Faka isicelo sokukhutshelwa kwakhona isiqinisekiso sematrikhi (ukutshintsha kweenkcukacha)

ISebe leMfundo esiSiseko okanye isebe lezemfundo lephondo liza kusikhupha kwakhona isiqinisekiso sematrikhi sineenkcukacha ezitshintshiweyo phantsi kwemiqathango ethile.

Ukutshintsha iinkcukacha kwisiqinisekiso sakho sematrikhi, kufuneka ufake isicelo kwiSebe leMfundo esiSiseko (i-DBE) okanye isebe lezemfundo kwiphondo okulo ngokugcwalisa ifomu efanelekileyo (IsiCelo sokuTshintsha/sokuLungisa iiNkcukacha zakho Buqu: Iimpazamo ezeNziwe e-Ofisini okanye isiCelo sokukhutshelwa kwakhona isiqinisekiso sematrikhi ngenxa yotshintsho kwiinkcukacha zakho: utshintsho ngokoMthetho). Kufuneka uye ngokwakho buqu kwi-ofisi yesebe lezemfundo ekufutshane nawe ukuze igosa lidlane indlebe nawe phambi kokuba lenze utshintsho.

Ungacela ingxelo yeziphumo zematrikhi ngelithuba usalinde isiqinisekiso sakho.

Khangela iinkcukacha ezithe vetshe malunga nokukhutshwa kwakhona kwesiqinisekiso sematrikhi okanye uqhagamshelane neSebe leMfundo esiSiseko.

 

  • National office: 012 357 4511/13
    E-mal: certification@dbe.gov.za
  • Eastern Cape: (043) 604 7709/73
  • Free State: (051) 404 8000
  • Gauteng: (011) 355 0588
  • KwaZulu Natal: (031) 327 0538/0331
  • Limpopo: (015) 290 7747/7830
  • Mpumalanga: (013) 766 0033
  • Northern Cape: (053) 839 6585
  • North West: (018) 384 3100/51
  • Western Cape: (021) 467 2483

Share this page