INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-25 kuCanzibe wama-2016

1.    Ukuphunyezwa kweenkqubo zikaRhulumente ezingundoqo

1.1 Ibe yimpumelelo imibhiyozo yeminyaka elikhulu yeDyunivesiti yaseFort Hare ebikhokelwa nguMongameli uJacob Zuma. Amakhulu eendwendwe ezibalulekileyo, kuquka nabantu ababefunda kule dyunivesithi noMongameli uRobert Mugabe waseZimbabwe kwakunye nabameli bezozakuzo bamazwe angaphandle bawuzimasile lo msitho wodumo uyimpumelelo kwimbali yoMzantsi Afrika.  

Oku kungqamene neNyanga ye-Afrika, esisikhumbuzo sokusekwa koMbutho woManyano laMazwe ase-Afrika (i-OAU), kungokunje ebizwa njengeMbumba yaMazwe ase-Afrika (i-AU).

IKhabhinethi iyayamkela inkqubela ethe yenziwa ekusombululeni imiba yabafundi, ebekungafanelekanga ukuba ibangele ukutshatyalaliswa kwempahla nezakhiwo.

1.2 Kutyelelo lwaseburhulumenteni lukaMongameli uJacob Zuma kwiRhiphabliki yase-Uganda, bobabini aba Mongameli booRhulumente balaMazwe bavumelene ukuba kufanele kuqiniswe ubudlelwane balamazwe mabini, baze baxoxa ngemeko yezopolitiko neyokhuseleko lweRhiphabliki yaseBurundi kunye nempuma yeDemocratic Republic of Congo.

UMongameli uJacob Zuma ukwazimase nomsitho wokubekwa ngokusesikweni kukaMongameli uYoweri Museveni. UMzantsi Afrika ne-Uganda utyikitye izivumelwano eziphakathi kwamazwe amabini ezingama-20, kukho iinkampani ezimalunga nama-70 zaseMzantsi Afrika ezisebenza e-Uganda sithetha nje. Ngowama-2015, iimveliso zaseMzantsi Afrika ezithunyelwe e-Uganda zifikelela kwi-1.7 yeebhiliyoni zeerandi ngeli xesha iimveliso ezithengwa nguMzantsi Afrika kweliya lizwe zifikelela kwizigidi ezingama-98 zeerandi.    

1.3 IKhabhinethi iyakwamkela ukuqukumbela ngokuyimpumelelo kukaMongameli uJacob Zuma uTyelelo lwakhe lwasebuRhulumenteni kwiLizwe lase-Qatar ngokutyikitywa kwezivumelwano nezibophelelo, ezifana neSivumelwano seNtsebenziswano kwezoMkhosi, iNtsebenziswano kwezobuPolisa, neNtsebenziswano kwezobuGcisa, iNkcubeko naMafa. Ukusekwa kweKomiti yoTyalo-mali yala Mazwe Mabini yokuba liliso ekuphunyezweni kwezivumelwano ukongeza kwiiNdibano zarhoqo zokuBonisana zaMazwe amaBini komeleza kukwanyusela phezulu ubudlelwane bala mazwe mabini buthathwe njengobubaluleke kakhulu.  

Iintlanganiso ebezibanjwe nguMongameli kunye neQonga lezoShishino lwaseMzantsi Afrika naseQatar ziyinyusele kwizinga eliphezulu intsebenziswano phakathi kwamaShishini ala mazwe ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba uqoqosho lwala mazwe lutyebe ngeemveliso ezahlukeneyo. Kuba la mazwe omabini egudle ulwandlwe kuye kwaxoxwa nangamathuba okusebenzisana kuQoqosho lwaseLwandle. Liqela leenkampani zaseMzantsi Afrika ezisebenza e-Qatar, ikakhulu kwicandelo elinxulumene-nobuChwephetshe bePetroli. Enye yeenkampani ezinkulu zeli ezityale imali eMbindi-Mpuma nguSasol, nodlala indima ebalulekileyo ekuphuhlisweni koovimba begesi base-Qatar. 

Eminye imiba exoxiweyo iquka ubudlelwane bezorhwebo noqoqosho kwakunye nemiba yoxolo nokhuseleko lwehlabathi jikelele nommandla.

1.4 UMongameli uJacob Zuma unikezela imbuyekezo endaweni yomhlaba njengenxalenye yesiGaba soku-1 sokuhlawulwa kwamabango omhlaba okumyezo wezilwanyana, iKruger National Park. Yimali engama-84 ezigidi zeerandi iphelele ethe yanikezelwa kuluntu oluhlala kwiindawo ezintandathu, ezintathu zezaseLimpopo ezintathu ibe zezaseMpumalanga. Ngokomhlaba esi siqendu somhlaba silingana neehektare ezingama-318 000.

Le nkqubo yentlawulo ikuthathele ingqalelo ukubaluleka kweKruger National Park yaza yaqinisekisa ngembuyekezo yemali encomekayo njengokuba abafaki-mabango bengesenakho ukuphinda babuyela kumhlaba wabo. Oku kuhambelana nokulungisa ukungalingani phantsi kwenkqubo karhulumente yokubuyiselwa komhlaba kwaye eli liphawu lempumelelelo eyimbali enkulu kwinkqubo yeli lizwe yokuzisa inguqu.

Ukuxhobisa olu luntu kwakhona, ingxowa-mali yoluntu yokhenketho eyi-1% sele ivelise imali emalunga ne-6.5 sezigidi zeerandi ngonyaka ukuxhamlisa uluntu. Oku kukhokelele ekwakhiweni kweziseko ezininzi zezemfundo kuquka nesakhiwo sezolawulo seSikolo iDumisani High, ilebhu yekhompyutha kwiSikolo iMasiza High, nelebhu yezenzulu-lwazi kwizikolo iTlakulani High neSibusisiwe High, iziko elilikhitshi nebala lokudlala labafundi beBanga R kwiSikolo iTakheleni Primary. Ngokubonisana noluntu oluchaphazelekayo, ngonyaka wama-2016/17 kuza kubekwa phambili umba wokwakhiwa kwelebhu zezenzulu-lwazi ezine kwiSikolo iMbuyane High; iMahlale High; iSikolo iLepato High nakwiMakuya Secondary, oku kuquka omabini amaphondo aseLimpopo nelaseMpumalanga.

IKhabhinethi ikugxininisile ukubaluleka kobudlelwane bentsebenziswano phakathi kweendawo ezihlala abantu abazintlanga ezahlukeneyo obunegalelo elihle kuhlaliswano ngoxolo. Inkqubo yokubuyiselwa komhlaba yaseMzantsi Afrika isekelwe kumava angaphambili kwaye ngoku igxile ekudaleni ukuxhamla kuqoqosho oluzinzileyo kunentlawulo eyenziwa kanye yokudluliselwa kwemali nezele zingxaki nethi amaxesha amaninzi ishiye uluntu lusasokola njengangaphambili. IsiGaba sesi-2 sentlawulo yebango siza kuquka iiprojekthi ezigxile ekuqinisekiseni ukuba uluntu luyaqhubeka ukuxhamla ixesha elide ukususela kumathuba ezoshishino akhoyo kulo Myezo.

1.5 Iziphumo ezivela kwiNgqungquthela yokuDibanisa iNkqubo yeMbuyekekzo phantsi komxholo othi “Ukufikelela kwinkqubo yembuyekezo elinganayo, engenamkhethe nezinzileyo kubo bonke abasebenzi” nebikhokelwa nguMphathiswa wezeMpilo u-Aaron Motsoaledi nowezabaSebenzi uMildred Oliphant, ixhaswa nguSekela-Mphathiswa weMithombo yezeziMbiwa, wezeMpilo nowezabaSebenzi.

Le ngqungquthela igxile kwezempilo nokhuseleko emisebenzini ngenjongo yokuqulunqa inkqubo yembuyekezo edibeneyo yaseMzantsi Afrika. AbaPhathiswa abavela kummandla woMbutho woPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMazantsi (i-SADC); iCandelo lezeMigodi loMzantsi Afrika nemibutho yabasebenzi kwakunye nemibutho yabo babesakuba ngabasebenzi-mgodini nabo bathathe inxaxheba kule Ngqungquthela.

Ngale nkqubo yembuyekezo idibeneyo ilindelekileyo, urhulumente uza kuqinisekisa ukuba abasebenzi nabo babesakuba ngabasebenzi-mgodini nabasasebenza khona bafumana imbuyekezo efanelekileyo ngokwemigagantho yeli candelo  eza kwenza umahluko obonakalayo kuboomi babo nobeentsapho zabo. Ngentsebenziswano nabameli babasebenzi necandelo lezemigodi, urhulumente uzimisele ukuphumeza inkqubo yokuhlola nokuvavanya eza kubonelela ezo nkampani zithobele umthetho wezokhuseleko nembuyekezo kakuhle ngesibonelelo senkuthazo.

1.6 IKhabhinethi ikwamkele ukuvulwa kwelokuqala kweli lizwe iZiko loPhuhliso loShishino lweeMveliso eziPhuma kwiZityalo (i-BIDC) ePitoli liSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe.
Umsebenzi weli ziko yinxalenye yesiCwangciso esimaNqaku aliThoba seli lizwe sokuvulela amathuba amashishini amancinci, aphakathi nahlumayo (ii-SMME). Lixhasa ii-SMME ezibandakanyeka kwiimveliso eziphuma kwizityalo ngokuzenza ukuba zikwazi ukusebenzisa amathuba ezorhwebo. Iinkampani eziphantsi kwe-BIDC zifikelela kumaziko eemveliso eziphuma kwizityalo esezilungele ukusetyenziswa, ziyakwazi ukufumana inkxaso kwiilebhu zophando-nzulu nezophuhliso.  

Isigaba sokuqala sizakukhokelela ekudalweni kwemisebenzi esisigxina neyethutyana futhi oku kugalele  imali efikelela kwizigidi ezingama-250 zeerandi ngonyaka kule minyaka mihlanu izayo.

Ngokwangoku i-BIDC ixhasa amashishini amancinci ali-19 kanti ke i-16 kuwo ngoosomashishini abantsundu, kuquka i-10 lamashishini anabanikazi abangabantu basetyhini. Ukongeza apho, sele kudalwe imisebenzi engama-55 esisigxina neli-171 yethutyana, nama-54 yabaqeqeshelwa ukufunda amava asemsebenzini.

1.7 Isibhengezo esenziwe nguMphathiswa wezaMandla, uTina Joemat-Pettersson sokuqulunqwa koMgaqo-nkqubo weGesi sikhokelela eli lizwe kuqoqosho lwegesi yendalo ezinzileyo. Ukuveliswa kwegesi njengomnye umthombo wezamandla kule izintlobo ezahlukeneyo eMzantsi Afrika kuza kunciphisa ukuxhomekeka kumalahle nokuqinisekiswa kokubakho kwamandla awoneleyo, amandla andidi-ndidi nokubakho kwamandla akhuselekileyo kubemi nakuqoqosho, ngoku nakwixesha elizayo. Oku kuza kunceda kwiphulo leli lizwe lokuba noqoqosho olugxile kushishino, uhlobo lohlumo oluphezulu  neliquka bonke abantu kunye nokudala imisebenzi.

Okwangoku iSebe lezaMandla lisebenzisa inkqubo yokutshintsha igesi ibe ngamandla, nezakuvelisa iimegawathi (i-MW) ezingama-3,726 zombane kwakhona nokusebenza ukuba ngunobangela wophuhliso lwecandelo lwegesi lwalapha ekhaya noluzakukhuthaza ukuhlola nokukhangela igesi  ngendlela eyenza kube lula ukwenza utyalo-mali. Amathuba emisebenzi aza kuvela ngqo kulo msebenzi nakumanye amacandelo ahambisana nalo aza kufikelela kwimisebenzi esisigxina esisigidi esiyi-1.25 kwisithuba seminyaka engama-25. Okwexesha elifutshane inkqubo yokutshintshela igesi kumandla iza kunceda ukwenza ukuba iziphumo zokudodobala kuqoqosho zingathwaxi kakhulu futhi kuza kunceda nokuthintela ukuphela kwemisebenzi.

1.8 Ukusungulwa ngokusesikweni kwephulo lesizwe lokukhuthaza ukongiwa kombane, i-Save Energy, ngexesha leNgqungquthela yeVeki yase-Afrika yeeNkonzo zoLuntu, ekhokelwa liSebe lezaMandla, kwakhela kwiphulo likaRhulumente loKonga uMbane elamiselwa nguMongameli uJacob Zuma ngowama-2015.      

1.9 Futhi kukwamiselwa iphulo i-Appliance Check,, elilinyathelo lokusetyenziswa kwamandla ombane kakuhle eliza kunika abathengi ithuba lokuzikhethela xa bethenga izixhobo zasendlwini zombane. Kuza kufakwa ilebhile kuzo zonke izixhobo ezisebenzisa umbane ukucacisa ukuba zisebenza njani ngokumalunga noMgangatho wokuSebenzisa oWona Mbane Mncinci.     

1.10 IKhabhinethi iyiqaphele i-Africa Energy Inward Buying Mission ebisingathwe liSebe lezoRhwebo noShishino kunye neBhunga i-South African Electrotechnical Export. Iinkampani zaseMzantsi Afrika ezisebenza ngeenkonzo zokuvelisa nezobunjineli ziye zafumana ukwaziwa ngabameli bamajelo okunikezela iinkonzo abavela e-Ethiopia, eKenya, eTanzania, eSouth Sudan naseNigeria. Oku kubeke iinkampani zaseMzantsi Afrika kwindawo engcono yokuthatha inxaxheba kumathuba otyalo-mali lokusungulwa kweziseko ezingundoqo zombane e-Afrika ezithelekelelwa kwimali ephakathi kweebhiliyoni ezingama-20 zeedola nezingama-42 ngonyaka kule minyaka ili-10 izayo.        

1.11 IKhabhinethi ikhuthazekile kukusungulwa kwesisombululo sexesha elide kwingxaki ye-Asidi ePhuma eMgodini (i-AMD) kwi-AMD Central Basin eGermiston nezakufumana inkxaso engumlinganiselo osisibini esithathwini (i-⅔) licandelo lezemigodi ize isinye esithathwini (i-⅓) sihlawulwe ngabasebenzisi balamanzi.

Oku kulandela ukugqityezelwa ngokuyimpumelelo kwesisombululo sexesha elifutshane phantsi kweKomiti yabaPhathiswa be-AMD. Ngowama-2011 urhulumente wagunyazisa iTrans-Caledon Tunnel Authority, eliqumrhu likarhulumente phantsi kweSebe lezaManzi noGutyulo, ukuba ize nesisombululo sexesha elifutshane kumngeni we-AMD eGauteng.

Injongo yesisombululo sexesha elide kukuqhubeka ukucoca amanzi angcolileyo ngokususa iityuwa zesimuncu, i-sulphate, nokudala amanzi okusetyenziswa kumashishini emizi-mveliso okanye amanzi aselwayo.

1.12 IKhabhinethi ibongoza bonke abemi baseLesotho abahlala eMzantsi Afrika ngokungekho mthethweni ukuba bafake isicelo sePhepa-mvume eliKhethekileyo laseLesotho kwiZiko, iVisa Facilitation Service Centre phambi komhla wama-30 kweyeSilimela yowama-2016.

Eli Phepha-mvume liKhethekileyo laseLesotho likhutshwa phantsi kwenkqubo entsha yabemi baseLesotho abasebenzayo, abafundayo okanye abanamashishini eMzantsi Afrika babe babekweli lizwe besenza oko phambi komhla wama-30 kweyoMsintsi yowama-2015. Ukongeza apho, abafaki-zicelo baseLesotho abafumana amaxwebhu aseMzantsi Afrika ngobuqhetseba bacetyiswa ukuba bawanikezele kwii-ofisi zeSebe leMicimbi yezeKhaya khona ukuze bafumane iileta zoxolelo. Eli thuba lokuxolelwa liza kuphelelwa ngomhla wama-31 kweyoMnga yowama-2016. Abaqeshi abasetyenzelwa ngabemi baseLesotho nabo kufanele bathathe le nyhweba yeli phepha-mvume.

1.13 IKhabhinethi iyasamkela isibhengezo esenziwe nguMphathiswa wezeMidlalo nezoLonwabo uFikile Mbalula sokuba umdlalo wamanqindi walapha ekhaya uyasasazwa kwakhona kwiQumrhu lezoSasazo loMzantsi Afrika (i-SABC). Ukuza kutsho ngoku iinkquko i-“Boxing is Back” ne-“TKO” ku-SABC zibukelwa kumakhaya asisigi esiyi-1.3. Ukubuya kwalo mdlalo kumabonakude, kuza kuba negalelo kwimali engena kwingxowa yoMbutho wezaManqindi eMzantsi Afrika, komeleza umdlalo wamanqindi wabasetyhini futhi kuxhase abaququzeleli bamanqindi abasakhulayo nabadlali-manqindi.    

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1 IKhabhinethi yazisiwe ngokuqukunjelwa kweentlanganiso zothethathethwano nokubangula iziphene zezomthetho kwisiVumelwano sobuDlelwane bezoQoqosho (i-EPA) phakathi kweQela loMbutho woPhuhliso lwaMazwe akwi-Afrika eseMazantsi (i-SADC) neManyano yaMazwe aseYurophu (i-EU).  

IKhabhinethi ikuphumezile ukuba esi siVumelwao sobuDlelwane bezoQoqosho masingeniswe ePalamente.

Esi siVumelwano siza kuseka inkqubo enye yezorhwebo phakathi kweManyano yeRhafu yoRhwebo yaMazwe e-Afrika eseMazantsi (i-SACU) kunye ne-EU. Siza kuphucula namathuba okuba uMzantsi Afrika ufikelele kuqala kurhwebo lwe-EU kwiindidi zeemveliso zezolimo ezifana neswekile, i-ethanol, iwayini, ezokuloba neziqhamo. I-EPA yakhela kwisiVumelwano seNtsebenziswano ngezoRhwebo noPhuhliso (i-TDCA) nesaqukunjelwa nguMzantsi Afrika ne-EU ngowama-2000.   

Esi Sivumelwano sobuDlelwane boQoqosho sinike ithuba uMzantsi Afrika ukuba uqulunqe omnye umgaqo-nkqubo kwiindawo ezithile. UMzantsi Afrika uphinde wabamba iingxoxo  zesiVumelwano sokuPhawula iiMveliso ngokweMvelaphi ne-EU, ngenxa yomdla okhulayo wokukhusela amagama ewayini namagama eemveliso ezikhethekileyo zezolimo. Ngenxa yoko, amagama ewayini ali-102 aza kukhuselwa phantsi kwesi siVumelwano namagama eemveliso zezolimo angala: i-Rooibos, i-Honeybush, kunye ne-Karoo Lamb.

Esi siVumelwano ngokuhambelana neenjongo zesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) sokuba uMzantsi Afrika ukhokelise phambili iphulo lokudala uqoqosho olutyebe yimizi-mveliso yale mihla nokwazisa iimveliso zaseMzantsi Afrika ezithunyelwa kumazwe e-EU. Okona kubaluleke nangakumbi, i-EPA ikhulisa uphuhliso lwamaziko asebenzisanayo ommandla we-Afrika ngalo ndlela inegalelo ekudibaneni kommandla.  

2.2 IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa kwePhepha loGayo-zimvo ngeMfuduko yeZizwe ngezizwe kwiPhephandaba loMbuso ukwenzela uluntu luhlomle. IKhabhinethi yazisiwe nangeentlanganiso zokufakana imilomo nokubonisana nabadlali-ndima ababalulekileyo ngeli Phepha loGayo-zimvo lowama-2016/17.

Eli Phepha loGayo-zimvo lihambelana ne-NDP kwaye linoluvo lokuba ukuze kupheliswe indlala kudalwe nemisebenzi endilisekileyo, ufuduko kufanele lusetyenziselwe ukulwa ezi ngxaki, ngokwandisa amanani abantu abanezakhono ngokususa imiqobo yophuhliso lommandla. Oku kuthethaukuba uMzantsi Afrika kufuneka utyale imali ngobuchule kuphuhliso nakumaphulo okuphucula inkqubo yofuduko esebenza kakuhle nekhuselekileyo.   

Ukuphunyezwa kweMfuduko yeZizwe ngezizwe kuza kusisondeza ekufikeleleni kwiimeko apho siza kuthathela ingqalelo iingxaki zokunqongophala kophuhliso eMzantsi Afrika sibe ngaxeshanye sibeke elinye iliso kumba wokukukhusela igama nesidima kunye nokhuseleko lwesizwe soMzantsi Afrika.

2.3 IKhabhinethi ikwamkele nokuba iSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba ukuba libe ngomnye wabasingathi beNkomfa yeHlabathi yeCandelo lezoLimo lwaseManzini, kunye noMbutho we-Afrika eseMantsi wezoLimo lwaseManzini, ukususela ngomhla wama-26 ukuya kowama-30 kweyeSilimela yowama-2017 eMzantsi Afrika. Oku iza kuba kokokuqala ukuba iNkomfa yeHlabathi yezoLimo eManzini ibanjelwe e-Afrika. 

Icandelo lezolimo emanzini libekwe phezulu ngurhulumente ukuba lidlale indima ebalulekileyo kwiphulo lokuqinisekisa ukuba kukho ukutya okwaneleyo kunye nohlumo loqoqosho kweli lizwe. Ezolimo lwasemanzini ziqukiwe kumaphulo angundoqo we-Operation Phakisa: uQoqosho lwaseLwandle. Ukusingatha le Nkomfa kuza kwenza ukuba uMzantsi Afrika ukwazi ukukhawulezisa uphuhliso  lotyalo-mali notyalo-mali kwicandelo lezolimo lwasemanzini ngokwabelana ngolwazi kunye namathuba ezonxibelelwano.

Usingatha lo msitho kuza kudalela icandelo lezokhenketho amathuba okubonisa ngemisebenzi yezokhenketho yeli lizwe namafama alapha ekhaya aza kubonisa ngobuchule bezobuchwepheshe bawo kumboniso worhwebo oza kulungiselelwa abantu abali-100 bemiboniso abasuka kumazwe aphambili kwezolimo lwasemanzini ehlabathini jikelele.

Amazwe ase-Afrika nawo aza kufumana ithuba lokuthatha inxaxheba aze abonise ngeemveliso zawo neziza kuba nempembelelo entle kuphuhliso lwezoqoqosho kwicandelo lwezolimo lwaselwandle kummandla wase-Afrika noMzantsi Afrika.

2.4 IKhabhinehi yazisiwe ngezilungiso ezenziwe kwiSahluko esingesiPhumo 12 seNkqubo-sikhokelo yesiCwangciso-qhinga sesiGaba esiPhakathi (i-MTSF) neNkqubo yokuSebenza yowama-2016/17.

Oku kuhlangabezana nesigqibo seKhabhinethi sokuqinisekisa ukuba kukho ukuhambelana phakathi kweSahluko esingesiPhumo 12 se-MTSF – iNkonzo kaRhulumente esebenza kakuhle, ngobuchule nejongise kuphuhliso, yesithuba esisuka kowama-2014 ukuya kowama-2019 kunye ne-NDP.

3. Imisitho ezayo

3.1 Ngenyanga yeSilimela siza kuba sinesikhumbuzo seminyaka engama-40 yoqhankqalazo lomhla we-16 kweyeSilimela yowe-1976, neyathi yayitshintsha ngamandla iimeko zezentlalo nezepolitiki eMzantsi Afrika. Esi sikhumbuzo siza kuququzelelwa yiKomiti yabaPhathiswa (i-IMC).

INyanga yoLutsha iza kuphehlelelwa ngomhla woku-1 kweyeSilimela yowama-2016 phantsi komxholo othi “ULutsha luQhubela uMzantsi Afrika Phambili” kwindawo yesikhumbuzo, iHector Petersen Memorial, eSoweto nguMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli, uJeff Radebe. Le iza kuba yinkqubo ebude bungangenyanga, neququzelelwa yi-Arhente yeSizwe yoPhuhliso yoLutsha (i-NYDA), elungiselelwe ukunceda nokukhuthaza ulutsha ukuba luthathe amathuba lula ngakumbi kumacandelo awohlukeneyo khona ukuze luphucule ubomi balo nokulwenza lukwazi ukwenza igalelo ngokubonakalayo kuphuhliso lwezoqoqosho nakweli lizwe.

Oku kuza kusetyenziswa njengentshayelelo yemibhiyozo yoSuku loLutsha lweSizwe ngomhla we-16 kweyeSilimela yowama-2016, nezakukhokelwa nguMongameli uJacob Zuma kwiBala leMidlalo lase-Orlando eSoweto.

3.2 ISebe loPhuhliso loLuntu liza kuphehlelela iVeki yokuKhuselwa kwaBantwana yeSizwe eBraakspruit Farm, eKlerksdorp ngomhla wama-29 kuCanzibe wama-2016 phantsi komxholo othi “Sisonke masiKhuseleni aBantwana ukuze siQhubele uMzantsi Afrika Phambili”. Le veki iza kungqamana nomsitho woSuku lweHlabathi lwaBantwana ngomhla wo-1 kweyeSilimela nozakukhokelwa nguMongameli uJacob Zuma kwiziko leenkedama nolutsha e-Atteridgeville, eGauteng uze uqukunjelwe ngomhla we-5 kweyeSilimela yowama-2016 e-Amersfoort, eMpumalanga.

IKhabhinethi ibongoza uluntu ukuba lukhusele abantwana kukungakhathalelwa, kwimpatho-mbi kubundlobongela nokuxhatshazwa ngokuzibika kwabasemagunyeni izehlo ezinjalo.

3.3 ISebe lezeNdalo liza kukhokela eli lizwe ekuphawuleni uSuku lweHlabathi lwezeNdalo ngomhla we-5 kweyeSilimela yowama-2016 ukuvuselela abemi baseMzantsi Afrika ukuba bathathe amanyathelo amahle kwezokusingqongileyo ukukhusela umhlaba. Umxholo walo nyaka woSuku lweHlabathi lwezeNdalouthi: “BuKhusele Ngako Konke uBomi,” ugxile kulwaphulo-mthetho olwenzeka kwizilwanyana zasendle nomonakalo eluwudalayo.

Impumelelo yoMzantsi Afrika kumaphulo olondolozo lwendalo  kulenza eli lizwe ukuba lithandwe ngamaqela  olwaphulo-mthetho, iziganeko zolwaphulo-mthetho eziqhutywa yimigulukudu yangaphaya kwemida yeli ezijoliswe kwindalo nezilwanyana zasendle zeli. Iziphumo zolwaphula-mthetho olujoliswe kwindalo nakwizilwanyana zasendle zibi kakhulu kwiintlobo ezahlukeneyo zeziphili nendalo ngobubanzi, kubomi obuzinzileyo nakwezokhenketho.

3.4 Ukuphawulwa koSuku lweHlabathi lweeLwandle ngomhla we-8 kweyeSilimela yowama-2016 phantsi komxholo othi “Iilwandle eziphilileyo, uMhlaba oPhilileyo”    kusinika ithuba lokuba sikwazi ukubalula indima yeelwandle kwilizwe lethu nendlela ezahlukeneyo ezithi iilwandle zenze ngayo igalelo kuqoqosho lwethu. Kukwabalula nemingeni ekuhlanganwa nayo xa kusetyenzwa ngongcoliseko lweelwandle, ukugcina amandla eelwandle ukulawula isimo sezulu sehlabathi jikelele, ukubonelela ngeenkonzo zenkqubo yezinto eziphilileyo ezibaluleke kakhulu nokubonelela indlela yokuphila ezinzileyo nezolonwabo olukhuselekileyo.

4. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba engundoqo ngokusingqongileyo

4.1 Urhulumente uhleli egqalile ekuvuseleleni uhlumo lwezoqoqosho, ukugcina imisebenzi ekhoyo nokudala eminye imisebenzi ezinzileyo ngokusebenzisana nabezoshishino nemibutho yabasebenzi.

Ngenkqubo yethu yokutshintsha indlela uqoqosho oluhlelwe lwama ngayo nokuqinisa isandla kwindlela esetyenziswa ngayo imali karhulumente, , urhulumente akazi kudlula kwizicwangciso azibekileyo zenkcitho ukuqinisekisa ukuba uqoqosho luvela luzinzile xa uqoqosho lwehlabathi luphucuka.

UMongameli uJacob Zuma ukhokele iqela lamanyathelo okungenelela asebenzileyo ngokusebenzisa ubudlelwane, obalapha ekhaya nobezizwe zehlabathi ukukhulisa uhlumo lwezoqoqosho nokudala imisebenzi.

4.2 IKhabhinethi iliqaphele inani lamaphulo otyalo-mali athe abhengezwa kweli lizwe nokubonisa ukuthenjwa koqoqosho lwaseMzantsi Afrika ngabatyali-mali bamazwe ehlabathi. Oko kukwabonisa ukuba ilizwe lethu lisendleleni eya ekuphucukeni kwaye lisaqhubeka ukuba yindawo enomtsalane kubatyali-mali.

Ubukhulu bala maphulo otyalo-mali alandelayo bubonakalisa intembeko eqhubekayo abavelisi beemoto behlabathi abanayo kuMzantsi Afrika njengendawo yotyalo-mali, kunye nemigaqo-nkqubo ekhuthaza utyalo-mali urhulumente ayiphumezileyo.  

4.3 Oku kuquka utyalo-mali ngabakwaToyota ngomzi omtsha wokuvelisa i-Toyota Hilux ne-Toyota Fortuner eProspecton, eDurbani, novulwe nguMongameli uJacob Zuma. Oku kwenzeke ngenkxaso yeSebe lezoRhwebo noShishino nokuthe kwatsala utyalo-mali olungaphezulu kwama-25 ezigidi zeerandi kushishino lweemoto kule minyaka mihlanu idlulileyo. Olu tyalo-mali luza kuxhasa imisebenzi engaphezulu kwama-4 000 apho imisebenzi epheleleyo kolu mzi-mveliso sele ingaphezulu kwama-8 000.

Lo mzi-mveliso uyinxalenye yemali etyalwe ngabakwaToyota ezibhiliyoni zeerandi eziyi-6.1 kwicandelo lemizi-mveliso eMzantsi Afrika kunye nelemveliso yezithuthi kweli lizwe.
AbakwaToyota bakwandisile ukuthengwa kwalapha ekhaya kwinkqubo yabo yokuthenga nokuthengisa ukuxhasa amashishini eentsimbi zemoto alapha ekhaya, le nkampani ikwagxile ekufumaneni amagcisa angabantu basetyhini nokubonelela abantu basetyhini abasebenzayo ngamathuba angcono.

4.4 IKhabhinethi ikwasamkele isibhengezo esenziwe ngabakwa-BMW sokuqaliswa kokwakhiwa komzi-mveliso omtsha wale mihla wokuvelisa iintsimbi ze-BMW obiza imali ezibhiliyoni ezi-6 zeerandi. Oku kwandiswa kuza kwenza ukuba abakwa-BMW bakwazi ukuvelisa baze bathumele imveliso yabo elandelayo ye-BMW X3 kumazwe angaphandle. Oku kubonakalisa ukuba uMzi-mveli oeRosslyn uyakwazi ukumelana nokhuphiswano namanye amacandelo okuvelisa  akwa-BMW ehlabathini jikelele ngokweendlelko zokuvelisa nomgangatho womsebenzi.

4.5 Kwelinye iphulo lotyalo-mali, uMphathiswa wezoRhwebo noShishino uphehlelele umzi-mveliso wakwa-Dursots & All Joy Tomato eModjadjiskloof kufutshane neTzaneen. Lo mzi-mveliso ngokwangoku uqeshe abantu abangama-70 kwaye kulindeleke ukuba eli nani linganda libe ngama-300 kulo nyaka uzayo. Ukongeza apho, olu tyalo-mali luza kudala nemisebenzi yamaxesha athile onyaka engama-900. Le nkampani ikwaqalise neziko lokuthumela imveliso kumazwe angaphandle kwaye uceba ukuthumela ama-25% emveliso yawo kummandla woMbindi Mpuma, eChina nakwi-Afrika iphela.

Olu tyalo-mali lubonakalisa ukuphunyezwa kancinane kwesiCwangciso esimaNqaku aliThoba nesiCwangciso sokuSebenza koMgaqo-nkqubo wezoShishino (i-IPAP) sigxile ekwandiseni kokongezwa kwexabiso ngendlela egxile ekuveliseni, ukudala imisebenzi nokukhulisa uqoqosho ngokuqinisa ukuthumela imveliso kumazwe angaphandle nokudala imisebenzi. Nokuba kungakho ukudodobala kwezoqoqosho ehlabathini jikelele, uqoqosho lwaseMzantsi Afrika luqinisekile ngokubheka phambili.  

4.6 IKhabhinethi ikhumbuza bonke abavoti abaselungelweni ukuba balisebenzise ngokufanele ilungelo labo lomgaqo-siseko ngomhla we-3 kweyeThupha yowama-2016. IKhabhinethi ivakalisa umbulelo wayo kubo bonke abo bavoti bathe bazinika ithuba lokuya kubhalisa nokuqinisekisa ngeenkcukhacha zabo, ukuqinisekisa ukuba amagama wabo ayavela kumqulu wabavoti, osele uvaliwe ngoku.

UMphathiswa u-van Rooyen ufake kwiphephandaba lombuso waza wabhengeza ngokusesikweni umhla wonyulo loorhulumente bemimandla, evumela ukuqaliswa kweenkqubo zonyulo ngokwemimiselo yethebhile yonyulo. Esi sibhengezo sikwavala ukubhalisa kuluhlu lwabavoti ukuze umntu akwazi ukuthatha inxaxheba kunyulo oluzayo.   

IKhabhinethi iyakwamkela ukutyikitywa koMgaqo wokuziPhatha woNyulo yimibutho yezopolitiko ithembisa ukuthobela imithetho nokuqinisekisa ukuba unyulo lukhululekile kwaye alunamkhethe. Oku kubonakalisa ukuvuthwa ngokungena kwethu nzulu kulawulo lwentando yesininzi.

4.7 IKhabhinethi iyayamkela iNdibano yaMalungu eSizwe eKhethekileyo yowama-2016 ebanjwe nguMbutho wooMasipala baseMzantsi Afrika (i-SALGA). Oku kwenzeka ngexesha apha eli lizwe lizilungiselela utshintsho lwexesha elilandelayo loorhulumente bemimandla phambi konyulo loomasipala lowama-2016.  

Le Ndibano iyiqwalasele inkqubela esele yenziwe kule minyaka ili-16 idlulileyo kunye neyeli xesha loorhulumente bemimandla. Indima yoorhulumente bemimandla ekunikezeleni iinkonzo nokubuyiselwa kwesidima somntu naso besifakiwe. Kwanyathelwa nemingeni engundoqo nokuzibophelela kwakhona kwinkqubo yokuBuyela kuNdalashe yeSebe loLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli (i-COGTA).  

Oku kuvulela indlela ixesha lesine loorhulumente bemimandla bentando yesininzi ngokubonelela ngenkqubo yenkxaso yoomasipala nokulawulwa kwenguqu ukuqinisekisa ngozinzo nobonelelo-nkonzo olungaphazanyiswanga kubantu baseMzantsi Afrika

4.8 IKhabhinethi ivakalisa ukuxhalaba ngokuphazamiseka okwenzeka ePalamente, okuya kusanda ngokwanda nokuya kuqatsela. IPalamente liziko lethu lentando yesininzi esalilwela nzima ikwaliqonga loluntu ekufuneka lihlonitshwe ngumntu wonke.

4.9 IKhabhinethi iyawuncoma umsebenzi weKomiti yabaPhathiswa ekhokelwa nguMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli uDes van Rooyen neqela lephondo elithwaliswe uxanduva ngokubuyisela ucwangco eVuwani, ngeli xesha iqaphele ukuba isekhona imingeni kwezinye iindawo.  

Urhulumente usebenze ngokuzinikela ebonisana noluntu kwinzame zokusombulula iingxaki nokuzisa iinkonzo, kuquka nokubuyisela izikolo ekusebenzeni. Ukubonelelwa ngamagumbi okufundela ethutyana kuye kwaqinisekisa ngokuqaliswa kwemisebenzi yezemfundo.

Urhulumente usaphinda ubongoza uluntu neenkokheli ukuba zisebenzise amaziko namaqonga asekelwe ukwenza uthethathethwano xa zifuna ukuphakamisa iinkxalabo ezikhoyo. Eli nyathelo lingaqhelekanga lokuyimisa ngxi imfundo yabantwana bethu alamkelekanga.

IKhabhinethi iyazincoma ii-arhente zogcino-mthetho ngomsebenzi eziwenzileyo okhokelele ekubanjweni  kwabantu abangama-34, abarhanelwa ngokuthatha inxaxheba ekutshatyalalisweni kwezikolo ezingama-28, abo phofu batshabalalise ikamva lelo lutsha lusasebenzisa ezi ziseko zidingeka ngamandla.

IKhabhinethi iyaluncoma uluntu nemibutho yabahlali nethe yabhinqela phezulu ukucoca nokuqokelela imali yokuvula izikolo zasekuhlaleni kwakhona. Bonke abazali, nabo bangabagcini abakhulisa abantwana namalungu asekuhlaleni ayacelwa ukuba ancedise abantwana ukuba bakwazi ukuleqa isicwangciso somsebenzi ebesele sicetyiwe weSebe leMfundo esiSiseko. I-IMC iza kuqhubeka ukuthethana nabadlali-ndima ababalulekileyo noluntu ukuqinisekisa ukuba wonke lo mmandla uzolile kwaye ubuyela esiqhelweni.  

4.10 IKhabhinethi ikhe yaxoxa ngoqhankqalazo olwenzeke eHammanskraal yaza yacacisa ukuba iSebe lezokuHlaliswa koLuntu likhokela amanyathelo okungenelela kulo mmandla kunye neSebe laseGauteng loLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli nelezokuHlaliswa koLuntu, kunye noSodolophu waseTshwane, uCeba uKgosientso Ramokgopa.

IKhabhinethi ilusizi ngokusweleka kwabasebenzi ababini abebencedisa kumsebenzi wokususa izindlu ezikwindawo engafanelekanga eHammanskraal kwaye ivakalisa amazwi ovelwano kwiintsapho eziswelekelweyo. Abezomthetho kufanele bawaphindaphinde amalinge wabo ukufumana ababulali babazise baze bahlangane nengalo yomthetho.

4.11 IKhabhinethi iyavuyisana nesigqibo seZiko lezoSasazo laseMzantsi Afrika (i-SABC) lokudlala ama-90% omculo walapha ekhaya kuzo zonke izikhululo zoonomathotholo ukukhuthaza umxholo amabali nomculo odidiyelwe apha ekhaya.

Esi sigqibo sihambelana nomgaqo-nkqubo wezosasazo karhulumente okhuthaza ukukhusela, ukutyetyiswa nokomelezwa kwenkcubeko nokubunjwa kwezentlalo zaseMzantsi Afrika. La mathuba akwakhuthaza zonke iimvumi namachule enkcubeko asakhulayo.

IKhabhinethi ikhuthaza bonke abemi ukuba baxhase umculo wethu  into leyo iza kwenza igalelo kuqoqosho nokulondoloza iinkcubeko ezahlukeneyo zeli lizwe.

4.12 IKhabhinethi ikuqaphele ukuphandwa kwemikhumbi yokuloba yamazwe angaphandle elithoba liSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba kwaye iwuncoma umsebenzi odibeneyo oquka uMkhosi waseLwandle waseMzantsi Afrika, iSebe lezokuLoba noGunyaziwe wezoKhuseleko lwaseManzini waseMzantsi Afrika okhokelele ekubanjweni kwemikhumbi emine.

Ukubanjwa kwale mikhumbi kubonakalisa ukuzimisela kwethu njengelizwe ukukhusela imida yeli nowoqoqosho lwethu olukhethekileyo. Ubutyebi bethu basemanzini bungumthombo wokubakho kokutya okwaneleyo kwaye budlala indima enkulu ekufezekiseni iinjongo zethu kwiphulo i-Operation Phakisa kwaye kufuneka bukhuselwe.

4.13 IKhabhinethi iyakwamkela ukukhutshwa kwengxelo yeqela labaphathiswa elithweliswe uxanduva ebelimiselwe nguMphathiswa u-Angie Motshekga ukuba liphande ngezityholo zokuthengiswa kwezithuba zomsebenzi zootitshala ngamalungu emibutho yootitshala namagosa esebe kumasebe ezemfundo wamaphondo.

4.14 IKhabhinethi iyavuyisana nabemi baseMzantsi Afrika, usomashishini omncinci uLuvuyo Rani kunye ne-The Clothing Bank, abaphakathi kwabaphumeleleyo bembasa yobuSomashishini obuNcinci bezeNtlalo yowama-2016 yi-Schwab Foundation yobuSomashishini obuNcinci bezeNtlalo ebezinikezelwa kwimisitho ebibanjwe ngethuba leNgqungquthela yezoQoqosho lweHlabathi (i-WEF) ebibanjelwe e-Afrika, eKigali eRwanda.

4.15 IKhabhinethi imothulela umnqwazi kwaye ikwadlulisa iminqweno yayo emihle kowayesakuba liSekela leJaji eyiNtloko uJaji uDikgang Moseneke othe wathatha umhlala-phantsi ekubeni yiJaji emva kokuqala ukusebenzela  iNkundla yoMgaqo-siseko ngowama-2002.

Obesakuba liSekela leJaji eyiNtloko ungohlonitshwe kakhulu kwezomthetho negqala elihlonitshiweyo kumzabalazo wenkululeko weli lizwe. Kwiminyaka yobutsha bakhe, uMoseneke ubebandakanyeka kumzabalazo wenkululeko njengelungu loMbutho kaPoqo (i-PAC). Waxoxa wagwetyelwa ukubandakanyeka kwakhe kwimigushuzo yezopolitiko wabe eneminyaka eli-15, waba lelona banjwa lincinci lavalelwa kwisiqithi i-Robben Island. Wayekwayinxalenye yekomiti yeengcali eyayila uMgaqo-siseko wethutyana ngowe-1993 waza emva koko wachongwa njengosekela sihlalo weKhomishini yoNyulo eziMeleyo (i-IEC) phambi konyulo lokuqala lwentando yesininzi eMzantsi Afrika.

IKhabhinethi ikwanika imbeko intloko yejaji yeNkundla ePhakamileyo yeziBheno uJaji uLex Mpathi nothatha umhlala-phantsi njengeJaji kwinyanga kaCanzibe emva kweminyaka engama-27 yenkonzo engenachaphaza kuMzantsi Afrika. UJaji Mpathi ube ngumzekelo wokuzinikela; ukululama, sokuzinikela nokugqwesa; nokuziphatha ngokunesidima.

IKhabhinethi iyavuyisana kwaye imnqwenelela okuhle kodwa uJaji Baaitse “Bess” Nkabinde njengebambela likaSekela Jaji eyiNtloko yeNkundla yoMgaqo-siseko kude kube kuqeshiwe kwesi sithuba.

5. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

5.1 I-Ofisi yeKhomishini yeeNkonzo zikaRhulumente:

a) UGq DC Mamphiswana njengoMlawuli-Jikelele, kwi-Ofisi yeKhomishini yeeNkonzo zikaRhulumente

Imibuzo:
Liezel Cerf
Uqhagamshelwano: 076 778 2380

 

Share this page

Similar categories to explore