Ukuthatha umntwana ongamzalwanga abe ngowakho kwilizwe elingenasivumelwano

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho kwilizwe elingenasivumelwano

Ukuba ungummi wangaphandle onomdla wokuthatha umntwana waseMzantsi Afrika ongamzalanga abe ngowakho, kodwa ilizwe lakho alisityikityanga isivumelwano saseHague, unganakho ukuthatha umntwana usebenzisa iGunyabantu elinoBuchule  okanye iiNkonzo zoLuntu zaMazwe ngaMazwe kwilizwe ohlala kulo.

Ofanele kukwenza

  1. Qhagamshelana neGunyabantu elinobuchule  okanye iiNkonzo zoLuntu zaMazwe ngaMazwe  kwilizwe ohlala kulo.
  2.  IGunyabantu elinobuchule okanye iiNkonzo zoLuntu zaMazwe ngaMazwe  ziya kukuthumela kumbutho ogunyazisiweyo wokuthatha abantwana kwilizwe lakho ukuze ukuvavanye kwaye ukuhlole ukuze uqinisekise ukuba ukulungele na ukuba ngumzali waloo mntwana.
  3. Ukuba umbutho ukufumanisa ukulungele ukufumana umntwana ongamzalanga abe ngowakho,  uya kuqulunqa ingxelo ngokufunyaniswe ekhaya ize iyithumele kwiGunyabantu eliyiNtloko laseMzantsi  Afrika.
  4. IGunyabantu eliyiNtloko laseMzantsi Arfika liya kugqithisela ingxelo kumbutho okhusela abantwana onesivumelwano esisebenzayo sokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho ne-arhente yezangaphandle ikhangele umntwana okhoyo olungele ukufumana abazali.
  5. Ukuba kukho umntwana okhoyo olungele ukufumana abazali, umbutho okhusela abantwana uza kuqulunqa ingxelo ngomntwana lowo uze uyigqithisele kwiGunyabantu eliyiNtloko laseMzantsi Afrika ukuze linike imvume yokuthathwa komntwana ongamzalanga abe ngowakho ephakathi kwamazwe amabini (Inqaku le-17).
  6. Umbutho okhusela abantwana uya kugqithisela ingxelo kwi-arhente yezangaphandle ukuze itshatise umntwana kunye nabazali ekulindeleke ukuba babengabomntwana.
  7. Ukuba usenomdla wokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho  iGunyabantu elinoBuchule kwilizwe ohlala kulo okanyeiiNkonzo zoLuntu zaMazwe ngaMazwe ziza kukhupha iNqaku 17, elikunika imvume yokuthatha umntwana ongamzalanga abe owakho.
  8. Icandelo le-17 elivela kwiGunyabantu elinoBuchule okanye kwiiNkonzo zoLuntu zaMazwe ngaMazwe zelizwe lakho ziya kuthunyelwa kumbutho okhusela abantwana ogunyazisiweyo. I-arhente yokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho eMzantsi Afrika iya kukwazisa ukuba utyelele eMzantsi Afrika ukuze kuqosheliswe ukuthathwa komntwana ongamzalanga abe ngowakho.
  9. Inkundla iya kugqibezela isicelo sakho sokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho ize amaxwebhu asenkundleni iwadlulisele kwiGunyabantu eliyiNtloko laseMzantsi Afrika ukuze liqinisekise kwaye kubhaliswe oku kuthathwa komntwana ongamzalanga abe ngowakho.
  10. IiNkonzo zoLuntu zaseMzantsi Afrika ziya kukhupha iSiqinisekiso sokuVumelana.

I-arhente yezangaphandle yokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho iya kukubonelela ngeenkonzo zokujonga umntwana emva kwesikolo isithuba seminyaka emihlanu.

Ixesha elimiselweyo

Imeko yohluka ukusuka kwenye ukuya kwenye.

Ingaba kubiza malini na

Kufuneka uhlawule kumbutho okhusela abantwana ogunyazisiweyo malunga nokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho phakathi kwamazwe amabini. 

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Ungaqhagamshela nabani

Share this page