INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-19 kweyeDwarha yowama-2016

1. Ukusebenza kweeNkqubo zikaRhulumente ezinguNdoqo

1.1. IKhabhinethi inqwenelela bonke abafundi impumelelo kwiimviwo zabo zonyaka wokugqibela. Abafundi bonyaka wama-2016 bakhuthazwa ukuba bagxile ngeli lixa bebhala iimviwo zowama-2016 zeSatifikethi esiPhezulu seSizwe (iSatifikethi seMatriki). Ezi mviwo ziqala ngokusesikweni ngomhla wama-24 kweyeDwarha yowama-2016 zize ziphele ngomhla wama-29 kweyeNkanga yowama-2016.

1.2. IKhabhinethi iyaphinda ihlaba ikhwelo layo lokuba isizwe siwaxhase onke amalinge okuba kukhuselwe izifundo zowama-2016 zingaphanzi. La malinge akhokelwa ngurhulumente esebenzisa iQela laBaphathiswa eliChongelwe uMsebenzi (i-Ministerial Task Team) libambisene nabafundi, abazali, iidyunivesithi nabanye abachaphazelekayoyindlela ebonisa ukuzinikela kwethu sidibene sisonke ekufuneni izisombululo zokulungisa icandelo lethu lezemfundo  ephakamileyo.

IKhabhinethi iyahambisana nezimvo zabafundi malunga nemingeni abajongene nayo yeemali eziphezulu zokufunda, indawo yokuhlala, iincwadi, ukuhamba ngezithuthi kwaneendleko zokuphila.

Okokuba akufundwanga, akwabhalwa neemviwo kwiidyunivesithi nasezikholejini kulo nyaka, phantse isigidi sonke sabafundi bematriki soze bakwazi ukwamkelwa kwimfundo ephakamileyo ngowama-2017.Okuza kwenzeka kukuba bonke abafundi ukususela kunyaka wokuqala ukuya kowokugqibela baza kuchaphazeleka kwaye ekugqibeleni noqoqosho lwethu nalo luchaphazeleke njengoko kungasayi kubakho abanezidanga zemfundo abatsha abanezakhono abangena emisebenzini.

Ngenxa yoko, abo bebeza kuphumelela babe ngoogqirha, iinjineli, abacwangcisi-mali, ootitshala kwanabanye abafundileyo abasayi kuba kwimeko yokuthabatha inxaxheba kuqoqosho.

IKhabhinethi iyawaxhasa ngokupheleleyo amalungelo okufunda akuMqulu weNkululeko nakuMgaqo-siseko nabekwe phambili kwisiSicwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP). Sikwalixhasa nelungelo lokufikelela kwimfundo ephakamileyo, ngokukodwa kwabo bangathathi ntweni.

UMqulu weNkululeko uthi “imfundo ephakamileyo noqeqesho kwezobugcisa iza kuvuleleka kuye wonke umntu ngezibonelelo zikarhulumente kunye ngenkxaso-mali yabafundayo efunyanwa kuba umntu efanele ukuyifumana.”

UMgaqo-siseko uphinda uthi, “Wonke umntu unelungelo lokuqhubekeka nemfundo ekufuneka urhulumente athabathe amanyathelo abhadlileyo okuyenza ibekho kwaye ifikeleleke.”

Ngenxa yokubuqonda ubukhulu bemingeni ekwimfundo ephakamileyo, uMongameli uJacob Zuma ulandisile inani lamalungu eQela laBaphathiswa eliChongelwe uMsebenzi ngokongeza aBaphathiswa bezoNxibelelwano, ezokuHlaliswa koLuntu, ezeZimali kunye nelezoPhuhliso loLuntu.  

Urhulumente ufumene amacebo amaninzi avela kwizigqeba ngezigqeba kunye nabo bachaphazelekayo.Inkqubo yobuchule sele ikho yokuwahlola, kwaye wakugqitywa umsebenzi, kuza kubonelelwa ngezintoyinto ekunokukhethwa kuzo ukujongana nale mingeni ikhoyo.

Urhulumente uza kuthatha namanyathelo okubonelela bonke abafundi abafanelwe siSkimu soNcedo lwezeZimali saBafundi seSizwe (i-NSFAS) ngokumana ezihlawula ixesha elide zonke iindleko zokufunda kwiiyunivesithi neekholeji ze-TVET. Urhulumente uza kuveza neendlela zokujongana nemingeni abajongene nayo abafundi “abalengalengayo” (“missing middle”) abangalufanelanga uncedo lwe-NSFAS ngokwemithetho yayo, kodwa bengenako ukuzihlawula zonke iindleko zokufunda ngaphandle koncedo oluthile.Konke oku kuza kwenzeka ngesantya nobubanzi obuxhomekeke ekukhuleni kwenani lababhalisayo noncedo olukhoyo.

IKhomishini yoPhando ngeMfundo ePhakamileyo noQeqesho kaMongameli iyaqhubekeka nomsebenzi wayo, kwaye iza kumnceda urhulumente ekuzeni nesisombululo sexesha elide sokufikelela kwimfundo ephakamileyo, ngokukodwa ngabo bangathathi ntweni.

UMphathiswa wezeZimali uza kuthi theca iNkqubo-sikhokelo yoMgaqo-nkqubo woHlahlolwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi (i-MTBPS) ngomhla wama-26 kweyeDwarha yowama-2016 eza kuba sisikhokelo sethutyana malunga nezimali zikarhulumente.

Kunyaka-mali wowama-2016/17, urhulumente wabele ezemfundo ephakamileyo imali eninzi kakhulu.Loo nto yenza iSebe lezeMfundo ePhakamileyo noQeqesho lifumane isabelo sohlahlolwabiwo-mali engama-49.2 eebhiliyoni zeerandi.

IKhabhinethi ikholelwa ekubeni kungokwenza kwethu utyalo-mali kwezemfundo kuphela njengelizwe apho sinokuba nenkqubela ebonakalayo ekujongeni imingeni emithathu yentswela-ngqesho, intlupheko nokungalingani. Urhulumente uzisabele izikhalo zabafundi kwaye uza kuluxhasa ngemali uhlengahlengiso lokunyuswa kwemali yokufunda ngowama-2017 ukuya kutsho kwi-8%, ahlawule ukunyuswa kwemali yokufunda ngokusebenzisa isabelo semali sokuvala izikhewu egameni labo bonke abangathathi ntweni, abavela kwiintsapho ezamkela imivuzo ephakathi kunye nabo bafundi kuthiwa “balengalengayo”, oko kukuthi, abafundi abanamakhaya afumana imivuzo efikelela kuma-R600 000 ngonyaka. Le nto ithetha ukuthi bonke abafundi abafanelekileyo be-NSFAS kunye nabo “balengalengayo” abasayi kunyuselwa mali yakufunda, kuba urhulumente uza kuyihlawula ipesenti yohlengahlengiso lwemali yokufunda. Le nkxaso yezimali iza kuba yimali elapha kwi-2.5 seebhiliyoni zeerandi, eyimali ebonelela abafundi abangaphaya kwama-70% zabafundi bebonke abaqalayo ukungenela isifundo sesidanga.

Bonke abachaphazelekayo kufuneka ngoko nangoko basebenzele ukuba iimeko zokuba kuqaliswe ukufunda zivume. Ukuqinisekisa ukuba ilungelo lokuqhubekeka ngokufunda liyafezekiseka, urhulumente uza kuqulunqa umhlahla-ndlela esebenzisana nabo bachaphazelekayo ngokufaneleyo ukuze kubekho inguqu kwiidyunivesithi neekholeji ze-TVET khona ukuze kudalekeamathuba okufunda, impumelelo, inkxaso-mali nenkxaso yabafundi kunye namaziko emfundo. Abaninzi abachaphazelekayo, kuquka kubo abafundi, iibhanki kunye namashishini beze namacebo awohlukeneyo okunceda ezemfundo ephakamileyo ngezimali, ngokukodwa abo bangathathi ntweni. Ngoko ke, iQela laBaphathiswa eliChongelwe uMsebenzi liza kuhlanganisa ndawonye bonke abachaphazelekayo ukuze kuziwe nomhlahla-ndlela oza kuhlahla indlela yesisombululo.

IKhabhinethi iyavuyiswa kukuqalisa kwezifundo kwiidyunivesithi ezininzi zethu, kwaye ibongoza bonke abafundi ukuba babuyele kumagumbi okufundela. Lixesha elinzima kakhulu eli malunga nenkqubo yokufunda kuba iimviwo sele zikufutshane kakhulu.

Urhulumente ukholelwa ekubeni amaxhala abafundi angaxovulwa ngokuthetha-thethana ngelixesha kufundwa.

Urhulumente soloko imxhalabisa into yokuqhambuka koqhankqalazo lwabafundi olunobubhovubhovu kwezinye zeedyunivesithi kweli lizwe.

Noxa ilungelo lokuqhankqalaza likhuselwe nguMgaqo-siseko, ayikho indawo yobubhovubhovu, izoyikiso kunye nokutshatyalaliswa kwempahla.

Bonke abachaphazelekayo kufuneka benze konke okusemandleni abo bathabathe onke amanyathelo afunekayo ukuze ukufunda kulo nyaka kungaphanzi. Iziphumo zoko kuphanza ziza kulumisa kakubi kakhulu uqoqosho, abafundi kwanabo baza kuhlalela iimviwo zematriki. Imfundo luxanduva lomntu wonke. Masisebenzisane sidibene ukuze imfundo ephakamileyo ibuyele emekweni eqhelekileyo ngenxa yekamva labantwana bethu nelizwe lethu.

1.3. IKhabhinehi ilwamkele utyalo-mali lweebhiliyoni ezi-3 zeerandi  eliziswe ngabakwa-Marriot International, nto leyo eza kwenza elona qela leehotele lakha lalikhulu ehlabathini ligqiba ukwakha iihotele ezintlanu ezintsha . Isaziso soko sibonisa ukulithemba kwabo eli lizwe abatyali-zimali nokuthembisa koqoqosho lwasekhaya.

1.4. UMzantsi-Afrika ubhengezwe njengelona lizwe libalaseleyo ekulawuleni amatyala kunye nokukhutshwa kwee-bond ngokuzimeleyo kwi-Afrika esemazantsi kweSahara. Eso saziso senziwe yi-Emerging Markets Newspaper, ephantsi kweNgxowa-mali yezeZimali yeZizwe-ngezizwe (i-IMF)_/ IiNtlanganiso zoNyaka zeBhanki yeHlabathi (i-World Bank Annual Meetings). Eli bhaso liza emva kokuba iBhanka yeHlabathi ikuvumile ukugqwesa kweli lizwe malunga namatiletile/nokwakheka kwamatyala. Ezi zincomo zingqina impumelelo eli lizwe elisoloko lizixhamla kurhwebo lwehlabathi kunye nobulumko eliphethe ngabo uqoqosho.

1.5. Utyelelo laseBurhulumenteni eKenya lokuqala lwentloko yombuso waseMzantsi Afrika uMongameli uJacob Zuma, oko kwathi kwangena umbuso wolawulo lwentando yesininzi, lwaquka igqiza loosomashishini elalisiya kudibana neQonga lezoShishino laseMzantsi Afrika. Elo gqiza laliza kuphonononga amathuba otyalo-mali noshishino.

Kwatyikitywa ezi zivumelwano zilandelayo: intsebenziswano yamapolisa, ulondolozo lwendalo ngokwahlukana kwayo nolawulo lwayo kwakunye noMzila wezoThutho ophakathi kweLamu neZibuko leSudan eseMazantsi neTiyopiya (i-Lamu-Port Southern Sudan-Ethiopia Transport Corridor).

1.6. ISeshoni yesiBini yeKomishini yaMazwe amaBini (Bi-National), uMzantsi Afrika neRiphabliki yaseNamibia, yabeka umnwe ekuzinikeleni kwethu sidibene ekuhlaziyeni imiba emacala amabini, eyommandla neyamazwe ngamazwe. ISivumelwano sokuQondana neNtsebenziswano  sezeMfundo ePhakamileyo sigqityiwe, kuquka nokutyikitywa kweZikhokelo zeKomiti eDibeneyo yeeNgcaphephe kuMda woMlambo iGqili.

1.7. Utyelelo ngokomsebenzi e-Vietnam nase-Singapore lukaSekela Mongameli uCyril Ramaphosa lwasetyenziselwa ukuvula amathuba oshishino notyalo-mali lwexesha elizayo kunye nokutsala amaQumrhu kaRhulumente ase-Singapore  ukuba atyale imali eMzantsi Afrika ngokusebenzisa ubuDlelwane bukaRhulumente noLuntungokuhambelana neSicwangciso esimaNqaku aliThoba saseMzantsi Afrika. . Kukwafumaneke nokuzibophelela kwe-Singapore ukuba incedise uMzantsi Afrika ekuphuhliseni izakhono kunye nokunyusa inani lezifundo zoqeqesho lwabafundi baseMzantsi Afrika ezikhoyo phantsi kweNkqubo yeNtsebenziswano ne-Singapore).

1.8. UMongameli uJacob Zuma uthethe kwiNkomfa yeeNtloko zamaZiko oZakuzo oMzantsi Afrika eyathi yanika zonke ezi ntloko zethu zamaziko ozakuzo iqonga lokwabelana ngezimvo ngemiba nezinto ezimele ukuba phambili ezinokuzinceda zilimele ngcono eli lizwe lethu. Njengabameli bethu kwamanye amazwe banoxanduva lokwakha ubuhlobo nothelelwano oluza kusinceda sizifezekise iinjongo zethu zeSicwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP). Ezi njongo luhlumo olubandakanyayo konke, imisebenzi nobomi obuphucukileyo babantu bakuthi.

1.9. Ukusabela iimfuno zoluntu nezamashishini, UMphathiswa wezaManzi noGutyulo uNomvula Mokonyane uza kuguqula isoyi yokwakhiwa kweSigaba sokuQala seProjekthi yaManzi i-Vaal Gamagara ebiza i-18 leebhiliyoni zeerandi, ngoLwesihlanu umhla wama-21 kweyeDwarha yowama-2016. Sakuba sigqityiwe esi Sigaba sokuQala, abaxhamli baza kuquka iifama zemfuyo ezili-14, iimigodi eli-12, iipaka ezisebenzisa imitha yelanga, kunye nabahlali baseKathu, Olifantshoek, nabaseHotazel, nto leyo eza kunceda abantu abangama-23 499.

1.10. Ukumiselwa kwesigaba sokuqala se-Isithebe Industrial Park evuselelweyo nebiza ama-49 ezigidi zeerandi eMandeni, KwaZulu-Natal, yinxalenye yeNkqubo yokuVuselela iiPaka zezoShishino zeSebe lezoRhwebo noShishino, kwaye ibekwe phambili njengefuna ukuvuselelwa.

Injongo kukuhlaziya iipaka zezoshishino ezezikarhulumente kweli lizwe jikelele liphela ngenjongo yokukhuthaza ushishino nokunyusa izinga lwalo lokudala imisebenzi nohlumo lwezoqoqosho lweli lizwe. Amashishini asebenza e-Isithebe anegalelo elibalulekileyo kuqoqosho lwalo mmandla, kwaye abonelela ngemisebenzi engama-20 000. Ngexesha lenkqubo yokuvuselela ali-15 amashishini amancinci aphakathi namakhulu achongelwe le projekthi ibiza i-6.3 sezigidi zeerandi neqeshe abantu abali-162.

1.11. Isaziso sokuba uMzantsi Afrika uza kuxhamla kwisivumelwano esitsha sorhwebo neManyano yaseYurophu (i-EU ngesiNgesi) siza kuphucula ukufikeleleka kwemveliso yoMzantsi Afrika zakuba zezikhethekileyo ngokufikeleleka kurhwebo lwe-EU. KwiSivumelwano soBudlelwane bezoQoqosho  (i-EPA) phantsi kwenkqubo-sikhokelo se-SADC-EU EPA nesithatha indawo yamagatya orhwebo esivumelwano esikhoyo samacala amabini phakathi koMzantsi Afrika ne-EU, esaziwa njengeSivumelwano sezoRhwebo, uPhuhliso neNtsebenziswano (i-TDCA).I-EPA ibonelela ngorhwebo olutsha lweswekile ne-ethanol kunye norhwebo oluphuculiweyo lwewayini, iintyatyambo, iimveliso zobisi nezeziqhamo.

1.12. IKhomishini yoLondolozo lohlobo lwentlanzi yaselwandle ekuthiwa yi-Southern Bluefin Tuna kusandisile  iSabelo soMzantsi Afrika seNani eliVumelekileyo leeNtlanzi ze-Southern Bluefin Tuna emaziLotywe ukususela kwiitoni ezili-150 ukuya kwezingama-450 eetoni kumaxesha okuloba ngowama-2018 ukuya kowama-2020. Le nto iyafuneka kwizinto eziphambili zoMzantsi Afrika zokudala imisebenzi kuba iza kubonelela ngemisebenzi esisigxina kwicandelo lamashishini okuloba iintlanzi kwaye liza kufaka ingeniso efuneka kakhulu kweli lizwe ekuthumeleni impahla kwamanye amazwe.

1.13. Ukutyunjwa kwababizi-xabiso abaphumeleleyo liSebe lezaMandla beyokuqala iNkqubo yaBavelisi boMbane abaZimeleyo esekelwe emaLahleni (i-IPP), yinxalenye ebaluleke kakhulu yelinge likarhulumente lokumisela ukufumaneka kwezamandla kweli lizwe. Aba babizi-xabiso babini baphumeleleyo baza kongeza ama-863.3MW kuvimba wamandla ombane (igridi) kule minyaka mihlanu izayo.

Oku kutyunjwa kutsala utyalo-mali olungaphezu kwama-40 eebhiliyoni zeerandioluza kusetyenziswa ekuvuleleni iziseko ezingundoqo ezikhoyo ukuze icandelo lezamandla likwazi ukusebenza, ukuvuselela ukuthenga ekhaya kunye nokudala imisebenzi engama-6 613 ngexesha kusakhiwa nengama-13 524 xa kusetyenzwa.

Nangona isicwangciso soMzantsi Afrika sokwakha amandla sibandakanya ukuphuhliswa kwezibaso zakudala, ilizwe lizinikele ekuguqukeleni kuqoqosho olunekhabhon ephantsi, kubekwe phambili ukusebenzisa ezinye iindlela zezamandla acocekileyo. Ngenkqubo ye-IPP yaMandla aHlaziyiweyo (i-IPP), ama-6 376 MW ombane afunyenwe kuBavelisi bezaMandla abaZimeleyo abali-102 kwimijikelo emithandathu yokubiza ixabiso.Kulo mbane, ungama- 2 200 MW okuveliswa kombane kwiiprojekthi ezingama-44 ze-IPP zithe zaqhaganyihelwa novimba wombane wesizwe.

1.14. NjengokoiNyanga yezoThutho iveza iiprojekthi ezininzi zeziseko ezingundoqo zezothutho kukho namalinge okudibanisa ngcono abantu neendawo, nto leyo edala imisebenzi emitsha netshintsha indlela abahamba ngayo abemi boMzantsi Afrika.

Malunga nalo mba, iKhabhinethi iyalubulela utyalo-mali lwama-24 ezigidi zeerandi  liSebe leeNdlela nezoThutho laseGauteng ukuze kulungiswe umgaqo i-D904, nowawusakwaziwa njengeNdlela eNdala yase-Evaton. Ukuvuselelwa kwalo mgaqo ukhoyo kuza kuphucula ixesha lokuhamba kuze kuqinisekise nokhuseleko olungcono lwabaqhubi-zimoto, abakhweli-zibhayisekile nabahamba ngeenyawo.

1.15. Ukusingathwa ngokuyimpumelelo kweleSihlanu iQonga loLawulo lwe-Intanethi lase-Afrika (Fifth Africa Internet Governance Forum) e-Durban kuze nokuqosheliswa koluvo lwelizwekazi yintlanganiso, luvo olo oluxhasa ukufezekiseka kweenjongo ze-Ajenda yowama-2063, phambi kokuba kubanjwe iQonga loLawulo lwe-Intanethi eMexico kweyoMnga yowama-2016. UMzantsi Afrika utyikitye iSivumelwano seNkonzo yoLawulo lwaMaqela-ngamaqela (i-Multi-Party Administrator Service) neNgxowa-mali i-DONA.

1.16. Ukungenelela kukarhulumente ekuthinteleni urhwaphilizo, impatho egwenxa nokwenza amashishini ayimele into ayenzayo kukhokelele kwisivumelwano neenkampani zokwakha ezisixhenxe ezikuluhlu lwezivunyiwe ngokusesikweni ngenkqubo yamaphulo, naza kukhawulezisa inguqu kolu shishino. Isivumelwano eso sinezinto ezininzi, eziquka: Igalelo lezezimali leeprojekthi zophuhliso;Ukuzibophelela kwinguqu kweli candelo; Inkqubo-sikhokelo yokufeza amabango ecandelo likarhulumente; kunye nokuziBophelela ngeSidima kwamaGosa aziiNtloko zeSigqeba soLawulo (CEOs).

Iziseko ezingundoqo zesi sivumelwano ziquka umdliwo we-1,4 seebhiliyoni zeerandi (i-R1,4 seebhiliyoni) ngoogunyaziwe bokhuphiswano, mali leyo eza kuhlawulwa ziinkampani kwiNgxowa-mali yeNgeniso yeSizwe. Esinye isi-1,5 seebhiliyoni  siza kufakwa kwingxowa yokuxhasa amaphulo okunceda ekuhlaleni  kujoliswe kwabo bantu babesakuhleleleka ngaphambili.

Ukuzibophelela kwinguqu kuza kuveliswa yinkampani nganye kwezi zisixhenxe,nto leyo esenokulandela ‘umfuziselo wezabelo’ apho ubuncinane izabelo ezingama-40% zenkampani ziza kuthengiselwa abemi boMzantsi Afrika abantsundu, okanye ‘umfuziselo wobudlelwane’ apho inkampani iza kusebenza neenkampani zabantu abantsundu ezifikelela esithathwini zizincede zenze imali elingana nama-25% yaleyo yenziwa yile nkampani. Oku kuzibophelela kunikwe ixabiso elingaphaya kwe-9 leebhiliyoni zeerandi  lemali eza kuba yenziwe ukuphela kwexesha lesivumelwano.

Ngalinye iGosa eliyiNtloko yesiGqeba soLawulo (CEO) liza kutyikitya ukuzibophelela ekuziphatheni ngesidima lizibophelela ngamanyathelo abanzi okuqinisekisa ukungabikho kweyelenqe norhwaphilizo enkampanini, ekusebenzeni nabakhuphisana nazo, norhulumente okanye nabaxumi bamacandelo abucala.

Isivumelwano sokulungisa sibonelela ngeenkqubo ezithile ezisesikweni sokugqityezelwa kwiiveki ezimbalwa ezilandelayo, kwaye ezi nkqubo kusasetyenzwa ngazo kwaye zihoyiwe siza kwenziwaisaziso xa kugqitywa ngezi nkqubo.

1.17. Abemi boMzantsi Afrika baya khuthazwa ukuba bazijonge iinkcukacha ekwabelwana ngazo kwiNgxelo yoNyaka wama-2015/16 ePalamente. Olu lwazilubonisa ukusebenza kweenkcukacha zeNkqubo yeMisebenzi kaRhulumente, nenkqubela ye- MTPBS) kwanokusebenza kwe--NDP.

1.18. IKhabhinethi ikwakhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba babelane ngezimvo zabo zoqoqosho kunye neminye imiba abafuna ukuba urhulumente ayigqamise kuleNkqubo-sikhokelo yoBuchule yeSigaba esiPhakathi  (i-MTPBS) izayo. Iza kuthiwa thaca nguMphathiswa wezeZimali uPravin Gordan ngomhla wama-26 kweyeDwarha yowama-2016. Amagalelo angathunyelwa ngo-Facebook: National Treasury South Africa, ku-Twitter @TreasuryRSA, isiphakamiso esenziwa ngomlomo nakwiwebhusayithi ye-National Treasury.

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezinguNdoqo

2.1. IKhabhinethi iyamkele imithetho-siseko embaxa yeNgxelo yeSishwankathelo soHlaziyo lweSicwangciso sezoThutho esiyiNtloko seSizwe sowama-2050 (i-NATMAP), ehambelana neSicwangciso soPhuhliso seSizwe kwaye inezingongoma zilandelayo zibalulekileyo zezothutho zobuchule: isicwangciso sexesha elide nokubeka phambili oko kufanelekileyo, ukugxila kukhuseleko ukuthembeka nokufikeleleka kwezothutho; ukujonga ngaphaya kwezothutho kuba ukuqhwalela namakhwiniba  kubangwa kukungasetyenziswa kakuhle komhlaba nokucwangcisa;ukukhuthaza inguqu kwindlela yokuziphatha ngokuguqula iimbono ngezothutho loluntu; kunye nendlela yokucwangcisa equkayo konke mayelana nophuhliso nentlalo.

2.2. IKhabhinethi isamkele isindululo esihlaziyiweyo seMimiselo yeziSeko zoNxibelelwano yeZizwe-ngezizwe (International Telecommunication Regulations) (ITRs), sase-Dubai sowama-2012 esingeniswe ePalamente ukuze siqinisekiswe.

Ezi-ITRs zenza isivumelwano sezizwe-ngezizwe kwaye ziyinxalenye yeSicwangciso  seManyano yeMimiselo yoLawulo lweziSeko zoNxibelelwano . I-ITRs zihambelana ne-NDP, ngokukodwa ukukhuthaza uhlumo lwezoqoqosho nokuqukwa okukhulu ngokuphuhliswa kofikelelo kweze-intanethi ngamandla kunye nonxibelelwano ngamaza omoya nocingo kwanangamaxabiso aphantsi.

2.3. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kwesindululo seMithetho yokuGqibela  yeNgqungquthela yoNxibelelwano lukaNomathotholo lweHlabathi ((i-WRC-15), ePalamente ukuze siqinisekiswe, ngokuhambelana neCandelo 231(2) loMgaqo-siseko.

Imiba engundoqo eyamkelwe kwi-WRC-15 iquka ukusiwa eluntwini kofikelelo kweze-intanethi kwisizwe jikelele, ukusiwa eluntwini jikelele kosasazo , iinkonzo zonxibelelwano ngesathelayithi, iinkonzo zenqwelo-moya, iinkqubo zaselwandle noqoqosho lwezolwandle, iinkonzo zoncedo ngamaxesha entlekele nakaxaxeka kunye neenkqubo zexesha elizayo zokuxhasa inguqu yezoqoqosho. Iziphumo ze-WRC-15 zikwabonelela ngengqiniseko kwinkonzo yosasazo ngokukhusela ububanzi be-Digitall Terrestrial Television (i-DTT).

2.4. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kwesindululo seMithetho yokuGqibela yeManyano yoNxibelelwano ngoMnxeba yeZizwe-ngezizwe (ITU) iNgqungquthela yabaThunywa bakaRhulumente yase-Guadalajara yowama-2010 (,  ePalamente ukuze siqinisekiswe ngokweCandelo 231(2) loMgaqo-siseko.

INgqungquthela yabaThunywa bakaRhulumente  lelona qonga liphambili le-ITU elenza imigaqo-nkqubo.I-ITU, neyi-arhente ekhethekileyo yeZizwe eziManyeneyo nenoxanduva lokulawula iinkqubo zonxibelelwano lwehlabathi liphela ngezixhobo zombane.

Umsebenzi we-ITU uhambelana ne-NDP, njengoko ugxile ngamandla ekuphuhliseni iziSeko ezinguNdoqo zezoQoqosho kwicandelo lobuChwephetshe boLwazi noNxibelelwano (i-ICT).

2.5. IKhabhinethi yazisiwe ngenkqubela eyenziweyo mayelana nokusekwa kweGqiza lokuGwadla iQhinga ngokuFikele kweze-Intanethi (iBroadband War Room_ nokusebenza kwayo. I-Lekgotla yeKhabhinethi ebibanjwe kweyeThupha yama-2016  igqibe kwelokuba iGqiza lokuGwadla iQhinga ngokuFikele kweze-Intanethi malisekwe ukukhawulezisa ukusebenza kwe-SA Connect, engumgaqo-nkqubo wokufikelela kweze-intanethi wesizwe.

Njengenxalenye yeSikhokelo segqiza lokugwadla iqhinga, kubhaqwe imiba eliqela ebalulekileyo enefuthe elingqalileyo ekuphumeleleni kokusa i-intanethi efikelelekayo ebantwini, ekhawulezayo, ethembekileyo nekhuselekileyo. Oku kuquka; ukuhlangabezana nokulibaziseka kwesabelo sobubanzi esifuneka kakhulu; ukudityaniswa kokufumaneka kweze-intanethi; ukusa ebantwini nenkxaso-mali; ukuhlangabezana nokungasebenzi kakuhle kwamacandelo ezorhwebo;  ukukhawulezisa kokufudukela kusasazo lwedijithali; ukuqulunqa ubuchule obubizwa e-government be-intanethi karhulumente; ukulungelelanisa amaQumrhu  kaRhulumente e-ICT; kunye nokuxhobisa uMlawuli kwanokuhlangabezana nokuphindaphindana kulawulo lwecandelo le-ICT.

2.6. IKhabhinethi ikuvumile ukuba singeniswe ePalamente iSivumelwano saseParis sokuGuquka kwesiMo seZulu )  ukuze siqinisekiswe. Esi Sivumelwano saseParis sisixhobo esisemthethweni esiza kuphinda sikhokele inkqubo yamanyathelo amawathathwe afanayo ehlabathini jikelele malunga nokuguquka kwesimo sezulu. Sihlanganisa zonke izizwe ukuba zibe moya mnye, zidibane kumanyathelo eziwathathayo malunga nengozi yokuguquka kwesimo sezulu, phantsi komxholo wophuhliso oluzinzileyo namalinge okuncothula ubuhlwempu neengcambu zabo. Esi sivumelwano simisela injongo ephambili  yokugcina ukunyuka komyinge  wobushushu ehlabathini ube kwiqondo eliphantsi kakhulu kwe-2 degrees Celsius.

Esi Sivumelwano saseParis siza kuqalisa ukusebenza ngomhla wesi-4 kweyeNkanga yowama-2016. Ngelo xesha kuza kuba kuziintsuku ezimashumi mathathu emva kokuba amaQela eNgqungquthela angama-55 ubuncinane eso sivumelwano engenise izixhobo zawo ukuba ziqinisekiswe abuncinane bungama-55 % ewonke okukhutshwa kwegesi ezingcolisa umoya.

Ukuqinisekiswa kweSivumelwano saseParis nguMzantsi Afrika ngumqondiso omhle wokuzinikela kwethu ekubeni negalelo kumalinge ehlabathi liphela lokuhlangabezana nemingeni yokuguquka kwesimo sezulu.

2.7. IKhabhinethi iluvumile uYilo loMgaqo-nkqubo leSizwe olungeeNkonzo zokwaNdiswa nokuCetyiswa (i-Draft National Policy on Extension and Advisory Services) kunye neSicwangciso sokufezekiswa kwaso. Lo Mgaqo-nkqubo ugxile ekumiseleni inkqubo-sikhokelo sezolawulo ukomelezaukusebenza kakuhle, ukuvelisa,ulingano, okusingqongileyo nozinzo  loqoqosho lwezolimo, amacandelo ezamahlathi nezokuloba. Oku kuza kuqinisekisa ukuba onke amacandelo asebenzisanayo kwezolimo, ezamahlathi nezokuloba (ukususela kumvelisi ukuya kwabo bahlelayo) bayakwazi ukuphonononga amathuba okuphucula amashishini wabo neendlela zokuphila.

2.8. IKhabhinethi iluvumile uyilo lokugqibela oluhlaziyiweyo lweNkqubo-sikhokelo sobuChule seSigaba esiPhakathi (i-MTSF) 2014-2019 yesiphumo se-2 “uBomi obude nobuseMpilweni babo bonke aBantu baseMzantsi Afrika” . Esi sisiseko sokwakhela ukufezekiswa kweSahluko se-10 seSicwangciso soPhuhliso seSizwe 2030.
I-MTSF 2014-2019 iye yahlaziywa ukuze iqulathe nobungqina bakutsha nje bokona kusebenza kwamacandelo ezempilo xa kuthelekiswa nezinto ebekuthiwe kuza kufikelelwa kuzo kwi-MTSF 2014-2019; ukwamkelwa kweeNjongo zoPhuhliso eziZinzileyo zowama-2030 nguMzantsi Afrika, kunye nokuncitshiswa kwenkqubo yezazalathiso.

2.9. Ukulandela ukuvunywa yiKhabhinethi, uMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli ojongene noCwangciso, ukuHlola noVavanyo, uJeff Radebe, uza kukhupha iziphumo zeSixhobo soLawulo loHlolo loMsebenzi sowama-2015 (i-Management Performance Assessment Tool) (MPAT). Le ngxelo ibonelela ngokufunda okumanyeneyo kohlahlelo lokuhlowa kwe-MPAT nokuphononongwa kwemiba ethile ukususela ngowama-2011 ukuya kowama-2015.

I-MPAT ithe yafezekiswa ukuququzelela iinguqu kwiindlela zokuphatha kumasebe karhulumente. Oku kunegalelo kwiSicwangciso soPhuhliso seSizwe esithi phakathi kwangoku nonyaka wama-2030 uMzantsi Afrika kufuneka ube sele useke umbuso othe kratya ekukwazini ukusebenza, othe kratya ngobuchule nothe kratya ekusabeleni kwiintswelo zabemi.

Iziphumo zowama-2015 zibonisa ukuba i-MPAT iphumelele ekwenzeni lula  ukuphucuka ukuphatha; kodwa akufani kuwo onke amasebe esizwe kunye nakumaphondo. Apha naphaya kukho ukuqatsela malunga neendlela zokuphatha kurhulumente wonke, kodwa ukuqhwalela kwendlela ebaphatha ngayo abalawuliisengumngeni omkhulu kwaye kunegalelo ekungaphumelelini kolawulo.

IKhabhinethi iyayixhasa indlela eyondeleleneyo nedibeneyo ukuba ixhase ukuphucuka, neza kukhokelwa liSebe lezoCwangciso, uHlolo  noVavanyo.

3. IMithetho eYilwayo

3.1. IKhabhinethi ivumile ukuba uMthetho oYilwayo wokuThintelwa nokuLiwa koLwaphulo-mthetho lweNtiyo neeNtetho zeNtiyo  upapashwe ukuze uluntu luphefumle ngawo. Lo Mthetho uYilwayo ujonge ekuyileni ulwaphulo-mthetho lwentiyo kunye neentetho ezinentiyo nokumisela amanyathelo okuthintela nokulwa olu lwaphulo-mthetho. Injongo kukuhlangabezana nenani elinyukayo leziganeko zobuhlanga nokuphinda kuhlangatyezwane nezinye iindidi zolwaphulo-mthetho eziqhutywa kukukhetha icala, ukuqal’ugwebe okanye ukunganyamezeli, ulwaphulo-mthetho oluyintiyo nentetho yentiyo, nezithe zenzeka  kutsha nje.

Oku kuhambelana ne-NDPesigqamisa imfuno yamaphulo angagungqiyo nazinzileyo okulwa ubuhlanga, ucalulo ngokwesini, , ukuthiya nokoyika abantu besini esinye abathandanayo nentiyo yabasuka kwamanye amazwe nokuba bonke abantu bazive bekhuselekile kwaye bakhuseleke.

4. Imisitho ezayo

4.1. INyanga yokuLumkisa ngoMhlaza  wamaBele kweyeDwarha, lilinge lesizwe lokukhathalelwa kwempilo luluntu nenkathalelo yezempilo yabucala ukufundisa nokulumkisa ngesi sifo. Ukusibona kuselithuba kungakhokelela ekusinyangeni ngempumelelo. Bonke abantu basetyhini namadoda kufuneka esoloko ezihlola baze bayele uhlolo kwelona ziko lezeMpilo likufutshane.

4.2. ISebe lezeMpilo liza kusingatha Ngqungquthela yama-40 yeziBhedlele zeHlabathi yeManyano yeziBhedlele zeZizwe-ngezizwe ( (i-IHF) phantsi komxholo othi, "UkuHlangabezana noMngeni wesiGulana – ogxile kwiNkathalelo noKhuseleko”, e-Durban ukususela ngomhla wama-31 kweyeDwarha ukuya kowe-3 kweyeNkanga yowama-2016.

Le Ngqungquthela ibonelela ngeqonga elilodwa lehlabathi  eliququzelela ulwabelano olumbaxa ngolwazi, ubungcali kunye namava ekulawuleni icandelo lezempilo kunye nokunikezelwa kweenkonzo.

5. Izimvo zeKhabhinethi Malunga neMiba enguNdoqo

5.1. IKhabhinethi iyiqinisekisile inkxaso yayo kuMphathiswa wezeZimali uPravin Gordhan nothathwa njengokuba umsulwa ngokweCandelo lama-35 loMgaqo-siseko ade aba ufunyaniswe enalo yinkundla yomthetho.

IKhabhinethi isoloko iyithembile inkqubo yezobulungisa kulwaphulo-mthetho yeli lizwe neenkqubo ezingenamkhethe nezobulungisa  nezithe zacacisa ulwawulo lwethu lwentando yesininzi. Ezi nkqubo kufuneka zivunyelwe zihambe indlela yazo.

5.2. Iziphumo zeMbizo ye-8  yamazwe e-BRICS (i-Brazil, Russia, India, China noMzantsi  Afrika) neyayibanjwe ukususela ngomhla we-15 ukuya kowe-16 kweyeDwarha yowama-2016 phantsi komxholo othi, “UKwakha iziSombululo eziSabelayo, eziDibeneyo neziQokeleleneyo (BRICS) ” ”( eGoa, e-India  apho iinkokheli ze-BRICS zaba neengxoxo zokubonisana mayelana nokuqinisa intsebenziswano phakathi kwaMazwe e-BRICS, zaze zaqwalasela nzulu imiba yehlabathi jikelele efana nembambano kumazwe ngamazwe, ukulwa ubugrogrisi, kunye nokuhlaziya inkqubo yolawulo yehlabathi jikelele, ngokuqaphelekayo ukwenza ukuba ngokukodwa ukuba iZizwe eziManyeneyo namaZiko eBretton Woods abonakalise ukuba phantsi kolawulo lwentando yesininzi.

Ukwamkelwa kweSibhambathise sase-Goa neSicwangciso seMisebenzi, siqaqambise isiseko esomeleleyo esenziwe yi-BRICS malunga nokuseka iinkqubo zamaziko zentsebenziswanoebonakalayo. Yamkelwe nento yokuba kungamiselwa ukusekwa kwe-Arhente yokuHlengahlengisa ye-BRICS  egxile kwimithetho-siseko yezorhwebo, khona ukuze kuqiniswe ngokukodwa ubugcisa bolawulo lwehlabathi jikelele, nako kwamkelwe.

Ngexesha lotyelelo lwaseGoa, iNkampani yamaChiza i-Cipla Pharmaceuticals kunye noGunyaziwe woPhuhliso lwezoShishino iDube (i-Industrial Development) batyikitye isivumelwano sokuseka iziko loncedo enzululwazi ngokuqiqa ngezinto eziphilayo (e-bio-logic). Olu tyalo-mali olusi-1.3 seebhiliyoni zeerandi (i-R1.3 seebhiliyoni) luza kukhokekelela kwiplanti yokuqala kwilizwekazi le-Afrika, luvelise amayeza okulwa umhlaza afikelelekayo ngokwasezimalini agxile kwiinkqubo zobuchwephetshe bezinto eziphilayo.

5.3. IKhabhinethi ibothulela umnqwazi abantu baseMozambique ngokubambana nangokuzenza idini kumzabalazo wethu wenkululeko. USekela Mongameli uCyril Ramaphosa noMphathiswa wezobuGcisa neNkcubeko, uNathi Mthethwa, baye kwinkonzo yesikhumbuzo sama-30 songasekhoyo uSamora Machel, utata noMongameli ongumseki weMozambique nowabhubha eMbuzini phantsi kweemeko ezikrokrisayo.Xa sihlonipha inkumbulo yeenkokheli ezibaleseleyo zase-Afrika ezifana noSamora Machel, uJulius Nyerere, u-Oliver Tambo noNelson Mandela, sikhumbula ukuba ubunkokheli kubo yayikukuzinikela ekukhonzeni i-Afrika ukuze baqhubele  phambili ngeemfunozabantu base-Afrika.

Sakhela phezu kwalo mbali isidibanisayo kwaye sixhamla ubudlelwane obuqinileyo bamaqhina ezozakuzo nokukhulisa uhlumo lwezoqoqosho , kudalwe imisebenzi kuze kuncitshiswe nokungalingani.

Ukusekwa koMzila woPhuhliso waseMaputo, odibanisa unxweme lwaseMaputo nesizikithi sezoshishino selizwe lethu, yinxalenye engundoqo yelinge lethu lokukhuthaza urhwebo notyalo-mali kwanokukhuthaza ukudibana kommandla.

5.4. IKhabhinethi idlulisa iminqweno emihle ku-Advocate Busisiwe Joyce Mkhwebane okhethwe njengoMkhuseli woLuntu weRiphabliki yoMzantsi Afrika iminyaka esixhenxe ukususela kowe-15 kweyeDwarha yowama-2016. IKhabhinethi inethemba lokuba u-Advocate Mkhwebane uza kusikhonza kakuhle esi sizwe aze aqhubeke ukwenza izinto ezikhathalela kangangoko bonke abemi boMzantsi Afrika.

5.5. IKhabhinethi ivakalisa umbulelo wayo ku-Advocate Thuli Madonsela ngokukhonza isizwe kunye nokubeka i-Ofisi yoMkhuseli woLuntu phambili kakhulu ezingqondweni zabemi.

5.6. IKhabhinethi izibandakanya namajelo eendaba aseMzantsi Afrika xa ekhumbula uSuku lweNkululeko yaMajelo eeNdaba neyaziwa njenge-"Black Wednesday" kwaye iyaluncoma ushishino lwezosasazo ngendima eliyidlalileyo ekuqiniseni ulawulo lwentando yesininzi kweli lizwe. Ngomhla we-19 kweyeDwarha yowe-1977, umbuso wocalucalulo ngokwebala wayalela amaphephandaba i-The World ne-Weekend World ukuba ayeke ukupapashwa, nto leyo eyenza kugcinwe eluvalelweni abantu abaninzi nonoondaba bavalwe umlomo.

UMgaqo-siseko wethu wolawulo lwentando yesininzi uyikhusela ngeyona ndlela icacileyo inkululeko yamajelo eendaba eyalwelwa nzima nethathwa njengedlala indima ebaluleke kakhulu ekuqhubeleni phambili ukumanyana kwesizwe nokulingana kwakhe wonke umntu.

Xa sicinga nzulu ngenkqubela eyenziwe nguMzantsi Afrika ekuxhaseni inkululeko yamajelo eendaba, iKhabhinethi iqhwabela izandla i-SANEF xa ikhumbula ama-20 eminyakha ikho, nto leyo eza kubhiyozelwa kule veki izayo.

5.7. IKhabhinethi yolulela abantu baseNigeria isandla sobuhlobo neentsapho zamantombazama asekuthinjweni kwakudala, kwakuba kuvakele iindaba zokuba abantwana besikolo abangama-21 kwabangama-2019 abathinjwe ngamatshantliziyo eBoko Haram bakhululwe. IKhabhinethi imemelela amazwe ngamazwe ukuba angatyhafi kwiinzame zawo zokuncedisa abasemagunyeni eNigeria ukuba akhululwe loo mantombazana, ngokukodwa onke amazwe ase-Afrika naweManyano ye-Afrika ukuba axhase, ancedise iNigeria ifumane abo bantwana balahlekileyo.  

5.8. IKhabhinethi izibandakanya noMongameli uJacob Zuma ekuvakaliseni amazwi ovelwano kuRhulumente nabantu beRiphabliki yaseHaiti nabamanye amazwe akwi-Caribbean ngenxa yomonakalo owenziwe yiNkanyamba u-Matthew esube imiphefumlo yenyambalala yabantu, yaza yatshabalalisa iziseko ezingundoqo.

5.9. IKhabhinethi izibandakanya noMongameli uZuma ekuvakaliseni amazwi ovelwano kurhulumente nabantu bobuKumkani baseThailand ngokushiywa kwabo nguKumkani Bhumibol Adulyadej.

5.10. IKhabhinethi ikwavakalisa amazwi ovelwano kusapho nabahlobo begqala lomzabalazo uMewa Ramgobin. Waseka iKomiti yaseMzantsi Afrika (i-South African Committee) yokukhululwa kwamaBanjwa ezoPolitiko, kwaye wayengomnye bokuqala babantu abaxhasa iPhulo lokuKhulula uMandela. UMewa Ramgobin wayesakuba nguMongameli wombutho owasakubizwa ngokuba yiNatal Indian Congress kwanoSihlalo wePhoenix Settlement Trust, eyasekwa nguMahatma Gandhi ngowe-1904.

5.11. IKhabhinethi iyiphawule into yokuba uMongameli uJacob Zuma ufumene waza wamkela ukurhoxa kukaMnu Krish Naidoo noMnu Vusi Mavuso njengamalungu eBhodi yeQumrhu loSasazo lwaseMzantsi Afrika  (i-SABC).

IKomiti yezoNxibelelwano isungule amanyathelo okuqalisa ukuphanda iBhodi ye-SABC mayelana nokufaneleka kwayo ukuba yile Bhodi ngokweCandelo 15A loMthetho wezoSasazo we-1999.

IKhabhinethi ivuyisene naba balandelayo:

5.12. UNozakuzaku woMzantsi Afrika eVienna uTebogo Seokolo ngokutyunjwa kwakhe njengoSihlalo weBhodi yaBalawuli be-Arhente yezaMandla e-Atom yeZizwe-ngezizwe (IAEA). IBhodi yaBalawuli yiyo ephambili eyenza imigaqo-nkqubo ye-IAEA.

5.13. UParks Tau ngokukhethwa njengoMongameli wombutho weZixeko eziManyeneyo noRhulumente baseKhaya  (iUnited Cities and Local Government) (UCLG), mbutho lowo owongamele ooMasipala ehlabathini jikeleleluphela, ngomhla we-15 kweyeDwarha yowama-2016, eColombia.

5.14. U-Antonio Guterres, ngokukhethwa kwakhe kwisikhundla sokuba nguNobhala Jikelele weZizwe eziManyeneyo (UN) ukususela ngomhla woku-1 kweyoMqungu yowama-2017 ukuya kowama-31 kweyoMnga yowama-2021. Uza nolwazi oluninzi akuba ekhe wasebenza njengeNkulumbuso yasePortugal ukususela kowe-1995 ukuya kowama-2002 kwananganje ngoMkomishinali omKhulu  wabaPhambukeli kwiZizwe eziManyeneyo (UN) ukususela kweyeSilimela yowama- 2005 ukuya kweyoMnga yowama- 2015.

5.15. Iintatheli zoMzantsi Afrika, ezizenzele udumo kwi-CNN MultiChoice African Journalist Awards. U-Ancillar Mangena weForbes Africa ophumelele i-Maggie Eales Wales Young Journalist Award.UJay Caboz, naye engowe-Forbes Africa, uphumelele i-Energy & Infrastructure Award, xa yona i-Economic and Business Award iphunyelelwe ngokubambisana nguDiana Neille, uRichard Poplak, uShaun Swingler kunye noSumeya Gasa weDaily Maverick Chronicle. UMia Malan weMail & Guardian uphumelele i-Features Award Category, xa umfoti uJames Oatway weSunday Times ephumelele i-Mohammed Amin Photography Award.

5.16. IMamelodi Sundowns ngokuphumelela ngamanqaku 3-0 xa ibetha iqela lebhola ekhatywayo iZamalek yaseJiphehe. Lo yayingumlenze wokuqala womdlalo waMagqibela kaNkqoyi we-African Championship League. IKhabhinethi imemelela abemi boMzantsi Afrika ukuba babe yimbumba yamanyama baxhase i-Sundowns ibuye nembasa.  

6. Izikhundla

Ukuqeshwa kuzo zonke izikhundla kuxhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye  nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

6.1. Mnu Siphamandla Kenneth Mthethwa njengeGosa eliyiNtloko lezeZmali le-Sentech.

6.2. IBhodi yoLawulo lweDayimani yaseMzantsi Afrika neziNyithi eziXabisekileyo:
a) UGqirha Sipho David Manese (uSihlalo)
b) UNks Ntombifuthi Monedi-Noko
c) UNks Mpho Mosing
d) UNks Mamodupi Mohlala-Mulaudzi
e) UMnu Bernard Stern
f) UNks Maletlatsa Monica Ledingwane
g) UMnu Mochele Noge
h) UMnu Tembani Ngqeza
i) UMajor-General Peter Jacob Arendse (iNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika)
j) UMnu Bothwell Deka (uNondyebo weSizwe)
k) UMnu Tsumbedzo Charles Nevhutanda (uVimba weBhanki yoMzantsi Afrika )
l) UMnu Senna Mokoena (iManyano yeSizwe yaBasebenzi-mgodini)
m) UMnu Leon Peter Grobler (United Association of South Africa)
n) UMnu Kagiso John Menoe (iSebe leMithombo yeziMbiwa)
o) UNks Mapoulo Lindah Nkhumise (iGosa eliyiNtloko leSigqeba soLawulo eliliBambela)

Amalungu abolekisanayo
p) UBrigadier Ntombizodwa Hazel Mokoena (iNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika)
q) UMnu Raymond James Paola (uVimba weBhanki yoMzantsi Afrika)

6.3. Amalungu angengawo aweSigqeba soLawulo eBhodi yeNgxowa-mali yeNgozi yaseziNdleleni:
a) UGqirha Ntuthuko M Bhengu (uSihlalo nophinde wonyulwa);
b) UMnu Dawood Coovadia (uSekela Sihlalo nophinde wonyulwa);
c) UNks  Mala Somaru (omele iSebe lezoThutho );
d) UMnu Patrick Masobe (ophinde wonyulwa);
e) UNksz Refilwe Mokoena (ophinde wonyulwa);
f) UGqirha Lungelwa Linda (ophinde wonyulwa);
g) UMnu Ahmed Pandor (ophinde wonyulwa);
h) UGqirhaTerrence Omdutt Kommal;
i) UGqirha Maria Claudina Du Toit;
j) UMnu Khotso Monko Mothobi; no-
k) UNks Lusanda Unathi Zisiwe Rataemane.

6.4. ULieutenant General (Nks) Yolisa Matakata njengoSekela Ntloko yeSizwe kuLawulo loPhando loLwaphulo-mthetho oluKhethekileyo.

6.5. Iintloko zamaPhondo kuLawulo lwezobuNtlola loLwaphulo-mthetho oluKhethekileyo:
a) Gauteng: Major Generel (Mnu) Prince Nkitsing Mokotedi
b) Ntshona Koloni: Major General (Nks) Nombuso Portia Khoza
c) Mpuma Koloni: Major General (Mnu) Meshack Nyameko Nogwanya
d) Mntla Ntshona: Major General (Nks) Linda Mbana
e) Ntshona Koloni: Major General  (Mnu) Kholekile Derick Galawe
f) Limpopo: Major General (Nks) Thobeka Hepercia Jozi;
g) Mpumalanga: Major General (Nks) Ntombizodwa Hazel Mokoena;
h) KwaZulu Natal: Major General (Mnu) Isaiah Jabulani Zikhali;
i) Free State: Major General (Nks) Liziwe Evelyn Ntshinga

Imibuzo:
Donald Liphoko
Iseli: 082 901 0766

 

Share this page

Similar categories to explore