Isicelo sokungenisa ngaphakathi okanye sokugqithisa iimveliso zenyama eluhlobo oluthile

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokufaka isicelo sokuthenga inyama phesheya okanye uhambise inyama (ekrwada) kuquka inyama ezahlukileyo zanga phakathi elizweni lase Mzantsi Afrika

Ukuba ufuna ukufaka kweli lomzantsi Afrika inyama (ekrwada) (kuquka inyama ezahlukileyo zangaphakathi), okanye ufuna ukuhambisa inyama elizweni lase Mzantsi Afrika, umthetho unyanzelisa ukuba ufake isicelo sephepha mvume lokuthenga phesheya okanye iphepha mvume lokuthutha kumlawuli wempilo yezilwanyana. Ufanele ukufumana le mvume phambi kokuba impahla oyithengayo ishiye ilizwe esuka kulo.

Umlawuli wempilo yezilwanyana eMzantsi Afrika uzakukhupha kuphela iphepha mvume lokuthenga phesheya inyama (ekrwada) kumazwe apho abone imeko  waza wazivuma inkonzo zonyango lwezilwanyana nesimo sempilo yezilwanyana. (fumana ulwazi ku ElmarieV@daff.gov.za , Tel. 012 319
7700 okanye feksela kule nombolo 012 329 6892).

Kune migaqo nkqubo ehlukileyo yemveliso  nempilo yezilwanyana kulizwe ngalinye. Kuba imibandela yempilo iyaguqu-guquka nceda uthinte abalawuli bempilo yezilwanyana (Tel: 012 319 7420 /7524 /7700, Feksi 012 329 6892) ukuze ufumane imibandela ebekiweyo yephephamvume lokuthenga izilwanyana phesheya.

Impahla engena isuka kwilizwe elingayivelisanga ayamkelwa ngesiqhelo.

luxanduva lakho njengomthengi phesheya ukuqinisekisa ukuthi uyafunda kwaye ungachasani nemiqathango yephepha mvume lonyango lwezilwanyana.

Ukuya ngomthehto wokhuseleko lwenyama wonyaka ka 2000 (Umthetho 40 wonyaka 2000) inyama yomkhenkce ingathengwa kuphela kwizilarha phesheya, amaziko okunqunqa amkelwe Ligosa eliphezulu lika zwelonke loMzantsi Afrika.

Uluhlu lwamaziko avunyiweyo linga fumaneka apha okanye tsalela umnxeba kule nombolo 012 319 7700 okanye Feksa isicelo sakho kule nombolo 012 329 6892.

Inyama esuka phesheya kwezilwandle ihamba ngolwandle kufanele izengezingxobo ezinomkhenkce kuphela. Imithwalo eyahlukanisiweyo ayizukwamkelwa.

Inyama (ekrwada) ingangena kweli kuphela xa ikumkhenkce omiselweyo kwiphepha mvume lonyango lwezilwanyana.

Ofanele kukwenza

  1. Gcwalisa uxwebhu lwesicelo sokufaka impahla kweli lomzantsi Afrika okanye ukuhambisa inyama kweli.
  2. Ukuba imveliso ihamba  kwilizwe lase Mzantsi Afrika, kufuneka ufake ikopi yephepha mvume lokuthenga phesheya yelizwe apho izakuphelela khona nesicelo sonyango lwezilwanyana lokuhamba lwaseMzantsi Afrika.
    • kufanele uyihlawulele imvume 
    • Faka imali kwi akhawunti yeSebe
  3. Igama le bhanki: Standard Bank of South Africa
    Igama lomnini akhawunti: National Department of Agriculture.
    Account No: 011219556 International Band
    Branch: 010845
    IB brand 0001982 Centre Code
    Swift Code: SBZA-ZAJJ
    Ibrantshi: Arcadia
  4. Apho isicelo sisegameni lomnye umntu, qinisekisa ukuthu uhlawula usebenzisa igama lakhe okanye igama le khampani. Uphawu lwempahla ligama nefani yomthumeli wempahla.
  5. Ungahlawula kwi ofisi yeSebe lezolimo amahlathi nokuloba kuluhlu lokuqhagamshela.
  6. Luxanduva lakho ukuhlawula indleko zebhanki kunye nendleko zebhanki yelinye ilizwe, isebe alinakukhupha iphepha mvume ukuba imali  ayikafiki. (iyaphengululwa unyaka noyaka ipapashwe kwi gazethi ka rhulumente).
  7. Itsheki ene gama lomlawuli jikele: ISebe lezolimo, Amahlathi nezokuloba
  8. Ingafakwa noxwebhu lwesicelo ithunyelwe ngeposi kule dilesi ingezantsi.
  9. Thumela uxwebhu olugcwalisiweyo nobunqina kule dilesi:
    The Director: Animal Health
    Import Export Policy Unit
    Private Bag X138
    Pretoria
    0001
    South Africa.
  10. Akukho sicelo sizakujongwa ngaphandle kobungqina bokuhlawula. Ubungqina  bokuthi uhlawulile kufanele bu Fekselwe kule nombolo: 012 329 8292 uyithumele ku: Ina Labuschagne.
  11. Nceda ucacise kwixwebhu lwesisicelo ukuba ufuna imvume ithunyelwe kuwe okanya uzakuyilanda ngokwakho.
  12. Emva kokuba kufunyenwe uxwebhu olugcwalisiweyo  lwesicelo kunye nobungqina bokuthi uhlawulile iphepha mvume lokusebenza ngezilwanyana kunye nesiqinisekiso sempilo sezilwanyana esiqingqiweyo (template) liza kukhutshwa luthunyelwe kuwe ngqo.
  13. Kufanele ufumane isiqinisekiso sempilo nonyango lwesilwanyana ukusuka kwabasemagunyeni bonyango lwezezilwanyana kwilizwe eziphuma kulo phambi kokuba zitunyelwe. Esi siqinisekiso kufanele sihambisane nemibandela ekwi phepha mvume lonyango lwezilwanyana lwaseMzantsi Afrika okanye kube kuxoxisenwe ngalo phakathi kwabaphetheyo kwezonyango lwelilwanyana kumazwe omabini.
  14. Ukuba usafuna ulwazi oluthe vetshe malunga neenkcukacha zesilwanyana ngasinye  okanye imveliso yesilwanyana ungafumana ikopi yomzekelo we phepha mvume kunye nesiqiniseko sempilo sezilwanyana kwi ofisi ekhupha imvume.
  15. Kufanele udlulisele oku okulandelayo kwigosa lwezonyango lwezilwanyana eziphuma kumazwe angaphandle kwizibiko lokungena:
    • Iqobelo lwemvume yokuthenga izilwanyana pheshesheya
    • Iqobeli lesiqinisekiso sempilo sezilwanyana.
  16. Wonke umthwalo we nyama kufanele uhlolwe kwenye yezindawo zilandelayo njongokuba kucacisiwe kwiphepha mvume lokungena:
    • Durban: Tel: 031- 337 4346/7
    • Cape Town: Tel: 021- 551 2050
    • City Deep (ezisuka kumazwe oommelwane kuphela): Tel:011- 613 1636
    • Port Elizabeth (kwenziwa amalungiselelo kuqala): Tel: 041- 585 8907

Ixesha elimiselweyo

Xa uqgrirha wezilwanyana karhulument kwiofisi kazwelonke esamkele isicelo sokufaka impahla kweli,  kuthabatha nje intsuku ezintathu ukuya kwezintlanu ezokusebenza ukuthi isicelo siphumeleliswe nokuthi imvume ikhutshwe.

Ingaba kubiza malini na

R220

Ungaqhagamshela nabani

 

Share this page