INgxelo eyenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa ngeNkqubela-phambili kwiiNzame zeSizwe zokuNqanda ukwanda koBhubhane we-COVID-19

Bemi boMzantsi Afrika,

Lo Lwesihlanu uzayo uphawula unyaka omnye ukususela kumhla ekwachazwa ngawo isehlo sokuqala sentsholongwane ye-corona eMzantsi Afrika.

Ukususela ngoko, sele kosuleleke abantu abangaphaya kwesigidi esinesiqingatha eMzantsi Afrika kwaye iingxelo zithi ngabantu abaphantse babe ngama-50 000 ababulewe sesi sifo.

Zininzi izinto ezitshintshileyo kwilizwe lethu nakubomi bethu.

Kodwa umoya wabantu bethu awukatshintshi.

Ninyamezele ubunzima obukhulu kakhulu, kodwa nisomelele, nisamanyene kwaye nisenethemba.

Ngoku, emva konyaka yafikayo le ntsholongwane okokuqala kunxweme lwethu, sinendlela ecace gca eya ekunqandeni ukwanda kosulelo, ekugqibeleni, nokoyisa esi sifo.

Kwisithuba nje esingaphantsi konyaka, uluntu lwehlabathi lwezenzululwazi luphuhlise, lwavavanya lwaze lwavelisa amachiza okugonya amaninzi akhuselekileyo nasebenzayo ekulweni esi sifo. 

Iinzululwazi zoMzantsi Afrika namaziko ophando abe negalelo elibalulekileyo kwezi nzame kwaye afake igalelo kulwazi lwehlabathi malunga nesi sifo, kuquka ukuvela kweentlobo ezintsha zentsholongwane.

Kudala saba noluvo oluthi ichiza lokugonya liya kuba lelona nyathelo lethu elisisigqibo esisiso sokulwa ne-COVID-19, kwaye ukwenza oko samisela iinkqubo kwinqanaba lezwekazi nelesizwe ukulungiselela ukufumaneka kwechiza lokugonya elisebenzayo.
Njengamazwe amaninzi, siyiqalile inkqubo yethu yokugonya.

Kwezi ntsuku zilishumi siyiqalile inkqubo yethu yokugonyela intsholongwane ye-corona, sekugonywe ngaphaya kwabasebenzi bezempilo abangama-67 000 – abasebenza phambili kumlo wethu ne-COVID-19.

Isixa esitsha samathamo echiza lokugonya lakwa-Johnson & Johnson sifikile kweli lizwe izolo, kwaye siye silonyusa inani lamathamo akhutshwayo yonke imihla.

Isiqalo sephulo lethu lokugonya sihambe kakuhle kakhulu.

Sibonise izinto esinokuzenza xa sisebenzisana singurhulumente, uluntu lwezenzululwazi necandelo labucala.

Onke amaphondo amisele iindawo zokugonyela kwaye anezicwangciso zokukhulisa le nkqubo ngokuye isiba nomfutho.

Inani leendawo zokugonyela eziza kufumaneka liza kwandiswa kule veki izayo lisuke kwezili-17 liye kwezingama-49. 

Kwezi ndawo zingama-49, ezingama-32 ziza kuba kwizibhedlele zikarhulumente ze ezili-17 zibe kwizibhedlele zabucala.
Oku kuquka iindawo ezisemaphandleni ukuphucula ukufikelela kubasebenzi bezempilo abakwiindawo ezisemaphandleni.
Kwakube kugqityiwe ukugonywa kwabasebenzi bezempilo, siza kuqalisa isigaba sesibini sokugonya ekupheleni kwekaTshazimpuzi okanye ekuqaleni kwekaCanzibe.

Isigaba sesibini siza kuquka abantu abolupheleyo, abasebenzi abasisiseko, abantu abahlala okanye abasebenza kwiindawo ezingamaziko kunye nabo banezigulo abaphila nazo.

Kwesi sigaba, siza kuvula ezinye indawo ezongezelelekileyo zokugonya kwicandelo lezempilo likarhulumente nelabucala ukuze sikwazi ukufikelela kubantu abaninzi ngelona xesha lifutshane ekwazeka ngalo.

Sisandula ukutyikitya isivumelwano no-Johnson & Johnson ukuqinisekisa ukuba sifumana amathamo azizigidi ezili-11.

Kula mathamo, azizigidi eziyi-2.8 aza kuhanjiswa kwikota yesibini ze aseleyo asasazwe apha enyakeni.

Sikwaqinisekise ukuba sifumana amathamo azizigidi ezingama-20 kwa-Pfizer, aza kufika kweli ukususela kwikota yesibini.

Ngaphaya koko, siqinisekise ukuba sifumana amathamo echiza lokugonya azizigidi ezili-12 kwiziko le-COVAX kwaye sikwinkqubo yokugqibezela iingxoxo zokufumana kwethu isabelo sethu samathamo asuka kwiManyano ye-Afrika.

Sisoloko sithethathethana nabanye abavelisi abaninzi bamachiza okugonya ukuqinisekisa ukuba sinezixa ezidingekayo zamachiza okugonya xa sizidinga.

Bemi boMzantsi Afrika,

Ukugqibela kwam ukuthetha nani, ekuqaleni kwale nyanga, ilizwe beligqithe kwityeli lesibini losulelo lwentsholongwanye ye-corona.

Ityeli lesibini ebeliqhutywa luhlobo olutsha lwale ntsholongwane, libe nentshabalalo enkulu nangaphezulu kwaye libe ngunobangela wokuphulukana kwabantu abaninzi nobomi ngaphezulu kwelokuqala.

Kucacile ngoku ukuba eli lizwe ligqithile kwityeli lesibini.

Amanani abantu abatsha abosulelekayo, abalaliswa ezibhedlele nabaswelekayo ehle kakhulu kwaye asaqhubeka nokwehla ngokuthe chu.

Kule veki esandula ukugqitha, eli lizwe lishicilele inani labantu abatsha abosulelekileyo elingaphantsi nje kwama-10 000.

Kwisithuba senyanga esigqithileyo, kwiveki yokugqibela yeyoMqungu, eli lizwe lishicilele izehlo ezitsha ezingaphaya kwama-40 000. 
Kwinyanga ephambi kwaleyo, kwiveki yokugqibela yeyoMnga, eli lizwe lishicilele izehlo ezitsha eziphantse zibe ngama-90 000.

Oku kwehla kubaxekileyo kwezehlo kwisithuba seeveki ezisibhozo kungenxa yendibanisela yamanyathelo oluntu ezempilo athe azisa, utshintsho kwiindlela zokuziphatha nokwanda kokhuseleko kwabo bebosulelekile kwiindawo zethu zokuhlala. 

Siyakwazi ukuphuma kwityeli lesibini ngenxa yokuba abantu abaninzi bathe bathobela izithintelo eziqatha nangakumbi baza balandela imithetho esisiseko yezempilo, kuquka ukunxiba izigqubutheli-buso esidlangalaleni nokuchaselana.

Amanyathelo ebesiwamisele ngeyoMnga ebenyanzelekile ukuze kunqandwe ukusasazeka kosulelo ze kuthintelwe nokonganyelwa kwamaziko ethu ezempilo.

Ebenyanzelekile ukuze kusindiswe ubomi babantu.

Kuye kwanyanzeleka ukuba sithabathe la manyathelo sisazi ukuba abeka izithintelo kubomi bemihla ngemihla bomntu wonke kweli lizwe. Aye enza inkxamleko enkulu kubantu abaninzi.

Kwaye nangona senze konke okusemandleni ukugcina uqoqosho luvuliwe, besisazi nokuba kukho amanye amacandelo oqoqosho ebeza kuchaphazeleka nabengazukwazi ukusebenza ngokupheleleyo.

Indlela yethu yokwenza oko yaba yeyokuba izithintelo zingahlali zikho ixesha elide kunelo linyanzelekileyo ukunqanda ukwanda kwesi sifo.

Ngenxa yokwehla kwamanani osulelo, ngoku ilizwe lingakwazi ukunyenyisa izithintelo zentshukumo nokwenza izinto.

Kwakhona, oku sikwenza ngononophelo.

Nasemveni kwexesha elidana lokuba namanani aphantsi osasazeko, siyibonile indlela elingonyuka ngalo ngokukhawuleza inani labantu abatsha abosulelekayo kwaye ngaphandle kwesilumkiso.

Ngokusekelwe kuvavanyo lwemeko esikuyo ngoku kulo bhubhane kweli lizwe, ebutsheni bemini yanamhlanje, iKhabhinethi igqibe kwelokuba isuse ilizwe kwiNqanaba lesi-3 lesiLumkiso se-Ntsholongwane ye-corona liye kwiNqanaba loku-1 lesiLumkiso.

Eli nqanaba litsha lesilumkiso liza kuqala ebudeni bobubusuku banamhlanje emveni kokuba le mimiselo ishicilelwe kwiphepha-ndaba lombuso.
Oku kuza kuthetha ukuba:

  • Iiyure zexesha lokuvaleleka ngoku ziza kuqala ngentsimbi ye-12 ezinzulwini zobusuku de kube ngentsimbi ye-4 ekuseni.
  • Iindibano ziza kuvunyelwa, kodwa phantsi kwemilinganiselo yenani, ukulandela umthetho wokuchaselana kunye neminye imithetho yezempilo.

Ezi ziquka iindibano zenkolo, ezolonwabo, ezopolitiko, nezenkcubeko.

  • Elona nani liphezulu livumelekileyo kuyo nayiphi na indibano li-100 labantu xa kuphakathi kwesakhiwo nama-250 abantu xa kuphandle. Xa indawo yendibano incinci kakhulu ukuba lingonela lonke eli nani kube kuchaselwene ngokukuko, akuvumelekanga ukuba kusetyenziswe ngaphezulu kwesiqingatha somthamo waloo ndawo.
  • Imilindo okanye ezinye iindibano zaphambi nasemveni kwezingcwabo azikavunyelwa.
  • Iindawo zolonwabo zasebusuku ziza kuhlala zivaliwe.
  • Ukuthengiswa kotywala kuza kuvumeleka, ngokwemilinganiselo yesiqhelo yeelayisenisi. Kodwa, akuvumelekanga ukuthengiswa kotywala ngexesha lovaleleko. 
  • Ukunxitywa kwezigqubutheli-buso kwiindawo zikawonkewonke kusanyanzelekile, kwaye ukungazinxibi xa kunyanzelekile kuselulwaphulo-mthetho.
  • Imida engama-33 ebisoloko ivaliwe kweli xesha iza kuqhubeka nokuvalwa, ngethuba le ingama-20 iza kuhlala ivuliwe.
  • Zintlanu kuphela izikhululo zeenqwelo-moya eziza kuvulelwa uhambo oluya kwamanye amazwe kube kukho amanyathelo olawulo losulelo asisiseko. Ezi zizikhululo i-OR Tambo, Cape Town (Kapa), King Shaka, Kruger Mpumalanga kunye ne-Lanseria

Njengokuba sinyenyisa izithintelo, asikwazi ukulala emqokozweni.

Izithintelo ezimbalwa ezisashiyekileyo kwiNqanaba loku-1 lesiLumkiso zidalelwe ukugcina amanqanaba aphantsi osulelo kwaye, ingakumbi, ukuthintela imisitho ekusasazeka kuyo kakhulu usulelo.

Olu hlobo lutsha lwentsholongwane – olwaziwa ngokuba yi-501Y.V2 – lulo ngoku olona lugqubayo kweli lizwe.

Olu hlobo lutsha lugqithiseka lula nangakumbi, lunamandla okosulela abantu abongezelelekileyo, lubeke uxinzelelo olukhulu nangakumbi kwinkqubo yethu yezempilo ze lukhokelele ekuswelekeni kwabantu abaninzi nangakumbi.

Ngoko ke, ukuchaselana kubaluleke nangakumbi ngoku.
Ukunxiba isigqubutheli-buso nokulumkela ukuba phakathi kweenginginya kubaluleke kakhulu nangakumbi.

Kwaye kubaluleke nangakumbi ngoku ukufaka i-app i-COVID Alert SA kwiiselula zethu.

Abemi boMzantsi Afrika abaphantse babe zizigidi ezimbini sele besebenzisa i-app i-COVID Alert SA yeeselula ukuze baziswe ukuba baye batyhileka kule ntsholongwane.

Nceda uyokwenza uvavanyo ukuba unazo naziphi na iimpawu ze-COVID-19.

La manyathelo awenzelwanga ukukhusela umntu ngamnye kuthi nje kuphela, kodwa enzelwe ukukhusela nabo sibathandayo nesikhathalayo ngabo.

Ukulandela la manyathelo kumalunga nokukhusela isiqu sakho, usapho lwakho, noluntu lwakho.

Kumalunga nokuthabatha uxanduva nokukhathala.

Kufuneka siqhubeke nala manyathelo nangethuba abantu abaninzi begonywa.

Amachiza okugonya awehlisa ngendlela ebonakalayo amathuba okuba umntu abe neempawu nokuba agule kakhulu, kwaye acutha izinga jikelele losulelo kuluntu.

Ngoko ke kufuneka sibone amachiza okugonya njengelinye lamanyathelo esinawo kwizixhobo zethu zokunqanda ukusasazeka kukabhubhane wentsholongwane ye-corona.

Njengoko besikhe satsho ngaphambili, amachiza okugonya ngoku alelona nyathelo elisebenzayo esinalo.

Nangona kunjalo, siza kukwazi ukumoyisa lo bhubhane ngokupheleleyo xa siqhubeka nokulandela onke amanyathelo okuthintela.

Kufuneka sikwenze konke oku ukuze soyise lo bhubhane nokuze sikhawulezise ukuchacha kwakhona koqoqosho lwethu.

Kufuneka sikwenze oku ukuze sivuselele ilizwe lethu ukuze likhule kwakhona ze sibuyisele abantu emisebenzini.

Nangona iintshukumo zoqoqosho zibuyela kundalashe, nangethuba sikhupha iinkqubo zethu zokuvuselela ingqesho nezokutyala kwizixhobo nezakhiwo zelizwe, nangethuba siqalisa uhlaziyo lwezoqoqosho ngokungxama okongezelelekileyo, amashishini amaninzi asasokola.
Abantu abaninzi abakabi namisebenzi nangoku kwaye amakhaya amaninzi asaziva iziphumo zokulahlekelwa luninzi lwengeniso yawo.
Njengoko bendibhengezile kwiNtetho engoBume beSizwe, siye ke salandisa ixesha leSibonelelo esiKhethekileyo se-COVID-19 ngezinye iinyanga ezintathu, de kube sekupheleni kwekaTshazimpuzi.

Sikwandise inkxaso ekhethekileyo yemivuzo ye-UIF ye-COVID-19 kude kube ngumhla we-15 kweyoKwindla 2021 senzela loo macandelo oqoqosho angakhange akwazi ukusebenza kweli xesha.

La manyathelo afumaniseke esebenza kakhulu ekucutheni ifuthe lezoqoqosho lalo bhubhane kwabanye babona bantu basesichengeni kuluntu lwethu.

Kodwa izimali zelizwe lethu ziphantsi koxinzelelo olukhulu, kwaye asizukwazi ukugcina amanyathelo anje oncedo eqhuba ixesha elingenasiphelo.

Ukubuyela kwiNqanaba loku-1 lesiLumkiso kuthetha ukuba uninzi lwezithintelo ezisamileyo kwiintshukumo zoqoqosho lususiwe.

Silindele ukuba oku kukhokelele kwinkcitho eyongezelelekileyo, yomelezwa kukuchacha kwakhona okuthe chu kwengqesho.

Silindele ukuba amashishini aqhubeke nezicwangciso anokuba ebezibeke ecaleni.

Njengokuba siqalisa olunye uhlaziyo lweendlela esenza ngazo izinto, oku kuza kumilisela amahlumelo esele siqalile ukuwabona kuqoqosho lwethu.

Yiyo loo nto amandla ethu neenzame zethu kufuneka ngoku ziye ekukhuliseni uqoqosho – kwaye oku kuquka ukugcina amanani abantu abosulelekayo ephantsi.

Ngenxa yesi sizathu, phakathi kwezinye, ukunyenyiswa kwezithintelo akumelwanga ukuba kubonwe njengesizathu sokuyeka ukuhlala silumkile.

Isoyikiso setyeli lesithathu sihlala sikhona, kananjalo nesoyikiso sezinye iintlobo ezintsha zale ntsholongwane.

Njengoko sibonile kulo nyaka uphelileyo, izenzo zethu singabanye nanjengeqela ziza kugqiba ukuba sikubona nini ukubuya kwale ntsholongwane nokuba kuza kuba kokwexesha elingakanani.

Okwangoku, le ntsholongwane iyaqhubeka nokujikeleza kwiintsapho zethu, kwiindawo esixelenga kuzo nakwiindawo esihlala kuzo.
Njengokuba iphulo lethu lokugonya lisonyusa isantya, kufuneka siqhubeke nokwenza izinto ngononophelo olukhulu ukuze sikhusele iziqu zethu kunye nabanye abantu.

Sisebenzisana neenzululwazi neengcali zethu, siza kuqhubeka nokubeka le meko iliso elibukhali nokulungelelanisa indlela esimelana nayo ngayo ngendlela ephendulayo netshintshekayo.

Lo bhubhane usoxuthe izinto ezininzi, kodwa awuwathathanga amandla ethu, isibindi sethu okanye umanyano lwethu singabantu.

Awuwuhexisanga umoya wethu okanye usitheze amandla.

Umoya wethu owodwa waseMzantsi Afrika usivumele ukuba sihlale sizondelele xa sijongene nesoyikiso esingazange sasibona, nesiza kuqhubeka nokusikhuthaza ukuba sikhangele indlela intsha eya ekuvuselelekeni. 

Masihlaleni siyimbumba, sinethemba kwaye sizimisele nangakumbi ukoyisa lo mceli-mngeni.

Wanga uThixo angaqhubeka nokusikelela uMzantsi Afrika aze akhusele abantu bakhe.

Ndiyabulela.
 

Share this page

Similar categories to explore