UMongameli u-Jacob Zuma: INtetho engoBume beSizwe 2017

INtetho engoBume beSizwe eyenziwe nguMongameli weRiphabliki yoMzantsi Afrika uJacob G Zuma kumsitho weNdibano Ehlanganeyo yeziNdlu zoMbini zePalamente, eKapa

Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe (i-NA),
Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP),
Sekela-Somlomo we-NA noSekela-Sihlalo we-NCOP,
Sekela-Mongameli Cyril Ramaphosa,
Owayesakuba nguMongameli uThabo Mbeki, Jaji eyiNtloko Mogoeng Mogoeng nawo onke amalungu ahloniphekileyo eCandelo leeNkundla,
Baphathiswa nooSekela-Baphathiswa,
ZiNkulumbuso nooSomlomo beziNdlu zoWiso-mthetho zamaPhondo,
Sihlalo woMbutho wooMasipala baseMzantsi Afrika (i-SALGA),
Intloko zamaZiko karhulumente axhasa ulawulo lwentando yesininzi, Sihlalo weNdlu yeSizwe yeeNkokheli zeMveli,
Mongameli weBhunga leNkolo yobuSilamsi nazo zonke iinkokeli zemibutho yeemvaba ngeemvaba,
Owasakuba nguSomlomo we-NA, uGq Frene Ginwala,
Magqala omzabalazo wenkululeko,
Malungu weenkonzo zezozakuzo,
Bemi boMzantsi Afrika,

Molweni, good evening, sanibonani, , riperile, dumelang, lotjhani, goeie naand, ndi madekwana.

Ndiyabulela Somlomo oHloniphekileyo nawe Sihlalo oHloniphekileyo ngeli thuba lokuba ndithethe nezi zindlu zimbini zePalamente.

Inkunzi ababeyikhuz’ukuhlaba ingekahlabi, uNomfe ayigotywa igotywa ngethokazi, iqhawe lesizwe, uMongameli Oliver Reginald Tambo, ebeza kube efinca iminyaka eli-100 ezelwe kulo nyaka, ukuba ebesadla amazimba.

Eli gorha lalisebenzela uluntu lanikela ngobomi balo kwidabi lokulwela inkululeko yeli lizwe kunye nabantu balo. Iziphumo zemisebenzi yakhe zixhanyulwa ngabo bonke abemi boMzantsi Afrika, hayi nje kuphela umbutho wakhe, i-ANC.

Egameni lakhe nanjengelinge lokumhlonipha, unyaka wama-2017 siwubekele bucala, njengoNyaka ka-Oliver Reginald Tambo. Ngunyaka womanyano kusetyenziswana ngabo bonke abemi boMzantsi Afrika njengoko siqhubela uMzantsi Afrika phambili, sisonke.

Sinenyhweba yokuba sindwendwelwe lusapho lakwaTambo ngolu rhatya, uMnu Dali Tambo nenkosikazi yakhe uRachel, kunye nonyana wabo u-Oliver Tambo Junior.

Sikwakhumbula ngochulumanco uMama Africa, uMiriam Makeba, owenza imbali ngethuba ethetha neZizwe eziManyeneyo (i-UN) ngowe-1963, ecela ukuba zithathe amanyathelo akhaba umbuso wocalu-calulo.

Samkela umzukulwana wakhe, uZenzile Makeba Lee, kunye nomzukulwana womntwana wakhe uLindelani.

Mawethu,

Kulo nyaka wama-23 wenkululeko yethu, sisamile kumbono wethu woMzantsi Afrika omanyeneyo, olawulwa ngentando yesininzi, ongacaluli ngobuni nangobuhlanga kunye nonekamva eliqaqambileyo.

Sakha isizwe esingazikuhlutshwa yindlala, ukungalingani kunye nentswela-misebenzi, oku sikwenza sikhokelwa sisiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP).

Noxa imeko yoqoqosho lwehlabathi isenombathalala nokutotoba, ikhona into ethi uqoqosho lufikelele kwinqanaba lokuqalisa ukuzinza. Silindele ukuba uqoqosho lukhule nge-1.3% ngowama-2017 kulandela i-0.5% eqikelelwayo yowama-2016.

Nangona kunjalo, uqoqosho aluhlumi ngesantya esaneleyo ukuze ludale imisebenzi esiyifunayo. Kukho abanye abantu beli, abaquka ulutsha, ekusele kuyiminyaka bengasebenzi.

Sesi sizathu esibangela ukuba sigxininise kumacandelo ambalwa angundoqo akhankanywe kwisiCwangciso esinamaNqaku aliThoba ukuze sikhwezele uqoqosho sidale imisebenzi efunwa ngamehlo abomvu.

Amacandelo ekuza kugxininiswa kuwo aquka ukuvuselelwa kwemizi-mveliso, ezemigodi nokuxhamlisa, ezolimo nokuhlelwa nokucolwa kweemveliso zolimo, ezamandla, amashishini amancinci, aphakathi namancinane (ii-SMME), ukulawulwa kongquzulwano emisebenzini, ukutsala utyalo-mali, ukukhulisa uqoqosho lwaselwandle kunye nezokhenketho.

Siye saquka namanye amacandelo ahambelana nala afana nelezobunzululwazi nobuchephweshe, elazamanzi nogutyulo, eleziseko ezingundoqo zezothutho kunye nokuqaliswa kwe-intanethi ekhawulezayo.

Ndifuna nokunika ingxelo ngomsebenzi owenziweyo kulo nyaka uphelileyo kula macandelo.

Iphulo lokusebenzisana esiliqale kulo nyaka uphelileyo phakathi kukarhulumente, amashishini nemibutho yabasebenzi, elibizwa ngokuba liPhulo lamaGosa aPhezulu eziGqeba zoLawulo, i-CEO Initiative, libe luncedo kakhulu. Sikwazile ukusabela kwimingeni yalapha ekhaya sisonke.

Sisindile ekuthotyweni kwizinga esibekwa kulo ngokwesakhono sokukwazi ukuhlawula izikweliti, ukuthotywa oko bekuza kulichaphazela kakubi kakhulu uqoqosho lweli.

Iimeko kwezabasabenzi nazo ziqalisa ukubonisa iimpawu zozinzo ngenxa yentsebenziswano namahlakani ethu ezentlalo. Indlela amaqela ebeziphethe ngayo ngethuba leengxoxo ngemivuzo ingakumbi kwicandelo leplatinam ifanele ukuqhwatyelwa izandla.

Ukusebenza ngokubambisana kuphinde kwabonakala kule veki ngethuba kuqukunjelwa isivumelwano esingowona mvuzo mncinci wesizwe umiselweyo kunye nangamanyathelo okuzisa uzinzo kubudlelwano nabasebenzi.

Oku kulandela isicelo endasenzayo kwiNtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) yomhla we-14 kweyeSilimela ngowama-2014.

Simothulela umnqwazi uSekela-Mongameli kunye nabo bebemele iBhunga leSizwe loPhuhliso loQoqoqsho nezaBasebenzi (i-Nedlac) ngalo msebenzi uyimbali kwaye sibanqwenelela impumelelo kulo msebenzi kusafuneka wenziwe.

Mawethu,

Ukuhanjiswa kweenkonzo ezisisiseko zisisiwa ebantwini kuqhubile nakulo nyaka uphelileyo. Ukuza kuthi ga ngoku, amalunga nezigidi ezisixhenxe amakhaya afakelwe umbane.

Ukulandelwa ngempumelelo kweenkqubo zika-Eskom zoKwakha nokuLungisa kuncedile kwazisa uzinzo kwaze kwaphelisa nengxaki yokumana kucinywa umbane, unkinkishwa.

Uyaqhuba umsebenzi wokuqinisekisa ukuba kukho amandla aneleyo.  Amandla ombane ohlaziywayo ayinxalenye yesicwangciso sokuba neentlobo ezahlukeneyo zamandla, eziquka ukuveliswa kombane ngegesi, ngenyukliya, ngesola, ngomoya, ngamanzi kunye nangamalahle.

Urhulumente uyayixhasa yonke iNkqubo yabaPhehli baMandla oMbane Abazimeleyo kwaye le nkqubo siyayandisa ukuba iquke nezinye iintlobo zamandla ombane eziquka owamalahle nowegesi, ukongenza kulo uhlaziyekayo.

U-Eskom uza kutyikitya ezi zivumelwano zisashiyekileyo zokuthengwa kwamandla ombane zamandla ombane ohlaziyekayo ngokuhambelana nombane othengiweyo.

Urhulumente wenza konke anakho ukuqinisekisa ukuba kufakelwa amanzi aneleyo kwiindawo ezininzi zeli ukuxhasa uhlumo loqoqosho ngelithuba lwandiswayo inani loomasipala abasemagqagaleni nabasemaphandleni abafakelwa amanzi.

Ngelinge lokulwa ilahleko yamanzi, kwabanye oomasipala engaphezulu kakhulu kumyinge wesizwe, okungoku oyi-37%; abantu abatsha abamalunga nama-10 000 bayaqeqeshwa sithetha nje njengabatywini, amachule kunye nabasebenzi bezamanzi. Kuza kuqashwa abanye kulo nyaka ukuze kufikelelwe kuma-15 000.

Siyabacela oomasipala ukuba bayixhase inkqubo yokuLwa ukuVuza kwaManzi.

Siyaqhubeleka nokwakha izikolo zale mihla, sitshintsha izikolo ezakhiwe ngodaka kunye nezinye izinto ezingafanelekanga ngePhulo lokuKhawulezisa uKwakhiwa kweziSeko ezinguNdoqo zeziKolo (i-ASIDI). Oku kwenza abantwana nabo bazive bengabantu.

Izakhiwo ezingafanelekanga ezili-173 zizonke zidiliziwe ukususela ngowama-2011. Izikolo ezitsha ezingama-895 zizonke, ngoku zifundisela abantwana bethu kwindawo efanelekileyo.

Kumba wokukhuthazwa kotyalo-mali, urhulumente usungule amaziko e-InvestSA, amaziko ezotyalo-mali anako konke, kwisizwe siphela, kwaye i-InvestSA iza kuvula amaziko amaphondo KwaZulu-Natal, eGauteng naseNtshona Koloni. Inye into esiyiwaxelela yona amasebe achaphazelekayo: makungabikho kulibaziseka ekungekho mfuneko yako kwaye mabupheliswe ubucukubhede obuyinkcitha-xesha obuthandwa ngabasemagunyeni.

Ukusuka kumba wokukhutshwa kwamaphepha-mvume okundwendwela, i-visa, kufuneka senze kube lula ukuqhuba ushishino eMzantsi Afrika.

Mawethu,

UMongameli u-Oliver Reginald Tambo wayengutitshala wezibalo nezenzululwazi. Ke ngoko urhulumente uza kukhokelisa phambili izifundo zezibalo nezenzululwazi ngokumandla kulo nyaka, egameni lakhe.

Ziyakhuthaza iziphumo zakutsha nje zovavanyo lwehlabathi.

Iziphumo zoPhando ngeziseMatheni kwezeMathematika nezeNzululwazi (i-Trends in International Mathematics and Science Study) kunye neNkampani ye-Afrika eseMpuma yokuHlola uMgangatho weMfundo (i-East African Consortium for Monitoring Educational Quality) zibonisa ukuba indlela abaqhuba ngayo abafundi baseMzantsi Afrika iyaphucuka.

Phakathi kwamazwe athathe inxaxheba kolu phando, uMzantsi Afrika nguwona ubonise ukwenza ngcono kakhulu kwindlela oqhuba ngayo ngokuba ufumane amanqaku angama-87 kwimathematika nangama-90 kwinzululwazi.

Oku kuyakhuthaza ngenene, njengoko singafuni ukuba abantwana bethu bashiyeke ngasemva.

Imali esiyityale kwezenzululwazi nezobuchwepheshe iza neziphumo ezincumisayo.

Ukususela oko uMzantsi Afrika, uxhaswa ngamahlakani awo ase-Afrika asibhozo, waphumelela ilungelo lokusingatha isibonakude esiyiKhilomitha uBude nobuBanzi (i-SKA), mkhulu umsebenzi osele wenziwe ukwakha le projekthi inkulukazi yezenzulwazi kwaye siyaxhamla kule projekthi.

Yona kunye nesibonisikude esakhiwa phambi kwayo, i-MeerKAT, iprojekthi ye-SKA iyaqhubeleka nokuba negalelo elibalulekileyo kuphuhliso lwezentlalo nezoqoqosho eMzantsi Afrika.

Lisebenzisana ngokubambisana necandelo lezobuchwepheshe, iSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe liqalise ngesicwangciso-qhinga sokusebenzisa iimveliso zalapha ekhaya. Oku kuye kwaqinisekisa ukuba izixhobo eziyi-75% ze-MeerKAT, isibonakude esixabise iibhiliyoni ezimbini zeerandi, ziveliswe apha kweli.

Oku kwenze kwadaleka imisebenzi eMntla Koloni futhi kwabangela nokukhula kwamacandelo ahlukeneyo ezoqoqosho ngokudaleka kwemisebenzi yamagcisa nokukhanda, kunye nokukhathaza icandelo lezenzulwazi njengekhondo ekufuneka likhethwe.

Kumba weziseko ezingundoqo zezendlela, i-SANRAL sele iqalile ngesigaba sokucwangcisa seprojekthi eza kuxabisa iibhiliyoni eziyi-4.5 zeerandi yokuphuculwa kwendlela iMoloto.

Sakha indlela kunye nesiporo sikaloliwe eMoloto ukuze sisindise ubomi babantu kuba iingozi kule ndawo sezibulele abantu abaninzi.

Ngowama-2016, uMzantsi Afrika ukwatyikitye nesivumelwano kunye nePeople’s Republic of China (i-PRC) sokwakhiwa koMzila kaLoliwe waseMoloto.

Ngowama-2014, samisela iNdlela eGxininisa kwiziPhumo eziKhawulezayo neziBonakalayo ye-Operation Phakisa kwicandelo lezoqoqosho lwaselwandle, elezempilo, elezemfundo kunye nelezemigodi. Injongo yoku yakukukhangela iiprojekthi ezimbalwa ezingundoqo apho sinokuthi sivule amathuba okukhawulezisa umsebenzi wokufezekisa i-NDP.

Zonke ezi projekthi ziqhuba kakuhle.

UMkhosi waManzi woMzantsi Afrika nawo uthatha inxaxheba kwiprojekthi ye-Operation Phakisa kwaye ulungiselela ukuvula indawo eSimon’s Town yokugcina zonke iinqanawa zombuso, kuquka ukulungiswa nokukhandwa kweenqanawa zombuso kusetyenziswa isivumelwano esitsha phakathi koMkhosi waManzi woMzantsi Afrika, i-ARMSCOR noDenel.

Sikhethe ukhenketho njengecandelo elingundoqo elidala imisebenzi. Ke ngoko siyavuyiswa kukuba inani labakhenkethi abandwendwele eli kwisithuba esiphakathi kweyoMqungu neyoMnga ngowama-2016 linyukile laya kufika kwizigidi ezisithoba, into leyo ethetha ukuba linyuke ngenani elingaphezulwana nje kwisigidi kwabo bawama-2015. Oku kuthetha ukuba inani labakhenkethi abangena kweli linyuke nge-13%.

Urhulumente uqhuba iinkqubo ezenza umahluko obonakalayo zokukwa indlala ezifana neNkqubo eYandisiweyo yeMisebenzi kaRhulumente (i-EPWP). Ukongeza koku, izibonelelo zezentlalo ngoku zifunyanwa ngabantu abaphantse babe zizigidi ezili-17, ubuninzi babo engabantu abadala nabantwana. Iintsapho ezininzi bezingazikukwazi ukuthenga into esiwa phantsi kwempumlo ukuba bezingekho izibonelelo zezentlalo.

Ukusukela ngowama-2014 i-EPWP idale amathuba emisebenzi engaphezulu kwezigidi ezibini, inani elo lilinani eliya kwelo lezigidi ezithandathu sijolise kulo ngeyoKwindla ngowama-2019. Kula mathuba emisebenzi idalekileyo, engaphezulu kwesigidi iye kubantu abatsha.

Ngowama-2015/2016, kudalwe amathuba omsebenzi angaphezulu kwama-61 000 ngenkqubo zezokusingqongileyo ezifana neNkqubo yokuSebenza ngaManzi, eyokuSebenza ngeeNdawo ezingamaJojo, eyokuSebenza ngoMlilo kunye neyokuSebenza ngezeNdalo. Izithuba ezingaphezulu kwezingama-60% kwezi zifunyenwe ngabantu abatsha.

Urhulemente, esebenzisana noluntu ulwa imikhuba emibi edala umonakalo ongathethekiyo ekuhlaleni efana neziyobisi kunye nokusebenzisa utywala gwenxa. Ukusuka eSoshanguve ukuya eRosettenville okanye KwaMashu ukuya eCape Flats, abantu baxakene nesi sihelegu seziyobisi.

Ngaphandle kokuthumela ii-arhente zogcino-mthetho, iinkonzo zonyango kunye nokuthintela ukuba abantu barhintyeleke kule mikhuba zibalulekile.

ISebe lezoPhuhliso loLuntu lakha amaziko amatsha karhulumente okunyanga kumaphondo angenawo amaziko afana nala. Loo maphondo ngala: Mntla Koloni, Mntla Ntshona, Limpopo, Freyistatha neMpuma Koloni.

Sisebenzisana siza kubasindisa abantu abatsha beli kwiziyobisi.

Kwezempilo, i-Inshorensi yeSizwe yezeMpilo (i-NHI) yiprojekthi yethu elibhongo eneenjongo zokuqhubela uMzantsi Afrika kwiMeko aPho iiNkonzo zezeMpilo ziFana kuMntu Wonke.

I-NHI iza kuphunyezwa kwisithuba seminyaka eli-14 kwizigaba ezithathu.

Ngoku sisekwisigaba sokuqala, esisigaba samalungiselo, esiqale ngowama-2012.

Mawethu,

Sikhathazeke kakhulu kukusweleka kwabo bebegula ngengqondo eGauteng.

Abantu abaphazamiseke engqondweni bangabanye babantu abafuna unakekelo kakhulu, ekufuneka bakhuselwe nguRhulumente uqobo naluluntu ngokubanzi. Ndiyalele uMphathiswa wezeMpilo ukuba aqinisekise ukuba izindululo ezenziwe nguSozikhalazo wezeMpilo ziyaphunyezwa zonke ngokukhawuleza futhi kungashiywa nasinye kuzo.

Siyazamkela izindululo ezenziwe nguSozikhalazo wezeMpilko zokuba kukho imfuneko yokuba uqwalaselwe ngokutsha uMthetho weMpilo Yabo baPhazamiseke eNgqondweni, wowama-2002 (uMthetho 17 wowama-2002) ngeenjongo zokuba amagunya athile kunye nemisebenzi ethile ibuyiselwe kuMphathiswa wezeMpilo.

Kwakhona, sidlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho nezalamane zabo basanduleleyo.

Urhulumente uza kuzinika inkxaso ezi ntsapho ukuze zingajamelani nale ngxaki zizodwa. INkulumbuso yaseGauteng kunye noMphathiswa wezeMpilo sele beziqinisekile ngale nkxaso ezi ntsapho.

Mkhulu umsebenzi owenziweyo kulo nyaka uphelileyo ekufezekiseni isiCwangciso esinaManqaku aliThoba neenkqubo zaso zonke. Abaphathiswa baza kunika ingxelo ethe vetshe ngethuba leevoti zohlahlo lwabiwo-mali.

Malungu abekekileyo,

Ngoku ndifuna ukuthetha ngezinto esiza kuzikhokelisa phambili kulo nyaka siya kuwo.

Inkululeko yezopolitiko iyodwa ayanelanga ukuba ayikhatshwa yinkululeko yezoqoqosho.

U-Oliver Tambo wakubeka kwacaca oku kwintlanganiso yesikhumbuzo soMbutho wamaKomanisi oMzantsi Afrika (i-SACP) eyayibanjelwe eLondon ngowe-1981.

Wacacisa wenjenje:

“Iinjongo zombalazo wethu eMzantsi Afrika, njengoko zicacisiwe kuMqulu weNkululeko, ziquka inkululeko yezoqoqosho. Ayikho inkululeko eba lulutho ebantwini ukuba ubutyebi belizwe abubuyiselwa buze buxhanyulwe ngabantu bonke.

“Ukuvumela abo baphethe icandelo lezoqoqosho ukuba baqhubeleke bezityela bodwa kukukhuthaza ukuba uhlanga oluthile luxhamle zibe ezinye zona iintlanga zixhatshazwa, ubudlelwano obunjalo abunayo abuyelelanga nokuyelela kwinkululeko.

“Ke ngoko ingxam yomzabalazo wethu kukuba impumelelo kufuneka ingahambi nolawulo olusesikweni lwentando yesininzi; kwaye idabi lethu lokulwela inkululeko yesi sizwe kufuneka liquke ukufumana inkululeko yezoqoqosho.”

Ingaba sithetha ukuthini ngeenguqu ezimandla kwezentlalo nezoqoqosho?

Sithetha utshintsho olubonakalayo kwiziseko, iinkqubo namaziko oqoqosho, kubantu abaphethe nabangabinakazi bala maziko ezoqoqosho, kulawulo kunye nokuphathwa koqoqosho. Olu tshintsho kufuneka lwenzele idolo bonke abemi boMzantsi Afrika, ingakumbi abantu abasokolayo, uninzi lwabo abangabantu abaNtsundu nabantu basetyhini, njengoko kuchaziwe liqela lezopolitiko eliphetheyo, elililo eliqulunqa imigaqo-nkqubo karhulumente olawulwa ngokwentando yesininzi.

Yiminyaka engama-22 siyifumene inkululeko nolawulo lwentando yesininzi, kodwa uninzi lwabantu abantsundu basachwethelwa ngaphandle kwizithebe zobutyebi noqoqosho kweli. Ababuxhamli ubuncwane bezoqoqosho kule nkululeko.

Umahluko phakathi kwemivuzo eyamkelwa kumakhaya abantu abaNtsundu neyabantu bamakhaya abamhlophe usemkhulu ngendlela eyothusayo.

Amakhaya abantu abamhlophe amkela imivuzo ephindwe kahlana kuleyo yabantu abaNtsundu, ngokwengxelo yeziko lezeeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika (i-Stats SA) 

Imeko ngokumalunga nabo baphethe amathanga nezitha zobutyebi boqoqosho ifana nqwa nalo mahluko kwimivuzo.

Yi-10% kuphela kwinkampani eziphezulu ezili-100 kwiZiko eliseRhawutini loRhwebo ngezaBelo (i-JSE) ezizezabantu abaNtsundu balapha eMzantsi Afrika, nazo ezithe zezibe zezabo kwangenelela imigaqo yophuhliso lwabamnyama ngezoqoqosho, ngokweNgxowa-mali yeSizwe yezoPhuhliso (i-NEF).

Sisesesesolovane isantya seenguqu emisebenzini, kunye nesokuphunyezwa kwemigaqo-nkqubo yokunikezela amathuba kwabo babehlelelekile ngaphambili njengoko kunyanzeliswa nguMthetho wobuLungisa kwezeNgqesho wowe-1998 (uMthetho uNombolo 55 wowe-1998).

Ngokwengxelo yowama-2015/16 engeniswe yiKomishini yobuLungisa kwezeNgqesho, abantu abamhlophe kwizikhundla eziphezulu zolawulo bangama-72%, logama bona abantu abaNtsundu beyi-10%.

Abantu bebala bona kwezi zikhundla bayi-4.5% baze abo bangamamaNdiya babe yi-8.7%.

Le ngxelo ikwanika neenkcukacha ezithi abantu abamhlophe abangabemi boMzantsi Afrika, ingakumbi abangamadoda, banamathuba amahle okuqeshwa, okunyuselwa kunye nokufumana amathuba oqeqesho emisebenzini xa bethelekiswa nezinye iintlanga.

Ngokwesini, kwizikhundla zolawulo eziphezulu, abantu abangamadoda bangama-67.6% baze abasetyhini babe ngama-32.4%.

Le ndlela idlelelela abanye ubutyebi beli obabiwe ngayo kunye nabo babuphetheyo kufuneka ilungiswe. Akunakubakho zinzo nakusiphi na isizwe ukuba uninzi lwabantu luvalelwe ngaphandle ngolu hlobo, okanye alwabelwa kwizithebe zobutyebi boqoqosho lwelizwe.  Kwiingxoxo ebendinazo noongxowankulu, bavumile ukuba umba weenguqu uya kude uphume nodlolwazana ukuba awumelwa ngeenyawo.

Namhlanje sityhila iphepha elitsha kumba weenguqu ezibonakalayo zezentlalo nezoqoqosho. Sithi ligqithile ixesha lokuthetha ngoku, masibhinqe omfutshane siphathe khona.

UMbuso uza kudlala indima yawo kuqoqosho ukhokele umba weenguqu. Ngokwalo mba urhulumente uza kuqinisekisa ukuba zonke iinkqubo anamagunya kuzo zenza konke okusemandleni ukuphumeza oku.

Ezi nkqubo ziquka imithetho, imigaqo, ukukhutshwa kweelayisenisi, ukwabiwa kwemali kunye nezentengo kwakunye nemigaqo-nkqubo nezivumelwano zokuXhotyiswa ngokuBanzi kwabaMnyama ngezoQoqosho ukuze ziyitshintshe indlela amashishini abucala azenza ngayo izinto futhi zikhawulezise iinguqu.

UMbuso uchitha imali ezibhiliyoni ezingama-500 zeerandi uthenga iinkonzo neempahla. Ukongeza kwesi sixa kukho enye imali ezibhiliyoni ezingama-900 zeerandi ebekelwe iziseko ezingundoqo. Le mali kufuneka isetyenziselwe ukuzisa iinguqu.

Njengenyathelo lokuqala, imithetho emitsha enyanzelisa ukuba iinkampani ezinkulu ezisebenzela urhulumente kufuneka zinike ama-30% emisebenzi eziyifumana kurhulumente kwiinkampani ezizezabantu abamnyama sele iqukunjelwe kwaye ifakwe kwigazethi ngomhla wama-20 kweyoMqungu.

Ngale mithetho nezi nkqubo, urhulumente uza kukwazi ukusebenzisa imali yakhe yokuthenga iimpahla neenkonzo atyise amashishini amancinci, amashishini asezilalini naselokishimi, abantu ababehlelekile ngaphambili futhi akhuthaza uphuhliso lwemizi-mveliso yeli.

Imingeni ephambili emibini esijongene nayo bubuninzi bobutyebi boqoqosho lweli obusezandleni zegcuntswana kunye nomkhuba wokuphekwa kwamaxabiso kunye neenkampani ezizenza izigqubu ezingozityele noohlohlesakhe, ezithi ngolo hlobo zizicikidele into yokuba zingakwazi nokuqingqa oku iinkampani ezisakhasayo, futhi zivale amathuba okuba oosomashishini abatsha nabamnyama bangene kushishino.

Abasemagunyeni kwezokhuphiswano benze umsebenzi oncomeka kakhulu ngokudulisa nokudiza ezi zigqubu futhi baze baqinisekisa nokuba ziyohlwaywa ngokwaphula umthetho.

Kulo nyaka uphelileyo, ndityikitye umthetho osayilwayo wangumthetho, umthetho owenza ukuba kube lityala ukuba yinxalenye yezi zigqubu nokupheka amaxabiso, kwaye lo mthetho uqale ukusebenza ngomhla woku-1 kuCanzibe. Xa waphule lo mthetho ungagwetywa uthothoze kwezimnyama izisele iminyaka enokude ifike kweli-10.

Ngoku sinyusa iikawusi ngomba wokulwa ingxaki yobuninzi bobutyebi beli obusezandleni zegcuntswana.

Kulo umiyo, iSebe loPhuhliso loQoqosho liza kuthi thaca umthetho phambi kweKhabhinethi oza kwenza izilungiso kuMthetho wezoKhuphiswano, wowe-1998 (uMthetho uNombolo 89 wowe-1998). Phakathi kwezinye izinto, lo mthetho uza kuphendula kwingxaki yemfuneko yoqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke, uqinisekise ukuba ubutyebi buyasuswa ezandleni zabantu abaligcuntswana njengoko kunjalo kumacandelo ezoqoqosho amaninzi. Lo mthetho ke uza kungeniswa ePalamente ukuba uqwalaselwe.

Ngolu hlobo sifuna ukuqinisekisa ukuba abantu abatsha nabo banebango kuqoqosho lweli, sinike abantu abamnyama abangabemi boMzantsi Afrika amathuba ezoqoqosho ngolo hlobo sibe ngenene senza uqoqosho lweli ukuba lube sezandleni zabantu abahlukeneyo, lukwazi ukumelana nokhuphiswano futhi luxhanyulwe ngabantu bonke. Lo ngumbono ngeenguqu ezibonakalayo kwezoqoqosho

Mawethu,

Urhulumente udlala indima emandla kwicandelo lezemihlaba nezindlu, njengoko akhele abantu izindlu ezingaphezulu kwezigidi ezine ukususela ngowe-1994.

Eli candelo kweli kuthiwa lixabisa imali ezitriliyoni ezisixhenxe zeerandi, izindlu ezithengwa ngokwezibonelelo zikarhulumente zona zixabisa imali eyitriliyoni eyi-1.5 yeerandi.

Noko kunjalo, singaphantsi kwi-5% isabelo seli candelo esisezandleni zabantu abamnyama, ingakumbi abantu abaNtsundu. Idrafti yoMthetho oYilwayo wabaRhweba ngoMhlaba neziNdlu iza kupapashwa liSebe lezokuHlaliswa koLuntu ukuze uluntu luhlomle. Iinjongo zayo kukwakha icandelo eliquka wonke ukuze kubekho iinguqu ezibonakalayo zezeqoqosho.

Phakathi kweminye imiba ekhokeliswe phambili kulo umiyo, urhulumente uza kulungisa umba wolibaziseko kunye nezicelo ezininzi ezisafuna ukuqwalaselwa ezingekaqwalaselwa zokubhalisa nokukhutshwa kwegunya lobunini-mhlaba linikwe abantu abaza kufumana izindlu ezihlawulwe ngesibonelelo sikarhulumente.

Mawethu,

Siyakubethelela ukuba iinguqu ezibonakalayo zezoqoqosho kufuneka zingapheleli nje kwinkqubo yezikimu zokuba ngabanikazi ngokubambisana.

Kufuneka abantu abamnyama sibabone ingabo abaphethe amashishini, futhi benemizi-mveliso. Yiloo nto kubalulekile ukuqalisa ngeNkqubo yooSomashishini abaMnyama.

Le nkqubo ukusukela oko yasekwayo ixhase oosomashishini abangaphezulu kwama-22.

Urhulumente unawo amanye amathuba kwiiprojekthi zokuhlaziya nokulungisa imihlaba nezindlu zeSebe lemiSebenzi kaRhulumente.

Eli sebe liza kutyala imali emalunga nezigidi ezili-100 zeerandi kulo nyaka kwiinkqubo ezibalulekileyo zokuhlaziya nokulungisa amazibuko ukuwenza abe ngawale mihla. Ezi nkqubo ziza kuqhubekela zisenza imali ngokuthi ziqeshise ngamazibuko karhulumente kunye nezindlu nemihlaba karhulumente engaselunxwemeni, into leyo iza kubhaqisa ii-SMME zabantu amanyama amaqithi-qithi.

Urhulumente uza kuqhubeleka egxininisa kwimigaqo-nkqubo ekhuthaza ukuthatha inxaxheba ngokubanzi kwabantu abamnyama kunye nee-SMME, kuquka nezo zizezabantu basetyhini nabantu abatsha, kwicandelo lobuchwepheshe bolwazi nonxibelelwano.

Siyaluqinisekisa ulutsha ukuba umba wokuthotywa kwamaxabiso okuthenga iinkonzo ze-intanethi uphezulu kwimigaqo-nkqubo kunye nezicwangciso zethu.

Mawethu,

Icandelo lezemigodi liyintsika yoqoqosho lweli lizwe futhi nelilebalulekileyo elenza ingeniso ngorhwebo namazwe angaphandle.

Siyavuyiswa kukunyuka kwakhona kwamaxabiso ezimbiwa, into leyo ebangele ukuba igalelo lelezimbiwa kuqoqosho lweli linyuke kakhulu. Oku zindaba ezincumisayo kwicandelo lezemigodi.

UMqulu wezeMigodi sithetha nje uyaphononongwa. Lo mqulu ufuna ukubethelela ilungelo elaziwa lihlabathi liphela lokuba uMbuso unamagunya apheleleyo kubutyebi bezimbiwa nepetroliyam obungaphakathi kwimida yelizwe.

Ukwaneenjongo zokuqinisekisa ukuba ubutyebi kwicandelo lezemigodi abukho sezandleni zabantu bebala elithile kuphela. Oku kuza kunceda kuqinisekise ukuba kukho uzinzo kweli candelo.

Siyathemba ukuba iingxoxo phakathi kukarhulumente nabecandelo lezoshishini ngalo mqulu ziza kuza neziphumo ezincumisayo ukuze le nkqubo ide iqukunjelwe.

Siza kuqhubeleka nokuzama ukuqinisekisa ukuba umbuso ubandakanyeka ngqo kwicandelo lezemigodi. UMthetho oYilwayo weNkampani yeMigodi yoMzantsi Afrika uza kuthiwa thaca phambi kweKhabhinethi nePalamente kwalapha enyakeni.

UMthetho-siHlomelo oYilwayo wemiThombo yeziMbiwa nePetroliyam uye wabuyiselwa ePalamente ukuze imiba enxulumene nokubamba iindibano noluntu zokuwuxovula eziqhutywa zizindlu zowiso-mthetho zamaphondo uyalungiswa.

Siyathemba ukuba oku kuza kwenzeka kwaye uza kubuyiselwa ukuze uqukunjelwe ngaphandle kokulibazisa ukuze iinkxalabo ebeziphakanyiswe ngabezoshishino malunga nokungaqiniseki ngezicwangciso zeli candelo ziphendulwe.

Urhulumente uyaqhubeleka nokusebenza namanye amahlakani ukulwa umkhuba wokumba imigodi ngokungekho mthethweni ukuze kusindiswe ubomi babantu futhi kuthintelwe nokuthutyeleziswa kwezimbiwa ezinexabiso kunye needayimani.

Siyaqhubeleka nokuwubeka phambili umba wempilo nokhuseleko lwabasebenzi-migodini, okwangumba obalulekileyo kuzinzo lwecandelo lezimbiwa. Ngokusebenzisana neenkampani zemigodi singaqinisekisa ukuba ubomi babantu buhlala bukhuselekile ngalo lonke ixesha.

Intlungu eyenzeka eLily Mine eMpumalanga ekuqaleni kowama-2016 yoyokuqala kweli ukususela oko sangena kulawulo lwentando yesininzi.

Intlungu nodandatheko lweentsapho ezichaphazelekileyo ayinakulinganiswa.

Mawethu,

Kuza kuba nzima okanye asizoze sixolelane ngokwenene umba womhlaba ungekasonjululwa.

Zihektare ezizigidi ezisibhozo kuphela zomhlaba otyebileyo ezibuyiselwe ebantwini abamnyama. Ezi hekthare ziyi-9.8% kuphela yeehekthare ezizigidi ezingama-82 zomhlaba otyebileyo nochumayo eMzantsi Afrika.

Kubekho nokuhla nge-19% kumakhaya abandakanyeka kulimo esuka kwazizigidi eziyi-2.9 ngowama-2011 aya kutsho kwazizigidi eziyi-2.3 ngowama-2016.

Sesiqalisile ngamalungiselelo okusebenzisa uMthetho wokuThengwa koMhlaba, wowe-1975 (uNombolo 63 wowe-1975) ukuze siqhube nenkqubo yeenguqu nokubuyekezwa komhlaba, oku sikwenza sikhokelwa nguMgaqo-siseko. Ngoku ndiye ndagqiba ukuba lo Mthetho uYilwayo ndiwubuyisele ePalamente ukuba ukhe uphinde uqwalaselwe kuba usenazo iindawo oqhwalela kuzo ngokomgaqo-siseko. Oku kwenzeke ngokuba lungakhange uluntu lunikwe ithuba elaneyo lokuwuhlaba amadlala luwucokise ngoku ubusaqulunqwa.

Siyathemba ukuba iPalamente iza kugxabha-gxabhisa ikhawuleze, iqinisekise ukuba konke oku bekuphosiwe kuyalungiswa kwesi sihlandlo ukwazi ukuba lo mthetho uqukunjelwe uncedise kwikhwelo leenguqu.

Umba wokuvulwa kwethuba lokuba kufakwe amabango omhlaba nawo usamisiwe kuba uMthetho-siHlomelo wokuBuyiselwa kwamaLungelo oMhlaba, wowe-2014 (uNombolo 15 wowe-2014) ubhengezwe yiNkundla yoMgaqo-siseko ngokuba awunakusetyenziswa kuba awukho mthethweni.

INkundla yoMgaqo-siseko yafumanisa ukuba iindibano zokuba kugwadlwe lo mthetho luluntu ebeziqhutywa yi-NCOP nezinye izidlu zowiso-mthetho zamanye amaphondo khange ziyanelise imiqathango yoMgaqo-siseko.

Ukusuka ngoku, urhulumente uza kuqhubeleka nezinye iinkqubo ezifana nenkqubo yokuLwela Amalungelo Athile Abantu abaSebenza uMhlaba, ekwabizwa ngokuba yinkqubo yokwaba umhlaba ngokulinganayo, i-50-50.

Kule nkqubo, abasebenzi basezifama bayadibana babe liqumrhu elisemthethweni baze badibane nomnikazi-fama, baseke inkampani entsha apho abasebenzi kunye nomnikazi-fama babangabanikazi befama leyo.

Ukuza kuthi ngoku, izicelo ezili-13 sele zivunyiwe, kwaye ziza kuxhanyulwa ngamakhaya abantu abahlala ezifama angama-921, ixabiso loku zizigidi zeerandi ezingama-631. Siwaqhwabela izandla amafama nabasebenzi basezifama ngokuza neli cebo litsha.

Kodwa okona kubaluleke kakhulu, kukuba siyabacela abafaki-bango bomhlaba ukuba bakhethe umhlaba endaweni yembuyekezo yemali. Amabango angaphezulu kwama-90% ngoku ahlawulwe ngembuyekezo eyimali, into leyo inxamnye nenkqubo yokubuyiselwa komhlaba. Ibangela ukuba abantu baqhubeleke bengenamihlaba. Kwaye iyaphikisana nenkqubo yokuxhotyiswa ngezoqoqosho.

Urhulumente uzimisele ukuxhasa amafama asakhasayo.

Ndifumene uxwebhu olusuka kuMbutho wamaFama aNtsundu oMzantsi Afrika oluthi unyaka wowama-2017 kufuneka ube ngunyaka wokukhuthaza urhwebo kumafama asakhasayo.

Ukusabela koku, urhulumente uza kuqalisa ngenkqubo yokukhuthaza urhwebo ukuxhasa amafama asakhasayo angama-450.

Sifaka umngeni kubantu basetyhini ukuba nabo balisele iso eli khono lokuba ngumfama. Namhlanje, sinoMfama waseTyhini woNyaka njengendwendwe elikhethekileyo, uVanecia Janse ophuma kumasipala waseKoukamma eMpuma Koloni.

Mawethu,

Amafama eli akhe ahamba nzima kulo nyaka uphelileyo ngenxa yembalela.

Ukuza kuthi ga ngoku, imali eqikelelwa kwiibhiliyoni eziyi-2.5 zeerandi iye yabekelwa bucala ukuze incedise ekuthengweni kokutya kwemfuyo, amadama, ukugrumba imithombo, ukulungiswa nokufakelwa kwezixhobo zemingxunya yamanzi, iifandesi kunye namanye amanyathelo okungenelela.

Ukongeza koku, iQumrhu loPhuhliso lwamaShishini (i-IDC) kunye neLand Bank babekele bucala imali emalunga nezigidi ezingama-500 zeerandi ukuxhasa amafama athwaxwe ngamandla yile mbalela nokuwanceda ukuba amagama ala mafama angafakwa kuluhlu lwabo banebatha ngokubhatala izikweliti futhi babolekwe nemali ngezivumelwano ezingenamiqathango iqatha.

Mawethu,

UMongameli Oliver Reginald Tambo wayephambili kumba wamalungelo abasetyhini.

Siza kuqhubeleka nokuwubeka phambili umba wokuxhotyiswa kwabasetyhini kuzo zonke iinkqubo zikarhulumente.

Urhulumente uza kuqhubeleka nokukhokelisa phambili umba wokunikwa kwabasetyhini amathuba ezoqoqsho, ingakumbi uncedo lwemali yokuqala ishishini nokwakhelwa igama elihle lokukwazi ukuzibolekela imali ngesikweliti.

Le yinkululeko eyalwelwa ngegazi neenyembezi ngamagorha namaqhawe oMzabalazo afana noDora Tamana waseGugulethu, apha eKapa. Ndiziva ndinelunda ngokuba sibe nonyana wakhe phakathi kwethu, uMongezi Tamana njengondwendwe olukhethekileyo.

Mawethu,

NgeyoMnga ngowama-2015, abafundi basedyunivesiti bavakalisa izikhalazo zabo malunga nemali yemfundo ephakamileyo.

Bavakalisa benyanisile ukuba amatyala eminyaka engaphambili kunye nemali yokufunda enyuka kakhulu into yenza ukuba kubenzima kwabo baphuma kumakhaya angathathi ntweni ukuba bakwazi ukubhalisa ezidyunivesiti baqhubeleke bade bazigqibe izifundo zabo.

Kungenxa yesi sizathu le nto kuthe xa abafundi basedyunivesiti bevakalisa izikhalazo zabo zokwenyani zokugxothwa ezidyunivesiti, urhulumente wethu onenkathalo athe wabamamela wathatha amanyathelo afanelekileyo ngokuthi athathele kuye uxanduva lokubhatala lo chatha ufakiwe kwimali yokufunda yonyaka wama-2016.

Urhulumente ukwalibhatale lonke ityala labafundi abaxhaswa siSikimu seSizwe sokuXhasa Abafundi ngeMali yokuFunda (i-NSFAS) waze walandisa inani labafundi abaxhaswa yi-NSFAS.

Ngethuba isithiwa thaca iNtetho yoMgaqo-nkqubo woHlahlo Lwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi yowama-2016, urhulumente weli ebesele ebhengeze amanye amanyathelo alungiselelwe ukwenza imfundo ephakamileyo ifikeleke kubafundi abaninzi abaphuma kumakhaya amkela imivuzo ephantsi.

Urhulumente ukwabekele bucala nemali eza kuqinisekisa ukuba akuzikubakho mfundi ophuma kwikhaya elinomvuzo ofikelela kuma-600 000 eerandi ngonyaka xa uwonke uza kunyuselwa imali yokufunda ezidyunivesiti nakwiikholeji zeMfundo noQeqesho lobuGcisa nobuChule (i-TVET) ngowama-2017.

Bonke abafundi abanelungelo lokuncedwa yi-NSFAS futhi abamkelwe ezidyunivesiti nakwiikholeji ze-TVET baza kuyifumana imali yokufunda. Ityala lasedyunivesiti labafundi abafanele ukuxhaswa ngu-NSFAS lowama-2013, 2014 nowama-2015 liza kubhatalwa. Iyonke imali urhulumente ayijikileyo wayithumela kwimfundo ephakamileyo zibhiliyoni ezingama-32 zeerandi.

Sifuna ukuqinisekisa ukuba abafundi abafunayo nabafanelekileyo bayaqhubeka nezifundo zabo bengenaxhala lamatyala abo angaphambili aza kuba ngumqobo kumaphupha abo okugqiba izifundo zabo.

Kule minyaka ishiyekileyo yalo rhulumente wathatha imikhala yolawulo ngowama-2014, imigaqo-nkqubo yethu iza kusabela ngqo kwezi ngxaki ziphakanyiswe ngabafundi:

Okokuqala, abafundi bayawukhalazela lo myinge ubekiweyo wemali engama-122 000 eerandi besithi uphantsi kakhulu. Siza kuwuqwalasela lo mba ngeenjongo zokunyusa lo myinge ngezigaba kule minyaka izayo.

Okwesibini, abafundi bavakalise ukuba imali yokufunda xa iyonke kwezinye iidyunivesiti ingaphezulu kwisibonelelo esikhutshwa ngu-NSFAS.

Le nto ithi ikhokelele ekubeni abafundi abafunda kwiidyunivesiti ezibiza imali yokufunda engaphezulu kule ikhutshwa ngu-NSFAS baphele benetyala elikhulayo. Iinkqubo ezikhokelwa ngurhulumente ziyawuqwalasela nalo umba.

Malungu ahloniphekileyo nabemi boMzantsi Afrika, abafundi kunye nabazali babo bayakuqonda ukuba ingxaki yeenkonzo ezifana namanzi, ugutyulo, imfundo yokuphuhliswa kwabantwana abaselula (i-ECD) kunye nezithuthi zikawonke-wonke ezisemgangathweni kufuneka ilungiswe ngaxeshanye nale yokufikeleleka kwemfundo ephakamileyo noqeqesho esemgangathweni.

Noko kunjalo, sizimisele ngokungagungqiyo ukuba sifumane isisombululo esiza kuqinisekisa ukuba izibonelelo-mali zikarhulumente ngobubanzi, ingakumbi kwezemfundo aziphazamiseki.

Njengokuba iinkqubo ebesele siziqalisile zisiya ekuqukunjelweni, iinkqubo ezifana neKomishini kaHeher, iQela labaPhathiswa eliBekelwe uMsebenzi, iindibano ezixoxa ngemiba gabalala nabafundi, abaphathi beedyunivesiti neekholeji ze-TVET kunye nemibutho yoluntu, siza kukhangela imali eza kuzalisekisa izithembiso zemigaqo-nkqubo yethu.

Ndicela bonke abachaphazelekayo ukuba bathathe inxaxheba kwezi nkqubo ziqhubayo ngoku sithethayo ukuze kungabikho bani uvalelwa ngaphandle.

Zonke iingcebiso ezakhayo kufuneka zithathelwe ingqalelo. Sakuba isizwe ngokubanzi sivumelene ukuba makwenziwe ntoni, urhulumente uza kuthatha amanyathelo abekele bucala imali nezixhobo zoncedo ukuze kuqaliswe ukufezekiswa kwayo ngezigaba ezahlukeneyo.

Masibonisaneni, salathe izinto ezizona zingxamisekileyo nezitshisa ibunzi size sabe loo mnconwana sinawo wezixhobo zoncedo nokusebenza ngendlela efanelekileyo. Masizifundise ukuzenzela ngokwethu siye phambili ngomoya wobumbano.

Mawethu,

Idabi lokulwa ulwaphulo-mthetho ngumba esiwukhokelise phambili. Amapolisa aza kuqinisekisa ukuba ayabonakala phakathi koluntu, anze oku esakhela kwiphulo elifana neli ebeliqhube kakuhle kakhulu ngethuba lePhulo loKhuseleko ngeeHolide zikaDisemba.

Aza kusebenzisa amabutho ayo abukhali nazingcali kwimisebenzi ethile, afana nebutho eliqeqeshwe lacokiswa kunye namabutho esizwe akhethekileyo angoompondo-zihlanjiwe kwezobupolisa, ukuba ancede kwiindawo ezinolwaphulo-mthetho olufuna ukuthatha unyawo.

Sifumene umyalezo ovela eSoshanguve kule veki iphelileyo wokuba ulwaphulo-mthetho luxakile kwa-Block L nokuba izenzo zoqweqwediso lweemoto kunye nokuxhonyiswa kwabantu kuxhotyiwe nazo zithatha unyawo. Kukwimimandla efana nale apho kufuneka sisebenzisane ngokumandla namapolisa ukuze siqinisekise ukuba abaphuli-mthetho noonqali-ntloko abazenzeli unothanda kubahlali.

Amanye amalinge okulwa ulwaphulo-mthetho kwisizwe siphela aquka ukusekwa kwamabutho akhethekileyo, aza kugxininisa kwizenzo zolwaphulo-mthetho ezinxulumene neziyobisi, izixholo-xholo kwicandelo leeteksi nelezemipu kunye nokusetyenziswa kangangoko kobuxhaka-xhaka bokuphanda obufana nobungqina obuqokelelwa ngobuchwepheshe benzululwazi.

Amapolisa aza kuzisebenzisa nangakumbi iinkcukacha eziselugcinweni zeeseli zofuzo (i-DNA) ukuze abambe abatyholwa.

Siyalubongoza uluntu ukuba lusebenzisane namapolisa ukuqinisekisa ukuba iindawo esihlala kuzo zikhuselekile.

Mawethu,

Siyavuyiswa kukuhla, okokuqala kule kwiminyaka elishumi, kweziganeko zomkhuba wokuzingelwa kwemikhombe ngokungekho mthethweni ukususela ngeyeDwarha ngowama-2015. Oku kwenzeka ngenxa yamaphulo ogqogqo ebengqongqo ebeqhutywa ngokubambisana zi-arhente zogcino-mthetho.

Mawethu,

Elinye lamaqhinga okulwa ulwaphulo-mthetho kukuqinisekisa ukuba abo bakhululwe ezintolongweni abaphindi bahendeke babuyele kwimikhuba yolwaphulo-mthetho.

ISebe leeNkonzo zoLuleko liyaqhubeleka nokusebenza nzima lizama ukutshinsha iijele zibe ngamaziko oluleko ngokubonelela amabanjwa ngeenkonzo ezahlukeneyo. Kangangokuba, izinga lokuthobela imiqathango ebekelwa abo bakhululwa ngengqawule linyukile lafikelela kuma-98% okokuqala ezimbalini.

Isizwe siqhuba kakuhle kakhulu nasekuphunguleni inani labantwana abakumaziko oluleko.

Mawethu,

Amalinge okuqinisekisa ukuba ubulungisa buxhanyulwa ngabaninzi afumana inkxaso ngeyeNkanga kulo nyaka uphelileyo ngethuba kuvulwa iCandelo leNkundla ePhakamileyo eLimpopo.

INkundla ePhakamileyo yaseMpumalanga iza kugqitywa ukwakhiwa kulo nyaka-mali. Ukuvulwa nokuqalisa ukusebenza kwezi nkundla ziphakamileyo kuthetha ukuba silizalisekisile iphupha lethu lokuba nenkundla ephakamileyo kwiphondo ngalinye kweli.

Mawethu,

Idabi lokulwa urhwaphilizo liyaqhuba, kwiGunyabantu lezoTshutshiso, iCandelo loonoThimba liqukumbela amatyala othimbo angama-389 eempahla exabise izigidi ezingama-349 zeerandi.

Eli candelo linikwe negunya lokuvala ii-akhawunti zeebhanka ezingama-326 ezinemali ezizigidi ezingama-779 zeerandi.

Imali iyonke ezizigidi ezili-13 zeerandi iye yafunyanwa kumatyala apho amagosa karhulumente ebebandakanyeka kurhwaphilizo nakumanye amatyala afana nala kulo nyaka uphelileyo.

Mawethu,

U-Oliver Tambo wahlahla indlela yomgaqo-nkqubo wezangaphandle weli kusengowe-1977 ngethuba esenza intetho kwiNkongolo yokuqala yombutho olawulayo wase-Angola, i-MPLA, wathi:

“Sifuna ukuhlalisana ngoxolo namazwe angabamelwane bethu nezizwe zehlabathi phantsi kwemeko zolingwano, ukuhloniphana nokunikana amathuba ngokulinganayo”.

UMzantsi Afrika ulibulela ngokungazenzisiyo iwonga olinikiweyo lokuba ngusihlalo woMbutho woPhuhliso lwaMazwe akuMazantsi e-Afrika (i-SADC), isikhundla eso uza kusithatha ngeyeThupha kowama-2017. Siza kulisebenzisa eli thuba siza kube siphethe isikhundla sokuba ngusihlalo ukuba sikhawulezise ukuphunyezwa kwesiCwangciso-qhinga se-SADC sezeMizi-mveliso.

Siyawukhawulezisa umba wokudibanisa imimandla ngokuphumeza uMmandla ongaHlawulisana iiRhafu zoRhwebo we-SADC-COMESA-uMbutho waMazwe e-Afrika eseMpuma.

Siza kuqhubeleka namalinge ethu oxolelwaniso, amaphulo ogcino-xolo kunye nawokukhuthaza uxolo eLesotho, Democratic Republic of Congo, Burundi, Mozambique, South Sudan, Somalia naseLibya. UMkhosi weSizwe wezoKhuselo woMzantsi Afrika (i-SANDF) wenza umsebenzi omhle kakhulu egameni leli lizwe kumaphulo wawo ogcino-xolo.

Okunye, urhwebo namazwe asentshona ekudala sirhweba nawo lusenegalelo elimandla kuqoqosho lweli.

Siza kuqhubeleka ngokubambisana ne-United States sisebenzisana kwimiba ebalulekileyo nelulutho kula mazwe omabini efana nokuhlaziywa ngokupheleleyo koMthetho woHlumo namaThuba e-Afrika (i-AGOA).

Sibuxabisile ubudlelwane bethu neChina. IChina lelinye lamazwe angamahlakani oMzantsi Afrika abalulekileyo. IChina siyithatha njengorhulumente ekukuphela kwakhe onamagunya nolawula wonke umhlaba ongaphakathi kwemida yelizwe laseChina.

UMzantsi Afrika uyalibethelela uluvo lwawo lokuba yiChina kuphela engurhulumente olawulayo ngaphakathi kwemida yelizwe laseChina neziphaluka zalo kwaye iTaiwan sisithatha njengenxalenye ebalulekileyo yelizwe laseChina.

Malunga nezivumelwano zentsebenziswano zamazwekazi, isiCwangciso-qhinga se-Afrika neMbumba yaseYurophu (i-EU) isesiso esisicwangciso-sikhokelo esibalulekileyo sexesha elide sentsebenziswano eqhubekayo.

Isivumelwano seNtsebenziswano soQoqosho ne-EU siqale ukusebenza ngeyoMsintsi ngowama-2016, ngolo hlobo savulela amathuba iimveliso zoMzantsi Afrika zokuba zithengiswe kubathengi abatsha.

Phantse zonke iimveliso zoMzantsi Afrika, malunga nama-99% azo ziza kwenzelwa idolo zikhokeliswe phambili kubathengi kumazwe e-EU.

Iimveliso ezimalunga nama-96% ziza kuthengiswa kumazwe angamalungu e-EU zingahlawuliswa irhafu yorhwebo okanye kumiselwe umyinge wazo onokuthunyelwa kula mazwe.

IsiVumelwano sokweNzelelelana kuRhwebo soMbutho oNgahlawulisani Rhafu yoRhwebo wamaZantsi e-Afrika kunye ne-Mercosur siqalile ukusebenza into leyo ivulele amathuba enzelelelayo iimveliso ezibekelwe irhafu yorhwebo ethile. Esi sivumelwano sikhuthaza urhwebo phakathi kwamazwe akumazantsi e-Ikhweyitha.

Izivumelwano zokusebenzisana neminye imimandla ziza neziphumo ezincumisayo. IBhanki eNtsha yezoPhuhlisa ye-BRICS (i-Brazil, Russia, India, China noMzantsi Afrika) iqhuba kakuhle kakhulu.

Siyasixhasa isigqibo esathathwa eGoa ziNtloko zemiBuso nooRhulumente ze-BRICS zokuba kumiselwe i-Arhente ye-BRICS yokuHlela iSakhono saMazwe sokuHlawula iziKweleti ukuze sikwazi ukuncedana sihlolane iindlela esiqhuba ngazo kwezoqoqosho.

Siyavuyiswa zizivumelwano esingene kuzo namazwe angamahlakani eli kwi-BRICS zecandelo lezolimo. Ziza kuqalisa ukulandela imigaqo yezivumelwano ekwakungenwe kuzo kwangaphambili zokuthunyelwa e-India kwezityalo ezinemidumba (ezifana nee-erityisi, iimbotyi, njl njl), iimango kunye nenyama yehagu.

Siza kuthumela eChina iitoni ezingama-20 000 ngonyaka zenyama yenkomo isithuba seminyaka eli-10. Siza kuqhubeleka sikhokela idabi lokuzama ukutshintsha iinkqubo zorhwebo zehlabathi kuba iindlela eziqhuba ngayo ngokwangoku aziwaniki mathuba amazwe anoqoqosho elisakhulayo ukuba athathe inxaxheba futhi axhamle ngokupheleleyo.

Lo nyaka sisikhumbuzo seminyaka engama-50 sokuthathwa ngezigalo kwePalestine.

Ukwanda kweendawo zokuhlala amaSirayeli kumhlaba wasePalestine kudelela amalinge ehlabathi afuna ukuba la mazwe abe ngamazwe amabini azimeleyo njengoko sisitsho isivumelwano sase-Olso. Sifuna ukukugxininisa ukuba siyawuxhasa umzabalazo kazimele-geqe wesizwe samaPalestina.

Ngokunjalo, siyathemba ukuba ukwamkelwa kwakhona kweMorocco njengelungu leMbumba ye-Afrika (i-AU) kufanele kusebenze njengenyathelo elisikhumbuza ukuba makusonjululwa ingxaki yaseWestern Sahara.

Mandongeze nokuba uMzantsi Afrika uza kusebenzisa uSuku loMkhosi weeMfazwe ngomhla wama-21 kweyoMdumba ngowama-2017 ukubhiyozela isikhumbuzo sentlungu yokuzika kwenqanawa i-SS Mendi ngowe-1917, apho amajoni angama-646 asutywa kukufa.

Mawethu,

UMgaqo-siseko unika amalungelo alinganayo kunye nesidima kubo bonke abemi boMzantsi Afrika. IZizwe eziManyeneyo (i-UN) zimisele umhla we-13 lweSilimela njengoSuku lweHlabathi lokuFundisa ngabaNtu abaneBala eliMhlophe kwiziKhumba Zabo (i-albinism).

Kufuneka sisebenzise olu suku sifundise futhi silwe ukubukulwa okanye ukwenzakaliswa abanye oogxa bethu abanebala elimhlophe esikhumbeni sabo njengoko bephathwa ngolo hlobo kwezinye iindawo.

Siyakubethelela ukuba abantu abanebala elimhlophe esikhumbeni sabo bangabantu abafana nabo bonke abantu elizweni. Mabayeke ukuphathwa kakubi. Maziphele neenkolelo ezingeyonyani ngabo.

Kuluvuyo ukwazisa uNksz Nomasonto Mazibuko, umlawuli oyintloko we-Albinism Society of South Africa, njengelinye leendwendwe zethu ezikhethekileyo.

Icandelo lezemidlalo lilahlekelweyenye yeentandane zalo, uJoost van der Westhuizen ekuqaleni kwale veki. Icandelo lezomculo lilahlekelwe zimvumi zomculo wezenkolo kutsha nje, uSifiso Ncwane noLundi Tyamarha, kwakunye nemvumi yomculo kamaskandi, uNganeziyamfisa.

Sivakalisa amazwi ethu ovelwano ngokushiywa ngaba saziwayo ababe negalelo elikhulu kwezobugcisa nezemidlalo.

Mawethu,

Masimanyane siqhube umsebenzi wokuzisa iinguqu ezibonakalayo kuqoqosho sisenzela ilizwe lethu.

Ukucaphula amazwi kaMongameli Tambo;

“Xa sisebenzisana njengabemi boMzantsi Afrika, sinakho ngokunokwethu ukutshintsha eli lizwe ibe lilizwe lobisi nobusi kuye wonke umntu, apho isihelegu socalu-calulo sinokusithatha sisiphose kwelokubala.”

Ndibulela ngokungazenzisiyo ngeli thuba.

 

Share this page

Similar categories to explore