Ukubhaliswa kwaBantu baseMzantsi Afrika ngaPhesheya (i-ROSA)

ISebe lezoBudlelwane bamaZwe-ngamazwe neNtsebenziswano (i-DIRCO) linikezela ngenkonzo yokubhalisa ngokuzithandela komntu kubemi boMzantsi Afrika abahambele okanye abahlala kumazwe angaphesheya. Le nkonzo ibonelelwa ukulungiselela xa kunokwenzeka kubekho imfuneko yokuqhagamshelana nawe ukwenzela ukunika iingcebiso xa kunokwenzeka intlekele yezendalo okanye iimfazwe yobukhaya okanye kwimeko kaxakeka yosapho.

Olu lwazi lunikezelwe kwifomu yobhaliso lwe-ROSA nge-intanethi lunokusetyenziswa liSebe uku:

  • qhagamshelana nabemi boMzantsi Afrika neentsapho zabo xa kukho nasiphi na isizathu esifanelekileyo, ngokokubona kwalo ukuba kunemfuneko
  • qinisekisa ngokhuseleko nentlalo-ntle yabemi boMzantsi Afrika abangaphesheya khona ukuze libabonelele ngoncedo.

Bhalisa kwi-ROSA nge-intanethi. I-DIRCO isebenzisa ubuchwephetshe bokhuseleko obubizwa uLucwe loKhuseleko oluluQilima (i-SSL) ukukhusela iinkcukacha.

 

Share this page