INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe nge-intanethi ngoLwesithathu, umhla we-09 kweyoMdumba 2022

A. Imiba enguNdabamlonyeni
1. INtetho kaMongameli engoBume beSizwe (i-SoNA)


1.1. IKhabhinethi iyamkele i-SoNA yama-2022 ethiwe thaca nguMongameli u-Cyril Ramaphosa kwiNdibano ibidityanisiwe yeNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe neyeBhunga leSizwe lamaPhondo ebibanjelwe kwiHolo leSixeko saseKapa ngoLwesine, umhla we-10 kweyoMdumba 2022, neyindawo yokuhlanganela isizwe siphela.

1.2. I-SoNA sisiganeko esibalulekileyo kwikhalenda karhulumente wentando yesininzi njengoko inika iNtloko yesiGqeba esiLawulayo ithuba lokucinga ngeemeko yezentlalo noqoqosho nezopolitiko zelizwe, kwaye inika ithuba lokwazisa ngezicwangciso zikarhulumente zonyaka ozayo kubameli bezopolitiko nakwisizwe ngokubanzi.

1.3. Kwezi veki zizayo abaPhathiswa abahlukeneyo baza kucacisa ngeeNkqubo zokuSebenza zikarhulumente zama-2022, eziza kukhokelwa yiNtetho yoHlahlo Lwabiwo-mali yeSizwe ezakwenziwa ngoLwesithathu, umhla wama-23 kweyoMdumba 2022 kunye nohlahlo lwabiwo-mali awo onke amasebe karhulumente.

2. Ukuthatha inxaxheba kuBalo lwaBantu lwama-2022

2.1. IKhabhinethi ibongoza bonke abemi boMzantsi Afrika kunye nabantu abahlala kweli lizwe ukuba bathathe inxaxheba kuBalo lwaBantu lwama-2022, oluqale ngoLwesine, umhla wesi-3 kweyoMdumba 2022 ukuya kutsho ngoMvulo, umhla wama-28 kweyoMdumba 2022.

2.2. Olu lubalo lwesine lwabemi boMzantsi Afrika emva kwentando yesininzi elokugqibela phambi kolu laqhutywa ngama-2011. Iziphumo zoBalo lwaBantu zidlala indima ebalulekileyo kakhulu ekwabiweni kwemithombo yoncedo, ukuze urhulumente akwazi ukuhlangabezana nonikezelo lweenkonzo kunye neemfuno ezisisiseko zoluntu lwethu.

2.3. Abemi boMzantsi Afrika banokukhetha ukuthatha inxaxheba kuBalo lwaBantu lwama-2022 ngokubalwa ngemfonomfono, ngekhompyutha yedijithali encediswayo okanye ngokuthi abantu bobalo-bantu bandwendwele indlu nganye. Ukubalwa ngekhompyutha yedijithali encediswayo kusebenza kuphela kwabo bathe babhalisa kwi-intanethi ngaphambi kwe-5 kweyoMdumba.

3. Ukwazisa ngeSifo seNtsholongane ye-Corona (i-COVID-19)

3.1. IKhabhinethi iqhwabele izandla abemi boMzantsi Afrika ngokuzimisela kwabo nokulwana ne-COVID-19, okuncedise kakhulu ukugcina ulosuleleko olutsha lusezantsi nangona kukho umngcipheko wokuba kungakho ityeli lesine.

3.2. I-COVID-19 seyiyinxalenye yobomi bethu, ngoko ke zonke izikhokelo zempilo nokhuseleko kufuneka zilandelwe ngamaxesha onke, oku kubandakanya ukugcina umgama kubanye abantu, ukuhlamba kunye nokufaka isibulali zintsholongwane ezandleni, kunye nokunxiba isigqubutheli-buso esidlangalaleni esivala umlomo kunye neempumlo. Njengoko le ntsholongwane iqhubeka nokuthatha ubomi babantu, ukugonya kuhlala ikokona khuseleko lwethu. Xa abantu abaninzi begonya, kukhona siya sikhuseleka ngakumbi sisizwe. 

3.3. IKhabhinethi ihlabe ikhwelo kubo bonke abantu abangagonywanga abangaphezulu kweminyaka eli-12 ukuba bagonye ngokukhawuleza, njengoko ilizwe lithe chu ngcembe libuyela kwisimo sesiqhelo, ngokuthi kuvulwe kwakhona ezoqoqosho kwaye nezikolo ziphinde zaqalisa ukusebenza yonke imihla nabafundi bafunde ixesha elizeleyo. Abo bangagonywanga kufuneka bafike nakweliphi na iziko lokugonya, nangaphandle kwedinga, ukuze babhalise kwaye bagonywe simahla.

3.4. IKhabhinethi ikwakhuthaze abo bagonywe ngokupheleleyo ukuba bayokufumana isitofu sokuzomeleza, esinceda ukonyusa amanqanaba wamadlala ukuze kuthonyalaliswe ngempumelelo iintlobo ezahlukeneyo ze-COVID-19.

Isigonyo sokomeleza siyafumaneka kuye nabani na ofumene isigonyo sakhe sokugqibela ubuncinci kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo. Ukuhlaziywa kwezigonyo akunciphisi kuphela umngcipheko wokugula kakhulu, ukulaliswa esibhedlele kunye nokufa, kodwa kukwanciphisa umngcipheko wentlobo ezahlukeneyo ezinobungozi ezizayo.

4. INkundla yeKomishoni yoPhando ngeNgxelo yokuBanjwa koMbuso Ngobhongwane

4.1. IKhabhinethi ikuqaphele ukunikezelwa kwakutsha nje kuMongameli Ramaphosa kwecandelo lokuqala nelesibini leNgxelo yokuBanjwa koMbuso Ngobhongwane yiNkundla yeKomishoni yoPhando njengenyathelo elibalulekileyo lokulwa norhwaphilizo.
4.2. IKhabhinethi iyixhasa ngokupheleleyo inkqubo eza kwenza ukuba uMongameli enze isicwangciso sokungenelela, ukuze kuphunyezwe izindululo zale komishoni xa engenisa ingxelo epheleleyo ePalamente ungadlulanga umhla wama-30 kweyeSilimela 2022.

5. Ingxelo yophando malunga ngeziDube-dube zaseKuhlaleni ngenyanga yeKhala 2021

5.1. IKhabhinethi izibandakanye noMongameli Ramaphosa ekwamkeleni ukukhutshwa kwengxelo liGqiza leeNgcali ebelichongiwe ukuba liphonononge uhlobo urhulumente aphendule ngalo kubundlobongela, kutshatyalaliso kunye nakukonakaliswa obucetyiweyo basekuhlaleni okwenzeka kweyeKhala 2021. UMongameli uthe thaca ingxelo yeGqiza leeNgcali kwintlanganiso yeSizwe yeBhunga lezoKhuseleko ngoLwesihlanu, umhla we-4 kweyoMdumba 2022 kwaye emva koko wagunyazisa ukuba le ngxelo ifumaneke kuye nabani na oyifunayo.

5.2. Eli gqiza belichotshelwe nguNjingalwazi u-Sandy Africa, iGqwetha u-Mojanku Gumbi kunye noMnu Silumko Sokupa njengamalungu, kunye noMnu Michael Sarjoo obesebenza njengonobhala weli gqiza.

5.3. Eli gqiza lagunyaziswa ukuba liphonononge yonke imiba engqongene nezokhuseleko kwizidube-dube ezenzekileyo, ikakhulukazi KwaZulu-Natal nase-Gauteng, kwaye lenze izindululo ngendlela yokomeleza amandla okhuseleko. Ingxelo, ukuqonda umsebenzi kunye nemingeni ejongene neenkonzo zokhuseleko, nee-arhente zogcino-mthetho kunye namaqumrhu afanelekileyo karhulumente ziya kukhokela uhlobo urhulumente amele ukuphendula ngalo kwizidube-dube.

6. Ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini (i-GBVF)

6.1. Njengenxalenye yokulwa ne-GBVF, uMongameli Ramaphosa kutsha nje utyikitye iMithetho emithathu ukuba ibe yimithetho ukuqinisa iinzame zokuphelisa i-GBVF – uMthetho olungisiweyo woLwaphulo-mthetho neMiba eNxulumene noko, uMthetho olungisiweyo woLwaphulo-mthetho (uLwaphulo-mthetho lwezeSondo kunye neMiba eNxulumene noko) kunye noMthetho olungisiweyo woBundlobongela baseKhaya.

6.2. IKhabhinethi ikholelwa ekubeni ukutyikitywa kwale mithetho mitsha linyathelo elikhulu lokoyisa i-GBVF kwaye ihlaba ikhwelo kwiNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika kunye neGunyabantu leSizwe loTshutshiso ukuba lisebenzise amagatya amatsha ukuze kunikezwe ubulungisa kwabo baphulukene nabo babathandayo, izihlobo okanye oogxa babo kwesi sibetho.

6.3. IKhabhinethi ijonge ukunyanzeliswa ngokukhawuleza kwale mithetho ukunika ukhuseleko olunamandla kumaxhoba obundlobongela nokuxhatshazwa.

6.4. Khumbula ukuxela izehlo ze-GBVF kwisikhululo samapolisa sengingqi yakho, ngokuthi utsalele le nombolo ingahlawulelwayo yokuThintela uLwaphulo-Mthetho: 086 00 10111 okanye utsalele umnxeba we-GBV Command Centre yeeyure ezingama-24: 0800 428 428.

7. Utyelelo olusebuRhulumenteni e-Mozambique

7.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuqukunjelwa ngempumelelo koTyelelo olusebuRhulumenteni kwiRiphabhliki yase-Mozambique nguMongameli Ramaphosa ngoLwesine, umhla wesi-3 kweyoMdumba 2022, ngokumenywa nguMongameli u-Filipe Nyusi, uMongameli weRiphabliki yase-Mozambique.

7.2. Kwisikhundla sakhe njengoSihlalo weZiko loMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) lezoPolitiko, iNtsebenziswano yoKhuselo noKhuseleko, uMongameli Ramaphosa utyelele amajoni ayinxalenye yoMbutho we-SADC e-Mozambique waze wathatha inxaxheba kwiSikhumbuzo sama-53 sokubulawa kukaGqr Eduardo Mondlane, umseki kunye noMongameli wokuqala we-Mozambique Liberation Front (i-FRELIMO).
7.3. UMongameli Ramaphosa nogxa wakhe wase-Mozambique baxoxe ngemiba yalamazwe omabini, yelizwekazi kunye neyehlabathi, kwaye baqinisekisa ukuzinikezela kwabo ekusebenziseni ngakumbi imiba yamazwe ngamazwe.
8. INgqungquthela yeManyano ye-Afrika (i-AU)

8.1. IKhabhinethi yamkele iziphumo zeNgqungquthela ye-AU yama-35 ebibanjelwe e-Addis Ababa, e-Ethiopia ngomhla wesi-5 nowe-6 kweyoMdumba 2022, ebizama ukuqhubela phambili uxolo nokhuseleko kwilizwekazi i-Afrika yaze yagxeka kabukhali utshintsho loorhulumente base-Afrika olungekho kumgaqo-siseko.

8.2. UMzantsi Afrika uthe thaca iNgxelo yoLawulo lwe-Afrika lwama-2021 kwiNdibano ye-AU, ephawule inkqubela phambili ekuzinziseni intando yesininzi nokuqhubela phambili ekudityanisweni koqoqosho ngoMmandla ongaHlawulisani iRhafu woRhwebelwano weLizwekazi i-Afrika. Ikwacebise ukuba iinkokeli mazithathe amanyathelo angxamisekileyo ukujongana nezinto ezibangela ukungazinzi okunjengokukhula kwentswela-ngqesho kulutsha, iimbono ezibaxiweyo, imfuduko yabantu abaninzi kunye nokwanda kokungalingani.

8.3. Ukumisela umyalelo omtsha wezempilo woluntu kwilizwekazi, ingqungquthela ivumelene nombono woMzantsi Afrika wokusekwa kwengxowa-mali yokusabela ubhubhane wase-Afrika kunye nezindululo malunga nokuba ilizwekazi lingazikhusela njani na kulo naluphi utshintsho kwezempilo.

8.4. IKhabhinethi ikwamkele ukunyulwa koMzantsi Afrika kwiBhunga loXolo noKhuseleko le-AU (i-AUPSC). I-AUPSC liziko elimile le-AU ekwenzeni izigqibo ekuthinteleni, ekulawuleni nasekusonjululweni kweengxabano. Ilukhuselo oluhlangeneyo kwaye ilungiselela izilumkiso kwangethuba ezijoliswe ekuququzeleleni iimpendulo kwiimeko zongquzulwano nezentlekele e-Afrika. Ikwayintsika engundoqo yoXolo noKhuseleko lwe-Afrika, nesisakhelo sokukhuthaza uxolo, ukhuseleko nozinzo e-Afrika. I-AUPSC inamalungu ali-15 anamagunya alinganayo okuvota.

8.5. Iinkokeli zase-Afrika ziza kuhlanganisana e-Brussels, e-Belgium kwiNgqungquthela yesithandathu yeManyano ye-European neyase-Afrika ngomhla we-17 nowe-18 kweyoMdumba 2022, eza kugxila kwizinto ezikhathaza ihlabathi ezifana nokutshintsha kwemozulu, kunye nokuhlaziywa koxolo nokhuseleko.

9. INkqubo yokuvavanywa ngamanye amazwe i-African Peer Review Mechanism (i-APRM)

9.1. UMzantsi Afrika uqukumbele ukuba ngusihlalo weminyaka emibini kwi-African Peer Review Forum, iqumrhu le-APRM, elijonge ukukhuthaza nokukhusela amalungelo abantu, ukuqinisa intando yesininzi nokuqhubela phambili ulawulo olululo kunye nomthetho phakathi kwamazwe ase-Afrika.

9.2. Kuvavanyo lwayo ngamanye amazwe lwama-2021, uMzantsi Afrika ufumene uphononongo oluncomekayo kulawulo lomthetho, kwimibutho yokongamela efana namaziko eSahluko se-9 somgaqo-siseko, ukuqhubela phambili amalungelo abantu basetyhini, ukhuseleko oluluqilima lweembacu kunye nenkqubo yethu yonyulo, ulawulo oluluqilima lweshishini, iinkqubo zohlahlo lwabiwo-mali ezisekuhleni kunye nasekwandiseni amaqumrhu oluntu. Ilizwe likwaqhwatyelwa izandla ngobunkokeli balo kunye nolawulo lwalo kubhubhane we-COVID-19.

9.3. Imiba exhalabisayo ephakanyiswe kolu vavanyo - efana nokunyuka kokungalingani kunye nentswela-ngqesho, urhwaphilizo, izehlo zokubukulwa kwabemi bamanye amazwe kunye nokuhanjiswa kweenkonzo okulambathayo – konke oku kuyasonjululwa kucwangciso lwethu nakwiinkqubo zikarhulumente.

10. IiMbasa zooNondaba ze-SADC

10.1. IKhabhinethi ikhuthaze amajelo eendaba aseMzantsi Afrika ukuba angenise amangenelo awo kukhuphiswano lweeMbasa zooNondaba ze-SADC zama-2022. La mabhaso akhuthaza intsebenziswano kunye nokudibana ngokommandla, kwaye athathela ingqalelo ukugqwesa kubuntatheli kwezoshicilelo, kwezeefoto, kumabonakude nakunomathotholo, kwaye akhuthaze oonondaba kumazwe angamalungu e-SADC ukuba asasaze imiba ephathelele naloo mimandla.

10.2. Abaphumelele kwindawo yokuqala kumabhaso baya kubhengezwa kwiNgqungquthela yama-42 ye-SADC yeeNtloko zaMazwe nooRhulumente. Iifomu kunye nemithetho yokhuphiswano lwama-2022 ziyafumaneka ku- www.gcis.gov.za/newsroom/media-releases/launch-2022-sadc-media-awards-co...

11. Ezemfundo

11.1. IKhabhinethi iqhwabele izandla iKlasi lama-2021 kwaye ibulela wonke umntu othe wanegalelo kwimpumelelo yabafundi nangona bekukho imingeni ebangelwe yi-COVID-19. Bebonke bangama-897 163 abafundi ababhale iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (i-NSC) ngowama-2021, oku kwande ngama-23.6% ususela ngo-2020.

11.2. Izinga lokupasa kwe-NSC yama-2021 elingama-76.4%, enabafundi abangama-256 000 abafanele ukungena eyunivesithi, luphucuko olungange-0.2% ukusuka kwizinga lokupasa elingama-76.2% lweKlasi lwama-2020.

11.3. IKhabhinethi inqwenelele bonke abafundi okuhle kodwa njengoko beqalisa unyaka wabo wokuphuma esikolweni. NgeNkqubo yeSizwe yoNcedo lwezeziMali yaBafundi, urhulumente uxhasa ngemali abafundi abaselungelweni lokufunda abaphuma kwiintsapho ezihluphekayo nabo baphuma kubasebenzi abanqwenelela abantwana babo ukufunda eyunivesithi okanye kwikholeji yeMfundo yobuGcisa noQeqesho.

B. Izigqibo zeKhabhinethi
1. Iingxelo zenkqubela-phambili zokusebenza ezikhutshwa kabini ngonyaka


1.1. IKhabhinethi ivume iingxelo zenkqubela-phambili zokusebenza ezikhutshwa kabini ngonyaka zexesha elisusela kumhla woku-1 kuTshazimpunzi ukuya kowama-30 kweyoMsintsi ka-2021. Ezi ngxelo ziyinxalenye yeNkqubo-sikhokelo yobuChule yesiGaba esiPhakathi wama-2019 kuya kuma-2024. Iingxelo zesebe elidityanisiweyo zijolise kwizinto ezisixhenxe eziphambili kurhulumente kunye nokungenelela okunxulumene nolawulo lwesithandathu.

1.2. IKhabhinethi iyamkele imimandla apho kuye kwakho inkqubela-phambili kwizinto ebekujoliswe kuzo kulo nyaka sithetha ngawo. Ikwaqaphele nezicwangciso zongenelelo zokujongana nokulibaziseka ekuphumezeni ezinye zezinto ekujoliswe kuzo.
1.3. Uthotho lweentlanganiso zabaPhathiswa zokwazisa oonondaba ziza kulungiselelwa nge-GCIS ukuze kunikwe ithuba amasebe ukuba acacise ezi ngxelo zokusebenza.

2. Ukungeniswa kweziza zaseMzantsi Afrika zexesha elide (i-Pleistocene Occupation sites) ukuze zityunjwe njengeziza zeLifa leMveli leHlabathi

2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kweziza zeXesha Elide ezintandathu zeMvelaphi Yabantu Banamhlanje ukuze ziqwalaselwe kwaye zibhalwe njengeziza zeLifa leMveli zeHlabathi. Ezintathu kwezi ziza ziseNtshona Koloni (i-Diepkloof Rock Shelter; i-Pinnacle Point Site Complex kunye nomqolomba we-Blombos); esinye siseMpuma Koloni (umqolomba i-Klasies River Caves) kunye nezimbini eziKwaZulu-Natal (umqolomba iSibhudu kunye ne-Border).

Ezi ziza, zinegalelo ngokudibeneyo ekuqondweni kwenguquko yoluntu, kwaye sele zibhengezwe njengeendawo zeLifa leMveli leSizwe ngokoMthetho weMithombo yeLifa leMveli yeSizwe, ka-1999 (uMthetho wama-25 ka-1999). Zibonisa ukulandelelana okude kokuhlala kwabantu ngaphaya kwamashumi amawaka eminyaka kunye nobungqina obuphuma kwixesha lokuvela kwabantu banamhlanje.

2.2. Ukungeniswa kwezi ndawo kuhambelana noMthetho weNgqungquthela yeLifa leMveli yeHlabathi, ka-1999 (uMthetho wama-49 ka-1999), obonelela amazwe ukuba afake ezi zingeniso njengenxalenye yokuqonda kwihlabathi jikelele ngendlela abantu abadalwe ngayo.

3. Ukwandiswa kokubekwa kweSizwe phantsi kweNtlekele

3.1. IKhabhinethi yaziswe ngomsebenzi osele wenziwe ngeCandelo leSizwe lokuSebenza kunye nobuNtloli ukuze ibone ukuba ulawulo lobhubhane we-COVID-19 busakudinga na ukubekwa kweSizwe phantsi kweNtlekele. Izimvo zifunyenwe kumasebe ahlukeneyo karhulumente ukuze kubonwe imisebenzi yawo eyahlukeneyo esele ikwinqanaba lokugqitywa.

3.2. Nangona kunjalo, emva kokuqaphela ukuba amanye amasebe aphambili ajongene ne-COVID-19 awakalugqibi uhlalutyo lwawo, iKhabhinethi ivume ukwandiswa Okokugqibela ukubekwa kweSizwe phantsi kweNtlekele ukuya kutsho ngomhla we-15 kweyoKwindla 2022, ngokweCandelo lama-27(5)(c) loMthetho woLawulo lweNtlekele, wama-2002 (uMthetho wama-57 wama-2002).

4. UMgaqo-nkqubo oYilwayo wamaXabiso oMbane (i-EPP)

4.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kohlaziyo lwe-EPP ukuze uluntu luhlomle. I-EPP ehlaziyiweyo ifuna ukuzama ulingano ekunikezeni ngeentlawulo zombane ezifikelelekayo kubasebenzisi bemivuzo ephantsi kunye neentlawulo zombane ezibonisa iindleko kubo bonke abanye abasebenzisi.

4.2. Lo mgaqo-nkqubo ubonelela ngemithetho-siseko yokubeka amaxabiso jikelele, umbane kwihoseyile kunye nobume bamaxabiso okuthunyelwa, okuhanjiswa kunye nobume bamaxabiso okuthengisa. I-EPP iza kupapashwa kwiPhephandaba loMbuso kwaye inokufumaneka kwiwebhusayithi yeSebe leMithombo yeziMbiwa naMandla (i-DMRE): www.dmr.gov.za. 

C. Imithetho eYilwayo

1. UMthetho oLungisiweyo oYilwayo we-Arhente yoPhuhliso loLutsha yeSizwe (i-NYDA) yama-2022


1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oLungisiweyo oYilwayo we-NYDA wama-2022. Olu tshintsho lucetywayo luhlomela kuMthetho we-NYDA, wama-2008 (uMthetho wama-54 wama-2008). UMthetho okhoyo unika isicwangciso-nkqubo sowiso-mthetho sobonelelo lweNkonzo yoLutsha yeSizwe, unika inkxaso ngokubhekiselele kuthatho-nxaxheba lolutsha kwezoqoqosho, ukwanika iingcebiso kulutsha kunye neenkonzo zolwazi.

1.2. Ezi zilungiso zicetywayo zomeleza iindawo ezithile kungenelelo olukhoyo ukuqwebisana nemingeni ejongene nolutsha; zicacisa indlela eli qumrhu elifaka ngayo ingxelo yezopolitiko kwaye zikwaceba ukwandisa inani leBhodi ye-NYDA ukusuka kumalungu asixhenxe ukuya kwali-10. Zibonelela ngokusekwa kweenkonzo ze-NYDA emakhaya, ingakumbi kulutsha olukwiindawo ezisemaphandleni olungakwaziyo ukufikelela lula kwiinkonzo ze-NYDA.

1.3. Ezi zilungiso zicetywayo ziziphumo zothetha-thethwano olubanzi nabo bonke abachaphazelekayo kuwo olithoba amaphondo akweli.

2. UMthetho oYilwayo wokuNgcoliseka kwe-oyile yaseLwandle (ukuLungela, ukuPhendula neNtsebenziswano) (i-OPRC) yama-2022.

2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo we-OPRC yama-2022, owavunywayo ngeyeDwarha 2019 ukuba uye eluntwini ukuze kuthetha-thethwane malunga nawo. Izimvo ezibanzi ezifunyenwe kubantu abachaphazelekayo abohlukeneyo zibandakanyiwe kulo Mthetho uYilwayo.

2.2. Wakuba uwisiwe ukuba ube ngumthetho, lo Mthetho uYilwayo uza kubonelela ngolawulo lelizwe kwizehlo ezinkulu zongcoliseko lwe-oli yaselwandle kumalwandle onke elizwe.

2.3. UMzantsi Afrika umi ecaleni kwelona lwandle kunye neendlela zeenqanawa ezixakeke kakhulu ezinqumla e-Indiya, i-Atlantiki kunye noLwandle lwaseMazantsi, olunabela ukuya kuthi xhaxhe kwingingqi ye-Antarctic. Ilizwe likwangumtyikityi kwiNgqungquthela ye-OPRC.

3. UMgaqo-nkqubo oYilwayo weSizwe wokuFuduka kwabaSebenzi (i-NLMP) kunye noMthetho oLungisiweyo oYilwayo weeNkonzo zeNgqesho (i-ESAB)

3.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuqaliswa kokuthetha-thethana noluntu kunye nabo bachaphazelekayo malunga nomgaqo-nkqubo oyilwayo wesizwe wokufuduka kwabasebenzi kunye ne-ESAB ecetywayo. Lo mgaqo-nkqubo ubonelela ngolungelelwaniso phakathi kokhuseleko lwengqesho yabemi boMzantsi Afrika ngelixa kuthathelwa ingqalelo izakhono zoqoqosho ezifunwa lilizwe. Ikwathathela ingqalelo yezibophelelo zelizwe kwi-SADC, i-AU kunye nezinye izikhokelo zamazwe ngamazwe zokufuduka kwabasebenzi.

3.2. I-NLMP ibonelela ngesakhelo kunye nesiseko esisemthethweni sokulawula ubungakanani apho abaqeshi banokuqesha abantu bamazwe angaphandle kumaziko abo ngelixa bekhusela amalungelo wabafuduki. Lo mgaqo-nkqubo ubonelela ngesiseko se-ESAB esicetywayo.

3.3. IKhabhinethi ivumile ukuba iSebe lezeNgqesho nezaBasebenzi lingaqalisa ukuthetha-thethana noluntu ngalo mgaqo-nkqubo, nto leyo eya kunika abemi kunye nabo bachaphazelekayo ithuba lokuba benze igalelo kwi-NLMP yeli lizwe.

4. UMthetho oLungisiweyo oYilwayo woLawulo loMbane

4.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho oLungisiweyo oYilwayo woLawulo loMbane. Lo Mthetho uYilwayo uphakamisa izilungiso kuMthetho woLawulo loMbane, wama-2007 (uMthetho wama-28 wama-2007). Ezi zilungiso zicetywayo zandisa inkqubo-sikhokelo yolawulo lwesizwe kushishino lokubonelela ngombane. Zilungelelanisa ilizwe neyona ndlela ingcono yehlabathi yokusebenza kombane kwaye zibonelela ngemisebenzi yoMsebenzi weNkqubo yoThutho, kunye nesakhelo selayisenisi yokuvelisa, ukusasaza kunye nokurhweba umbane.

4.2. Ezi zilungiso zicetywayo ziyinxalenye yamanyathelo amaninzi eli lizwe, eliwathathayo ukulungisa ngokutsha icandelo lombane ekuphumezeni unikezelo lombane ozinzileyo nokhuselekileyo. Kananjalo ziya komeleza ukusebenza kweshishini lombane kwaye ekugqibeleni zidale imeko encomekayo ekukhuliseni uqoqosho.

4.3. Lo Mthetho uYilwayo uza kupapashwa kwiPhephandaba loMbuso kwaye unokufumaneka nakwiwebhusayithi ye-DMRE ethi: www.dmr.gov.za. 

D. Umyalezo
1. Uvuyiswano


IKhabhinethi idlulise amazwi ovuyisana kunye neminqweno emihle:
1.1. Obekekileyo uNkosikazi Nomandla Dorothy Mhlauli, uSihlalo osandula ukunyulwa weNdlu yeSizwe yeeNkokheli zeMveli neeKhoi-San. UNkosikazi Mhlauli ngumfazi wokuqala ukukhokela iqumrhu leenkosi zemveli. Wonyulwa emva kokusweleka kobesakuba ngusihlalo iKumkani uSipho Mahlangu
E. Ukuqeshwa
Zonke izithuba zengqesho zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamaphepha ezemfundo kunye nokunye ukuqinisekiswa okafanelekileyo.
1. Amalungu eBhunga leSizwe leNgcebiso ngamaHlathi (i-NFAC). IKhabhinethi ivumelene noMphathiswa wezaMahlathi, ezokuLoba nezeNdalo ukuba achonge la malungu alandelayo eBhodi ye-NFAC kangange minyaka emithathu:
a.       Nks Nosisa Euticus Nzuza (uSihlalo); 
b.       Gqr Pulane Elsie Molokwane (uSekela Sihlalo);
c.       Nks Getrude Mathithwa Nonginzi; 
d.       Nks Maropeng Dipitseng Manamela;
e.       Mnu Bhutinyana Calvin Chirwa;
f.        Nks Phindiwe Keletso Mokoena;
g.       Nks Manushka Moodley;
h.       Mnu Bishop Ngobeli;
i.        Nks Nombuso Mlambo;
j.        Mnu Mzwandile Roy Mendu;
k.       Mnu Sikhumbuzo Sipho Masuku;
l.        Mnu Thabo Simon Moloi;
m.      Nks Felicity Blakeway;
n.       Mnu Jim Matsho;
o.       Nks Fefekazi Sefara;
p.       Mnu Phemelo Sebitlo;
q.       Mnu Goodman Gcaba;
r.        Mnu Nkosipendule Quvile;
s.       Mnu Sixolile Msayi; kunye no
t.        Mnu Makale Ngwenya.
2. Gqr Jennifer Molwantwa – iGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) yeKomishoni yoPhando lwaManzi.
3. Mnu Petrus Maselaganye Matji – i-CEO ye-Amatola Water.
4. Mnu Frans Moatshe – iGosa lezeMali eliyiNtloko kwiSebe lezaManzi noGutyulo.
5. Brig Mokgadi Bertha Bokaba – iNtloko yePhondo yeCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhambili (i-DPCI) eFreystata.
6. Brig Mathipha Solomon Makgato – iNtloko yePhondo ye-DPCI eNtshona Koloni.

Imibuzo:
UNksz Phumla Williams – iSithethi seKhabhinethi ku-083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore