INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-22 kweyeSilimela yowama-2016

1. Ukuphunyezwa kweenkqubo zikarhulumente ezingundoqo

1.1. IKhabhinethi ixoxe kanobom ngengxoxo yenkqubela yokuphunyezwa kweNkqubo yokuSebenza karhulumente (i-PoA) yekota yesine neziphumo zayo. Urhulumente wenza inkqubela ngokuhlangabezana nemingeni nokungenelela ukuvala umsantsa okhoyo ekuphunyezweni kwe-PoA.
Urhulumente uqinisekile ukuba wenza inkqubela ekufezekisweni kweNkqubo-sikhokelo yesiCwangciso-qhinga seSigaba esiPhakathi (i-MTSF), isiCwangciso esimaNqaku aliThoba aze ekugqibeleni aphumeze uMbono wama-2030 wesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP).

IZiko ezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi likaRhulumente (i-GCIS) ikwinkqubo yokuququzelela indibano yokwazisa amajelo eendaba nge-PoA ukwenzela ukuba isizwe sihlale sisazi.

1.2. IKhabhinethi iyazamkela iziphumo ezivela kwiQela eliSebenza ngeMicimbi yezaBasebenzi likaMongameli, xa belidibene ngomhla wama-21 kweyeSilimela yowama-2016 ukuba lixoxe ngemiba yezoqoqosho neminye imiba yezentlalo noqoqosho.

Le ntlanganiso iye yavumelana ukuba ikubethelele kwakhona ukuzimisela kwayo ekusebenzisaneni ukulwa nemingeni uMzantsi Afrika ojongene nayo njengoko sasenze njalo ngaphambili. Kufanele sakhele kubudlelwane nomanyano esele siluyile ngowama-2008 xa abahlulelani kwezentlalo bathi benza isivumelwano esikhusela abasebenzi kwintlekele yokudodobala koqoqosho ehlabathini jikelele. Le ntlanganiso yavumelana ukuba owona mba uphambili mayibe kukukhuselwa kwemisebenzi, ukudalwa kwemisebenzi endilisekileyo eyongezelelelweyo – ingakumbi kwenzelwe ulutsha – kwaye kuphuculwe iimeko zomsebenzi zabo bonke abasebenzi khona ukuze kudaleke ubomi obungcono kumntu wonke.
INgqungquthela yeMisebenzi ecetywa ngurhulumente nabameli babasebenzi iza kunika ithuba abantu baseMzantsi Afrika lokuba baxoxe ngeendlela ekunokudalwa ngazo imisebenzi kukhuliswe noqoqsho kwezi meko zezoqoqosho zimaxongo.  

1.3. IKhabhinethi ivakalisa umbulelo osuka emazantsi entliziyweni kwaye ibulela bonke abantu baseMzantsi Afrika abathe bazinika ithuba lokuhlonipha iSikhumbuzo sama-40 seziDube-dube zaseSoweto, esibonakalisa umzabalazo wobugorha wolutsha lowe-1976. USuku loLutsha leSizwe belubhiyozelwa phantsi komxholo othi “ULutsha luQhubela uMzantsi Afrika Phambili”.

Lo mbhiyozo wesizwe, nobukhokelwa nguMongameli uJacob Zuma kwiBala lemiDlalo lase-Orlando ngomhla we-16 kweyeSilimela, ubungomnye wemisitho ebibanjwe kweli lizwe jikelele ukuhlonipha indima yolutsha lowe-1976.

Urhulumente uyabaqinisekisa kwakhona abantu abatsha belizwe lethu ukuba umzabalazo wokufikelela komntu wonke kwimfundo kusahleli kungumba ophambili karhulumente.

Urhulumente akasayi kuphumla kude kube ifezekisiwe le njongo njengoko ichaziwe kumqulu wenkululeko yaza yaqaqanjiswa kuMqulu wamaLungelo akuMgaqo-siseko, nogqiba iminyaka engama-20 wamkelwayo.

Le nkqubo iqhubeka kule nyanga yonke inamaphulo aliqela enziwe ngurhulumente, abezoshishino noluntu ekuphakamiseni imiba yolutsha ngeendlela ezahlukeneyo.

1.4. UMzantsi Afrika usingathe ngokuyimpumelelo iNgqungquthela yeHlabathi yoNyaka yama-60 yeQonga leeMpahla zaBathengi (i-CGF), nathe uSekela Mongameli uCyril Ramaphosa wenza intetho kuyo. Oku komeleza ukunyuka kweli lizwekazi njengendawo yorhwebo lwabathengi ebonelela ngamathuba amatsha.

EMzantsi Afrika ushishino lweempahla zabathengi luhleli ilelona liqhuba uhlumo lwezoqoqosho. Imo yezoshishino yeli lizwe izinzile, idlamkile kwaye ilulungele urhwebo olwandileyo notyalo-mali. Utyalo-mali lwasekhaya nolwamazwe angaphandle lukhuselwe yimimiselo yezomthetho efanelekileyo.

Iinkampani ezahlukahlukeneyo zaseMzantsi Afrika kunye namashishini arhweba kwihlabathi jikelele angamalungu e-CGF enza urhwebo notyalo-mali eMzantsi Afrika, enza igalelo kuhlumo lwezoqoqosho lwethu nokudala imisebenzi.   

1.5. Isivumelwano sezorhwebo esitsha esityikitywe nguMphathiswa wezoRhwebo noShishino uRob Davies kunye neManyano yaMazwe aseYurobhu (i-EU) samkelwe. Oku kuza kukhokelela ekwandeni kweemveliso zezolimo zalapha eMzantsi Afrika ezithunyelwa kumazwe aseYurobhu. UMzantsi Afrika ukunye neBotswana, iLesotho, iMozambique, iNamibia neSwaziland zityikitye iSivumelwano soBudlelwane bezoQoqosho (i-EPA) ebekuthetha-thethwene malunga naso ne-EU.

I-EPA ibonelela ngamathuba aphuculiweyo okuthunyelwa kumazwe e-EU kweemveliso zaseMzantsi Afrika, kuquka nokunyuswa komlinganiselo omiselweyo kwiwayini kunye nokuthunyelwa okokuqala kweswekile ne-ethanol okokuqala. Phantsi kwesi sivumelwano sitsha, urhwebo lokuthunyelwa kwewayini nguMzantsi Afrika kumazwe e-EU olungahlawulelwa rhafu kulindeleke ukuba luphindaphindeke. ImiThetho yokuChaza iMvelaphi yeMveliso kwimpahla enxitywayo nayo icacisiwe ukuba ilandeleke lula kwaye kuza kukhuthaza urhwebo lokuthunyelwa kwempahla enxitywayo yaseMzantsi Afrika kumazwe e-EU.     

I-EPA ithatha indawo yesahluko sorhwebo kwiSivumelwano soPhuhliso lwezoRhwebo neNtsebenziswano, esatyikitywa ngowama-2000, phakathi kwe-EU noMzantsi Afrika.
Esi sivumelwano sikwabonelela ngokukhuselwa kweempawu ezichaza imvelaphi yeemveliso zaseMzantsi Afrika eziquka ikakhulu amagama eewayini zaseMzantsi Afrika, i-Rooibos, i-Honeybush ne-Karro Lamb.

1.6. Ukwakhiwa kweziko lobuchule okuxabise izigidi ezingama-500 eerandi eRhawutini okwenziwe yinkampani erhweba kwihlabathi jikele yase-United States, i-General Electric (i-GE), kwamkelwe kwaye oku kubonakalisa ukuba uMzantsi Afrika nelizwekazi yindawo efanelekileyo yotyalo-mali. Eli liziko le-10 elikumila kunje lale nkampani ehlabathini jikelele ize ibe lelokuqala e-Afrika. Esi sakhiwo sikwalikomkhulu elitsha le-GE Healthcare, nelilicandelo elisebenza ngezixhobo zobuchwepheshe zezempilo. Oku kubonakalisa ukuzinikela kwe-GE kwexesha elide kwilizwekazi nasekufumaneni izisombululo zobuchule kwiingxaki zeziseko ezingundoqo neengxaki zezempilo e-Afrika.  

Eli ziko liza kuvulela iinjineli ezingaphezulu kwe-100 ezivela kwabo babevinjwe amathuba ngaphambili amathuba okukhula kumakhondo azo. Kukwabonelelwe nangendawo yokusebenzela yeeprojekthi ezihambelanayo nokubonelela ngenkqubo yokulinga no-Transnet esebenzisana ne-GE kwiiprojekthi ezahlukeneyo zokwenziwa kweentsimbi zokwenza isiporo apha ekhaya. Eli ziko likwanomqweno wokuxhasa uphuhliso lwamashishini amancinci akwaziyo ukuthengisela abathengi balapha ekhaya kunye nezo zinokukwazi ukuthengisela namanye amacandelo e-GE kwihlabathi jikelele. IKhabhinethi imema zonke ezinye iinkampani ezirhweba kwihlabathi jikelele ukuba zizeke mzekweni zilandele umzekelo ka-GE.  

1.7. IKhabhinethi iyakwamkela ukugqitywa kwesigaba sokuqala sokuvuselelwa kweZiko lezoShishino laseBotshabelo eFreystata, nelaphehlelelwa nguMphathiswa uDavies.
Isigaba sokuqala sokuvuselelwa siquka ukuphuculwa kweziseko ezingundoqo zezokhuselo, ukubiyela ngocingo, ukufakwa kwezibane ezitalatweni kwakunye nezinye iziseko ezibalulekileyo zezombane ezibetha kwiindleko ezizizigidi ezingama-24 zeerandi. Le yinxalenye yemali ezizigidi ezili--189 zeerandi ezityaliweyo ukwenza umsebenzi kwiipaka ezintandathu eziphambili nezinxulumene neSicwangciso soMgaqo-nkqubo wokuSebenza kwezoShishino (i-IPAP). Eli Ziko lezoShishino laseBotshabelo liza kudalela abantu baseBotshabelo nemimandla eyingqongileyo imisebenzi, ukukhuthaza ukuvulwa kwemizi-mveliso emininzi nohlumo lwamamashishini amancinci nookopolotyeni, ukutsala utyalo-mali nokukhuthaza ukuvelisa.

1.8. Ukuhlangabezana neemfuno zamanzi koMasipala weNgigqi iMoqhaka, iKhabhinethi iyakwamkela ukuphehlelewa kweSikhululo sokuCocwa kwaManzi aMdaka sase-Kroonstad nguMphathiswa wezaManzi noGutyulo, uNksz Nomvula Mokonyane.

Lo mmandla uthwaxwe kanobom yimbalela yakutshanje kwaye zibangele ukuba izinga lamanzi lehle kakhulu. Kuye kwanikezelwa ngeeloli zokuthutha amanzi kwaza kwamiselwa namalinge exesha elifutshane nawelide aquka ukubhorwa nokuvuselelwa kwemingxuma ekutsalwa kuyo amanzi phantsi komhlaba e-Kroonstad ukongeza ubonelelo lwamanzi.  

1.9. UMongameli uJacob Zuma ebezimase iNgqungquthela eQhelekileyo yesi-6 yeNkomfa yeHlabathi yoMmandla weGreat Lakes (i-ICGLR) phantsi komxholo othi: “Ukukhawulezisa ukufezekiswa okusebenza ngokubonakalayo kweMimiselo neZivumelwano zayo ukwenzela uMmandla we-Great Lakes ophantsi kolawulo lwentando yesininzi ngokuthe chatha nozinzileyo”. Le ngqungquthela ixoxe, phakathi kweminye imiba, imeko yezopolitiko neyokhuseleko kumazwe akuMmandla we-Great Lakes aquka iSouth Sudan, iBurundi, iDemocratic Republic of Congo (i-DRC) neCentral African Republic (i-CAR), kwaye ingxelo epheleleyo yeNgqungquthela ye-ICGLR) iza kunikezelwa kwiNgqungquthela yeMbumba yamaZwe ase-Afrika (i-AU). UMongameli uZuma uthe ngoku kunentlantsi yethemba eyandayo yokuba imiba ebingalawuleki yemilo yangaphambili nozinzo kuMmandla we-Great Lakes iza kusonjululwa.   

1.10. ISikimu seSizwe soNcedo ngeMali yokuFunda (i-NSFAS) ixhase ngezimali abafundi bemfundo ephakamileyo abangaphezulu kwesigidi esiyi-1.7 ukususela oko yaqalayo. Esi sikimu sibonelela ngoncedo lwezezimali abafundi abaphuma kwiintsapho ezihluphekileyo nezo zisebenzayo kodwa zitsala nzima. Ukuqinisekisa ukuba oku kwenzeka ngendlela ezinzileyo, u-NSFAS uqokelela intlawulo yokubuyisa le mali-mboleko yabafundi. Le ntlawulo yokubuyisa le mali-mboleko yabafundi iqinisekisa ukuba le ngxowa-mali inemali eyaneleyo yokunceda abanye abafundi kwilixa  elizayo. Oku kunceda ukufikelela kwimfundo ephakamileyo nokwandisa imfundo noqeqesho, nokuphumelela kuyo, ekuqhubeni iinjongo eziphambili zoMzantsi Afrika zophuhliso lwabantu nesizwe.   

IKhabhinethi ibongoza bonke abo bathe baxhamla ngoncedo lwe-NSFAS baphangelayo ukuba mabaqhagamshelane nee-ofisi ze-NSFAS baze baqalise ukwenza intlawulo yokubuyisa imali-mboleko yabo ye-NSFAS. Luxanduva lwakho ukuba udlale indima yakho ekuncedeni abanye abafundi abadinga uncedo lwezezimali ngoku.
 
2. Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1. IKhabhinethi yazisiwe ngephulo elilelinye elinokusetyenziswa endaweni ye-Intanethi ukuphucula ukulawulwa kolwazi, elibizwa ngokuba luYilo lweZinto ze-Intanethi (i-DOA). IKhabhinethi iphumeze olunye utyalo-mali ekuphuhliseni nasekugunyaziseni iphulo le-DOA ngokuthi uMzantsi Afrika ube ngomnye wabaLawuli bokuQala abaNinzi bothungelwano lwe-DOA ehlabathini jikelele. Obu buchwepheshe benza igalelo ekufezekiseni iinjongo eziphambili zesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) ngokuphucula izakhono zoMbuso ekufumaneni isisombululo zobuchule kwimingeni enzima kakhulu. Ikwaxhobisa unikezelo-nkonzo ngeenkqubo ezifana neenkonzo zikarhulumente ze-intanethi nokhuseleko lobuqhophololo obenziwa ngokusebenzisa i-intanethi. Uncedo lokusebenzisa i-DOA ukulawula ulwazi luza kukhula luze luphucule izakhono zeli zobuchwepheshe be-intanethi size sizakhele ezethu iinkqubo zekhompyutha ezifanele thina kanye ngokusebenzisa iiNkqubo zeKhompyutha eziVuleleke kuMntu Wonke. Oku kuza kwenza igalelo ekuphuhliseni ushishino lweenkqubo zekhompyutha lwalapha ekhaya nokuphucula iinkqubo zokulawulwa kolwazi nengeniso kurhwebo lokuthunyelwa kweempahla kumazwe angaphandle. Olunye uncedo lelokuba i-DOA iyahambelana kwaye iyasebenziseka  kuninzi lweenkqubo zeekhompyutha ezikhoyo kwi-intanethi. Oku kuza kuvumela ukuba urhulumente onge kwiindleko ezingapheliyo zeenkqubo zekhompyutha angumnini wazo.    

2.2. Ngokulandela isicelo esivela kwiKhomishini ye-AU, iKhabhinethi ikuvumile ukuba uMzantsi Afrika mawusingathe iNgqungquthela yase-Afrika yokuLawula i-Intanethi (i-IGF) kweyeDwarha yowama-2016. ULawulo lwe-Intanethi luquka  imiba emininzi yezentlalo neyezopolitiko. Oku kuquka ukuthatha inxaxheba kuqoqosho olwenziwa ngokusebenzisa ikhompyuthai, ilungelo-bunini lemisebenzi yobugcisa bengqondo, ukhuseleko  kwi-intanethi nobumfihlo nokufikelela kwimithombo yobuchwepheshe engundoqo, efana namagama emimandla yolawulo kwikhompyutha kunye needilesi zokuphawula ubuxhakaxhaka bekhompyutha ezenza ukuba iinkonzo ze-intanethi zikwazi ukusebenza.  

Ukusingatha i-IGF yase-Afrika kubonelela i-Afrika ngeqonga lokuphuhlisa ubuchule bokuthatha inxaxheba kuqoqosho lwe-intanethi yehlabathi jikelele nokubaluleke kakhulu kuphuhliso loqoqosho lwamazwe ase-Afrika. Okwangoku uqoqosho lwe-intanethi luxabisa malunga nama-59 eebhiliyoni zeerandi eMzantsi Afrika.

Le ngqungquthela ikwabonelela oorhulumente base-Afrika ngeqonga lokumisela i-ajenda yakwamkela isimo esifanayo kuLawulo lwe-Intanethi. Oku kulandela iziphumo ezivela kwiNgqungquthela yeHlabathi yeNdibano yeZizwe Zonke ezingamaLungu eZizwe eziManyeneyo ngeNgxelo ekwiNqanaba eliPhezulu yeHlabathi eliLawulwa luLwazi kweyoMnga yowama-2015. Oku kungqina kwakhona isiBhengezo saseTunis, sokuba uLawulo lwe-Intanethi ngumthombo wehlabathi jikelele ekufanelwe ulawulwe zizizwe ezahlukeneyo, ngendlela engafihlisiyo nephantsi kolawulo lwesininzi, apho bonke abadlali-ndima ababalulekileyo babandakanyeka bonke kuyo. Oorhulumente base-Afrika nabo baza kufumana ithuba lokufakana imilomo namacandelo abaluleke kakhulu kwabo babandakanyekayo  kwishishini neenkonzo ze-intanethi ngenjongo yokukhuthaza ukubonelelwa ngokulinganayo ngeenkonzo nezixhobo zokusetyenziswa kwei-ntanethi.

3. Imisitho ezayo

3.1. Namhlanje, umhla wma-23 kweyeSilimela yowama-2016 uMongameli uZuma utyelele iProjekthi yeZindlu zaBantu baseMaphandleni abaXhotyisiweyo iVulindlela (i-EPHP) kuMasipala weNgingqi Umsunduzi kwiphondo laKwaZulu-Natal ukubhiyozela ukunikezelwa kwezindlu zikarhulumente kunye nezo zinezaphulo ezingaphezulu kwezigidi ezine ukususela ukufika kolawulo lwentando yesininzi ngowe-1994.

Kwiphondo laKwaZulu-Natal, urhulumente unikezele ngezindlu kunye nezo zinezaphulelo ezingaphezulu kwama-700 000 eziquka izindlu ezingama-12 000 kwiProjekthi yeziNdlu zaseMaphandleni iVulindlela nezakhiwe nge-EPHP. I-EPHP yinkqubo apho abaxhamli babandakanyeka ngokumandla ekuthathweni kwezigqibo malunga nohlobo lwendlu eza kwakhiwa kunye nendlela eza kwakhiwa ngayo, kwaye bathatha inxaxheba nasekwakhiweni kwezindlu zabo.

3.2. UMongameli uZuma uza kuthatha uHambo lwasebuRhulumenteni oluya eFrance phakathi komhla we-10 nowe-12 kweyeKhala yowama-2016, njengenxalenye yokomeleza ngakumbi ubudlelwane phakathi kwala mazwe mabini.

Kolu tyelelo uMongameli uza kuzimasa iSikhumbuzo seMinyaka eliKhulu seDabi laseDelville Wood leMfazwe yokuQala yeHlabathi, ngomhla we-12 kweyeKhala yowama-2016, apho uninzi lwamajoni aseMzantsi Afrika aphulukana khona nobomi bawo.

Nangona iSikhumbuzo saseDelville Wood sihlonipha amajoni aseMzantsi Afrika, imigaqo-nkqubo karhulumente wocalucalulo welo xesha ubungabaquki abemi baseMzantsi Afrika abaNtsundu abasweleka ngexesha lalo mfazwe ngeli xesha amhlophe wona amajoni angcwatyelwa kwindawo yeSikhumbuzo saseDelville Wood.

Esi sikhumbuzo siphantsi kweemeko emandla yenguqu ukubonakalisa imbali engendima eyadlalwa ngabemi baseMzantsi Afrika abantsundu kwiMfazwe yokuQala nakweyesiBini yeHlabathi nokubanika imbeko nentlonipho ebafaneleyo. Kule meko, uMongameli uza kunika intlonipho amajoni antsundu e-Arques-la-Bataile.

3.3. UMongameli uZuma uza kukhokela igqiza lwaseMzantsi Afrika ukuya kwiSeshoni yesiQhelo yama-27 yeNdibano ye-AU, emiselwe ukuba iza kuqhubeka ukususela kumhla we-13 ukuya kowe-17 kweyeKhala yowama-2016 eKigali, eRwanda. Le ngqungquthela iza kuqhubeka phantsi komxholo othi: “Owama-2016, uNyaka we-Afrika wamaLungelo oLuntu ngokugxile ngokukodwa kumaLungelo waBantu baseTyhini.” Unyaka wama-2016 uphawula amaphumo abalulekileyo kwiinkqubo zabantu basetyhini belizwekazi nabehlabathi jikelele yomakulingwane ngokwesini nokuxhotyiswa kwabantu basetyhini. Ngokwelizwekazi, sisikhumbuzo sama-30 eminyaka yokuqalisa ukusebenza koXwebhu lwase-Afrika kumaLungelo oLuntu nawaBantu ngowe-1986 nokuqalisa kwesigaba sesibini seShumi lemiNyaka yabaseTyhini base-Afrika 2010-2020. Ngokwehlabathi jikelele, unyaka wama-2016 ngowesikhumbuzo seminyaka engama-36 ukususela kwamkelwa iSivumelwano seZizwe eziManyeneyo (UN) sokuShenxiswa kwazo Zonke iiNdidi zoCalucalulo oluchasene naBantu baseTyhini nesikhumbuzo seminyaka engama-21 sesiBhengezo saseBeijing sowe-1995 kunye neQonga lokuThatha amanyathelo, nelingumgaqo-nkqubo wehlabathi jikelele ongundoqo kumakulingwane ngokwesini. IiNtloko zeMibuso nooRhulumente ziza kuqwalasela ingxelo yeBhunga loXolo noKhuseleko leZizwe eziManyeneyo ngobume boxolo e-Afrika. Ukongeza apho, le mbizo iza kuqwalasela ize yamkele uhlahlo lwabiwo-mali olucetywayo le-AU lowama-2017.  

3.4. UMongameli uZuma uza kukhokela negqiza likarhulumente waseMzantsi Afrika ukuya kwiMbizo engaQhelekanga yaMazwe oPhuhliso lwe-Afrika eseMazantsi (i-SADC) i-Double Troika, ezakubanjelwa eGabarone, kwiRhiphabliki yaseBotswana ngomhla wama-28 kweyeSilimela yowama-2016. Le ngqungquthela kulindeleke ukuba iqwalasele iimeko yezopolitiko neyezokhuseleko kummandla we-SADC, inike ingqwalasela emandla kwimeko yaseLesotho.

3.5. Eli lizwe likulungele ukusingatha iNkomfa yama-21 kaGawulayo yeHlabathi ukususela ngomhla we-18 ukuya kowama-22 kweyeKhala yowama-2016 kwiZiko leNgqungquthela leZizwe-ngezizwe Inkosi Albert Luthuli eDurban. Ukuqala kwale nkomfa kungqamana noSuku lweHlabathi likaNelson Mandela ngomhla we-18 kweyeKhala.

Abantu baseMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba babelane nabanye ngebali lethu baze babonise nangenkqubela encomekayo eyenzeka eMzantsi Afrika ukususela kwiNgqungquthela yeHlabathi kaGawulayo yokugqibela eyayibanjelwe eDurban ngowama-2000.

UMzantsi Afrika utyale kakhulu imali kumaphulo  awo okulwa noGawulayo kule minyaka mithandathu idlulileyo, into leyo ekhokelele ekubeni ube neyona nkqubo yokuthomalalisa iNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) inkulu ehlabathini, nethe yasindisa izigidi zabantu yaze yandisa nexesha lokuphila komntu.

Ezinye izinto eziyimpumelelo ziquka iPhulo loLuleko lweNgqondo noVavanyo (i-HCT) elithe lavavanya abantu baseMzantsi Afrika abazizigidi ezili-18 kwixesha leenyanga ezili-18, apho izigidi ezili-10 zabantu baseMzantsi Afrika zivavanya qho ngonyaka. Ukusweleka okunxululmene ngoGawulayo eMzantsi Afrika kwehlile ukusuka kuma-320 000 ngowama-2010 ukuya kwi-140 000 ngowama-2014, ize usuleleko lomntwana ngunina lwe-HIV lwehle ukusuka kuma-70 000 eentsana ngowama-2014 ukuya kutsho ngaphantsi kwama-7 000 ngowama-2015.

Isifo sephepha (i-TB) sesona sifo sibonisa ukusweleka ngenxa ye-HIV nangona inani labasweleka ngenxa ye-TB lehlile ukusukela kuma-70 000 ngowama-2009 ukuya kutsho ngaphantsi kwama-40 000 ngowama-2014. I-TB isahleli isesona sifo sibualala abantu abaninzi  kuzo zonke izifo ezosulelayo kwilizwe lethu nasehlabathini jikelele. Urhulumente sele evavanye ngokuyimpumelelo amawaka-waka abantu kumacandelo asemngciphekweni wokwasuleleka angala: iijele, imimandla yasemigodini kunye nemimandla ekufutshane nemigodi.

Iinkqubo zokukhusela zikwabeka phambili ukukhuselwa kwabantwana abangamantombazana nabasetyhini abasebatsha abaneminyaka yokubadala ephakathi kwe-15 nama-24 kwaye zigxile ekunciphiseni usuleleko, ukunciphisa ukukhulelwa kwabantwana; ukunciphisa ukuxhatshazwa ngokwezesondo nakwisini; ukugcina amantombazana esikolweni ade afike kwiBanga le-12; nokwandiswa amathuba ezoqoqosho kwabasetyhini abasebatsha ukuzama ukubathintela kumadoda amadala angamaxhalanga.

3.6. Urhulumente ngoku ubhiyozela iVeki yabaSebenzi bakaRhulumente ukususela ngomhla wama-22 ukuya kowama-26 kweyeSilimela yowama-2016, neyinxalenye yenkqubo karhulumente ye-Batho Pele (aBantu kuQala). Ukukhuthaza iinqobo ezisesikweni ezintle, ukuziphatha ngokulungileyo nokuzingca kwabasebenzi bakarhulumente kukhuthaza iindlela eziphucukileyo zokunikezela ngeenkonzo ezisemgangathweni.   

Urhulumente ukwaphawule ukuba namhlanje, umhla wama-23 kweyeSilimela yowama-2016 luSuku lwe-Afrika lweeNkonzo zikaRhulumente, nolukhuthaza amazinga kakrhulumente awohlukeneyo ukuba asebenzisane ngokusebenzisa ubuchule obugqithisileyo bemithombo karhulumente embalwa ukwenzela iziphumo eziphucukileyo.

IKhabhinethi ikhuthaza abasebenzi bakarhulumente ukuba babe phambili kunikezelo-nkonzo lweli lizwe baze basebenzise le veki ukukhangela iindlela zobuchule zokunikezela iinkonzo eMzantsi Afrika.

3.7. IKhabhinethi iyasamkela isigqibo seBhodi yoCando-mida kaMasipala sokusingatha ingqungquthela esingeNguqu yoCando-mida neSithuba ngomhla wama-23 nowama-24 kweyeSilimela yowama-2016. Le ngqungquthela iza kuquka abathunywa abavela kumasebe karhulumente, oomasipala, kwakunye namanye amazwe.
Le ngqungquthela ibonelela ngeqonga leengxoxo ezipheleleyo zocando-mida, ingakumbi imiba yokutshintshwa kwemida nokuthatha koluntu inxaxheba. Ilizwi loluntu libalulekile kule nkqubo kwaye onke amalinge okuqinisekisa ngamandla nangakumbi ngokuthatha inxaxheba koluntu okuluquka nangakumbi amkelekile.

3.8. Ukususela ngoLwesihlanu, umhla woku-1 kweyeKhala yowama-2016, abahlawuli berhafu bangaqalisa ngokusesikweni ukugcwalisa nokufaka iingxelo zabo zerhafu zowama-2016. Ixesha lerhafu liye lakhula laba bubudlelwane obubalulekileyo phakathi kukarhulumente nabahlawuli berhafu abenza igalelo elibaluleke kakhulu kwimali-ngeniso y yelizwe lethu. Eli lixesha elifika kanye ngonyaka apho  kubonakala ukusebenzisana okuhle phakathi kweQumrhu loMzantsi Afrika leeNkonzo zeRhafu  nabahlawuli berhafu, xa abahlawuli berhafu abangaphezulu kwezigidi ezine befake iingxelo zerhafu yeengeniso zabo. IKhabhinethi ikhuthaza bonke abahlawuli berhafu ukuba bafake iingxelo zerhafu yeengeniso zabo zonyaka ukususela ngomhla woku-1 kweyeKhala yowama-2016. Kungenxa yamalinge okuthobela kwabahlawuli berhafu okubangele ukuba uMzantsi Afrika uqokelele eyona mali iyimbali efikelele kwitriliyoni yeerandi kunyaka-mali wama-2014/15.    

4. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba engundoqo esematheni

4.1. IKhabhinethi iyabugxeka ubundlobongela bakutshanje obenzeka kwisiXeko saseTshwane nakwimimandla emelene nayo kwaye ibongoza abemi beli ukuba bazikhwebule ekwaphuleni umthetho nakuqhankqalazo oluhamba nobundlobongela.  Akukho naluphi na uhlobo lwesikhalazo esinokusetyenziswa njengesizathu sezenzo zobundlobongela nokutshatyalaliswa kwezakhiwo. Abo bafunyaniswe benetyala lokubangabenzi bolu lwaphulo-mthetho baza kujongana nengalo yoMthetho.

UMzantsi Afrika unolawulo lwentando yesininzi olusekelwe kumgaqo-siseko apho wonke ummi enelungelo lokuthatha inxaxheba kwiinkqubo zolawulo lwentando yesininzi. Ukuziphatha ngolu hlobo lungekho mthethweni kunyhasha amalungelo nokuhamba ngokukhululekileyo kwabanye. IKhabhinethi ibongoza uluntu ukuba malusebenzisane nee-arhente zogcino-mthetho ukuncothula abo badelela amalungelo omgaqo-siseko abanye.

4.2. Isigwebo seNkundla yoMgaqo-siseko kwityala likaMhlophe emangalele iKhomishini yezoNyulo eziMeleyo (i-IEC) sivula indlela eya kunyulo loorhulumente bemimandla ukuba luqhube ngomhla we-3 kweyeThupha yowama-2016 kusetyenziswa umqulu woluhlu lwabavoti oluqinisekisiweyo yi-IEC ngokulandela isibhengezo somhla wonyulo.

IKhabhinethi icela bonke abavoti ababhalisiweyo ukuba basebenzise ilungelo labo elikumgaqo-siseko elafumaneka nzima baze bakhethe abameli boorhulumente beengingqi ababathandayo. Urhulumente uza kusebenzisana ne-IEC nabo bonke abanye abadlali-ndima abalulekileyo ukuqinisekisa ukuba isigwebo esikhutshwe yiNkundla yoMgaqo-siseko sifezekiswa ngokupheleleyo.  

4.3. IKhabhinethi iyasamkela isibhengezo esenziwe ngu-Eskom sokuba uwadibanisile omane amacandelo kwisikhululo sakhe esitsha sokuphehla umbane esisebenza ngamanzi i-Ingula kuthungelwano lwesizwe lingekafiki ixesha ebelimiselwe.

Le projekthi ibize iibhiliyoni ezingama-25 zeerandi iqinisekisa ukuba akukho kunqongophala kombane kweli lizwe kwixesha elizayo ngokongeza iMegawathi ezili1 332 ngamaxesha okudingeka kakhulu kombane. Esi sikhululo sikulungele ukusebenza ngokupheleleyo ngowama-2017.

4.4. IKhabhinethi ibamkelela ekhaya abacimi-mlilo abebethunyelwe e-Canada ukuyakunceda ukucima imililo yamadlelo. Iqela lwaseMzantsi Afrika liye lakhululwa ukuba libuyele ekhaya emva kokuba kuqale iimvula ezinkulu.

Iqela lokuSebenza ngoMlilo lixhaswa ngezimali ngurhulumente, yinkqubo yokudala imisebenzi egxile ekufezekiseni uLawulo lweMililo eMzantsi Afrika. Bangaphezulu kwama-5 000 abafana nabasetyhini abatsha abaqeqeshwe ngokupheleleyo njengabacimi-mililo yamadlelo kwaye bakumaziko angaphezulu kwama-200 kuMzantsi Afrika jikelele. Abacimi-mlilo bathathwa kwiindawo  ezihlelelekileyo baze baqeqeshelwe ukwazi ngomlilo nemfundo, ukuthintela nezakhono zokucima umlilo. Iinkqubo zikarhulumente ezikwafanayo ziquka eyokuSebenza ngaManzi kunye neyokuSebenza ngaMandla apho urhulumente enza khona utyalo-mali kwimisebenzi egxile ekudaleni imisebenzi eyidalayo ize ikhusele ubutyebi yethu bendalo.   

Emva kokubuya kwabo, iSebe lezeNdalo liphanda isikhalazo semivuzo esenziwe ngabacimi-mlilo ukuze kufumaneke iziphumo ezingakhethe cala kubo bonke abadlali-ndima ebalulekileyo.

4.5. IKhabhinethi idlulisa amazwi ovelwano kwaba balandelayo:

  • Kusapho nabahlobo bakasaziwayo kanomathotholo nomabonakude uHope Zinde obesebenza njengentatheli kwiQumrhu lezoSasazo laseMzantsi Afrika (i-SABC) ngeminyaka yowe-90 kwaye wayesakuba lilungu lebhodi ye-SABC.
  • Urhulumente nabantu base-United States of America ngodubulo olwenzeke e-Orlando, eFlorida, oluthe lwakhokelele ekuswelekeni kwabantu abamalunga nama-50 nenkitha yabonzakeleyo.

4.6. Ukohlwaywa komthengisi-mhlaba nezindlu odla umhlala-phantsi uPenny Sparrow yiNkundla kaMalingwane yase-Umzinto KwaZulu-Natal, nothe wafunyaniswa enetyala ngokwenza intetho yentiyo, kusikhumbuza ukuba ukuziphatha ngale ndlela akuyikunyanyezelwa kwaye iinkundla zethu ngokuthe ziza kuwakhusela amalungelo awo onke amaxhoba obuhlanga, ingakumbi abo bangahoyekanga kwaye bengakwazi nokuzikhusela.
IKhabhinethi ixhalabile yinto yokuba nangona sineminyaka engama-22 siphantsi kolawulo lwentando yesininzi, iKhomishini yamaLungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika isabika ukwanda kwamatyala afakiweyo ezehlo zobuhlanga ezicacileyo neziphandle neentetho zentiyo. IKhabhinethi ibongoza abantu baseMzantsi Afrika ukuba bakhumbule ukuba yiyantlukwano yethu esenza ukuba somelele. Kufanele ukuba sonke sizamele ukwakha isizwe esingenabuhlanga.

5. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

5.1. I-Arhente yezoThutho lwezeNdlela lwaNgaphaya kweMida:

a. Ukuqeshwa kwakhona kukaMnu Sipho Khumalo njengeGosa eliyiNtloko lesiGqeba ixesha leminyaka emihlanu.

5.2. Amalungu eBhunga leSizwe eeNkonzo zezoLuleko:

a.    UJaji Mokgadi Mailula (uSihlalo);
b.    UJaji Zamani M Nhlangulela (uSekela-Sihlalo);
c.    UJaji Esther JS Steyn (uSekela-Sihlalo);
d.    UMnu Adriaan Bekker;
e.    U-Adv Sibongile Mzinyathi;
f.    UNksz Shishi Sello;
g.    UGq Kgamadi J Kometsi;
h.    U-Lt-General Julius T Molefe;
i.    UNksz Angela Magangoe;
j.    UMnu Mziwoxolo M Mfeketo;
k.    UNksz Nondumiso Gwayi;
l.    UMnu Ivan de Klerk;
m.    UNksz Teboho S Monyamane;
n.    UNksz Lusanda U Z Rataemane;
o.    U-Adv. Khavhareni A Mahumani;
p.    UMfu Jonathan Clayton;
q.    UNksz Amanda L Vilakazi;
r.    UGq Vanitha R Chetty; and
s.    UMnu Maluleka Nkopo.

Imibuzo:
Harold Maloka
Inombolo yoqhagamshelwano: 082 847 9799
 

Share this page

Similar categories to explore