Bhalisa njengomboneleli ngeenkonzo zokukhathalela nokuxhasa abantu abadala ekuhlaleni

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa njengomboneleli ngeenkonzo zokukhathalela nokuxhasa abantu abadala ekuhlaleni

Ukuba ufuna ukubonelela uluntu ngenkathalo nenkxaso yabantu abadala kufutshane nalapho uhlala khona, ungafaka isicelo kuMlawuli Jikelele kwi-ofisi yeSebe lezoPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe.

Inkathalo esekwe kuluntu iqinisekisa ukuba abantu abadala bafumana inkathalo nenkxaso kubuntofo-ntofo bamakhaya abo kwalapha ekuhlaleni kangangoko.

Ofanele kukwenza

  1. Yiya kwi-ofisi yeSebe lezoPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe.
  2. Zalisa uxwebhu 2.
  3. Faka oku kulandelayo:
    • isicwangciso soshishini lombutho kunye noludwe lweenkonzo eziziswa ngumbutho
    • amagama kunye neekopi eziqinisekisiweyo zezazisi zamalungu ombutho
    • uMgaqo-siseko wombutho
    • isiqinisekiso sokubhaliswa kweNPO, ukuba ubhaliswe njengeNPO
    • naziphi na ezinye iziqinisekiso zokubhaliswa kombutho okanye amaxwebhu anokuxhasa isicelo sakho
    • iingxelo eziphicothiweyo zezimali ezingangeenyanga ezintandathu
    • amagama kunye neenkcukacha zabaPhicothi zincwadi
    • ulwazi ngemvelaphi yokufumana amawonga ayimali.
    • Nikezela isingqiniso kunye neenkcukacha zabantu/umbutho oxhasa esi sicelo
    • Bhengeza yonke imithombo yenkxaso mali/yengeniso
    • uxwebhu ekudweliswe kulo bonke abantu abaxhamla kule nkonzo Uxwebhu ekudweliswe kulo amagama abasebenzi ababonelela ngeenkonzo
  4. Unontlalontle uya kuqhuba utyelelo ukuqinisekisa ukuba uyakwanelisa na okulindelwe nguMlawuli Jikelele, ukuba umbutho wakho uya kulawulwa uqhutywe ngokuthobela iinqobo nemigangatho
  5. Ukuba uyithobele, uya kunikwa isiqinisekiso sokubhaliswa – uXwebhu 3.
  6. Ukuba ubhalisiwe kwaye awuphumeleli ukuthobela iinqobo nemigangatho, uMlawuli Jikelele angawunqumamisa kwaye awucime umbutho wakho nangaliphi na ixesha emva kwenyanga enye umbutho wakho wazisiwe kunye nabantu abo baxhamla iinkonzo obonelela ngazo

Nceda qaphela: Zonke iinkonzo zenkathalo nenkxaso yoluntu ziyonganyelwa kwaye zihlolwe rhoqo ngonyaka ukuqinisekisa ukuba iinqobo nemigangatho yesizwe zithotyelwe.

Ixesha elimiselweyo

Kungathatha ukuya kwiintsuku ezintlanu ukuchophela isicelo sakho.

Ingaba kubiza malini na

Akukho xabiso lihlawulwayo.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Onke amaxwebhu ayafumaneka kwi-ofisi yeSebe lezoPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe.

Ungaqhagamshela nabani

 

Share this page