INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ibibanjwe ngonxibelelwano lwevidiyo ngoLwesithathu, umhla wesi-2 kweyoMnga 2020

A. Imiba yokusiNgqongileyo

1. Ukwanda kolosulelo kweSifo seNtsholongwane i-Corona (i-COVID-19)

1.1. IKhabhinethi ibonise inkxalabo emandla malunga nokunyuka kwenani losulelo olutsha lwe-COVID-19 eMpuma Koloni naseNtshona Koloni. Ukunyuka kosulelo kuye kwabangelwa phakathi kwezinye izinto, kukungathotyelwa kwemigaqo-nkqubo yokuthintela i-COVID-19 kunye nemigaqo yeNqanaba loku-1 lokuLumkisa.
1.2. IKhabhinethi iyawamkela amanyathelo acetyisiweyo ongenelelo kuMasipala oMbaxa waseNelson Mandela Bay (i-NMB) ukushukuxa ukunyuka kosulelo lwe-COVID-19. IKhabhinethi kwakhona iyavuma ukuba izikolo zolwaluko zingaqhubeka phantsi kwemigaqo-nkqubo engqongqo yezempilo ngaphandle koMasipala oMbaxa we-NMB. UMphathiswa wezeMpilo, uGq Zweli Mkhize, uza kutyelela eNtshona Koloni ukuvavanya ukuba yintoni ekufuneka yenziwe ukungenelela kwiindawo ezifana ne-Garden Route.
1.3. IKhabhinethi ikuphindile kwakhona ukukutsho ukubaluleka kokubambelela kungenelelo lonyango ngaphandle kwamayeza okufana nokuhlamba izandla ngamanzi nesepha okanye ukusetyenziswa kwesibulala-ntsholongwane sesandla esine-alkhoholi, ukugcina ukungasondelelani kwabantu kunye nokunxiba isigqubutheli-buso esidlangalaleni. Sonke kufuneka silixhase ikhwelo loMbutho weHlabathi wezeMpilo ukunqanda usulelo olutsha lwe-COVID-19.
1.4. Njengoko sisondela kwixesha leeholide zokuphela konyaka, kufuneka sikhumbule ukuba lo bhubhane usekhona kwaye uyingozi. Ngoko ke, kufuneka sikulumkele ukuhamba ngaphandle kwesizathu, ingakumbi ngezithuthi zikawonke-wonke, futhi sinyenyise ukuya kwiindawo zikawonke-wonke ezifana neerestyu, iithaveni okanye iindawo ezithengisa utywala. Omnye nomnye wethu kufuneka aqinisekise ukuba uthatha amanyathelo okuthintela ukusasazeka kwentsholongwane kwiintsapho zethu, ingakumbi kubantu bethu abadala.
1.5. Kufuneka sisoloko sigcine ukungasondelelani kwabantu ingakumbi xa sidibana siziintsapho ukubhiyozela iiholide. Ngenxa yokuziphatha kwethu, sonke singanikela ekulweni kunye nasekunqandeni ukusasazeka kwe-COVID-19. IKhabhinethi kwakhona ikwamkele ukwandiswa kweMeko yeNtlekele kaZwelonke ukuya kumhla we-15 kweyoMqungu 2021.

2. Ishishini lokuthuthwa kwemithwalo

2.1. IKhabhinethi ikugxeka kabukhali ukophulwa komthetho okuchaphazela ishishini lokuthuthwa kwemithwalo ezindleleni futhi ikwancoma ukusabela okukhawulezileyo ngamapolisa ekubanjweni kwabarhanelwa eGauteng. IKhabhinethi ithumela uvelwano olunzulu kwiintsapho kunye noogxa babaqhubi abathe balahlekelwa bubomi babo futhi ikwanqwenelela abo bonzakeleyo ukuphila okukhawulezileyo.
2.2. Nangona sikuqonda ukukhathazeka kokwaphulwa kwemithetho yokufuduka zezinye iinkampani, ubundlobongela ayisosisombululo. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abantu abachaphazelekileyo ukuba bangenise iinkxalabo zabo malunga neshishini lokuthuthwa kwemithwalo kumaziko afanelekileyo endaweni yokusebenzisa ubundlobongela.
2.3. UMphathiswa wezeNgqesho naBasebenzi uThulas Nxesi ukhokela iqela laBaphathiswa abajongene nalo mba futhi kulindeleke ukuba bangenise isindululo esiluqilima kwiKhabhinethi ukushukuxa zonke iimbambano ezichaphazela eli shishini.

3. Ukuphuhliswa kweziseko zophuhliso

3.1. IKhabhinethi ikwamkele ukunikezelwa kweNkqubo yokuBonelelwa ngaManzi amaNinzi eMshwathi KwaZulu Natali, esiza kutshintsha ngokupheleleyo ubomi bamakhaya angaphezu kwama-3 000 kwimimandla yase-Albert Falls, eMpolweni, eTrustfeed naseNadi.
3.2. Inkqubo ingumanduleli wezinye iiprojekthi ezahlukileyo zokubonelelwa ngamanzi amaninzi kwingingqi ukuya koomasipala besithili abasixhenxe – eZululand, eKing Cetshwayo, e-Lembe, kuThukela, eMgungundlovu naseHarry Gwala. IKhabhinethi ibongoza abaxhamli ukuba bawagcine kwaye bawasebenzise ngononophelo amanzi ukunceda onke amakhaya.

4. Iiholide ezikhuselekileyo

4.1. Njengoko abemi boMzantsi Afrika bethatha ixesha ukonwabela iiholide neentsapho kunye nabahlobo babo, iKhabhinethi isikhuthaza sonke ukuba sikwenze oko ngokuthembekileyo. Ukongeza ekuthobeleni yonke imigaqo-nkqubo yezempilo ukunqanda ukusasazeka kwe-COVID-19, kufuneka kwakhona silandele imithetho yezendlela ukuqinisekisa ukuba sonke sifika kwiindawo zethu sikhuselekile.
4.2. Ukhuseleko ezindleleni luxanduva lwawo wonke ummi woMzantsi Afrika kwaye bonke abaqhubi zimoto bayabongozwa ukuba balandele umda wesantya, bangaseli baze baqhube, futhi musa ukuqhuba ngokungalawuleki nangokungakhathali.  
4.3. Abazali kunye nabakhathaleli bayabongozwa ukuba bangabashiyi bengahoywanga abantwana ngexesha leholide. Ngokusebenza kunye ukukhathalelana, singaqinisekisa ixesha leholide elikhuselekileyo nelinolonwabo.

B. IziGqibo zeKhabhinethi

1. Ingxelo yenkqubela evela kwiQela laBaphathiswa abaSebenzayo bePhondo loMntla Ntshona (i-IMTT)

1.1. IKhabhinethi iyivumile ingcebiso ye-IMTT yokurhoxa kungenelelo oluthe ngqo phantsi kwecandelo 100(1)(b) eMntla Ntshona ekupheleni konyaka-mali wama-2020/21.
1.2. IKhabhinethi yanelisekile yinkqubela esele yenziwe kungenelelo lukarhulumente wesizwe eMntla Ntshona, nangona usemninzi umsebenzi ekusafuneka wenziwe ukubuyisela ngokupheleleyo ulawulo olufanelekileyo kwiphondo.
1.3. Inkqubela yenziwe ekubuyiseleni uxolo kuluntu nasemsebenzini, ulawulo lwemali, ulawulo lweziphumo kunye nokuhanjiswa kweenkonzo. Kwakhona kuye kwabakho nenguqu kwiziphumo zophicotho-zincwadi, futhi nesiphelo seminyaka emithandathu yokuhla kunye nokuma ndawonye kweziphumo zophicotho-zincwadi. Ingxelo epheleleyo iza kuthiwa thaca ePalamente.

2. Ingxelo ngezakutshanje ngesiCwangciso sokuHlangula iShishini (i-BR Plan) leQumrhu lezoPhapho loMzantsi Afrika (i-SAA)

2.1. IKhabhinethi yanikwa amagqabantshintshi ngenkqubela malunga nokuqaliswa kwesiCwangciso sokuHlangula iShishini le-SAA (i-SAA BR Plan) kunye nokuba ziza kwabiwa njani iibhiliyoni ezili-10.5 zeerandi eziya kusetyenziswa ngokufanelekileyo ukuqinisekisa impumelelo ekuqalisweni kwesiCwangciso se-BR.
2.2. IKhabhinethi iyayincoma inkqubela futhi iyalibongoza iSebe lezamaShishini kaRhulumente (i-DPE) ukuba likhawulezise ngokuqalisa amanyathelo angundoqo okuqinisekisa ukuqalisa kwenkampani yesizwe entsha yezophapho ehlenga-hlengisiweyo, esebenzayo nesebenza ngobuchwepheshe beteknoloji.
2.3. I-DPE yayalelwa ukuba igqibezele ngokuqesha ibhodi yangaphakathi ye-SAA futhi iqukumbele ukuqeshwa kweHlakani eliza kuthenga izabelo e-SAA. UMango wanconywa ngendima eqiqisisiweyo ayidlalileyo ngokuba ngaphantsi kwe-SAA, ukuqiniseka ubukho obukhoyo benkampani yezophapho kurhwebo.

3. IsiCwangciso (sokuLalelisela) seSizwe sokuLungela iHolide yeHlobo yowama-2020/21

3.1. IKhabhinethi isivumile isiCwangciso seSizwe sokuLungela iHolide yeHlobo yowama-2020/21 esithiwe thaca nguMphathiswa wezoLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli, uGq Nkosazana Dlamini Zuma. Isicwangciso silandela iingqikelelo ezibonakalise ukuba kulindeleke amathuba emvula angaphezulu kwesiqhelo kwiindawo ezininzi zelizwe. Oku kuthetha ukuba iingingqi ezinemvula zehlobo zigubungela onke amaphondo asibhozo – ngaphandle kweengingqi ezinemvula ebusika ezifana neNtshona Koloni – ekulindele izikhukula eziphezulu kunye nezaqhwithi zomoya.
3.2. Ekuqaliseni isicwangciso, amanyathelo okuthomalalisa akhona ukunciphisa ifuthe leengozi ezigqithileyo zehlobo. Esi sicwangciso siquka iiholide zehlobo eziqala kweyeNkanga 2020 ukuya kweyoMdumba 2021, njengoko ngeli xesha kuqhele ukwanda kweengozi ezinxulumene nemozulu. IKhabhinethi kwakhona iqaphele ukuba ezinye iindawo zamaphondo aseKapa zisenengxaki yembalela.
3.3. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuluntu ukuba lwenze amalungiselelo ayimfuneko ngokuchasene neengozi zexesha lasehlotyeni futhi luqinisekise ukusabela okufanelekileyo okuza kusindisa ubomi, kukhuselwe impahla kunye neziseko zophuhliso.

4. IsiKhokelo seSizwe soPhuhliso loMgaqo-nkqubo

4.1. IKhabhinethi isivumile isiKhokelo seSizwe soPhuhliso loMgaqo-nkqubo esiza kukhokela amasebe karhulumente ekuqulunqweni kwemigaqo-nkqubo yawo karhulumente. Esi sikhokelo sifuna ukubeka emgangathweni iinkqubo zokuqulunqwa komgaqo-nkqubo kuwo onke amanqanaba karhulumente.  
4.2. Uxwebhu lucacisa amanyathelo ahlukeneyo ekufuneka alandelwe ekuqulunqweni komgaqo-nkqubo karhulumente, abandakanya imijikelezo yokwenza imigaqo-nkqubo, imigangatho elindelekileyo; izinto ekufuneka ziqwalaselwe xa kuqulunqwa umgaqo-nkqubo kunye namalungiselelo eziko ekufuneka abekhona ukuze kwenziwe umgaqo-nkqubo osebenzayo kunye nokuqaliswa kweenkqubo.
4.3. Isikhokelo sangoku asikuqinisekisi ukufana kunye nentsebenziswano ekwenziweni komgaqo-nkqubo karhulumente. Olu xwebhu kuza kufikeleleka kulo kwiwebhusayithi yeSebe lezokuCwangcisa, ukuHlola, nokuVavanya (i-DPME) ethi: www.dpme.gov.za

5. UMgaqo-nkqubo weMinikelo yoMhlaba

5.1. IKhabhinethi iwuvumile umgaqo-nkqubo wokuphumeza, ojolise ekukhawuleziseni ngeminikelo yomhlaba njengenye yeendlela zokusabela kwisantya esihamba ngesantya sonwabu sohlenga-hlengiso lomhlaba.
5.2. Ukuqaliswa komgaqo-nkqubo kuza kuyila amathuba abalulekileyo kubemi basezidolophini nabasemaphandleni ukuba bathathe inxaxheba kuqoqosho. Kunika inkuthazo kwaye kukhokela iminikelo yomhlaba ngabanini bemihlaba emikhulu. Le nkuthazo iza noxanduva loxhobiso olumiselweyo kwinxalenye enkulu yabanini mihlaba abaza kunikela ngomhlaba.
5.3. Umhlaba ekunikelwe ngawo kunye namanyathelo omgaqo-nkqubo wenkuthazo alungelelaniswe nesivumelwano ekwafikelelwa kuso ngamahlakani oluntu ngomnyaka wama-2016 kwi-Operations Phakisa malunga nezoLimo, uHlenga-hlengiso loMhlaba kunye noPhuhliso lwaMaphandle.  Lo mgaqo-nkqubo wakhutshwa ngenjongo yokubonisana noluntu ngenyanga yoMdumba 2020.

6. UMgaqo-nkqubo weSizwe malunga nokuKhethwa kwabaXhamli kunye noLwabiwo loMhlaba wowama-2020

6.1. IKhabhinethi iwuvumile umgaqo-nkqubo, obonelela ngenkqubo enobulungisa, ethembekileyo necacileyo yokukhethwa kwabaxhamli kunye nokwabiwa komhlaba eMzantsi Afrika. Lo mgaqo-nkqubo udibanisa izimvo ezifunyenwe ngexesha lokupapashwa kwawo ekuqaleni konyaka futhi uzimisele ekulungiseni, phakathi kwezinye izinto, ukungalingani ngokwesini kubunini-mhlaba.
6.2. Ubeka phambili ulwabiwo lobunini bomhlaba kumanina, ngaloo ndlela ukhuthaza ukuqhubela phambili kwamanina. Ukwafuna ukujongana neemfuno zomhlaba ezahlukeneyo njengoko kubonisiwe luluntu kwimveliso yezolimo, ukuhlaliswa koluntu, umhlaba wesisa, ukuphuhliswa kwendawo yokuhlala kunye neyamashishini.
6.3. Lo mgaqo-nkqubo uphakamisa ukusekwa kweziko elizimeleyo ukuqhubekekisa ulwabiwo lomhlaba futhi ubonelele ngenkqubo yokufaka isicelo nge-inthanethi ukuqinisekisa ukuba luselubala ngokupheleleyo ulwabiwo lomhlaba.  

7. UkuQulunqwa koMgaqo-nkqubo weZibuko elinguNtozonke (i-OSBP)

7.1. IKhabhinethi iwuvumile uMgaqo-nkqubo wokuqulunqwa kwe-OSBP ukuze uluntu luwuhlolisise.  Ukuyilwa kwe-OSBP kufuna ukungqinelanisa ukuhamba kwabantu nokuthuthwa kweempahla phakathi kwamazibuko okungena eMzantsi Afrika kunye nakumazwe angabamelwane. Izindululo kumgaqo-nkqubo zifuna ukushukuxa ukuxinana okubangela ukulibaziseka, ingakumbi kubahambi kunye nabarhwebi abanqumla amazibuko.
7.2. Lo mgaqo-nkqubo unika isiphumo sesiKhokelo seZibuko elinguNtozonke esamkelwa yiKhabhinethi ngowama-2018. Kwinqanaba lelizwekazi, lo mgaqo-nkqubo wenza igalelo kwiPhulo likaMongameli leziSeko zoPhuhliso, eliqhubela phambili unxibelelwano phakathi kwamazwe ase-Afrika ukusombulula intsilela yeziseko zophuhliso kunye nokunyusa urhwebo phakathi kwamazwe ase-Afrika. Umgaqo-nkqubo oqulunqiweyo uza kupapashwa kwiphepha-ndaba lombuso kwikota yokuqala yowama-2021 ukwenzela ukuba uluntu luphawule.

8. Ukuqinisekiswa kweSivumelwano seNgqungquthela yaMazwe ngaMazwe yezaBasebenzi malunga nokuPheliswa koBundlobongela nokuXhatshazwa kwiiNdawo zokuSebenzela yowama-2019 (Nombl. 190)

8.1. IKhabhinethi isivumile isiphakamiso seNgqungquthela yeNdawo yokuSebenzela yowama-2019 (Nombl. 190) esisiwe ePalamente ukwenzela ukuba siqinisekiswe. Le ngqungquthela ishukuxe ubundlobongela, ukuxhatshazwa, ingakumbi emsebenzini. Ibonelela ngesikhokelo esicacileyo sentshukumo kunye nethuba lokwenza ikamva lomsebenzi elisekwe kwisidima nentlonipho, ngaphandle kobundlobongela kunye nokuxhatshazwa.
8.2. Ukuqinisekiswa kwale ngqungquthela kulungelelaniswe noMgaqo-siseko weRiphabhliki yoMzantsi Afrika yowe-1996. Nje ukuba kuqinisekiswe, amalungiselelo engqungquthela aza kwenziwa ekhaya futhi alungelelaniswe noMthetho woBudlelwane baBasebenzi, wowe-1995 (uMthetho wama-66 wowe-1995).
8.3. ISebe lezeNgqesho naBasebenzi sele liphuhlise iNkqubo Yokusebenza  eLungileyo kuThintelo kunye nokuPhelisa uBundlobongela kunye nokuXhatshazwa eMsebenzini.

9. IsiCwangciso-qhinga esiHlaziyiweyo se-Antarctic nakuMazantsi oLwandle
9.1. IKhabhinethi ikuvumile ukuqaliswa kwesicwangciso-qhinga esihlaziyiweyo, oku quka izimvo ezifunyenwe kupapasho lwawo ekuqaleni konyaka. Esi sicwangciso-qhinga sibonelela ngokulungelelaniswa nokumiliselwa koMthetho weziVumelwano ze-Antarctic, wowe-1996 (uMthetho wama-60 wowe-1996), onxulumene nophando, ulondolozo, ukusetyenziswa kwezixhobo ezizinzileyo kunye nolawulo lokusingqongileyo ukuxhasa inkqubo yase-Afrika.  
9.2. Oku kunegalelo kwiiNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo, ngokuthi kuqatshelwe ukuba i-Antarctic kunye naMazantsi oLwandle ngamacandelo abalulekileyo kwinkqubo yemozulu yehlabathi. Esi sicwangciso-nkqubo sinegalelo kwizenzo zemozulu nakwintembeko kwindalo ngokuthi sikhuthaze ukusekwa kweendawo ezikhuselweyo nezilawulwa ngokukodwa. Yapapashwa kweyeKwindla 2020 ukuze uluntu luphawule.  

10. AmaLungelo oLuntu, iNkululeko noXolelwaniso: uXwebhu lokuChonga iSiza esiza kuba nguVimba weMisebenzi kaNelson Mandela

10.1. IKhabhinethi isivumile isiphakamiso samaLungelo oLuntu, iNkululeko noXolelwaniso: uXwebhu lokuChonga kweZiza eziza kuba nguVimba weMisebenzi kaNelson Mandela oluza kuthunyelwa kwiZiko leZizwe eziManyeneyo lezeMfundo, lezeNzululwazi kunye neMibutho yeNkcubeko yeHlabathi ukuze siqwalaselwe futhi sibhalwe njengeSiza saMafa seHlabathi. Le yinxalenye ephangaleleyo yeProjekthi yeNdlela yokuXhathisa neNkululeko yaMafa.   
10.2. Utyumbo lubeka phambili iindawo ezili-10 kumaphondo amane kunye noomasipala abasixhenxe. Oku kumele imbali yethu yenkululeko kunye namalungelo oluntu, futhi kunika ubungqina bamanqanaba ahlukeneyo omzabalazo wenkululeko.  
10.3. Olu tyumbo luhambelana nesiCwangciso soPhuhliso seSizwe, esigxininisa kulondolozo kunye nokubuyiselwa kweendawo ezikhuselweyo. Lukwaqaphela amandla egalelo loqoqosho lokuyila ekuveliseni ingqesho kunye nokuthumela ngaphandle iingeniso.

C. UMthetho oYilwayo

1. UMthetho oYilwayo woLondolozo noPhuhliso loMhlaba wokuLima wowama-2020

1.1. IKhabhinethi isivumile isiphakamiso soMthetho oYilwayo esithunyelwe ePalamente. UMthetho oYilwayo urhoxisa uMthetho wokuLima, wowe-1970 (uMthetho wama-70 wowe-1970) ukufezekisa iimfuno zomgaqo-siseko, kunye nokubonelela ngendlela enobulungisa nelungeleleneyo ekusetyenzisweni komhlaba wokulima.
1.2. Lo Mthetho uYilwayo ukhusela umhlaba wokulima kwimveliso yokutya ngokumisela iiNdawo zokuLima eziKhuselweyo apho umhlaba wokulima onamandla aphezulu uza kucaciswa njengeenjongo zezolimo kwaye umhlaba wokulima onamandla aphantsi uza kuvunyelwa ukuba usetyenziselwe izinto ezingezizo ezolimo.
1.3. Ukuqaliswa koMthetho oYilwayo kushukuxa isoyikiso kukhuseleko lokutya kwisizwe nakumakhaya.

D. Imisitho Ezayo

1. INgqungquthela yeMbumba ye-Afrika (i-AU)

1.1. I-AU iza kubamba iNgqungquthela eKhethekileyo yoMmandla ongaHlawulisani iRhafu yoRhwebo weliZwekazi i-Afrika ngomhla wesi-5 nowesi-6 kweyoMnga 2020, kulungiselelwa ukuqala kwe-AfCFTA ngomhla woku-1 kweyoMqungu 2021.
1.2. I-AfCFTA inenzuzo enkulu kuMzantsi Afrika nanjengoko usebenza njengesixhobo sokukhulisa uqoqosho notyalo-mali. Ummandla ongahlawulisani irhafu yorhwebo usivulela ukuba sithumele kwamanye amazwe iimpahla kunye neenkonzo kurhwebo olunabantu abangaphezulu kweebhiliyoni ezi-1,2. NjengoSihlalo we-AU, uMzantsi Afrika uphambili ekuqhubeni ukuphunyezwa kwe-AfCFTA.
1.3. Isivumelwano siqhubela phambili ukudityaniswa kwezoqoqosho kunye nokuphuhliswa, ukuxhotyiswa kwamanina kwilizwekazi, kunye nokuqiniswa kwamalinge oxolo nozinzo e-Afrika.

2. USuku loXolelwaniso

2.1. UMzantsi Afrika uza kukhumbula uSuku loXolelwaniso ngomhla we-16 kweyoMnga 2020 phantsi kwesihloko esithi: “UManyano ngokuSebenza ngokuchasene noBuhlanga, uBundlobongela obuSekelwe kwiSini kunye noKunye ukungaNyamezelani”. Masilusebenzisele olu suku kwakhona ukufezekisa ulwakhiwo lwesizwe nomanyano loluntu.
2.2. Kulo nyaka ukujolisa kubuhlanga kugxininisa kukubaluleka komntu ngamnye ekuthatheni uxanduva lokulwa ubuhlanga, ucalu-calulo ngokobuhlanga, intiyo kubemi bamanye amazwe kunye nokunganyamezelani okunxulumene noko elizweni.

3. USuku lweHlabathi lokuLwa uRhwaphilizo

3.1. UMzantsi Afrika uza kujoyina ihlabathi ukukhumbula uSuku lweHlabathi lokuLwa uRhwaphilizo ngoLwesithathu, umhla we-9 kweyoMnga 2020. Olu suku lukhuthaza iphulo malunga neendleko kunye neziphumo ezibi zorhwaphilizo, futhi lufuna ukuluphelisa nya.
3.2. Urhwaphilizo alwamkelekanga, nokuba lwenzeka kwicandelo likarhulumente okanye labucala. Urhwaphilizo luthatha iindlela ezahlukileyo futhi lufana ‘nokuthenga’ iphepha-mvume lokuqhuba, ukuhlawulisa ngondlela mnyama ukunqanda isohlwayo esisemthethweni, iyelenqe kunye nendlela yokuziphatha echasene nokhuphiswano, konke oku kubangela urhwaphilizo.
3.3. Impumelelo yemfazwe yethu norhwaphilizo ixhomekeke ekubandakanyeni bonke abemi kunye namaziko. Ngomhla woku-1 kweyeNkanga 2020, iKhabhinethi isivumile isiCwangciso-qhinga seSizwe sokuqala ukuLwa noRhwaphilizo futhi ihlaba ikhwelo kulo lonke uluntu ukuba lubambisane ekulweni norhwaphilizo. Ukuba ubona into, utsho into, luxele urhwaphilizo ngokuthi utsalele umnxeba kwi- National Anti-Corruption Hotline kule nombolo 0800 701 701.

E. Imiyalezo

1. Amazwi okuvuyisana

IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle kwaba balandelayo:
1.1. UNks Tsakani Maluleke, onyulwe njengoMphicothi-zincwadi-Jikelele waseMzantsi Afrika ukususela ngomhla woku-1 kweyoMnga 2020. IKhabhinethi imnqwenelela okuhle kuxanduva analo lokuqinisekisa ukuba uthatha uxanduva ekusetyenzisweni kwezixhobo zikarhulumente.    

2. Amazwi ovelwano

IKhabhinethi ithi tutwini kwaba balandelayo:
2.1. usapho, izihlobo kunye noogxa bomdlali owayesakuba ngumkhuseli weBafana Bafana kunye neqela leMamelodi Sundowns u-Anele Ngcongca.
2.2. isizwe seRoyal Bafokeng ngokushiywa nguMohumagadi (uKumkanikazi), uGq Semane Bonolo Molotlegi.
2.3. isizwe sabaThembu ngokuthi sishiywe nguKumkanikazi wamaXhosa uNozamile Sigcawu, umama weNkosi uMpendulo Zwelonke Sigcawu engasekhoyo.
2.4. usapho lukaKumkani uGoodwill Zwelithini ngokuthi lushiywe ngunyana walo uNkosana Lethukuthula Zulu.

F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
1. UNks Mukondeleli Johanna Mulaudzi njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba soLawulo (u-CEO) soLawulo lwamaZibuko oMzantsi Afrika.   
2. UNks Ayanda Noah njengoSihlalo weBhodi ye-Central Energy Fund SOC LTD.
3. UMnu Loyiso Tyabashe njenge-CEO yeQumrhu laMandla eNyukliya loMzantsi Afrika.  
4. Amalungu eBhunga oGunyaziwe woLawulo lweCandelo lamaShishini oKhuseleko lwaBuCala:
a. UGq Audrey Leah Mofomme (uSihlalo);
b. UMnu Matome Solomon Ralebipi (USekela Sihlalo);
c. UMnu Humphrey Nhlanhla Ngubane;
d. UGq Sithembile Nombali Mbete; kunye
e. noNks Thandeka Ntshangase.
5. Ukwandiswa kwesivumelwano sikaMnu Mbulelo Tshangana njengoMlawuli-Jikelele (i-DG) weSebe lezokuHlaliswa koLuntu.
6. UNks Nomfundo Clementine Tshabalala njengo-DG weSebe lezokusiNgqongileyo, amaHlathi nezokuLoba.
7. UGq Annette Theresa Griessel njengeSekela-Mlawuli-Jikelele (i-DDG): uLungelelwaniso loCwangciso lweSizwe kwi-DPME.  
8. UGq Nontsikelelo Valencia Tshayingca-Mashiya njengo-DDG: iCandelo lokuPhathwa kweMisebenzi yeQumrhu kwi-DPME.
9. UNks Dorcas Tshepiso Moahloli njengo-DDG: Iimpahla kunye noLawulo lwamaTyala kuNondyebo weSizwe.

Imibuzo:
Nks Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore