INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-24 kweyeKhala wowama- 2019

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla wama-24 kweyeKhala ngowama-2019 eTuynhuys, eKapa.

A.   Imiba engundaba-mlonyeni

1.   Iinguqu zezoqoqosho nokudalwa kwemisebenzi

IKhabhinethi iyavuyiswa ngabatyali-zimali asele bekhona kweli nabo basezayo abathe bakhetha uMzantsi Afrika njengelizwe abangathanda ukutyala imali kulo. Izivumelwano ezisanda kutyikitywa nesele kukho ithemba lokuba ziza kutyikitywa ziyakugqina oku. Ezi zivumelwano ziquka esityikitywe kwicandelo lezemoto (yinkampani yakwa-Ford) elikwicandelo lamachiza (yinkampani yakwa-BFG Rail) kunye nakwicandelo lezixhobo zombane zamashishini amakhulu (yinkampani yakwa-Aberdare) kwakunye notyalo-mali olulindelekileyo kwicandelo lokucolwa nokulungiswa kweemveliso zolimo (yinkampani yakwa-PepsiCo). Olu luka-PepsiCo lona utyalo-mali lusaza kugwadlwa ngabanini-zabelo kujongwe nobunye ubucukubhede obunxulumene nemithetho yeli.

1.2.   Imali ezibhiliyoni ezingama-25 zeerandi esele ebekwe ngu-PepsiCo yokuthenga inkampani yakwa-Pioneer Foods ibonakalisa ukuba uqoqosho loMzantsi Afrika luyathenjwa ngoongxowankulu.

1.3.   Inkampani eyenza iimoto, u-Ford, yazise ukuba iza kwanda into leyo eza kudala imisebenzi engama-1 200 xa ithe yasizelisekisa isithembiso sayo sokutyala imali ezibhiliyoni ezintathu zeerandi. Umzi-mveliso wale nkampani oseSilverton ufakele ubuxhaka-xhaka obuza kuyinceda ukuba ikwazi ukwenza iimoto eziluhlobo lwe-Ranger neziluhlobo lwe-Everest ezingama-168 000 ngonyaka - eli nani linyuke ngeemoto ezingama-44 000 kwezo ibizenza phambi kokuba kugalelwe le mali.  

1.4.   Ukongeza, imali ezizigidi ezingama-50 zeerandi eza kutyalwa ngu-BFG Rail kwiziko eliseGauteng elingumzi-mveliso wale mihla iza kwenza eli ziko libe ngumzi-mveliso okwizinga lehlabathi weentlobo ezahlukeneyo zemveliso oneenkqubo zobunjineli ezikumgangatho ophakame kakhulu ezisebenzisa ubuchwepheshe obunobuxhaka-xhaka obuphezulu.

1.5.   ENelson Mandela Bay, inkampani yakwa-Aberdare Cables ibhengeze ukuba iza kongeza amacandelo ngokuvula i-High-Voltage Power Cable Plant, eza kubiza imali ezizigidi ezili-135 zeerandi idale nemisebenzi engama-58 ukongeza kule ingama-439 sele ikhona kulo mzi-mveliso.

1.6.   Ukuvulwa kwemizi-mveliso emitsha, ukuthengwa kwezixhobo nobuxhaka-xhaka bokusebenza obutsha kunye nokunyuswa komthamo wemveliso kudala imisebenzi kuze kube nale negalelo kwimveliso yelizwe yonyaka (i-GDP). La macandelo kuza kuvulwa kuwo imizi-mveliso emitsha ngala macandelo kanye uMongameli Ramaphosa ebethethe ngawo kwiNtetho enguBume beSizwe (i-SoNA). UMzantsi Afrika ulilizwe elineziseko zoqoqosho ezikumgangatho wehlabathi, uqoqosho oluhlumayo olunamathuba amahle otyalo-mali. UMzantsi Afrika usebenzisana kakuhle namazwe angabamelwane futhi ukwalizibuko lokungena kwi-Afrika yona enamazwe anoqoqosho olukhula ngesantya esiphezulu. UMzantsi Afrika ukwalilizwe apho amacandelo amatsha anamathuba amahle otyalo-mali afana neloqoqosho olungeyongozi kokusingqongileyo, eleze-oli negesi nelokwakhiwa kweenqanawa kunye noqoqosho lwaselwandle.   

2.   INgxelo yeHlabathi yeNkqubo yamaHlakani Ahlukeneyo yeZizwe eziManyeneyo ye-HIV ne-AIDS (i-UNAIDS)

2.1.   IKhabhinethi iyavuyiswa ziziphumo zakutsha nje zeNgxelo yeHlabathi ye-UNAIDS, ebisanda kukhutshwa ngokusikweni apha eMzantsi Afrika. Ngokwale ngxelo, uMzantsi Afrika ubaphungule abantu abosulelwa yiNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) ngenani elingaphezulu kwama-40% laze elabo basweleka ngenxa yezifo ezinxulumene noGawulayo nalo lehla laya kutsho kuma-40% ukususela ngowama-2010. Le ngxelo iyangqina ukuba aneziphumo ezincumisayo amanyathelo esiwathathileyo ukuphungula inani labantu abosulelwe yi-HIV ne-AIDS nawokunyanga abo sele bosulelwe sesi sifo.

2.2.  IKhabhinethi ibongoza abemi boMzantsi Afrika ukuba baphile ngendlela engazikubeka impilo yabo emngciphekweni ukuze sikwazi ukuphungula inani labantu abosulelwa yi-HIV ne-AIDS.

3.    Ukulwa ulwaphulo-mthetho

3.1.   IKhabhinethi iyakubethelela ukuba izimisele kwiphulo lokuqinikisekisa ukuba iindawo ezihlala abantu bakuthi zinokhuselo futhi zikhuselekile. Xa kukho intsebenziswano phakathi kukarhulumente noluntu, singalusiphula neengcambu ulwaphulo-mthetho ngolo hlobo siqinisekise ukuba kukho ukhuseleko futhi kugquba noxolo kwiindawo ezihlala abantu bakuthi kwaye zinozinzo olufuneka ngamandla ukuze kungene utyalo-mali kweli.
3.2.   Amaphulo ogqogqo asanda kuqhutywa kutsha nje zi-arhente zogcino-mthetho kulo lonke eli abangele ukuba kubanjwe abarhanelwa abaninzi, kufunyanwe neziyobisi ezingekho mthethweni. Amajoni oMkhosi weSizwe wezoKhuselo woMzantsi Afrika (i-SANDF) atyalwe kwiindawo ezambethwe lulwaphulo-mthetho ukuya kuncedisa uMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) kumalinge awo okulwa ubundlobongela obenziwa ngamaqela emigulukudu kunye nengxalo yokurhweba ngeziyobisi ngokungekho mthethweni.   
3.3.   IKhabhinethi icela abantu ukuba bahlale bebaze iindlebe futhi baxele emapoliseni izenzo zolwaphulo-mthetho, nokuba ngubani osemva kwazo.

B.   Izigqibo zeKhabhinethi

1.   UMgaqo-nkqubo neeNjongo zoMgaqo-nkqubo wokuKhutshwa kweeLayisenisi zaMaza oSasazo Asetyenziswa Kakhulu

1.1.   IKhabhinethi iwuvumile uMgaqo-nkqubo neeNjongo zoMgaqo-nkqubo wokuKhutshwa kweeLayisinesi zaMaza oSasazo Asetyenziswa Kakhulu emva kokuba ugwadliwe luluntu kunye namahlakani amaninzi akwicandelo lezonxibelelwano. Lo Mgaqo-nkqubo neeNjongo zoMgaqo-nkqubo unika isicwangciso sokuzisa iinguqu kweli candelo ngokuthi uvumele ukungena kwenkampani ezintsha kweli candelo ngeli thuba ukhuthaza utyalo-mali nokuqanjwa kwezinto ezintsha. Kwezi ntsuku zimbalwa zizayo uMphathiswa wezoNxibelelwano, uNksz Stella Ndabeni-Abrahams, uza kukhupha lo mgaqo-nkqubo sele ucokiswe wagqitywa futhi wavunywa yiKhabhinethi akugqiba abambe indibano noonondaba.

2.   Ingxelo yeQela labaCebisi likaMongameli ebeliChophele uMba weeNguqu kwezoMhlaba nezoLimo

2.1.   IKhabhinethi ifumene ingxelo esele icokiswe yagqitywa kwiQela labaCebisi likaMongameli ebeliChophele uMba weeNguqu kwezoMhlaba nezoLimo. UMongameli Ramaphosa watyumba eli qela ngenyanga yoMsintsi ngowama-2018 ukuze libhale umgaqo-nkqubo omnye weenguqu kwezomhlaba. Le ngxelo ibalule iingxaki ezikhoyo kule mithetho yezemihlaba ikhoyo ngoku yaze yenza nezindululo eziza kunceda ukukhawulezisa umsebenzi karhulumente wokulungisa umonakalo wangaphimbili wokwabiwa komhlaba ngokungalingani.

2.2.   IKhabhinethi iyalele bonke abaPhathiswa, besebenzisa amasebe wabo ahlukeneyo, ukuba bayifunde le ngxelo kunye nezindululo ezikuyo baze banike iKhabhinethi ingxelo ngezimvo zabo zingadlulanga iinyanga ezimbini. IKomiti yabaPhathiswa yeeNguqu kwezeMihlaba ekhokelwa nguSekela-Mongameli Davidi Mabuza njengosihlalo iza kukhokela le nkqubo.

2.3.   IKhabhinethi ibamba ngazibini kweli qela belikhokelwa nguGq Vuyokazi Mahlathi njengosihlalo walo ngomsebenzi omhle eliwenzileyo kwaye iye yavuma ukuba kuqinisekiswe ukuba iyafumaneka eluntwini.

2.4.   UMphathiswa wezoLimo, uBuyekezo lwemiHlaba noPhuhliso lwamaPhandle, uNksz Thoko Didiza, kunye neli qela, baza kubamba enye intlanganiso noonondaba apho beza kunika iinkcukacha nengcaciso egcweleyo ngale ngxelo. Intlanganiso namajelo eendaba iza kubanjwa ngeCawe umhla wama-28 kweyeKhala 2019 ngentsimbi ye-10 kusasa e-GCIS Ronnie Mamoepa Media Centre eHatfield. Abo baza kube bese-GCIS Imbizo Centre eKapa kuza kuqhakanyishelwana nabo ngomnxeba onevidiyo.

C.   ImiThetho esaYilwayo

1.   UMthetho-sihlomelo oYilwayo wokwaMkelwa ngokuseMthethweni kwemiTshato yesiNtu wowama-2019

1.1.   IKhabhinethi ivumile ukuba ungeniswe ePalamente uMthetho-sihlomelo oYilwayo wokwaMkelwa ngokuseMthethweni kwemiTshato yesiNtu wowama-2019.  

1.2.   Lo Mthetho uYilwayo ulungisa iCandelo 7(1) no-(2) loMthetho wokuHlonitshwa kwemiTshato yesiNtu (i-RCMA), wowe-1998 (uMthetho 120 wowe-1998) litsho lihambelane nezigwebo zeNkundla yoMgaqo-siseko, eyagweba ukuba la macandelo awahambelani nomgaqo-siseko. La macandelo ebebadlela indlala oomama abatshate ngokomtshato wesintu.

1.3.   Lo Mthetho uYilwayo ugxininisa ukuba baphathwe ngokufanayo omama abatshate kwimitshato yesintu esisithembu naleyo ingesosithembo yaphambi kokuphunyezwa kwe-RCMA.  Ezi zilungiso zibangula lo masolotya acalula ngokwesini kwimitshato yesithembu yaphambi kokuqala kwe-RCMA yowe-1998. Abantu abatshatileyo ngoku baza kuba namalungelo afanayo obunini kuzo zonke iimpahla nee-asethi zomtshato wabo.

D.   Imisitho ezayo

1.   IsiVumelwano sezeMpilo sikaMongameli

1.1.   UMongameli Ramaphosa uza kukhokela umsitho wokutyikitywa kwesiVumelwano sezeMpilo sikaMongameli oza kubanjelwa eGq George Mukhari Academic Hospital eGa-Rankuwa, kwisiXeko saseTshwane, ngoLwesine, umhla wama-25 kweyeKhala 2019. Esi siVumelwano sezeMpilo sisiphumo seNgqungquthela yezeMpilo kaMongameli eyayibanjwe ngenyanga yeDwarha ngowama-2018. Ukutyikitywa kwesi sivumelwano kulinyathelo elikhulu kweli phulo lethu lokwakha inkqubo yezempilo esemgangathweni nezinzileyo.  

2.  INgqungquthela yoNyaka yokuQala yeZinga eliPhezulu yeeNgxoxo ngoMgaqo-nkqubo weMfundo ePhezulu e-Afrika

2.1.  ISebe leMfundo esisiSeko libambisene noMbutho woPhuhliso lweMfundo e-Afrika baza kubamba iNgqungquthela yoNyaka yokuQala yeZinga eliPhezulu yeeNgxoxo ngoMgaqo-nkqubo weMfundo ePhezulu e-Afrika: Ukulungiselela Ulutsha imiSebenzi yangoMso.   

2.2.   Le Ngqungquthela iza kubanjelwa e-Emperors Palace, eRhawutini ukususela ngomhla wama-29 ukuya kowama-30 kweyeKhala 2019. Kule ngqungquthela kuza kube kudibene abaPhathiswa abajongene nezemfundo, ezolutsha nezemisebenzi abaphuma kulo lonke eli lizwekazi le-Afrika, izifundiswa, iingcali zokuqulunqwa kwemigaqo-nkqabo, abameli abazizikhulu eziphezulu abaphuma kumahlakani ethu ophuhliso ngobambiswano; icandelo labucala, imibutho yoluntu; ootitshala kunye nemibutho yabazali; imibutho yolutsha kunye namajelo eendaba.

2.3.   Iingxoxo ziza kugxila kwiindlela zokufunda nokufundisa zale mihla kunye nendlela ezinokusetyenziswa ngayo kwimfundo ephakamileyo e-Afrika ukuze kuxhotyiswe ootitshala ngcono kulungiselelwa abafundi imisebenzi yangomso. IKhabhinethi iyavuyiswa kukuthatha kwethu inxaxheba kwiindibano ezityebe ngolu hlobo.

3.   INyanga yooMama

3.1.   USuku lweSizwe looMama luza kubhiyozelwa eVryburg, kwiSithili iRuth Mompati eMntla Ntshona ngoLwesihlanu, umhla wesi-9 kweyeThupha 2019 phantsi komxholo othi: “ImiNyaka engama-25 yeNkululeko: Ukukhulisa uMzantsi Afrika Sisilwela Ukukhupha ooMama Emakhamandeleni".  

3.2.  Lo msitho uza kuhlonipha unike imbeko koomama abangaphezulu kwama-20 000 abenza umngcelele besiya kwiZakhiwo zoMdibaniso ngomhla wesi-9 kweyeThupha ngowe-1956 beqhankqalazela ukunyanzeliswa ukuba noomama bachatshazelwe nguMthetho wamaPasi. Lo mngcelele wokuqhankqalaza waba linyathelo elikhulu kwidabi lethu lokulwela inkululeko nesizwe esilawulwa ngentando yesininzi.

3.3.  Nangona kukuninzi esele sikwenzile kumaphulo okukhupha oomama emakhamandeleni engcinezelo kweli lizwe, intlungu yobundlobongela nokuphathwa kakubi koomama isaqhuba. Izigwebo eziqatha ezinikwe abo bafunyaniswe benamatyala okudlwengula eGauteng zibonakalisa ukuba umthetho awuzikuhleka nabo babandakanyeka kumatyala ezesondo namanye afana nawo.

3.4.  IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuso sonke isizwe ukuba sibulwe ubundlobongela futhi sisonke senze onke amatile-tile okuphungula umkhuba wokudlwengula nokuhlaselwa kwabantu basetyhini nabantwana ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba le mikhuba siyiphelisa tu kwesi sizwe.  

E.  Imiyalezo

1.  Amazwi ovelwano


1.1.  IKhabhinethi iyangqukruleka kukuwa kwegqala lomzabalazo uTata u-Isaac Lesibe 'Bra Ike' Maphoto, osutywe kukufa eyingwevu eneminyaka engama-88 ubudala. UMongameli Ramaphosa ubhengeze ukuba u-Bra Ike uza kukhatshwa ngoMngcwabo Okhethekileyo wasebuRhulumenteni. U-Bra Ike walifulathela eli loMzantsi Afria esiya elubhacweni ngowe-1961 esiya kuqeqeshelwa ubujoni nobungcali bezepolitiko eBeirut nakwilizwe elalisaya kwaziwa nge-Soviet Union. Olu qeqesho uluqhube phakathi konyaka we-1961 nowe-1963 phambi kokuba aye kuba yinxalenye yeButho likaLuthuli (i-Luthuli Detachment) lokuqala loMkhonto we Sizwe. Ngowama-2006, uMongameli Thabo Mbeki wawonga u-Bra Ike ngembasa yesizwe, i-Order of Luthuli in Silver ngenxa yegalelo lakhe kumzabalazo wenkululeko nolawulo lwentando yesininzi.

1.2.  IKhabhinethi nayo njengesizwe ithi tutwini kusapho, izihlobo nabalandeli bomculi nombhali womculi osele wakhe wawongwa ngeendebe ezininzi uJonathan 'Johny' Clegg, owasebenzisa umculo wakhe ukulwela isizwe esingacaluli ngobuhlanga. Uya kukhunjulwa njengogorha elazinikela kumaphulo okwakha isizwe, ukuhlalisana ngoxolo phakathi kweentlanga ezahlukeneyo nesizwe esingacaluli ngokobuhlanga. Wawongwa ngembasa yesizwe, i-Order of Ikhamanga in Silver, ngegalelo nemisebenzi yakhe egqwesileyo kwezomculo nokudibanisa umculo wesiNtu nezinye iintlobo zomculo.

2.  Amazwi okuvuyisana

IKhabhinethi iqhwabela izandla:
2.1.  iqela lesizwe lebhola yomyazi, i-Proteas, ngokudlala kakuhle kakhulu nokuphakamisela udumo negama loMzantsi Afrika phezulu ngokuthi lifikela kwimidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi kwiNdebe yoMhlaba ebibanjelwe eLiverpool. Ukunyuka kwabo baye kwindawo yesine besuka kweyesihlanu kuluhlu lwamazwe ehlabathi kuvuyisa kakhulu. Sothulela umnqwazi noNksz Karla Pretorius ngokuthi akhethwe njengoMdlali oBalaseleyo kwitumente yeNdebe yeHlabathi yowama-2019.

2.2.  iimbaleki zoMzantsi Afrika ezizibaluleyo kukuphiswano lwe-Diamond League yoMfelandawonye wemiButho yeHlabathi yeeMbaleki (i-IAAF) olubanjelwe eLondon. Imbaleki ebambe irekhodi lesizwe u-Akani Simbine uzibonakalise ukuba ungumakhonya kumbaleko ongumgama oyi-100m wamadoda ngethuba ephumelela kumagqibela kankqoyi ebaleka elona xesha lifutshane wakha walibaleka eliyimizuzwana eyi-9.93. Kumtsibo wamadoda, uLuvo Manyonga uphumelele umtsibo womhlaba ngokuthi atsibe umgama ongowona umde kulo nyaka ozimitha eziyi-8.37. Enye imbaleki yeli, uRuswahl Samaai, nayo etsibayo ithe yaphuma kwindawo yesithathu ngokuthi itsibe umgama ozimitha eziyi-8.11.

2.3.  ikwayala yolutsha, iNdlovu Youth Choir, etsho ngodlwabevu lomculo okweentshatsheli oluthe lwabanceda bagqithela kumjikelo olandelayo kwinkqubo yokhuphiswano edlala kumabonakude i-America's Got Talent.

2.4.  iqela lesizwe leli lombhoxo, i-Springboks, elitywatyushe i-Australila ngamanqaku angama-35 kwali-17 eRhawutini ngethuba lidlala kwitumente yombhoxo, i-2019 Rugby Championship. Le tumente iyimidlalo ebaluleke kakhulu edlalwa ngamazwe aphambili kumbhoxo afana neNew Zealand, Australia kunye ne-Argentina. Sibanqwenelela okuhle kodwa kule midlalo yabo ishiyekileyo kule tumente.

2.5.  Iqela loMzantsi Afrika, i-TeamSA, elidlale indima enkulu lenza nembali kwindlela iidyunivesiti zase-Afrika eziqhube ngayo kwimidlalo yama-30 ye-International University Sports Federation ebibanjelwe eNapoli, kwelase-Italy. Iidyunivesiti zase-Afrika zidibene zize neendebe ezingama-26. Kwiimbasa ezili-18 zoMzantsi Afrika, ezintandathu zezegolide, ezisibhozo zezesilivere zize ezine zibe zezebronzi.

F.  Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.    Abalawuli bethutyana beBhodi ye-Small Enterprise Finance Agency (i-SEFA):
(a)     UNksz Mphokolo Makara;
(b)     U-Adv Nomathemba Mlonzi;
(c)     UNksz Delicate Mabuza;
(d)     UMnu Martin Mahosi;
(e)     UMnu Justice Kganyago;
(f)     UMnu Maurice Radebe; and
(g)     UNksz Nonkululeko Dlamini – (uqeshiwe kwakhona).

Imibuzo: Nksz Phumla Williams - IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 501 0139
Umhla: ngoLwesine, 25 eyeKhala 2019

Share this page

Similar categories to explore