Bhalisa njengomntu owenza okanye ongenisa iimoto

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa njengomntu owenza okanye ongenisa iimoto

Xa unokuthi ufune ukuvelisa, ungenise ngaphakathi kwelizwe okanye wakhe isithuthi eMzantsi Afrika ngenjongo yokufumana inzuzo, kufuneka kuqala ubhalise kwisebe lezothutho lephondo.

Ukuba nje isebe lifumane isicelo sakho, liza kuthumela umhloli ukufumanisa ukuba uyahlangabezana na nemimiselo efanelekileyo. Ishishini lakho ngokunjalo liza kujongana noqinisekiso yiNkonzo yamaPolisa yoMzantsi Afrika (i-SAPS).

Ofanele kukwenza
  1. Yiya kwisebe lezothutho lephondo uze ungenise oku kulandelayo:
    • ifom yesicelo egcwalisiweyo nesaziso ngokwayamene nokuba ngumvelisi/umngenisi ngaphakathi kwelizwe/umakhi wezithuthi (i-MIB)
    • ikopi yencwadi yesazisi eqinisekisiweyo yomenzi-sicelo (i-ID)
    • ikopi eqinisekisiweyo ye-ID yommeli (ukuba umenzi-sicelo yibhodi yabantu)
    • ikopi eqinisekisiweyo yesatifiketi seshishini (ukuba umenzi-sicelo yibhodi yabantu)
    • ileta yommeli ukuba umele inkampani 
    • inombolo yekhastom khowudi evela kwiNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika (i-SARS) (ukuba ungumngenisi ngaphakathi kwelizwe)
    • isingqini sobhaliso lwe-VAT esivela kwa-SARS
Ixesha elimiselweyo

Ubhaliso luxhomekeke kulwamkelo nguMEC ofanelekileyo kwaye isatifiketi sobhaliso sikhutshwa ngenxa yoloo lwamkelo..

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana nesebe lezothutho lephondo ngendleko.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Ifom yesicelo nesaziso ngokwayamene nomvelisi/umngenisi ngaphakathi kwelizwe/umakhi wezithuthi (i-MIB) (Application and notice i.r.o registration of a manufacturer/importer/builder of vehicles [Form MIB])

Ungaqhagamshela nabani

 

Contact your local department of transport

Share this page