Ukwamkela umntwana ozalana nawe okwelinye ilizwe abe ngumntwana wakho

Malunga 
Kokuphi omawukwenze
Kuthatha ixesha elingakanani 
Kubiza malini
ifomu emazigcwaliswe 
Uqhagamshelana nabanii

 

 

Malunga nokwamkela umntwana ozalana nawe okanye ongowegazi lakho okwelinye ilizwe abe ngumntwana wakho

Uyakwazi ukwamkela umntwana wesizalwane sakho saseMzantsi Afrika aze lo mntwana ahlale nawe kwilizwe elingaphandle kweli. Ukuba uhlala eMzantsi Afrika abe umntwana ehlala kwelinye ilizwe, xa sowumamkele ngokusesikweni umntwana lowo kwilizwe langaphandle elichaphazelekayo usenokuza naye ahlale kuwe eMzantsi Afrika.

Ukwamkelwa komntwana njengowakho okwenzeka phakathi kwamazwe amabini kuquka ukudluliselwa ngokusemthethweni kwamalungelo obuzali noxanduva olususwa kumzali okanye kubazali abamzeleyo ludluliselwa kuwe ngaphaya kwemida yamazwe angaphandle.

Xa ufuna ukwamkela umntwana wesizalwane esizinze eMzantsi Afrika njengowakho kufuneka uye kuGunyaziwe oyiNtloko kwilizwe ohlala kulo. Ukuba akakho ugunyaziwe owenza loo msebenzi kwilizwe okulo, ungaqhagamshelana ne-International Social Services (i-ISS) kwelo lizwe ukuze iququzelele lo nkqubo yokwamkelwa komntwana njengowakho.

I-ISS ngumbutho wehlabathi ongenzi nzuzo oqwalasela ngokukodwa ukufuduswa kwabantwana abasesichengeni sokuba ngamaxhoba. Lo mbutho unamasebe, oonontlalo-ntle, amaziko nabanxulumanisi abafumaneka kumazwe amalunga ne-140.

Ukuba umntwana uhlala kwelinye ilizwe, kufuneka uye kuGunyaziwe oyiNtloko woMzantsi Afrika (i-Saca), nozakuthi adlulisele lo mba kumbutho wokhuseleko lwabantwana ogunyazisiweyo. Ukuba ngaba umbutho wokhuseleko lwabantwana emva kokuhlola novavanyo ukufumanisa unokuba ngumzali ofanelekileyo wokwamkela umntwana njengowakho, uza kubhala ingxelo epheleleyo uze uyithumele kuGunyaziwe oyiNtloko welizwe langaphandle elichaphazelekayo. UGunyaziwe oyiNtloko welizwe langaphandle kwelakhe icala, uza kwenza uphando aze abhale ingxelo yophando-nzulu ngomntwana lowo aze ayithumele eMzantsi Afrika.     

Ukuba omabini amazwe lawo ayavumelana ngokwamkelwa komntwana njengowakho, kuza kufuneka uye kwilizwe langaphandle elo uyokugqibezela le nkqubo yokwamkelwa komntwana njengowakho.

Ukwamkelwa komntwana ozalana nawe njengowakho okanye ukwamkelwa komntwana ozalana nawe ngokwegazi kungenziwa nalo naliphi na ilizwe nokuba akukho sivumelwano sikhoyo sisebenzayo (ilizwe elililungu elityikitye isivumelwano seNgqungquthela yaseHague okanye elingatyikityanga sivumelwano seNgqungquthela yaseHague).

Kokuphi omawukwenze

Ukuba uMzantsi Afrika lilizwe lakho lokuzalwa, inkqubo ihamba ngale ndlela ilandelayo:

  1. Ukuba uhlala kwilizwe langaphandle kwaye ufuna ukwamkela umntwana waseMzantsi Afrika ozalana nawe njengowakho, kufuneka uqhagamshelane noGunyaziwe oyiNtloko kwilizwe ohlala kulo.
  2. Umbutho wokwamkelwa kwabantwana ogunyazisiweyo uza kukuhlola ukuvavanye ukukhangela ukuba unokuba ngumzali ofanelekileyo wokwamkela umntwana njengowakho kusini na. Ukuba umbutho ukufumanisa ukulungele kwaye ufanelekile ukuba ungamkela umntwana njengowakho, uza kubhala ingxelo epheleleyo yophando-nzulu lwasekhaya uze uyithumele kwi-Saca, neyakuthi yona iyithumele kumbutho wokhuseleko lwabantwana ogunyazisiweyo.
  3. Umbutho wokhuseleko lwabantwana waseMzantsi Afrika uza kuphanda uze uvavanye ukuba umntwana lowo ukwamkelwa kwakhe kuvumelekile na. Unontlalo-ntle uza kuqinisekisa ukuba umntu ngamnye ekufanele anikezele imvume kule nkqubo yokwamkelwa komntwana uyayinikezela lo mvume ngeNkundla yaBantwana.
  4. Amaqela achaphazelekayo ayakunikwa iintsuku ezingama-60 ukuba angayirhoxisa imvume yawo phambi kokuba kugqitywe ukuba umntwana angamkelwa njengowakho.
  5. Umbutho wokwamkelwa kwabantwana uza kubhala ingxelo epheleleyo engophando-nzulu lomntwana uze uyithumele kwelo lizwe langaphandle.
  6. Ukuba omabini amazwe ayavumelana ngokwamkelwa komntwana, kuza kufuneka uze eMzantsi Afrika ukuza kugqibezela inkqubo yokwamkelwa komntwana njengowakho.

Ukuba uhlala eMzantsi Afrika kwaye ufuna ukwamkela umntwana ozalana nawe njengowakho kodwa abe ekwilizwe elingaphandle kweli, inkqubo yoko ihamba ngale ndlela:

  1. Kufuneka uqhagamshelane ne-Saca neyakuthi yona kwelayo icala idlulisele lo mbandela kumbutho wokhuseleko lwabantwana ogunyazisiweyo.
  2. Umbutho wokwamkelwa kwabantwana ogunyazisiweyo uza kuhlola ukuvavanye ukukhangela ukuba unokuba ngumzali ofanelekileyo wokwamkela umntwana njengowakho kusini na. Ukuba umbutho ukufumanisa ukulungele kwaye ufanelekile ukuba ungamkela umntwana njengowakho, uza kubhala ingxelo epheleleyo yophando-nzulu lwasekhaya uze uyithumele kuGunyaziwe oyiNtloko welizwe langaphandle.
  3. UGunyaziwe oyiNtloko welizwe langaphandle, ngokusebenzisa imibutho yakhe, uza kuphanda ukuba umntwana lowo ukwamkelwa kwakhe kuvumelekile na aze abhale ingxelo epheleleyo yophando-nzulu ngomntwana. Ingxelo iya kuthunyelwa kwi-Saca.
  4. Ukuba amazwe omabini ayavumelana ngokwamkelwa komntwana njengowakho, kuza kufuneka uhambele ilizwe langaphandle elo ukuya kugqibezela inkqubo yokwamkelwa komntwana njengowakho.

 

Kuthatha ixesha elingakanani

Imeko nganye yohlukile kwenye.

Kubiza malini

Kufuneka uhlawule umbutho wokhuseleko lwabantwana ngokumalunga nokwamkelwa komntwana njengowakho okwenzeka phakathi kwamazwe amabini. 

Iifomu emazigcwaliswe

Qhagamshelana noGunyaziwe oyiNtloko  kwilizwe ohlala kulo.
 

Uqhagamshelana nabani

Qhagamshelana noGunyaziwe oyiNtloko kwilizwe ohlala kulo.

 

Share this page