Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ibibanjwe ngonxibelelwano lwevidiyo ngoLwesithathu, umhla we-18 kweyeNkanga 2020

A. IMiba enguNdaba-mlonyeni

1. INgqungquthela ye-12 yeBrazil, Russia, India, China kunye noMzantsi Afrika (i-BRICS)

1.1. IKhabhinethi iyazamkela iziphumo zeNgqungquthela ye-12 ye-BRICS ebikhokelwa nguMongameli Cyril Ramaphosa. Le ngqungquthela ibisingathwe nguMongameli Vladimir Putin weRussian Federation, ixovule umba wentsebenziswano ekufuneka i-BRICS inayo
kumaphulo okuzisa uzinzo kwihlabathi, ukhuseleko lwehlabathi lonke kunye nohlumo oluqhuba ngobuchule.
1.2. Iziphumo zale ngqungquthela ziquka ukwamkelwa kwesiCwangciso-qhinga esihlaziyiweyo se-BRICS seNtsebenziswano ngezoQoqosho (sowama-2020-2025) kunye nokwamkelwa kwesiCwangciso-qhinga se-BRICS sokuLwa ubuNqolobi. IsiBhengezo saseMoscow naso esithe samkelwa ngethuba kuqukunjelwa le ngqungquthela sivakalise, phakathi kwezinye izinto, inkxaso yesiCwangciso sowama-2063 seMbumba ye-Afrika (i-AU) kunye namalinge okudibanisa kunye nophuhliso kweli lizwekazi, kuquka nokuqaliswa kwesiVumelwano soMmandla we-Afrika ongaHlawulisani iRhafu yoRhwebo (i-AfCFTA).
1.3. Le ngqungquthela iwubulele nomsebenzi osele wenziwe yi-AU kumalinge okuzama ukwakha iziseko zophuhliso kwiindawo ezingenazo, ingakumbi xa ibijonge kwizicwangciso zesiVumelwano esiTsha seNtsebenziswano soPhuhliso lwe-Afrika (i-Nepad), kunye nokubaluleka kokukhuthazwa kotyalo-mali oluza kuxhasa uphuhliso lwamashishini, amaphulo okudala imisebenzi, okuqinisekisa ukuba kukho ukutya okwaneleyo, okulwa indlala aze ancede nakuphuhliso oluzinzileyo lwe-Afrika.

2. UTyelelo lwasebuRhulumenteni lukaMongameli waseMalawi

2.1. IKhabhinethi iyalwamkela uTyelelo lwasebuRhulumenteni lwakutsha nje obelusiza eMzantsi Afrika ngamalungu kaRhulumente waseMalawi ekhokelwa nguMongameli uLazarus Chakwera. Intlanganiso ibiphakathi kukaMongameli Chakwera kunye noMongameli Ramaphosa igwadle imiba yobudlelwano phakathi kwala mazwe, imiba enxulumene nale ngingqi kunye neli lizwekazi echaphazela la mazwe omabini.
2.2. UMzantsi Afrika uzimisele ekuqinisekiseni ukuba bungqingqwa futhi bushushu ubudlelwane nelizwe laseMalawi ngokuthi kusetyenziswe urhwebo kunye notyalo-mali ngeenjongo zokuphucula ubomi nempilo yabemi bala mazwe mabini. La mazwe mabini kudala abanobudlelwano obuhle.
2.3. IKhabhinethi iyinikiwe nengxelo ngomba kaMnu Shepherd kunye noNkskz Mary Bushiri, abaqhweshileyo kweli baya kutsho eMalawi ngeli thuba bengaphandle ngebheyile yemali engama-200 000 eerandi ngamnye kulandela izityholo zobuqhetseba kunye nokugudisa imali eze ngondlela-mnyama.
2.4. IKhabhinethi yanelisekile yindlela iNtlanganisela yezoBulungisa, ukuLwa ulwaPhulo-mthetho kunye nezoKhuseleko ewuphethe ngayo lo mba kwaye le ntlanganisela iza kulunika uluntu ingxelo ngendlela oqhuba ngayo lo mcimbi. Sele iqalisile inkqubo yokunyanzelisa esi sibini ukuba sibuyiselwe kweli ukuza kuxoxa amatyala aso.

3. Unyulo loomasipala lovalo-zikhewu

3.1. IKhabhinethi iyiqhwabela izandla iKhomishini eziMeleyo yoNyulo (i-IEC) ngokubamba unyulo lovalo-zikhewu ngempumelelo. Olu nyulo belibanjwe kwiiwadi ezingama-95 koomasipala abangama-55 ngoLwesithathu, umhla we-11 kweyeNkanga 2020. Unyulo loomasipala lubaluleke kakhulu kulawulo lweli lwentando yesininzi kwizithili nakoomasipala.
3.2. IKhabhinethi iyababulela bonke abemi boMzantsi Afrika abathathe inxaxheba kolu nyulo lovalo-zikhewu, ibilulonyulo lokuqala emva kokuba unyulo lwaluvaliwe ngenyanga yoKwindla ngenxa yobhubhane wentsholongwane i-Corona (i-COVID-19).

4. Iintsuku ezintlanu zokuzila kwesizwe

4.1. IKhabhinethi ibongoza abemi boMzantsi Afrika ukuba bathathe inxaxheba kwintsuku ezintlanu zokuzila kwesizwe sizilela abo bathe basutywa kukufa bebulawa yi-COVID-19 kunye nobundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwamanina (i-GBVF). Zonke iiflegi zesizwe ziza kuthotywa kwezi ntsuku zintlanu zokuzila, zisuka ngoLwesithathu, umhla wama-25 kweyeNkanga ukuya kutsho ngeCawa, umhla wama-29 kweyeNkanga 2020.
4.2. Njengelinge lokuhlonipha nokukhumbula abo bathi babulawa yi-COVID-19 kunye ne-GBVF, bonke abemi beli bayacelwa ukuba banxibe iimpahla kunye nezinto zehombo ezimele ukuzila ngokwenkcubeko, amasiko nangokwenkolo yabo.

5. Ukutyikitywa kwesiCwangciso esiBanzi seSwekile

5.1. IKhabhinethi iyakubulela ukutyikitywa kwesiCwangciso esiBanzi seCandelo lezeSwekile nguMphathiswa wezoLimo, uHlenga-hlengiso kwezeMihlaba kunye noPhuhliso lwamaPhandle, uThoko Didiza kunye necandelo lezeswekile. Esi siCwangciso siBanzi sezeSwekile sifuna ukuthatha amanyathelo akhawulezileyo ukuze kuthintelwe ingxaki yokuphela kwamawaka emisebenzi, ngaxeshanye kudalwe ikamva eliqaqambileyo, elifuna ukuqinisekisa ukuba amashishini avelisa iswekile anemithombo emininzi yokungenisa imali, lize ngolo hlobo lidale imisebenzi emitsha efunwa ngabomvu.
5.2. Icandelo lezeswekile lelinye lamacandelo aqeshe abasebenzi abaninzi kwaye abantu abaninzi emaphandleni sele bephila ngalo.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. IsiCwangciso-qhinga seSizwe sokuLwa uRhwaphilizo (i-NACS)

1.1. IKhabhinethi iyivumile i-NACS esisicwangciso sesizwe sokungenelela. I-NACS ibhalwe emva kokuba kubanjwe iindibano zokubonisana kwizwelonke namacandelo ahlukeneyo, aquka elezoshishino, urhulumente kunye nemibutho yoluntu. IQela ebeliQulunqa i-NACS, eliquka imibutho yoluntu, izifundiswa, amashishini kunye nabameli bakarhulumente, likuxhasille ukuqulunqwa kwaso.
1.2. I-NACS inyathela iintsika ezintandathu, eziquka ukukhuthaza ukuba abemi bathathe inxaxheba kumaphulo esizwe, ukudiza bucala izenzo zolwaphulo-mthetho, intembeko kunye nokwenza izinto elubala; ukuqhubeka namaphulo okuphucula izakhono zabasebenzi, ukuphucula amaqumrhu karhulumente, amaphulo okuxhobisa ngezakhono kunye nokuqinisekisa ukuba abantu bayaphendula ngezinto abazenzayo.
1.3. I-NACS iphakamisa nokuba kubekho iBhunga labaCebisi leSizwe lokuLwa uRhwaphilizo njengequmrhu elizeleyo ukuze liqinisekise ukuba libeka iliso, kuyaphendulwa ngezinto nemisebenzi kunye nokwenziwa kwezinto elubala. Eli qumrhu lethutyana liza kuqalisa ngenkqubo yokuseka iqumrhu elisemthethweni elinamagunya apheleleyo eliza kunika ingxelo ngemisebenzi yalo ePalamente.

2. IsiCwangciso-qhinga seSizwe soKwandiswa kweMimandla ePhantsi koLondolozo (i-NPAES)

2.1. IKhabhinethi ivumile ukuba iqaliswe ukusetyenziswa le NPAES ehlaziyiweyo. I-NPAES yavunywa ukuba isiwe eluntwini liyokuyihlaba amadlala ngeyeNkanga ngowama-2018. Ezi ndibano zokuyihlaba amadlala zakhokelela ekubeni abantu benze utshintsho kwizahluko ezilithoba zesi sicwangciso-qhinga.
2.2. UMzantsi Afrika lelinye lamazwe asikelelwa ngeentlobo ezahlukeneyo zezityalo nezilwanyana. Eli lizwe liphakathi kwamazwe amathathu ehlabathini angawona aneentlobo ezininzi ezahlukeneyo zezityalo nezilwanyana. Amaphulo okulawula kunye nokulondoloza ezi ntlobo zahlukeneyo zininzi zezityalo nezilwanyana akwanegalelo kumalinge okudala imisebenzi ngokusebenzisa icandelo lezokhenketho kunye neenkqubo zolondolozo lwendalo, kwaye ezi ndawo zikwasetyenziswa nanjengamaziko okuqhuba uphando lwezenzululwazi.

3. IsiCwangciso seSizwe esiHlaziyiweyo seziPhili ezaHluka-hlukeneyo (i-NBF)

3.1. IKhabhinethi ivumile ukuba i-NBF ipapashwe ukuze uluntu luhlomle. Esi sisicwangciso sokusebenza samacandelo ahlukeneyo ukuze kuliwe ezi ngxaki zibeka iintlobo zeziphili ezahlukeneyo emngciphekweni. Ezi ngxaki zazibonwe ngethuba kusenziwa uhlolo olunzulu kwimeko yeentlobo ezahlukeneyo zeziphili kunye nendalo eMzantsi Afrika yi-South African National Biodiversity Institute ngowama-2019.
3.2. Owona mba kwafunyaniswa ukuba ufuna amanyathelo okungenelela akhawulezileyo ziziphili ezihlala emanzini abalekayo, imilambo namachweba. Zona iintlanzi zasemlanjeni zizezona ziphili zisemngciphekweni kakhulu.

4. IsiCwangciso esiBanzi seCandelo lamaHlathi oShishinoo (i-CFS) soMzantsi Afrika (sowama-2020-2025)

4.1. IKhabhinethi ivumile ukuba siqalise ukusetyenziswa isiCwangciso esiBanzi se-CFS, esivunyiweyo licandelo lezamahlathi, ngurhulumente kunye nemibutho yabasebenzi. Esi sicwangciso siqinisekisa ukuba imiba yezoqoqosho, yezokusingqongileyo kunye neyezentlalo ithathelwa ingqalelo ngokufanayo neyobutyebi bamahlathi.
4.2. Sicacise imimandla esixhenxe engundoqo: (a) ukwandiswa kwamahlathi kunye nemisebenzi yokulungisa/ukuwakhusela, (b) iinguqu kweli candelo (c) ukuqinisekisa iyabonakala imali eyenziwa kulo xa kusetyenziswa iimveliso zalo (d) ukubiwa kwemithi neminye imikhuba yolwaphulo-mthetho, (e) uphando, uphuhliso, uyilo kunye nophuhliso lwezakhono, (f) izinto ezingundoqo eziyimiqobo ethintela uhlumo kweli candelo kunye (g) nokusekwa kwamaqumrhu.

5. Isicwangciso-qhinga sesizwe sokuphunyezwa kwamaphulo okuphucula izakhono zabaSebenzi bakaRhulumente

5.1. IKhabhinethi ivumile ukuba ipapashwe idrafti yesicwangciso-qhinga sesizwe sokuphunyezwa kwamaphulo okuphucula izakhono zabaSebenzi bakaRhulumente. Oku kuhambelana nesithembiso esasenziwe ngulo mbuso uphetheyo ngoku sokudala abaSebenzi bakaRhulumente abanezakhono, abathembakeleyo kunye nabakhokelisa phambili uphuhliso. 
5.2. Esi sicwangciso-qhinga siphakamisa ukuba kubekho iintsika ezintlanu eziza kukhokela amaphulo okuphuculwa kwezakhono aza kukhokelwa siSikolo sikaRhulumente seSizwe (i-NSG), ngentsebenziswano namaziko ahlukeneyo emfundo. Ezi ntsika zintlanu ziquka inkqubo yaphambi kokupapashwa kwezithuba nokuqeshwa kuRhulumente; ukuqheliswa nokufundiswa komsebenzi omtsha umsebenzi; ucwangciso nokuhlolwa komsebenzi; ukufunda okuqhubekayo kunye nophuhliso lwamakhono; ukukhula kwikhondo olukhethileyo kunye notshintsho olunxulumene nomsebenzi owenziwa ngumsebenzi.

6. Iziphakamiso zoMgaqo-nkqubo ezifuna ukwenza izilungiso kuMthetho wokuPhathwa koLawulo lwaBasebenzi bakaRhulumente (i-PAMA) wowama-2014 kunye noMthetho wabaSebenzi bakaRhulumente (i-PSA) wowe-1994

6.1. IKhabhinethi iwuphumezile umgaqo-nkqubo ofuna ukwenza izilungiso kwi-PAMA, yowama-2014 (uMthetho 11 wowama-2014) kunye ne-PSA, yowe-1994 (uMthetho 103 wowe-1994). Phakathi kwezinye izinto, le migaqo-nkqubo icebisa ukuba abaSebenzi bakaRhulumente babe phantsi kweziko elinye, ukuhlala kwe-NSG iselisebe elizeleyo likazwelonke kunye nokucaciswa kwendima ye-Ofisi yokuThotyelwa kweMigangatho yezeMpilo ngokumayelana neenkqubo zokuqinisekisa ukuba imigangatho nemigaqo iyahambelana kurhulumente.
6.2. Iziphakamiso zomgaqo-nkqubo ezijolise kwi-PSA ziquka ukucacisa indima yentloko yesebe kwi-Ofisi yeNkulumbuso kunye ne-Ofisi kaMongameli, kuze kulungiswe nezinye izinto ekunyanzeliswe ukuba zitshintshwe kwizigwebo ezithile zenkundla.
6.3. Ezi zilungiso zisekelwe kumba wokuqhubeleka nombono weNkonzo yabaSebenzi bakaRhulumente eNye zikwahambelana neenguqu kwimigaqo-nkqubo eziqulethwe kwisiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) esineenjongo zokwakha abasebenzi bakarhulumente abanezakhono ezikumgangatho ophezulu.
6.4. Umbono wecandelo labaSebenzi bakaRhulumente Elinye uphakanyiswa kuba kufuneka ukuqinisekiswa ukuba iinkqubo zokuhambisa iinkonzo ziyasebenza, futhi iinkonzo zisemgangathweni kwaye kukho intsebenziswano futhi nabo bazihambisayo bayaphendula ngomsebenzi wabo.

7. UMgaqo-nkqubo wokuLawula iiNkcukacha eziseSikweni zaBemi

7.1. IKhabhinethi iwuvumile uMgaqo-nkqubo wokuLawula iiNkcukacha eziSesikweni zaBemi oza kukhutshwa usiwe eluntwini ukuze luhlomle. Lo mgaqo-nkqubo uphakamisa ukuba kutshintshwe izinto ezininzi, eziquka ukwenza izilungiso kuMthetho weSazisi, wowe-1997 (uMthetho 68 wowe-1997) kunye noMthetho wokuTshintshwa kweNkcazelo yoBuni kunye noBuni, uMthetho 40 wowama-2003) ukuze ihambelana noMthetho woMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996 kunye noMthetho wokuKhuselwa kweeNkcukacha zoMntu, wowama-2013 (uMthetho 4 wowama-2013).
7.2. Lo mgaqo-nkqubo ukwacebiso nokuba luhlanganiswe uLuhlu lweSizwe lwaBemi ukwenzela ukuba iinkcukacha zomntu zibe ndawonye futhi zibe nendlela elula yokuzenza zikwazi ukusetyenziswa nakwezinye iinkqubo zikarhulumente nezamashishini abucala ezineenkcukacha zabemi. Uza kudibanisa ezi nkqubo zikhoyo ngoku zineenkcukacha zabemi kunye neNkqubo yeSizwe yeeNkcukacha zaBemi usebenzisa ubuxhaka-xhaka bale mihla. Le nkqubo icetywayo intsha iza kuba neenkcukacha zabemi beli kuza kusetyenziswa yona xa kukhutshwa isazisi esisebenza nge-intanethi esiza kusetyenziswa kumaqonga e-intanethi ombuso nawabucala.

8. IsiVumelwano soMthetho wokuSeka we-AU esiNxulumene nePalamente yase-Afrika (i-PAP)

8.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kwesiVumelwano soMthetho wokuSeka we-AU esinxulumene ne-PAP ukuze siqinisekiswe ngokusemthethweni. Ukuze esi siVumelwano sisebenze, amazwe angamalungu aso kufuneka asiqinisekise ngokusemthethweni kwiipalamente zawo.  Ii-ofisi ze-PAP zilapha eMzantsi Afrika. I-PAP licandelo lokuqulunqa imithetho le-AU.

C. IMithetho eYilwayo

1. UMthetho-siHlomelo oYilwayo weSizwe wamaShishini asaKhasayo (i-NSEA) wowama-2020

1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwe-NSEA ukuze uluntu luhlomle. I-NSEA ineenjongo zokwenza izilungiso kuMthetho weSizwe wamaShishini asaKhasayo, wowe-1996 (uMthetho 102 wowe-1996).  Ezi zilungiso zinika igunya lokuba kusekwe i-Ofisi kaNozikhalazo wamaShishini Asakhasayo nokuba kurhoxiswe isolotya eligunyazisa ukusekwa kweBhodi yabaCebisi.
1.2. Lo Mthetho uYilwayo wenza ukuba amashishini asakhasayo amaninzi abuxhamle ubulungisa ngokuthi asebenzise iNkonzo kaNozikhalazo, eza kunikwa umsebenzi wokuxoxa kunye nokulungisa izikhalazo zamashishini asakhasayo.
1.3. Ukwenziwa kwezi zilungiso kuza kuzisa uzinzo kweli candelo futhi kulivulele namathuba ezoqoqosho ngokuthi kudalwe amathuba emisebenzi ngamashishini amancinci, aphakathi namancinane (ii-SMME).

2. UMthetho-siHlomelo oYilwayo we-Arhente yeSizwe yoPhuhliso loLutsha (i-NYDA)

2.1. IKhabhinethi ivumile ukuba kungeniswe uMthetho-siHlomelo oYilwayo we-NYDA ukuze uluntu luhlomle. Ezi zilungiso ziza kuphucula indlela esebenza ngayo i-NYDA kumaphulo ayo okufikelela kubantu abatsha abaninzi kunye nawokusabela ngokukhawuleza kwizikhalo zabantu abatsha.
2.2. Abantu abatsha baninzi kangangokuba basisithathu ekhulwini sabantu boMzantsi Afrika bebonke kwaye ukuphunyezwa kwalo Mthetho uYilwayo kuza kunceda kakhulu kumalinge okuvelisa abantu abatsha abanezakhono kunye nokunyusa inkxaso enikwa amashishini. Oku kuza kuncedisa kumalinge okulwa ezi ngxaki zintathu zinxulumene nophuhliso, eziyindlala, ukungalingani kunye nentswelo-misebenzi.

D. Imisitho Ezayo

1. IiNtsuku ezili-16 zobuTshantliziyo

1.1. IKhabhinethi iwuvumile umxholo othi: “Ubulungisa bezoQoqosho bamanina ngeenjongo zokuba nguMzantsi Afrika ongenabundlobongela nongacaluli ngesini” wephulo leeNtsuku ezi-16 zobuTshantliziyo, eliluvutho-ndaba lephulo leeNtsuku ezingama-365 zokulwa i-GBVF. Ngenxa yemithetho yeMo yeNtlekele kaZwelonke ethintela ukuba kubanjwe iindibano ezinabantu abaninzi kakhulu, uMongameli Ramaphosa uza kuphehlelela eli phulo ngonxibelelwano lwevidiyo ngoLwesithathu, umhla wama-25 kweyeNkanga 2020. IsiCwangciso sokuThatha amaNyathelo aNgxamisekileyo sokulwa i-GBVF esasivunywe ngowama-2019 siqalisile ukunceda amaxhoba; ukufaka isandla kumaphulo okufundisa uluntu nawokuthintela lo mkhuba; ukuphucula imithetho nemigaqo-nkqubo; ukulwela ukuxhotyiswa ngezoqoqosho kwamanina kunye nokuphucula inkqubo yezobulungisa yokulwa ulwaphulo-mthetho. 
1.2. IsiCwangciso esiQiqisisiweyo seSizwe (i-NSP) esavunywayo, nesamkelwa nguMongameli Ramaphosa ekuqaleni kulo nyaka uphelileyo, siqhubeleka namanyathelo angxamisekileyo okungenelela aqaliswa ngowama-2019. IKomiti yabaPhathiswa ye-GBVF ekhokelwa nguMphathiswa okwi-Ofisi kaMongameli wezaManina, abaNtwana kunye naBantu abaKhubazekileyo, uNksz Maite Nkoana-Mashabane, iyaqhubeka nokuba liliso elijonge indlela ezisebenza ngayo iinkqubo ze-NSP.

2. USuku lweHlabathi lukaGawulayo – 1 eyoMnga 2020

2.1. Umxholo woSuku lweHlabathi lukaGawulayo ngomhla woku-1 kweyoMnga 2020: “Sisonke kule nto, Cheka Impilo!” ugxininisa ukubaluleka kwendima edlalwa ngumntu ngamnye ukuqinisekisa ukuba awubuyeli emva lo msebenzi sele wenziwe ukuza kuthi ga ngoku kumaphulo okulwa ubhubhane we-HIV nowesifo sephepha (i-TB).
2.2. UMzantsi Afrika ulilizwe elinabona bantu baninzi abane-HIV. Unabantu abamalunga nezigidi ezisi-7.7 abane-HIV, kwaye isithathu ekhulwini sabantu abanesi sifo kulo mmandla waMazantsi e-Afrika ngabalapha kweli lizwe. Abantu abaninzi ngoku bayalwenza uvavanyo lwe-HIV. UMzantsi Afrika unabona bantu baninzi ehlabathini abasebenzisa amachiza okuthomolalisa i-HIV (ii-ARV). Lilizwe lokuqala kummandla wase-Afrika osemazantsi eSahara ukwamkela nokusebenzisa i-Pre-exposure Prophylaxis, esele inikwa abo banamathuba amaninzi okosuleleka.
2.3. IKhabhinethi ibongoza abemi boMzantsi Afrika ukuba balandele amanyathelo amathathu enkqubo ebizwa ngokuba yi-Cheka Impilo: Esokuqala, hamba uye kujongwa impilo yakho, yenza uvavanyo lwe-HIV nolwe-TB simahla nakuyiphi na iklinikhi ekufutshane nawe. Okwesibini, thatha isigqibo wakuba uzifumene iziphumo zovavanyo, uqalise ukusebenzisa amayeza ngokukhawuleza okanye uqhubeke nokusebenzisa amayeza. Okokugqibela, ziphathe ngenkathalo, hlala usempilweni ngokuthi ungabelani ngesondo ngendlela enokubeka impilo yakho esichengeni, ungazenzi izinto eziza konakalisa impilo yakho futhi uhlale usitya ukutya okuya egazini nokunempilo.

3. INgqungquthela yeeNkokheli zamaZwe angama-20 (i-G20)

3.1. UMongameli Ramaphosa uza kukhokela igqiza loMzantsi Afrika eliza kuthatha inxaxheba kwiNgqungquthela yeeNkokheli ze-G20 eza kubanjwa ngonxibelelwano lwevidiyo ngoMgqibelo, umhla wama-21 kweyeNkanga nangeCawa umhla wama-22 kweyeNkanga.
3.2. Le Ngqungquthela yeeNkokheli ze-G20 iza kusingathwa lilizwe lase-Kingdom of Saudi Arabia kwaye iza kugxila kumba wokubethelela intsebenziswano kwihlabathi phantsi komxholo othi: “Ukuxhanyulwa kwaMathuba eNkulungwane yama-21 Nguye Wonke”. Le ngqungquthela yenzelwe ukukhokela amalinge amazwe ehlabathi okukhangela indlela engqingqwa elungeleleneyo yokuncedisa kwidabi lokulwa ubhubhane we-COVID-19, ukuqinisekisa ukuba uqoqosho lwehlabathi alugungqi kunye nokuphucula indlela yokusebenzisana phakathi kwamazwe ehlabathi.
3.3. Iingxoxo ziza kuxovula umba wokuxhotyiswa kwabantu, ukukhusela umhlaba kunye nokusonjululwa kwezinto ezitya ihlabathi ngokusebenzisa izisombululo eziza kuba luncedo kubantu behlabathi bebonke.

A. Imiyalezo

1. Amazwi okuvuyisana

  • IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle kwaba balandelayo:
  • UMongameli Ramaphosa obefinca iminyaka engama-68 esidla amazimba ngoLwesibini, umhla we-17 kweyeNkanga 2020.
  • UMongameli Alassane Ouattara kunye nabantu baseCote d’Ivoire ngokubamba unyulo ngempumelelo.
  • UMongameli ongekabekwa welizwe laseMelika (i-USA) uJoseph R. Biden, kunye nabantu base-USA, kulandela unyulo obeluyimpumelelo.
  • U-Master KG ngokuphumelela i-Best African Act Award kwi-MTV EMA ngenxa yengoma yakhe edumbise iintloko wonke umntu ethi Jerusalema apho acula khona noNomcebo Zikode. Le ngoma ibe yenye yeengoma ezidumileyo nezithandwa kakhulu ehlabathini.
  • Iqela leBanyana Banyana ngokuphumelela indebe yetumente ye-COSAFA Women's Championship isihlandlo sesine emva kokutywatyusa ilizwe laseBotswana ngamabini kwelinye.
  • Iqela laBafana Bafana ebethe kade kakabini iqela lase-Sao Tome kunye ne Principe kwimidlalo yokuzivulela indlela yokuya kudlala kwitumente ye-Africa Cup of Nations ngowama-2022

2. Amazwi ovelwano

  • IKhabhinethi ithi tutwini kwaba balandelayo:
  • abantu baseGhana kunye nosapho nezihlobo zoMongameli wangaphambili waseGhana uJerry Rawlings.
  • usapho, izihlobo noogxa boMphicothi-zincwadi-Jikelele oshiyayo esikhundleni uKimi Makwetu olisebenzele ngokuzinikela okungaphaya eli lizwe waza wanegalelo elikhulu kumalinge okukhuthaza ukuba abo basebenza ngemali yombuso baphendule ngezinto abazenzileyo ngayo. Ukusweleka kukaMnu Makwetu kushiye isikroba esikhulu kwicandelo lezophicotho-zincwadi nakumalinge okwakha umbuso ophendulayo ngemisebenzi yawo. IKhabhinethi iziva inelunda ngokuba wathi wachongwa ngokuthi kuvunyelwane kuba kusaziwa imisebenzi yakhe ukuba aye kwiKomiti yeeNgcebiso ngoPhicotho-zincwadi kwiZizwe eziManyeneyo, umsebenzi esinethemba ukuba ebeza kutshatshela kuwo.
  • kurhulumente nabantu be-State of Palestine emva kokusweleka kukaGq Saeb Erekat. UGq Saeb Erekat ebenguNobhala-Jikelele weKomiti yesiGqeba ye-Palestine Liberation Organisation, ilungu le-Fatah Central Committee kunye nesifundiswa esaziwayo, inkokheli yasePalestine yeengxoxo zoxolo kunye nomntu obengumhlobo omkhulu welizwe loMzantsi Afrika.

E. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1. IBhodi yoLawulo yeKhomishoni yoLamlo noSombululo (i-CCMMA)
a. Mnu Enos Ngutshane (uSihlalo);
b. Mnu Siobhan Leyden;
c. Mnu Kaizer Moyane;
d. Mnu Sifiso Lukhele;
e. Nks Riefdah Ajam;
f. Mnu Narius Moloto;
g. Mnu Bheki Ntshalintshali;
h. Mnu Thembinkosi Mkalipi;
i. Nks Thabitha Constance Mametja; kunye
j. noNks Tshepo Mahlaela.

2. Amalungu angeyonxalenye yesigqeba solawulo kwiBhodi yabaLawuli beQumrhu leziXhobo loMzantsi Afrika 9 (i-Armscor)

a. UNozakuzaku Jeanette Thokozile Ndhlovu (uqashiwe kwakhona);
b. Gq Reginald Cassius Lubisi;
c. Gq Phillip David Dexter;
d. Nks Refilwe Matenche;
e. Maj Gen (owathatha umhlala-phantsi) Lungile Christian Pepani;
f. Nks Fundiswa Skweyiya-Gushu;
g. Mnu Timothy Mandla Sukazi; kunye
h. noNksk Peta Nonceba Mashinini.

3. Ukuphatha isihlandlo sesi-6 kweBhunga le-Council of the Engineering Council of South Africa:

1. Nks Refilwe Buthelezi;
2. Nks Prudence Madiba;
3. Nks Tshwaraganang Ramagofu;
4. Mnu John Daniels;
5. Mnu Mashao Lawrence Lebea;
6. Mnu Kasango Nyembwe;
7. Mnu Simphiwe Nathaniel Zimu;
8. Mnu Thembinkosi Cedric Madikane;
9. Mnu Sipho Mkhize;
10. Nks Nirvanna Rampersad;
11. Nks Liezl Smith Smith;
12. Nks Refilwe Lesufi;
13. Nks Sarah Skorpen;
14. Nks Abimbola Olukunle;
15. Mnu Sandiswa Jekwa;
16. Nks Linda Njomane;
17. Mnu Mpho Ramuhulu;
18. Nks Philile Precious Mdletshe;
19. Mnu Lesetja Boshomane;
20. Nks Amelia Mtshali;
21. Mnu Thulebona Memela;
22. Nks Simangele Mngomezulu;
23. Nks Otilia Mthethwa;
24. Mnu Thembinkosi Gamedze;
25. Nks Phumza Zweni;
26. Mnu Bhekinkosi Williamson Mvovo;
27. Nks Patronella Fikile Sibiya;
28. Nks Cingisa Mbola;
29. Nks Thulisile Mwelase;
30. Mnu Kemraj Ramgobind Ojageer;
31. Mnu Enson Muranganwa Mangwengwende;
32. Nks Thandeka Chili;
33. Mnu Sifiso Keswa;
34. Nks Sejako Morejwane;
35. Nks Nirasha Sampson;
36. Nks Sewela Mutileni;
37. Nks Nokhana Moerane;
38. Mnu Mamadi Isau Mailula;
39. Nks Natalie Skeepers;
40. Mnu Matome Edmund Modipa;
41. Gq Reginald Sethole Legoabe.
42. Mnu Carlo Van Zyl;
43. Mnu Ranthekeng Moloisane;
44. Mnu Njabulo Nhleko;
45. Nksz Elizabeth Theron;
46. Mnu Arnold Heinz Sommer;
47. Nks Rachel Ledwaba;
48. Mnu Nic Smit; kunye
49. noMnu Sekete Zachia David Botsane;

4.  IKhomishoni ye-Employment Equity

a. Nks Tabea Kabinde (uSihlalo);
b. Mnu Bhabhali kaMaPhikela Nhlapho;
c. Nks Lebogang Mulaisi;
d. Mnu Puleng Tsebe;
e. Mnu Mpho Vuma;
f. Thembi Chagonda;
g. Nks Zinzisa Pearl Mgobondela;
h. Nks Stieneke Jensma; kunye
i. noNks Dineo Mmako.

5. UMnu Mashwahle Joseph Diphofa – ukwandiswa ngeminyaka emihlanu kwesivumelwano sakhe sengqesho sokuba nguMlawuli-Jikelele (i-DG) weSebe leMicimbi yezeMveli.

6. UGq Phil Mjwara – Ukwandisa ngeminyaka emibini kwesivumelwano sengqesho sokuba yi-DG yeSebe lezeNzululwazi noYilo.

7. UGq Duncan Ettienne Pieterse – ISekela-Mlawuli-Jikelele (i-DDG): UMgaqo-nkqubo wezoQoqosho, kwiSebe likaNondyebo weSizwe.

8. UGq Thuli Nomsa Khumalo – i-DDG: UTshintsho lweMozulu kunye noLawulo loMoya oPhefumlwayo, iSebe lezokusiNgqongileyo, ezamaHlathi nokuLoba.

Imibuzo: Nks Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi

Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore