Qala umbutho wokuthintela umlilo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokuqala umbutho wokuthintela umlilo.

Ungaqala umbutho wokuthintela umlilo  (FPA) ukuqajela, ukuthintela, ukulawula nokucima imililo yamadlelo kwinginqi yakho ukuba:

  • Ungumnini mhlaba
  • uyabhatala 
  • ulilungu lesigqeba kumasipala
  • uchongwe ukuba ulawule umhlaba ka Rhulumente (kuquka umhlaba wesebe lezokhuseleko leloMzantsi Afrika.)
  • unikwe igunya yinkudla yamatyala ephakamileyo

kufanele ube ngumhlali kule ndawo:

  • nibe nemilio yamadlelo rhoqo okanye
  • nisemngciphekweni womlilo wamadlelo okanye 
  • ninamahlathi okanye intlanganisela yezityalo.

Ngeke uqale umbutho uwedwa. Kufanele nibe liqela labantu abachatshazelwa koku ekuqagulwe ngentla kwaye nibe nihlala kwinginqi enye.

Indima yenu nje ngombutho wokuthintela imililo izakuba yile:

  • Funani iindlela zokulawula umlilo wamadlelo kwinginqi yenu kwaye nisebenzise zona
  • Chongani oonabangela bendalo bomlilo wamadlelo. 
  • Nazise uluntu lwasekuhlaleni ngengozo yomlilo 
  • Qokelelani kwaye niqeqeshe amalungu kwinginqi yenu nikwazi ukunqanda,ukulawula nokuthintela umlilo.
  • Ninike umphathiswa wezolimo, amahlathi nezokuloba(DAFF) amanani ngemililo kwinginqi yenu
  • Ninike umphathiswa ulwazi alucelayo ngoku thintela imililo yamadlelo.

Ofanele kukwenza

  1. biza intlanganiso noluntu olunomdla lwase kuhlani elichapazelekayo kwimibandela ebekiweyo.
  2. ukuba kukhona abantu abaselebenika inkonzo yomlilo, babhalele isaziso ubazise ukuba ufuna ukuqala umbutho woluhlobo kwaye umeme igosa eliphezulu kwintlanganiso leyo.

    Bhalal imizuzu yentlanganiso ekufanele iquke:

    • Ukuba kuya kwavunyelwana ngazwilinye okanye hayi  ekubeni makuqalwe lombutho wokuthintela umlilo.
    • Inani le voti zabantu abafuna uqalwe lombutho.
    • Inani le voti zabantu abaluchasileyo oluluvo
    • Abantu abangavotanga ekuqalweni kwalombutho.
  3. bhala kwaye utyikitye isivumelano esibhaliweyo esicacisayo ukuba uqala elinye icala lalombutho.
  4. khethani usihlalo nekomiti yesigqeba.
  5. nika umbutho igama nedawu ozakusebenza kuyo.
  6. gcina incwadi enoluhlu lwabantu ababekhona kunye nendlela abangaqhagamshelwa ngayo kuquka idilesi ye posi yomntu wonke obekhona entlanganisweni.
  7. Fumana uxwebhu lokuqala (1)   ngekhomputha phantsi kwamaxwebu okugcwaliswa ukuze apasiswe lisebe iDAFF.
  8. Ukuba i DAFF iyasamkela isicelo sakho, kuyawufuneka ufake uxwebhu lwesibini (2)  ngekhompuyutha kwaye ufake oku kulandelayo:
  • Imizuzu yentlanganiso
  • Umgaqo siseko wombutho 
  • Indlela emiyo yokusebenza kuquka ukulawulwa komlilo wamadlelo.

Ixesha elimiselweyo

Alikho ixesha elimiselweyo

Ingaba kubiza malini na

Lenkonzo isimahla

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Forms are available from the Department of Forestry, Fisheries and the Environment
 

Ungaqhagamshela nabani

 

Department of Forestry, Fisheries and the Environment

Tel: 012 319 6000 

Forestry Regulation & Oversight

Mr AR .Madula  

Tel: 012 309 5710

 

Fax: 012 309 5840

 

E-mail address: RennyM@daff.gov.za

Share this page