Iingcebiso kubemi boMzantsi Afrika abahambele kumazwe angaphesheya

Xa uhambele kumazwe angaphesheya imithetho yelo lizwe uhambele kulo isebenza kumntu wonke. Abemi boMzantsi Afrika nabo banyanzelekile ukuba bayithobele imithetho yelo lizwe lasemzini kwaye abayikufumana ukuphathwa ngendlela ekhethekileyo.

Fumana ulwazi malunga nendawo oya kuyo, unike ingqwalasela eyodwa kwimiba yokhuselo lobuqu, ukhuseleko, ezempilo, ungenelelo kwelinye ilizwe, imithetho yerhafu neyokungenisa impahla esuka kumazwe angaphandle. Abemi boMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba baqhagamshelane nommeli kwelinye ilizwe okanye wozakuzo woMzantsi Afrika nokusoloko uphethe iinkcukacha zoqhagamshelwano zabo bakufutshane nawe ngalo lonke ixesha.

Funda ngokuthe vetshe  malunga nokuhambela kumazwe angaphesheya, okanye qhagamshelana noMlawuli Jikelele kwiiNkonzo zobuMeli boZakuzo.

 

Share this page