Isicelo sokubhalisa uphawu

Bhalisa uphawu lwakho lwentengiso kwikhomishoni yobumnini bekhampani nolwazi (CIPC), ukuthintela okhupisana nabo ukba bangalusebenzisi. CIPC ilawula ukubhaliswa kwamaphawu, nokuyindawo esemthethweni yazo zonke iimpawu ezifakelwe izicelo okanye ezibhalisiweyo kweloMzantsi Afrika ukusukela ngonyaka ka 1916.

Izicelo zingafakwa kumabakala angu 45, kuxhumekeka kwimveliso okanye inkonzo uphawu oluzakusetyenziswa kuyo. Iinkcukacha zokuhlelwa zomhlaba, ukuhlelwa okuhle zingafumaneka kwi Webhusayithi yombutho womhlaba yolwazi olukhuselekileyo. Uphawu olubhalisiweyo lungakhuseleka ngokunaphakade xa uvuselela ubhaliso rhoqo emva kweminyaka elishumi.

Fumana olwazi olupheleleyo malunga nikubhalisa uphawu lentengiso kwiKhomishoni yobumnini bekhampani nolwazi (CIPC) okanye qhagamshela i CIPC apha 086 100 2472.

 

Share this page