Isicelo sesiqinisekiso sokuba imoto yakho ikulungele ukuba sendleleni

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nesicelo sesiqinisekiso sokuba imoto yakho ikulungele ukuba sendleleni

Kufuneka imoto yakho ivavanyelwe ukuba ingasendleleni na phambi kokuba uyibhalise ngegama lakho. Ukuba imoto yakho isetyenziswa njengesithuthi sikawonke-wonke okanye njengesithuthi esithwala imithwalo enzima (ngaphandle kwebhasi), kufuneka uyithathe ivavanyelwe ukuba sendleleni rhoqo ngonyaka phambi kokuba uhlaziye iphepha-mvume layo. Ibhasi kufuneka ivavanyelwe ukuba sendleleni rhoqo ngeenyanga ezintandathu.                     

Zonke iimoto ezisebenza kwiindlela zikawonke-wonke kufuneka zivavanywe ukuze kuqondwe ukuba zikufanale na ukuba sendleleni. Luxanduva lwakho njengomnini wesithuthi ukuba uqinisekise ukuba imoto yakho ivavanyiwe. Ukuvavanywa kwezithuthi kungenziwa kwizikhululo zokuvavanya zabucala okanye kwezika wonke-wonke.                     
                                                                         
Ekupheleni kovavanyo lokuba sendleleni, ukuba iluphumelele, kukhutshwa isibhengezo.                        

Ofanele kukwenza

1.  Yiya kwisikhululo sakho sokuhlola iimoto esikufutshane kuwe uyize noku kulandelayo:    

  • isiqinisekiso sokubhalisa imoto
  • isazisi (ID
  • umrhumo ofunekayo.

2.  Zalisa uxwebhu ACR (Isicelo sesiQinisekiso sokuba seNdleleni).

Ixesha elimiselweyo

Isicelo sichotshelwa kwangaloo mini. 

Ingaba kubiza malini na

Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni ekhupha iimpephamvume uze ufumane amaxabiso.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Uxwebhu ACR (Isicelo sesiQinisekiso sokuba seNdleleni kwesithuthi)

Amaxwebhu ayafumaneka kwisikhululo sokuvavanywa esikufutshane nawe okanye ungawakopa kwiwebhusayithi ye-eNaTIS.

Ungaqhagamshela nabani

Share this page