Isibonelelo sabakhubazekileyo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

 

Malunga nesibonelelo sabakhubazekileyo

Xa kunokwenzeka ukuba ukhubazeke ngokwasengqondweni nasemzibeni, yaye lonto ibangela ungakwazi ukusebenza kangangexesha eliqikelelwa kwiinyanga ezintandathu nangaphezulu, ungafumana isicelo sesibonelelo sabantu abakhubazekileyo.

Ufumana isibonelelo esisigxina xana ukukhubazeka kwakho kungaqhubeka kude kudlule unyaka, yaye ufumana isibonelelo sexeshana xa ukukhubazeka kungokwe xesha elingaphantsi kwenyanga ezintandathu kungadlulanga kwiinyanga ezilishumi elinesibini.

Isibonelelo esisigxina asithethi ukuba uyosifumana ubomi bakho bonke, kodwa siyakuqhubeka ngaphezu konyaka.

Ungazazi njani ukuba uyakufanelekela ukuyifumana?

Ukuze usifumane kufuneka:

  • ube ngumi waseMzansi Afrika umhlali osisigxina okanye imbacu kwaye uhlala apha eMzansi ngexesha lobhaliso
  • ube phakathi kweminyaka eli-18 ukuya kwiminyaka engama-59 .
  • ungabi nanakelelo kwiziko likaRhulumente
  • ube nesazisi esine nombolo ezilishumi elinesithathu
  • ungamkeli ngaphezulu kuka-R 86 280 ukuba awutshatanga, okanye xa utshatile ungamkeli ngaphezu kuka-R 172 560.
  • Iimpahla zakho onazo kufuneka zingabi naxabiso lingaphezu kwa-R1 227 600 ukuba ngaba ungumntu ongatshatanga okanye ama-R2 455 200 ukuba ngaba utshatile
  • kufuneka uhambele uvavanyo lwempilo, apho ugqirha otyunjwe nguRhulumente azakuvavanya iqondo lokukhubazeka kwakho
  • uphathe iincwadi zikaGqirha ezichaza impilo ngexesha lobhaliso naxa kusenziwa uvavanyo.
  • uGqirha uzakubhala incwadi echaza impilo yakho ayithumele kwi-Arhente Yokhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika (SASSA).
  • Incwadi kaGqirha iba semthethweni iinyanga ezintathu ukusuka ngexesha lovavanyo.

Qaphela: Ukuba ungaphantsi kweminyaka eli-18 uye ufune uncedo lwesigxina ngexesha lokhubazeko, kwaye umongi wakho angafaka isicelo sesibonelelo senkathalelo. Ukuba awunaso isazizi, kumele ufake ingxelo efungelweyo nesiqinisekiso sokuba usifakile isicelo sesazisi kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.  Ukuba awuzange usifake esisicelo sesazisi, uyakunyanzeleka usifake kwiSebe leMicimbi yezeKhaya kwithutyana nje eli ngange nyanga ezintathu, ubhalisele esisicelo sesibonelelo.

Uzakufumana malini?

Isixa sibonelelo ongasifumana  yi- R2 180

Uzakuhlawulwa njani?

Isibonelelo sihlawulwa ngezindlela zilandelayo: 

  • uhlawulwa imali xesha lithile kwindawo etyunjiweyo
  • kwi-akhawunti yakho yase bankini okanye eposini (qaphela ukuba ibhanki inga tsala imali yeenkonzo)
  • imibutho esebenza nje ngababa lawuli bezibonelelo – umzekelo, amakhaya wabantu abakhubazekileko .

Singarhoxiswa xa kutheni isibonelelo somntwana?

Ngenxa yezi zizathu zilandelayo isibonelelo sakho singarhoxiswa:

  • xa imeko yobomi bakho iguquka
  • ngokweziphumo zeenkqubo yohlaziyo
  • xa ungakwazi uku sebenzisana namagosa akwa-SASSA ngethuba lohlaziyo lwe sisibonelelo
  • ngethuba usenza ubu qhophololo okanye uxokela umntwana
  • xa kwaba nempazamo ngethuba isicelo sakho sesibonelelo siphunyezwa.

Siphelelwa nini esi sibonelelo?

Isibonelelo siya kupheliswa xa:

  • uswelekile
  • uhlala kwiziko likarhulumente
  • xa isibonelelo singathathwa iinyanga zibe ntathu zilandelelana
  • xa uphume ngaphandle kwelizwe laseMzansi.

Ukuba lowo ufamana isibonelelo ungeniswe kwiziko elinesivumelwano norhulumente lokukhathalela nokugcina lowo ufumana isibonelelo, isibonelelo sincitshiswa sibe ngama-25% zesixa mali sesibonelelo ukusuka kwinyanga ye-4 emva kokungeniswa kwalowo ufumana isibonelelo kwelo ziko. Isibonelelo eso sehlisiweyo siye sibuyiselwe ngoko nangoko ukusuka kumhla lowo ufumana isibonelelo akhutshwe ngawo kwelo ziko. 

Isibonelelo sabakhubazekileyo

Ofanele kukwenza

  1. Ndwendwela kwi- Arhente yoKhuseleko lwezeNtalo yaseMzantsi Afrika (SASSA) ekufuphi nawe kunye noku kulandelayo.
  2. Zisa okulandelayo:
    • Isazisi sakho esibhakhodi  enamanani ali-13. Ukuba awunaso isazisi:
      • umele ugcwalise uxwebu olufungelweyo kwa-SASSA phambi kumgunyazisi okanye umkomishoni wezifungo ongelilo igosa lakwa-SASSA
      • umele uze negxelo efungelweyo yaze yatyikitywa ngumntu othembekileyo ekuhlaleni nonokukwazi ukuqinisekisa igama kunye neminyaka yakho (njengoceba wasekuhlaleni, inkokheli yomthonyana, unontlalo-ntle, umfundisi wecawe  okanye inqununu yesikolo) ozokwazi ukuqinisekisa igama neminyaka
      • oemva kokuba igosa lakwa-SASSA lithathe umzobo weminwe yakho, uza kuthunyelwa kwiSebe lezeMicimbi yaseKhaya  apho uyokufaka isicelo sencwadi yesazisi ngethuba isicelo sakho sesibonelelo ngemali silungiswa. Kodwa esi sibonelelo sizawurhoxiswa xa ungakwazi ukufumana incwadi yesazisi.
    • incwadi zikaGqirha kunye novavanyo oluliqilima oluqinisekisa ngokhubazeko lwakho
    • isiqinisekiso somtshato (ukuba sikhona)
    • isiqinisekiso sendawo ohlala kuyo
    • isiqinisekiso semali oyamkelayo, inzala (ukuba ikhona)
    • isiqinisekiso sezinto onazo kunye nexabiso likaMasipala lendlu onayo
    • isiqinisekiso semali yomhlalaphantsi  yangasese (ukuba ikhona)
    • amaphepha asebhankini eenyanga ezintathu
    • imvume yokuba yimbacu nesazisi esinenombolo ezi-13
    • iNgxowa-mali ye-Inshorensi yokuNgaphangeli (UIF) (incwadi eluhlaza) okanye incwadi yomqeshi owayekuqeshile, echaza ukusebenza kwakho
    • iimpepha zamafa okanye nobhango kwizinto ebeninazo, nokwahlulwa kwamatyala ukuba umlingane usweleke ngexesha eliphakathi kweminyaka emihlanu.
  3. Emveni kokufaka esisicelo uzakufumana irisiti ozakuyigcina njenge siqinisekiso sesicelo.

Uthini xa isicelo sakho singa phunyezwanga?

I-Arhente Yokhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika (SASSA) izakwazisa ngembalelwano ukuba isicelo sakho samkwelwe okanye asamkelwanga.Xa isicelo sakho singamkelwanga, i-Arhente Yokhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika izakukwazisa ngezizathu zokungaphumeleli kwaso. Ukuba awuvumelani nesisigqibo, ungabhena ngokwembalelano kuMphathiswa weSebe lezoPhuhliso loLuntu, uchaze ukuba kutheni ungavumelani nesisigqibo.

Umele ubhene zingaphelanga iintsuku ezingama-90 emva kokwaziswa ukuba isicelo sakho asiphumelelanga.

Ixesha elimiselweyo

  • Kungathatha malunga neenyanga ezintathu ukuqwalaselwa kwesicelo sakho.
  • Ukuba isicelo semali yesibonelelo sakho siphumelele, uyakuhlawulwa ukususela kumhla owafaka ngawo isicelo.

Ingaba kubiza malini na

Ezinkonzo zifumaneka simahla.

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Ifomu yokufaka isicelo ayifumaneki kwi-intaneti, kodwa ungayifumana kwi-ofisi yokhuseleko lwezentlalo (SASSA) ekufuphi nawe.

Ungaqhagamshela nabani

I -Arhente Yokhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika (SASSA)

SASSA Toll free: 0800 60 10 11
Email:  GrantEnquiries@sassa.gov.za  

Share this page