Ingxelo ngeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe nge-intanethi NgoLwesithathu, 21 kweyoMsintsi 2022

A.    Imiba Engundabamlonyeni

1.    Amandla ombane 
1.1.    IKhabhinethi inikwe ingxelo emfutshane nguMphathiswa wamaShishini kaRhulumente u-Pravin Gordhan malunga namandla ka-Eskom okunciphisa ukucinywa kombane okwethutyana kwaye ikwafumene nengxelo yenkqubela-phambili evela kwiKomiti yobuGcisa yeKomiti yeSizwe yeNgxaki yezaMandla.  
1.2.    Ezinye izibhengezo ziza kwenziwa emva kokuqukunjelwa kweengxoxo ezinzulu zezi ngxelo.
1.3.    IKhabhinethi ivakalise ukudana ngokuphazamiseka kunye nengxaki ebangelwe kukucima kombane koosomashishini nakumakhaya, ingakumbi okwenzeka ngeli xesha urhulumente eqalisa ukusebenza kwizithembiso ezazenziwe  nguMongameli u-Cyril Ramaphosa kweyeKhala yowama-2022. 

2.    Utyalo-mali 
2.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukusungulwa kwe-Sandvik Khomanani Manufacturing Site e-Kempton Park, eyinxalenye yotyalo-mali oluzizigidi ezingama-350 zeerandi obeluthenjiswe kwiNkomfa yesine yoTyalo-mali yaseMzantsi Afrika (i-SAIC) ebibanjelwe kwiZiko leNgqungquthela laseSandton eRhawutini ngomhla wama-24 kweyoKwindla yowama-2022.
2.2.    Eli ziko litsha elizizikwere zeemitha ezingama-62 000 lidibanisa imisebenzi ebiqhutywa ngaphambili kwiindawo ezintlanu ezahlukeneyo kwaye lingangena abasebenzi abamalunga nama-550.  Lelinye lawona maziko e-Sandvik amakhulu  kwihlabathi jikelele nanobuxhaka-xhaka bale mihla kwaye lizawuvelisa iiloli zokulayisha emigodini. Umyinge ongaphezulu kwama-60% wezi ntsimbi ziza kusetyenziswa xa kusenziwa ezi loli uza kuveliswa apha eMzantsi Afrika. 
2.3.    IKhabhinethi ilwamkele utyelelo lukaMongameli Ramaphosa lokuya kuhlola KwaZulu-Natal ngethuba kusungulwa komzi-mveliso wakwa-Hesto Harnesses e-Stanger, KwaDukuza ngomhla we-13 kweyoMsintsi yowama-2022. Eli ziko lelinye leeprojekthi ezintlanu zotyalo-mali oluyinkunzi eliyinxalenye yebhiliyonii eyi-1.4 yeerandi eyathenjiswa ngabakwa-Metair Investments Limited kumalinge okuxhasa umsebenzi wokwandiswa kunye nokuveliswa apha ekhaya kwe-Ford Ranger etsha.
2.4.    UMongameli ukwazimase ukuvulwa kweprojekthi yokuphucula nokwandisa i-Sappi Saiccor Mill exabisa iibhiliyoni eziyi-7,7 zeerandi e-Umkomaas, ejolise ekwandiseni nasekuphuculeni le nkampani itsho ikwazi ukukhuphisana kumgangatho wehlabathi  ngelixa ikwadala imisebenzi ezizingxungxo kunye nesisigxina.
2.5.    Olu tyalo-mali luyinxalenye yezithembiso ezenziwe ngoosomashishini kwi-SAIC.  Lonke utyalo-mali olutsha elizweni lethu lunceda ekwakhiweni ngokutsha nasekuvuseleleni uqoqosho lwethu, kwaye luyaqhubeka nokungqina ukuba uMzantsi Afrika ulilizwe elunamathuba amaninzi otyalo-mali.

3.    Uphuhliso lweziseko zophuhliso
3.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuvulwa kwecandelo elitsha le-Musina Ring Road e-Limpopo eliza kwenza kube lula ukuba abantu bahamba-hambe eMusina, likwavumele ukwandiswa kwemisebenzi yorhwebo neyoqoqosho phakathi koMzantsi Afrika kunye namazwe oMbutho woPhuhliso lwaMazantsi e-Afrika (i-SADC). Le projekthi yezigidi ezingama-640 zeerandi idale imisebenzi esisigxina engama-275 yabahlali bale ngingqi yaze yabonelela ngamathuba kuluntu lwasekuhlaleni nakumashishini amancinane, aphakathi namancinane kakhulu (ii-SMME). 
3.2.    Ukwakhiwa kwe-Musina Ring Road yinxalenye yenkqubo karhulumente yeziseko zophuhliso, ngokusebenzisa i-ERRP, ejonge ukudala uhlumo oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke kunye namathuba engqesho kumacandelo ahlukeneyo nakuluntu.

4.    Intlekele yaseJagersfontein
4.1  IKhabhinethi ithi mazilale ngenxeba iintsapho zabo bathe basutywa kukufa emva kokugqabhuka kwedama lodaka lomgodi owavalwayo  wase-Jagersfontein e-Freystata lakhupha udaka olwenze umonakalo omkhulu ngentseni yangeCawa, umhla we-11 kweyoMsintsi ngowama-2022. Le ntlekele iphinde yashiya izakhiwo zendawo, izinto zabantu ezifana nezithuthi kunye nezindlu ezininzi zonakaliswe kakhulu. 
4.2   Ngethuba lotyelelo lwakhe kummandla wentlekele ngoMvulo, umhla we-12 kweyoMsintsi ngowama-2022, uMongameli Ramaphosa uvakalise umbulelo ngeenzame zohlangulo nezovuselelo kulo mmandla. Ukwathembise ukuba urhulumente uzakubonelela ngenkxaso efanelekileyo kubahlali abachaphazelekayo baseJagersfontein.  IKhabhinethi ikhuthazekile kukuba abanini balo mgodi bathe bakulungele ukunika uncedo lobugcisa nenkxaso kurhulumente ukuba banokucelwa benze njalo liBhunga lezeZimbiwa laseMzantsi Afrika.
4.3 Ishishini lezemigodi lisahleli linegalelo elibalulekileyo kuqoqosho ngokuqeshwa ngokuthe ngqo nangokungathanga ngqo, iingeniso evela kurhwebo namazwe angaphandle, kunye notyalo-mali oluthe ngqo lwangaphandle, kwaye lidlala indima ebalulekileyo ekuphuculeni ubomi babantu kwiindawo ezinemigodi.
4.4 Urhulumente kunye neminye imibutho engekho phantsi kukarhulumente baye bangenelela ngokungxamisekileyo ngokubonelela ngeendawo zokuhlala ezingxamisekileyo, ululeko lwengqondo nangezibonelelo ezingundoqo ezifana neengubo, oomatrasi kunye nokutya. Ubonelelo lwamanzi nombane kulo mmandla sele lubuyele esiqhelweni.  
4.5 Nje ukuba indawo yentlekele icociwe, amagcisa alindeleke ukuba enze uhlolo lweendonga zezindlu. IKhabhinethi ibulele iinkonzo zikaxakeka, imibutho yoluntu kunye namalungu oluntu ngeminikelo yesisa noncedo lwabo.

5.    Uqoqosho 
5.1.    IKhabhinethi ixoxe ngobume boqoqosho beli lizwe emva kokuba amanani akutshanje eZiko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-Stats SA) abonise ukuba ingeniso yemveliso yelizwe (i-GDP) yekota yesibini yowama-2022 yehle ngo-0,7%.  Izinto eziphembelele oku kwehla ziquka ukucinywa kombane, ungquzulwano lwaseRashiya ne-Ukraine, kunye neendleko eziphezulu zokuphila kunye nokunyuka kwamaxabiso.
5.2.    Amanyathelo okungenelela enziwe siSicwangciso soKwakha ngokutsha kunye noVuselelo loQoqosho (i-ERRP) ubukhulu becala sithintele ilizwe kubunzima amashishini ajamelane nabo kwihlabathi, kwaye sakhusela imisebenzi kunye neendlela zokuphila.  Amanyathelo okungenelela ezoqoqosho aluqilima karhulumente aqalisa ukuvelisa iziqhamo, njengoko kungqinwe kwiziphumo zakutshanje ze-Stats SA zeKota zoVavanyo lwaBasebenzi, ezibonise ukuba kudalwe imisebenzi engaphezulu kwama-648 000 phakathi kwekota yokuqala neyesibini yowama-2022. 

B.    Izigqibo zeKhabhinethi

1.    Isicwangciso-nkqubo soBeko-liso noVavanyo (i-M&E) soMgaqo-nkqubo woLutsha lweSizwe (i-NYP)
1.1.    IKhabhinethi ivume isicwangciso-nkqubo se-M&E esiza kunceda ukubeka iliso okusebenzayo kunye novavanyo lweempembelelo zeentsika ze-NYP yowama-2020 ukuya kowama-2030. Isicwangciso-nkqubo sibonelela ngezalathisi ezintlanu ezikwinqanaba eliphezulu ezihambelana neentsika ze-NYP.
1.2.    Ezi zalathisi zaqulunqwa kubanjiswene namahlakaniafanelekileyo anomdla kuphuhliso nasekuxhotyisweni kolutsha kweli lizwe. Iinkcukacha eziza kuqokelelwa ziza kujonga iminyaka yobudala, isini, ukukhubazeka, uhlanga ngokwebala kunye nendawo yokuhlala ngokwemimmandla yala mangenelelo. 
1.3.    Ukubeka iliso kuza kwenziwa kuwo onke amanqanaba karhulumente, kumaqumrhu nakumacandelo abucala.  Iingxelo ziza kwenziwa ngekota kwaye zipapashwe kabini ngonyaka. 

2.    Isicwangciso-nkqubo soMgaqo-nkqubo woCwangciso oluDityanisiweyo
2.1.    IKhabhinethi isivumile Isicwangciso-nkqubo soMgaqo-nkqubo woCwangciso oluDityanisiweyo kurhulumente, esijonge ukulungisa izikhewu eziboniweyo zocwangciso lomgaqo-nkqubo kwinkqubo yocwangciso yangoku.
2.2.    Amanyathelo okungenelela acetywayo phakathi kwezinye izinto aza kujongana nokunqongophala kolungelelwaniso locwangciso phakathi kwamanqanaba amathathu karhulumente. Amanyathelo okungenelela azo kuqalisa indlela yokubeka iliso esekelwe kubungqina. Isicwangciso-nkqubo somgaqo-nkqubo sikwazisa ukuqikelelwa lula ngocwangciso lwexesha elide ukuya kwixesha eliphakathi kunye nelexesha elifutshane kurhulumente wonke.
2.3.    Siza kusebenzela ukwazisa uhlaziyo lwemithetho ukuze kuphuculwe ukuhambelana nokuqikelelwa kucwangciso kunye nokubekwa kweliso kukarhulumente. 

3.    Ukuvunywa kweSivumelwano sokuSekwa kwe-Arhente yaMayeza ase-Afrika (i-AMA)
3.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukutyikitywa kweSivumelwano sokuSekwa kwe-AMA kunye nokungeniswa kwaso ePalamente ukuze sivunywe. Oku kuza kuzalisekisa isivumelwano esamkelwa yiNdibano yeManyano ye-Afrika ngowama-2019. Esi sivumelwano siseka ngokusesikweni i-AMA yeli lizwekazi. I-arhente iza kulawula amayeza onyango, kwaye iphucule ukhuseleko kunye nokusebenza kwamayeza onyango kweli lizwekazi.
3.2.    Ukutyikitya kunye nokuvunywa kungqina ukuba uMzantsi Afrika uzibophelele kwizivumelwano zeli lizwekazi nezehlabathi malunga nokuphucula imithetho yeli lizwekazi elawula iimveliso zalo zempilo. 

4.    Ingxelo ngokuSebenza kweNkqubo yesiBonelelo seRhafu yoPhando noPhuhliso (i-R&D) – yowama-2019/20 kunye neyowama-2020/21.
4.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente kweNkqubo yesiBonelelo seRhafu ye-R&D kule minyaka mibini idlulileyo (ngowama-2019/20 kunye neyowama-2020/21). Oku kuhambelana necandelo 11D (17) loMthetho weRhafu yeNgeniso, wowe-1962 (uMthetho wama-58 wowe-1962), elifuna ukuba ezi ngxelo zandlalwe ePalamente.
4.2.    Inkqubo yesibonelelo serhafu ijonge ukukhuthaza iinkampani zabucala ukuba zityale imali kwi-R&D ukuze zikhuthaze ukukhula kotyalo-mali. Ivumela ukuqhubela-phambili kwenzululwazi kunye nobuchule bokuyilaobuza kunceda ekukhuleni koqoqosho, kwaye ikhuthaza ukhuphiswano.
4.3.    IKhabhinethi ichulumancile kukuba le ngxelo ibonisa ukuba iinkampani ezintsha zifake izicelo zokufumana isibonelelo serhafu.  Ikhuthaza iinkampani ezininzi ukuba zifake izicelo zokuxhamla esi sibonelelo njengenxalenye yokukhulisa utyalo-mali lwazo kunye nokukhwezela ukukhula koqoqosho.
4.4.    Iinkampani ezine eziphezulu ezithe zasifumana esi sibonelelo serhafu zikwicandelo lokucola iimveliso zolimo; elezokuxhamlisa kwizimbiwa; elezamichiza, elezithambiso, elezamayeza kunye nelezobugcisa bezombane kunye nelezobuchwepheshe bolwazi ethe iKhabhinethi yawamkela njengemacandelo ekufuneka akhokeliswe phambili kwisiCwangciso sokuSebenza soMgaqo-nkqubo wezoShishino.  Ingxelo epheleleyo inokufumaneka kwiwebhusayithi yeSebe lezeNzululwazi kunye noBuchule bokuYila:  www.dst.gov.za. 

5.    IQonga loMthetho lokuKhula kunye namaThuba ase-Afrika (i-AGOA) – yowama-2023
5.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukusingathwa kweQonga le-AGOA ngowama-2023. I-AGOA yaphunyezwa yiMelika (i-USA) ngowama-2000 ukuze yenze kube lula kumazwe amaninzi ase-Afrika akumazantsi e-Sahara ukurhweba ne-USA.
5.2.    Iimveliso zorhwebo zoMzantsi Afrika ezithunyelwa e-USA phantsi kwe-AGOA ziquka iziqhamo ezityiwayo, amandongomane, izithuthi, iintsimbi zemoto, intsimbi, isinyithi kunye neemveliso zemichiza.  Owona mhla nendawo zisaza kubhengezwa.

6.    Ingqungquthela yaBaphathiswa ye-Group on Earth Observations (i-GEO) – 2023
6.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika usingathe iNgqungquthela yaBaphathiswa ye-GEO eKapa ngowama-2023. I-GEO liqumrhu eliphakathi koorhulumente elasekwa ngowama-2003 emva kweNgqungquthela yeHlabathi yowama-2002 yoPhuhliso oluZinzileyo.  Isebenza njengeqonga lamazwe ngamazwe apho amazwe anikela ngokuzithandela kwinjongo enye yokwakha iinkqubo ze-GEO.
6.2.    I-GEO ngoku inoorhulumente bamazwe abangaphezulu kwe-113, abangama-30 kubo bavela e-Afrika kunye nemibutho ethatha inxaxheba emalunga ne-140, kwaye i-11 lale mibutho livela e-Afrika.  UMzantsi Afrika ube lilungu leKomiti Elawulayo elisebenzayo ukusukela ngowama-2005 kwaye iinzululwazi zethu ngoku zithatha inxaxheba kumaphulo ophando amaninzi akhokelwa yi-GEO.

7.    Inyanga yezoThutho yeDwarha (i-OTM) – 2022
7.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukusungulwa kwephulo le-OTM ngoMgqibelo, umhla woku-1 kweyeDwarha yowama-2022, phantsi komxholo othi:  “Sishov’ingolovane: sisonke sakha iziseko zophuhliso zezothutho ezakha nezigcina indlela yokuphila”.
7.2.    I-OTM yonyaka isetyenziselwa ukwazisa ngezothutho njengenye yezinto ezibalulekileyo ekukhuleni koqoqosho kunye nophuhliso lweendawo ezihlala uluntu.  Imisebenzi emininzi iza kwenziwa ukubonisa imiba eyahlukeneyo yeziseko zophuhliso lothutho kwezophapho, kwezaselwandle, kwezothutho lukawonke-wonke kunye neendlela.  Le misebenzi iza kwazisa uluntu malunga nokhuseleko kunye nokhuselo lwezothutho.  Iindibano zokubonisana namahlakani abachaphazelekayo nazo ziza kubanjwa ukuze kuxoxwe ngemiceli-mngeni eyahlukeneyo kwicandelo lezothutho.
7.3.    Urhulumente usazibophelele ekuphuculeni iziseko zophuhliso zezothutho zeli lizwe, kwiindawo ezisemaphandleni kunye nasezidolophini, ukuze kube lula ukuthuthwa kweempahla kunye nabantu ngendlela esebenzayo nenempumelelo. 

8.    Intlanganiso yeZizwe Ezimanyeneyo (i-UN) neNkqubo yokuHlaliswa koLuntu (i-UN-HABITAT).
8.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukusingathwa kwentlanganiso yamalungu e-UN-HABITAT eRhawutini ngomhla we-16 nowe-17 kweyeDwarha ngowama-2022. 
8.2.    ISebe lezokuHlaliswa koLuntu liza kuququzelela le ntlanganiso yeentsuku ezimbini eza kuzinyaswa ziintshatsheli zezopolitiko, iingcali kunye nabaphandi, kuquka namalungu abalulekileyo eKomiti yaBammeli abasiSigxina be-UN-HABITAT ezinze e-Nairobi, e-Kenya.  Imiba engundoqo eza kuxoxwa iza kuquka ukufuna amanyathelo okungenelela aza kuza notshintsho kwiindawo zoogob’ityholo kunye nakumatyotyombe. 
8.3.    Iziphumo zezi ngxoxo ziza kufikelela kuvuthondaba ngokusungulwa kweSicwangciso-nkqubo seSicwangciso sokuSebenza seHlabathi, esiza kuthiwa thaca kwiNdibano ye-UN-HABITAT ukuze sivunywe ngowama-2023.

C.    Imithetho eYilwayo
1.    Umthetho oYilwayo weBhunga leSizwe loBundlobongela obuSekwe kwiSini kunye nokuBulawa kwabaseTyhini (i-GBVF) wowama-2021.


1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMthetho oYilwayo weBhunga leSizwe le-GBVF wowama-2021 ePalamente ukuze uqwalaselwe.  Lo Mthetho uYilwayo unika ingcaciso ngomthetho oza kusetyenziswa xa kusekwa iqumrhu elimiselwe ngokomthetho eliza kungqala ngqo kule ngxaki ye-GBVF..
1.2.    Ukwakhululela ukuba kusekwe iBhodi yeli Bhunga eza kukhokela ize ibeke iliso kumalinge okuphunyezwa kwesiCwangciso-qhinga seSizwe se-GBVF, esavunywa yiKhabhinethi kweyeDwarha yowama-2020 ukuba masiqalise ukusebenza.  Le bhodi iza kuba namalungu angama-51% avela kwimibutho yoluntu aze wona angama-49% aphume kurhulumente.  Lo Mthetho uYilwayo sele ugwadliwe kwiindibano zovakaliso-zimvo zoluntu.. 

2.    Umthetho oYilwayo woLawulo lweeMveliso zeCuba neMidiza e-Elektronikhi wowama-2018
2.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMthetho oYilwayo woLawulo lweeMveliso zeCuba neMidiza e-Elektronikhi wowama-2018 ePalamente, ojonge ukurhoxisa lo Mthetho woLawulo lweeMveliso zeCuba ukhoyo, wowe-1993 (uMthetho wama-83 wowe-1993), njengoko ulungisiwe.
2.2.    Lo Mthetho uYilwayo ukwajonge ukuqinisa amanyathelo elizwe amalunga nezempilo yoluntu aze enziwe ukuba  ahambelane nesiVumelwano soMbutho wezeMpilo weHlabathi seSicwangciso-nkqubo soLawulo lweCuba kuLawulo lweCuba. Lo Mthetho uYilwayo uphakamisa, phakathi kwezinye izinto, ukuba kubhangiswe tu ukutshaya ngaphakathi kwizakhiwo nakwezinye iindawo ezingaphandle kwezakhiwo;; ukubhangiswa kokuthengiswa kwecuba ngoomatshini bokuthengisa, futhi ukwaphucula neendlela amaqokobhe ecuba enziwa ngayo kunye nemibhalo yokulumkisa ebhalwe kuwo.
2.3.    Lo Mthetho uYilwayo uhliwe amahlongwane wade wacokiswa ngamahlakani achaphazelekayo ahlukeneyo, aquka amashishini ecuba, imibutho yoluntu kunye namasebe karhulumente afanelekileyo.  

D.    Imisitho ezayo

1.    Iseshoni yama-77 yeNdibano Jikelele yeZizwe eziManyeneyo (i-UNGA77) 
1.1.    UMzantsi Afrika uthatha inxaxheba kwi-UNGA77 eqhubeka kundlunkulu we-UN kwisiXeko saseNew York e-USA ukusuka ngomhla wama-20 ukuya kowama-27 kweyoMsintsi ngowama-2022 phantsi komxholo othi:  “Ixesha lesiganeko sokuphawula utshintsho olubalulekileyo lwembali:  Ukuvula izisombululo zenguqu kwimiceli-mngeni edibanayo”.
1.2.    Umonakalo owenziwe ngubhubhane weNtsholongwane ye-Corona kuqoqosho nentlalo yamazwe akumazantsi e-Ikweyitha awufani xa uthelekiswa nesantya sokubuyela kwimo yesiqhelo kumazwe atyebileyo asemantla e-Ikhweyitha kwaye ufuna amazwe ehlabathi ukuba abambisane ukuze kuqinisekiswe ukuba akukho mntu ushiyekelayo. 
1.3.    Ngaphambi kweNgxoxo-mpikiswano ye-UN, uNobhala-Jikelele we-UN, uMnu António Guterres, uza kubiza ingqungquthela "ngoTshintsho lweMfundo" kwaye abambe intlanganiso ekwinqanaba eliphezulu egxile kwiiNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo (ii-SDGs).  Intlanganiso yee-SDGs kulindeleke ukuba iphonononge iindlela zokubuyela kula moya wodlamko wangaphambili kunye nokukhawulezisa ukuphunyezwa kwazo.

2.    Usuku lwezaMasiko
2.1.    UMongameli Ramaphosa uza kuba sisithethi sembeko kwimibhiyozo yoSuku lwezaMasiko yeSizwe ngowama-2022 kwiZakhiwo zoMdibaniso ngoMgqibelo, umhla wama-24 kweyoMsintsi ngowama-2022. Lo Mnyhadala uza kubanjwa phantsi komxholo othi:  “UkuBhiyozela imiSebenzi kaSolomon Linda kunye noMculo weMveli waseMzantsi Afrika”. 
2.2.    Inyanga yaMasiko kulo nyaka igxile kumculo wemveli woMzantsi Afrika ize igxininisa kakhulu kumculo weSsicathamiya kunye negalelo lawo elikhulu kwimidlalo yethu, ubugcisa, inkcubeko kunye namasiko.  Lo mxholo unika imbeko kwisikhumbuzo seminyaka engama-60 yokusweleka kwemvumi, umculi kunye nomqambi wengoma, uSolomon Popoli Linda (1909-1962), nowaziwa njengoSolomon Ntsele, nowaziwa kakhulu njengomqambi wengoma ethi, “Mbube”.

3.    UMnyhadala Onxuseneyo woSuku lwezaseLwandle weHlabathi wowama-2022  
3.1.    UMzantsi Afrika uza kusingatha uMnyhadala Onxuseneyo woSuku lwezaseLwandle weHlabathi ngowama-2022 e-Durban ukusuka ngomhla we-12 ukuya kowe-14 kweyeDwarha ngowama-2022. Lo Mnyhadala uza kubanjwa ngexesha le-OTM, nayo eza kuba yinxalenye yokufundisa ngecandelo lethu lezaselwandle.  Lo msitho uza kuzinyaswa ngabathunywa abavela kumazwe ahlukeneyo abazakuzibonela ngokwabo icandelo lezaselwandle loMzantsi Afrika.  UMzantsi Afrika ube lilungu loMbutho waMazwe ngaMazwe waseLwandle ukusukela ngowe-1995, oyi-arhente ekhethekileyo ye-UN enoxanduva lokulawula uthutho lweenqanawa. 
         
4.    Inyanga yoKhenketho
4.1.    Inyanga yoKhenketho kulo nyaka ibhiyozelwa phantsi komxholo woSuku loKhenketho lweHlabathi (ngomhla wama-27 kweyoMsintsi) othi “Ukucinga ngokutsha uKhenketho”.  Ukhenketho lwasekhaya lubalulekile ekuvuseleleni icandelo lezokhenketho, elinegalelo elikhulu kwi-GDP yoMzantsi Afrika nakumalinge okudala imisebenzi.
4.2.    IKhabhinethi ichulumancile kukuba icandelo lokwamkela iindwendwe libone ukunyuka kwenani labantu abangabatyeleli emva kwexesha le-COVID-19.  Aba bantu bazizigidi eziyi-15.2 bathathe uhambo apha ngaphakathi elizweni kwisiqingatha sokuqala sowama-2022 babonakalisa ukuba inani labantu abathatha uhambo linyuke nge-114% xa kuthelekiswa neli xesha linye ngowama-2021. Oku kubonise ukunyuka kakhulu kwenani labantu abathatha uhambo xa kuthelekiswa neli xesha linye ngowama-2019, apho ibingabantu abazizigidi eziyi-8,6 abathe bathatha uhamba apha ekhaya. Njengenxalenye yokubhiyozela iNyanga yoKhenketho, iKhabhinethi ikhuthaza abemmi boMzantsi Afrika ukuba bathabathe inxaxheba kwiphulo lokhenketho olubizwa nge-‘Shotleft’ batyelele amaphondo ethu ohlukeneyo.
4.3.    IKhabhinethi ikwasamkele isigqibo se-Air Belgium sokuba neenqwelo-moya  ngamaxesha athile onyaka eziza kuza eMzantsi Afrika, ukusukela kule nyanga (kweyoMsintsi), nto leyo eza kuphucula ukhenketho kwaye iqinise ngakumbi iwonga lethu njengendawo yokhenketho ethandwayo ngabakhenkethio.  I-Air Belgium iza kuba neenqwelo-moya zeveki eziya eKapa naseRhawutini.

E.    Imiyalezo

1.    Amazwi okuvuyisana 
    Ikhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle: 

  • kuMongameli William Samoei Ruto weRiphabliki yaseKenya, othe wabekwa ngokusesikweni ngoLwesibini, umhla we-13 kweyoMsintsi ngowama-2022, emva konyulo lukazwelonke olunoxolo obelubanjwe ngomhla we-9 kweyeThupha ngowama-2022. Usekela-Mongameli u-David Mabuza ubezimase lo msitho wokubekwa ngokusesikweni egameni likaMongameli Ramaphosa, kunye norhulumente kunye nabantu beRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika.   
  • kuMbutho woMbhoxo waseMzantsi Afrika kunye neSixeko saseKapa ngokusingatha ngempumelelo itumente yesibhozo yeNdebe yeHlabathi yoMbhoxo ye-Sevens phakathi komhla we-9 kunye nowe-11 kweyoMsintsi ngowama-2022. Oku ibikokokuqala ukuba lo mnyhadala ubalulekileyo usingathwe lilizwe lase-Afrika kwaye amawaka amaninzi abalandeli abebezimasile bayoliswa ngetheko lombhoxo kunye nobubele odume ngabo uMzantsi Afrika.

2.    Amazwi ovelwano 
     IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho nakubahlobo: 

  • babantwana besikolo abali-18 kunye nabantu abadala ababini abasweleke kwingozi emanyukunyezi e-Pongola, KwaZulu-Natal ngoLwesihlanu, ngomhla we-16 kweyoMsintsi yowama-2022 emva kokuba ilori esisigadla esinamatroko ithe yangqubana okweenkunzi zegusha kunye neveni ebithwele abafundi. 

F.    Izikhundla

1.    Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuseleko.
a.    UMnu Makgothi Samuel Thobakgale njengoMlawuli-Jikelele (i-DG):  UMkomishinala weSizwe weSebe leeNkonzo zoLuleko. 
b.    UGq Malixole Percival Mahlati njengeSekela lika-DG: Iinkonzo zeMpilo zeziBhedlele zaMaziko eMfundo Ephakamileyo kunye noPhuhliso lwezaBasebenzi kwiSebe lezeMpilo. 
c.    UMnu Siyabonga Blessing Mdubeki njengoNocanda-Jikelele oyiNtloko kwiSebe lezoLimo, uBuyekezo loMhlaba noPhuhliso lwasemaPhandleni. 
d.    UMnu Phaswa Phineas Mamogale njengeGosa eliyiNtloko lezeziMali kwiSebe lezeMpilo. 
2.    IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kwaba balandelayo:
a.    UMnu Tshediso Matona njengoMkomishinala weKomishoni yokuXhotyiswa kwabaMnyama ngokuBanzi kwezoQoqosho.
b.    Amalungu eSigqeba seziBheno seBhodi yeFilimu noPapasho: 

  •  UMnu Siyazi Tyamtyam (uSihlalo); 
  • UNksz Sohani Natasha Chundhur;
  • UNksz Sisanda Nkoala;
  • UNks Shandukani Mulaudzi;
  • UNks Nomaswazi Rachel Shabangu-Mndawe;
  • UGq Litheko Modisane;
  • UMnu Phuti Nehemia Phukubje;
  • UMnu James Shikwambana; kunye
  • noNksz Manko Thalitha Bufffel (uqeshiwe kwakhona). 
     

Imibuzo: UNksz Phumla Williams – Isithethi seKhabhinethi 
Iselfowuni: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore