INgxelo eyenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa ngeNkqubela-phambili kwiiNzame zeSizwe zokuNqanda ukwanda koBhubhane we-COVID-19

Bemi boMzantsi Afrika,

Ngale njikalanga, ndithanda ukuqala ngokunixelela ngamava esiye sanawo njengesizwe kwiveki enye kumsebenzi esiwenzayo kwinkqubo yezonyango kwelinye lamaphondo ethu.

Phakathi komhla we-14 nowama-20 kweyeThupha kulo nyaka, iSebe lezeMpilo laseNtshona Koloni lenze uluhlu lwamanani abantu abaneminyaka engaphezulu kwama-60 abosuleleke yi-COVID-19.

Bangama-30 kubantu abangama-729 abantu abaneminyaka engaphezulu kwama-60 abebelaliswe esibhedlele ngenxa ye-COVID-19 kula veki ababegonyile.

Oku kuthetha ukuba abangama-699 babo babengagonyanga.

Kwaye, kubantu abangama-292 abaneminyaka engaphezulu kwama-60 abasweleka ngenxa ye-COVID-19 kula veki, abangama-287 kubo babengagonyanga, nto leyo ithetha ukuba babebahlanu kuphela abagonyileyo.

Ngamanye amazwi, iipesenti ezingama-96 zabantu abaneminyaka engaphezulu kwama-60 abebelaliswe esibhedlele kwela phondo nangaphezulu kweepesenti ezingama-98 zabantu abaneminyaka engaphezulu kwama-60 abaswelekayo babengagonyanga.

Ipateni ebukufana nale ivelile kwizibhedlele ezikwilizwe liphela.

Siyazi ukuba umntu ogonyileyo usengasuleleka kwaye usengayigqithisela le ntsholongwane kwabanye abantu.

Kodwa into esiyibonayo yeyokuba bambalwa kakhulu abantu abagonyelwe i-COVID-19 abagula kakhulu ngenxa yesi sifo, kwaye bambalwa kakhulu abaphetha bekwigumbi labagula kakhulu esibhedlele okanye bedinga oomatshini bokuphefumla.

Eyona nto ibaluleke kakhulu kukuba aphantsi kakhulu amathuba okuba abantu abagonyelwe i-COVID-19 basweleke ngenxa yesi sifo.

UMzantsi Afrika uye usiba liziko lokugonya ngokukhawuleza.

Ngaphaya kwekota yabo bonke abantu abadala eMzantsi Afrika bafumene ubuncinane bethamo elinye lechiza lokugonya kwaye ngaphaya kwezigidi ezisi-7 zabantu bagonywe ngokuphelelelyo.

EMpuma Koloni, eLimpopo naseNtshona Koloni, ngaphaya komnye kubantu abadala abahlanu ngoku bagonywe ngokupheleleyo.

Inani elipheleleyo lamathamo amachiza okugonya asetyenzisiweyo kweli lizwe ngoku limi kwizigidi ezili-14.6.

Ngoku sinika isigidi samathamo rhoqo kwiintsuku ezine ukuya kwezintlanu.

Urhulumente ufumene amachiza okugonya oneleyo ukugonya bonke abantu abadala, kwaye izixa azisekho phantsi koxinzelelo.

Kodwa, kufuneka senze kakhulu ngaphezu koku.

Kwaye senza nangakumbi njengokuba siphucula iindlela zethu zokusebenza.

Sandisa isantya sokugonya kwaye siqinisekisa ukuba sifikelela kwabona bantu basesichengeni sokugula kakhulu.

Nangona wonke umntu oneminyaka eli-18 nangaphezulu eselungelweni lokugonya, sigxile iinzame nezixhobo zethu kwabo baneminyaka engama-60 kunye nabo baneengcinamzimba.

Ukuza kuthi ga ngoku, sele kugonywe ngaphaya kweepesenti ezingama-57 zabantu abaneminyaka angaphezulu kwama-60.

Le yimpumelelo enkulu, kodwa kufuneka sifikelele kubo bonke.

Sifumanisa ukuba kukho abasetyhini abaninzi kunamadoda abaza ngaphambili baze kugonyelwa i-COVID-19.

Nangona amanani ephucuka, amadoda asasilela ekuzeni ngaphambili ukuza kugonya.

Sisasaza umyalezo ngazo zonke iilwimi ukuqinisekisa ukuba abantu bayayiqonda into yokuba la machiza okugonya akhuselekile, ayasebenza kwaye asimahla.

Abantu abaninzi kwihlabathi jikelele bayagonywa, kwaye sele kusetyenziswe ngaphaya kweebhiliyoni ezintlanu ezinesiqingatha kwihlabathi liphela ukuza kuthi ga ngoku.

Kukho ubungqina oboyikisayo obusuka kumazwe angamakhulu khulu bokuba amachiza okugonya akhuselekile kwaye anika ukhuseleko olumandla.

Sithabathe amanyathelo okwenza kube lula ukuba abantu bafikelele kugonyo nokuba baphi.

Ngoku sinamaziko abucala nakarhulumente angaphaya kwama-3 000 kwilizwe jikelele, kwaye uninzi lwamaziko abucala aza kugonya nabani na simahla nokuba unaso isicwangciso sezempilo okanye akanaso.

Ndifuna ukugxininisa ukuba inkqubo yokugonya ivuleleke kubo bonke abantu eMzantsi Afrika, nokuba bangabemi boMzantsi Afrika okanye hayi.

Kubalulekile ukukhumbula ukuba le yintsholongwane entsha elingazange ladibana nayo ihlabathi.

Nangona kungekho mntu onokuqikelela ukuba le ntsholongwane iza kuguquka kwakhona, uluntu lwezobunzululwazi luphuhlise iindlela ezintsha zokulandelela ukuvela kweentlobo ezintsha.

Ukuba abantu abaninzi abagonywa baze bahlale besesichengeni sosuleleko, amathuba okuvela kweentlobo ezintsha nezinobungozi nangakumbi makhulu kakhulu.

Yiyoo loo nto ngoku amachiza okugonya esesona sixhobo sibukhali esinaso sokulwa lo bhubhane.

Okona sikhawuleza ukugonya sonke, kokona siza kukwazi ukukhawuleza ukuvulela ababukeli iindawo zezemidlalo.

Okona sikhawuleza ukugonya kokona siza kukhawuleza ukwazi ukwamkela abakhenkethi kwilizwe lethu elihle.

Ukuba sonke sigonyile, kokona siza kukhawuleza ukwazi ukudibana nabahlobo neentsapho, kokona siza kukwazi ukukhawuleza sibuyele kwii-ofisi nezinye iindawo zokusebenza.

Xa sigonyile, siza kukwazi ukubuyisela uqoqosho lwethu ekusebenzeni ngokupheleleyo ze sidale imisebenzi edingwa lilizwe lethu.

Okona kubalulekileyo, xa sigonyile, siza kukwazi ukubuyisela zonke ezinye iingenelelo zethu ezibalulekileyo zezempilo ze siphelise ubunzima obusemagxeni abasebenzi bethu bezempilo.

Kukumntu ngamnye kuthi ukuqinisekisa iintsapho zethu, abahlobo kunye noogxa bethu ukuba ukugonya kukhuselekile nokuba kungasindisa ubomi babo.

Ukugqibela kwam ukuthetha nesizwe, sasijonge kwinkcochoyi yetyeli lesithathu losuleleko, eliqhutywa luhlobo lwentsholongwane oluyi-Delta.

Uhlobo oluyi-Delta lugqithiseka kakhulu nangakumbi kuneentlobo zangaphambili, kwaye ngenxa yokuba losulela abantu abongezelelekileyo, lubeka ubunzima obukhulu kwiinkonzo namaziko ethu ezempilo.

Satsho ngela xesha ukuba ityeli lesithathu liza kuba qatha nangakumbi ze lihlale ixesha elide ngaphezu kwamatyeli amabini angaphambili, kwaye oko kubonakele kuyinyaniso.

Nangona ityeli lesithathu lingekapheli, sibone ukwehla okukhulu kusuleleko kwilizwe liphela kwezi veki zimbalwa zigqithileyo.

Umyinge wamanani osuleleko olutsha imihla ngemihla kule veki iphelileyo lungaphantsi ngeepesenti ezingama-29 kuneentsuku ezisixhenxe eziphambi kwazo, kwaye ungaphantsi ngeepesenti ezingama-48 kuneentsuku ezisixhenxe eziphambi kwezo.

Nangona inkcochoyi yetyeli lesithathu yaba seRhawutini kwangoko kakhulu kwaye yehla ngokukhawuleza kakhulu kunamanye amaphondo, ngoku kukho ukwehla okubonakalayo kuwo onke amaphondo.

Amaphondo amabini agqamileyo kunamanye nguMntla Kapa ngeFreystata, apho amanani osuleleko njengoba inani loluntu luhleli luphezulu iinyanga ezininzi.

Ngoko ke singqalise iinzame zethu kula maphondo ukuqonda ukuba yintoni eqhuba olu suleleko nokuba ngawaphi amanyathelo esiwadingayo ukuze silwehlise.

Njengokuba usuleleko lusehla kuwo onke amaphondo, iKomiti yabaPhathiswa eCebisa nge-COVID-19 icebise ukuba sinyenyise izithintelo zeentshukumo zabantu nezeendibano.

Ezi ngcebiso zixoxiwe kwiBhunga leSizwe eliLawula iNtsholongwane ye-Corona kunye neeNkulombuso, oosodolophu neenkokheli zomthonyama ezikwiBhunga eliQuquzelayo likaMongameli. Zikwaxoxwe neenkokheli zamaqela ezopolitiko amelwe ePalamente kunye nemibutho yezenkolo.

Ngokusekelwe kwezi ngxoxo, iKhabhinethi ithabathe isigqibo sokuba ilizwe lisuswe kwiNqanaba lesi-3 lesiLumkiso esiNyenyisiweyo libekwe kwiNqanaba lesi-2 lesiLumkiso esiNyenyisiweyo ukususela ngomso, uMvulo, umhla we-13 kweyoMsintsi 2021.

Oku kuthetha ukuba:

  • Iiyure zexesha lokuba sezindlini ngoku ziza kuqala ngentsimbi ye-11 ebusuku ukuya kutsho ngeye-4 kusasa.
  • Iindawo ezingengondoqo ezifana neerestyu, iibhari, neendawo zokuzilolonga kuza kufuneka ukuba zivale ngentsimbi ye-10 ebusuku. Oku kwenzelwa ukuba abasebenzi nabaxhasi bakwazi ukuya kufika emakhayeni abo phambi kokuba kuqale ixesha lokuba sezindlini.
  • Zonke iindibano ziza kuqingqwa kubuninzi babantu abangama-250 phakathi endlini nabangama-500 ngaphandle.

Ukuba indawo incinci kakhulu ukuba ingonela onke la manani kube kukho ukuchaselana okufanelekileyo, makungasetyenziswa ngaphezulu kweepesenti ezingama-50 zomthamo waloo ndawo.

Oku kuquka iinkonzo zezenkolo, imisitho yezopolitiko kunye neendibano zolonwabo, kwakunye neerestyu, iibhari, iithaveni neendawo ezifana nazo.

  • Ukuthengiswa kotywala obuza kuselelwa kwenye iindawo ezivenkileni kuza kuvunyelwa phakathi kwentsimbi ye-10 kusasa neyesi-6 emalanga ukususela ngoMvulo ukuya kutsho ngoLwesihlanu.
  • Ukuthengiswa kotywala obuza kuselelwa kuloo ndawo kuza kuvunyelwa ngokwemiqathango yephepha-mvume de kube yintsimbi ye-10 ebusuku.

Ukuselwa kotywala esidlangalalleni akukavumeleki.

La manyathelo aza kuphononongwa emveni kweeveki ezimbini, ngokuxhomekeke kwimo kabhubhane.

Siza kunika neenkcukacha ngendlela yokwenza ‘amapasi ogonyo’, angasetyenziswa njengobungqina bogonyo kwizidingo nemisitho eyahlukeneyo.

Amanyathelo amaninzi abalulekileyo asemi ngomumo.

Kusanyanzelekile ukuba wonke umntu anxibe isigqubutheli-buso esigquma impumlo nomlomo wakhe ngalo lonke ixesha xa esesidlangalaleni.

Kululwaphulo-mthetho ukungenzi njalo, kwaye abaphathi beevenkile neerestyu kwakunye nabaqhubi beeteksi neebhasi banoxanduva lokuqinisekisa ukuba abathengi babo banxiba izigqubutheli-buso, nokuba amanyathelo afanelekileyo okuchaselana ayalandelwa.

Izingcwabo zisaqingwe kubantu abangekho ngaphezulu kwama-50, kwaye, njengaphambili, imilindo, iindibano zasemveni kwesingcwabo kunye neendibano ze-‘after tears’ azivumelekanga.

Siyakwazi ukunyenyisa ezi zithintelo ngenxa yeenzame zabo bonke abemi boMzantsi Afrika abalandela imithetho kunye namanyathelo ezempilo asisiseko.

Sibulela ingakumbi kulo macandelo asekuhlaleni aye anyamezela izithintelo kwiintshukumo zawo ixesha elivakalayo.

Apha ndithetha ngoluntu lwezenkolo zonke, obelungakwazi ukunqula nokunakekela izidingo zabakhonzi babo ngendlela abaqhele ukwenza ngayo.

Ndithetha ngabezenkcubeko, abaxhasi, abaculi kunye nabasebenzi bezenkcubeko ekuye kwafuneka bafumane ezinye iindawo zokwenza umsebenzi wabo nabathe banyamezela ubunzima obukhulu.

Ndithetha ngabanikazi beerestyu, iibhari, iithaveni, iihotele, iindawo zeenkomfa kunye nezinye ezikwicandelo lokunakekela abantu ababone ukwehla okukhulu kumashishini abo.

Siyabuqonda obu bunzima kwaye siza kuqhubeka nokukhangela iindlela, ezisemandleni ethu, zokuxhasa la macandelo nokuthabatha amanyathelo okwenza kwazeke ukuvuselela.

Inkqubo yokugonya inika ithuba lokuvula ezinye iindawo ezininzi ebezihleli zivaliwe, kwaye siyaqhubeka ukusebenza nawo onke amaqabane ethu ukufumana eyona ndlela ikhuselekileyo nekhawulezayo yokwenza oku.

Ifuna ukugxininiswa into yokuba ityeli lesithathu alikapheli, kwaye kungezenzo zethu kuphela – singabanye nangokudibeneyo – apho siza kukwazi ukucutha inani labantu abatsha abosulelekayo.

Sakube sikwenzile oko, into engundoqo kuthi kufuneka ibe kukuthintela ukuvuka kwakhona kosuleleko.

Owona msebenzi ungxamisekileyo esijongene nawo kukugonya uluntu lwethu ukuze kukhuseleke abantu abaninzi kangangoko ekuguleni okuqatha okanye ekufeni phambi kokuba luvuke kwakhona usuleleko.

Okona beba baninzi abantu abagonywayo phambi kweyoMnga, kokona kungalindelekanga ukuba sifumane amava etyeli lesine ngexesha leeholide.

Esi sesona sizathu sibalulekileyo sokuba sonke thina singekagonyi siye kwiziko lokugonya ukuze sikhuseleke.

Kufuneka sisithathele ingqalelo isidingo sokuqinisekisa ukuba amakhaya ethu, iindawo esisebenzela kuzo nazo naziphi na iindawo abadibana kuzo abantu zinomoya ongenayo nophumayo.

I-COVID-19 igqithiseka ngomoya, ngoko ke, kumelwe ukuba sonke sibenexhala xa sizibona sikwindawo evalekileyo engenamoya waneleyo ongenayo nophumayo.

Abo banoxanduva lokuququzelela iintlanganiso ezingaphakathi kumelwe ukuba baqinisekise ukuba kukho umoya owaneleyo ohambahamba kuloo ndawo.

Kwiintsuku ezingama-50 ngqo, abemi boMzantsi Afrika baza kuya kuvota kunyulo loorhulumente basemakhaya.

Kubalulekile ukuba xa sisenza esi senzo sibalulekileyo sentando yesininzi, senze konke okusemandleni ethu ukuba sithintele ukuvuka kwakhona kosuleleko lwe-COVID-19.

Ngaxesha-nye, kufuneka siqinisekise ukuba lo bhubhane awuthinteli ukwazi kwabemi boMzantsi Afrika ukwenza into elilungelo labo lentando yesininzi lokonyula ooceba basekuhlaleni ngokukhululekileyo

Lo ngumba endiwuxoxe neenkokheli zamaqela ezopolitiko ebutsheni beveki, kwaye kukho onke amaqela azibophelele ekubeni ukugayela unyulo iivoti kumelwe ukuba kulandele imithetho yemeko yentlekele nayo yonke imithetho yezempilo.

Sikhuthaza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba balandele ilungelo labo lokugaya iivoti ngokuthabatha uxanduva baze babonakalise inkathalo yokukhusela iimpilo zabo nezo zabanye abantu.

Ngethuba siqinisa umlo wethu ngakwi-COVID-19, asikwazi ukungamnanzi lo omnye ubhubhane owenza imbandezelo nomonakalo kuluntu lwethu.

Sisandula ukugqiba iNyanga yooMama, apho besicwangcise ukubhiyozela impumelelo yoomama kumacandelo amaninzi.

Endaweni yoko, ilizwe lethu libe lingqina lohlaselo olukhohlakeleyo ngamadoda ngakoomama.

Kule nyaka nje kuphela, kubekho ulwaphulo-mthetho oluninzi ngakoomama namantombazana.

Kubekho umfundi wezomthetho wase-Fort Hare, uNks Nosicelo Mtebeni, obulewe waza wanqunqwa amalungu omzimba eMonti; kubekho umfundi webanga lokuqala wase-Khensani Primary School eSoshanguve, oye wadlwengulelwa kwindlu yangasese yesikolo; kukho uNks Palesa Maruping, ofunyenwe ejinga kwisilingi yendlu kwiLokishi yaseKhuma kuMntla Ntshona; kunye noNks Pheliswa Sawutana, okrwitshwe wade wafa kwilokishi yamatyotyombe eyiKosovo eKapa.

Ezi zezinye nje zezehlo ebezisezindabeni; zikhona ezinye ebezingekho kuzo.

Ezi zenzo zobundlobongela zoyikisayo azikwazi ukungohlwaywa.

Kufuneka ziqinise isigqibo sethu sokuphelisa zonke iimo zobundlobongela obusekelwe kwisini.

Kufuneka siqinise iinzame zethu macala onke.

INdlu yoWiso-Mthetho yeSizwe iphumeze umthetho obalulekileyo oza komeleza inkqubo yezobulungisa kulwaphulo-mthetho ze iqinisekise izohlwayo ezingqongqo kwabo bafunyaniswe benetyala lobundlobongela obusekelwe kwisini.

Izindlu zamatyala ziye zisonyusa ukuwisa izigwebo zobomi entolongweni kwabo bagwetyelwe ukudlwengula abo baneminyaka engaphantsi kweyokunika imvume, ukuphanga nezohlwayo ezimandundu ezibandakanya ukudlwengula.

Siqhubeka nokumisela iintsika zeSicwangciso seSizwe seQhinga elinxamnye nobuNdlobongela obuSekelwe kwiSini nokuBulawa kwabaseTyhini.

Ekugqibeleni, impumelelo yalo msebenzi ixhomekeke kumanyathelo esiwathabathayo ukuphelisa lo bhubhane wobundlobongela ngakoomama nabantwana.

Kwakhona, ndinqwenela ukuhlaba ikhwelo kumadoda eli lizwe ukuba aqonde ukuba amalungelo nenkululeko aqinisekiswa nguMgaqo-siseko wethu ngawomntu wonke, amadoda namabhinqa nokulinganayo.

Siqhubeka nokumisela amanyathelo okuncedisa amakhaya, abasebenzi, namashishini achatshazelwe ngulo bhubhane nabubundlobongela basesidlangalaleni obenzeke kwiindawo ezithile KwaZulu-Natal naseRhawutini ngeyeKhala.

Oko sivule izicelo sezibonelelo ezikhethekileyo seSiqabu soLutu soXinzelelo kwiveki yokuqala kweyeThupha, sifumene izicelo eziphantse zibe zizigidi ezili-13.

Kwezi, izicelo ezizigidi eziyi-8.3 ziphunyeziwe, kwaye iintlawulo sele ziqalile ukungena kwaba bamkeli.

Izicelo ezigqitha kancinci izigidi eziyi-3.7 zaliwe, ikakhulu ngenxa yokuba abafaki-zicelo baneminye imithombo yengeniso echongiweyo okanye babhaliselwe uncedo olufana ne-UIF ne-NSFAS.

Izicelo ezimalunga ne-845 000 zisekwinkqubo yokuqinisekiswa.

Kunye namanye amanyathelo esiwabekileyo, esi sibonelelo sinika uncedo olubalulekileyo kubemi boMzantsi Afrika abangaqeshwanga ngeli xesha linzima kakhulu.

Bemi boMzantsi Afrika,

Oko kwaqhambuka lo bhubhane, oko sigadene, kwaye sikhuselelene.

Njengokuba izigidi zabantu sele zigonyiwe kwaye kusekhona izigidi zamathamo kwisitokhwe, sisondela nangakumbi ekunqandeni lo bhubhane ukuba unganwenwi.

Kungekudala kuza kufika usuku apho siza kukwazi ukudibana ngaphandle kwezithintelo, sigcwalise amabala ezemidlalo neendawo zomculo, sikhenkethe ze sihamba-hambe sikhululekile ngaphandle koloyiko lokugula okanye ukulahlekelwa ngabo sibathandayo.

Ukuba olo suku lufika ngokukhawuleza kangakanani kuxhomekeke entweni eye: ukuba bangaphi kuthi abagonywayo nokuba ngokukhawuleza okungakanani.

Sele soyise amatyeli amathathu osuleleko ngenxa yokuzimisela kwethu sonke nokuthobela kwethu izithintelo zezempilo ezisisiseko.

Masikwenze ubizo lwethu ukugonya abantu abaninzi kangangoko, ukuze sikwazi ukuqhubela phambili nomsebenzi wokwakha uqoqosho lwethu nobomi bethu kwakhona.

UThixo asikelele uMzantsi Afrika aze akhusele abantu bakhe.

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore