Ingxelo yeNtlanganiso eKhethekileyo yeKhabhinethi ibibanjwe ngonxibelelwano lwevidiyo ngoLwesibini, umhla we-14 kweyoMsintsi 2021

Le Ntlanganiso iKhethekileyo yeKhabhinethi ibiqhutywa ngonxibelelwano lwevidiyo ibibanjwe phambi kokuqala kwe-Lekgotla yeKhabhinethi.

A. Izigqibo zeKhabhinethi

1. Ukwandiswa kwexesha lesiCwangciso seCandelo lezeHaydrojin (i-HSRM)

1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukwandiswa kwexesha le-HRSM liqhube leminyaka ilishumi izayo. I-HSRM izalisekisa isiCwangciso-qhinga saseMzantsi Afrika seHaydrojin esavunywa yiKhabhinethi ngowama-2007 ukulungiselela ilizwe ukufika kwexesha lokusebenzisa ngamandla ihaydrojin kuqoqosho. I-HSRM yakhela kule misebenzi sele yenziwe kule minyaka ili-10 idlulileyo yokulungiselela uMzantsi Afrika ukuba usuke kwisigaba sokuphanda nokuphuhlisa uye kwesokuvelisa nokushishina.

1.2. I-HSRM idibanisa iintlobo zobuchwepheshe obusebenzisa ihaydrojin kumacandelo ohlukeneyo ezoqoqosho futhi ikhuthaza nohlumo loqoqosho oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke. Yenza uMzantsi Afrika ube lilizwe elinecandelo lezehaydrojin elinamathuba amaninzi futhi yandisa nenani lamazwe angaphandle anokuthenga ubuchwepheshe obenziwe ngehaydrojin.

1.3. Amaphulo okuveliswa kweemveliso kunye nezixhobo zokusebenza ezenziwe ngehaydrojin kweli aza kuncedisa kumalinge okudala imisebenzi nakuphuhliso lwezakhono, futhi enze neenguqu kuqoqosho eziza kuxhanyulwa ngabo babehlelekileyo ngaphambili, ingakumbi amanina nolutsha.

1.4. I-HRSM ikwancedisa nakumaphulo okuphungula isisi esiyingozi (i-GHG) kokusingqongileyo. Phakathi kwezinye izinto, iza kunceda kumalinge okuvelisa amandla ombane ohlaziyekayo aza kugalelwa kumbane wesizwe, kwaye ikwenza neziphakamiso eziza kunceda icandelo leziThuthi eziziGadla eziKhulu, elilelona candelo ligalela i-GHG eninzi kokusingqongileyo.

1.5. Onke amahlakani afanelekileyo aquka amasebe karhulumente, amaziko emfundo ephakamileyo, icandelo labucala kunye namabhunga ezenzelulwazi abe negalelo kwinkqubo yokuqulunqa esi sicwangciso. Sisebenza njengomkhombandlela wokuqinisekisa ukuba kukho ukuhambelana nokusebenzisana phakathi kwabo bonke ubuchwepheshe obunxulumene nehaydrojin kunye nophuhliso lwezakhono zeli lizwe. Olu xwebhu luza kupapashwa kwiwebhusayithi yeSebe lezeNzululwazi noYilo ethi: www.dst.gov.za.

2. IsiVumelwano esiHlonyelweyo sokuKhuselwa ngokuBonakalayo kweeMveliso zeNyukliya (i-CPPNM)

2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kwe-CPPNM ehlonyelweyo ePalamente ukuze yamkelwe, ngokweCandelo 231(2) loMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996 elithi: “Isivumelwano samazwe ngamazwe siyibophelela iRiphabhlikhi kuphela emva kokuba sivunyiwe ngesigqibo esenziwe kwiNdlu yoWiso-mthetho yesiZwe nakwiBhunga leSizwe lamaPhondo”.

2.2. Ezi zilungiso zenziwe yi-International Atomic Energy Agency (i-IAEA) ziphucula elona qondo liphantsi lehlabathi lokukhusela amaziko kunye neemveliso zenyukliya ezisetyenziswa kumaphulo oxolo. UMzantsi Afrika njengelungu le-IAEA utyikitye esi sivumelwano waza wasamkela ngokusesikweni ngowama-2007.

2.3. Ezi zilungiso kwesi sivumelwano ziphucule ukhuseleko lwesizwe lwamazwe asityikityileyo, kuquka nezinto ezifunekayo zokukhuselwa ngokubonakalayo kwamaziko enyukliya kunye neemveliso zayo.

2.4. Sinika uluhlu lwamatyala afana nokuthengwa kunye nokuthunyelwa kumazwe angaphandle kweemveliso zenyukliya kungakhange kukhutshwe amaphepha-mvume kuqala. Siphucula intsebenziswano phakathi kwamazwe asityikityileyo malunga nokwabelana ngolwazi olunxulumene nokusetyenziswa kweemveliso zenyukliya kumaphulo angekho mthethweni.

3. Ukutshintshwa kweziko lophehlo-nyukliya i-SAFARI-1

3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukwakhiwa kweziko lezinto ezininzi lophehlo-nyukliya eliza kuthatha indawo yeli ziko lophehlo-nyukliya likhoyo ngoku libizwa ngokuba yi-SAFARI-1 leQumrhu loMzantsi Afrika laMandla eNyukliya (i-NECSA). Eli ziko laqala ukusebenza ngonyaka we-1965 kwaye lifanele ukuphelelwa lixesha ekupheleni konyaka wama-2030.

3.2. I-SAFARI-1 lelinye lamaziko aphambili amane ehlabathi avelisa i-radioisotopes yezonyango esetyenziselwa ukunyanga izigidi zabantu abagulayo ngonyaka. Ikwanceda nesizwe ngophando ngezenzululwazi, uphuhliso kunye noyilo kwezonyango, ezolimo, inzululwazi ngezidalwa zakudala-dala (i-paleontology), kunye nezenzululwazi ngobomi.

3.3. Olu tshintsho luza kuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika uhlala ulelinye lamazwe aphambilli kula macandelo kwaye uyabuxhamla obu buchwepheshe butsha bukhoyo. Eli phulo liza kukhokelwa ngamasebe afanelekileyo aze u-NECSA yena abe lelona liphambili.

4. INgxelo ngeziNtsha yesi-4 yoMzantsi Afrika kaNyaka-mbini

4.1. IKhabhinethi ivumile ukuba kungeniswe iNgxelo ngeziNtsha yesi-4 kaNyaka-mbini yelizwe – enika ingcaciso ngezamva nje malunga namalinge eli lizwe okuphungula umonakalo kunye nokuziqhelanisa notshintsho lwemozulu – kwisiVumelwano sesiCwangciso-sikhokelo soGuquko lweMozulu seZizwe eziManyeneyo (i-UNFCCC).

4.2. Le ngxelo inike ingcaciso ngemigaqo-nkqubo esele iqalisiwe ukuphunyezwa kwakunye namanyathelo athatyathwe lilizwe ukuphungula isisi se-GHG. Ikwanika nengcaciso ngezintsha ngamalungiselelo asele enziwe okutshintshela kuhlobo loqoqosho oluvelisa isisi esincinci esiyingozi kokusingqongileyo njengoko kucacisiwe kwiPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo wamaNyathelo eSizwe okuLwa uTshinsho lweMozulu.

4.3. UMzantsi Afrika uzibophelele uza kufaka isandla kumalinge ehlabathi okuphungula umthamo wesisi se-GHG kwiinkqubo zawo eziphambili zophuhliso. Njengelizwe elatyikitya i-UNFCCC, uMzantsi Afrika ulindeleke ukuba ungenise iingxelo ngezintsha rhoqo.

5. IsiCwangciso seSizwe sokuLwa uTshintsho lweMozulu (i-NDC)

5.1. IKhabhinethi ivumile ukuba ungeniswe kwi-UNFCCC umlinganiselo ohlaziyiweyo wowama-2030 we-NDC wokunciphisa umonakalo wotshintsho lwemozulu. UMzantsi Afrika uwuphungule umlinganiselo wesisi esiyingozi kokusingqongileyo ozakuwukhupha ngowowama-2025 wasuka ku-398 waya kutsho ku– 510 Mt Co2-eq waza owama-2030 wasuka ku-350 waya kutsho ku– 420 Mt Co2-eq.

5.2. NgokwesiVumelwano i-Paris Agreement onke amazwe atyikitye esi sivumelwano kufuneka angenise ii-NDC rhoqo emva kweminyaka emihlanu. UMzantsi Afrika wangenisa ii-NDC yawo yokuqala kwi-UNFCCC ngeyeDwarha ngowama-2015, apho wawuthembisa ukuba isisi se-GHG oza kusikhupha siza kuba phakathi kuka-398 no-614 Mt Co2-eq ngowama-2025 nangowama-2030. IsiVumelwano i-Paris Agreement sifuna nokuba amaqonda obushushu emhlabeni athotywe ngama-degrees Celcius amabini kuze kwenziwe namalinge okuba ehle nge-1.5 ye-degrees Celcius.

5.3. Onke amazwe atyikitya esi sivumelwano ayelindeleke ukuba ahlaziye imilinganiselo yawo yowama-2015 ngowama-2020 ukuqinisekisa ukuba iyahambelana nophando lwezenzululwazi lwakutsha nje.  Le milinganiselo mitsha kufuneka izithathele ingqalelo iingxelo zakutsha nje zeQela looRhulumente abaHlukeneyo loTshintsho lweMozulu, futhi ihambelane neyamahlakani onke afaka isandla kumalinge esizwe.

B. ImiThetho eYilwayo

1. UMthetho-sihlomelo oYilwayo woNgcoliseko lweeLwandle (ukuThintelwa koNgcoliseko Olwenziwa ziNqanawa) wowama-2021

1.1. IKhabhinethi ivumile ukuba upapashwe uMthetho-sihlomelo oYilwayo woNgcoliseko lweeLwandle (ukuThintelwa koNgcoliseko olweNziwa ziNqanawa) wowama-2021 ukuze uluntu luhlomle ngawo. Lo Mthetho-sihlomelo uYilwayo ufuna ukwenza izilungiso kuMthetho woNgcoliseko lweeLwandle (ukuThintelwa koNgcoliseko olweNziwa ziNqanawa), wowe-1986 (uMthetho 2 wowe-1986) uze uwulungelelanise nesiVumelwano seHlabathi esihlaziyiweyo sokuThintelwa koNgcoliseko olweNziwa ziNqanawa (i-MARPOL).

1.2. UMzantsi Afrika lelinye lamazwe atyikitya i-MARPOL, esona sivumelwano sehlabathi singundoqo esichaphazela umba wokuthintelwa kongcoliseko lweelwandle olubangwa zinqanawa olunokwenzeka ngempazamo okanye kuba iinqanawa zisebenzisa ulwandle.

1.3. Lo Mthetho-sihlomelo uYilwayo uza kuncedisa kumalinge okulondoloza iilwandle ngokulwa ungcoliseko leelwandle olubangelwa zinqanawa ezilayisha i-oli nezinye izinto ezinobungozi.

1.4. Ukwaphakamisa nokuba iinqanawa kufuneka zisebenzise amafutha anomlinganiselo wesalfure oyi-0.50% okanye zisebenzise iinkqubo ezivunyiwe zokucoca amafutha ezithuthi.

2. UMthetho-sihlomelo oYilwayo weeNkampani wowama-2021

2.1. IKhabhinethi ivumile ukuba upapashwe uMthetho-sihlomelo oYilwayo weeNkampani wowama-2021 ukuze uluntu luhlomle ngawo. Lo Mthetho uYilwayo wenza izilungiso kuMthetho weeNkampani, wowama-2008 (uMthetho 71 wowama-2008). IKhabhinethi yavuma ngeyeThupha ngowama-2018 ukuba kubanjwe iindibano noluntu kugwadlwe lo Mthetho uYilwayo. Iziphumo zezi ndibano zezi zibangele ukuba zibhalwe ngokutsha izilungiso.

2.2. Ezi zilungiso zibhalwe ngokutsha zicacisa amasolotya amaninzi alo Mthetho uYilwayo, ofuna ukuphungula imithetho emininzi elawula amashishini; ukuvala izikhewu kwimiba enxulumene nothutyeleziso lwemali; ukuqinisekisa ukuba imigaqo enyanzelisa ukudandalaziswa kweenkcukacha ezithile inolwamvila kuze kunikwe umnini-zabelo amagunya athe xhaxhe kwinkampani.

3. UMthetho oYilwayo weSizwe woTshintsho lweMozulu

3.1. IKhabhinethi ivumile ukuba ungeniswe ePalamente uMthetho oYilwayo weSizwe woTshintsho lweMozulu. Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukuba ucace umthetho oza kusetyenziswa xa kuphunyezwa uMgaqo-nkqubo wamaNyathelo eSizwe okuLwa uTshintsho lweMozulu.

3.2. Uvumela ukuba ihambelane imigaqo-nkqubo eza kuba nefuthe kwindlela isizwe esisabela ngayo kwimingeni yotshintsho lwemozulu. Ukwanika nengcaciso ngamalungiselelo aza kwenziwa ngethuba sitshintsha sisiba lilizwe elivelisa isisi esiyingozi esincinci nesinoqoqosho olukwaziyo ukumelana nobunzima obuza nokutshintsha kwemozulu.

3.3. Lo Mthetho uYilwayo ugwadlwe ngokwaneleyo kusetyenziswa iindibano zokufakana imilomo noluntu eziquke onke amahlakani afanelekileyo.

C. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1. Mnu Smunda Mokoena njengoSihlalo we-National Energy Regulator of South Africa.

2. Gq Margaret Mkhosi-Motsaathebe njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba soLawulo le-National Radioactive Waste Disposal Institute.

Imibuzo: Nks Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi

Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore