Faka isicelo sokufundisela ekhaya

Ukuba ukhetha ukufundisela umntwana wakho ekhaya kufuneka ufake isicelo kwintloko yeSebe lezeMfundo lePhondo okulo ubhalise umntwana wakho oza kufundiselwa ekhaya. Umntwana wakho ungamfundisa ngokwakho okanye umqeshele umntu oza kumfundisa.

Izifundo oza kuzifundisa umntwana wakho kufuneka zihambelane nezi zigaba zemfundo zinyanzelekileyo:

  • isigaba esisisiseko (amabanga 1 -3)
  • isigaba esiphakathi (amabanga 4-6)
  • isigaba esiphezulu (amabanga 7-9)

Khangela iinkcukacha ezithe vetshe malunga nokufundisela ekhaya okanye uqhagamshelane neSebe leMfundo esiSiseko.

Share this page