Ukubhalisa iziko lemfundo yamabanga abasaqalayo (i-ECD)

Malunga
Ekufuneka ukwenze
Ixesha elimiselweyo
Imali ehlawulwayo
Iifomu ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxibelelwano

 

 

 

Malunga nokubhalisa iziko lemfundo yamabanga abasaqalayo (i-ECD)

Iziko lemfundo yamabanga abasaqalayo okanye isikolo-mpeleso yindawo yokugcinwa kwabantwana abangekayi esikolweni abangaphezulu kwesithandathu ngamaxesha athile emini okanye obusuku. Kufuneka kubekho isivumelwano phakathi komnikazi sikolo-mpeleso kunye nabazali okanye abagcini-bantwana.

Ukuba unabantwana obagcinayo egameni labazali babo okanye abagcini babo, abangaphezulu kwisithandathu (abaneminyaka efikelela kwemithandathu), iiyure ezithile ebusuku okanye emini, okanye ithutyana elifutshane, ungafaka isicelo sokubhaliswa kwi-ofisi ekufutshane nawe yesebe lophuhliso loluntu okanye ekamasipala.

Ukumisela okanye ukuvula iziko le-ECD, iziko kufuneka:

  • libhaliswe kurhulumente wephondo elo likulo
  • lilawulwe kwaye liphathwe ngokwemiGaqo yamaZiko eMfundo yabasaQalayo (Guidelines for Early Childhood Development Centres)
  • lithobele le mimiselo nemigangatho:
    • indawo ekhuselekileyo ebantwaneni
    • ukongiwa ngokufanelekileyo kwabantwana abagulayo okanye abantwana abathe bagula
    • indawo ethe gabalala nebetha umoya ngokufanelekileyo
    • amanzi akulungeleyo ukuselwa
    • icoceke kwaye ibe nezindlu zangasese
    • indawo yokugcina nayiphi na into enokuba nobungozi ebantwaneni
    • ibe nayo imigqomo yokufaka inkunkuma kunye nezinye izinto zokufaka inkunkuma eqokelelwe apha kweli ziko
    • indawo ecocekileyo yokulungisa nokuphaka ukutya kwabantwana
    • iindlela zokwahlula abantwana ngokwamaqela ashiyana ngobudala
    • ukwenza isicwangciso samanyathelo aza kuthathwa xa kukho imeko kaxakeka
    • ukubhala imigaqo-nkqubo neenkqubo ezimayelana nezempilo kweli ziko.

Amaziko azizikolo-mpeleso zethutyana agcina abantwana abakhabuzekileyo okanye abanezigulo ezinganyangekiyo kufuneka:

  • alungiselelwe imeko yaba bantwana
  • abe nezixhobo eziza kukwazi ukumelana nezidingo zabantwana abanjalo
  • aqeqeshe abantu abasebenza kweli ziko.

Iziko elisisikolo-mpeleso sethutyana lingasifumana isibonelelo senkxaso-mali kwisebe ukuba liyayanezisa imimiselo nemigangatho, nokuba ingingqi leyo likuyo iintsapho azinazimpiko zokukwazi ukuba nezindlu, ukuthenga ukutya nezinye izinto eziyimfuneko kubomi baba bantwana.

Ekufuneka ukwenze
 

  1. Faka isicelo sokubhaliswa okanye esokubhaliswa okuxhomekeka kwimiqathango ethile kweziko elisisikolo-mpeleso sethutyana kwi-ofisi ekufutshane nawe yesebe lophuhliso loluntu okanye kamasipala apho uza kunikwa iFomu 11 ukuba uyigcwalise.
  2. Isicelo sakho kufuneka sibe noku kulandelayo:
  • iinkcukacha zakho (inombolo yencwadi-sazisi, idilesi kunye nenombolo yomnxeba)
  • inani labantwana abaza kuthathwa kweli ziko
  • izifundo oziphumeleleyo, izakhono kunye namava akho omsebenzi
  • iinkcaza ngeenkqubo kunye neenkonzo ezikhoyo, kuquka neenjongo nemibono.
  1. Ngenisa oku kulandelayo:
  • isicwangciso seshishini
  • amaxesha omsebenzi eli ziko lethutyana
  • iimali ezihlawulwayo
  • isicwangciso seenkqubo zeziko
  • uluhlu neenkcukacha zabasebenzi
  • umgaqo woluleko
  • umgaqo-siseko
    • onegama leziko lesikolo-mpeleso sethutyana
    • onoluhlu neenkcukacha zabalawuli, amagunya kunye nemisebenzi yabo
    • ikopi engelokhutshelo-kopi yoyilo olungumzobo wesakhiwo
    • isicwangciso samanyathelo aza kuthathwa ngethuba likaxakeka
    • isiqinisekiso sokwamkelwa
    • isiqinisekiso sezempilo esivela kumasipala

Amagosa eSebe loPhuhliso loLuntu nakamasipala aza kundwendwela iziko eli rhoqo aze kuhlola.

Ixesha elimiselweyo

Kungathatha iinyanga ezintathu ukuze ufumane isiqinisekiso sokubhaliswa.

Imali ehlawulwayo

Le nkonzo isimahla

Iifomu ezigcwaliswayo

IFomu 11 iyafumaneka kwi-ofisi yesebe lophuhliso loluntu okanye ekamasipala.

Iinkcukacha zonxibelelwano

Iinkcukacha zonxibelelwano zee-ofisi zephondo zeSebe loPhuhliso loLuntu.

Share this page