INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-12 kweyeSilimela wama-2013

1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba ebalulekileyo kwiimeko ezigqubayo nezingundabamlonyeni

1.1. IKhabhinethi inqwenela owayesakuba nguMongameli uNelson Mandela ukuba akhawuleze aphile kwaye iqinisekisa isizwe ukuba ufumana eyona nkathalo nonyango ezikumgangatho ophezulu. IKhabhinethi ivuyiswa kukuba amayeza ayasebenza kwaye ukusabela kakuhle ukunyangwa kwaye iyasiphindaphinda isicelo sayo esibhekiswa kumajelo eendaba kunye noluntu ukuba bahloniphe ubomi obubobakhe lowo wayesakuba nguMongameli kunye nosapho lwakhe ngeli xesha.

1.2. IKhabhinethi incoma umsebenzi weQela lezoBulungisa, uThintelo loLwaphulo-mthetho noKhuseleko eliliQela elinoMsebenzi wokulwa noRhwaphilizo elasekwa nguMongameli uJacob Zuma ngowama-2010.

Okokuqala kwimbali yethu yentando yesininzi, abophuli-mthetho abakusebenzisa kakubi ukuthenjwa luluntu nabasebenzisa gwenxa imithombo yoluntu baye baziswa kwaza kwafuneka bathathe uxanduva ngezenzo zabo esidlangalaleni. Ukungalunyamezeli konke-konke koMzantsi Afrika urhwaphilizo kusisondeza kumbono wonyaka wama-2030 apho uluntu lwaseMzantsi Afrika luza kuphawulwa ngemigangatho ephezulu yemikhwa esesikweni kunye nobulungisa.

Esi simo sihlaselayo sijolise ekunqandeni abantu kumacandelo karhulumente kunye nawabucala abathi bazibandakanye kwizenzo zolwaphulo-mthetho kwaye siqhutywa kukuzinikela ekuqinisekiseni ukuba bonke abemi bakhuselekile kwaye nabo baziva bekhuselekile.

1.3. IKhabhinethi izigxeka kakhulu izenzo zakutshanje zocalucalulo ngokobuhlanga kwezinye iindawo zelizwe. Ucalucalulo alunayo indawo kwilizwe lethu nentando yesininzi yethu, ingakumbi ezikolweni, apho iinqobo zoMgaqo-siseko kufuneka zixhaswe kwaye zikhuselwe khona.

IKhabhinethi incoma iSebe lezeMfundo esiSiseko ngezenzo zalo ezikhawulezileyo zokujongana nocalucalulo ezikolweni kunye nokukhuthaza bonke abazali, abafundi nootitshala ukuba baluchaze ucalucalulo kunye nokuxhatshazwa ezikolweni. IKhabhinethi imema bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba basebenze kunye norhulumente ukujongana nocalucalulo apho luthi lwenzeke khona kuluntu.

1.4. IKhabhinethi yamkela utyelelo lukaMongameli waseMerika eMzantsi Afrika, uBarack Obama, oluyinxalenye yotyelelo lwakhe kumazwe amathathu ayi-Senegal, Tanzania kunye noMzantsi Afrika phakathi komhla wama-26 kweyeSilimela kunye nomhla wesi-3 kweyeKhala wama-2013. Iingxoxo zethu zobuchule kwezopolitiko neMerika ziyaqhuba ukuba nefuthe elakhayo kubudlelwane bethu bala mazwe mabini. IMerika isengumehlulelane obalulekileyo kwezorhwebo, utyalomali, ukhenketho kunye nobuchwepheshe.

1.5. IKhabhinethi incoma intlanganiso eyimbali yeNkqubo yeZiqinisekiso  yaseKimberley (KPCS) ebanjwe phakathi komhla we-4 kunye nowe-7 kweyeSilimela wama-2013 eKimberley. Le ntlanganiso yaBaphathi bamazwe ixoxe phakathi kwezinye izinto ngeendlela zokomeleza ukusebenza kakuhle kwenkqubo yeziqinisekiso zedayimani engekacokiswa. Oku kuqinisekisa ukuba urhwebo lwedayimani alubuxhasi ubundlobongela bemibutho yabavukeli-mbuso kunye nabaxhasi babo abafuna ukujongela phantsi oorhulumente abasemthethweni. Iingcebiso ezivela kule ntlanganiso ziza kubaluleka kwintlanganiso yeKPCS eza kubanjwa  apha ekuhambeni konyaka.

1.6. IKhabhinethi iqaphele ukuba isikhumbuzo soSuku loLutsha kunyaka wama-2013 nesiphawula unyaka wama-37 woQhankqalazo eSoweto siza kubhiyozelwa phantsi komxholo othi “Sisebenza sisonke ukuphuhlisa ulutsha kunye noMzantsi Afrika okhululekileyo kwiziyobisi.” IKhabhinethi ibulela abafundi bonyaka we-1976 abazenza idini ekuguquleni imbali yeli lizwe yaze yabeka uMzantsi Afrika kumzila oya kwintando yesininzi. IKhabhinethi iyaphindaphinda ukuthi, lo gama ulutsha lonyaka we-1976 lwalusilwela inkululeko kunye nokudalwa kombuso wentando yesininzi, ubutshantliziyo bolutsha lwanamhlanje bujoliswe ekoyiseni ngempumelelo imingeni yokulwa nentlupheko, intswela-ngqesho, iNtsholongwane kaGawulayo noGawulayo, uphuhliso lomntu ngamnye kunye nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi. IKhabhinethi ikhuthaza bonke abemi baseMzantsi Afrika kunye nemibutho ukuba basebenze kunye ukuphucula ubomi babantu abatsha kunye nokususa abashishina ngeziyobisi phakathi koluntu lwethu. Isikhumbuzo soSuku loLutsha siza kubhiyozelwa ngeCawa, umhla we-16 kweyeSilimela wama-2013 eNewcastle, KwaZulu-Natal.

1.7. IKhabhinethi ivuyisana neNkongolo yabaFundi baseMzantsi Afrika (Cosas) ngokugqiba iminyaka engama-34, kwaye iingcambu zayo zikumzabalazo waseSoweto wonyaka we-1976 wemfundo ekhululekileyo, esemgangathweni kunye nefanelekileyo. Ilizwe lizibandakanya ne-Cosas ekubhiyozeleni impumelelo yayo kunye nokubeka phambili imfundo esemgangathweni yakhe wonke ubani. IKhabhinethi incoma iinkokeli ze-Cosas ngelinge lazo lokuhlanganisa ulutsha khon’ ukuze lulwe nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi.

1.8. IKhabhinethi igxeka izenzo zoluntu zokulahlwa kwelindle eNtshona Koloni ngabaqhankqalazi abaqhankqalazela izindlu zangasese ezingamabhakethi aphathwayo. Lo gama urhulumente elihlonipha ilungelo lokuqhankqalaza kwabemi, olu hlobo loqhankqalazo alunasidima kwaye lubeka emngciphekweni omandundu iimpilo yoluntu kunye naleyo yabaqhankqalazi ngokwabo. IKhabhinethi imema abemi ukuba bazizise ngaphambili izikhalazo zabo ngendlela eyakhayo kwaye baphathe amaziko oluntu ngeyona ntlonipho nokuba zithini na izikhalazo zabo. IKhabhinethi imema abasemagunyeni ukuba bakhawulezise ukuwushukuxa lo mba ngendlela ehambelana noMgaqo-siseko.

1.9 URhulumente, ngokukhokelwa nguSekela-Mongameli uKgalema Motlanthe, uhlangene neenkokeli zeenkolo ezimele iBhunga leeCawa zaseMzantsi Afrika kunye neNkomfa yooBhishophu bebandla lamaKatolike yaseMzantsi Afrika ukuze baxoxe ngenkxalabo yabo yokuba iProjekthi yokuPhucula ooHola beeNdlela baseGauteng iza kuba nefuthe njani kwabahluphekayo kunye nokungazikhathaleli kukarhulumente iimfuno zabahluphekayo.

IKhabhinethi iyaphinda ukuthi urhulumente uzikhulule izithuthi zikawonke-wonke ezibhalisiweyo (ezisetyenziswa ikakhulu ngabahluphekileyo) kwirhafu yoohola bendlela abaseGauteng. Kwakhona, ukushukuxa iinkxalabo zabanye abakhweli beemoto, urhulumente ucuthe irhafu waza waqalisa ngezixa-mali ezinomda zazo zonke iindidi zezithuthi.

IKhabhinethi ikhuthaza abakhweli zimoto baseGauteng ukuba babhalisele ukufumana ibheji zekhompyutha kwaye bayibone leprojekthi njengenxalenye yephulo lokwakha iziseko zophuhliso neziluncedo zoluntu.

1.10 IKhabhinethi ivuyisana namaQela eBhola eKhatywayo iBafana Bafana neBanyana Banyana kunye neQela leQakamba iiProteas ngempumelelo yawo yakutshanje kwibhola ekhatywayo neqakamba. IKhabhinethi ivuyisana namaqela esizwe ngempumelelo ayilwele nzima kwimpelaveki esiphuma kuyo kwaye ikhuthaza bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba baxhase amaqela ethu esizwe.

1.11 IKhabhinethi yamkele ukusungulwa kwesikhululo sosasazo iPower FM, esisikhululo esitsha sosasazo, njengomdlali omtsha kolu shishino. IKhabhinethi iqaphele ukuba esi sikhululo siza kujongana nopolitiko, imiba yezentlalo kunye nezemidlalo ubukhulu becala kwaye sizibandakanya kuluhlu lwamaqonga kanomathotholo anokusetyenziswa ukwazisa abemi baseMzantsi Afrika.

1.12 IKhabhinethi ivuyisana noMlawuli Jikelele weSebe lezeMpilo, uGqr Malebona Precious Matsoso, ngokuqeshwa kwakhe njengelungu   nelikwangomnye wooSekela Sihlalo beBhodi yesiGqeba yeNgqungquthela yezeMpilo yeHlabathi isithuba seminyaka emithathu.

2. Iingxoxo kunye nezigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1. IKhabhinethi iqaphele ukuba iZiko lobuNtlola lezeziMali laseMzantsi Afrika liza kusindleka iiNtlanganiso Jikelele zamaQela aSebenzayo zoNyaka wama-2013 zamacandelo ezobuntlola kwezezimali eQela le-Egmont.

IQela le-Egmont ngumbutho wamacandelo ezobuntlola kwezezimali aphuma kumazwe ali-131. Ahlangana rhoqo ukuseka ubudlelwane bokuchonga ingeniso efunyenwe ngolwaphulo-mthetho, ukulwa nokusasazwa kwemali ngokungekho mthethweni kunye nokuxhasa ubunqolobi ngezimali ngenjongo yokukhusela ubulungisa kwiinkqubo zezimali.

2.2. IKhabhinethi iqaphele ukonyulwa koMzantsi Afrika ukuba usebenze kwiBhunga lezoQoqosho nezeNtlalo leZizwe eziManyeneyo (ECOSOC) ixesha elisusela kunyaka wama-2013 ukuya kowama-2015. Oku kuzisa ithuba lokubeka ubuchule bobunkokeli baseMzantsi Afrika kwimiba yophuhliso kunye nokugxininisa indima yelizwe njengomthathi-nxaxheba ongaguqukiyo nosebenza kakuhle xa uzibandakanya namanye amazwe amaninzi.
UMzantsi Afrika uza kuqinisekisa ukuba i-ECOSOC yomelezwa nangakumbi kwaye iguqulwa ukuze ikwazi ukumelana neenguqu zehlabathi kunye neemfuno zamazwe asaphuhlayo.

2.3. IKhabhinethi iqaphele ingxelo yobulungu obungesosigxina boMzantsi Afrika kwiBhunga loKhuselo leZizwe eziManyeneyo (UNSC) ukususela kumhla woku-1 kweyoMqungu wama-2011 ukuya kumhla wama-31 kweyoMnga wama-2012.

Le ngxelo ichaza impembelelo yoMzantsi Afrika kwinkqubo yolawulo lwehlabathi yokugcina uxolo kunye nokhuseleko lwamazwe ngamazwe.
Ngokuhambelana neenqobo zayo kunye nomdla wesizwe, uMzantsi Afrika kwi-UNSC ubeke phambili ukusonjululwa kwempixwano kunye noxolo nozinzo kwilizwekazi lase-Afrika. Ubulungu kwi-UNSC busekwabonelela uMzantsi Afrika ngethuba lokomeleza ubudlelwane namaqabane amazwe angundoqo kuphuhliso iBrazil, India, Nigeria neChina - abelana ngobulungu noMzantsi Afrika kwiBhunga.

3. IMithetho esaYilwayo 

3.1. IKhabhinethi ivumele ukuba uMthetho Sihlomelo woLawulo lweNtlekele upapashwe ukuze uluntu luphefumle.

Lo Mthetho osaYilwayo ujonge ukushukuxa imingeni ekujongenwe nayo kuwo onke amanqanaba karhulumente emva kokuqalisa koMthetho woLawulo lweNtlekele wama-2002. Esi Sihlomelo siza kuqinisekisa kwakhona umsebenzi woomasipala besithili malunga noxanduva lokuseka umthamo wophuhliso kunye nentsebenziswano ngesicwangciso solawulo lwentlekele. Oku kuquka ukuphunyezwa komsebenzi wolawulo lwentlekele kummandla lowo kamasipala.
  
UMthetho woLawulo lweNtlekele wama-2002 ujolise kwiinjongo ezine: Useka isikhokelo solawulo lwentlekele seziko ngokubanzi. Umisela umgaqo-nkqubo oneenkcukacha zophuhliso kunye nesikhokelo sesicwangciso sobuchule solawulo lwentlekele. Lo Mthetho osaYilwayo usekwabonelela ngokuhlelwa ngokohlobo nokubhengezwa kwentlekele; kwaye ujongene nokuxhasa ngezimali okwethutyana ukubuyiselwa kunye nokuvuselelwa kwesimo emva kwentlekele. Ubonelela ngamavolontiya olawulo lwentlekele kunye nemiba embalwa encedisayo nenxulumene noko.

3.2. IKhabhinethi ivume ukufakwa koMthetho Sihlomelo weRhafu yeZakhiwo kuRhulumente kaMasipala waseKhaya ePalamente.

URhulumente waseKhaya: uMthetho weRhafu yeZakhiwo waqala ukusebenza ngomhla wesi-2 kweyeKhala wama-2005. Wahlonyelwa kabini ngowama-2008 nowama-2009. Izihlomelo zifuna ukususa ukungacaci okanye iintsingiselo-mbini kunye nokubonelela ngokuqiniseka ngokwasemthethweni okungaphezulu.

Isihlomelo siza kuvumela ukusekwa kwendidi zerhafu yezakhiwo ezohlukileyo elubala, oko kuza komeleza ukuqonda kwabanini bezakhiwo ngokumiselwa kwerhafu. Isihlomelo siza kubekela ecaleni iziseko zophuhliso eziluncedo zeenkonzo zoluntu ezifana neendlela, imizila kaloliwe, izikhululo zenqwelomoya neendlela ezisetyenziselwa ukuchopha nokuntinga kwazo, amadama kunye neendonga ezakhiwe elwandle ukukhusela amazibuko kumaza ekubeni zirhafelwe. Ezi zilawulwa ngurhulumente kwaye azisayi kubeka sithintelo kwicandelo loshishino lwabucala. Oku kuza komeleza uqoqosho kwimida yoomasipala. Kuza kuba negalelo kwindima yophuhliso lwamashishini karhulumente ngokucutha iindleko zawo ezisisigxina.

3.3. IKhabhinethi ivumele iqela leMithetho yoRhwebo ngeeNqanawe efanayo ukuba ithiwe thaca ePalamente. Le Mithetho esaYilwayo yinxalenye yamanyathelo ayilwa ukuze anike uMzantsi Afrika uxanduva phantsi kweMithetho yokuziPhatha yaseLwandle yaMazwe ngaMazwe we-1992.

3.3.1 Injongo yoMthetho osaYilwayo woRhwebo ngeeNqanawe (iNgqungquthela yeTyala kuLuntu) kukumisela iMithetho yokuziPhatha yoMbutho waseLwandle waMazwe ngaMazwe, we-1992; kunye nokuphumeza sibe ngumthetho isihlomelo seNgqungquthela yaMazwe ngaMazwe seTyala kuLuntu loMonakalo ngenxa yoNgcoliseko yi-oli, we-1969. INgqungquthela yeTyala kuLuntu iseka kwaye ilawula ityala lomnini nqanawe obhalisiweyo.

3.3.2 Injongo yoMthetho osaYilwayo woRhwebo ngeeNqanawe (INgxowamali yeMbuyekezo yoNgcoliseko yi-oli yaMazwe ngaMazwe) kukuphumeza iMithetho yokuziPhatha yowe-1992 kwiNgqungquthela yaMazwe ngaMazwe yokuSekwa kweNgxowamali yaMazwe ngaMazwe yeMbuyekezo ngoMonakalo woNgcoliseko yi-Oli, we-1971 (iNgqungquthela yeNgxowamali).

INgqungquthela yeNgxowamali iseka iNgxowamali yaMazwe ngaMazwe, ebizwa ngokuthi yiNgxowamali yaMazwe ngaMazwe yeMbuyekezo yoNgcoliseko yi-Oli (IOPC). Injongo yeNgxowamali kukuhlawula imbuyekezo kumaxhoba omonakalo wongcoliseko (ngokwentsingiselo yeNgqungquthela yeTyala kuLuntu) apho bangakwazanga ukufumana imbuyekezo, okanye imbuyekezo epheleleyo, phantsi kwezibonelelo zeNgqungquthela yeTyala kuLuntu, INgxowamali ye-IOPC ifumana inkxaso yayo kubanini bemithwalo.

IMithetho esaYilwayo yeTyala kuLuntu kunye neNgqungquthela yeNgxowamali ijongene nemibuzo yamatyala kunye nembuyekezo yokulahlekelwa okanye ukonakaliswa okwenziwe kukungcola okusisiphumo sokuvuza kwe-oli okungaguqukiyo kwimikhumbi ethwele i-oli.

3.3.3 UMthetho osaYilwayo woRhwebo ngeeNqanawe (INgxowamali yaMazwe ngaMazwe yeMbuyekezo yoNgcoliseko yi-oli) woMrhumo kunye noMthetho osaYilwayo woRhwebo ngeeNqanawe (INgxowamali yaMazwe ngaMazwe yeMbuyekezo yoNgcoliseko yi-oli) woLawulo ubonelela ngokuphunyezwa kweMithetho yokuziPhatha koMbutho waseLwandle waMazwe ngaMazwe we-1992 ukuze kuhlonyelwe kwiNgqungquthela yaMazwe ngaMazwe yokuSekwa kweNgxowamali yaMazwe ngaMazwe yoMonakala luNgcoliseko yi-Oli, nguMzantsi Afrika.

UMthetho osaYilwayo woLawulo uza kubonelela ngegunya lezomthetho elifunekayo ukuze iiNkonzo zeNgeniso zaseMzantsi Afrika (SARS) zilawule ukuqokelelwa kwerhafu zemirhumo kwiNgxowamali yaMazwe ngaMazwe yeMbuyekezo yoNgcoliseko yi-Oli. UMthetho osaYilwayo weMirhumo nguMthetho osaYilwayo weziMali obonelela ngokuhlawuliswa kunye nokuqokelelwa kwemirhumo ekufuneka ihlawulwe kwiNgxowamali.

4. Izikhundla

4.1 IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kwamalungu asixhenxe iminyaka emihlanu ukususela kumhla we-12 kweyeSilimela wama-2013, ukuba asebenze kwi-Arhente yoLwabiwo lweziMali  zezeMidlalo kunye nezoLonwabo, ngokwemiqathango yoMthetho weLotho (Nombolo 57 we-1997).
a.  Gqr Vukile Charles Mehana;
b. Mnu Thandisenzo Aleck Skhosana;
c. Nks Muditambi Ravele;
d. Nks Annamarie Louise van Wieringen;
e. Nks Krubavathi Jaram;
f. Mnu Ado Moloabi; kunye
g. Mnu Goliath Munro.

4.2 IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kwamalungu amathathu isithuba seminyaka emihlanu ukususela kumhla we-12 kweyeSilimela wama-2013, ukuba asebenze kwi-Arhente yoLwabiwo lweziMali zoBugcisa, iNkcubeko kunye namaGugu eSizwe ngokwemiqathango yoMthetho weLotho (Nombolo 57 we-1997).
a. Nks Hellen Kentse Makgae
b. Nks Violet Tyamzashe; kunye
c. Nks Brenda Sesane.

4.3 IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kwakhona kwabalawuli ababini abangeyiyo inxalenye yesigqeba saBalawuli beBhodi yeBhanki yoPhuhliso ye-Afrika eseMazantsi (DBSA) ngokwemiqathango yecandelo lesi-7 loMthetho ye-DBSA, (uMthetho we-13 we-1997).
a. Nksk Thembisa Dingaan
b. Njingalwazi Omar Latiff.

4.4 IKhabhinethi ivume ukuqeshwa kooSekela baLawuli Jikelele abalandelayo:
a. Nks Maseapo Kganedi kwisikhundla sokuba nguSekela Mlawuli Jikelele: iiNkonzo zamaQela kwiSebe lezoBugcisa neNkcubeko.
b.  Mnu Mpho Joseph Mofokeng: iGosa eliyiNtloko kwezeziMali: kwi-Akhawunti yoRhwebo ngaManzi kwiSebe lezeMicimbi yaManzi.

Imibuzo: Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore