Ukubhalisa iziko lemfundo ephakamileyo labucala

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa iziko lemfundo ephakamileyo

Ingaba unomnqweno wokunikela ngemfundo ephakamileyo eMzantsi Afrika? Kufuneka uqale ubhalise iziko njengelemfundo ephakamileyo labucala kwiSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho (i-DHET) ukuze ube negunya ngokwasemthethweni lokunikela ngeenkqubo zemfundo ephakamileyo.

Amaziko emfundo ephakamileyo abucala anikela ngemigangatho efana neyesiKhokelo-nkqubo seSizwe seziQinisekiso (i-NQF) (Umgangatho wesi-5 ukuya kowe-10) njengeeyunivesithi zikarhulumente okanye iiyunivesithi zobuchwepheshe.

Injongo yobhaliso kukuqinisekisa ukuba:

  • amaziko abucala anikela ngemfundo esemgangathweni
  • uluntu lukhuselekile kumaziko emfundo anganyanisekanga nabaxhaphazayo
  • umfundi ufumana iziqinisekiso zemfundo ezihambelana nesiKhokelo-nkqubo seziQinisekiso zeMfundo ePhakamileyo (i-HEQF) kwaye ezibhaliswe kwi-NQF
  • inkqubo yemfundo ihlangabezana neenjongo zokutshintsha uMzantsi Afrika ngokomgaqo-nkqubo nemithetho karhulumente
  • amaziko emfundo abucala athobela uMthetho weMfundo ePhakamileyo, wowe-1997 (uMthetho we-101 wowe-1997).

Iinkqubo zamaziko emfundo abucala zifanele ukubhaliswa e-DHET, zigunyaziswe yiKomiti yemiGangatho yeMfundo ePhakamileyo (i-HEQC) yeBhunga kwiMfundo ePhakamileyo (i-CHE) ngokunjalo zibhaliswe kwi-NQF liQumrhu laseMzantsi Afrika leziQinisekiso (i-Saqa). Iinkqubo zifanele ukwamkeleka esizweni nasehlabathini.

Kwiinyanga ezili-18 obona buncinane zokunqwenela ukuqalisa ukusebenza kweziko lakho ufanele ukufaka isicelo sokubhalisa kumBhalisi wamaZiko eMfundo ePhakamileyo abuCala. Isicelo sokuGuqulwa masingeniswe ngomhla omiselwe ngumBhalisi (uMlawuli-Jikelele).

Ofanele ukukwenza

  1. Zalisa ifomu emiselweyo yokufaka izicelo.
  2. Faka ifomu yokufaka izicelo kumBhalisi wamaziko eMfundo ePhakamileyo yabuCala.
  3. Faka amaxwebhu alandelayo nefomu yokufaka isicelo:
    • iingxelo eziphicothiweyo zeemali zonyaka okanye iingqikelelo zeemali eziphicothiweyo
    • isicwangciso seshishini
    • isivumelwano sesiqinisekiso
    • amaxwebhu obhaliso lwequmrhu
    • iingxelo eziphicothiweyo zokuthotyelwa kwemimiselo yempilo nokhuseleko emsebenzini
    • isatifikethi sobhaliso lweshishini
    • isibhengezo sesicelo sokuqinisekiswa
    • isivumelwano sokuqinisekisa ukuba iziko linabasebenzi abafanelekileyo
    • isibhengezo sokubek’ iliso novavanyo
    • izivumelwano eziphakathi kwamaziko, ukuba zikhona
    • iincwadana eyenzelwe abafundi eneenkcukacha ngezifundo, izidanga namaxesha azo
    • iifomu zokubhalisa, izivumelwano zabafundi nemithetho kunye nemigaqo.
  4. Abafaki-zicelo bangaphandle bafanele ukufaka okulandelayo:
    • isibhengezo malunga nokulingana kweziqinisekiso zemfundo
    • ubungqina bokwamkeleka kwilizwe ummi wangaphandle avela kulo
    • ubungqina bokugunyaziswa kwilizwe ummi wangaphandle avela kulo
    • isatifikethi sokugunyaziswa esivela kwi-HEQC nobhaliso lwase-Saqa
    • isibhengezo esisayiniweyo sokuba iziko alisayi kucalucalula nangeyiphi na indlela
    • xa kukho utshintsho, , makutshintshwe iinkcukacha
    • isibhengezo ngokubek’ iliso nokuvavanya, kwakunye nesibhambathiso sokuzibophelela esisephepheni eligximfizwe igama leziko, elibekwe umhla laze lasayinwa.
  5. Hlawula umrhumo omiselweyo.

Qaphela: Nceda qhagamshelana nomBhalisi malunga nalo naluphi na utshintsho onqwenela ukulenza ngexesha lenkqubo yokufaka isicelo.

Kuthatha ixesha elingakanani

  • Obhalisa okokuqala: iinyanga ezili-18 phambi kokuvulwa kweziko ukwenzela ubhaliso.
  • Ukwenza izilungiso: iinyanga ezili-12 phambi kokuqalisa ngezilungiso ezo.
  • Ukwenza inguquko: ngokokubona komBhalisi.

Kuziindleko ezingakanani

Yi-R500

Iifomu ezizaliswayo

Iifomu zifumaneka kwiSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho:

  • Isicelo sobhaliso njengeZiko leMfundo ePhakamileyo labuCala, ifomu APX -01
  • Isicelo seziLungiso, ifomu APX-02 
  •  Isicelo seNguquko, ifomu APX-03

Ungaqhagamshela nabani

 

National Office

Tel: 012 312 5253/5320
Fax: 012 324 6343
City/town: Pretoria
Province: Gauteng
Physical address: Department of Education: Directorate: Private Higher Education Institutions, Sol Plaatje House, 123 Schoeman Street, Pretoria
Postal address: Private Bag X895, Pretoria, 0001

Share this page