INgxelo eyenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa ngeNkqubela-phambili kwiiNzame zeSizwe zokuNqanda ukwanda koBhubhane we-COVID-19

Bemi boMzantsi Afrika,

Ndithetha nani ngale njika-langa ngethuba siqala isahluko esitsha kumzabalazo wethu onxamnye nentsholongwane ye-corona.

Ebutsheni bemini yanamhlanje, uSekela-Mongameli uDavid Mabuza, uMphathiswa wezeMpilo uGqr Zwelini Mkhize, uMphathiswa uKhumbudzo Ntshavheni kunye nam, siye samkela umthwalo wokuqala welizwe wamachiza okugonyela i-COVID-19.

Lo mthwalo, oqulethe isigidi samathamo echiza lokugonya eliyi-Covishield eliveliswe yi-Serum Institute eNdiya, ufike kwisiKhululo seeNqwelomoya seHlabathi esiyi-OR Tambo emva kwemini yanamhlanje.

Eli chiza lokugonya liveliswe yinkampani yoxubo-mayeza eyi-AstraZeneca kunye neYunivesithi yase-Oxford. UMzantsi Afrika ibilelinye lamazwe ebekwenziwe kuwo iimvavanyo zokuhlola ukusebenza kweli yeza.

Ukufika kwala machiza okugonya kuqulethe isithembiso sokuba singaguqula izinto zibe ngecala lethu hayi ngakwesi sifo esenze intshabalalo nobunzima obukhulu kangaka kwilizwe lethu nakwihlabathi liphela.

Isantya nobuninzi aveliswe ngazo la machiza okugonya azizange zabonwa kwimbali yoluntu kwaye zibonisa inkqubela-phambili enkulu engaphunyelelwa ngabantu xa bejongene nesoyikiso esifanayo.

UMzantsi Afrika ubeyinxalenye yohambo olumangalisayo oluthatyathwe luluntu lwehlabathi lukhangela isisombululo esingasayi kuphela sobhubhane we-COVID-19.

Ndifuna ukubulela bonke abemi boMzantsi Afrika abathe bathabatha inxaxheba kwiimvavanyo ezahlukahlukeneyo zamachiza okugonya ngokuzikhethela nokuncoma bonke abaphandi ebebekhokele olu phando.

Uninzi lwabaphandi bethu bakhe bathabatha inxaxheba kuphando olwathi lwatshintsha izinto kumhlaba wobume beeseli ezilawula ubume bezinto, baze banika ulwazi olutsha malunga nale ntsholongwane, nto leyo ikhokelele ekuchongweni kodidi olwaziwa ngokuba yi-501Y.V2.

Njengokuba amachiza okugonya efikile, aza kuvavanywa kwi-Laborethri yeSizwe yoLawulo ukuqinisekisa ukuba ingqibelelo yawo iye yagcinakala ngethuba ethuthwa.

Emveni kovavanyo, aza kusasazwa kwilizwe liphela kumawaka abasebenzi bezempilo ababeka ubomi babo emngciphekweni yonke imihla ukuze basindise abanye abantu.
Kufuneka siqinisekise ukhuseleko lwabo ngethuba besilwela olwethu.

Ngokuhambelana neqhinga lethu lokukhupha ichiza lokugonya ngezigaba, bonke abasebenzi bezempilo abakwicandelo likarhulumente nelabucala baza kuba ngabokuqala ukugonywa.

Amasebe ezempilo amaphondo afake izicwangciso zawo zosasazo kwaye sichonge amaziko angama-200 azakuthi asiwe kuwo amachiza okugonya.

Xa sele sigqibile ukugonya abasebenzi bezempilo, siza kuya kwisiGaba sesiBini seqhinga lokugonya lesizwe, eliza kuquka abasebenzi abasisiseko, abantu abaneminyaka engaphaya kwama-60, abantu abanezifo abaphila nazo kunye nabantu abahlala kwiindawo ezifana namakhaya abo bolupheleyo neehostele.

KwisiGaba sesiThathu, siza kuthi siyandisele kubemi abadala inkqubo yokugonya.
Ndiyazi ukuba uninzi lwenu luza kubuza umbuzo obaluleke kakhulu: uza kulifumana njani ichiza lokugonya ukuba uwela kwezi ndidi ndithethe ngazo.
ISebe lezeMpilo liphuhlise iSixokelelwano seeNkcukacha zeChiza lokugonya ukuhlela inkqubo yokubhalisela nokukutshwa kwechiza lokugonya. Oku kuza kusivumela ukuba sishicilele zonke iinkcukacha ezibalulekileyo zolawulo lweli chiza lokugonya.

Esi sixokelelwano sivumela umntu ukuba enze idinga ngokukhawuleza xa eselungelweni lokugonywa kwindawo ekufutshane naye. Esi sixokelelwano siza shicilela rhoqo xa kugonywa umntu.
Njengoko ndanditshilo ukugqibela kwam ukuthetha nani, amachiza ethu okugonya siwafumana kwiinkampani eziliqela.

  • Ngaphezulu kwesigidi samathamo e-Covishield esiwafumene namhlanje; silindele esinye isiqingatha samathamo asuka kwi-Serum Institute yaseNdiya aza kufika ekuhambeni kweyoMdumba.
  • Siqinisekise ukuba siza kufumana amathamo azizigidi ezili-12 xa ewonke asuka kwiziko le-COVAX, elithe liza kukhupha malunga nezigidi ezibini ingaphelanga eyoKwindla.
  • Siqinisekise ukuba siza kufumana izigidi ezilithoba zamathamo echiza lokugonya asuka kwa-Johnson & Johnson, aza kuqala ukufika kwikota yesibini. U-Johnson & Johnson usebenzisa u-Aspen, enye yeenkampani zoxubo-mayeza, ukuba avelise la machiza okugonya apha eMzantsi Afrika. 
  • Ngaphaya koko, u-Pfizer uzibophelele ekubeni uza kusinika izigidi ezingama-20 zamathamo aza kuqala ukuziswa kwikota yesibini.

Sikuthethathethwano osele luhambe umgama nabavelisi ukuqinisekisa ukuba sifumana amanye amathamo.
UMzantsi Afrika uza kuphinda ufumane isabelo samathamo amachiza okugonya nge-Manyano ye-Afrika, esele kukudala ithethathethana nabavelisi ukufumanela izwekazi liphela amachiza okugonya ngokusekelwe kwindibanisela.
NgeQela lase-Afrika eliThunywe ukuba liFumane iChiza lokugonya, ukuza kuthi ga ngoku sesifumanele izwekazi liphela isigidigidi samathamo amachiza okugonya.
Izigidi ezingamakhulu asixhenxe zawo ziza kusuka kwiziko le-COVAX ze izigidi ezingamakhulu amathathu ziququzelelwe liQela lase-Afrika eliThunywe ukuba liFumane iChiza lokugonya.
Siza kufumana amanye amachiza okugonya esiza kuwaphiwa ziinkampani ezahlukahlukeneyo zecandelo labucala ukongeza kumachiza okugonya adingwa lizwekazi lethu.

U-MTN, oyenye yeenkampani zethu ezisebenza kumazwe amaninzi kwizwekazi i-Afrika, wenze umnikelo wezigidi ezingama-25 zeedola zaseMelika ukuze kuthengwe izigidi ezi-7 zamachiza okugonya, azakufumaneka kumazwe akwizwekazi i-Afrika kwisithuba nje seeveki.

Ndingathanda ukuncoma u-MTN ngomnikelo wakhe onesisa kwaye ndihlaba ikhwelo kwiinkampani zecandelo labucala ukuba zilandele umzekelo ka-MTN.

Kwenziwe umsebenzi omkhulu kakhulu necandelo labucala kwaye ndiyavuya kuba kukho ukuzibophelela okomeleleyo ekuxhaseni iinkalo zonke zeenzame zokukhupha ichiza lokugonya kwisizwe siphela. Oku kuquka inkxaso-mali xa kukho imfuneko, uthutho, usasazo nolawulo.

Oku kubonakele kwintsebenziswano eyomeleleyo phakathi kwecandelo likarhulumente nelabucala eyenziwe ngoluhlu lweentlanganiso zokusebenza zemihlangemihla ukuze kufikelelwe kukukhutshwa okuyimpumelelo.

Sizimisele ukuqinisekisa ukuba sifumana amathamo oneleyo ukuze sifikelele kukhuseleko lwabantu abaninzi olwaziwa ngokuba i-herd immunity okanye  i-population immunity.

Oku kuxa abemi aboneleyo bekhuselekile kwintsholongwane ukunika ukhuseleko ngokungathanga ngqo kwabo bangakhuselekanga. Uku kumelwe ukuba kwenze ukuba usasazeko lwale ntsholongwane lulawuleke.
Oosonzululwazi bethu baqikelela ukuba singafikelela kukhuseleko lwabantu abaninzi xa malunga neepesenti ezingama-67 zabantu bethu begonyiwe.
Abo ngabantu abazizigidi ezingama-40 eMzantsi Afrika.

Siza kukwenza konke okusemandleni kwiinzame zethu zokuqinisekisa ukuba sifumana amathamo echiza lokugonya oneleyo ukuze sifikelele kukhuseleko lwabantu abaninzi kwilizwe lethu.

La machiza okugonya esiwathengayo agqithe kwiinkqubo zovavanyo ezicoselelweyo nezingamanqanaba amaninzi, eziquka iimvavanyo ezinkulu ezibandakanya amawaka abantu.

Ngaphaya kokujonga ukusebenza kwawo, ezi mvavanyo zikwadalelwe ukubona iziphumo ezizezinye neenkxalabo zokhuseleko. Abalawuli abazimeleyo bathi ke bahlaziye iinkcukacha zezi mvavanyo ukuqinisekisa ukuba awanabungozi amachiza.
La machiza siwathengayo afumaniseke ekhuselekile kwimvavanyo ezinkulu zonyango ezenziwa kumazwe amaninzi.

Sonke sifuna siphele esi sifo. Sonke sifuna ukukhuseleka, nokuba abo sibathandayo bakhuseleke.

Injongo yethu kukuba eli chiza lokugonya lifumaneke kubo bonke abantu abadala abahlala eMzantsi Afrika, kungakhathaliseki nokuba ngabawaphi amazwe okanye buthini ubume bobuzwe babo.

Siza kumisela iindlela zokumelana nomceli-mngeni wabaphambukeli abangenazimpepha ukuze, njengabo bonke abanye abantu, sikwazi ukushicilela nokulandelela imbali yokugonywa kwabo.
Kulungele wonke umntu ukuba abantu abaninzi kangangoko bafumane ichiza lokugonya.
Ndifuna ukucaca gca. Akakho umntu oza kunyanzelwa ukuba athathe eli chiza lokugonya. Akakho umntu ozakwalelwa ukuba ahambe, abhalise esikolweni, okanye athabathe inxaxheba kwizinto zikawonke-wonke ukuba akagonywanga.

Akakho umntu oza kunikwa eli chiza lokugonya engafuni, kwaye akakho umntu oza kulinikwa emfihlakalweni.
Nawaphi na amarhe athetha into eyelele kule abubuxoki kwaye ayingozi.

Bemi boMzantsi Afrika,

Iindaba zokuqala ezimnandi kukufika kwamachiza okugonya namhlanje.

Ezezibini kukuba sibe nokona kunyuka kuphantsi kwezinga losulelo oko kwaqala eyoMnga walo nyaka uphelileyo.

Enyanisweni, umyinge wezinga losulelo olutsha oko lusehla kancinci kancinci kwezi veki zintathu zigqithileyo, nto leyo ebonisa ukuba ngoku sigqithile kwinkcochoyi yetyeli lesibini.

Kwezi ntsuku zisixhenxe zigqithileyo, umyinge wosulelo olutsha wosuku ubumalunga nama-5 500 xa uthelekiswa nosulelo olungaphezulu nje kancinci kwama-10 000 kwiintsuku ezisixhenxe eziphambi kwazo.
Ngamanye amagama, umyinge wenani losulelo olutsha losuku wehle wade waphantse wasisiqingatha soko ebelukuko.

Inani labantu abalaliswayo nalo oko lisehla.

Enkcochoyini yetyeli lesibini, bekulaliswa abantu abangaphaya kwama-2 500 ngosuku. Eli nani belehle laya kutsho kuma-295 ngethuba sifika kwi-29 kweyoMqungu.

Nangona zonke izikhombisi zijonge ecaleni elililo, kusekho amazinga asekwaphezulu okugqithiswa kwesi sifo.

Siyavuya kuba kwilizwe liphela, abantu abaninzi balandela izithintelo esizinyanzelisileyo kwaye balandela namanyathelo asisiseko ezempilo ukuthintela ukosuleleka.

Ndifuna ukubulela izigidi zabemi boMzantsi Afrika ekuye kwafuneka ukuba banyamezele izithintelo kwiintshukumo nakwiizinto abazenzayo ukuze kwazeke ukunqanda ukusasazeka kosulelo, kusindiswe nobomi babantu.

Niye nayiqonda into yokuba akukho ukuhamba elwandle, ipikiniki esepakini, nokujuxuza ezinzulwini zobusuku okuxabisa ukuphulukana kwabantu nobomi okuye kwathintelwa zezi zithintelo.
Njengokuba ezi zithintelo izezethutyana, ukuphulukana kwabantu nobomi kokwanaphakade.

Nangona kunjalo, siyazi ukuba amanyathelo afunekayo ukuze kuthintelwe ukusasazeka kwale ntsholongwane abangele intlupheko nobunzima obukhulu kwabanye abantu.

Siyazi kakuhle into yokuba ezi zithintelo ziwachaphazele kakubi amashishini zaze zabeka imisebenzi ekumashishini okubuka iindwendwe, ukhenketho, nalawo afana nawo esichengeni.

Yiyo loo nto sizimisele ukuba ezi zithintelo zingaqhubeki ixesha elide kunelo linyanzelekileyo ukunqanda ukwanda kwalo bhubhane nokucutha ukuphulukana kwabantu nobomi babo.

Ngenxa yesi sizathu siza kuqhubeka nokusebenza namashishini kunye nabasebenzi abakulamacandelo ukuze sivuselele amashishini sibuyisele imisebenzi ngoku nakwixesha elizayo.

Kwezi ntsuku zimbalwa ezigqithileyo, sijikajike imeko yalo bhubhane. Sifune iingcebiso kwiingcali saze sathetha nabo bamele oorhulumente bamaphondo nabasemakhaya kunye neenkokheli zemveli.
Njengokuba kucacile ukuba usulelo olutsha lwehlile, kunye namanani abo balaliswa ezibhedlele nabo baswelekayo, iKhabhinethi ifikelele esigqibeni sokuba inyenyise izithintelo ezithile eziphantsi kwenqanaba Lesi-3 esinyenyisiweyo ngokuthe chu.

  • Iiyure zexesha lokuba umntu abe sendlini ngoku ziza kuqala ngentsimbi ye-11 ebusuku ukuya kutsho kweye-4 kusasa.
  • Iindawo kuza kufuneka zivale ngentsimbi yeshumi ebusuku ukunika abathengi nabasebenzi bazo ixesha lokugoduka lingafikanga ixesha lokuvalwa.
  • Iindibano ezisekelwe enkolweni ziza kuvunyelwa, kodwa kufuneka kulandelwe imithetho yezempilo.
  • Kwezi ndibano akuvumelekanga ukuba kubekho abantu abangaphaya kwama-50 kwiindawo ezisendlini nabantu abali-100 kwiindawo eziphandle. Xa indawo incinane kakhulu ukuba ingathatha bonke aba bantu kube kulandelwa umyalelo wokuchaselana, akuvumelekanga ukuba kubekho ngaphezulu kwesiqingatha senani elithathayo loo ndawo.
  • Iindawo zikawonke-wonke ezifana namalwandle, amadami, imilambo, iipaki neepuli ziza kuvulwa kwakhona, kodwa kulandelwe imithetho yezempilo.
  • Izithintelo ezingokuthengiswa kotywala ziza kunyenyiswa.
  • Utywala bungathengiselwa ukuselelwa kwenye indawo ngabo baneempepha ukususela ngeMivulo ukuya kutsho ngoolweZine, ukususela ngentsimbi ye-10 kusasa ukuya kutsho ngeye-6 emalanga.
  • Iivenkile ezingahlawuleli irhafu, iindawo ezithengisa iwayini ezibhalisiweyo, iifama zewayini, abadidiyeli abancinane nemizi-mveliso emincinci yewiski ziza kuvunyelwa ukuba zithengise utywala obuza kuselelwa kwenye indawo ngamaxesha azo esiqhelo oshishino.
  • Ukuthengiswa kotywala ziindawo ezineempepha obuza kuselelwa kuloo ndawo – ezifana neerestyu neethaveni – kuza kuvunyelwa iveki yonke ukususela ngentsimbi ye-10 kusasa ukuya kutsho kweye-10 ebusuku.
     

Olu tshintsho luphunyeleliswe kukwehla okukhulu kwenani labantu abalaliswa ezibhedlele ngenxa ye-COVID-19 kuwo onke amaphondo, nto leyo ethe yacutha uxinzelelo kubasebenzi basezibhedlele.
Ndihlaba ikhwelo kuthi sonke ukuba sisele ngenkathalo ukuze kungabikho konyuka kwizehlo zomonzakalo okanye kusulelo ngenxa yokuziphatha ngokungakhathali.

Njengokuba sinyenyisa izithintelo kwakhona, uxanduva lomntu ngamnye kuthi lonyuka nangakumbi.

Masikhumbuleni ukuba nangona kukho inkqubela-phambili ecacileyo esiyenzileyo, inani lezehlo ezintsha lisephezulu kwaye kukho ubungozi obuhlala bukho bokuba ingavela kwakhona.

Ngoko ke kunyanzelekile ukuba sigcine ilizwe likwinqanaba lesi-3 lesilumkiso sentsholongwane ye-corona, ukubonisa ukuba kusekho umngcipheko wosasazeko. 
Kukho inani lamanyathelo okuthintela aza kuhlala ehleli.

  • Iindibano zolonwabo, amatheko ezopolitiko, iintlanganiso zeenqila neendibano ezikumabala ezemidlalo azizikuvunyelwa.
  • Oku akuzibandakanyi iindibano zenkolo kunye nezingcwabo nezinye izinto ezimbalwa ezingabalwayo ezicaciswe banzi kwixwebhu lemimiselo, ezifana neerestyu, iimyuziyam neejim (iindawo zokuzilolonga).
  • Izingcwabo azinakho ukuba nabantu abangaphezulu kwama-50, kwaye kufuneka kulandelwe umyalelo wokuchaselana, kusetyenziswe izibulali-ntsholongwane kunxitywe nezigqubutheli-buso.
  • Kusanyanzelekile ukuba wonke umntu anxibe isigqubutheli-buso kwindawo zikawonke-wonke.

Njengokuba siqala inkqubo yokugonya eza kuqhuba unyaka wonke nangethuba sisebenza sithe chu ukwehlisa inani losulelo olutsha, kuza kufuneka siqhubeke nokulumka ukuze sehlise ukusasazeka.

Oku kubaluleke nangakumbi kuba uhlobo olutsha lwale ntsholongwane – i-501Y.v2 – ngolu lusasazeke kwilizwe liphela.

Siyazi ukuba losulela kakhulu kunolwakuqala ngoko ke amathuba okuba luvuselele olunye usulelo lonyuse nebango kumaziko ethu ezempilo makhulu kakhulu

Siyazi kakhulu kunakuqala ngeepateni zokosuleleka.

Ukuba ilungu losapho line-COVID-19 kwaye amanyathelo ococeko awalandelwa, amathuba okuba usulelo lusasazeke luye kwabanye abantu abakwelo khaya aphezulu kakhulu.

Ngoko ke, abantu abafumanisa ukuba basondele kule ntsholongwane okanye bosulelekile yi-COVID-19 kufuneka bazivalele bodwa ekhayeni kude namanye amalungu osapho, okanye ukuba kuyakwazeka, baye kwindawo karhulumente yokuzivalela.

Ukuba kwiindawo ezinabantu abaninzi okanye ukuchitha ixesha kwiindawo ezivalekileyo, nezingenamoya ziwonyusa ngendlela eyothusayo umngcipheko wokufumana le ntsholongwane.

Ngenxa yesi sizathu, kufuneka ukubaleke ukuba kwiindawo ezisendlini xa kukwazeka ze uvule iifestile ukwehlisa ukusasazeka kwale ntsholongwane ngomoya.

Uphando lubonise ukuba umngcipheko wokusasazeka kwale ntsholongwane uphantse uphindwe kangaka ngama-20 kwiindawo ezisendlini kuneziphandle.

Siqhubeka nokucela abemi boMzantsi Afrika ukuba bagcine umgama okhuselekileyo wemitha enehafu phakathi kwabantu ngamaxesha onke.

Sikhuthaza abaqeshi ukuba bavumele abasebenzi babo ukuba basebenzele emakhaya xa kukwazeka, bangathathi umngcipheko wokusasaza le ntsholongwane kungekho mfuneko yokuba kwenzeke oko.

Nikhumbule ukuba nokuba awunazo iimpawu usengayigqithisela kwabanye abantu intsholongwane.

Ngoko ke nxiba isigqubutheli-buso kwaye uqinisekise ukuba isigqubutheli-buso sakho sigquma impumlo nomlomo ngawo onke amaxesha xa usesidlangalaleni.
Ukuba kunyanzelekile ukuba udibane nabahlobo kunye nosapho, oko kwenzeleni phandle.

Bemi boMzantsi Afrika,

Oko kwafunyaniswa isehlo sokuqala se-COVID-19 kwilizwe lethu, sidibanise zonke izixhobo esinazo ukukhusela ubomi neendlela zokuziphilisa zabo bonke abemi boMzantsi Afrika.
Sibe nethamsanqa elikhulu lokufumana inkxaso kwihlabathi liphela.

Ngale njika-langa, ndinqwenela ukuphakamisa ngokukodwa uncedo olungazicingeliyo nolungaqungqiyo esilufumene kurhulumente nabantu base-Cuba.

Ngokwembali yayo, esi sizwe sincinci sisesiqithini sibonise umanyano nawona mazwe abethakele kakhulu lathumela ngaphaya kwe-3 700 yabemi base-Cuba kwihlabathi jikelele ukuba baye kuncedisa kwimfazwe enxamnye ne-COVID-19.

Ukuphakamisa nokwamkela ezi nzame, iKhabhinethi yoMzantsi Afrika iphumeze isiphakamiso sokuchonga i-Henry Reeve International Contingent of Doctors Specialised in Disaster Situations and Serious Epidemics – abaziwa ngokuba yi-Cuban Medical Brigade – ukuba ifumane i-Nobel Peace Prize ka-2021.

E-Afrika nje kuphela, ithe iphela eyeNkanga 2020 wabe lo Mkhosi sele unyange abantu abangaphaya kwama-38 000. Basasebenza nangoku kwamanye amazwe amaninzi, kuquka nalapha eMzantsi Afrika.

Sigqithisa umbulelo ongazenzisiyo kubantu base-Cuba ngokukubonisa kwabo umanyano olukhulu nobuntu obukhulu.

Njengabantu abaninzi kwihlabathi liphela, silahlekelwe kokuninzi ngokumangalisayo sancama okuninzi kakhulu.

Ubomi bethu butshintshe ngendlela emangalisayo, kwaye kuye kwanyanzeleka ukuba sizilungelelanise neemeko ezintsha nezinzima.

Ngoku, ngenxa yeenzame zobugorha zabasebenzi bethu bezempilo, umsebenzi ongapheliyo woosonzululwazi bethu, nobukroti babo bonke abantu abasebenza nabantu kunye nokuzimisela kommi ngamnye woMzantsi Afrika, ekugqibeleni singakwazi ukuba nombono wehlabathi apho le ntsholongwane ilawulekayo khona. 

Luxanduva lwethu sonke ukwenza elolizwe libe yimpumelelo.

Luxanduva lwethu ukuba singayeki ukuzikhusela, nokuthintela isigaba sesithathu sosulelo.

Luxanduva lwethu ukuzikhusela thina, iintsapho zethu neendawo esihlala kuzo.
Luxanduva lwethu ukuba sigonye ngokukhawuleza okukhulu xa sifanelekile ze senze ukuba le ntsholongwane iyeke ukusasazeka nangakumbi.

Ngaphezu kwako konke, luxanduva lwethu ukugcina idangatye lethemba livutha, ukuhlala sizimisele ekuzibopheleleni kwethu omnye komnye nakwilizwe lethu.

Sisonke, sizakuphila kwakhona sakhe kwakhona. 

Wanga uThixo angasikelela uMzantsi Afrika aze akhusele abantu bakhe.

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore