INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla umhla we-13 kweyoMnga 2019

Ingxelo yeNtlanganiso yesiQhelo yeKhabhinethi ebibanjelwe kwiZakhiwo zoMdibaniso, ePitoli ngoLwesihlanu, umhla we-13 kweyoMnga 2019

A. Imiba enguNdaba-mlonyeni

1. Ezakwa-Eskom

1.1. IKhabhinethi iwaxhasa ngokupheleleyo onke amalinge okuqinisekisa ukuba umbane awucimi kweli lizwe. Ke ngoko, iKhabhinethi iye yagunyazisa uMphathiswa wamaShishini kaRhulumente uPravin Gordhan, ukuba acele iGosa lesiGqeba eliyiNtloko uMnu Andre de Ruyter ukuba aqale emsebenzini phambi kwexesha ebekuvunyelenwe ngalo.
1.2. UMnu de Ruyter kunye nezikhulu eziphetheyo baza kulungisa ngokukhawuleza le miba ixhalabisayo inxulumene nezolawulo, ingxaki yolawulo lwezimali olungekho mgangathweni kwakunye nokuzisa uzinzo kwindlela asebenza ngayo u-Eskom. Oku kuquka ukuqalisa ngomsebenzi omninzi ongekenziwa wokulungiswa nokugcinwa kwezikhululo zokuphehla umbane zikwisimo esifanelekileyo kwakunye neengxaki ezikwindlela eyakhiwe ngayo iMedupi kunye neKusile.
1.3. USekela-Mongameli uDavid Mabuza uza kuvuselela iQela eliJongene neeNgxaki zezaMandla elakhiwe nguMphathiswa wezeMali uTito Mboweni; oweziMbiwa nezaMandla uGwede Mantashe kunye noMphathiswa uGordhan. Eli qela liza kujongana nazo naziphina iingxaki ezinento yokwenza nombane kweli lizwe.
1.4. Iintlobo zombane ohlaziyekazo ziza kudlala indima ephambili kumba wombane ukuncedisana nala malinge ka-Eskom.

2. UkuNcediswa ngeziMali kweNkampani yezoPhapho yoMzantsi Afrika (u-SAA)

2.1. U-SAA kule veki iphelileyo uye wabekwa phantsi kwabaLawuli abaziMeleyo. IKhabhinethi inethemba elikhulu ukuba eli nyathelo liza kumnceda u-SAA atsho abe nozinzo futhi akwazi ukumelana nokhuphiswano futhi uza kuthi ngokuhamba kwexesha aphinde athenjwe ngabemi boMzantsi Afrika futhi nezinye iinkampani zabucala zilangazelele ukuthenga izabelo kuye.
2.2. IKhabhinethi ikwamkele ukuqeshwa kweNgcali enguMlawuli wabuCala uMnu Les Matuson wakwaMatuson Associates. Uza kusebenzisana namaHlakani aNtsundu aza kubhengezwa kungentsuku zatywala.
2.3. U-SAA uza kufumana enye imali evela kurhulumente ezibhiliyoni ezimbini zeerandi eza kuncedisa kumba wokuzisa iinguqu notshintsho olumandla kule nkampani yezophapho. Okunye, nezi nkampani zikhoyo ziqhele ukuboleka imali u-SAA ziza kongeza enye imali ezibhiliyoni ezimbini zeerandi.
2.4. IKhabhinethi iqinisekile ukuba eli nyathelo liza kusibuyisela isidima sale nkampani siyincede ingabhangi into leyo ibinokuba neziphumo ezibi kubakhweli, iinkampani ezishishina nale nkampani kunye namanye amahlakani kwicandelo lezophapho, kunye nabona bantu babalulekileyo, abasebenzi.
2.5. UMphathiswa uGordhan uza kunika ingxelo rhoqo kwiKhabhinethi ngendlela oqhuba ngayo lo msebenzi wabaLawuli babuCala.

3. Izikhukhula

3.1. IKhabhinethi ithi tutwini kwabo baswelekelwe zizihlobo zabo ngenxa yezikhukhula ebezihlasele kwiindawo ezahlukeneyo zeli.
3.2. Urhulumente ukhokela amaphulo oncedo oluphuma kumacandelo ahlukeneyo esebenzisa iZiko leSizwe loLawulo lweeNtlekele ukusabela kule nyhikitya ibangelwe zizikhukhula.
3.3. IKhabhinethi iyayamkela inkxaso evela kwimibutho eyahlukeneyo yoncedo olukhawulezileyo. Ukuhlangulwa kwabantu kwizakhiwo nokusiwa kwabantu abaphulukene namakhaya abo emaholweni oluntu nasezicaweni kubonise umoya wobuntu. IKhabhinethi ibongoza abantu ukuba bazimamele izilumkiso neengcebiso ezikhutshwayo ngeemeko zezulu ezimaxongo.
3.4. Iimpuphuma ziyingozi kakhulu ke ngoko abaqhubi nabahambi ngeenyawo bayacelwa ukuba bahlale bevundlile futhi bangazisebenzisi kwaphela iindlela ezinezikhukhula.
3.5. Abantu abahlala kwiindawo ezisendleleni yezikhukhula neempuphuma zemilambo namadama bayacetyiswa ukuba bahlale belumkile baze bathuthele kwiindawo ezingekho ndleleni yezikhukhula xa kukho isilumkiso sezikhukhula. Ungabeki ubomi bakho emngciphekweni ngokuthi udade emadamini nasemilanjeni ngethuba leemvula ezinkulu.

4. IXesha leziYunguma

4.1. IKhabhinethi inqwenelela bonke abemi boMzantsi Afrika iXesha leziYunguma elikhuselekileyo neliyokozela ngamathamsanqa. Njengabemi boMzantsi Afrika kufuneka sibonise Ubuntu kwabanye abemi boMzantsi Afrika neendwendwe zethu ngeli xesha lolonwabo.
4.2. IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bathobele imithetho yendlela xa besezindleleni besiya kwiindawo abaza kuchithela kuzo iiholide lide liphele eli xesha leziyunguma. Luxanduva lwethu sonke ukuphelisa inyhikitya yeengozi zendlela. Ukuziphatha ngendlela efanelekileyo ezindleleni kuquka ukungaseli uqhuba, ukuqhuba ngesantya esimiselweyo, ukubacingela abanye abantu abasebenzisa indlela, kuquka nabo bahamba ngeenyawo. Masisebenzisane sisindise imiphefumlo yabantu bakuthi #LiveBeyondDezemba #Arrive Alive.
4.3. “Amaphulo oKhuseleko ngeXesha leziYunguma” karhulumente sele eqalile kangangokuba amalungu oMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) aphume iphulo. Abemi beli bayakhuthazwa ukuba basenzise i-App yeeselula, u-MySAPS, eyi-App yokuqala kweli lizwekazi lase-Afrika.
4.4. Le App intsha iza kunika ithuba abemi beli kuba bakwazi ukuthetha ngqo namagosa ogcino-mthetho ngokuthi bawahlebele ngezinto ezithile, bakwazi ukukhangela isikhululo samapolisa esikufutshane kubo nezinye iintlobo zoncedo, futhi ivumela namaxhoba olwaphulo-mthetho ukuba akwazi ukuthumela umyalezo ngoko nangoko xa esengxakini.
4.5. IKhabhinethi iyabacela abazali nabanakekeli-bantwana ukuba baqinisekise ukuba abantwana abashiywa bodwa ngeli xesha.
4.6. IKhabhinethi icela abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise u-Sho’t Left ngokuthi batyelele iindawo ezinomtsalane zeli baxhase nemisitho yalapha ekhaya. Ukusebenzisa iinkampani zezokhenketho kunye neengcali zezokhenketho ezibhalisiweyo kuqinisekisa ukuba kukho ukhuseleko futhi kwenza nalowo ungumkhenkethi ukuba alonwabele uhambo lwakhe lokuzonwabisa. Iinkcukacha zeengcali zezokhenketho ezibhalisiweyo ziyafumaneka kwiiwebhusayithi zee-Ofisi zezoKhenketho zamaPhondo ezahlukeneyo.

5. Iziphumo zowama-2019 zeeMviwo zeBanga le-12.

5.1. IKhabhinethi ibamba ngazibini kootitshala, abafundi kunye nabazali ngokuthi basebenzisane norhulumente ukuze kuqinisekiswe ukuba iimviwo zeBanga le-12 zowama-2019 ziqhube kakuhle. Iziphumo ziza kubhengezwa emva kwemini ngomhla we-7 kweyoMqungu 2020. Abafundi bayakhuthazwa ukuba bangene kwiwebhusayithi yeSebe leMfundo esiSiseko (www.education.gov.za) okanye babhalise besebenzisa i-SMS bathumele inombolo yabo yencwadi-sazisi kunye neNombolo yabo yeeMviwo ukuze bakwazi ukufumana iziphumo zabo.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

6. ImiThetho eLawula i-Biofuels

 6.1. IKhabhinethi iyamkele imiThetho eLawula i-Biofuels, into leyo eza kukhululela ukuba iqaliswe i-Biofuel Industrial Strategy. Ii-biofuels zivunywa lihlabathi njengohlobo lwesibaso olunokusetyenziswa ngoku olungenasisi singcolisa indalo sininzi. Zixuba amafutha enziwa ngezimbiwa zesiqhelo ukuze kuphungulwe ungcoliseko lomoya olwenziwa ngamafutha ezithuthi.
6.2. Lo mthetho unika imimandla emihlanu eza kulawulwa eyile: (1) IsiVumelwano sesixa. Esi sivumelwano sinciphisa umonakalo onokwenziwa zinkqubo zokuvelisa i-biofuel kumalinge okuvelisa ukutya. (2) Imithetho enyanzelisa ukuba ixutywe ukuze kwandiswe inani labantu abayisebenzisayo. (3) Indlela yokuqinisekisa ukuba iindleko zokuxuba i-biofuel ziyabuyiswa. (4) Isibonelelo se-biofuel sokuxhasa amafama kunye nemizi-mveliso ye-biofuel. (5) izinto eziqwalaselwayo xa kukhethwa abo baza kufumana isibonelelo. Uxwebhu olunale mithetho liyafumaneka kwiwebhusayithi yeSebe lezaMandla ethi: www.energy.gov.za.

7. IBhunga lezoKhuselo leSizwe

7.1. IKhabhinethi ivumile ukuba kusekwe kwakhona iBhunga leSizwe lezoKhuselo kusenzelwa ukuba kube lula ukulawula yonke imisebenzi enxulumene nokhuseleko lwesizwe. Eli bhunga liza kujongana nomsebenzi wokuvuma isiCwangciso-qhinga sezoKhuseleko lweSizwe, kunye nemiba ephambili yeSizwe yezoBuntlola kunye noQikelelo lwezoBuntlola lweSizwe.
7.2. Eli bhunga liza kukhokelwa nguMongameli njengosihlalo njengoko eyiNkumanda eyiNtloko yoMkhosi wezoKhuselo nezoKhuseleko. Amanye amalungu eli bhunga nguSekela-Mongameli uMnu Mabuza; uMphathiswa wezoKhuseleko lweSizwe u-Ayanda Dlodlo; uMphathiswa wezoKhuselo naMagqala eMfazwe uNosiviwe Mapisa-Nqakula; uMphathiswa weMicimbi yezeKhaya u-Aaron Motsoaledi; uMphathiswa wezoBulungisa neeNkonzo zoLuleko uMnu Ronald Lamola; uMphathiswa wezamaPolisa uBheki Cele; uMphathiswa wezeMali uTito Mboweni kunye noMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli uNkosazana Dlamini Zuma.

8. IPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo weMicimbi yezeKhaya

8.1. IKhabhinethi ilivumile iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo weMicimbi yezeKhaya, kwakunye nesicwangciso-qhinga esikwizinga eliphezulu sokulitshintsha eli Sebe leMicimbi yezeKhaya libe lelamanye amasebe aphambili anokuba negalelo elimandla kuphuhliso lwezoqoqosho nokhuseleko lwesizwe.
8.2. Eli Phepha liCacisa uMgaqo-nkqubo lisekelwe kumgaqo-nkqubo ogxininisa kurhulumente wale mihla nosebenzisa ubuxhaka-xhaka bale mihla oza kwenza ukuba siye sisondela ekuzalisekiseni iinjongo zethu zoRhulumente osebenzisa i-intanethi noRhwebo oluqhutywa nge-intanethi.

9. IKhabhinethi ivumile singeniswe ePalamente iSivumelwano saseMadrid esingokuBhaliswa kwiHlabathi kweeMpawu (1989) ukuze sityikitywe sibe ngumthetho.

9.1. IsiVumelwano saseMadrid siquka nomba wokukhuselwa kweempawu zorhwebo. Iimpawu zorhwebo zenza iimveliso zaziwe futhi zikwazi ukuzibetha ezinye ezikhuphisana nazo apha kweli nakwihlabathi.
9.2. Ukutyikitywa kwesiVumelwano saseMadrid sibe ngumthetho kuza kunceda ekuqinisekiseni ukuba usebenza kakuhle uMgaqo-nkqubo weMisebenzi yobuGcisa (i-IP) welizwe. Siza kunika ithuba lokuba amashishini oMzantsi Afrika ingakumbi la asakhasayo asebenzise inkqubo ye-IP ukuze athengise iimveliso neenkonzo zawo kwihlabathi.

10. I-Passenger Rail Agency of South Africa (PRASA)

10.1. IKhabhinethi ikuvumile ukuchithwa kweBhodi yeThutyana ka-PRASA nokuba le nkampani ifakwe phantsi kolawulo lwabalawuli babucala.
10.2. UMzantsi Afrika ufuna oololiwe abathembekileyo, abangatyabuliyo ngokwemali nabasebenza kakuhle abaza kuba yintsika yezithuthi zikawonke-wonke edibanisa zonke iintlobo zezithuthi zeli. Iziphumo zengxelo yophicotho-zincwadi zowama-2018/19 ezikhutshwe nguMphicothi-zincwadi-Jikelele zibonisa iingxaki ezinkulu ezinxulumene nolawulo olugwenxa kwa-PRASA, ukuphathwa kakubi kwezimali into leyo ebangele ukuba u-PRASA afumane ingxelo yoPhicotho-zincwadi eneChaphaza.
10.3. Ngenxa yale ngxaki, iKhabhinethi iye yavuma ukuba kuqeshwe uMlawuli wabucala, uMnu Bongisizwe Mpondo, ukuba alawule imicimbi yale nkampani kwezi nyanga zili-12 zizayo. Eli nyathelo liza kuba negalelo elihle ekwenzeni u-PRASA atsho asebenze kakuhle.

11. UkuFudukela kuSasazo oluDijithali

11.1. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngendlela eqhuba ngayo inkqubo yokuFudukela kuSasazo oluDijithali malunga nokugcinwa, ukusasazwa nokufakelwa kweedikhowuda.
11.2. Isiqaphele isicwangciso sokufakelwa kweedikhowuda ezigcinwe kwiindawo yokugcina iimpahla yePosi yoMzantsi Afrika. IKhabhinethi ivumile ukuba zingafakelwa ezi dikhowuda zishiyekileyo, kwaye abantu abaza kuzifakela baza kuqashwa ngoomasipala. Le ndlela intsha iza kuhanjiswa ngayo ezi dikhowuda yenzelwe ukuba le nkqubo yokusuka kuhlobo lokusasaza oluyi-analogu kuyiwe koludijithali ikhawuleze kuze kukhutshwe naMaza oSasazo Asetyenziswa kakhulu.
11.3. IKhabhinethi ikuvumile ukuqeshwa kukaMnu Newyear Niniva Ntuli njengoMlawuli neGosa eliPhendulayo le-Universal Service Agency of South Africa isithuba seenyanga ezingama-24.

12. INgxelo yoHlaziyo lweMinyaka engama-25 yokuXhotyiswa kwaManina noLingwano ngokweSini eMzantsi Afrika: 1994-2019

12.1. IKhabhinethi iyivumile le ngxelo, iza kusetyenziswa njengeNgxelo eNikwa isiZwe ngeBeijing Declaration and Platform for Action (Beijing+25) of the United Nations (UN). IKhomishini ye-UN ngeMeko yaManina ihlele ukubamba isikhumbuzo sama-25 se-Beijing Declaration and Platform for Action ngeyoKwindla 2020. UMzantsi Afrika lelinye lamazwe atyikitye isiBhengezo saseBeijing. 
12.2. Le ngxelo ikhankanya umsebenzi osele wenziwe kwimimandla emininzi ngokunxulumene nokuxhotyiswa kwamanina kunye namalinge okuvala umsantsa okhoyo phakathi kwabantu bezini ezahlukeneyo. Nangona ingqina ukuba uMzantsi Afrika unemithetho egxininisa kwimiba enxulumene nesini ukuze kulungiswe ingxaki yokwenzelwa idolo kwabantu besini esithile babe bedlelwa indlala abanye, ingxaki endala yangaphambili yokungabikho kolingwano ngokwesini nale izingileyo yokwenza izinto ngeendlela ezenzelela amadoda nokukhokelisa iinkolelo ezinyemba nezidlela indlala amanina.

13. IsiCwangciso esiQiqisisiweyo seSizwe (i-NSP) soBundlobongela obuSekelwe kwiSini nokuBulalwa kwaManina (i-GBVF).

13.1. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi nge-NSP 2020-2030, enika umgaqo-nkqubo ovakalayo wamacandelo ahlukeneyo kunye nendlela yokuhlela izicwangciso ukuze kuqinisekiswe ukuba zicacile iinkqubo zikarhulumente nesizwe siphela zokusabela kule ngxaki yobundlobongela obusekelwe kwisini. IKhabhinethi ivumile ukuba zonke iinkqubo ezibalwe imali zesi sicwangciso kufuneka ziphunyezwe ngamasebe ahlukeneyo achaphazelekayo. 
13.2. Noko kunjalo, iKhabhinethi iyalele ukuba kwenziwe omnye umsebenzi wokuba la malungiselelo entsebenziswano akhe acokiswe. Aba baPhathiswa bayalelwe ukuba benze lo msebenzi: uMphathiswa woPhuhliso loLuntu uLindiwe Zulu; owezoBulungisa neeNkonzo zoLuleko uRonald Lamola; owezamaPolisa uBheki Cele; owaManina naBantu abaKhubazekileyo uMaite Nkoana-Mashabane. UMphathiswa uNkoana-Mashabane uza kukhokela eli qela.

14. Izindululo zeQela labaCebisi likaMongameli bezoBuyekezo loMhlaba nezoLimo

14.1. Ngomhla wama-24 kweyeKhala 2019, iKhabhinethi yafumana iNgxelo yeQela labaCebisi likaMongameli bezoBuyekezo loMhlaba nezoLimo elinosihlalo onguGq. Vuyokazi Mahlathi, elenza iziphakamiso ezingama-73. Ngokusebenzisa iKomiti yabaPhathiswa engoBuyekezo loMhlaba ekhokelwa nguSekela-Mongameli uMabuza, onke amasebe achaphazelekayo aye acelwa ukuba aqwalasele iziphakamiso ezichaphazela amasebe azo, emva koko enze oko iziphakamiso zithi makwenziwe.
14.2. IKhabhinethi sele izamkele futhi yazixhasa izindululo ezingama-60. Zisithoba kuphela engakhange ivumelane nazo, zaze zona ezintathu yaziqaphela nje. Amasebe ahlukenenyo aza kunika ingxelo egcweleyo ngale miba iqatshelwe nje nale ingavunywanga.

15. IPhulo lokuPhucula ooHola beNdlela baseGauteng (i-GFIP)

15.1. IKhabhinethi iyiqaphele ingxelo ye-GFIP (i-e-tolls) yeQela ebeliChophele uMba elikhokelwa nguMphathiswa wezoThuto uFikile Mbalula. Isigqibo esithathiwe ngezi ndululo zenziwe leli Qela sikwingxelo eza kukhutshwa kulo nyaka uzayo.

16. UmGaqo-nkqubo wokuKhethwa kwabaXhamli noKwabiwa koMhlaba

16.1. Khabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwalo mgaqo-nkqubo ukuze uluntu luhlomle kuwo. Lo mgaqo-nkqubo unika ingcaciso ngenkqubo ethembekileyo neyenziwa elubala yokwabiwa komhlaba nokukhethwa kwabaxhamli.
16.2. Okubaluleke nangakumbi, kukuba ugxininisa umba wolingwano ngokobuni xa kusabiwa futhi kunikezelwa ngomhlaba kunye nokungabikho kwemigaqo yokunceda abantu abangathathi ntweni nabasezilalini ukuba bakwazi ukufumana imihlaba xa kuthe kwakho iintlekele zendalo nezinye iimeko zikaxakeka.

C. ImiThetho eYilwayo

17. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho oYilwayo weeNkonzo zokuXhaswa kwamaXhoba wowama-2019 ukuze uluntu luhlomle kuwo. Lo Mthetho uYilwayo unika ingcaciso ngamanyathelo adibeneyo aqhutywa ngamacandelo ahlukeneyo okunceda ngezinto ezidingwa ngabantu abangamaxhoba olwaphulo-mthetho nobundlobongela. Ngokusebenzisa lo Mthetho uYilwayo imisebenzi kunye neenkonzo zamasebe ahlukeneyo kwiNtlanganisela yezoBulungisa, uThintelo loLwaphulo-mthetho nezoKhuseleko kunye neNtlanganisela yezeNtlalo iza kukwazi ukulawulwa ngcono njengenxalenye yoncedo olujoliswe kwingxaki enye. IKhabhinethe iyawamkela kwakhona uMgaqo-nkqubo wowama-2019 weeNkonzo zeNkxaso yamaXhoba.

18. IKhabhinethi iwuvumile noMthetho oYilwayo weeNgcali zeeNkonzo zezeNtlalo wowama-2019 ukuba upapashwe kwigazethi ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo waqulunqelwa ukuba wongeze kwimithetho elawula iingcali zeenkonzo zezentlalo ngokuthi uwucacise umahluko phakathi kweengcali eziwufundeleyo lo msebenzi weenkonzo zezentlalo nabo basebenza kweli candelo bangawufundelanga. Wakuba lo Mthetho uYilwayo utyikitywe wangumthetho, uza kungena endaweni yalo Mthetho weeNgcali eziFundileyo zeeNkonzo zezeNtlalo wowe-1977 (uMthetho 110 wowe-1978) usebenzayo ngoku. Ethubeni iSebe loPhuhliso loLuntu liza kunika ingcaciso egcweleyo ngale mithetho iyilwayo mibini icetywayo.

19. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMthetho oYilwayo wokuThatha ngaPhandle kweMbuyekezo wowama-2019 ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo utyebile ngenxa yegalelo elenziwe luluntu nayimibutho eyahlukeneyo ngethuba kubanjwe iindibano zokubonisana ngawo. Wakuba lo Mthetho uYilwayo utyikitywe wangumthetho, uza kunika ingcaciso ngeenkqubo ezifanayo emazilandelwe xa kuthathwa ngaphandle kwembuyekezo. Ungumthetho olawulayo oza kusetyenziswa ngamasebe karhulumente kunye namanye amaqoqo karhulumente amathathu oza kusetyenziswa xa kuthathwa umhlaba nezinye iziseko ezingundoqo ngaphandle kwembuyekezo.

20. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho oYilwayo wokuPhuhliswa kobuTyebi bePetroliyam eKrwada ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukudala imeko eziza kukhuthaza utyalo-mali kwicandelo lepetroliyam ekrwada. Unika isikhokelo ngendlela yokomba nokuvelisa ipetroliyam into leyo eza kuba negalelo kuhlumo loqoqosho neza kuzisa iinguqu.  Lo Mthetho uza kunika neengcaciso eyodwa ngemithetho elawula ipetroliyam. Ukwagunyazisa nokusekwa kwe-Arhente yePetroliyam yoMzantsi Afrika, eza kuthi inike iingcebiso uMphathiswa weziMbiwa nezaMandla.

21. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-sihlomelo oYilwayo wamaGunya nemiSebenzi yezeziMali yooMasipala ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo wenza izilungiso kuMthetho wamaGunya ezeziMali nemiSebenzi yooMasipala, wowama-2007 (uMthetho 12 wowama-2007). Ulawula amagunya oomasipala xa betsala irhafu yeendleko zezophuhliso ngokumayelana nezicelo ezingeniswe kumasipala zokuphuhliswa komhlaba.

Irhafu yezophuhliso yenye imali enokusetyenziswa ngoomasipala kumaphulo abo okwakhiwa kweziseko ezingundoqo zikamasipala. Oku kutsho kuncede umasipala akwazi ukudlala indima yakhe yokubonelela ngeziseko ezingundoqo ezisemgangathweni nezisebenza kakuhle ukuze kuvulwe amathuba okuhlumisa uqoqosho.

22. IKhabhinethi ivumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo oYilwayo weCandelo loPhicotho-zincwadi. Lo Mthetho uYilwayo wenza izilungiso kuMthetho weCandelo loPhicotho-zincwadi, wowama-2005 (uMthetho 26 wowama-2005). Lo Mthetho uYilwayo uphakamisa ukuba iBhodi eziMeleyo yoLawulo lwabaPhicothi-zincwadi inikwe amagunya okuthumela umsila wengwe nabani onolwazi olufunekayo ukuze kuqukunjelwe uphando lokuziphatha ngendlela engafanelekanga kwabaphicothi-zincwadi. Ezi zilungiso ziza kunika uMphathiswa wezeMali igunya lokubeka eyona mali ingumyinge ophezulu anokudliwa yona umphicothi-zincwadi ofunyaniswe enetyala emva kwiingxoxo zezoluleko.

D. Imisitho Ezayo

23. Isibhengezo sokungenisa amagama abo batyunjelwe iiMbasa zooNondaba zoMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC)

23.1. Amajelo eendaba oMzantsi Afrika ayacelwa ukuba angenise amagama abo batyunjelwe ukungenela ukhuphiswano lweeMbasa zooNondaba ze-SADC zowama-2020 ungagqithanga umhla wama-28 kweyoMdumba. Iintatheli ezifuna ukungenela olu khuphiswano zakufumana iinkcukacha ezithe vetshe kule webhusayithi: www.sadc.int kunye nale: www.gcis.gov.za.

E. Imiyalezo

24. Amazwi okuvuyisana

IKhabhinethi ithi huntshu:

24.1. ku-Miss South Africa uZozibini Tunzi ngokunikwa isitshaba sokuba ngu-Miss Universe 2019 kumsitho obubanjelwe e-Atlanta, e-USA.
24.2. kwabakwa-Restaurant Mosaic ngokuphumelela njengeyona restyu izigqwese zonke eMzantsi Afrika kumsitho obanjwa rhoqo ngonyaka i-La Liste World Restaurant Awards, obubanjelwe eParis, eFrance.
24.3. kumapolisa amatsha angama-4 971 agqibe izifundo zoqeqesho kwiikholeji zamapolisa aze athweswa ngomhla we-13 kweyoMnga 2019. La mapolisa asanda kugqiba uqeqesho lwawo aza kuba yinxalenye ye-SAPS kuze kuphuculwe ukhuseleko lwabantu beli.
24.4. kwiNkulumbuso yase-United Kingdom (e-UK) uBoris Johnson kunye neqela lakhe leConservative Party ngokuphumelela uNyulo-jikelele lwase-UK lowama-2019 kwaye iyakulangazelela ukuphucula nokuqinisa amakhonkco entsebenziswano phakathi kwala mazwe mabini ngethuba esaphethe.
24.5. kwiqela lebhola ekhatywayo lesizwe loMzantsi Afrika labaneminyaka engaphantsi kwengama-20, Amajita, ngokudlala ngesibindi nangokuzimisela kumdlalo walo neZambia ngolo hlobo baphume kwindawo yesibini kwindebe, i-U20 COSAFA Cup.

F. Izikhundla

Zonke izikhundla ziza kuxhomekeka ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo neminye imiba yezokhuseleko.

1. IBhunga loPhuhliso lwabaSebenzi loMzantsi Afrika:

a. U-Adv Richard Sizani (IKhomishini yeeNkonzo zikaRhulumente);
b. uNks Phindile Mkwanazi (isiKolo sikaZwelonke sikaRhulumente)
c. uNks Riefdah Ajam (i-Federation of Unions of South Africa);
d. uMnu Narius Moloto (i-National Council of Trade Unions);
e. uMnu Bheki Ntshalintshali (i-Congress of South Africa Trade Unions);
f. uGq Octavia Mkhabela (uthathe umhlala-phantsi);
g. uGq Chris Nhlapo (i-Cape Peninsula University of Technology);
h. uGq Dudu Mkhize (i-South African Youth into Engineering);
i. uMnu Sanele Mlotshwa (i-South African College Principals Organisation);
j. uMnu Thulani Dlamini (i-Council for Scientific and Industrial Research);
k. uGq Glenda Kruss (i-Human Sciences Research Council);
l. uMnu Joe Samuels (i-South African Qualifications Authority);
m. uMnu Bruno Peter Nkosi Druchen (i-Deaf Federation of South Africa);
n. uMnu Sifiso John Mtsweni (i-National Youth Development Agency);
o. uGq Jeremia Gule (i-Institute of People Management);
p. uNks Busisiwe Mavuso (i-Business Leadership South Africa);
q. uMnu Mustak Ally (i-Minerals Council South Africa);
r. uMnu Dumisani Mphafa (i-Black Business Council);
s. uNjing Sibongile Muthwa (i-Universities South Africa);
t. uNks Sesi Nombulelo Nxesi (i-Sector Education and Training Forum);
u. uGq Randall Carolissen (i-National Student Financial Aid Scheme);
v. uNks Yvonne Pelle (i-Continuation Education and Training Sector);
w. uMnu Christo van der Rheede (i-AgriSA);
x. uMnu Michael Peter (i-Forestry South Africa);
y. uNks Sithembiso Dlamini (i-Tourism South Africa); kunye
z. noMnu Gerhard Hattingh (i-Manufacturing Enterprise Solution Association).

2. IBhodi yeNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela (iRAF)

3. uNks Nompumelelo (Mpumi) Mpofu njengoMlawuli oPhetheyo we-Airport Company South Africa.

Imibuzo: Nksz Phumla Williams – isiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore