INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-2 kweyoKwindla yowama-2016

1. Ukuphunyezwa kweenkqubo zikarhulumente ezingundoqo

1.1. IKhabhinethi iyamkele iNtetho yoHlahlo Lwabiwo-mali yowama-2016 ethe yenziwa nguMphathiswa wezeMali uPravin Gordhan ngomhla wama-24 kweyoMdumba yama-2016. Olu hlahlo lwabiwo-mali lubonakalisa ukomelela, ukuzinikela nokuba nobuchule njengoko sichankcatha kwelona xesha lakhe lanzima kwezoqoqosho ezimbalini.

Olu hlahlo lwabiwo-mali luhlangabezana noko eli lizwe likudingayo kwaye lukwadala intembeko kwezoqoqosho ngokubeka eli lizwe  kwindlela yohlumo lwezoqoqosho ethembakeleyo, ezinzileyo nedibene ngokuphilisayo.

Kwakhona iKhabhinethi iyawamkela amanyathelo abalulekileyo okugcina iindleko ziphantsi kwemo elawulekayo kwaye ikwazibophelela ekusebenzisaneni nawo onke amacandelo ekwenzeni igalelo kwilinge elidibeneyo lesizwe ukuphumeza umlima-ndlela omiselwe luhlahlo lwabiwo-mali.

1.2. IKhabhinethi iyakwamkela ukumiselwa kweQela looNondaba likaMongameli (i-PPC) nguMongameli uJacob Zuma. I-PPC izakuquka abahleli bezopolitiko, iintatheli zezopolitiko, oonondaba bezopolitiko neentatheli zezoqoqosho eziqinisekisiweyo ukuba zizo ezinegunya lokukhupha ingxelo nge-Ofisi kaMongameli ngokupheleleyo zihlale zisenza njalo rhoqo.  

Injongo ye-PPC kukubonelela amajelo eendaba ngokufikelela okuphuculiweyo kulwazi. Iza kuphucula ukufikelela kwamajelo eendaba kuMongameli ne-Ofisi kaMongameli, khona ukuze iqinisekise ukuba iintatheli nazo zifumana ulwazi neenkqubo ezizeleyo ukuze kuphucuke indlela ababhala kunye nabazikhupha ngayo iindaba. Amalungu eliqelaloonondaba aza kuthatha inxaxheba kwiitlanganiso noSekela-Mongameli okanye nawuphi na uMphathiswa omenyiweyo nguMongameli ukuba babelane ngeenkqubo ezibalulekileyo kwisizwe.  

1.3. IKhabhinethi ilincomile igalelo elenziwe nguMzantsi Afrika ekubuyiseleni uxolo eBurundi, ngokuhambelana nesibophelelo somgaqo-nkqubo wethu wezangaphandle ukuqinisekisa uxolo nozinzo kweli lizwekazi.

Kwakhona izamkele iziphumo zoThethathethwano oluquka bonke abemi baseBurundi obelubanjwe  ngethuba igqiza eliphezulu leeNtloko zemiBuso nooRhulumente leMbumba yase-Afrika (i-AU), ebelikhokelwa nguMongameli uZuma, belityelele eBujumbura eBurundi.

1.4. IKhabhinethi iyakwamkela ukuchongwa kukaMongameli uZuma nguNobhala Jikelele weZizwe eziManyeneyo (i-UN) uBan Ki-moon, ukuba abe ngusihlalo wesibini kwiKhomishini ePhezulu yeNgqesho kwezeMpilo noHlumo lwezoQoqosho ebambisene noMongameli u-François Hollande weRhiphabliki yaseFrance. Asikuko okokuqala ukuba uMongameli uZuma achongwe ngumbutho wehlabathi ukuba enze umsebenzi kwimibutho yehlabathi.

Le khomishini iza kuvuselela ukudalwa kwamathuba amatsha emisebenzi kwicandelo lezempilo kuwo onke amazwe jikelele, ingakumbi kulawo aphuhliswe kancinci. Oku komeleza nokuphunyezwa kwe-Ajenda yoPhuhliso oluZinzileyo yowama-2030, eza kunceda kakhulu ukuhlangabezana nemingeni entlantlu-ntathu yentswela-ngqesho, indlala nokungalingani.

1.5. IKhabhinethi iyakwamkela ukumiselwa koPhando lweSizwe loLuntu  lowama-2016 eMamelodi ePitoli nguMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli uJeff Radebe noSonkcukhacha-manani Jikelele uPali Lehohla. Uhlolo lwalo nyaka lwenziwa phantsi komxholo othi: “UMzantsi Afrika endiwaziyo, ikhaya endiliqondayo” kwaye lujongiswe kwimizi engaphezu kwe-1,5 sezigidi – lilolona lukhulu ukuza kutsho ngoku xa luthelekiswa nolo lwalwenziwe kwiminyaka emihlanu edlulileyo elafikelela nje kwimizi engaphezulu kwama-300 000. Olu hlolo luza kwenziwe kwinyaga kaTshazimpuzi zize iziphumo zifumaneke ekupheleni kweyeSilimela yowama-2016.

1.6. IKhabhinethi iyiqaphele ngenkxalabo ingxelo enikzelwe nguMbutho wezeMpilo weHlabathi kunye noMbutho weNtsebenziswano noPhuhliso lwezoQoqosho  kuPhando lweCandelo llezeMpilo olukhokelwa yiJaji uSandile Ngcobo. Le ngxelo ibonisa ukuba uMzantsi Afrika ubonelela ngezona nkonzo zezonyango zibiza kakhulu xa uthelekiswa namanye amazwe. IKhabhinethi iza kulinda kuqukunjelwe olu phando phambi kokuba iphefumle ngalo mba.

2. Izigqibo ezingundoqo zeKhabhinethi

2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwakweDrafti yesiCwangciso-qhinga sokuLwa iNgxaki yoNgcoliseko loMoya kwiiNdawo eziXineneyo Ezihlala Abantu abaMkela iMivuzo ePhantsi eMzantsi Afrika ukwenzela uluntu ukuba luhlomle. Esi sicwangciso-qhinga sigxile ekuboneleleni ngendlela egxile ekuzinikeleni ukusebenza ngezinga eliphezulu longcoliseko kolunye loluntu oluhlala kwiindawo ezixineneyo nolwamkela imivuzo ephantsi. Sibonelela ngendlela elungeleleneyo ekuphumezeni amalinge okunciphisa ukuvutha kwezibaso emakhayeni. Olu ngenelelo lelokuqinisekisa ukuba le mimandla iyathobelana neMimiselo yoMgangatho weziRhangqo yeSizwe. Esi sicwangciso-qhinga sigxilileyo siza kuxhasa isicwangciso-qhinga sesizwe esikhoyo ukuhlangabezana nongcoliseko lomoya kweli lizwe.  

2.2. IKhabhinethi ikwamkele ukuba urhulumente abe lelinye lamahlakani aza kusingatha iNgqungquthela yeZizwe-ngezizwe kaGawulayo yama-21 (i-AIDS 2016) ndawonye noNombutho eHlabathi kaGawulayo kwiZiko leNgqungquthela yeZizwe ngezizwe (i-ICC) eDurban ukususela ngomhla we-18 ukuya kowama-22 kweyeKhala yowama-2016. Ukusingatha le ngqungquthela kuza kuqhubela phambili indlela ilizwe lethu elihlangabezana ngayo neeNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) nesifo sephepha (i-TB) ngeli xesha kwangaxesha nye lisenza impembelelo komnye weyona mingeni iyeyona ibalulekileyo eMzantsi Afrika, kummandla welizwekazi nakwihlabathi.

Le ngqungquthela iza kubonelela abaphandi abavela kwiinkalo zonke zehlabathi ngeqonga lokwabelana ngeenkqubo zobunzululwazi zala maxesha kweli candelo, ukufunda kubuchule bomnye nomnye nokuphuhlisa ubuchule bokuqhubela phambili onke amacala kumalinge wethu ahlangeneyo okunyanga nokuthintela i-HIV.

3. Umthetho oYilwayo

3.1. IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa koMthetho-siHlomelo wezoThutho zaseMhlabeni weSizwe wama-2015 ePalamente, ohlomela uMthetho wezoThutho zaseMhlabeni weSizwe, wama-2009 (uMthetho we-5 wama-2009). Ezi zilungisoo zoMthetho wezoThutho zaseMhlabeni wama-2009 ziza kuqhubela phambili inkqubo yokuguqula nokumisela ngokutsha inkqubo yezothutho zasemhlabeni yesizwe. Oku kuza kwenza igalelo kwinkonzo yezothutho kawonkewonke ekhuselekileyo, efikelelekayo, enobuchule nesebenzayo.

Lo Mthetho uYilwayo ubonelela ngophuhliso olutsha kwicandelo lezothutho kawonkewonke. Ubonelela ngesikhokelo ekukho phakathi kwaso, izithuthi ezingezo moto; iinkonzo zezothutho ezibizwa ngezixhobo zobuchwephetshe nokuphawulwa kwezithuthi zikawonkewonke ngokutsha ngokusebenza ngendlela ephucukileyo. Ukwabonelela ngokucacisa ngengcaciso kwinkqubo yokudluliselwa kwamagunya nemimiselo ngokumayela nokukhutshwa kweelayisenisi zokuqhuba izithuthi zikawonkewonke.

Lo Mthetho uYilwayo uza kubonelela ngokuqaliswa koThungelwano lwezoThutho lukaWonkewonke oluDibeneyo kwaye luyinxalenye yeProjekthi ye-7 yesiCwangciso seziSeko ezinguNdoqo seSizwe, sigxile ekusebenziseni uphuhliso olulungeleleyo ezidolophini nothungelwano lwezothutho oludibeneyo ukumisela izixeko njengonobangela wohlumo.

4. Imisitho ezayo

4.1. UMongameli uZuma uza kuya luTyelelo lwasebuRhulumenteni kwiFederal Republic of Nigeria ukususela ngomhla we-8 ukuya kowe-9 kweyoKwindla yowama-2016. Olu tyelelo lwasebuRhulumenteni luza kuqinisa ubudlelwano obuphakathi kwalamazwe mabini nokuqhubela phambili urhwebo oluphakathi kwemimandla yala mazwe.

4.2. INyanga yamaLungelo oLuntu kweyoKwindla yowama-2016 iza kubhiyozelwa phantsi komxholo othi: “UMzantsi Afrika umanyene ukulwa nobuhlanga.” ISebe lezobuGcisa neNkcubeko limisele inkqubo ebude buyinyanga equka iintlanganiso ezimalunga nokusebenzisana  ukuze kwakhiwe isizwe esingenabuhlanga, esingacaluli ngokwesini, esilinganayo nesilawulwa ngentando yesininzi.

IKhabhinethi icela abemi boMzantsi Afrika ukuba bahlomle kwisiCwangciso sokuSebenza seSizwe sokulwa ubuHlanga, uCalucalulo ngokobuHlanga, iNtiyo yabaSuka kuMazwe angaPhandle kunye neminye imiKhuba yokungaNyamezelani (sowama-2016-2021) phambi komhla wama-30 kweyeSilimela yowama-2016. Esi sicwangciso sibonelela ngesiseko somgaqo-nkqubo kawonkewonke wokulwa nocalucalulo ngokobuhlanga okuza kunceda ukunika impembelelo kwisibophelelo sethu samalungelo oluntu ezizwe-ngezizwe.
    
4.3. INgqungquthela ye-Russia ne-Afrika yokuLwa neziYobisi kwi-ICC yaseDurban ukususela ngomhla we-8 ukuya kowe-9 kweyoKwindla yowama-2016 lubonelela ngeqonga lokuqinisa isiCwangciso esiyiNtloko seziYobisi seSizwe (sowama-2013-2017).

Umlo wokulwa iziyobisi ezingekho mthethweni uyahambelana neSicwangciso soPhuhliso seSizwe kwaye le ngqungquthela iphantsi kwemiqondiso emihle ye-AU ukusebenzela isibophelelo ngokwemimiselo efanelekileyo ye-UN yeziVumelwano zoLwaphulo-mthetho oluHleliweyo Phakathi kwaMazwe amaBini neziYobisi, isiCwangciso soMsebenzi se-AU (2013-2017 nezindululo zamazwe e-BRICS (i-Brazil, Russia, India, China noMzantsi Afrika).  

Le ngqungquthela ilandela iNgqungqthela ye-Russia ne-Afrika yokuLwa iziYobisi, eligxile ekubonakaliseni imo edibeneyo yokuba iinkokheli zehlabathi zizimisele kangakanani ukuqubisana neengxaki yeziyobisi phakathi kwezizwe ngezizwe. Esi sicwangciso siza kuthiwe thaca kwiNdibano eNkulu eKhethekileyo ye-UN kwekaTshazimpunzi yowama-2016. 

4.4. Urhulumente – ngokusebenzisana ne-ofisi kaNobhala wamaZwe aye ngamaThanga, iDyunivesithi yaseMzantsi Afrika (i-UNISA) ne-Arhente yoPhuhliso loLutsha yeSizwe – uza kusingatha  iNgqungquthela yesibini2 yamaZwe ayesakuba ngamaThanga ngoMsebenzi woLutsha kwikhampasi yase-UNISA ePitoli ukususela ngomhla- we-8 ukuya kowe-10 kweyoKwindla yowama-2016. Le ngqungquthela iqhubeka phantsi komxholo othi: “Bandakanya uLutsha eKwakheni iSizwe: iNdima yabaSebenzi abaluLutsha” nokuphinda kuhlolwe indima yamagcisa alulutsha  olusebenzayo nabahlohli bamaziko emfundo ephakamileyo ekubandakanyeni ulutsha kuphuhliso lwamazwe walo.

5. Uluvo lwekhabhinethi kwimiba engundoqo ngokusingqongileyo

5.1. IKhabhinethi izeka mzekweni kumyalezo kaMongameli uZuma ngokudingeka kokuhlonitshwa kwamaziko neenkqubo ezidalwe ngokwemimiselo yomgaqo-siseko weRhiphabliki yoMzantsi Afrika yowe-1996 nomthetho. UMongameli uZuma uyasebenza ngemeko yoMkhomishinala weZiko loMzantsi Afrika leeNkonzo yezeRhafu yaseMzantsi Afrika noMphathiswa wezeMali ngokulandela iindlela ezifanelekileyo esebenzisa izikhokelo ezifanelekileyo zezomthetho.  

UMongameli umisele iinkqubo zokuhlangabezana nalo mba ngokufanelekileyo nangoxolo ukwenzela uncedo lwethu sonke. IKhabhinethi ibongoza onke amaqela achaphazelekayo ukuba azole azibambe, aze anikeze ithuba lokuba lo mba usonjululwe ngokusebenzisa iindlela ezifanelekileyo.

5.2. IKhabhinethi ibongoza bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba babhalisele uNyulo looRhulumente baseKhaya lowama-2016 ngomhla we-5 nowe-6 kweyoKwindla yowama-2016. Unyulo loorhumente basekhaya, alufani nolwesizwe kuba koloorhulumente basekhaya kufanele ubhalise kwiwadi ohlala kuyo.

Kubalulekile ukuba ube neNcwadi yeSazisi (i-ID) – ziza kwamkeleka zombini i-ID eluhlaza enebhakhodi kunye neKhadi-Sazisi – nokukhangela isimo sokuba ubhalisile na, iinombolo yewadi kunye nokuba simi phi isikhululo sakho sokuvota. Zonke ii-ofisi zeSebe lemiCimbi yezeKhaya ziza kuba zivuliwe ukususela ngentsimbi ye-08:00 ukuya kweye-17:00 ngomhla we-5 nowe-6 kweyoKwindla yowama-2016, oku kuhambelana kunye namaxesha okusebenza eKhomishini yoNyulo eziMeleyo kwezi ntsuku zimbini.

IKhabhinethi ibongoza lonke ulutsha kunye nabo baza kuqala ukuvota ukuba babhalisele ukuvota. Ngokuvota kwakho uthathe inyathelo elibhekisele ekubeni ilizwi lakho livakale ekuthathweni kwezigqibo ezikuchaphazelayo nendawo ohlala kuyo. Oorhulumente basekhaya baxhomekeke kuwe.

5.3. IKhabhinethi iyalugxeka uqhankqalazo olunobundlobongela lwabafundi, noluthe lwaphazamisa izifundo kwezinye iidyunivesithi laze lakhokelela ekutshatyalalisweni kwezakhiwo nempahla. Aba baqhankqalazi bathintela abafundi abanelungelo ilungelo lokuqhuba ngezifundo zabo kwaye oko kunempembelelo engekho ntle kwilungelo labo lokufumana imfundo ephakamileyo. Urhulumente uvulele bonke abadlali-ndima ababalulekileyo kwezemfundo ephakamileyo iinkqubo zonxibelelwano ukwenzela iingxoxo nothethathethwano. Oko kukhokelele ekubuyeleni kwisiqhelo nokukhuthazwa kwentalo-ntle kwiidyunivesithi zethu ezifuna ukufumana isisombululo kwimingeni yexesha eliphakathi ukuya kweyelide edibene nokudalwa kwenguqu kwelicandelo njengoko ichazwe kwizindululo zeMbizo yeNguqu kwezeMfundo ePhakamileyo yowama-2015.  

IKhabhinethi iyawaxhasa amalinge awenziwe zi-arhente zogcino-mthetho ukuqinisekisa ukuba isithethe sokufunda sibuyiselwe, kunye nokukhuselwa kwempahla nesakhiwo namalungelo womntu ngamnye. Ukulawula komthetho kubaluleke kakhulu kwaye kufanele kuhlonitshwe ngamaxesha onke. Ukubuyela esiqhelweni nenzolo kwiidyunivesithi kuyafuneka ukuze iinkqubo zezemfundo zikwazi ukuqhubeka ngeli xesha imingeni yexesha eliphakathi nelide kusazanywana nayo.       

IKhabhinethi iyabancoma abafundi abathe bema kunye bemanyene ukulwa ubuhlanga kunye nokulwa abo bazidla ngokuba nobuhlanga ngokugqithisileyo bechasa abamhlophe, oku kube ngumzekelo wokuba singasebenzisana sisonke ukwakha kwinkqubela neenzuzo ezenzwe kwicandelo lezemfundo ephakamileyo ukulungiselela lo nyaka wemfundo sikuwo. Kufuneka siyikhusele le nkqubela size sivumele ukubuya kocwangco nokululondoloza kuzo zonke iidyunivesithi zethu.

IKhabhinethi imema bonke abadlali-ndima ababalulekileyo ukuba basebenzisane ukuze iidyunivesithi zethu zibe ziinkokheli zomsebenzi oquka konke nenguqu.

5.4. IKhabhinethi ikuqaphele ukucetywa kokudibanisa iinkampani ezintathu ezenza iibhotile ukwenzela iNkampani ye-Coca Cola eMzantsi Afrika. IKhabhinethi iqaphele ukuba lo mba uza kuxoxwa kwiNkundla yoKhuphiswano. IKhabhinethi ivakalisa ukuxhalaba kwayo ngokulahleka kwemisebenzi okucetywayo nokuncitshiswa komsebenzi kwiintengiselwano zokudityaniswa kwazo. Ngenxa yezinga eliphezulu lentswela-ngqesho, iKhabhinethi ibongoza ezi nkampani ukuba ziqiniseke ukuba akukho kulahleka kwemisebenzi kwaye kuze kugcinwe izinga eliphakathi lengqesho.

5.5. IKhabhinethi iyavuyisana noNozakuzaku waseMzantsi Afrika kuMbutho woRhwebo weHlabathi (i-WTO), uMnu Xavier Carim, othe wonyulwa ukuba abe ngusihlalo weBhodi yokuLamla iMbambano yeBhunga Jikelele le-WTO. IBhunga Jikelele yeyona bhodi iphezulu ye-WTO yokuthatha izigqibo phakathi kweNgqungquthela yobuPhathiswa. Ukuchongwa kukaNozakuzaku uCarim uyinxalenye yobungqina bokubaluleka kwendima edlalwa nguMzantsi Afrika kwi-WTO kwaye iyinxalenye yobungqina beempawu zikaNozakuzaku uCarim.

5.6. IKhabhinethi isiqaphele isibhengezo seBarclays PLC sokuba nenjongo zokunciphisa ubunini-zabelo bayo zingama-62.3%i kwi-Barclays Africa Group Limited (i-BAGL) kule minyaka mibini ukuya kwemithathu ezayo. I-Baclays PLC, ngokukodwa iGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO), lithetha kunye nabo bobabini uNdyebo weSizwe kunye ngeBhanka enguVimba kothethathethwano olungafihlekelanga, kwaye siyakkwamkela ukuzinikela kwale nkampani ukuba iphumeze isicwangciso-qhinga sayo esitsha ngendlela eza kunciphisa impembelelo kuqoqosho apho iBAGL isebenza khona. IBhanka enguVimba iza kusebenza neBarclays PLC ne-BAGL ukuqinisekisa ukuba nayiphi na imingcipheko ekwintengiselwano iyathityazwa kuze kuthathwe amanyathelo afanelekileyo ukulawula ukungena nokuphuma kwemali kule ntengiselwano.

5.7. IKhabhinethi ibothulela umnqwazi bonke abo bafikelele kumagqibela kankqoyi nabo bathe baphumelela iMbasa yokuFundisa yeSizwe. Umsitho wazo ububanjwe ngomhla wama-27 kweyoMdumba yowama-2016. Aba titshala bakhutheleyo baliqhubela phambili ilizwe lethu ngokuqinisekisa ukuba amagumbi wabo okufundela avelisa abafundi abakhuthazekileyo abazokwenza igalelo ekuphuhliseni uMzantsi Afrika.

5.8. IKhabhinethi iyavuyisana neMarket Theatre eRhawutini ngokubhiyozela iminyaka engama-40 ikho. Ngexesha lucalucalulo iMarket Theatre yaba luphawu lomzabalazo ngokubalisa ibali loMzantsi Afrika eliyinyaniso.

5.9. IKhabhinethi iyavuyisana nootitshala womculo, uMnu Chad Hendricks, wase-Retreat kwi-Cape Flats ngokuphumelela uKhuphiswano lwabaCulisi oludumileyo i-Len van Zyl eKapa. Ibhaso lakhe liquka imali yokufunda yeenyanga ezintathu e-United States apho aza kufunda khona kwiPhiladelphia Orchestra aze aqeqeshwe ngodumileyo uNjingalwazi uVictor Yampolsky eChicago.

5.10. IKhabhinethi iyavuyisana nomvelisi wemidlalo-bhanyabhanya, uMnu Anant Singh, ngokufumana iwonga elikwindawo yesithathu ngomdlalo-bhanyabhanya i-uShepherds and Butchers kumsitho wokuWongwa ngabaBukeli wasePanorama woMdlalo Bhanyabhanya obuNtsomi kuMbiyozo woMdlalo Bhanyabhanya weSizwe-ngezizwe waseBerlin. Le yeyona mpumelelo inkulu njengoko lo mdlalo bhanyabhanya ubukhuphisana nemidlalo bhanyabhanya ingama-51 ebonisiweyo enobude bayo evela kumazwe angama-33.

6. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

6.1. Ukwandiswa kwesivumelwano sengqesho sikaMnu Lionel October njengoMlawuli-Jikelele (u-DG) kwiSebe lezoRhwebo noShishino, isithuba sexesha leminyaka emihlanu.

6.2. Ukuqeshwa kukaGq Mantlhake J. Mboya njengoSekela-Mlawuli-Jikelele: Umgaqo-nkqubo weKharityhulam noHlolo kwiSebe leMfundo esiSiseko.

6.3. Ukuqeshwa kukaNksz Shamilla Chettiar njenge-DDG: KwiiNkonzo zoMgaqo-nkqubo noLwazi kwiSebe lezoKhenketho.

6.4. Ukuqeshwa kukaMnu Mbulelo Tshangana njengoMlawuli-Jikelele kwiSebe lwezokuHlaliswa koLuntu.

6.5. Ukuqeshwa kwakhona kukaMnu Kutoane Obed Kutoane njengeGosa eliyiNtloko lesiGqeba kwiQumrhu le-Inshorensi yamaTyala eMpahla eThunyelwa kuMazwe angaPhandle lwaseMzantsi Afrika .   

6.6. Ukuqeshwa kukaMnu Vuyo Mafata njengoMkomishinala weMbuyekezo: KwiNgxowa-mali yeMbuyekezo kwiSebe lezabaSebenzi.

6.7. Ukuqeshwa kweQela lokuThatha iNtambo zoLawulo ixesha leminyaka emihlanu:
a) Nksz Neo Phakama Dongwana (uSihlalo);
b) Njing Stephanie Marie Luiz (uSekela-Sihlalo);
c) Njing Shirley Zinn (ilungu leqela);
d) Adv Rory Voller (ilungu elonyuliweyo);
e) Nksz Wendy Ndlovu (ilungu elonyuliweyo);
f)  Nks Annalie de Bruyn (ilungu elonyuliweyo); kunye
g) noMnu Nano Abram Matlala (ilungu leqela).

6.8. Ukuqeshwa kweBhodi yeQumrhu lezaMandla eNyukliya laseMzantsi Afrika yexesha leminyaka emithathu:

a) Mnu Nqaba Ngcobo;
b) Gq Namane Magau;
c) Gq Xolani Mkhwanazi;
d) Gq Alex SmangaTsela;
e) Nksz Rosemary Mosia;
f)  Gq Kelvin Kemm (uSihlalo);
g) Mnu Zibusise Comfort Ngidi;
h) Nksz Pamela Bosman; kunye
i)  noNkosana uKennedy Tshivhase.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams (isiThethi seKhabhinethi esiliBambela)
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore