Isicelo sokungenisa ngaphakathi okanye sokugqithisa iimveliso zenyama

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka kweli okanye ukuhambisa imveliso ezenziwe ngenyama uzifake elizweni lase Mzantsi afrika

Ukuba ufuna ukuthenga phesheya iimveliso ezenziwe ngenyama (umzekelo ephekiweyo, okwenziwe muncu, ukomisa) uzifake kwiRephabliki yase Mzantsi Afrika, okanye uhambise ezomveliso elizweni lase Mzantsi Afrika, kufanele ufake isicelo kwaye ufumane iphepha mvume lokuthenga izilwanyana phesheya okanye imvume yokuthutha kumlawuli wempilo yezilwanyana. Kufanele ufumane lemvume phambi kokuba umthwalo ushiye ilizwe othenga kulo.

Umlawuli wezempilo yezilwanyana eMzantsi Afrika uzakukhupha invume yokufaka izilwanyana kweli okanye imvume yokuthutha imveliso ezenziwe ngenyama kumazwe apho iinkonzo zonyango lwezilwanyana ne meko yempilo yezilwanyana iye yavavanywa yaza yamkelwa.

kukho imigaqo nkqubo ehlukeneyo ukuya ngemveliso nemeko yempilo yesilwanyana kwilizwe ngalinye.

jengoko imibandela yezempilo iguqu-guquka nceda uthinte abazlawuli bempilo yezilwanyana.

Ukufaka isicelo semvume ngenjongo yokuthenga imveliso yenyama ofuna ukuyithengisa, kumele ube usuka kwinkampani ezinze kweli okanye iArhente eseMzantsi Afrika echongwe yinkampani yasemazweni omhlaba. Iphepha mvume lonyango lwezilwanyana lolwexeshana kwaye lelomthwalo omnye kuphela. Impahla engena kweli isuka kwilizwa engenziwanga kulo ayivumelekanga ngesiqhelo.

Kwinyama evalelwe ngendlela engenawungena moya, kufanele ufumane imvume kubahloli bomgangatho beloMzantsi Afrika.

Ofanele kukwenza

  1. Gcwalisa uxwebu lwesicelo sokufaka izilwanyana kweli okanye imveliso yezilwanyana kweli loMzantsi Afrika.
  2. Ukuba imveliso isendleleni zaseMzantsi Afrika kufanele ufake ikopi ye phepha mvume yonyango lwezilwanyana kwilizwe apho lomthwalo uzakuphelela khona kunye nesicelo sephepha mvume lokuhambisa izilwanyana kweli lomzantsi Afrika.
  3. Hlawula imali yephepha mvume kwi bhanki yesebe:
    Igama le bhanki: Standard Bank of South Africa
    Igama lomnini akhawunti: National Department of Agriculture
    Account No: 011219556 International Band
    Branch: 010845
    IB brand 0001982 Centre Code
    Swift Code: SBZA-ZAJJ
    Name of the branch: Arcadia.
  4. Ungahlawula kwi ofisi zesebe lezolimo Amahlathi nokuloba.
  5. Uphawu lwempahla kumele ibe ligama nefani yomthumeli wempahla.
  6. Thumela uxwebu olugcwalisiweyo nobungqina bokuhlawula kuledilesi:
    The Director: Animal Health
    Import Export Policy Unit
    Private Bag X138
    Pretoria
    0001
    South Africa.
  7. Asikho isicelo esizakujongwa ngaphandle kobungqina bokuthi uhlwaule. 
  8. Ubungqina bokuthi kuhlawuliwe bungathunyelwa nge Feksi kulenombolo: 012 329 8292 egameni lika: Ina Labuschagne.
  9. Chaza kwixwebu lwesicelo ukuba ufuna imvume yakho ithunyelelwe okanye okanye uzakuyilanda ngokwakho.
  10. Emva kokuba kufunyenwe uxwebhu olugcwalisiweyo  lwesicelo kunye nobungqina bokuthi uhlawulile iphepha mvume lokusebenza ngezilwanyana kunye nesiqinisekiso sempilo sezilwanyana esiliqingqiweyo (template) siza kukhutshwa sithunyelwe kuwe ngqo.
    • Kufanele ufumane isiqinisekiso sempilo ngonyango lwezilwanyana ukusuka kwabasemagunyeni bonyango lwezezilwanyana kwilizwe eziphuma kulo phambi kokuba zitunyelwe.
    • Esi siqinisekiso kufanele sihambisane nemibandela ekwi phepha mvume lonyango lwezilwanyana lwaseMzantsi Afrika okanye kubekho.
    • Ukuba usafuna ulwazi oluthe vetshe malunga neenkcukacha zesilwanyana ngasinye  okanye imveliso yesilwanyana ungafumana ikopi yomzekelo we phepha mvume kunye nesiqiniseko sempilo sezilwanyana kwi ofisi yeemvume.
  11. Kufanele udlulisele oku okulandelayo kwigosa lwezonyango lwezilwanyana eziphuma kumazwe angaphandle kwizibiko lokungena:
    • Iqobelo lephephamvume lonyango lwezilwanyana.
    • Iqobelo lwesiqinisekiso sempilo yezilwanyana.
  12. Wonke umthwalo we nyama kufanele uhlolwe kwenye yezindawo zilandelayo njengokuba kuchaziwe kwiphepha mvume lokungena:
  • Durban: Tel: 031 337 4346/7
  • Cape Town: Tel: 021 551 2050
  • City Deep (ezisuka kumazwe oommelwane kuphela): Tel:011 613 1636

Luxanduva lwakho ukuthi  indleko zebhanki zihlawulwe kunye nendleko zebanki zamazwe angaphandle; Isebe alinakukhupha iphepha mvume ukuba ayika hlawulwa ngokupheleleyo imali okuyi R120 (ijongwa ngokutsha unyaka nonyaka ipapashwe kwigazethi ka rhulumente).

Ixesha elimiselweyo

Xa uqgrirha wezilwanyana karhulument kwiofisi kazwelonke esamkele isicelo sokufaka impahla kweli,  kuthabatha nje intsuku ezintathu ukuya kwezintlanu ezokusebenza ukuthi isicelo siphumeleliswe nokuthi imvume ikhutshwe.

Ingaba kubiza malini na

R220

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Application to Import Animals or Animal Products Into South Africa

Ungaqhagamshela nabani

 

Share this page