi Afrika namazwe angabamelwana adibene neli ngemida, angala: iBotswana, Lesotho, Namibia, Mozambique neZimbabwe.   

Ezi OSBP ziza kwenza ukuba iinkcukacha nobucukubhede obufunwa emideni buqwalaselwe ngokukhawuleza nokuba kungaphinda-phindwa imisebenzi eminye kula mazibuko into leyo eza kuphucula indlela urhwebo eliqhutywa ngayo kunye nokuhamba-hamba kwabantu ngokuphungula iindleko nexesha elichithwa emideni.

22. IKhabhinethi ivumile ukuba uNondyebo weSizwe kunye neZiko loLawulo lweziMali (i-FIC) akhokele amalungiselelo oMzantsi Afrika ovavanyo lwesizwe lwemingcipheko kunye nale nkqubo yokuhlolana izayo iza kuqala phakathi ngoTshazimpunzi wama-2019. Le nkqubo yokuhlolana yinkqubo yokuhlolana kwamazwe eqhutywa zingcali zehlabathi ezivela kwamanye amazwe angamalungu eli qumrhu loorhulumente, iQela lokuSebenza ngeziMali, ukuze kuqinisekiswe ukuba inolwamvila imithetho yokulwa ukuthutyeleziswa kwemali (i-AML) kunye nokulwa ukuxhaswa kwemibutho yabanqolobi ngezimali (i-CFT) eMzantsi Afrika. Iziphumo zale nkqubo ziza kunceda ekomelezeni imithetho neenkqubo ezilawula izimali zoMzantsi Afrika ngokuthi kucaciswe amanyathelo aza kuthathwa ukulungisa iindawana eziqhwalelayo kwi-AML ne-CFT. 

23. IKhabhinethi izivumile iziphakamiso ezenikwe iSebe leMfundo esiSiseko liSebe lezokuCwangcisa, ukuHlola nokuVavanyo. Ezi ziphakamiso zisuka kuPhando lezaKhono zokuFunda kumaBanga Aphantsi emva kokungenelela iminyaka emibini. ISebe keMfundo esiSiseko laqalisa olu Phando lezaKhono zokuFunda kumaBanga Aphantsi lisebenzisana needyunivesiti ezahlukeneyo. Olu phando lukhulu ngohlolo lomahluko owenziwa yimfundo lineenjongo zokunika ubungqina ngezinto ezisebenzayo zokuphucula indlela yokufunda nokufundisa ukufunda ngeeLwimi zeSintu kumabanga aphantsi. Le ngxelo iza kufakwa kwiwebhusayithi yeSebe leMfundo esiSiseko.

24.  IKhabhinethi isivumile isiCwangciso-sikhokelo soMgaqo-nkqubo weeMyuziyam zeSizwe. Injongo yaso kukuzisa iingunqu kulawulo nokusebenza kweemyuziyam kugxininiswa kakhulu kumba wokufikeleleka kwazo, indima yazo yokulungisa umonakalo wangaphambili, ulingwano, ukwakhiwa kwesizwe nokusebenzisana kweentlanga ezahlukeneyo. Lo mgaqo-nkqubo ucebisa ukuba iimyuziyam zidityaniswe zibe ngamaqumrhu amatsha olawulo ukuze zikwazi ukuxhamla iziphumo zokuba ngamaqumrhu adibeneyo amakhulu ngokuthi kuphungulwe inani lamabhunga. 

Ukwavumela ukuba zonke iimyuziyam zihlelwe ngokwemigangatho, icandelo imyuziyam leyo egxininisa kulo kunye nendlela ebaluleke ngayo ukuze zikwazi ukuxhaswa ngemali ngokwemfuno zayo.

25. IKhabhinethi isivumile isiKhokelo seSizwe sokuQeshwa kwaBantu kwiiBhodi neziKhulu eziPhezulu kwiSigqeba soLawulo (ii-CEO) zamaQumrhu kaRhulumente namaQumrhu aLawulwa nguRhulumente. Esi sikhokelo sicacisa imigaqo kunye nezikhokelo zokwenza izinto ngendlela efanelekileyo ukuze kuqinisekiswe ukuba kusetyenziswa indlela efanayo xa kuqeshwa abantu kwezi zikhundla. Sisabela ngqo kwiKomiti kaMongameli yokuHlaziya amaQumrhu oMbuso ukuze kuqinisekiswe ukuba izinto zenziwa elubala, kuyaphendulwa ngemisebenzi eyenziwayo kwaye kulawulwa ngeendlela efanelekileyo kuwo onke amaqoqo karhulumente. 

26. IKhabhinethi iyamkele ingxelo yesithandathu yomgama osele uhanjiwe liQela eliJongene nemiba yaseMntla Ntshona. IKhabhinethi ivuyiswa kakhulu ngumsebenzi obonakalayo owenziweyo wokuzisa uzinzo kumasebe ephondo eMntla Ntshona kunye nokuba umba wokuhanjisa kweenkonzo ezisisiseko ukhokeliswa phambili. Eli nyathelo lokungenelela likwazile ukuyibhatala i-90% yezimali zababoneleli-zinkonzo ebezingekabhatalwa futhi likwancede nakumaphulo okuhanjiswa kwamayeza nezixhobo. Amagumbi amane kwamahlanu okuqhuba uqhaqho-tyando kwisibhedlele saseMafikeng ayasebenza ngoku. Izithuba ezininzi zezikhundla ebezikade zingenabantu kumasebe ahlukeneyo ngoku sekuqeshwe abantu kuzo. Amalinge okulungisa iziseko ezingundoqo ebekusele kuyiminyaka zingasalungiswa sele eqalile kwaye nee-arhente zogcino-mthetho zenza umsebenzi oncomekayo wokubamba abo bachaphazeleka kwizenzo zorhwaphilizo. 

27.  Abalawuli ababekiweyo, besebenzisana neenkokeli zaseMntla Ntshona bayaqhubeka nokwenza imisebenzi emihle ekuqinisekiseni ukuba kusetyenziswa iinkqubo zolawulo ezifanelekileyo. IBhunga lamaPhondo leSizwe (i-NCOP) lityelele eMntla Ntshona ngenyanga yeDwarha kwaye sele liyingenisile ingxelo yayo exhasa ukungenelela kukarhulumente kaNdlunkulu kweliya Phondo.  

28.  IKhabhinethi ivumile ukuba kubanjwe le misitho:

  • IiNtlanganiso zeSine zoNyaka zeBhanki yoPhuhliso eNtsha (i-NDB), kwikota yokuqala yowama-2019. I-NDB yasekwa yiBrazil, Russia, India, China noMzantsi Afrika  (i-BRICS) ukuze kuqokelelwe izimali zokuxhasa amaphulo ophuhliso lweziseko ezingundoqo kunye nezophuhliso oluzinzileyo kumazwe angamalungu e-BRICS, nakumanye anoqoqosho oluhlumayo.  
  • ISeshoni eQhelekileyo ye-17 yeNkomfa yabaPhathiswa base-Afrika engezeNdalo (i-AMCEN) ngeyeSilimela/eyeKhala 2019. I-AMCEN liqonga elisisigxina apho abaPhathiswa base-Afrika bezeNdalo bagwadla futhi bathathe nezigqibo ngemiba echaphazela eli Zwekazi. UMzantsi Afrika uza kuba ngusihlalo we-AMCEN ukusuka ngowama-2019 ukuya kowama-2021.

C.  ImiThetho eYilwayo

29. IKhabhinethi ivumile ukuba upapashwe uMthetho oYilwayo oHlaziyiweyo wokuThathwa oMhlaba ukuze uluntu luhlomle. Lo mthetho uyilwayo ufakela isolotya elicacisa iimeko eziphandle apho umhlaba unokuthathwa ngaphandle kwentlawulo kusenzelwa uluntu. Eli candelo liza kucacisa nangakumbi uMthetho oYilwayo wokuThathwa koMhlaba wangaphambili owathi warhoxiswa ekubeni uhlalutywe yipalamente ngendlela ehlalutya ngayo imithetho eyilwayo. Lo Mthetho uYilwayo uza kunceda ukukhawulezisa inkqubo yokubuyiselwa komhlaba, konke oku kusenziwa ngendlela esemthethweni nehambelana nomgaqo-siseko. 

30. IKhabhinethi ivumile ukuba upapashwe uMthetho oYilwayo wemiGaqo yokuziPhatha kwamaZiko ezeziMali wowama-2018 ukuze uluntu luhlomle. Oku kuyinxalenye yamaphulo karhulumente okuzisa iingunqu kwimithetho elawula icandelo lezezimali ukuba lifikelele kwithuba apho kukho uhlobo lolawulo oluntlantlu-mbini kwaye oku kulandela ukuqaliswa kokusetyenziswa koMthetho woLawulo lweCandelo lwezeziMali, wowama-2017 (uMthetho 9 wowama-2017), oonjongo zawo ikuqinisekisa ukuba eli candelo liziphatha ngendlela efanelekileyo kwaye abantu abasebenzisa iinkonzo zecandelo lezezimali baphathwa kakuhle. Imithetho yokulawula ukuziphatha kweli candelo eneenjongo zokuthintela nokulawula xa amalinge okuthintela athe aphanza, iziphumo ezikrakra ezivelayo xa amaziko ezezimali eqhuba ushishino ngendlela edlelelayo okanye ngendlela edelela imithetho elawula icandelo lezezimali nokuthembeka kwalo. 

Lo Mthetho uYiwalyo uza kulwela abantu abasebenzisa ezi nkozo ngokuthi umisele umthetho omnye obanzi ocacisa indlela zokuziphatha zecandelo lezezimali. Iziphumo zoku iza kuba yimeko apho kusetyenziswa imigaqo etyekele negxininisa kakhulu kumba wokuqinisekisa ukuba abantu abasebenzisa ezi nkonzo banelisekile kulo lonke icandelo lezezimali. Ukwavumela ukuba kubekho indlela enye egxininisa kwimisebenzi yokukhupha iilayisenisi zamaziko ezimali, ukuqinisekisa ukuba kukho umthetho ocacileyo olawula ukusebenza kweli candelo lezezimali. 

Oku kuza kuvumela ukuba iQumrhu lemiGaqo yokuziPhatha yeCandelo lezeziMali elisanda kumiselwa likwazi ukwenza umsebenzi walo wokukhusela abantu abasebenzisa iinkonzo zezimali ngokuqinisekisa ukuba baphathwa ngendlela esekelwe kubulungisa. Lo Mthetho uYilwayo, uza kusetyenziswa ngawo onke amaziko ezimali, ukwaxhasa namaphulo okuzisa iinguqu kwicandelo lezemali ngokuthi kuphunyezwe iMigaqo yeCandelo lezeziMali ekhutshwe phantsi koMthetho yokuPhuhliswa kwabaMnyama ngokuBanzi ngezaKhono zoQoqosho, wowama-2003 (uMthetho 53 wowama-2003) ngokunyanzelisa ukuba kuqaliswe imigaqo-nkqubo ukuze kuthotyelwe imigaqo yokuziphatha kunye nokubeka iliso kwindlela esetyenziswa nephunyezwa ngayo imigaqo-nkqubo.

31. IKhabhinethi ivumuile ukuba kungeniswe ePalamente uMthetho-sihlomelo oYilwayo wemiBa yezeziMali wowama-2018.
Ezi zilungiso zimalunga:
a) UMthetho wokuBhangiswa kweShishini wowe-1963, ukuqinisa izivumelwano ezisekhusini, ngokuhambelana nezivumelwano ze-G20.
b) UMthetho woMhlala-phantsi waseMkhosini wowe-1976, ukuze kulungiswe amasolotya acalulayo.
c) UMthetho weeBhanki wowe-1990, oza kuvumela amaqumrhu karhulumente afanalekileyo ukuba afake isicelo sokuvula ibhanki; 
d) UMthetho woMhlala-phantsi wabaSebenzi bakaRhulumente wowe-1996, ukuze utshintsho lo mthetho osetyenziswayo ngoku wokuba xa kuqhawulwa umtshato elinye iqabane lifumane isixa salo semali yomhlala-phantsi ngoko nangoko. Iinjongo zoku kukuqinisekisa ukuba imali yomhlala-phantsi yelungu xa kuthe kwaqhawulwa umtshato ayipheli sele ilityala; kunye
e) noMthetho weKhondo lezoPhicotho-zincwadi wowe-2005, ukuze kulungiswe iingxaki nemingeni iBhodi eziMeleyo yokuLawula abaPhicothi-zincwadi ethi ijongane nezo xa isenza umsebenzi wayo womthetho nokuba liliso.

D.  Imisitho ezayo
32. Isibhengezo se-NMW

UMongameli Ramaphosa uza kubhengeza i-NMW kumsitho oza kubanjelwa eKliptown eSoweto ngoLwesihlanu, umhla wesi-7 kweyoMnga 2018. Ukuqalisa ngoku i-NMW kuza kunceda abasebenzi abangaphezulu kwizigidi ezithandathu kwaye incede nokuphungula amazinga okungalingani nendlala eMzantsi Afrika. Esi sibhengezo siyimbali siza kwenza izibonelelo zezentlalo zifikeleleke nasebantwini abasokolayo.

33. USuku lweHlabathi lokuLwa uRhwaphilizo

Njengenxalenye yemisitho yokukhumbula uSuku lwe-UN lweHlabathi lokuLwa uRhwaphilizo, ngeCawe umhla wesi-9 kweyoMnga 2018, iKhabhinethi iyakubethelela ukuba eli lizwe lizimisele ukulwa urhwaphilizo kwicandelo labucala nakurhulumente. 
INtlanganisela ye-JCPS ilikhokelise phambili idabi lokulwa ingxaki yorhwaphilizo ngokuhambisana nezigqibo zikarhulumente zokulisiphula neengcambu urhwaphilizo.
Urhwaphilizo yingxaki yokuhlala ekufuneka iliwe ngumntu wonke njengoko iphazamisa amaphulo ophuhliso loqoqosho nezentlalo kwaye lwenyusa amazinga endlala kuba luquka ukuthotywa nemilenze kwemali ingayi kule ndawo ifuneka kuyo ngamandla.  

34. USuku lweHlabathi lwamaLungelo oLuntu

UMzantsi Afrika nawo njengamazwe ehlabathi uza kuhlonipha uSuku lweHlabathi lwamaLungelo oLuntu, ngoMvulo umhla we-10 kweyoMga 2018. Olu suku luphawula umhla wokwamkelwa kweSibhengezo seHlabathi samaLungelo oLuntu yiNdibano eNkulu ye-UN ngowe-1948. Urhulumente uyaqhubeka nokuqinisekisa ukuba bonke abemi boMzantsi Afrika banamalungelo oluntu afana nelungelo lokuphila, elokulingana nokukhuselwa kwesidima sabo. Wonke ummi unoxanduva lokuqinisekisa ukuba amalungelo oluntu nesidima somntu kweli lizwe lethu ayakhuselwa.  

35. IKhomishini yeHlabathi engeMisebenzi Yangomso 
Ingxelo yeKhomishini yeHlabathi engeMisebenzi Yangomso iza kuphehlelelwa ngomhla wama-22 kweyoMqungu 2019. Le Komishini yasekwa yi-ILO ngowama-2017 ukuze ihlole iinguqu ezikhawulezayo ezenzeka kuqoqosho lwehlabathi nasemisebenzini ize ikhombe imiba eyimingeni ephambili ize nazo nezindululo. Usihlalo wale Khomishini yeGqiza eliPhezulu yeHlabathi nguMongameli Ramaphosa ngokubambisana neNkulumbuso yaseKingdom of Sweden uStefan Löfven. 

E. Imiyalezo
36. Amazwi ovelwano

IKhabhinethi nayo njengoMongameli Ramaphosa iyangqukruleka kukusweleka kwegqala loMzabalazo nalowo wayenguNozakuzaku woMzantsi Afriake e-United Kingdom, uMnu Mendi Msimang. Eli gqala lisutywe kukufa ngomhla wesi-3 kweyoMnga 2018 emva kwengulo ende. IKhabhinethi ithi tutwini kusapho, izihlobo, amaqabane nabahlobo bakaMnu Msimang. UMnu Msimanga uza kukhatshwa ngeMngcwabo Okhethekileyo wasebuRhulumenteni kwinqanaba 1 into leyo ethetha ukuba uza inkonzo yakhe yokugqibela iza kuqhutywa ngokwasemkhosini njengoko kucaciswa kumgaqo-nkqubo wemingcwabo esesikweni karhulumente yoMbuso neyamaPhondo 

37.    Amazwi okuvuyisana
37.1    IKhabhinethi iliqhwabela izandla iqela leBanyana Banyana ngokuthi badlale bade bafikelele kumagqibela kankqoyi kwitumente yoKhuphiswano lwabaseTyhini lweNdebe yeZizwe zase-Afrika (i-AFCON). Ukufikelela kweli nqanaba kuthetha ukuba eli qela liza kudlala kwiMidlalo ye-FIFA yeNdebe yeHlabathi yabaseTyhini eza kubanjelwa eFrance.
37.2    IKhabhinethi ithi huntshu kuGq Lindiwe Sidali, owenze imbali ngokuba ngugqirha wokuqala wasetyhini oNtsundu kweli lizwe ukuba yingcaphephe kwezoqhaqho-tyando lwamalungu anxulumene nesifuba (aquka intliziyo, umqala, imiphunga, njl nj) (i-cardiothoracic surgeon).

F.    Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo. 
38.    IQumrhu lezoPhuhliso lwamaShishini (i-IDC) 
UMnu Tshokolo Nchocho njenge-CEO kwisivumelwano sengqesho seminyaka emihlanu.
39.    Amalungu eBhodi yeeNkonzo zeMozulu zoMzantsi Afrika (i-SAWS):
a.    UNksz Nana Magomola (uSihlalo);
b.    UGq Phillip David Dexter (USekela-Sihlalo);
c.    UMnu David Lefutso;
d.    U-Adv Derek Jeffrey Block;
e.    UNksz Sowbakiam Mudly-Padayachie;
f.    UGq Mphekgo Patrick Maila;
g.    UNksz Feziwe Yolanda Renqe;
h.    UMnu Itani Phaduli;
i.    UGq Owen Peter Muller Horwood;
j.    UNksz Kelebogile Shirley Moroka-Mosia;
k.    UMnu Jerry Lengoasa (i-CEO); kunye 
l.    noGq Tsakani Ngomane (umele uMlawuli-Jikelele weSebe

40.    U-Adv Sandile Nogxina njengoMlawuli oNgekho kwisiGqeba soLawulo kunye noSihlalo weBhodi ye-Airports Company South Africa (i-Acsa). 
41.    IBhunga le-ofisi yezeeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika (i-Stats SA): 
a.    UMnu Ian Assam – uqeshiwe kwakhona; 
b.    UMnu Faldie Esau – uqeshiwe kwakhona
c.    UGq Jacky Galpin – uqeshiwe kwakhona;
d.    UMnu Ettienne le Roux – uqeshiwe kwakhona; 
e.    UGq Ariane Neethling – uqeshiwe kwakhona; 
f.    UGq Thabi Leoka;
g.    UNksz Reshoketswe Mokobane;
h.    UMnu Thapelo Molahloe;
i.    UNksz Blanche Motsosi;
j.    UNksz Nompumelelo Nzimande;
k.    UMnu Wandile Sihlobo;
l.    UNksz Vuyelwa Mantyi (umele iMpuma Kolonie);
m.    UNksz Zeenat Ishmail (umele iNtshona Koloni);
n.    UMnu Kuberin Packirisamy (umele uMntla Koloni);
o.    UMnu Thulani Bhengu (umele iKwaZulu-Natal);
p.    UMnu Thuso Ramaema (umele iFreyistatha);
q.    UGq David Everatt (uSihlalo futhi umele iGauteng);
r.    UNjing Andries Monyeki (umele uMntla Ntshona);
s.    UGq Nomuso Mlondo (umele iMpumalanga); kunye
t.    noGq Modjadji Malahlela (umele iLimpopo).

42.    IKhomishini yeeNkonzo zoMkhosi wezoKhuselo
a.    UGq Siphelele Zulu;
b.    UGq Ziyaad Essop;
c.    U-Adv Nokuzola Gloria Khumalo; kunye
d.    noMnu Ian Hugh Robertson.

43.    IBhodi yeQumrhu loMzantsi Afrika laMandla eNyukliya
a. UGq.Dr Robert Adam;
b. UGq Ramatsemela Masango;
c. UMnu Aadil Patel;
d. UMnu Bishen Singh;
e. UNksz Pulane Kingston;
f. UNksz Matlhodi Ngwenya;
g. UMnu Jabulani Ndlovu; kunye
h. noNksz Pulane Molokwane;

44.    IBhodi yoMhlathuze Water
a.    UNksz Thabi Agatha Shange (uSihlalo)
b.    UMnu Silas Zwelakhe Hlophe (uSekela-Sihlalo)
c.     UGq Purshottamma Sivanarain Reddy
d.    UNkskz Nica M Gevers
e.    UGq Mosidi Makgae
f.     UMnu Musa Moses Xulu
g.    UMnu Bonginkosi Vincent Mshengu
h.    UNkskz Amita Badul
i.     UNksz Nothando Nonkululeko Mkhize
j.     UNksz Gloria Dumisile Biyela
k.     UMnu Petros Mzothule Zikalala

45.    Ii-CEO zamaQumrhu ezeMfundo noQeqesho kuMacandelo Athile (ii-SETA)
a. IBank SETA – UMnu Trevor Rammitlwa;
b. IFood and Beverages SETA – UNksz Nokuthula Selamolela;
c. IFibre Processing and Manufacturing SETA – UNksz Felleng Yende;
d. I-Insurance SETA – UNksz Nadia Starr;
e. IServices SETA – UNksz Amanda Buzo-Gqoboka;
f. I-Agriculture SETA – UMnu Zenzele Gilbert Myeza; 
g. IChemical Industries SETA – UMnu Mike Khathutshelo Ramukumba;
h. ICulture, Arts, Tourism, Hospitality and Sports SETA – UNksz Keitumetse Lebaka;
i. I-Education, Training and Development Practices SETA – UNksz Nombulelo Nxesi;
j.    IFinance and Accounting SETA – UNksz Ayanda Pearl Zinhle Mafuleka;
k. IHealth and Welfare SETA – UNksz Elaine Brass;
l. IPublic Services SETA – UNksz Bontle Portia Lerumo; kunye
m. neWholesale and Retail SETA – UMnu Blessing Tom Mkhwanazi.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams - IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela 
Iselula: 083 501 0139
 

Share this page

Similar categories to explore