INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-31 kweyeThupha yowama-2016

1. Ukuphunyezwa kweeNkqubo zikaRhulumente ezinguNdoqo

1.1. UMongameli uJacob Zuma ukhokele igqiza likaRhulumente waseMzantsi Afrika ukuya kwiNgqungquthelo yesiQhelo yooMongameli boMbutho woPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMazantsi (i-SADC) yama-36 nethe yaqhubeka ukususela kumhla wama-30 ukuya kowama-31 kweyeThupha yowama-2016 phantsi komxholo othi: “UkuVuselelwa kweMithombo yoTyalo-mali kwiZiseko ezinguNdoqo eziZinzileyo zokwaNdiswa kweMizi-mveliso eDibeneyo yamazwe e-SADC nokuHluma koMmandla”.

Le Ngqungquthela igxile kwimfuno yokuphucula uphuhliso lwamashishini neziseko ezingundoqo ukomeleza ukudityaniswa nokwamkelwa korhwebo oluphakathi kwamazwe ommandla ekuhlangabezaneni nomba wophuhliso oluzinzileyo lamazwe e-SADC.

Ngokumalunga nemeko yezopolitiko neyokhuseleko kulo mmandla, kugxilwe kwiinguqu zezomgaqo-siseko, kurhulumente nakukhuselo kwiLizwe laseLesotho, uxolelwaniso lwesizwe, ukuphunyezwa koMlima-ndlela we-SADC ngokumalunga neMadagascar nothethathethwano lwesizwe ngokubhekisele kumalungiselelo onyulo lwesizwe eDemocratic Republic of Congo.

IKhabhinethi nayo njengoMongameli uJacob Zuma idlulisa amazwi ombulelo kuMazwe angaMalungu e-SADC ngokokonyula uMzantsi Afrika njengelizwe eliza kuba nguSihlalo we-SADC kweyeThupha yowama-2017.

1.2. IKhabhinethi iyalwamkela utyalo-mali oluyimbali lweebhiliyoni ezili-11 leerandi olwenziwa yiBeijing Automobile International Corporation  (i-BAIC) lokuseka isikhululo sokuvelisa iimoto kuMmandla woPhuhliso lwezoShishino waseNgqurha.

Esi sivumelwano lolona tyalo-mali lwezeemoto lukhulu e-Afrika kule minyaka ingama-40 idlulileyo kwaye oko kungqina kwakhona ukuba eli lizwe liyeyona ndawo iphezulu ehlabathini ekunokwenziwa kuyo utyalo-mali ngabavelisi beemoto.

Oku kwenziwe kwayimpumelelo ngenxa yemeko yemigaqo-nkqubo yoMzantsi Afrika enika inkxaso, ngokukodwa iNkqubo yokuVeliswa noKwakhiwa kweeMoto nethe yanomtsalane kubavelisi beemoto ehlabathini jikelele.

Utyalo-mali lwe-BAIC ziziphumo zeNgqungquthela yeNtsebenziswano ye-China ne-Afrika (i-FOCAC) ebibanjelwe eRhawutini kweyoMnga yowama-2015, apho uMongameli uJacob Zuma neNkulumbuso yaseChina u-Xi Jinping batyikitya izivumelwano eziphakathi kwamazwe amabini ezingekho ngaphantsi kwama-26 nezixabisa malunga ne-100 leebhiliyoni zeerandi.

Le projekthi ibeka iMpuma Koloni njengengingqi ephambili kuveliso lweemoto kwaye inamathuba amahle okukhulisa amashishini athengisa iintsimbi nezixhobo zeemoto, ukudala imisebenzi nophuhliso lwezoqoqosho. Kulindeleke ukuba olu tyalo-mali ludale imisebenzi engama-2 500 kule mizi-mveliso yeemoto  neminye engaphezulu kwama-10 600 kwamanye amashishini aza kusebenzisana nalo mzi-mveliso.

Phaya ekuqaleni kwalo nyaka abakwaToyota babhengeze ukuba baza kuvelisa udidi lwe-Toyota Hilux nolwe-Fortuner njengenxalenye yotyalo-mali oluyi-6.1 yeebhiliyoni zeerandi ngeli xesha abakwa-BMW bona beza kwakha icandelo lokwakha iimoto ezikumgangatho wehlabathi elixabisa iibhiliyoni ezintandathu zeerandi.

Olu tyalo-mali luncedisa ukuqhubela phambili imiba yethu ephambili yesizwe yokuvuselela ngokutsha uhlumo loqoqosho, ukulondoloza imisebenzi ekhoyo nokudala eminye imisebenzi kuqoqosho.

1.3. IKhabhinethi iyakwamkela ukuphehlelwa kweZiko lezeZimali looKopolotyeni lokuqala laBasetyhini baseMaphandleni kubuGcisa neMisebenzi yeZandla nguMphathiswa wezoPhuhliso lwaMaphandle noBuyekezo lweMihlaba, uGugile Nkwinti. Eli Ziko lezeZimali looKopolotyeni baseMaphandleni bobuGcisa neMisebenzi yeZandla laseMzantsi, nelibhaliswe phaya ekuqaleni kwalo nyaka, liza kusebenza njengebhanki yabo basemaphandleni benza umsebenzi wezandla futhi bengamalungu ookopolotyeni abasekwe KwaZulu-Natal, eMpuma Koloni, eLimpopo naseMpumalanga.  

Eli Ziko livumela ukuba abasetyhini bakwazi ukufikelela kwiNkqubo yokuHlawula yeSizwe, iinkqubo ezizisebenzela ngokuzenzekelayo, ukunikezela ingxelo engenazimpazamo naziphene kwaye iza kuvumela amalungu ukuba akwazi ukwenza intengiselwano kwindawo yentengiso, kwi-ATM nakwamanye amaziko ezezimali ookopolotyeni kuMzantsi Afrika jikelele. Ezinye zeziphumo ezingundoqo ekubonelelwa ngazo ziquka ukufumaneka kwezatifikethi zokubhalisa ezisemthethweni, ii-akhawunti zebhanki, iizatifikethi zerhafu nokudityaniswa nabathengi abatsha  balapha ekhaya nabamazwe angaphandle. Eli phulo liyinxalenye yelinge elipheleleyo lokuxhotyiswa kwabantu basetyhini basemaphandleni ngesakhono nolwazi lokudala amashishini amancinci anempumelelo.

1.4. Ukumiselwa komgaqo–nkqubo kamakulingwane (50/50) nguMphathiswa woPhuhliso lwaMaphandle noBuyekezo lweMihlaba, kukhokelele ekubeni sibone ifama yokuqala ingena kwisigaba sokulinga soMgaqo-nkqubo weNkqubo-sikhokelo sokuLwela amaLungelo Athile aBantu abaSebenza uMhlaba, KwaZulu-Natal.
Ifama iWestcliffe ezihektare ezingama-514, kuzo iihektare ezingama-270 zezamasimi eswekile, ezili-140 zezemithi yokwenza amaplanga zize ezili-10 zibe zezokutyala ikhaphetshu enkcenkceshelwayo. Esi sivumelwano siza kukhokelela ekubeni abasebenzi nabanini beefama bazibone bephathisene ngobunini-fama kumasipala wengingqi uMshwathi, kufutshane neGreytown.

Phakathi kwezinye izinto, lo mgaqo-nkqubo ufunae ukuqinisekisa ukuba abasebenzi basezifama ngabanikazi bomhlaba  ngeli xesha uzama ukuguqula uhlobo lobunini-mhlaba kweli lizwe nokuxhobisa abasebenzi ukuba bafumene izabelo kwiifama. Umgaqo-nkqubo wenkqubo-sikhokelo kamakulingwane (i-50/50) ukwajongise ekuphuculeni inguqu yezoqoqosho kwicandelo lezolimo.

1.5. INgqungquthela yowama-2016 engeNguqu kuMajelo eeNdaba eziShicilelweyo nebisingathwe liSebe lezoNxibelelwano ukuze kuxoxwe ngenguqu neyantlukwano kumajelo eendaba eli lizwe anikezela ngeqonga kuninzi labadlali-ndima ebalulekileyo nevakalayo kwezamajelo eendaba ukuba baxoxe ngenguqu kumajelo eendaba eli lizwe, ukuphendula neyantlukwano kwimiba ephambili.

Le ngqungquthela, nebigxile kuwo onke amashishini akwicandelo lamajelo endaba ezishicilelweyo, ukususela kubunini ukuya kushicilelo, ukuhanjiswa, uphando-nzulu nokwenza iintengiso, zonke ezi zinto ziza kuba yinxalenye yengxelo eza kubhalwa malunga  neenguqu  kumajelo eendaba aqhelekileyo namatsha eMzantsi Afrika.

1.6. UMzantsi Afrika uphawula iNyanga yezoKhenketho kweyoMsintsi phantsi komxholo othi: “UKhanketho kuMntu Wonke” ukukhuthaza nokwazisa oko ukhenketho oluqulathe okuninzi leli lizwe likunikezela kubo bonke abantu baseMzantsi Afrika.

IKhabhinethi ikhuthaza wonke ubani ukuba asebenzisane ukuqinisekisa ukuba imiqobo ethintela ufikelelo kukhenketho iyasuswa kwaye bonke abantu baseMzantsi Afrika bayalinikwa ithuba, baze babe nomdla wokuhlola ilizwe lethu elihle nelinomtsalane.

1.7. Simema bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba babhiyozele iinkcubeko zesizwe sethu ezahlukeneyo xa ilizwe lethu likhumbula iNyanga yaMafa kweyoMsintsi phantsi komxholo othi: “UbuTyebi baBantu namaQhawe: aMafa wethu aPhilayo” Abemi baseMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba bazingce ngamafa wethu aphilayo baze badlale indima ebonakalayo ekuqinisekiseni, ekukhuthazeni nasekuwalondolozeni. Kubalulekile ukuba njengesizwe sibhiyozela uButyebi bethu boBuntu kuzo zonke iinkalo zoluntu lwethu.

Isikhumbuzo salo nyaka siphawula iminyaka engama-20 ukususela mhla kwabhengezwa ngokusesikweni uSuku laMafa ngowe-1996 kwaye kufuneka silusebenzise olu suku ukwamkela nokubuka amafa wethu esabelana ngawo ukwakha kwinkqubela yethu ukususela ngowe-1994 ekudaleni uMzantsi Afrika omanyeneyo.

1.8. IKhabhinethi yazisiwe ngeNyanga yeNkonzo kaRhulumente yowama-2016 ngenyanga yoMsintsi phantsi komxholo othi: “IBalulekile iNkonzo kaRhulumente kuMba woHlumo oluXhanyulwa nguye wonke: Ukunyusela i-Batho Pele kwelinye inqanaba ekuqhubeleni iNkonzo kaRhulumente Phambili”.

INyanga yeNkonzo kaRhulumente yalo nyaka ikwafika phakathi kulawulo lwalo mbuso wathatha iintambo zolawulo ngowama-2014 kwaye iyinyanga elandela emva konyulo likarhulumente wemimandla. Le nkqubo ibude buyinyanga iyinxalenye ebalulekileyo yeSicwangciso-qhinga sokuVuselela i-Batho Pele nesijongise ekwakheni ngokutsha iinqobo ezisesikweni ezintle, imbeko, ukuzingca  nabasebenzi bakarhulumente abasebenza ngendlela ephucukileyo xa bebonelela ngeempahla neenkonzo zikarhulumente.

Abasebenzi kwiNkonzo kaRhulumente jikelele baza kusebenzisa le nyanga ukuthetha nokuthethana nabemi nabanye abadlali-ndima ababalulekileyo kwinkonzo karhulumente malunga nomba wokufuneka kokunikezelwa kweenkonzo ngobuchule. Oku kuyinxalenye yokokufezekiswa kwesiCwangciso seSizwe soPhuhliso ngokwenza igalelo ekwakheni isizwe esikwaziyo nesidlala indima yophuhliso nedala inguqu.

1.9. IVeki yoNyaka ye-Thusong Service Centre ukususela ngomhla we-19 ukuya kowama-23 kweyoMsintsi yowama-2016 iza kubanjwa phantsi komxholo othi “Ii-Thusong Service Centre – Ukuqhubela iNkonzo kaRhulumente Phambili: Singabenu, Siyakhathala, Siyanikhonza”. Ngale veki kuza kufundiswa ngolwazi oluphambili ngorhulumente, inkonzo namathuba akhoyo kwii-Thusong Service Centre kweli lizwe jikelele. Kukho imisitho ecwangciselwe ukubhiyozela le veki kuze kucaciswe nezinto eziyimpumelelo zala maziko ukususela ekusekweni kwawo ngowe-1999.

1.10. Urhulumente uphehlelele isicwangciso-qhinga sophawu nesokunxibelelana sesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP). Uphawu olubonakalayo lwe-NDP luza kumanyanisa luze lunike iinkcaza ngamalinge onxibelelwano lukarhulumente aqhubekayo malunga nokuphunyezwa kwe-NDP ngophawu lohlobo olaziwayo.

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1. IKhabhinethi iliphumezile iqhinga eliza kusetyenziswa nguMzantsi Afrika xa uza kuthatha inxaxheba kwiNgqungquthela ye-G20 yalo nyaka  nenoMongameli wayo olilizwe laseChina, iwamkele umxholo oquka konke ekuza kusetyenzelwa phezu kwawo othi: “Sibhekisele kuQoqosho lweHlabathi olunoBuchule, oluVuselelekileyo, oluThungeleneyo noluDibeneyo”.

Eyona njongo ingundoqo ye-G20 kukwandisa intsebenziswano phakathi kwamazwe ngamazwe ukwenzela ukubuyiselwa koqoqosho lwehlabathi kuzinzo, ukuzisa uzinzo kwinkqubo yezezimali yehlabathi jikelele, ukukhuthaza uhlumo oluzinzileyo lwexesha elide nokomeleza ulawulo loqoqosho lwehlabathi.

UMongameli uJacob Zuma uza kuzimasa iNgqungquthela ye-G20 eHangzhou, eChina ngomhla we-4 nowe-5 kweyoMsintsi wowama-2016. Ukuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kwi-G20 kuza kunika ithuba eli lizwe  libe lelamanye amazwe aphambili xa kuqulunqwa kubhalwa imigaqo-nkqubo yezoqoqosho neyehlabathi eza kwenzelela futhi ixhamlise uMzantsi Afrika, i-Afrika kunye namazwe anoqoqosho olusakhulayo. Okokuqala ezimbaliini iNgqungquthela ye-G20, iza kuzinyaswa ngamazwe amaninzi anoqoqosho olusakhulayo.

2.2. Ukukhutshwa kweeNkcukhacha-manani zeSizwe zoNyaka zoLwaphulo-mthetho zowama-2015/16, ezithathwa kwiinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho olumangalelwe kwizikhululo zamapolisae zamkelwe kwaye ziza kupapashwa ngomhla we-2 kweyoMsintsi yowama-2016

Ukukhutshwa kwezi nkcukhacha-manani kube negalelo kwisiphumo esibalulekileyo esithi: ‘Bonke abantu baseMzantsi Afrika abaziva nje bekhuselekile bakhuselekile ngenene’.

Iinkcukhacha-manani zolwaphulo-mthetho zisisalathisi esibalulekileyo esibonisa indlelaurhulumente alwa nalo ngalo ulwaphulo-mthetho ngokusebenzisana noluntu, abasebenzi nabezoshishino. Ezi nkcukhacha-manani kufanele zijongwe phantsi kweliso lokukhula kwamanani abantu neemeko zezoqoqosho.

2.3. IKhabhinethi ifumene ingxelo yeziPhumo zeSeshoni yeShumi elinaMbini yeNkomfaa yamaZwe angamaLungu eesiVumelwano seZizwe eziManyeneyo Sokulwa ubuNkqantosi (i-UNCCD COP12) nebibanjelwe e-Ankara, eTurkey ukususela ngomhla we-12 ukuya kowama-23 kweyeDwarha yowama-2015.

UMzantsi Afrika uchongwe njengelinye lamazwe aza kuxhamla kwinkqubo ye-UNCCD yokumisela iinjongo, neza kunceda amazwe ekuqulunqeni iinjongo zawo eziphambili ngokuzithandela ezihambelana neemeko zesizwe nemiba ephambili yezophuhliso.

UMzantsi Afrika uyawuncoma umba wokuba esi Sivumelwano sibandakanye amazwe onke nemfuneko yokusebenzela onke amazwe achatshazelwe yingxaki yokuguquka kwemihlaba ibe zintlango, ubunkqantosi, ukukhukhuliseka komhlaba nembalela nezakuthi iqinisekise ukuba imiba enjalo kujongwana nayo naphi na apho yenzeka khona kwinqanaba lesizwe nakwelehlabathi jilekeke. Oku kuza kuqinisekisa ukuba amazwe aqukwa onke kuze kuphuculwe nobudlelwane nentsebenziswano phakathi kwamazwe esemaNtla nasemaZantsi e-Ikweyitha.

2.4. IKhabhinethi ikwamkele ukusingathwa ngokubambisana kweNgqungquthela yeHlabathi yesi-2 yokuNcancisa liSebe lezeMpilo kunye nombutho i-International Baby Food Action Network, ukususela ngomhla we-11 ukuya kowe-14 kweyoMnga yowama-2016, phantsi komxholo othi “Masenze kangangoko ukudala iimeko ezinceda oomama neentsana”.

Oku kubalula ukuzinikela koMzantsi Afrika kwikhwelo lokukhusela, ukukhuthaza nokuxhasa ukuncancisa kwakunye nokuba phambili kwidabi lokondliwa kweemveku nabantwana abancinci.

Oku kwenza igalelo ekuphumezeni enye yeenjongo eziphambili kwezilithoba zexesha elide zesiCwangciso seSizwe soPhuhliso; ukunciphisa ukusweleka koomama, iimveku nabantwana. IiNjongo eziPhambili zoPhuhliso oluZinzileyo ziyakugxininisa nazo ukuphuculwa kwesondlo. IsiCwangciso sokuPhunyezwa esiZeleyo ngeSondlo sooMama, iiMveku naBantwana abaNcinane, sinenye kwiinjongo eziphambili ezintandathu zehlabathi malunga nesondlo ukuba sandise inani labantu abancancisayo kuphela kwinyanga ezintandathu zokuqala liye kufikelela kuma--50% ubuncinane ngowama-2025.

Ukuncancisa yenye yeendlela ezezingcono zokukhulisa abantwana abondlekileyo. Ukungancisi ngokugqibeleleyo kunegalelo kwintlungu yokusweleka kwabantwana abaneminyaka yobudala engaphantsi kwemihlanu abalifikelela kuma-800 000 ngonyaka (i-13% yabo bonke abo baswelekayo) kumazwe anoqoqosho olusakhulayo kwakunye nokwanda kwenani labantwana abangondlekangai, into leyo ingumngeni omkhulu kimpilo yoluntu e-Afrika.

2.5. IKhabhinethi ikwamkele ukusingathwa kweNgqungquthela ye-17 yeHlabathi yoGunyaziwe woLawulo lwaMachiza liSebe lezeMpilo, ukususela kumhla wama-27 kweyeNkanga ukuya kowe-2 kweyoMnga, ngentsebenziswano noMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO). Oku kubonakalisa ukuzinikela kukarhulumente ekulweni iingxaki zezempilo kwihlabathi jikelele nasekulungelelanisweni kwemithetho nokuphucula ukhuseleko (ukulungela ukusetyenziswa), ukusebenza nomgangatho wamayeza nezixhobo zezonyango.

Le ngqungquthela yokubonisana yoogunyaziwe bolawulo lwezamayeza lamazwe angamalungu e-WHO ali-194 ineenjongo zokuxoxa ngomba wolawulo lwamayeza nezixhobo zezonyango nokungqinelanisa imigomo yezolawulo.

Ukusingatha le ngqungquthela komeleza ugunyaziwe wolawulo lwamayeza wesizwe, iBhunga loLawulo lwaMayeza, neenkqubo zeemveliso zamayeza. Iingxoxo ziza kwenza igalelo kumbandela wokulungelelaniswa kwemithetho nokususa imiqathango ethile e-Afrika nakwi-SADC.

Ukusingatha le ngqungquthela  kukwatsho ngokuzeleyo ukuba uMzantsi Afrika nawo uyinkwenkwe enkulu kumba wokugwadlwa kwemithetho yezamachiza nezinye iimveliso ezifana nawo. Eli lizwe liza kuba nethuba lokuthatha inxaxheba ekuqulunqweni kwemigaqo-nkqubo yamachiza yamazwe ehlabathi ekuza kunyanzeleke ukuba onke amazwe angamalungu e-WHO ayithobele.

2.6. IKhabhinethi yazisiwe nangenkqubela eyenziweyo ekufezekisweni koMthetho wokuLawulwa kweNkonzo kaRhulumente, onguNombolo 11 wama-2014. Lo Mthetho umisele inkqubo efanayo yolawulo lwenkonzo karhulumente kuwo amathathu amaqoqo karhulumente ngeenjongo zokumilisela nokubethelela imithetho nemigomo elawula inkonzo karhulumente njengakwicandelo 195 (1) loMgaqo-siseko.

Lo mthetho unika amagunya okusekwa kwamaqumrhu amabini angala: (i) i-Ofisi yeMigangatho nokuThotyelwa, (ii) neCandelo loNcedo kwezobuGcisa. Kuye kwamkelwa indlela yokuphunyezwa elandelelana ngokwezigaba ukumiselwa la maqumrhu.

ISebe lezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo (i-DPSA) libhale imithetho yokuqala epapashwe kwiphephandaba lakwarhulumente ngomhla we-15 kweyeKhala yowama-2016 ukwenzela ukuba uluntu luhlomle. Iindibano zentsebenziswano kunye neZiko leMigangatho loMzantsi Afrika namanye amaqumrhu okumisela imigangatho esizwe ukuze aqulunqe imithetho eza kuseka futhi ikhokelele nasekusebenzeni kwe-Ofisi yoMgangatho noThotyelo.

I-DPSA sele iqalile ngophando nokuqulunqa inkqubo-sikhokelo yemimiselo nemigangatho, kuquka nokumiselwa kweendlela  zolawulo eziza kuvumela ukuba kuqaliswe ukusetyenziswa kwemimiselo efanelekileyo.

2.7. IKhabhinethi yazisiwe ngengxelo yeenkcukhacha-manani zeembacu yexesha elisusela kweyoMqungu ukuya kweyoMnga yowama-2015. IKhabhinethi iyakuxhasa ukusekwa kweqela elithwaliswe uxanduva eliquka amasebe ngamasebe ukuze lixoxe ngengxaki yabo izicelo zabo zokufuna indawo yokubhacela zikhatyiweyo.

Le Ngxelo iza kuba negalelo kumba wokulawulwa kofuduko ukuze kuziwe neendlela ezingcono zokulawula kwengxaki yeembacu kunye nabo bafuna iindawo zokubhacela.

Ngokolwazi olufumaneke kwiNkqubo yeSizwe yoLwazi lwezoFuduko, kubhaliswe abantu abatsha abafuna iindawo zokubhacela abangama-62 159, xa kuthelekiswa nabangama-71 914 ababebhaliswe ngowama-2014 kunye nabangama-70 010 ababebhaliswe ngowama-2013. Izicelo zabantu abafake izicelo zokufumana iindawo yokubhacela  ezingama-60 640 ziye zaqwalaselwa zaze zaqukunjelwa kumaZiko Akhupha iMvume yokuBhaca phakathi kweyoMqungu neyoMnga yowama-2015. Kwezo zicelo kuxoxiweyo ngazo: izicelo ezingama-2 499 zokufuna indawo yokubhacela zavunywa, izicelo ezingama-4 093 ziye zakhatywa njengezingenabunyani zaze ezingama-44 048 zakhatywa njengezibonakala ngokucacileyo ukuba azinabunyani, njengezonyelisayo neziyinkohliso.

2.8. IKhabhinethi yazisiwe ngenkqubela esele yenziwe ngoMthetho oYilwayo woGunyaziwe woLawulo lweMida, wowama-2016 nowathi waphunyezwa ukuba uyokungeniswa ePalamente ngomhla we-8 kweyeDwarha yowama-2015. Iziphumo zezentlalo nezoqoqosho, zokumiselwa okulindelekileyo kukaGunyaziwe woLawulo lweMida, zifunisa ukuba uyokufakwa nakwi-NEDLAC, kwaye oku kwenziwa ngomhla we-13 kweyeDwarha yowama-2015.

Kubekho iindibano ezininzi zokubonisana ze-NEDLAC malunga nalo Mthetho uYilwayo phakathi kweyeNkanga yowama-2015 nekaCanzibe yowama-2016. Ngomhla we-12 kwekaCanzibe yowama-2016 iKomiti yoLawulo ye-NEDLAC iphumeze ingxelo yokugqibela ye-NEDLAC, malunga nalo Mthetho uYilwayo we-BMA, wowama-2016. Ngomhla we-18 kwekaCanzibe yowama-2016 lo Mthetho uYilwayo waqinisekiswa yi-Ofisi yeGqwetha likaRhulumente eliyiNtloko ukuba mawuyokuveliswa ePalamente. IKhabhinethi iqaphele ukuba ngomhla wama-25 kuCanzibe wowama-2016, lo Mthetho uYilwayo we-BMA, wama-2016 emveni koko waye wasiwa ePalamente zaza ingxoxo zokuqala ngalo Mthetho uYilwayo zabanjwa ePalamente ngomhla we-6 kweyeThupha yowama-2016.

IKhabhinethi ikwamkele ukuba iSebe leMicimbi yezeKhaya (i-DHA) neNkonzo yezeRhafu yaseMzantsi Afrika (SARS) zikukhawulezisile ukuqukunjelwa kwesiVumelwano sokuQondana (i-MU) ngokumayela nokuthunyelwa kwabasebenzi bakwa-SARS abafanelekileyo kwa-DHA ukuya kuncedisa abalawuli bemida abakhoyo ngoku namalinge okuququzelela kwimeko yasemideni.

3. ImiThetho eYilwayo

3.1. IKhabhinethi ikuphumezile ukungeniswa koMthetho-siHlomelo osaYilwayo weMibutho yeMpahla yoLuntu wama-2016 ePalamente. Lo Mthetho uYilwayo uhlomela uMthetho weMibutho yeMpahla yoLuntu, we-1996 (uMthetho onguNombolo 28 we-1996), ngokuwenza uhambelane nemithetho ebanzi yohlengahlengiso lomhlaba lweli lizwe.

Ukhuthaza ukwakhulisa ulawulo lwentando yesininzi nokusetyenziswa ngobulumko komhlaba woluntu olawulwa yimibutho yeempahla yoluntu egameni loluntu.Womeleza ukulawulwa kwamaziko olawulo futhi unyuse nenkxaso karhulumente kuwo. Lo Mthetho uYilwayo ujongise ekusekeni i-Ofisi yeMibutho yeMpahla yoLuntu ekhokelwa nguMgcini-zincwadi weMibutho yeMpahla yoLuntu.

Uluntu luyakukwazi ngcono ukufumana, lube ngabanini luze lulawule iimpahla ngoncedo lwemithombo yoluntu esekwe ngokusemthethweni nokulawula ulwabiwo namaqumrhu olawulo, axhaswa ngurhulumente.

3.2. Kwamkelwe ukungeniswa ePalamente koMthetho- siHlomelo osaYilwayo weMiba yeeNkundla, wowama-2016 nojongise ekuhlomeleni imithetho eliqela enempembelelo ekulawulweni kobulungisa khona ukuze kuhlangatyezwane nemiba ephathekayo nentsokothileyo, ukuqinisekisa ukusetyenziswa nokuthotyelwa komthetho nobulungisa ngendlela engenamagingxigingxi.

Ezi zihlomelo zime ngendlela yokuba zenza kube nzima  ukugxininisa kwiMthetho-siHlomelo ezimeleyo ukwenza ukuba ezi zihlomelo zisebenze kulo mithetho ichaphazelekayo. Ezi zihlomelo zizintloboezahlukeneyo kwaye zingadityaniswa nezi njongo ziphambili zilandelayo zesiCwangciso seSizwe soPhuhliso, ezo ke kukuqinisekisa ukuba bonke abantu abaziva nje bekhuselekile koko bakhuselekile ngenene ngenxa yokulwelwa yinkqubo yezobulungisa ezimeleyo nengenamkhethe; imvisiswano ekuhlaleni; ukufikelela kumbuso okhokelisa uphuhliso, okwazi ukusebenza nosekelwe kwiinqobo zobulunga nophatha abemi ngesidima; nokuxhamla komntu wonke  kuqoqosho.

4. Imisitho ezayo

4.1. UMongameli uJacob Zuma uza kukhokela igqiza loMzantsi Afrika ukuya kwiNdibano Yawo oNke Amazwe angaMalungu eZizwe eziManyeneyo yama-71 (i-UNGA 71) phakathi komhla we-13 nowama-26 kweyoMsintsi eNew York phantsi komxholo othi:“IiNjongo zoPhuhliso eziZinzileyo: idabi lomntu wonke lokuguqula ihlabathi.”

Oku kunika amazwe angamalungu ithuba lokubhenca nokubuza imibuzo enzima efana nokuba ingaba iZizwe eziManyeneyo (i-UN) zisebenza kakuhle na, ingakumbi kuba lo mbutho usanda kubhiyozela iminyaka yawo engama-70. Zilindelekile iingxoxo ezimalunga nohlengahlengiso lwe-UN, kuquka nokuvuselelwa kwe-UNGA; ukuphuculwa komsebenzi weBhunga loQoqosho neNtlalo (i-ECOSOC); iinguquo kwiBhunga loKhuselo leZizwe eziManyeneyo (i-UNSC) ukwandisa inani lamazwe angamalungu alo asisigxina nalawo angamalugu angesosigxina.

Oku iza kuba kokokugqibela uBan Ki-moon esenza intetho kwiNdibano Yawo Onke aMazwe angamaLungu eZizwe eziManyeneyo njengoNobhala-Jikelele wayo.

4.2. UMbutho wezaPolisa aseMzantsi Afrika (i-SAPS) uza kusingatha uSuku lweSizwe lweSikhumbuzo lonyaka ngomhla we-4 kweyoMsintsi yowama-2016, ukukhumbula onke amalungu e-SAPS aphulukana nobomi bawo, phakathi komhla woku-1 kuTshazimpuzi wowama-2015 ukuya kowoku-1 kweyoKwindla yowama-2016, ngethuba esemsebenzini ngelinge lokuqinisekisa ukuba kukho ukhuselo nokhuseleko eMzantsi Afrika.

5. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba esematheni

5.1. IKhabhinethi ivakalise inkxalabo yayo ngenxa kokuxhwithana esidlangalaleni phakathi kwamaqumrhu nabantu abahlukeneyo ngomba omalunga nokuphanda kooKhetshe (Hawks) imiba emalunga no-SARS. IKhabinethi ibongoza bonke abo bachaphazelekayo, ukuba bazikhwebule kulo mkhwa bayeke ukwenza iintetho eziselubala ezibhekisele nakowuphi na umntu obandakanyekayo kulo mba, kuquka namalungu eKhabhinethi asebenza phantsi kwizikhundla ezahlukeneyo. IKhabhinethi ibongoza onke amaqela ezopolitiko ukuba aziphathe ngesidima nomfaneleko nokuthetha ngentlonipho nabo bachaphazelekayo endaweni yokusebenzisa amaqonga kawonkewonke.

5.2. IKhabhinethi nayo njengMongameli Zuma ivakalise  ukumthemba ngokupheleleyo nokoneliseka ngumsebenzi woMphathiswa wezeMali, nothe kunye namalungu awohlukahlukeneyo weKhabhinethi, abezoshishino, imibutho yabasebenzi nemibutho yoluntu, benza umsebenzi oncomekayo ekuphuculeni indlela elibonwa nelijongwa ngayo uqoqosho lweli ngabatyali-mali balapha ekhaya nabamazwe angaphandle. IKhabhinethi ikwabongoza ngokufanayo onke amaqela ukuba ahloniphe kwaye asebenzisane namaqumrhu karhulumente  ogcino-mthetho.

5.3. IKhabinethi isaqhubeka ukwenza konke okusemandleni ayo ukukhusela uqoqosho, kunye nomsebenzi wophuhliso obalulekileyo owenziwa ngamaqumrhu karhulumente. Zonke ii-arhente zikarhulumente zinoxanduva lokwenza umsebenzi wazo ngendlela engazikuphazamisa umsebenzi karhulumente okanye ichaphazele uqoqosho ngendlela engentlanga.  

5.4. UMongameli uJacob Zuma ebezimase iNkomfa yeHlabathi yesiThandathu yaseTokyo engeNgqungquthela yoPhuhliso lwe-Afrika (i-TICAD VI) ebibanjelwe eNairobi, eKenya ukususela ngomhla wama-27 ukuya kowama-28 kweyeThupha yowama-2016. Oku ibikokokuqala ukuba i-TICAD ibanjelwe e-Afrika ukususela oko yasekwayo ngowe-1993.

I-TICAD-VI inike ooMongameli neeNtloko zooRhulumente base-Afrika ithuba elibalulekileyo lokuhlola inkqubela nokufezekiswa kwezivumelwano ze-TICAD zangaphambili nezijongise ekukhawuleziseni uhlumo nophuhliso lwe-Afrika.

I-TICAD-VI ikwabanjwe ngonyaka wokuqala wokufezekiswa kwesicwangciso sehlabathi nesommandla sophuhliso, eso ke yi-Ajenda yowama-2030 yoPhuhliso oluZinzileyo ne-Ajenda yowama-2063 kunye nesiCwangciso sokuFezekiswa kwayo seMinyaka eliShumi yokuQala. Kuba i-TICAD-VI ibifuna ukuba inganxaxhi kule miba yophuhliso, nayo iye yagwadla ngemiba ebalulekileyo i-Afrika ebisoloko ijongene nayo ukususela kwi-TICAD-V eyayibanjelwe eYokohama, eJapan ngowama-2013. Le miba iquka ukuvulwa kwemizi-mveliso emininzi, ezempilo, nozinzo entlalweni.
IKhabhinethi iyasamkela isithemiso seNkulumbuso uShinzo Abe sokuba iJapan iza kuqokelela imali efikelela kuma-$30 eebhiliyoni kwingxowa-mali yecandelo labezoshishino nelikarhulumente ukuze ityale imali e-Afrika kule minyaka mithathu izayo ukuphucula ukwakhiwa kweziseko ezingundoqo e-Afrika.

Le ndibano ibe neengxoxo ezinzulu ngotyalo-mali lecandelo labucala, ukuvulwa kwemizi-mveliso emininzi kumazwe ase-Afrika, ukudala iziseko zoqoqosho oluzinzileyo, ezempilo nokuthintelwa koobhubhane abafana ne-Ebola ne-Zika, ukulwa ubunqolobi, ukufundisa nokuxhobisa ulutsha olugquba endlaleni ukuluthintela ukuba lungarhwetyeshelwa kumaqela abanxaxhi nakubunqolobi.

Iintloko zamazwe noorhulumente bakuqinisekisile ukuzinikela kwabo ekuqhubekeni nokomeleza iinkqubo ze-TICAD nemigomo esisikhokelo yamaqonga avulekileyo naquka konke, ukungqubanisa iintloko kwabadlali-ndima abohlukahlukeneyo, ukuhambelanisa nee-ajenda zangaphambili ze-Afrika, ukugxininisa uphuhliso olugxile eluntwini, kunye nokufezekiswa okubonakalayo okuneendlela zokulandelela ezidibeneyo.

5.5. Izehlo zobuhlanga ezibekwa kwisikolo iPretoria High School for Girls ziyaxhalabisa. IKhabhinethi iyabuncoma ubugorha baba bafundi ngokudiza obu buhlanga nezi zenzo zokucalu-calula kwesi sikolo. Ngokwenene bangamatsha-ntliziyo okutshintsha intlalo, adingekayo ekususeni ibala elibi langaphambili elaligxininisa iyantlukwano  ngolo hlobo sibe siya sisondela kwiphupha loMzantsi Afrika omanyene ngakumbi.

Sibongoza bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba bahloniphane bamanyane ekuchaseni ubuhlanga obudala iyantlukwano kubantu beli. Umbuso wethu olawulwa ngentando yesininzi usekelwe kunyamezelwano nentlonipho.5.6. Nathi njengezigidi zabemi boMzantsi Afrika sivuyisana neQela laseMzantsi Afrika ngomsebenzi omhle kakhulu eliwenze kwiMidlalo ye-Olimpiki yase-Rio yowama-2016. Eli qela lilenze eli lizwe lazingca ngokuphumelela iimbasa ezilishumi kwiintlobo zemidlalo eyahlukeneyo, kuquka neembasa ezimbini zegolide. Umsebenzi omhle owenzwe ngu-Wayde Van Niekerk ngokuphumelela imbasa yegolide kumdyarho weemitha ezingama-400 nokophula irekhodi lehlabathi, nokubaleka ukugqamileyo kwentandane yeli eyimbalasane u-Caster Semenya kumdyarho weemitha ezingama-800 kuza kuhlala ixesha elide ezingqondweni zethu sonke.

5.7. IKhabhinethi iqhwabela izandla abemi baseMzantsi Afrika kunye neKomishini yoNyulo eziMeleyo (i-IEC) ngendima yayo ekuqinisekiseni kwakhona ukuba sibe nolunye uNyulo likaRhulumente weMiimandla oluyimpumelelo. Kweli lizwe jikelele, amabhunga adibene ukuze onyule oosodolophu, oosomlomo nababhexeshi abazintloko into ebubungqina bokuba ulawulo lwentando yesininzi luyasebenza ngenene kweli.

IKhabhinethi ikhuthaza abemi ukuba baqhubeke ngokuthatha inxaxheba kwiiKomiti zeeWadi nakumanye amaqonga aquka uluntu kurhulumente wemimandla.

5.8. Isibhengezo sesohlwayo semali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-1.5 ekufanele sihlawulwe yi-ArcelorMittal, eyona nkampani inkulu yeentsimbi kwilizwe lethu, ngenxa yokupheka amaxabiso nokwenza iyelenqe kushishino lweentsimbi kwaye sesona sohlwayo sakhe sasikhulu sinye sihlawuliswe inkampani enye liqumrhu lezokhuphiswano.

Le nkampani ikwathathe inyathelo lokutyala imali ezibhiliyoni eziyi-4,6 zeerandi kwinkcitho entsha yemali eyinkunzi ukuphucula izikhululo zayo nokuphucula izakhono zayo zokukwazi ukumelana nokhuphiswano, njengenxalenye yesivumelwano sentlawulo yayo kwabasemagunyeni. Kwakhona esi sivumelwano sentlawulo sikwabonelela nokuba nendlela yokubiza amaxabiso eza kuba ngumda wokuthintela le nkampani ekunyuseni amaxabiso kangangesithuba seminyaka emihlanu.  

Le yinxalenye yokuphelisa ukusetyenziswa gwenxa kwamandla ezorhwebo nokuphekwa kwamaxabiso okusingela phantsi ukusebenza koqoqosho, kunyuse  iindleko namaxabiso ahlawulwe ngamanye amashishini asebenza kweli candela futhi kuchaphazele nemisebenzi ngendlela engafanelekanga. Urhulumente uhleli ezinikele ekukhuthazeni uhlumo loqoqosho olukhokelwa lutyalo-mali, hayi ukuma kuqoqosho oluqhutywa kukuphekwa kwamaxabiso.

5.9. Sibongoza bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba bawasebenzise kakuhle amanzi nangokuwalondoloza; ngokusebenzisana singaqinisekisa ukuba asifikelwa yingxaki yokunqongophala kwamanzi futhi sikhusele iziseko zethu ezingundoqo zamanzi ezibaluleke kakhulu.
Kukho imbalela ethaxwa iindawo ezithile kwilizwe lethu apho iGauteng ngoku inengxaki yokuhla komthamo wamanzi kuMadami Amakhulu oMlambo iLigwa.
Ukumelana nale meko ikhoyo, iSebe lezaManzi noGutyulo ngokusebenzisana noMbutho wooMasipala baseMzantsi Afrika (i-SALGA), iSebe loLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli (i-CoGTA) noomasipala baza kumisela imiqathango yokusetyenziswa kwamanzi e-Ekurhuleni, eRhawutini, eTshwane naseMogale City.

Amanzi ankinkishelwa imimandla yasezidolophini aza kuhliswa nge-15% aze amanzi wokunkcenkceshela ehliswe nge-20%. Le miqathango ayiphepheki kwaye iza kuhlala ikho ukuqinisekisa ukuba asigaxaleki kwingxaki yokunqongophala kwamanzi ide imeko ibe ibuyela kwisiqhelo.

5.10. Iziphumo zeNtelekelelo yaBantu yaPhakathi eNyakeni eyenziwa liziko leeNkcukhacha-manani laseMzantsi Afrika (i-Stats-SA) zibonisa ukuba inani labantu baseMzantsi Afrika likhule layokufika kwizigidi ezingama-55.9 lize lona ixesha ekulindeleke ukuba umntu aliphile libethe kwiminyaka engama-62 kanti ukusweleka kweentsana kuthelekelelwe kuma-33.7 kwi-1 000 ngalinye labantwana abazelwe bephila.

IKhabhinethi ibixhalabile kukwanda kwenani labo bachatshezelwa yiNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) ukusuka kwi-11.2% kulo nyaka uphelileyo ukuya kwi-12.7% kowama-2016 lo nto xa iguqulwa ifikelela kubantu abazizigidi eziyi-7.03 abaphila ne-HIV.

IKhabhinethi ibongoza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisane norhulumente ukuthintela usuleleko olutsha ngokuthi umntu avavanywe noba kukanye ngonyaka ubuncinane, basebenzise iikhondom xa besabelana ngesondo ize amadoda namakhwenkwe asabele kwikhwelo lokuba baye kwaluswa ngogqirha.

5.11. IKhabhinethi isiqaphele isigwebo seNkundla yoMgaqo-siseko malunga noMthetho-siHlomelo wokuBuyiselwa kwaMalungelo oMhlaba, nowaphunyezwa ngowama-2014, ukuvulwa kwakhona kwenkqubo yeli lizwe yokufakwa kwamabango okubuyiselwa komhlaba.

INkundla inike iPalamente iminyaka emibini ukumisela kwakhona lo mthetho okanye kuphunyezwe uMthetho omtsha. Esi sigwebo sithetha ukuba akukho zicelo zitsha zinokufakwa kude kube kuphunyezwe uMthetho omtsha wokuvula ukufakwa kwamabango.

IKhomishini yokuBuyiselwa kwaMalungelo oMhlaba iza kubamba indibano noonondaba ukucacisa ngokuza kwenziwa emva kwesi sigwebo.

5.12. UMzantsi Afrika usingathe iNgqungquthela yeHlabathi yesiHlandlo sama-35 yoBunzululwazi ngoMhlaba kwiZiko leeNgqungquthela zeHlabathi laseKapa (i-CTICC) ukususela ngomhla wama-27 kweyeThupha ukuya kowe-4 kweyoMsintsi yowama-2016.
Le Ngqungquthela ijongise ekwenzeni igalelo ekuqhubeleni phambili uphando-nzulu olusisiseko nolusetyenziswayo kwinzululwazi engezomhlaba. Lo msitho uza kubonisa ngobunzululwazi ngezomhlaba namafa ezomhlaba kunye neziza zayo ezingobunzululwazi ngomhlaba nezembonakalo yelizwe. Kuza kuqwalaselwa nemingeni engobunzululwazi ngomhlaba kulo msebenzi.  

5.13. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho nabahlobo bowayesakuba nguMphathiswa kwiKhabhinethi neNkulumbuso yePhondo laseMpuma Koloni, uMfundisi u-Arnold Makhenkesi Stofile. UMfundisi uStofile wayelitsha-ntliziyo lezopolitiko eliligqala nowathatha inxaxheba kuzo zonke iintsika zeentshukumo zomzabalazo waseMzantsi Afrika, ukususela kumaphulo okurhubuluza nakowokuququzelela amaphulo okulwa ucalu-calulo, ukuya kwimibutho yehlabathi eyayibambisene neli ngelo xesha nasekumiselweni ngokusesikweni kwemibutho namaqoqo karhulumente.

IKhabhinethi ikwavakalisa amazwi ovelwano kwiintsapho zamalungu oMkhosi woKhuselo waseMzantsi Afrika nathe aphulukana nobomi bawo kwingozi yebhasi eClarens eFreystata.

IKhabhinethi nayo njengoMongameli uJacob Zuma ithumela umyalezo wovelwano koHloniphekileyo uMongameli uSergio Mattarela, kuRhulumente nabantu base-Italy malunga nenyikima ethe yahlasela umbindi we-Italy, nekhokelele ekuswelekeni kwabemi nomonakalo omkhulu kakhulu  kwidolophu eziliqela kweliya lizwe. Sikwanqwenela ukuba abo benzakeleyo ukuba mabaphile ngokukhawuleza.

6. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emzemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

6.1. IKhabhinethi ikuxoxile ukuqeshwa kweBhodi yeNkampani yezoPhapho  yaseMzantsi Afrika (i-SAA) yaza yamkela ukuqeshwa kwaba  balandelayo:
a) UNksz Duduzile Cynthia Myeni (uqeshiwe kwakhona njengoSihlalo);
b) UNksz Mmakeaya Magoro Tryphosa Ramano (USekela-Sihlalo nomlawuli ongelolungu lesigqeba);
c) UNksz Bajabulile Swazi Tshabalala (umlawuli ongelolungu lesigqeba);
d) UNksz Thandeka Nozipho Mgoduso (umlawuli ongelolungu lesigqeba);
e) UNksz Nazmeera Moola (umlawuli ongelolungu lesigqeba);
f) UMnu Akhter Hoosen Moosa (umlawuli ongelolungu lesigqeba);
g) UNksz Gugu Sepamla (umlawuli ongelolungu lesigqeba);
h) UMnu Siphile Buthelezi (umlawuli ongelolungu lesigqeba);
i) UMnu Peter Holmes Maluleka (umlawuli ongelolungu lesigqeba);
j) UMnu Mzimkulu Malunga (umlawuli ongelolungu lesigqeba);
k) UGq Martha Mbatha (umlawuli ongelolungu lesigqeba);no-
l) Mnu Peter Tshisevhe (umlawuli ongelolungu lesigqeba).

UMphathiswa wezeMali uza kudibana nayo le Bhodi isanda kuqeshwa ukuyinika umlima-ndlela ngokweembono zomnini-zabelo.

Imibuzo:
Donald Liphoko
Inombolo yoqhagamshelwano: 082 901 0766

 

Share this page

Similar categories to explore