Ukwenza isatifikethi sematriki esitsha sokuthatha indawo yesidala

Isatifikethi esilahlekileyo okanye esonakeleyo

Ukuba isatifikethi sakho sematriki (iSatifikethi esiPhezulu seSizwe) silahlekile okanye sonakele, ungafaka isicelo sokwenzelwa isatifikethi esitsha kwiSebe leMfundo esiSiseko okanye kwisebe lezemfundo lephondo. Ungafaka isicelo uze uhlawulele ukukhutshwa kwaso ngokutsha ku-intanethi.

Ungacela ingxelo yeziphumo zakho ngeli xesha usalindele ukukhutshwa kwesatifikethi sakho. Ukuba isatifikethi sakho sonakele, kufuneka usibuyisele kwiSebe leMfundo esiSiseko.

Nceda uqaphele: Ukufaka isicelo sesatifikethi sakho sematriki esilahlekileyo okanye esonakeleyo kungohluka ukusuka kwelinye iphondo ukuya kwelinye.

Ukutshintsha kobume

Ukuba iimviwo zakho zematriki uzibhale kwiminyaka eyohlukeneyo kwaye ufuna ukuhlanganisa izifundo oziphumeleleyo ukuze ulungele ukufumana iSatifikethi seSizwe, kufuneka ufake isicelo sokufumana isatifikethi esitsha: ukutshintsha kobume. Isebe aliveli nje lizihlanganise ngokwalo izifundo oziphumeleleyo, ngaphandle kokuba ubhale iimviwo zoxabangelo. Nako oko ungakufakela isicelo ku-intanethi.

Ungafaka isicelo sengxelo eqinisekisa iziphumo zakho ngeli xesha usalindele iSatifikethi esiPhezulu seSizwe

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokwenza isatifikethi esitsha sokuthatha indawo yesidala kwiSebe leMfundo esiSiseko.

  • I-ofisi yeSizwe: 012 357 4511/13
    certification@dbe.gov.za
  • Mpuma Koloni: 043 604 7709/73
  • Freystata: 051 404 8000
  • Gauteng: 011 355 0588
  • KwaZulu-Natal: 031 327 0538/0331
  • Limpopo: 015 290 7747/7830
  • Mpumalanga: 013 766 0033
  • Mntla Koloni: 053 839 6585
  • Mntla Ntshona: 018 384 3100/51
  • Ntshona Koloni: 021 467 2483

Share this page