INgxelo kaMongameli u-Cyril Ramaphosa yeNkqubela kwiNzame yeSizwe yokuNqanda ubhubhane we-COVID-19

Bemi boMzantsi Afrika,

Molweni ngale ntlwa,

Sithathe isigqibo sokulibazisa ukuqala kwale ntetho esizweni ngesiqingatha seyure kuba igqala losasazo loMzantsi Afrika, uNks Noxolo Grootboom, ethatha inxaxheba efunda iindaba zesiXhosa okokugqibela ngentsimbi yesi-7 ebusuku kwi-SABC ngale ntlwa.

Ndinqwenela ukunika imbeko enkulu kuNks. Grootboom njengentatheli ebalaseleyo, kuwo wonke umsebenzi wakhe owaziwayo, ozise imisitho eyimbali kwilizwe lethu nakwihlabathi liphela kumagumbi okuhlala esizwe sethu.

Simnqwenelela okuhle uNks Grootboom, kwaye simbulele ngeminyaka emininzi yokusebenza kwakhe.

Sifuna ukuthi, kumakhaya ngamakhaya, Siyakuthanda.

Kungaphezulu nje konyaka ukusukela oko sabhengeza iMeko yeNtlekele yeSizwe siphendula kubhubhane we-COVID-19 kwaye kwafuneka sazise amanyathelo okulawula ukusasazeka kwakhe.

Ukusukela ngoko, sonke kuye kwafuneka siqwalasele izithintelo phantse kuzo zonke iinkalo zobomi bethu.

Eyona nto mhlawumbi ibinzima kunazo zonke yindlela ubhubhane ochaphazele ngayo unxibelelwano lwentlalo olwenza sizive siyinxalenye yoluntu.

Siphoswe zizinto ezininzi ebesizithatha njengeziqhelekileyo, ezifana nokutyelela abantu esibathandayo, ukuya kumatheko, okanye ukuya kwiinkonzo zonqulo.

Emva konyaka, siye senza inkqubela phambili ebalulekileyo ekulawuleni ubhubhane.

Imizamo engadinwayo yabasebenzi bethu benkathalelo yezempilo abathe basindisa amawaka-waka obomi babantu, kunye nomsebenzi wovulindlela bethu benzululwazi ukhokelele kwinkqubela phambili ebalulekileyo ekuqondeni kwethu intsholongwane.

Ngotshintsho esele silwenzile kwindlela esiziphethe ngayo, sizikhusele, sakhusela iintsapho zethu kunye noluntu lwethu.

EMzantsi Afrika, njengakumazwe amaninzi kwihlabathi jikelele, asikakulungeli ukubuyela kubomi obuqhelekileyo.

Kunyaka wesibini ngokulandelelana kwayo, kuza kufuneka sinciphise unxibelelwano lwethu, ngakumbi ngexesha lePasika.

Kungenxa yokuba ubhubhane wesifo sentsholongwana i-corona usephakathi kwethu.

Kunyaka ophelileyo, ilizwe libe nabantu abangaphezulu kwesigidi esi-1.5 abathe bosulelwa intsholongwane i-corona.

Kwaye kubekho abantu abangaphezulu kwama-52 000 abaswelekileyo ngenxa ye-COVID-19.

Siyakhumbula kwaye sililele umntu ngamnye othe wasishiya ngenxa yale meko.

Njengoko bendichazile ukugqibela kwam ukuthetha nani, uMzantsi Afrika uvela kuthwaxwa ngumsinga wesibini wosulelo.

Kwezi veki zimbini zidlulileyo, inani labantu abosuleleke ngokutsha lihleli lizinzile kwi-1 200 labantu abosulelekileyo ngokutsha ngemini.

Inani labantu abalaliswa esibhedlele liyehla, kanye njengamanani okusweleka.

Iqondo lesizwe lokuphila lime ngaphezulu kancinci kuma-95%.

Oku kukubulela kwiinzame ezidibeneyo zabo bonke abemi boMzantsi Afrika abathe bathobela izithintelo ebezikhona ukusukela kweyoKwindla kunyaka ophelileyo ukukhusela ubomi.

Ikwabubungqina bomgangatho ophakamileyo wobugorha esithe saqhuba siwubonisa njengelizwe ngokubhekisele ekubekeni iliso, ukuvavanya, ukulandelela umkhondo kunye namanyathelo othintelo.

Kwangelo xesha, inkqubo yethu yokugonya kazwelonke sele iqalile kwaye iza kuba namandla.

Phakathi kweyoMdumba, saqala iSigaba sokuqala senkqubo yethu yokugonya, ethe yabandakanya ukugonywa kwabasebenzi bezempilo.

Esi sigaba sisendleleni eya ekupheleni kwiinyanga nje ezintathu.

Bangaphezu kwama-250 000 abasebenzi bezempilo ukuza kuthi ga ngoku abafumene isitofu sokugonya sakwa-Johnson & Johnson njengenxalenye yolingo lweSisonke.

Sithenge izitofu zokugonya ezili-11 lesigidi zakwa-Johnson & Johnson, esizaziyo ukuba zisebenza ngokufezekileyo nentsholongwane eyahlukileyo egqibayo kwilizwe lethu.

Sithenge ezinye izitofu ezingama-20 esigidi kwaye sigqibezela isivumelwano no-Johnson & Johnson.

Sigqibezela isivumelwano sezitofu zogonyo ezingama-20 esigidi zakwa-Pfizer, esifuna iidosi ezimbini.

Ludibene, olu nikezelo lwezitofu zokugonya luya kuthi lubonelele ngezitofu ezaneleyo zokugonya abantu abazigidi ezingama-41.

Siza kuphinda senze izibhengezo nje ukuba ezi ngxoxo zigqityiwe.

Sikwizigaba ezahlukeneyo zothethathethwano nabavelisi bezinye izitofu abafana no-Sinovac, Sinopharm kunye no-Sputnik V. Abanye baba bavelisi bakwinqanaba lokugqibela lwenkqubo yokwamkelwa kokusetyenziswa kwezi zitofu eMzantsi Afrika.

Ukongeza kwizitofu zokugonya, siza kufumana ngokuthe ngqo ngezivumelwano zethu nabavelisi, siza kufumana ulwabiwo lwezitofu zokugonya ngenzame zeManyano ye-Afrika esazisekayo xa sasibambe isikhundla sikaSihlalo weManyano ye-Afrika.

Nangona kuye kwakho ukulibaziseka ekufumaneni izitofu zokugonya, sisaqinisekile ekuphumezeni iinjongo zethu zokugonya.

Iimfuno zezitofu zokugonya kwihlabathi liphela sele inkulu kwicala lokhuphiswano kodwa senza konke okusemandleni ethu ukukhusela ukubonelelwa ngokwaneleyo kwabantu boMzantsi Afrika nelizwekazi le-Afrika.

Kuye kwafuneka siziqhelanise nokutshintsha tshintsha kwentsholongwane kunye nobungqina obuvelayo malunga nokusebenza kwezitofu zokugonya ezahlukeneyo.

Siza kuqinisekisa ukuba sinezitofu ezaneleyo zokugonya ukuze sifikelele kwinani elaneleyo labemi abakhuselekile ngexesha elifutshane.

Isigaba sesi-2 sicwangciselwe ukuqala phakathi kuCanzibe.

Siyakholelwa ukuba inani elaneleyo elivela kubavelisi liza kufika ngokomlinganiselo njengoko bekuvunyelwene nabo.

Phantsi kweSigaba sesi-2 sinethemba lokugonya abantu bethu kwixesha leenyanga ezintandathu.

Ngokuhambelana nezona ndlela zisebenza kakuhle kumazwe aphesheya, siza kuthi sibeke phambili abo basemngciphekweni omkhulu wokulaliswa esibhedlele kunye nokusweleka, njengabantu abangaphezulu kweminyaka engama-60 kunye nabantu abaphila nezinye izifo zangaphambili.

Isigaba sesibini senkqubo yokugonyela i-COVID-19 sijolise ekuqinisekiseni ukuba siza kulukhusela uluntu lwethu, sithintele iinkonzo zempilo ekubeni zonganyelwe ngumthamo kunye nokunciphisa amathuba okuvalwa athi aphazamise kakhulu imfundo, uqoqosho kunye nobomi bomntu ngamnye.

Ubhaliso lokuba uza kugonywa lucwangciselwe ukuqala kuTshazimpunzi.

Abantu baya kukhuthazwa ukuba babhalise kwi-intanethi, kodwa abo bangenayo i-intanethi baya kuba nako ukubhalisa kwiindawo zobhaliso.

Ukuqinisekisa oko sineziseko ezixhasayo zeendawo zokugonya ezingaphezulu kwama-2 000 ezichongiweyo kwilizwe liphela.

Oku kubandakanya amagumbi oogqirha ngokubanzi, iiklinikhi zasekuhlaleni kunye neekhemesti, iindawo zokuthengisa kwezinye iimeko, amaziko amakhulu afana namabala emidlalo kunye namaziko eenkomfa.

Inkqubo yeDatha yokuGonya yoBuchwephesha isekiwe ukulawula ukunikezelwa kwezitofu zokugonya kwaye isalathisa abantu ngeendawo zokugonya ezikufutshane nalapho bahlala khona.

Le nkqubo iya kukuvumela ukuba ubhalise, ufumane umhla wokugonywa kunye nendawo yokugonya, kwaye ufumane isatifikethi esidijithali okanye iphepha eliphathekayo eliqinisekisa imeko yakho yokugonywa emva kokugonywa.

Wonke umntu oza kugonywa kuya kufuneka abhaliswe kwinkqubo kuqala, kwaye uya kumenywa ukuba ubhalise wakube uvumelekile.

Siza kusebenza ngamaqumrhu ephondo nawezithili nemibutho esekwe ekuhlaleni ukuze sibhalise abo bantu bangenako ukufikelela kwitekhnoloji.

Siphuhlisa iindlela zokuchonga kwaye kubhaliswe abantu abangenamaphepha ukuze nabo bagonywe.

Sisazinikela ekugcineni isizwe sinolwazi kuwo onke amanyathelo athatyathiweyo kwinkqubo yokukhutshwa kwezitofu zokugonya.

Izolo, mna noSekela-Mongameli sindwendwele indawo yemveliso i-Aspen eMpuma Koloni, eza kubandakanyeka ekuveliseni izitofu zika-Johnson & Johnson.

Eli liziko lokuvelisa izitofu zokugonya ezikumgangatho wehlabathi eliphakathi kwamaqondo aphezulu ehlabathini.

Le yimpumelelo enkulu eMzantsi Afrika, ebonisa amandla ethu ekuqhubeni imveliso ephambili.

Ndinqwenela ukuncoma u-Aspen ngokubona kwangaphambili ukuba atyale imali kweli ziko kunye nesantya abasisebenzisileyo ukulungiselela ukuqala imveliso.

Ngaphezulu kwesiqingatha somthamo womzi mveliso - enokuvelisa izitofu ezizigidi ezingama-300 ngonyaka - zizonikelwa e-Afrika.

Ebutsheni bale veki, i-African Vaccine Acquisition Trust ityikitye isivumelwano sokuthenga egameni lamazwe angamalungu eManyano ye-Afrika izitofu zokugonya ezingama-220 ezigidi zika-Johnson & Johnson.

Oku kunokhetho lokongezwa kwezitofu zokugonya ezisigidi esili-180.

Esi sivumelwano sibaluleke kakhulu e-Afrika, hayi kuphela kuba siphumeza ukuzimisela kwethu ukuba akukho lizwe malishiyeke ngasemva, kodwa nangenxa yokuba ezi zitofu ziza kuveliswa kanye apha kwilizwekazi lethu.

Intsebenziswano enkulu phakathi kukarhulumente, amashishini, imibutho yabasebenzi noluntu ingundoqo kwimpumelelo yokunikezelwa kwezitofu zokugonya.

Icandelo labucala liyaqhuba nokudlala indima ebalulekileyo ekuxhaseni iinzame zesizwe.

Sikhuthazwa ngokukodwa kukuzinikela kwecandelo lenkathalelo lwempilo labucala ekusebenzisaneni norhulumente ukwenza ukunikezelwa kwezitofu zogonyo lube yimpumelelo, ngokusebenzisa amandla amakhulu esiwaphuhlisileyo kweli candelo.

Sikwazibulela iinkampani ezininzi ezisebenza ne-Solidarity Fund ngokunikezela ngezibonelelo zemali ekufumaneni nasekunikezelweni kwezitofu zogonyo.

Sincoma iQela lakwa-Vodacom kunye ne-Vodafone Foundation, ngokuthembisa ngama-R87 ezigidi kumazwe ase-Afrika asebenza ngeendawo zokugcina ukubanda kunye namalungiselelo ukuze izitofu zogonyo ze-COVID-19 zihanjiwe ngokukhuselekileyo.

Ukongeza, u-Vodacom uza kusebenzisa iqonga lolawulo lobugcisa elikwiqondo eliphezulu lolawulo logonyo kumazwe angamalungu e-AU, kulandela ukuqaliswa kokunikezelwa ngempumelelo kweqonga elifanayo apha eMzantsi Afrika.

Ndifuna ukumema bonke ababandakanyekayo bethu babucala ukuba baxhase esi sigaba sitsha kumlo wethu nalo bhubhane.

 

Bemi boMzantsi Afrika,

Kwiintsuku nje ezimbalwa, ilizwe liza kuqala ikhefu lonyaka lePasika.

 

Kwabaninzi, eli iza kuba lithuba elamkelekileyo lokuma kwaye uphumle emsebenzini okanye kwizifundo zethu, nakuxinzelelo lweenyanga ezidlulileyo.

Uninzi lwethu luzenzile izicwangciso zempelaveki ezayo.

Abanye bethu baza kube bephuma edolophini; abanye baya kutyelela abahlobo kunye nosapho.

Uninzi lwethu luza kube luzimase iindibano kunye nemibhiyozo.

Kwizigidi zabantu, eli ikwalixesha lokujongana nemiba yenkolo.

Ngelixa inqanaba losasazeko luhleli luzinzile, asinakho ukuyeka ukhuseleko lwethu.

Eli lixesha apho ulumkiso lufuneka kakhulu kunakuqala.

Inyani yile yokuba intshukumo enkulu yabantu, ukuhamba phakathi kwamaphondo, ukusetyenziswa kakhulu kokuhamba koluntu kunye neendibano zibonisa umngcipheko omkhulu wokonyuka kosulelo.

Kwezi ntsuku zimbalwa zidlulileyo, siye safuna iingcebiso zeengcali saza sabonisana nabameli bephondo kunye noorhulumente basekhaya kunye neenkokheli zemveli malunga nokuba ngawaphi amanyathelo ekufuneka enziwe kule mpelaveki izayo ukunqanda ukugqabhuka kosulelo olutsha.

Sithathele ingqalelo izinto ezininzi, kubandakanya neenkcazo ntetho zoluntu lwenkolo malunga namanyathelo okhuseleko abalulekileyo kwindibano ezilindelweyo.

Ngenxa yamanqanaba okusasaza asezantsi kakhulu, sigqibe kwelokuba sigcine ilizwe likwinqanaba lokuQala loLumkiso lwentsholongwane i-corona.

Nangona kunjalo, ngenxa yeemeko ezithile zeli xesha, kufuneka senze uhlengahlengiso olumbalwa.

Eminye yemilinganiselo eya kuhlala ingatshintshanga imi ngolu hlobo lulandelayo:

Ixesha lovalo kungahanjwa lisuka ezinzulwini zobusuku ukuya kwintsimbi yesi-4 kusasa.

Iindawo zolonwabo zoluntu ezifana neelwandle, iipaki kunye namadama ziya kuhlala zivulekile.

Nangona kunjalo, oku kuyakuqhubeka kuxhomekeke kwimithetho engqongqo yezempilo, efana nokupha umgama phakathi komnye nomnye, ukunxitywa kwezigqubuthelibuso.

Imingcwabo iyakuhlala ithintelwe kubantu abali-100 ubuninzi kwaye ingadluli kwiiyure ezimbini zenkonzo

Uhambo phakathi kwamaphondo lusaza kuvunyelwa.

Nangona kunjalo, ndiyabongoza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba banciphise uhambo lwabo kangangoko kwaye baqwalasele yonke imithetho yokuziphatha efanelekileyo yezempilo ukuba abanako ukukuphepha ukuhamba.

Nangona kunjalo, ngokwazi indima yotywala ekuphembeleleni isimilo sokungakhathali, siza kubeka izithintelo kwimpelaveki yePasika.

Ukuza kuthi ga ngoku, ukuthengiswa kotywala bokuselwa kwenye indawo akuvumelekanga kulo Lwesihlanu uzayo, uMgqibelo, iCawe kunye noMvulo.

Ukuthengiswa phakathi kwiivenkile zokutyela, iishebhini kunye nebhari kuya kuvunyelwa, ngokwemiqathango yelayisensi, kude kube yintsimbi ye-23:00 ebusuku.

Bemi boMzantsi Afrika,

Impelaveki yePasika lixesha elibalulekileyo ngokomoya, kunye nokuya kwiinkonzo zonqulo kubalulekile kakhulu kwizigidi zabantu.

KumaKristu, unqulo ebandleni lubalulekile njengenxalenye yokubhiyozela iPasika.

Uluntu lwamaJuda njengangoku lubhiyozela iPasika, kwaye uluntu lwamaSilamsi kungekudala luza kuqala inyanga eNgcwele ye-Ramadan.

Kwezi veki zidlulileyo, sibambe iindibano kunye noluntu lwezenkolo ukufumana izisombululo eziluncedo macala onke kwimingeni yokulawula abantu abaninzi kwiinkonzo zonqulo.

Ukulandela olu thethwano, kuye kwagqitywa ukuba iintlanganiso zonqulo ngeli xesha ziya kuthintelwa kwinani elipheleleyo labantu abangama-250 ngaphakathi ezindlini kunye nama-500 ngaphandle.

Apho indawo incinci kakhulu ukuba ithwale elo nani ngendlela yokugcina umgama phakathi komnye nomnye, ngoko akusayi kuvumeleka ngaphezulu kwama-50 eepesenti omthamo wendawo leyo enokusetyenziswa.

Amabandla akufuneki aqokelelane ngaphandle kweendawo zabo zonqulo, kwaye abantu mabagoduke bangalali emva kwenkonzo.

Ndifuna ukuvakalisa umbulelo wam kubunkokheli boluntu lwezenkolo obuthe basebenzisana kakuhle nathi njengorhulumente.

Kukho ukuvumelana okuqhelekileyo ukuba kufuneka senze konke okusemandleni ethu ukuxhasa abantu bethu ukuba basebenzise inkululeko yabo yenkolo kwaye bagcine ilizwe lethu likhuselekile.

Ngokubhekisele kwezinye iindibano, ezi ziya kuthi zithintelwe kwinani elingekho ngaphezulu kwabantu abangama-250 ngaphakathi endlini kunye nama-500 ngaphandle.

Njengakuqala, xa kuthe kanti indawo leyo incinci ukuba ithwale elo nani ngendlela yokugcina umgama phakathi komnye nomnye, ngoko akusayi kuvumeleka ngaphezulu kwama-50 eepesenti omthamo wendawo leyo enokusetyenziswa.

Siyaqhuba nokubongoza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baziphephe iindibano ukuba bakwiqela elisemngciphekweni, njengabantu abadala kunye nabo baneezigulo abanazo.

Sikwabongoza ukuba iindibano kufuneka zibanjelwe kwiindawo ezingaphandle, kuba zikhuseleke kakhulu kunokuhlanganisa abantu ngaphakathi.

Siza kuwaphonononga la manyathelo kubungakanani bendibano kwiintsuku ezili-15 ezizayo ngokusekwe kwimeko kabhubhane kunye nobungakanani bokuthobela imithetho yezempilo.

Siyaqhubeka nokulandela imithetho siseko yokuba izithintelo akufuneki zibe nzima kakhulu kunokuba kufanelekile ukuthintela ukusasazeka kwentsholongwane.

Siyaqhubeka ukukhokelwa yidatha ngemeko yesifo kunye neengcebiso zeengcali kunye nothethwano olubanzi namaqabane ezentlalo.

Siza kuyibek 'esweni ngokusondeleyo le meko kwaye siza kuphendula ngokukhawuleza kuyo nayiphi na imiqondiso yokuphakama kosulelo kwakhona.

Bemi boMzantsi Afrika,

Lo bhubhane usahleli kunye nathi kakhulu.

Kufuneka sisebenze ngononophelo, kungekuphela kule mpelaveki izayo yodwa kodwa kwiintsuku, iiveki neenyanga ezizayo.

Asazi ukuba ubhubhane wentsholongwane i-corona uya kugqitha nini, kodwa sonke siyayazi into ekufuneka yenziwe.

Siyazi ukuba ukunxiba izigqubuthelibuso esidlangalaleni ngalo lonke ixesha, ukuhlamba rhoqo okanye ukucoceka izandla zethu ngesibulali ntsholongwane sezandla, ukujonga umgama phakathi komnye nomnye kunye nokuzinxwema kwiindawo enezihlwele kuba oko yeyona ndlela isebenzayo yokugcina intsholongwane ikude kuthi.

Nasiphi na isenzo esibeka thina okanye abanye emngciphekweni kufuneka sithintelwe.

Izithintelo ezikhoyo ezenzelwe impilo yethu kunye nokhuseleko kufuneka ziqwalaselwe.

Masibe sisizwe esinoxanduva esihlala sibazi okoko ubukho bentsholongwane.

Masihlale ekhaya okanye kumaqela amancinci.

Masikuthintele ukuba phakathi kwezihlwele ezikhulu kunye neendawo ezingenamoya ungenayo.

Masingayi emingcwabeni ngaphandle kokuba silusapho olusondeleyo kwaye singatyeleli amakhaya abo baswelekelweyo.

Sonke sinendima yethu kule nzame inkulu yesizwe yokuphelisa i-COVID-19.

Masidlale eyethu indima.

Ngeli xesha, xa umyalezo wePasika wethemba, ukuzalwa ngokutsha kunye nokuhlaziyeka kufumana indawo kubomi babaninzi bethu, masincede sizikhusele.

Wanga uThixo angaqhuba nokusikelela uMzantsi Afrika kwaye akhusele abantu bakhe.

Enkosi.

Share this page

Similar categories to explore