INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-26 kuTshazimpuzi wowama-2016

1. Ukuphunyezwa kweenkqubo zikarhulumente ezingundoqo

1.1. IKhabhinethi iyalwamkela utyelelo lukaMongameli uJacob Zuma lwasebuRhulumenteni e-Islamic Republic of Iran, nolwandisa ubudlelwane bezoqoqosho norhwebo phakathi kwala mazwe omabini, ngokutyikitywa kwezivumelwano nezibhambathiso eziliqela.

UMongameli uJacob Zuma noMongameli uHasan Rouhani bayiqinisile intsebenziswano kumacandelo ezorhwebo, ezemfundo nophuhliso lwezakhono; inzululwazi nobuchwepheshe; ezamandla; kuquka nokuhlolwa kwe-oli kunye namandla okucolwa kwayo; ezolimo; imigodi nezokuxhamlisa kwezemigodi; uphuhliso lweziseko ezingundoqo kunye nezothutho; ezezimali, ezebhanki neze-inshorensi nokhenketho. Xa zizonke zenza igalelo ekuphunyezweni kwesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP).

Kwimiba yezehlabathi, ezi nkokheli zimbini zivumelene ukuba makuqiniswe isimemo sokuhlaziywa nokuziza iinguqu kuMbutho weZizwe eziManyeneyo (i-UN) ingakumbi iBhunga loKhuselo le-UN, ukuze lincede nezizwe ezinoqoqosho elisakhulayo.

1.2. Ezi ziphumo zomeleza uTyelelo lukaMongameli oluyiNxalenye yomsebenzi kwi-United Arab Emirates (i-AEU) apho omabini la mazwe ahlaziye khona isivumelwano sawo ekudibaniseni nasekuphakamiseni ubudlelwane benkululeko, ingakumbi kwezorhwebo, kwimiba yotyalo-mali neyezoqoqosho kubudlelwane bobuchule obudibeneyo.

Oku kwakhela phezu koTyelelo lukaMongameli uJacob Zuma lwasebuRhulumenteni lwenyanga yeNkanga yowama-2011 nolwakhokelela ekusekweni kweKhomishini eDibeneyo yoMzantsi Afrika ne-Unite Arab Emirates olwathi lwakhawulezisa isantya esipheleleyo sorhwebo phakathi kwala mazwe mabini ukususela kwiibhiliyoni zeerandi ezili-13 ngowama-2011 ukuya kwiibhiliyoni zeerandin ezingama-27 ngowama-2015.

UMzantsi Afrika ne-United Arab Emirates ukwavumelene ngokwandisa intsebenziswano yokusebenzisa ithuba elivela kuQoqosho laseLwandle, ukuthumela kumazwe angaphandle, iimveliso zezolimo zaseMzantsi Afrika, iimveliso ezenziweyo kwaye ngokukodwa ukuthengwa kwezixhobo zokhuselo nobudlelwane.

Olu tyelelo lukwakhuthaza ukuxhotyiswa kolwakhiwo lweziseko ezingundoqo olugxile ekunikeni iinkampani zaseMzantsi Afrika amathuba kwi-EXPO 2020 eDubai, kwakunye nentsebenziswano kwicandelo lezoxolo, ukhuseleko nozinzo.

1.3. IKhabhinethi iwamkele amanyathelo angqongqo athe amiselwa nguMphathiswa wezeMidlalo noLonwabo uFikile Mbalula ngokusebenzisa uXwebhu lweNguqu ukwakha ngokutsha imbonakalo yezemidlalo nolonwabo eqhekekileyo nenocalucalulo olunzulu. Oku kuza kukhawulezisa inguqu ebhekisele kwinkqubo yezemidlalo emanyeneyo exhaswa yimigomo yolawulo lwentando yesininzi, umakulingwane, ukwenza elubala, ukuqinisekisa ukuba wonke ubani uthatha inxaxheba, ukufikelela nokwanda kokuthathwa kwenxaxheba ngokweenjongo ze-NDP.

1.4. IKhabhinethi iyazamkela iingxoxo-mpikiswano zohlahlo lwabiwo-mali ezenziwa ngamasebe ngamasebe nengxelo ezingena nzulu ekucaciseni inkqubela eseyenziwe ukuphucula ubomi babemi baseMzantsi Afrika.

Oku kubonakalisa ukufezekiswa kweNkqubo-sikhokelo yesiCwangciso-qhinga sesiGaba esiPhakathi nesisisondeza ekufezekisweni koMbono wama-2030 wesiCwangciso seSizwe soPhuhliso.

IKhabhinethi imema bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba bamamele futhi bazibukele ezi ngxoxo-mpikiswano zohlahlo lwabiwo-mali kuwo onke amajelo eendaba ukuze bayiqonde ngcono iNkqubo yokuSebenza kaRhulumente.  

1.5. IKhabhinethi icela ukuzibophelela okuqhubekayo ukwenza inguqu enentsingiselo emisebenzini ngenxa yeziphumo ezivela kwiNgxelo yoNyaka yeKhomishini ye-16 kaMakulingwane eMisebenzini kubo bonke abaqeshi abachongiweyo neyathi yamiselwa phantsi komxholo othi “Iinguqu zibalulekile”. Le Ngxelo iyamnceda urhulumente ukuba abuqonde ubume bomakulingwane emisebenzini kweli lizwe nenkqubela yakhe ekwenziweni kwenguqu emisebenzini kunyaka wama-2015

1.6. IKhabhinethi ivuyisana neSebe lezokuHlaliswa koLuntu ngokunikezela ngezigidi eziyi-4,3 zezindlu namathuba ezezindlu ukususela mhla kwafika ulawulo lwentando yesininzi. La  mathuba aquka izindlu zenkxaso epheleleyo ezingama-2, 806 235 (izindlu ze-BNG), izindlu zezentlalo/zokurenta ezingama-121 784, izindlu zeNkqubo yeNkxaso-mali yoMntu ngaMnye ezingama-121 784 kunye neziza ezifumana iinkonzo ezingundoqo ezingama-986 608.

Le mpumelelo iyimbali ibonelele ngezindlu abantu abangaphezulu kwezigidi ezingama-20 kwaye ukubhiyozela le mpumelelo isebe limisele iphulo lesizwe lokubonakalisa le mpumelelo yesizwe.

Oku kumiselwa kwesizwe kwenzeke e-COSMO City, neyenye yeeprojekthi eziphambili ezidibeneyo kwilizwe jikelele nekwabhiyozela iminyaka elishumi yabakho.
IKhabhinethi ibulela bonke abemi baseMzantsi Afrika ngegalelo labo, lokuzinikela nokusebenza kwabo ngamandla ekuqinisekiseni ukuba isidima sabemi baseMzantsi Afrika abahlelelekileyo siyabuyiselwa ngezokuhlaliswa koluntu.

1.7. IKhabhinethi iyamncoma uNobhala Jikelele weZizwe eziManyeneyo ngokuqhuba uMsitho wokuTyikitya okwiNqanaba eliPhezulu wesiVumelwano saseParis, nesithe samkelwa ngaMazwe angamaLungu ali-176 kweyoMnga yowama-2015. Ukutyikitywa kwesiVumelwano saseParis kuphawula inyathelo lokuqala ekuphunyezweni kwaso nokuzakukhokela amalinge ehlabathi; ekunciphiseni ukukhutshwa kweegesi ezingcolisa umoya nokukwazi ukulwa imingeni ehambelana nako ebangelwa kukuguquguquka kwesimo sezulu. IKhabhinethi ikulinde ngomdla ukuqukunjelwa kweenkqubo zokugunyaziswa zalapha ekhaya, ngawo onke, ukuvumela ukungena kwangexesha ukwenzela ukufezekiswa ngokupheleleyo kwesiVumelwano saseParis ngowama-2020.

1.8. IKhabhinethi ikwaqaphela ukuba iSebe lezeNdalo lizibandakanye neSebe lezoKhenketho ekuqaliseni iilebhu zokubonelela ezinesihloko esithi “iLebhu yeNzululwazi ngeZilwanyana neziTyalo: Ikhulisa igalelo loqoqosho lwemithombo yobunzululwazi ngezilwanyana nezityalo yaseMzantsi Afrika” ukususela ngomhla we-10 kuTshazimpuzi ukuya kowe-13 kwekaCanzibe yowama-2016.

Injongo kukuphumeza amandla oqoqosho lobutyebi bezenzululwazi ngezilwanyana nezityalo zaseMzantsi Afrika achazwe kuyilo lwesiCwangciso-qhinga soQoqosho lweNzululwazi ngeziLwanyana neziTyalo seSizwe esiphunyezwe yiKhabhinethi kweyeKhala yowama-2015 ukwenzela ukuthatha inxaxheba koluntu.

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1. IKhabhinethi isamkele isiCwangciso soMgaqo-nkqubo wokuSebenza kwezoShishino (i-IPAP) sowama-2016/17 – 2018/19, nesiyintsika engundoqo yesiCwangciso esimaNqaku aliThoba sikaMongameli kwaye senza igalelo ekuphunyezweni kwesiCwangciso seSizwe soPhuhliso.
                              
Oku kukuphindaphindwa kwaminyaka le kwesibhozo kwesicwangciso sikarhulumente semizi-mveliso esiyimpumelelo nesakhelwa kwiimpumelelo, amaqonga emigaqo-nkqubo neenkqubo zokuphindaphindwa kwangaphambili.

I-IPAP yowama-2016/17 iinjongo zayo kukwenza impembelelo enkulu kumgaqo-nkqubo wezoshishino phantsi kweemeko ezinzima zezoqoqosho. Ekukho phakathi kwazo impembelelo eqhubekayo yokudodobala kwezoqoqosho kwihlabathi jikelele kuquka iimeko emaxongo kurhwebo lwezesinyithi kunye nezimbiwa kwakunye nembalela enkulu neminye imiqobo ebalulekileyo yalapha ekhaya.

Imisebenzi eyimpumelelo yonyaka ophelileyo iquka ukusindiswa kwemisebenzi emalunga nama-67 000 nokudalwa kwemisebenzi emitsha endilisekileyo ethelekelelwa kuma-7 000 kwicandelo leMpahla nelezeziKhumba neZihlangu. Icandelwana elisebenza phantsi kokucolwa nokulungiswa kweemveliso zezolimo lelinye lamacandelo okuvelisa amakhulu apha ekhaya ngokwengqesho, abonelela ngemisebenzi ethelekelelwa kuma-216 090 ngowama-2015 xa kuthelekiswa nama-208 822 ngowama-2014. Lutyalo-mali olungaphezulu kwezigidi ezingama-600 zeerandi athe atsalwe ngowama-2015/16, elusisiseko sokomeleza uphuhliso lwamashishini amancinci olugxile kuluntu lwasemaphandleni.
 
2.2. Khabhinethi iyamkele iNkqubo-sikhokelo yokuGqibela yoPhuhliso lweeDolophu oluDibeneyo nesiCwangciso sokuPhumeza sowama-2016/19. Iziphumo ezipheleleyo zeNkqubo –sikhokelo yoPhuhliso lweDolophu oludibeneyo yinguqu ngokwabala omhlaba. Oku kuza notshintsho olutsha kwizixeko needolophu zaseMzantsi Afrika, nokuza kuqhubela uhlumo lwasezidolophini kwindlela eluqilima yohlumo oluzinzileyo, iqhagamshelanise ize iququzelele izixeko needolophu, neziyindawo ekhuselekileyo, ezinemithombo esebenzayo futhi neziyindawo elungileyo ukuba umntu angasebenza ahlale kuzo.                 

Oku kusabela kumyalelo wesiCwangciso seSizwe soPhuhliso wokuqulunqa umgaqo-nkqubo wophuhliso lwedolophu oza kuqinisekisa ngokucwangcisa okufanelekileyo, utyalo-mali kwiziseko ezingundoqo nolawulo lokuxhasa uhlumo nokuvulela amandla ezoqoqosho lwezixeko needolophu.

2.3. IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa kweDrafti yoMgaqo-nkqubo weSizwe weeNkonzo zoPhuhliso lwamaKhondo – uKwakhela uMzantsi Afrika iNkqubo esebenzayo neDibeneyo yeeNkonzo zoPhuhliso lwamaKhondo, kwiPhephandaba loMbuso ukwenzela ukuba uluntu luhlomle.

Le drafti yoMgaqo-nkqubo xa sele iphunyeziwe iza kubonelela ngendlela edibeneyo yeenkonzo zophuhliso lwamakhondo asemgangathweni kubo bonke abemi. Oku kuza kubenza bakwazi ukuthatha izigqibo zokukhetha amakhondo afanelekileyo ukuze bakwazi ukufumana imisebenzi, benze igalelo kuluntu nasekwakheni uqoqosho lwaseMzantsi Afrika.

IiNkonzo zoPhuhliso lwamaKhondo zidlala indima engundoqo ekuncedeni umsebenzi wokubonelela ngemisebenzi nenkqubo yezemfundo ukuba zifikelele kwiinjongo zazo ezijongise kuzo. Oku kwenza igalelo ekuphumezeni izindululo zesiCwangciso seSizwe soPhuhliso sokukhuthaza uhlumo lwezoqoqosho nemisebenzi, ukuthelekisa abasebenzi abaphangelayo nemisebenzi; nokwandiswa kophuhliso lwezakhono kunye noninzi lwabo banezidanga zasedyunivesiti.

2.4. IKhabhinethi yazisiwe ngokuphunyezwa kweNkqubo yoVavanyo yeSizwe yaza yamkela iNgxelo yonyaka wama-2014/15 kunye nesiCwangciso soVavanyo seSizwe sesihlanu seminyaka yowama-2016/17 ukuya kowama-2018/19, njengenxalenye yendlela yokuphucula unikezela lweenkonzo.

INkqubo yoVavanyo yeSizwe ivela kwiNkqubo-sikhokelo yoMgaqo-nkqubo woVavanyo weSizwe oqinisekisa ukuba ubungqina bovavanyo obuthembakeleyo nobungakhethe-cala buyafakwa kwiinkqubo zokucwangcisa, ukwenza uhlahlo lwabiwo-mali, ukuphuculwa kweziko, uhlaziyo lomgaqo-nkqubo, kwakunye nolawulo lwenkqubo oluqhubekayo nolawulo lweprojekthi ukuze kuphuculwe indlela ekusetyenzwa ngayo.  

Luvavanyo olungama-47 eselugqityiwe okanye olusaqhutywayo, lubandakanya imali ezibhiliyoni ezingama-75 zeerandi enkcitho karhulumente. Zingxelo zovavanyo ezili-15 esezamkelwe ize ibe zezi-12 ezithiwe theca phambi kweKhabhinethi ukuza kutsho ngoku. Izicwangciso zokuphucula ezili-14 ziyaphunyezwa kwaye inkqubela kuzo ibonakalisa iinguqu ezinkulu, ukuvula umsantsa wempembelelo.

2.5. IKhabhinethi yazisiwe ngeziphumo zovavanyo nezindululo ezamkelweyo ngenjongo yokwandisa impembelelo yokuphunyezwa kweCandelo lezeNtlalo leNkqubo yeMisebenzi yoLuntu eNatyisiweyo (i-EPWP-SS).  

Le Nkqubo idlala indima ebalulekileyo kukhuseleko lwezentlalo lwabantu abadala abakwaziyo ukusebenza abangaphangeliyo, ngokubatsalela kumsebenzi onenkqubela baze bafumene ukuvuzwa kwenyanga okungumyinge we-R 1 517. 69. Uninzi lweenkqubo zecandelo lezentlalo zibonelela ngeenkonzo ezikhethekileyo kuluntu oluhlelelekileyo noluhluphekayo. I-EPWP-SS ikhule ngokuphindaphindeneyo phakathi kwesigaba sokuqala nesigaba sesibini, ukususela kwiinkqubo ezintlanu ukuya kwezi ngama-22 nezikhokelele ekubeni eli candelo lifikelele kumathuba emisebenzi engama-175 769 kwisigaba sokuqala namathuba emisebenzi engama-866 246 kwisigaba sesibini, ngaphezulu kakhulu kuma-750 000 ebesizimisele kuwo.

Ezi zindululo zigxile ekuphuculeni ukuphunyezwa ukuze kunciphe ukungathathwa kakuhle kwezigqibo, ukuphunyezwa (iintlawulo nokuvuzwa) nokubonelelwa koqeqesho, kwakunye nokuququzelela.

2.6. IKhabhinethi yazisiwe ngeziphumo yaza yazivuma izindululo zokuyilwa nokuphunyezwa kovavanyo lweSibonelelo soPhuhliso lezokuHlaliswa eziDolophini neSicwangciso sokuPhuculwa kwaso.

Ezi ziphumo zixhasa ukugcinwa kweSibonelelo soPhuhliso lezokuHlaliswa eziDolophini njegesibonelelo soxabangelo nesiyinkxaso-mali yombono obanzi wezokuhlaliswa koluntu ozinzileyo nolinganayo ukwenzela ukuba kuxhamle abahluphekileyo namakhaya amkela imivuzo ephakathi.

Oku kuyanceda ekufikeleleni kummiselo ovela lwiNkqubo-sikhokelo yesiCwangciso-qhinga sesiGaba esiphakathi; ukubonelela ngamathuba ezindlu azizigidi ezi-1 495 kwimeko yezokusingqongileyo yokuhlala okusemgangathweni ngowama-2019.

2.7. IKhabhinethi iyamkele ingxelo engokuphunyezwa nokuVavanywa kweMpembelelo yezobuChwepheshe nemiCimbi yezaBasebenzi yeNkqubo yezoShishino, indlela abalawuli abayihlangabeza ngayo le ngxelo nesiCwangciso sokuphucula esifakwe liSebe lezoRhwebo noShishino.

Le Nkqubo yaveliswa liSebe lezoRhwebo noShishino ngowe-1992 ukomeleza uphuhliso lwezakhono kwezenzulu-lwazi, ezobunjineli nobuchwepheshe. Yenza igalelo ekudalweni kwemisebenzi ngokuvelisa igquba labaphandi-nzulu abanezakhono ezikudidi oluphezulu nabalawuli bezobuchwepheshe boshishino nangokuphucula ukukhuphisana kwemibutho yamashishini athatha inxaxheba.

Le Nkqubo iyasebenza, ibalulekile kwaye iluphawu olusebenzayo kwinkxaso yokuvelisa izinto ezintsha ebonelela ngexabiso elivakalayo ngemali ngokophuhliso lwezobuchwepheshe nophuhliso lwemicimbi yezabasebenzi nezakhono ezihambelana noshishino. Kwakhona ikwathelekiseka kakuhle kunye nezinye iinkqubo zehlabathi.

2.8. IKhabhinethi yazisiwe ngeziphumo zeNgxelo yeQela loMphathiswa eliphanda ngezityholo ‘zokuthengiswa kwezithuba zootitshala’ ezibandakanya abantu abathile, imibutho yootitshala namagosa wamaSebe ezeMfundo kuMaphondo athile. IKhabhinethi iziphehlelele izindululo zokusebenza ngokulandela inkqubo ethile nangokwendlela ekuchazwe ngayo kwiziphumo.

KwiNgxelo yalo yokugqibela iQela loMphathiswa lihlabe amadlala kwindima edlalwa ngabo bonke abadlali-ndima ababalulekileyo kwinkqubo yokukhetha nokuqeshwa ootitshala.

Ikwaphawule iingxaki ezibalulekileyo kwinkqubo yangoku yokuqesha kwisithuba esikhoyo kwicandelo lezemfundo esisiseko; yaza yabonelela ngezindululo zokunceda iSebe lezeMfundo esiSiseko necandelo lezemfundo esisiseko ngokubanzi ukuba lingayisombulula njani le mingeni ichaziweyo.

3. Imithetho eYilwayo

3.1. IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa koMthetho siHlomelo wezamaHlathi weSizwe ePalamente. Lo Mthetho uYilwayo uhlomela uMthetho wezamaHlathi weSizwe, we-1998 (uMthetho onguNombolo 84 we-1998).

Ukuphunyezwa kwezi zihlomelo kuza kuphucula ulawulo lwezamahlathi oluzinzileyo kukhuthaze nokuthatha inxaxheba kwabahlelelekileyo, abaxhomekeke kwezamahlathi ukuze baphila, bathathe inxaxheba kwiBhunga leeNgcebiso lezamaHlathi leSizwe.

4. Imisitho ezayo

4.1. UMongameli uJacob Zuma uza kuzimasa umsitho wokubekwa esihlalweni nokufungiswa kukaMongameli uYoweri Museveni wase-Uganda eKampala ngomhla we-12 kuCanzibe wama-2016. Olu tyelelo luphumayo luza kuqhubeka ukomeleza ubudlelwane bala mazwe mabini, uMzantsi Afrika ne-Uganda.

4.2. UMongameli uJacob Zuma uza kukhokela uSuku loMthandazo leSizwe eliza kubanjelwa kumaBala ase-ABSA eDurban ngomhla wama-29 kuTshazimpuzi wama-2016. Iinkokheli zakwaLizwi kunye neenkokheli zemibutho yoluntu ziza kuzibandakanya norhulumente ekuthandazeleni ukuqhubeka komanyano lwentando yesininzi, umanyano lwesizwe, intlalo- ntle kwakunye noNyulo looRhulumente beeNgingqi lowama-2016 oluza kuba noxolo futhi lube yimpumelelo.

4.3. IKhabhinethi yazisiwe ngezicwangciso zeSebe lezobuGcisa neNkcubeko zokusingatha iNyanga ye-Afrika kuCanzibe yowama-2016 phantsi komxholo othi: “Ukwakha i-Afrika eNgcono neHlabathi eliNgcono” njengenxalenye yemibhiyozo yelizwekazi yokusekwa koMbutho weManyano ye-Afrika (i-OAU), ngoku ebizwa ngokuba yiMbumba yaMazwe ase-Afrika (i-AU) kunye nemisebenzi eyenzileyo. UMongameli uJacob Zuma uza kumphehlelela iNyanga ye-Afrika ngoSuku loMthandazo leSizwe ngomhla wama-29 kuTshazimpuzi yowama-2016.

Ngowama-2016 iNyanga ye-Afrika iza kugxila kumalinge wophuhliso lwabantu basetyhini nolutsha, ngeli xesha siza kube sibhiyozela unyaka wama-60 woMngcelele wooMama nonyaka wama-40 woVukelo loLutsha eSoweto.

Abemi baseMzantsi Afrika bayabongozwa ukuba bathathe inxaxheba kule nkqubo iqulathe iindidi ngeendidi zemisitho nemibhiyozo equka eyobugcisa obubonwayo, izifundo ngedrama, umculo, izifundo neentetho eziqhelekileyo kwakunye ngesikhumbuzo seminyaka eli-10 yeNgxowa-mali yamaFa eHlabathi ase-Afrika. Le Nyanga ye-Afrika isebenza njengeqonga lokuqhagamshelanisa ngokutsha nokuzibophelela kwethu ngokutsha kuko konke okusenza sibe ngama-Afrika neBuyambo yase-Afrika ngokudibanisa abantu belizwekazi basondelelane.  
 
4.4. Ngomhla wama-20 kuCanzibe wama-2016 urhulumente uza kukhokela umbhiyozo wesizwe wokugqiba kweDyunivesithi iFort Hare iminyaka elikhulu yabakho kwiziko layo eliseDikeni eMpuma Koloni. Ukulungiselela umsitho omkhulu wokubhiyoza, uMongameli uJacob Zuma umisele iKomiti yabaPhathiswa (i-IMC) ukuba yenze izicwangciso ize iququzelele lo mbhiyozo wenkulungwane uyimbali.

Eli ziko lemfundo liyimbali belisebenza njengenqaba yethemba ngexesha lomzabalazo wethu wenkululeko kwaye laziwa “njengeziko lokupheka  iinkokeli ze-Afrika” libe liyidyunivesithi ekwakufundwa kuyo ziinkokheli ezazikumzabalazo wokulwa ucalucalulo ezifana neengqanga oo-ZK Matthews, Nelson Mandela, Robert Sobukhwe, Oliver Tambo noGovan Mbeki. Kuphela kwedyunivesithi yaseMazantsi e-Afrika evelise iintloko zoorhulumente ezintlanu: uNelson Mandela waseMzantsi Afrika, uYusuf Lule wase-Uganda, uRobert Mugabe waseZimbabwe, uNtsu Mokhehle waseLesotho no-Sir Seretse Khama waseBotswana.

Njengenxalenye yemibhiyozo yenkulungwane iDyunivesithi iFort Hare iKhabhinethi imema bonke abantu ababefunda kule dyunivesithi noluntu jikelele ukuba babalisane ngeenkumbulo zabo ngedyunivesithi iFort Hare nephulo likaBalisa iBali Lakho ngokusebenzisa i- #MyFortHare.

4.5. USekela-Mongameli uCyril Ramaphosa uza kukhokela igqiza loMzantsi Afrika ukuya kwingqungquthela yama-26 yeQonga lezoQoqosho leHlabathi (i-WEF) e-Afrika e-Rwanda phakathi komhla we-11 nowe-13 kuCanzibe yowama-2016. Eli qonga lisingathwe phantsi komxholo othi: “Ukuqhagamshelanisa iMithombo ye-Afrika ngeNguqu yezebuChwepheshe”.

Urhulumente uqhubela phambili inguqu kwezobuchwepheshe yeli lizwe ngesiCwangciso esimaNqaku aliThoba. Uza kusungula isigaba sokuqala sephulo lakhe lamaza osasazo aza kufaka uqhagamshelwano kumaziko karhulumente angaphezulu kwama-5 000 kwizithili zoomasipala ezisibhozo kwixesha leminyaka emithathu. Sele kubekelwe bucala imali ezizigidi ezingama-740 zeerandi yokuxhasa oku kusungulwa.

4.6. INDABA YOWAMA-2016 ebanjelwe kwiZiko leNgqungquthela Inkosi Albert Luthuli eDurban ukususela kumhla we-7 ukuya kowe-9 kuCanzibe yowama-2016, liqonga lokuzingca ngako konke okusenza sibe ngama-Afrika eliza kukhuthaza iimveliso zokhenketho kubathengi behlabathi.

Ukhenketho, njengenye yeentsika ezintandathu zohlumo lwezoqoqosho kwisiCwangciso seSizwe soPhuhliso, lenze igalelo eliyimali ezibhiliyoni ezingama-357 kwiSambuku seMveliso yeSizwe (i-GDP) ngowama-2014 laza laxhasa i-9% kwingqesho epheleleyo yaseMzantsi Afrika. IBhunga lezoHambo eHlabathini noKhenketho lithelekelela ukuba ukhenketho lenze igalelo elizibhiliyoni zeerandi ezingama-560 kwi-GDP yethu ngowama-2015 kwaye luza kuxhasa imisebenzi engaphezulu kwezigidi ezibini.

Ukukhulisa impembelelo yezoKhenketho kuQoqosho lwaseLwandle yintsika ebaluleke kakhulu kwisiCwangciso esimaNqaku aliThoba, ngokubangelwa ngamandla akhoyo kumalwandle wethu, nanokuba negalelo kuhlumo loqoqosho. Uqoqosho lwaselwandle nokhenketho lubonelela ngamathuba angumangaliso ohlumo lwezoqoqosho nokudala imisebenzi.

4.7. Kwisikhumbuzo soSuku lwabaSebenzi ngomhla woku-1 kuCanzibe wowama-2016, iKhabhinethi iyakuphinda ukuzibophelela kwayo ekukhuseleni amalungelo wabasebenzi ngemithetho yezabasebenzi enenkqubela.

Ukususela ngowe-1994 urhulumente uwaqhubele phambili amalungelo wabasebenzi ngemithetho efana noMthetho woBudlelwane bezaBasebenzi, uMthetho weeMeko zoMsebenzi ezisiSiseko, uMthetho womakuLingwane eMsebenzini nezeMpilo noKhuseleko eMsebenzini.

4.8. IKhabhinethi ibongoza abafundi beBanga le-12 ukuba baqalise ukuprinta iifomu zokufaka izicelo okanye bafake izicelo kwi-intanethi kumaziko emfundo ephakamileyo njengenxalenye yephulo lika-Apply Now/Khetha Career Guidance Campaign.

Eli phulo liqhutywa rhoqo ngonyaka liSebe lezeMfundo ePhakamileyo noQeqesho, liza kuqhutya esizweni jikelele kude kube yinyanga yoMsintsi yowama-2016 kwaye linceda abafundi ekukhetheni ngokufanelekileyo xa befaka izicelo kumaziko emfundo ephakamileyo.

Abafundi bayakhuthazwa ukuba baqhagamshelane neZiko leNkonzo zoPhuhliso lwaMakhondo ngokuthumela i-SMS okanye u-“please call me” kua-072 204 5056 okanye 086 999 0123, i-imeyili: careerhelp@dhet.gov.za, kwikhasi lika-Facebook kwa: www.facebook.com/careerhelp okanye basebenzise i-Twitter kwa: http://twitter.com/rsacareerhelp.

5. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba esematheni

5.1. IKhabhinethi ikhuthaza abadlali-ndima ababalulekileyo abachaphazelekayo ukuba bahlomle kwidrafti ehlaziyiweyo yoXwebhu lwamaLungelo ngokuXhotyiswa kwabaNtsundu kwezoQoqosho ngokuBanzi (i-BBBEE) kuShishino lwezeMigodi neziMbiwa zaseMzantsi Afrika, lowama-2016 nolwapapashwa kwiPhephandaba loMbuso.
Le draftio ihlaziyiweyo yoXwebhu lwezeMigodi ibandakanya imigaqo-nkqubo yenguqu karhulumente nemithetho ngakumbi. Ikwahambelana namasolotya oMthetho wokuXhotyiswa kwabaNtsundu kwezoQoqosho ngokuBanzi, wama-2003 (uMthetho onguNombo 53 wama-2003) kunye neKhowudi yokuSebenza kaKuhle (iiKhowudi zakwa-DTI).  

5.2. IKhabhinethi iqaphela ukuba ukugunyaziswa kokuthengwa kweSAB Miller ngu-AB InBev kusaqwalaselwa ngamaqumrhu ezokhuphiswano. IKhabhinethi iyayamkela indlela ekuvunyelwene ukuba mawuphathwe ngayo lo mba nguMphathiswa woPhuhliso lwezoQoqosho ne-AB InBev umaqumrhu okhuphiswano kuluhlu  lwemiba ehambelana neemfuno zoluntu. Isivumelwano esenziwe yile nkampani siza kusebenza njengesikhokelo, kwimiba ebalulekileyo kuluntu, nakwezinye iinkampani ezithenga okanye ezizimanya nezinye phantsi kweemeko ezikwafanayo.

Oku kuquka isibhambathiso ekuvunyelwene ngaso yile nkampani sokuchitha imali eyibhiliyoni yeerandi kule minyaka mihlanu izayo ukukhuthaza amafama afuyela ukuziphilisa efuya ngomyinge omncinci nophuhliso lababoneleli-zinkonzo balapha ekhaya, amashishini amatsha asakhulayo, ezamandla nobuchwepheshe bokusebenzisa kakuhle amanzi nophuhliso lolutsha. Isibophelelo ngokwemisebenzi siquka ukuthintela ukudendwa ngenkani kwabasebenzi ngenxa yendibanisela yeenkampani nokugcina izinga lengqesho kule nkampani kule minyaka mihlanu ilandelayo, oko yinxalenye yesivumelwano sokuhlahla indlela phakathi kwale nkampani norhulumente ukuxhasa ukwanda kwemizi-mveliso, uphuhliso lwamashishini amancinci nokudala imisebenzi.

5.3. Komnye omba, iKhabhinethi iqaphela ukuba ukuqalisa ukusebenza kwamasolotya oMthetho-siHlomelo woKhuphiswano owenza ukuba kungabikho mthethweni ukuba abalawuli nabaphathi basebenzisane ukwenze iyelenqe lokunyusa amaxabiso, kwiziniki-maxabiso okanye kurhwebo. La masolotya ayinxalenye yamanyathelo okunyusa izinga lokulwa amaqela enza amayelenqe enzakalisa uqoqosho ngokuthi abize abathengi amaxabiso aphezulu.

Sicela onke amashishini aseMzantsi Afrika ukuba mawakhuphisane ngamaxabiso aphantsi, ngokuba nobuchule obuthe chatha, ukuphucuka komgangatho wezinto abonelela ngazo okanye ukunika abathengi inkonzo ekwizinga eliphezulu kunokwenza amayelenqe.

5.4. IKhabhinethi iqaphele ukuba icandelo leebhanki lilawulwa ngokwezinga eliphezulu eMzantsi Afrika – nasehlabathini jikelele, kunye nemfuneko yokuba uMzantsi Afrika uhambelane nemigangatho yehlabathi efana ne-Basel III nemithetho yeQela lezemiSebenzi yezeZimali (i-FATF) yokulwa ukuthutyeleziswa kwemali,  neyayamkelwe ngaphambili yiKhabhinethi, yaxhaswa yimithetho engundoqo eyayamkelwe ngurhulumente. Inkqubo yokuGunyaziwe Ababini nayo iza kulawula indlela oluziphatha ngayo urhwebo kwicandelo leebhanki necandelo lezezimali ngokubanzi.”

5.5. IKhabhinethi iyazamkela iziphumo zeNgxowa-mali yeMali yeHlabathi yowama-2016 neNdibano yaseNtlakohlaza yamaQela eeBhanki zeHlabathi eqhubeke phantsi komxholo othi “IMingeni yeHlabathi, iziSombululo zeHlabathi”. Kuphakanyiswe indlela embaxa yokuvuselelwa kohlumo kwinqanaba lehlabathi, kukhuthazwa amazwe ukuba asebenzise onke amandla okunyusa akwimigaqo-nkqubo yawo ukukhuthaza uhlumo, oko kuthetha olungokwemali, olungokwemali kaRhulumente nokulungiswa kwezakhiwo. Amazwe anesithuba ngokwemali nangokwemali kaRhulumente akhuthazwa ukuba enze ngakumbi ukuphucula imfuneko; noxa kunjalo, ukuphunyezwa kokulungiswa kwezakhiwo kubaluleke kakhulu kunako konke okunye. Kuninzi oku kuquka utyalo-mali kwiziseko ezingundoqo, ubuchule bokuvelisa izinto ezintsha nokuphucula ukusebenza kolawulo, phakathi kokunye.

5.6. IKhabhinethi ikhumbuza bonke abo bangabavoti abaselungelweni abangekabhalisi baqinisekise nangeenkcukhacha zabo ukuba bangakwenza oko ngokutyelela ii-Ofisi zeKhomishini yoNyulo eziMeleyo (i-IEC) ezikufutshane kubo. Oku kuyadingeka ukuqinisekisa ngokubakho kwegama lakho kuluhlu lwabavoti okuza kwenza ukuba abavoti abaselungelweni bakwazi ukusebenzisa ilungelo labo lomgaqo-siseko ngomhla we-3 kweyeThupha yowama-2016.

IKhabhinethi ibongoza bonke abavoti abaselungelweni ukuba baqinisekise ukuba banazo zonke izinto ezifunekayo zokunikezela ngeedilesi zabo kwi-ofisi yeKhomishini yoNyulo eziMeleyo (i-IEC). Imibuzo ngonyulo ingabhekiswa kwiziko loqhagamshelwano le-IEC kwa-0800 11 8000, elivula ngoMvulo ukuya kuLwesihlanu, ukusukela ngentsimbi yesi-7 kusasa ukuya kweye-9 ngokuhlwa.

5.7. IKhabhinethi iyavuyisana nabakwa-Transnet, iGunyabantu lezoTshutshiso, iZiko lezoSasazo loMzantsi Afrika (i-SABC) neSebe lezeMfundo ePhakamileyo noQeqesho, iSebe lezoBudlelwane baMazwe ngamazwe neNtsebenziswano, kunye neSebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko ngokuthi anikwe iwonga lokuba kudidi lokuba “Ngabona baQeshi banoMtsalane” eMzantsi Afrika yinkampani esebenza ngamagama abaqeshi, i-UNIVERSUM.   

5.8. IKhabhinethi yothulela umnqwazi uMphathiswa wezeNzululwazi nobuChwepheshe, uNaledi Pandor, othe wafumana imbasa i-Order of Merit kwiFederation Republic of Germany ngegalelo lakhe kuphuhliso lwezenzululwazi ehlabathini jikelele. Eli wonga belinikezelwa kubantu behlabathi jikelele ngeempumelelo zabo kwinqanaba lezepolitiki, lezentlalo okanye kwelobungqondi.

5.9. IKhabhinethi ivuyisana noMlawuli-Jikelele weSebe lezeNdalo uNosipho Ngcaba ngokufumana imbasa ebizwa i-Lifetime Achievement Eco-Logic Award evela kwimagazini yezendalo, i-The Enviropeadia.

5.10. IKhabhinethi iqhwabela izandla igcisa uKemang Wa Lehulere ngokuba “Ligcisa loNyaka” lowama-2017 elixhaswa yi-Deutsche Bank. UWa Lehulere, ophonononga imisebenzi yobugcisa emva koCalucalulo eMzantsi Afrika, uza kwenza umboniso wakhe wokuqala eyedwa eGermanu kwiholo eDeutsche Bank KunstHalle eBerlin kulo nyaka uzayo.

5.11. IKhabhinethi ivuyisana neSebe lezoKhenketho ngokuphumelela ibhaso lokuba Yelona Nkonzo kaRhulumente inoMgaqo-nkqubo/Nkxaso eNgcono kwiMbasa yoKhenketho oluFanelekileyo e-Afrika lowama-2016. Eli wonga linikezelwa kwisebe lecandelo laseburhulumenteni, ugunyaziwe okanye iqumrhu elithe labonakalisa ukuzinikela okucacileyo negalelo lokuqhubela phambili ukhenketho.

5.12. IKhabhinethi iyavuyisana nomdlali wegalufa uBranden Grace ngokuphumelela imbasa yakhe yokuqala,i-PGA Tour e-RBC Heritage e-Hilton Head, e-U S.

5.13. IKhabhinethi ilusizi ngokushiywa kwethu nguBertie Lubner nothe wenza igalelo elincomekayo kuphuhliso loMzantsi Afrika njengenkokeli kwezoshishino, umthandi wabantu nowawongelwa ukuba abe ngusihlalo ubomi bakhe bonke we-SA Jewish Board of Deputies.

5.14. IKhabhinethi ivakalisa uvelwano olunzulu kubahlobo nosapho lwamaxhoba alishumi (uTiisetso Tselo, uSesi Mtshali, uSana Sibeko, uMphikeleli Malindi, uGugulethu Sithole, uVusi Nkabinde, uDaphney Linda, uSicelo Kheswa, uSphamandla Gedle noSimphiwe Nhlapo) engozi yebhasi emasikizi eyenzeke ngethuba ebebuya kwiNgqungquthela yoMqulu weziThembiso ye-ANC eBhayi. IKhabhinethi ikwanqwenela abo bathe bonzakala ukuba bachache ngokukhawuleza.

5.15. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano olunzulu kusapho nezihlobo zikaGqirha u-Herman Nditsheni Netshidzivhani, nongowokuqala oNtsundu eMzantsi Afrika ukuba yingcali kwezokuchumisa. Njengomseki wekliniki yokuchumisa kwiSibhedlele i-Park Lane eRhawutini, uNetshidzivhani uncede abemi baseMzantsi Afrika abaninzi ukuba baqalise iintsapho zabo.

5.16. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zikaDene Smuts, owayesakuba liLungu lePalamente lombutho iDemocratic Alliance. IKhabhinethi ilothulela umnqwazi igalelo lakhe elikhulu kuphuhliso lolawulo lwethu lwentando yesininzi olumilisele kumgaqo-siseko.

5.17. IKhabhinethi njengoMongameli uJacob Zuma, inqwenelela uMama uWinnie Madikizela-Mandela ukuba achache ngokukhawuleza ikwacela ukuba usapho lunikwe intlonipho yalo ngeli xesha. UWinnie Mandela uhlonitshwe jikelele ngendima ayidlalileyo kumzabalazo wethu wenkululeko ebenegalelo ekupheliseni imigaqo-nkqubo yengcinezelo nasekuziseni ulawulo lwentando yesininzi eMzantsi Afrika.

6. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
6.1. UPaul Steenkamp kwiBhunga leSizwe lokuCebisa kwezoYilo.
6.2. UClarinda Elizabeth Simpson njengeGosa eliyiNtloko kwezeZimali lakwa-SENTECH.
6.3. ULumko Caesario Mtimde njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba leeNkonzo eziDibeneyo ne-Arhente yokuFikelela yaseMzantsi Afrika.
6.4. Ukuqeshwa ngokutsha kuka-Adv. Rory Wayne Voller njengoSekela-Mkhomishinala weKhomishini yeeNkampani nemiSebenzi yobuGcisa.
6.5. Ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho sikaLungisa Fuzile njengoMlawuli-Jikelele kaNondyebo weSizwe.
6.6. Ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho sikaNosipho Ngcaba njengoMlawuli-Jikelele weSebe lezeNdalo.
6.7. U-N Mafu njengoSekela-Mlawuli-Jikelele: UkuXhotyiswa noLawulo lwabaDlali-ndima ababalulekileyo kwiSebe lamaGqala eeMfazwe.
6.8. U-TLM Makotoko njengeGosa eliyiNtloko lemiSebenzi yeMihla ngemihla kwiSebe lezeNdalo.

Imibuzo:
Donald Liphoko
082 901 0766

Share this page

Similar categories to explore