INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-13 kweyoMdumba wowama- 2019

Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ibibanjwe ngoLwesithathu, umhla we-13 kweyoKwindla eTuynhuys eKapa.

A. Imiba engundaba-mlonyeni

1.  Amaphulo Esizwe okuCoca okusiNgqongileyo

1.1. IKhabhinethi ibamba ngazibini kubo bonke abemi boMzantsi Afrika abathe bathatha inxaxheba ngethuba uMongameli Cyril Ramaphosa ephehlelela iphulo leSizwe lokuCoca okusiNgqongileyo. Eli phulo, linika ithuba amacandelo ahlukeneyo kweli lizwe ukuba adlale indima futhi abe yinxalenye yabo benza izinto ezingazikwenza izinto eziyingozi kokusingqongileyo. UMzantsi Afrika ulelinye lamazwe atyikitye isiVumelwano saseParis esingoguqu-guquko lwemozulu esisisikhokelo samalinge ehlabathi okuphungula isisi esingcolisa umoya okanye i-atmosfera. 

1.2. Ukuqinisekisa ukuba okusingqongileyo kucocekile futhi akuyongozi kwimpilo yethu ngoku ukulungiselela nezizukulwana ezizayo kungumsebenzi noxanduva lwabo bonke abantu baseMzantsi Afrika. Ukuba okusingqongileyo kuphethwe kakuhle oko kungaphungulula isisi esingcolisa umoya, kuncede ekuqinisekiseni ukuba kukho ukutya okwaneleyo, amanzi, amandla ombane kunye nokuba ubomi babantu ngokubanzi abuphazamiseki. 

1.3. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abantu ukuba bathathe inxaxheba kwiPhulo leSizwe lokuCoca okusiNgqongileyo futhi baziphathe ngokwemiqathango yeli phulo ukuze iindawo esakhelene nazo, esihlala kuzo kunye nelizwe ngobubanzi likwazi ukuba ngumzekelo wehlabathi ngokococeko, ukwenza izinto ezingenzi monakalo kwindalo kunye nokuba kwisimo esifanalekileyo abantu abanokuphila kuso. 

2. Amabango oMhlaba

2.1. IKhabhinethi yonelisekile yinkqubo eqhubayo yokubuyiselwa komhlaba ebantwini eenjongo zayo ikukulungisa umonakalo owenziwa ngurhulumente wangaphambili kuze kwakhiwe isizwe esisekelwe kubulungisa obuza kuxhatshazwa ngabo bonke abemi boMzantsi Afrika. 

2.2. Njengelinge lokuqhubela phambili inkqubo yokwabiwa komhlaba ngokulinganayo nangobulungisa, uMongameli Ramaphosa ebekhokela umsitho wokunikezelwa komhlaba otyebileyo ozihektare ezili-142 ebantwini baseMoretele, abathe lo mhlaba baza kuwusebenzisela amaphulo ophuhliso nokwakha iziseko ezingundoqo. 

2.3. Aba bantu bathathelwa umhlaba wabo ngethuba besuswa ngendlondlo emhlabeni wabo kulandela ukungena koMthetho woMhlaba waBantu abaNtsundu wowe-1913. IKomishini yokuBuyiselwa kwamaLungelo oMhlaba (i-CRLR) sele ichithe imali ezizigidi ezingama-203 zeerandi kwiindleko zokubuyiselwa kwabantu umhlaba.

3. Imiba enxulumene no-Eskom

3.1.  IKhabhinethi ifumene ingxelo kuSekela-Mongameli uDavid Mabuza engomsebenzi owenziwa yiKomiti eKhethekileyo eHlangeneyo yeKhabhinethi ejongene nomba ka-Eskom eyasekwa ngenxa yengxaki yokucima kombane ibisanda kwenzeka kunye neziphumo ezibi zoku kuqoqoqosho lweli. Amalinge karhulumente aqhutywa ngokubambisana okuzisa uzinzo kwizimali, imisebenzi kunye namacandelo ahlukeneyo ka-Eskom aqhuba kakuhle kakhulu.

3.2. IQela leeNgcali lokuHlaziya lika-Eskom elonyulwe nguMphathiswa wamaShishini kaRhulumente kunye neBhodi ka-Eskom liwuqalisile umsebenzi walo kule veki. Kulindeleke ukuba likhuphe ingxelo yalo yokuqala zingaphelanga iiveki ezine (4). Kusekho ukungazinzi kwindlela elisebenza ngayo eli ziko lokuphehla umbane nangona kungakhange kukhe kucinywe mbane ukususela ngomhla we-15 kweyoMdumba 2019. Bekukho iziphazamiso ezininzi kumaziko okuhambisa umbane into leyo ethe yanegalelo kule ngxaki yokucima kombane.  

3.3. IKhabhinethi iwuqaphele umsebenzi omhle kakhulu owenziwayo kwiphulo lokuthengwa kwamalahle aneleyo kuzo zonke izitishi zokuphehla umbane, kodwa kufuneka ithathelwe ingqalelo ngamandla iNkqubo yokuThengwa kwamaLahle. Noko kunjalo iKhabhinethi ixhalabile yindlela esiqhuba ngayo isitishi sokuphehla umbane saseMedupi naseKusile ke ngoko iye yacela uMphathiswa wamaShishini kaRhulumente ukuba eze nesicwangciso esigcweleyo sokubuyisela uzinzo esiza kuthathela ingqalelo imisebenzi eyiyeyona ineendleko ezininzi kunye nengxaki yokugqitha kwexesha ebelicwangcisiwe lokugqiba ukwakha la maziko matsha okuphehla umbane. 

4. IKhomishini ye-ILO yeMisebenzi yangoMso kunye nesiVumelwano se-Edcon

4.1.  IKhabhinethi iyayamkela ingxelo yekhomishini yehlabathi ethe yenza izindululo ezilishumi ezithe zahlelwa zayimixholo emithathu: ukutyala imali kumaphulo okuphuhlisa izakhono zabantu, ukutyala imali kumaziko adala imisebenzi kunye nokutyala imali kwimisebenzi endilisekileyo nesisigxina. Ezi zindululo zilungiselelwe ukulwa kanye le mingeni intlantlu-ntathu: owokungalingani, indlala kunye nentswela-misebenzi.

4.2. Ngenxa yamalinge oMphathiswa wezeMisebenzi uMildred Oliphant, iyabonakala indima kumsebenzi owenziwa nguMzantsi Afrika kumalinge okuphucula iimeko zasemisebenzini ngokuqalisa amanyathelo okuqinisekisa ukuba liyalingana inani labantu basetyhini nabangamadoda abasemisebenzini, iinkcukacha ngemivuzo azifihlwa, kuliwa ubundlobongela nokuxhatshazwa kwabantu emisebenzini kunye namanyathelo ajoliswe kanye kumba wokuqinisekisa ukuba abantu banikwa amathuba ngokufanayo.

4.3. IKhabhinethi iyawamkela namalinge karhulumente, iNgxowa-mali ye-Inshorensi yabangaSebenziyo (i-UIF) (kuquka nemibutho yabasebenzi) kunye necandelo labucala (iibhanki kunye neenkampani ezingabanikazi bamaziko anodederhu lweevenkile) ukuncedisa ngemali enye yeevenkile ezinkulu zempahla eMzantsi Afrika, u-Edcon. Ukuze siqukunjelwe esi sivumelwano sokuncedisa u-Edcon ngemali, onke amaqela achaphazelekayo aye anyanzeleka ukuba ancame izinto ezithile futhi asebenzisane ngamandla.

4.4. Iinjongo zethu eziphambili zokuqinisekisa ukuba u-Edcon akatshoni kukoyika intlungu yokuphelelwa kwabantu yimisebenzi. Bebeza kuphelelwa yimisebenzi abantu abangaphezulu kwama-40 000 abasebenzela le nkampani kunye nabanye abangamawaka abasebenzela iinkampani ezisebenzisana no-Edcon ukuba ebengalifumananga olu ncedo lwemali. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba balixhase ikhwelo elenziwa kwiNgqungquthela yemiSebenzi ukuba bathenge iimveliso neempahla ezinophawu oluqinisekisa ukuba ziveliswe kweli loMzantsi Afrika oluthi Proudly South African, ngolo hlobo baxhase amashishini alapha ekhaya.

5.  ISiza esiyiKhilomitha Ubude nobuBanzi (i-SKA)

5.1. Ubungqina bokuba ixesha elitsha lolawulo lwehlabathi lwecandelo lezenzululwazi lifikile bubonanekele ngethuba uMphathiswa wezeNzululwazi nobuChwepheshe uNksk Mmamoloko Kubayi-Ngubane, egameni likarhulumente woMzantsi Afrika, etyikitya isivumelwano sehlabathi (esibizwa ngokuba sisiVumelwano saseRome) e-Italy, ngomhla we-12 kweyoKwindla 2019.

5.2. Esi sivumelwano siseka ngokusesikweni iZiko eliSiza esiyiKhilomitha ubuDe nobuBanzi (i-SKAO), njengombutho wezizwe ngezizwe, onoxanduva lokwakha nokusebenzisa isibonakude samaza omoya senzululwazi ngezeenkwenkwezi esisesona sinamandla kakhulu ehlabathini, esiza kuba seMzantsi Afrika nase-Australia.

5.3. IKhabhinethi iwaqhwabela izandla amazwe ayinxalenye ye-SKA ngokuthatha inxaxheba kweli phulo liyimbali kwaye iyakubethelela ukuba uMzantsi Afrika uzimisele kule projekthi ye-SKA, ilandela ukuvulwa ngokusesikweni kwesibonakude i-MeerKAT kunye nendima emandla edlalwe nguMzantsi Afrika ngethuba kuyilwa esi sibonakude. I-SKA iza kuba liqumrhu lamazwe ngamazwe lokuqala elakhelwe ukujongana nezenzulwazi kuphela, apho icandelo lezobunzululwazi, lezobunjineli kunye nemigaqo-nkqubo iza kukhokelwa leli lizwekazi le-Afrika.

6. Izikhukhula kwiphondo laKwaZulu-Natal

6.1. IKhabhinethi ibulela imibutho engekho phantsi korhulumente (ii-NGO) esebenzisana norhulumente ukuhambisa izinto zoncedo ngethuba lezikhukhula ebezithwaxe iindawo ezithile kweli lizwe.  

6.2. Ngelinge lokuzama ukuphungula intlungu nenkxamleko eze nezikhukhula zakutsha nje kwiphondo laKwaZulu-Natal, urhulumente uyaqhubeka nokunikezela ngoncedo nenkxaso kumakhaya abe ngamaxhoba ezi zikhukhula. Iingcali kunye namagosa eentlekele asahlola umonakalo. 

6.3.    IKhabhinethi ifuna ukulumkisa abantu ukuba baqaphele ngeli lixa kukho izantyala-ntyala zemvula nezulu elinyeke-nyeke, bangayiweli imilambo, iibhulorho kunye neendlela ezigcwele amanzi. 

7. Izikhukhula eMalawi naseMozambique

7.1. UMzantsi Afrika ufumene izicelo zoncedo lwezentlalontle nangohlangulo ebezithunyelwe kuMongameli Ramaphosa ngoogxa bakhe, uNjingilwazi Arthur Peter Mutharika onguMongameli waseMalawi kunye noFelipe Jacinto Nyusi onguMongameli waseMozambique.    

7.2. Inqwelomoya encinci elayishe iingcali sele ithunyelwe eMalawi ukuya kuqonda ngohlobo loncedo oluza kufuneka. UMzantsi Afrika uzimisele ukuwanceda ngako konke onako amazwe angamalungu oMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC).  

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1.  IPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wezeNzululwazi, ezobuChwepheshe nezoYilo (i-STI).

1.1. Inzululwazi nezoyilo kumaxa amaninzi ziza neendlela eyahlukileyo yokwenza izinto kwaye zisinika ithuba lokulwa nokulungisa imingeni ekudala ikhona ngendlela egqibeleleyo neluncedo. Ukuze sixhamle la maqithi-qithi, iKhabhinethi ilivumile iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo we-STI, elicacisa umgaqo-nkqubo wendima eza kudlalwa licandelo le-STI elikhula ngokukhawuleza. Njengoko kufike ixesha lobuChwepheshe bale Mihla (i-4IR) i-STI iza kusinika ithuba lokuba sixhamle ubuxhaka-xhaka bobuchwepheshe bale mihla obukhula ngokukhawuleza.

1.2. Izindululo ezikweli Phepha liCacisa loMgaqo-nkqubo zezokunika ingcaciso egcweleyo ngalo mgaqo-nkqubo, ukuncedisa kumba wophuhliso lwezakhono zabantu, ukwandisa ulwazi, uyilo, ukusebenza kunye nokunyusa imali etyalwa kweli candelo. Ezi zindululo zomgaqo-nkqubo ziza kusetyenziswa xa kuqulunqwa izicwangciso zeminyaka emininzi ezichaphazela onke amahlakani afanelekileyo. 

C. Imisitho ezayo

1. UbuNdlobongela obuJoliswe kwabeSini esiThile (i-GBV)

1.1.  UMongameli Ramaphosa uza kuvula ngokusesikweni iNkundla kaMantyi yaseBooysen eGauteng ngoLwesine, umhla wama-28 kweyoKwindla 2019. Yena kunye nee-NGO ezahlukeneyo batyikitye isibhambathiso esiza kukhokelela ekuphunyezweni kwezigqibo ezathathwa kwiNgqungquthela kaMongameli ye-GBV nokuBulawa kwaBantu baseTyhini eyayibanjwe ngenyanga yeNkanga ngowama-2018. 

1.2.  Uza kuvula ngokusesikweni neNkundla kaMantyi yasePlettenberg Bay eNtshona Koloni eza kuba namacandelo anika uncedo lweNkundla yeeNtsapho, lwamatyala oxambuliswano phakathi kwabantu (aquka iNkundla echophela imiba yamaBango amaNcinci), iNkundla yamaTyala ezeSondo, iinkundla zengingqi kunye neenkundla zesithili.

1.3. Urhulumente uze nezinye iindlela zokunceda amaxhoba oxhatshazo. IiThuthuzela Care Centre ezingama-54 ezifumaneka kulo lonke eli zingamaziko angoontozonke okuthintela ukuba amaxhoba axhatshazwe izihlandlo ezininizi kunye nokuphungula ixesha elithathwayo ukuqukumbela amatyala. 

1.4.  IKhabhinethi iyazigxibha zonke iintlobo zempathombi, kuquka ukuthuka nokungxolisa abantu basetyhini nabantwana. Urhulumente uzimisele ukuba abe phambili kumaphulo okulwa i-GBV. Abemi boMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba bazixele emapoliseni zonke izenzo ezikrokreleka ukuba ziludlwengulo, uxhatshazo ngokwesondo okanye naluphi na uhlobo lobundlobongela. Bangasebenzisa le nombolo yomnxeba ingahlawulelwayo ithi: 0800 428 428. Izenzo zokuxhatshazwa kwabantwana mazixelwe ku-Childline South Afrika kule nombolo yomnxeba ingahlawulelwayo ithi: 0800 055 555.

2.  Ukubuyiselwa komhlaba

2.1. USekela Mongameli uDavid Mabuza, njengoSihlalo weKomiti yabaPhathiswa echophele imiba yokuBuyiswa koMhlaba, esebenzisa i-CRLR, ekunye noMphathiswa woPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo loMhlaba, uMaite Nkoana-Mashabane, baza kusingatha umsitho kaMongameli wokuNikezela ngokuSesikweni umhlaba obuyisiweyo Empangeni, KwaZulu-Natal ngoMgqibelo umhla we-16 kweyoKwindla 2019.

2.2. Lo Mhlaba uBiyiselwe Abantu base-Ubizo uzihekthare ezingama-2 548 ubukhulu kwaye unamakhaya ali-149 awayethathelwe umhlaba ngaphambili. Abantu abaza kuxhamla kulo mhlaba ubuyisiweyo bangama-894 (ama-30% kubo ngabantu abangoomama), futhi basisizukulwana nenzalelwane zalapha. Lo mhlaba uwonke uxabisa imali ezizigidi ezili-136 zeerandi.

3. INyanga yamaLungelo oLuntu

3.1.  UMzantsi Afrika uza kubhiyozela iNyanga yamaLungelo oLuntu, phantsi komxholo othi: "UNyaka weeLwimi zoMthonyama: Ukukhuthaza nokuBethelela iNtlonipho yamaLungelo oLuntu", eza kugxininisa kumba wokubaluleka kweelwimi zomthonyama.

3.2. IKhabhinethi ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba bazalisekise amalungelo agxininiswa ngamandla kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996 kunye noMqulu wamaLungelo oLuntu, ngokulondoloza nokukhuthaza ukusetyenziswa kweelwimi zomthonyama. 

3.3. Lo msitho wesizwe uza kubanjelwa eSharpeville eGauteng ngoLwesine umhla wama-21 kweyoKwindla apho, kwiminyaka engama-67 eyadlulayo, abahlali ababebambe umngcelele wokuqhankqalaza ngoxolo bekhaba imithetho yamapasi eyayisekelwe kwinkohlakalo bathi babulawa ngolunya ngamapolisa karhulumente wocalu-calulo.   

3.4. INyanga yamaLungelo oLuntu iquka iVeki yokuLwa ubuHlanga eza kuqala ngomhla we-14 iye kowama-21 kweyoKwindla,neza kusetyenziswa ukubonisa umonakalo owenziwa bubuhlanga kweli lizwe.  

D. Imiyalezo
1. Amazwi okuvuyisana

IKhabhinethi iqhwabela izandla:
1.1. Onke amahlakani athe abambisana norhulumente ukumncedisa ukuba uMzantsi Afrika ufumane ilungelo lokusingatha iNdebe yeHlabathi yeBhola yoMnyazi yowama-2013, eza kusingathwa okokuqala kweli lizwekazi le-Afrika. IKhabhinethi iwubulela ngokungazenzisiyo uMbutho weHlabathi weBhola yoMnyazi ngokubonakalisa ukulithemba eli lizwe. Eli lizwe liyathembisa ukuba liza kuwamkela ngobuntu nobubele amazwe ali-16 aza kudlala imidlalo engama-60 ngethuba kubanjwe le tumente iqhuba iintsuku ezili-10 e-International Convention Centre eKapa. 

1.2. UNksz Nomzamo Mbatha ophumelele imbasa ye-Goddess Beauty Award kumsitho i-International Women of Power Awards obubanjelwe eLos Angeles, e-USA. UMbatha udume ngomsebenzi wakhe kumabonakude njengembalasane nosaziwayo kunye nomdlali wemiboniso-bhanyabhanya, kwakunye nangomsebenzi wakhe kwiZizwe eziManyeneyo (i-UN).

1.3. UMnu Vincent Cosa ngokubonisa ubugorha ngethuba ehlangula umntwana kwizikhukhula eziliqubuliso ezenzeke eRhawutini. 

1.4. UNksz Nosipho Mkhupheka ngokuphumelela i-Forbes Woman Africa Public Sector Award ngoLwesihlanu, umhla wesi-8 kweyoKwindla 2019. UNksz Mkhupheka uphumelele le mbasa ngenxa yokuzinikela kwakhe ekuncedeni uluntu ngesidima futhi oku ekwenza nokuba sele engekho msebenzini kwaye eli wonga ulifumene ngokusebenzela abantu baseScottsburg kwiphondo laKwaZulu-Natal.
1.5. UNjingalwazi Mashudu Tshifularo kunye neengcali asebenzisana nazo weDyunivesiti yasePitoli obe ngugqirha wokuqala ukufakela amathambo angaphakathi endlebeni enziwe ngokuprintwa nge-3D ukunceda umntu ongevayo ngeendlebe atsho eve. Oku kwenziwe kwisibhedlele iSteve Biko Academic Hospital ePitoli ngomhla we-13 kweyoKwindla 2019.

2. Amazwi ovelwano

IKhabhinethi ithi malilale ngenxeba usapho nezihlobo:
2.1. ZoMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano nemiCimbi yeMveli (i-Cogta) oswelwekelwe ngumkhuluwa wakhe uMnu Jabulani Gerald Mkhize ngeCawe umhla we-10 kweyoKwindla. Uza kubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela ngomhla we-16 kweyoKwindla ekhayeni lakhe eWillowfountain, ePietermaritzburg, e-KZN.

2.2. ZikaMnu Sibusiso Khwinana obedlala indawo kaLefa kumboniso-bhanyabhaya walapha ekhaya obusanda kukhutshwa othi Matwetwe. Ebekwangomnye wabo baseka i-Independent Theatre Makers Movement, umbutho lowo iinjongo zawo ikukuqeqesha amagcisa atsho akwazi ukuzenzela izinto ngokuwakhuthaza ukuba imisebenzi yobugcisa ayivelisayo ayibange futhi ayikhusele kwaye azazi nezakhono zawo. 

2.3. Zamaxhoba entlekele yenqwelo-moya yakwa-Ethiopian Airlines ethe yawa isendleleni eya eNairobi eKenya isuka e-Addis Ababa, e-Ethiopia, yabulala bonke abantu ebebekhwele kuquka nabantu abasebenza kuyo. 

2.4. Zabo bonke abo basweleke kwizikhukhula zakutsha nje ebezikwiindawo ezithile eMzantsi Afrika, eMalawi naseMozambique.

E. Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1. UMnu Mandla Reginald Sithole: IGosa eliyiNtloko lezeziMali (i-CFO) kwiSebe lemiSebenzi kaRhulumente;

2.    UMnu Enoch Godongwana noNksz Bongiwe Kunene: Amalungu angeyonxalenye yesigqeba solawulo eBhodi yabaLawuli (iBhodi) kwiBhanki yoPhuhliso yamaZantsi e-Afrika (i-BDSA) ixesha elisisithuba esizinyanga ezintathu (3) ukusuka ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi 2019.

3.    Ukuqeshwa kwakhona kukaNksz Malijeng Theresa Ngqaleni noNksz Martie Jacoba Janse Van Ransburg: Amalungu angeyonxalenye yesigqeba solawulo eBhodi ye-DBSA ixesha elisisithuba eseyiminyaka emithathu ukusuka ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi 2019
4.    Amalungu eBhodi yeBloem Water:
a.    UMnu Tefetso Bernard Phitsane (uSihlalo);
b.    U-Adv. Tshepiso Doreen Segoe-Backward (USekela-Sihlalo);
c.    UMnu Zolani Mkiva;
d.    UMnu James Jonathan Price;
e.    UNksz Theda Ntikile Sandlana-Thebe;
f.    UNksz Dipitseng Maropeng Manamela; 
g.    UMnu Luvuyo Xola Ntoyi;
h.    UMnu Louis Evelyn van Rheede van Oudtshoorn;
i.    UMnu TM Manyoni; kunye
j.    noNksz Mmathebe Annah Faith Moja. 

Imibuzo: Nksz Phumla Williams – UMlawuli-Jikelele oliBambela (i-GCIS) 
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore