Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu, yomhla we-9 kweyeSilimela 2021

A.    Imiba yokusiNgqongileyo

1.    Ukukhutshwa kweyeza lokugonya leSifo seNtsholongwane ye-Corona (i-COVID-19)
1.1.    Ikhabhinethi iyamkele inkqubela-phambili yokugonya i-COVID-19 ethe ngoLwesibini, womhla wesi-8 kweyeSilimela 2021 yafikelela kwi-1 524 589 kwaye ugonyo lweThamo Lokuqala le-Pfizer lufikelele kwinqanaba ebelifuneka eliyi-1 045 245, eliyi mbalasane ebalulekileyo.  Ukongeza, ngaphezulu kwezigidi ezintathu zabantu ababhalise kwiNkqubo yeeNkcukacha zokuGonya ye-Eletroniki, engunobangela wokubhiyoza kumlo wethu odibeneyo ochasene nokusasazeka kwentsholongwane. 
1.2.    Ubambiswano kunye necandelo labucala kugonyo kunye nenkqubo iyonke ye-COVID-19 yomeleza iinzame zesizwe sethu ekuqinisekiseni ukuba izitofu ezisindisa ubomi kunye nomyalezo ngamanyathelo okhuseleko oluchasene nobhubhane we-COVID-19 ufikelela kubantu abaninzi. 
1.3.    Ikhabhinethi iyakwamkela ukungqinisiswa kweyeza lokugonya i-COVID-19 le-Sinovac ukuba lisetyenziswe ngokungxamisekileyo nguMbutho wezeMpilo weHlabathi, owenza ukuba Igunya loLawulo lweeMveliso zeMpilo loMzantsi Afrika likhawuleze liqwalasele isicelo esivela kwi-Sinovac.
1.4.    Ikhabhinethi ikhumbuza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bahlale bethe qwa kwaye bathobele imiqathango phantsi kweNqanaba lesibini leSilumkiso sokuma ngxi kweentshukumo zesizwe. Ityeli lesithathu lisondele kwaye sinawo amandla okuthomalalisa usulelo. Masithathe uxanduva lokunxiba iimaski esidlangalaleni, ukubambelela ekuqelelaneni kangangemitha eziyi-1.5, sisoloko sihlamba izandla ngesepha nangamanzi okanye ngesibulala-ntsholongwana esine-alcohol engange-70%, kwaye siziphephe iindawo zasesidlangalaleni kunye neendibano zabantu abaninzi.

2.    Uphononongo lwaBasebenzi lweKota (i-QLFS)
2.1.    Ikhabhinethi iqaphele iziphumo ze-QLFS kwikota yokuqala yowama-2021 ezibonisa ukuba inani labantu abaqeshiweyo liphantse lahlala lingatshintshi kwizigidi ezili-15.0, elinokuhla nje okuncinane kwama-28 000 kwikota yokuqala yowama-2021. Inani labantu abangaphangeliyo nalo liphantse lahlala lingatshintshanga kwizigidi eziyi-7.2 xa kuthelekiswa nekota yesine yowama-2020 (linyuke ngama-8 000). Inani labantu abafuna umsebenzi abangakhuthazekanga linyuke ngama-201 000 (6,9%) phakathi kweekota ezimbini, ngenani elipheleleyo elili-164 000 kubantu abangasebenziyo ngokwezoqoqosho.
2.2.    Olu tshintsho luncinci lubangele ukuba izinga lokungaphangeli elisemthethweni linyuke nge-0.1 yepesenti ukusuka kwi-32.5% kwikota yesine yowama-2020 ukuya kwi-32.6% kwikota yokuqala yowama-2021 - elona liphezulu ukusukela oko kwaqala i-QLFS ngowama-2008. Izinga lokungaphangeli ngokwenkcazelo eyandisiweyo yokungaphangeli linyuke nge-0.6 yepesenti ukuyakufikelela  kwi-43.2% kwiKota yoku-1 yowama-2021 xa kuthelekiswa neKota yesi-4 yowama-2020.

2.3.    Izinga lokungaphangeli ngokusesikweni phakathi kolutsha (kwiminyaka eli-15 ukuya kwengama-34) ibiyi-46.3% kwiKota yoku-1 yowama-2021. Izinga beliyi-9.3% phakathi kwabafundi abaphumelele eyunivesithi. Ingqesho yecandelo elisesikweni inyuke ngama-79 000 ngelixa amanye amacandelo ehlangabezene nokuhla kwengqesho kwikota yoku-1 yowama-2021. Ingqesho yecandelo elingekho sesikweni yehle ngama-19 000 (0.8%); Kumakhaya abucala yehle ngama-70 000 (5.8%), kwaye kwingqesho yeZolimo yehle ngama-18 000 (2.2%).
2.4.    Amanye amashishini adale imisebenzi ngelixa amanye elahlekelwe yimisebenzi phakathi kweKota yesi-4 yowama-2020 kunye neKota yoku-1 yowama -2021, nto leyo ikhokelele ekwehleni okupheleleyo okungama-28 000 kwimisebenzi iyonke. Ingqesho inyuke kakhulu kwezeMali (inyuke ngama-215 000) nakwamanye amashishini athe afumana imisebenzi equka Iinkonzo zoLuntu kunye nezeNtlalo (16 000), Izinto eziluncedo (16 000), iMigodi (12 000) kunye noVeliso (7 000). Ukulahleka kwemisebenzi kwaqwalaselwa kuLwakhiwo (87 000), kuRhwebo (84 000), kuMakhaya abucala (70 000), kwezoThutho (40 000) nakwezoLimo (18 000). 

3.    Iziphumo zemveliso yasekhaya (i-GDP)
3.1.    Uqoqosho loMzantsi Afrika lukhule nge-1.1% kwikota yokuqala yowama-2021 (ngeyoMqungu ukuyakufikelela  kweyoKwindla), into ethetha ukuba izinga lokukhula lonyaka libeyi-4.6%. Oku kulandela ukunyuka okuhlaziyiweyo kwe-1.4% (ngonyaka: 5.8%) ukunyuka kwe-GDP yokwenyani kwikota yesine yowama-2020.
3.2.    Icandelo lezemali, elezemigodi kunye nelorhwebo yayingawona aphambili aphembelela icala lemveliso (yonikezelo) yezoqoqosho, ngelixa inkcitho yamakhaya kunye notshintsho kuluhlu lweempahla zanceda ukugcina ukukhula kwicala lenkcitho (lebango).
3.3.    Nangona oku ikukukhula okuqinisekileyo okulandelelanayo kwekota yesithathu, uqoqosho loMzantsi Afrika lungaphantsi nge-2.7% kunokuba bekunjalo kwikota yokuqala yowama-2020.

4.    Ukufumaneka kwamandla ombane
4.1.    Ikhabhinethi ikwamkele ukukhathazeka kwabemmi boMzantsi Afrika kokucima kombane okuqhubekayo ngenxa yokusilela kothungelwano lombane kwiziseko zakwa-Eskom. Ikhabhinethi isazibophelele ekuphumezeni isiCwangciso seZibonelelo eziHlanganisiweyo sowama-2030, esisekwe kumxube wamandla ombane owahlukeneyo oza kunciphisa ukuthembela kumthombo wamandla ombane ophambili omnye okanye ombalwa.
4.2.    I-DMRE ikwavule Ixesha lesi-5 le-Bid leNkqubo yokuFumana Ukuveliswa kwaMandla Avuselelekayo okuba nguMvelisi waMandla ombane Ozimeleyo ukufumana iimegawathi ezingama-2 600 zomoya kunye namandla elanga ukuxhasa igridi yesizwe. Uhlengahlengiso kummiselo wombane kwenze kananjalo ukuba oomasipala babenakho ukuthenga umbane wabo kwabanye abavelisi bombane.  Oku kuza kunciphisa uxinzelelo oluvela kwigridi yombane yakwa-Eskom.

5.    Uqhankqalazo  
5.1.    Ikhabhinethi iyalugxeka uqhankqalazo lwakutsha nje eSoweto olukhokelele ekuvalweni koluntu kwaye ibongoza abaqhankqalazi ukuba bazole kwaye bazibambe. 
5.2.    Nangona ilungelo lokuqhankqalaza ngoxolo luyinxalenye ebalulekileyo kuluntu lwentando yesininzi, kufuneka lusetyenziswe ngendlela esemthethweni kwaye lungaphazamisi amalungelo abanye abantu.
5.3.    Urhulumente uzimisele ekusebenzisaneni noluntu kwilizwe liphela ukuphucula iimeko abaphila phantsi kwazo. 

6.    Uthintelo lolwaphulo-mthetho
6.1.    Ikhabhinethi iyawuncoma umsebenzi obandakanya iqela leendlela ezahlukeneyo zoqeqesho elithe lathimba i-cocaine engaxutywanga engama-800kg enexabiso lasesitratweni eliqikelelwa kuma-400 ezigidi zeeranti. 
6.2.    Ikhabhinethi ivakalise inkxalabo ngokonyuka kwamatyala axeliweyo ezithuthi ezigqabhulwa amavili koohola bendlela belizwe nakwiindlela ezifihlakeleyo, ezikhokelele ekuphangweni nasekubulaweni kwabanye babaqhubi.  Icele ii-arhente zogcino-mthetho ukuba ziqinise iinzame zazo zokohlwaya abenzi bolu lwaphulo-mthetho luqatha.
6.3.    Ikhabhinethi ihlaba ikhwelo kuluntu ukuba luxelele amapolisa ngolwaphulo-mthetho, kuquka izinto ezinxulumene neziyobisi, kwaye lungathatheli umthetho ezandleni zalo okanye lubhenele kubulungisa behlokondiba labanrtu.  

7.    Ikomiti yeeNtloko zaMazwe ase-Afrika kunye noRhulumente kuTshintsho lweMozulu (i-CAHOSCC)
7.1.    UMongameli Ramaphosa, kwisikhundla sakhe njengoMququzeleli we-CAHOSCC, uthathe inxaxheba kwintlanganiso yayo ye-intanethi ngoLwesibini, umhla wesi-8 kweyeSilimela 2021. Intlanganiso yamkele Ingxelo yabaQuquzeleli be-CAHOSCC engokubaluleka kwe-Afrika ukulungiselela iNkomfa yama-26 yamaQela kwiNgqungquthela yeNkqubo-sikhokelo yeZizwe Ezimanyeneyo ngoTshintsho lweMozulu (i-UNFCCC COP26), inkqubela-phambili yomsebenzi weenkqubo zokuTshintsha kweMozulu yase-Afrika, kunye neNkqubo yokuKhuthaza Ukhuseleko lweMozulu yase-Afrika. 
7.2.    Le Ngqungquthela iphinde yaqinisekisa ukuba uluntu lwamazwe ngamazwe kufuneka lunyuse ngamandla iinzame zalo, luphakamise inqanaba lokuzimisela kwaye luxhase amazwe asaphuhlayo ngeendlela zokuphumeza amanyathelo emozulu ngenxa yonobangela wamaxanduva ethu ahlukileyo. Onke amazwe ase-Afrika afuna inkxaso kumaqabane amazwe ngamazwe kwaye indawo yethu yophuhliso kufuneka ihlonitshwe ukufezekisa iinjongo zethu zemozulu kunye nokuzimisela, ngelixa sisenza igalelo lesabelo sethu esifanelekileyo kumzamo wehlabathi.
7.3.    Intlanganiso iqinisekise isidingo sokwamkelwa kweemeko kunye namandla ethu ohlukeneyo esizwe njengoko kungenakwenzeka  ukuba ulindele i-Afrika ukuba ihlangabezane namaxesha afanayo afana nawamazwe aphuhlileyo ukutshintsha uqoqosho lwethu nokurhoxisa utyalo-mali kwizibaso. Oku kubalulekile, ingakumbi xa sicinga ngamanqanaba aphezulu okungalingani, ukungaphangeli kunye neemfuno zophuhliso kwiLizwekazi lethu liphela, ingakumbi phakathi kwabasetyhini kunye nolutsha. Ngapha koko, kufuneka sithumele umqondiso ocacileyo wokuba ukuphunyezwa kunye nokuzimisela kusebenza ngokulinganayo kunciphiso, kuhlengahlengiso nakwinkxaso. 

8. Isisombululo seBhunga lamaLungelo oLuntu seZizwe eziManyeneyo (i-UN) kwiMimandla yasePalestina
8.1. Ikhabhinethi yamkele ukwamkelwa kweSisombululo seBhunga lamaLungelo oLuntu seZizwe eziManyeneyo (i-UN) ngokuqinisekisa ukuhlonitshwa komthetho wamalungelo oluntu wamazwe ngamazwe kunye nomthetho wabantu wamazwe ehlabathi kwimimandla yasePalestina, kuquka iMpuma yeJerusalemu nakwaSirayeli. 
8.2. Isisombululo siphinde safuna ukusekwa okungxamisekileyo kwekhomishini yophando ezimeleyo yamazwe ngamazwe eza kuphanda ngazo zonke izityholo zamalungelo oluntu.  Ikhabhinethi ikugxininisile ukubaluleka kwesisombululo esinobulungisa nesisisigxina kwimpixano yamaSirayeli kunye namaPalestina esisekwe kubukho bamazwe amabini. 

B.    Izigqibo zeKhabhinethi
1.    Ukwandiswa kweMeko yeNtlekele yeSizwe 
1.1.    Ikhabhinethi ivume ukwandiswa kweMeko yeNtlekele yeSizwe nge-COVID-19 kude kube ngumhla we-15 kweyeKhala 2021. Ulwandiso lumalunga neCandelo 27(5)(c) loMthetho woLawulo lweNtlekele, wama-2002 (uMthetho wama-57 wama-2002). 
1.2.    Ulwandiso lwenza ukuba ilizwe liqhubeke namangenelelo angengawo amayeza achasene ne-COVID-19.  

2.    Iingxelo zenkqubela-phambili zokuphunyezwa kweNkqubo-sikhokelo yobuChule yeXesha eliPhakathi (i-MTSF)
2.1.    Ikhabhinethi yamkele iingxelo zokusebenza malunga nokuphunyezwa kwe-MTSF yowama-2019 ukuyakufikelela  kowama-2024 eziye zaqulunqwa liSebe lezoCwangciso, uHlolo noVavanyo   
2.2.     Ubhubhane we-COVID-19 ube nefuthe ekuphunyezweni kwe-MTSF, inani lezinto ekujoliswe kuzo kwiindawo eziphambili ziye zaqhubeka kwithuba eliphantsi koqwalaselo, ngeli lixa kukho ukulibaziseka okubonakalayo kwezinye zezinto ebekujoliswe kuzo zokusebenza ezinye kungenxa yokubekwa phambili kohlahlo lwabiwo-mali. 
2.3.    Iingxelo zokusebenza ziza kukhutshwa eluntwini kwaye iqela labaPhathiswa liza  kubamba iindibano ezahlukileyo zamajelo eendaba zokwenza iingxelo ngempumelelo nangamangenelelo aqhubekayo ukuphucula ukusebenza.

3.    Uxwebhu lweNkqubo-sikhokelo malunga nezinto Ezingumdla weSizwe saseMzantsi Afrika
3.1.    Ikhabhinethi iluvumile uXwebhu lweNkqubo-sikhokelo malunga nezinto Ezingumdla weSizwe saseMzantsi Afrika kuthethathethwano lwayo lwemiba yasekhaya neyamazwe ngamazwe.  Olu xwebhu lweNkqubo-sikhokelo luthathwe kuMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika wowe-1996 nakwi-NDP.
3.2.    Olu xwebhu luchaza phakathi kwezinye izinto ukuma kwelizwe kulawulo lwelizwe lalo kunye nokucwangciswa komgaqo-siseko; ukhuseleko kunye nentlalo-ntle yabemmi bayo; ukuphumelela kwezoqoqosho kunye nendlela yelizwe ekwakheni i-Afrika engcono kunye nehlabathi elingcono.
3.3.    Olu xwebhu luzakwenziwa ukuba lufumaneke eluntwini kusetyenziswa iwebhusayithi karhulumente kunye neyeSebe lezobuDlelwane bamaZwe ngamaZwe neNtsebenziswano 

C.    Imisitho ezayo

1.    Ingqungquthela yeeNkokheli ze-G7   
1.1.    Ikhabhinethi iqinisekile ukuba ukuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kwiNgqungquthela yeeNkokheli ze-G7 e-United Kingdom ukusukela ngomhla we-11 ukuya kowe-13 kweyeSilimela 2021, ekhokelwa nguMongameli Obekekileyo u-Cyril Ramaphosa, lithuba lokuxhasa imiba eliqela ekufuneka iqwalaselwe ngokukhawuleza yelizwe lethu nakwilizwekazi.
1.2.    Iindibano ezifana neNgqungquthela yeeNkokheli ze-G7 ngamathuba abalulekileyo kuMzantsi Afrika wokukhuthaza umbono wayo welizwe elinobulungisa nelinoxolo nangakumbi. UMzantsi Afrika uza kugxininisa kwintshabalalo yezentlalo kunye noqoqosho eyenziwe ngubhubhane, kwaye uza kuphinda uchaze indlela esiphuma ngayo kule ntshabalalo ngenxa yemigaqo-nkqubo yethu yezemali neyezentlalo. 
1.3.    UMzantsi Afrika uza kuphinda usebenzise iNgqungquthela yeeNkokheli ze-G7 ukuqhubela-phambili ukuphembelela ukususwa okwethutyana kwesiVumelwano kwiMiba eNxulumene noRhwebo lwamaLungelo Akhusela Uyilo loMvelisi kuMbutho wezoRhwebo weHlabathi ukuqinisekisa ufikelelo olulinganayo kumayeza okugonya e-COVID-19. Oku kuza kwenza amazwe akwazi ukuvelisa amayeza okugonya angawawo aze avule indlela yokuphuhliswa koshishino lokuvelisa amayeza engingqi kwilizwe lethu nakwilizwekazi. 


D.    Imiyalezo 
1.    Uvuyiswano
Ikhabhinethi ivakalisa ukuvuyisana no: 
•    Mnu Pitso Mosimane (Umqeqeshi uPitso), ngokuphakamisela phezulu iflegi yoMzantsi Afrika ngokukhokela iqela lebhola ekhatywayo eliphezulu kwilizwekazi, i-Al Ahly, ekuphumeleleni i-African Super Cup. Owayengumphathi we-Mamelodi Sundowns ufumene intshinga yakhe yesine ne-Al Ahly okoko wazibandakanya neqela lebhola ekhatywayo elizinze e-Cairo, e-Egypt kwiinyanga nje ezintandathu ezidlulileyo.

2.    Amazwi ovelwano 
Ikhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho nakubahlobo baka: 
•    Mnu MacDonald Ndodana Mathunjwa, umdlali owaziwa kakhulu ngeendima zakhe kwi-Home Affairs, Generations, Soul City, Intsika kunye ne-Bones of Bones. 
•    Mnu Mabi Gabriel Thobejane, owayengomnye weemvumi ze-jazz ezaziwayo kweli lizwe. 
•    UMnu Ben Kruger, igqala lomdlali weqonga, umbhali kunye nomvelisi owaziwa kakhulu ngendima yakhe kwi-Binnelanders. 
•    Nks Shaleen Surtie-Richards, umdlali weqonga ophumeleleyo owaziwa kakhulu ngendima yakhe kumdlalo-bhanyabhanya yowe-1988 i-Fiela se Kind, nangeendima zakhe kwi-Egoli: Place of Gold kunye ne-7de Laan.
•    Nks Ivy Cikizwa Gcina, osebenze kumaqonga amaninzi ngexesha lakhe elwa urhulumente wobandlululo, kuquka nokusebenzela i-Port Elizabeth Black Civic Organisation nowayesakuba lilungu lePalamente yokuqala lentando yesininzi (1994 - 1999).

E.    Ukuqeshwa 
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala zemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1.    UMnu Nhlanhla Michael Mabaso uchongwe njengeSekela Mlawuli-Jikelele:  IiNkonzo zoLwazi kwiSebe lezeKhaya. 
2.    Ukuchongwa kwamalungu eBhodi eLawulayo eZimeleyo yaBaphicothi-zincwadi kangange minyaka emihlanu:
a.    Mnu Fulvio Tonelli;
b.    Nks Ruth Benjamin-Swales;
c.    Nks Thabiso Kutumela;
d.    Nks Nalini Maharaj;
e.    Mnu Prostas Phili;
f.    Nks Zine Mshengu;
g.    Mnu Eugene Zungu;
h.    Nks Chuma Mjali;
i.    Mnu Richard Hawkins; kunye no
j.    Nks Naidene Ford-Hoon.
3.    UMongameli uqeshe uMnu. Hlengani Mathebula njengoSihlalo weBhodi yaBalawuli ye-Arhente yoPhuhliso lwamaJelo eeNdaba nezoLwahlukano. 

Imibuzo: Nks Phumla Williams – Isithethi seKhabhinethi 
Iselfowuni: 083 501 0139
 

Share this page

Similar categories to explore