Ukuthatha umntwana ongamzalanga nguwe phantsi kwesivumelwano saseHague

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Ukuthathwa kwabantwana abangazalwanga nguwe phantsi kwesivumelwano saseHague

Ukuba ungummi wangaphandle onomdla wokuthatha umntwana ongazalwanga nguwe waseMzantsi Afrika abe ngowakho, kufuneka kuqala ufumanise ukuba ingaba ilizwe lakho lasityikitya na isivumelwano saseHague. Esi sivumelwano sichaza ngokusetyenziswa kwesi sivumelwano sokuthatha abantwana angabangazalwanga nguwe babe ngabakho phakathi kwamazwe athatha inxaxheba kuso.

Ungasebenzisa olu hlobo lokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho ukuba ilizwe lakho, njengoMzantsi Afrika, lityikitye isivumelwano saseHague.

Esi sivumelwano sibeka iimfuno zomntwana kuqala kwaye sizama ukuthintela ukubiwa, ukuxhatshazwa, ukuthengiswa nokuthunyelwa kwabantwana kwamanye amazwe ngeenjongo zokubaxhaphaza ngokwesondo.

Igunyabantu eliyintloko elizweni ohlala kulo kufuneka likuthumele kumbutho ogunyazisiweyo okhusela abantwana ukuze kukhangelisiswe ukuba ukulungele na ukuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho. Loo mbutho usaya kuthetha-thethana nombutho ogunyazisiweyo okhusela abantwana eMzantsi Afrika ukuncede ukhangele umntwana okhoyo olungele ukufumana abazali.

Ofanele kukwenza

  • Qhagamshelana neGunyabantu eliyiNtloko kwilizwe ohlala kulo.
  • Igunyabantu eliyintloko liya kukuthumela kumbutho wokuthathwa kwabantwana kwilizwe lakho ukuvavanye kwaye ukuhlole ukuqinisekisa ukuba ukulungele na ukuba ngumzali womntwana ongamzalanga abe ngowakho.
  • Ukuba umbutho okhusela abantwana ukufumanisa ukulungele ukuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho, uya kuqulunqa ingxelo ebanzi malunga nekhaya uzeuyithumele kwiGunyabantu eliyiNtloko laseMzantsi Afrika.
  • Gunyabantu eliyiNtloko laseMzantsi Afrika  liya kuyithumela ingxelo kumbutho okhusela abantwana onesivumelwano esisebenzayo sokuthathwa kwabantwana nombutho welizwe langaphandle ukuba likhangele umntwana okhoyo olungele ukufumana abazali.
  • Ukuba kukho umntwana okhoyo oselungelweni lokuthathwa ngabazili abangamzalanga umbutho okhusela abantwana uya kuqulunqa ingxelo ngokufundileyo ngomntwana uze uyithumele kwiGunyabantu eliyiNtloko laseMzantsi Afrika ukuze kuthathwe isigqibo samazwe anesivumelwano sokuthathwa kwabantwana (Umhlathi 17).
  • Umbutho okhusela abantwana eMzantsi Afrika uya kuthumela ingxelo kumbutho welizwe langaphandle ukuze litshatise umntwana lowo nabazali abanqwenela ukuba abe ngumntwana wabo.
  • Ukuba usenomdla wokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho, iGunyabantu elikwilizwe ohlala kulo liya kukhupha uMhlathi we-17, okunika imvume yokuthatha umntwana lowo.
  • UMhlathi we -17 ovela kwiGunyabantu lelizwe lakho uya kuthunyelwa kumbutho okhusela abantwana ogunyazisiweyo waseMzantsi Afrika. Umbutho okhusela abantwana uya kukwazisa ukuba utyelele  eMzantsi Afrika ukuze kuqosheliswe isicelo sakho sokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho enkundleni yabantwana.
  • Inkundla iya kuqoshelisa isicelo sakho sokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho namaxwebhu asenkundleni aya kugqithiselwa kwiGunyabantu eliyiNtloko laseMzantsi Afrika ukuqinisekisa nokubhaliswa komntwana lowo.
  • Igunyabantu eliyiNtloko laseMzantsi Afrika liya kukhupha iSiqinisekiso sokuVumelana.
  • Umbutho oququzelela ukuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho uya kukubonelela ngeenkonzo zokugcinwa komntwana ukuphuma kwesikolo isithuba seminyaka emihlanu.

Ixesha elimiselweyo

Imeko yohluka ukusuka kwenye ukuya kwenye.

Ingaba kubiza malini na

Kufuneka uhlawule kumbutho okhusela abantwana ogunyazisiweyo malunga nokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho phakathi kwamazwe amabini. 

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Qhagamshelana neGunyabantu eliyiNtloko kwilizwe ohlala kulo.

Ungaqhagamshela nabani

Qhagamshelana neGunyabantu eliyiNtloko kwilizwe ohlala kulo.

 

Share this page