Intetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-16 kweyoKwindla ngowama- 2016

1. Izigqibo ezingundoqo zeKhabhinethi

1.1. IKhabhinethi ihlole iiNgxelo  zeNkqubela yeziPhumo zeKota yesiThathu ukususela kweyeDwarha kuye kweyoMnga  ngowama-2015. Ezi ngxelo zibonakalisa inkqubela ethe vetshe ekusebenziseni iinkqubo zikarhulumente  ezinefuthe elingqalileyo ekuphuculeni ubomi babemi boMzantsi Afrika.

Ezi Ngxelo zibubungqina bokuba urhulumente kukho inkqubela ayenzileyo ekuphumeleliseni izinto emakufikelelwe kuzo ngokwesiCwangciso-sikhokelo esibubuChule sesiGaba esiPhakathi sowama-2014-2019. Zikwasisondeza ekufezekeni koMbono wama-2030, njengoko uthiwe thaca sisiCwangciso soPhuhliso lweSizwe, nonjongo wawo ikukuhlasela indlala, intswela-ngqesho nokungalingani.

IKhabhinethi iyiqaphele inkqubela ebonakalayo eyenziweyo ukuphumelelisa izinto ezingundoqo emakufikelelwe kuzo kwakunye neziqhamo. IKhabhinethi iyiqaphele into yokuba noxa kukho inkqubela ebonakalayo eyenzekileyo malunga nenkoliso yezinto ezalatha oko, kusekho imiba efuna ukungenelela kukarhulumente ngokulungeleleneyo.

2. Ukuphunyezwa kweenkqubo ezingundoqo zikarhulumente

2.1. IKhabhinethi ivakalise umbulelo wayo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika  abalisabeleyo ikhwelo elenziwe yiKhomishini yoNyulo eZimeleyo (i-IEC) lokuba abantu babhalise, bajonge imeko yabo malunga nobhaliso kwaye bahlaziye iinkcukacha zabo ezikumqulu wabavoti. Loo nto yenzeke ngempelaveki yomhla we-5 nowe- 6 kweyoKwindla ngowama- 2016. Abantu ababalelwa kwizigidi ezithathu baya kwiindawo ekubhaliselwa uvoto kuzo kulo lonke eli, kwaye abangama- 544 552 kwabo ibingabhalisa okokuqala (i-78.6%) kwaye beneminya yobudala engaphantsi kwengama-30. Loo nto ibonisa ukuzimisela kwabemi boMzantsi Afrika ukuthatha inxaxheba ekwakheni ulawulo lwethu lwentando yesininzi.

IKhabhinethi imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba balixhamle ilungelo labo lomgaqo-siseko ngokuthi babhalise, kwaye icela abo ababhalisa kwixesha elidluleyo ukuba baqinisekise iinkcukacha zabo zobhaliso njengoko kubekho izinto ezininzi ezikhokhelele ekutshintsheni komqulu wabavoti.  

2.2. Impelaveki yokugqibela yobhaliso iza kuba ngomhla we-9 ukuya kowe-10 kuTshazimpunzi ngowama-2016. Ngaloo mihla zonke iindawo ekuvotelwa kuzo ziza kuphinda zivulwe ukususela ngentsimbi yesi-8:00 ukuya kweye-17:00. Eli iza kuba lithuba lokugqibela lokuba abavoti babhalise kwaye bahlaziye inkcukacha zabo zobhaliso kwiindawo zabo zokuvota. Phofu, ubhaliso yinto esoloko iqhubeka kuzo zonke ii-ofisi ze-IEC ngamaxesha omsebenzi ukususela ngoMvulo kude kube ngoLwesihlanu, de umqulu wabavoti woNyulo looMasipala wama-2016 uvalwe mhla unyulo lwaziswayo ngokusemthethweni.

IKhabhinethi iyalugxeka udushe kwiingingqi ezithile noluthe  lagxobhagxobha impelaveki yobhaliso esandul’ukubakho.  Iyaphinda iyayithetha into yokuba akukho mntu omele ukuthintela nawuphi na ummi woMzantsi Afrika ukuba alixhamle  ilungelo lakhe elibhalwe lacaca kuMgaqo-siseko lokubhalisela uvoto. IKhabhinethi ikwamemelela bonke abenza loo nto ukuba bahlukane nezenzo zolwaphulo-mthetho ezinjengezo. Abo bachaphazelekayo mabazise ii-arhenete zogcino-mthetho. IKhabhinethi imemelela zonke ii-arhente zogcino-mthetho ukuba zithathe amanyathelo aqatha ngokubhekisele kwabo baphula umthetho.  

2.3. UMongameli Jacob Zuma uza kutyelela eBhayi ngomhla we-8 kuTshazimpunzi kowama-2016. Uza kuhlola inkqubela eyenziweyo ekuphuhliseni iziseko zothutho zaselwandle njengenxalenye yelinge lesizwe mayelana noQoqosho lwaseLwandle.  Olu qoqosho lolunye lwamacandelo amathathu e-Operation Phakisa kwaye lusondeza ilizwe eli ekuboniseni amandla eelwandlekazi zoMzantsi Afrika. Loo nto inganegalelo lemali engafikelela kwiibhiliyoni zeerandi ezili-177 kwimveliso yasekhaya iyonke, nto leyo enokudala imisebenzi emitsha engaphaya kwesigidi.

2.4.IKhabhinethi yamkela utyelelo olube yimpumelelo lwaseBurhulumenteni lukaMongameli Zuma  kwiFederal Republic of Nigeria ukususela kumhla we-8 ukuya kowe- 9 kweyoKwindla ngowama-2016. Olo tyelelo lwaqinisa amakhonco akhoyo kula mazwe mabini kwezopolitiko, ezoqoqosho nezasentlalweni. Elinye leziganeko ezibalulekileyo zolo tyelelo yaba kukunyuselwa kwesiVumelwano seNtsebenziswano saMazwe amaBini iye kwinqanaba leNtloko yoMbuso, nto leyo ebeka phambili ukuphuhliswa koqoqosho kula mazwe mabini.

IKhabhinethi iyakwamkela ukuvuleleka koqoqosho lwaseNigeria kwiinkampani zaseMzantsi Afrika kumacandelo anjengobunjineli, eleziseko ezingundo zonxibelelwano, elezokwakha, elobuchule bokuhamba ngeenqwelo-moya, amajelo eendaba, ukubuka nokutenda iindwendwe, imiba yebhanki, ulonwabo, imihlaba nezindlu, intengiso kunye neenkonzo zokuphonononga nokuzingela i-oli negesi. IKhabhinethi ijonge ukunyuka kwenani lotyalo-mali lweNigeria eMzantsi Afrika, nto leyo eza kukhuthaza urhwebo phakathi kwezi zizwe zimbini.   

Iziphumo zoku kusebenzisana kwala mazwe mabini analona qoqosho lungamandla kweli lizwekazi ziza kudibanisa uqoqosho lwengingqi, ngaloo ndlela zinyuse izinga labathengi nabasebenzisi-zinkonzo abafanayo namalinge akhoyo okukhulisa uqoqosho nengqesho e-Afrika. Oku kubonisa ukuba uMzantsi Afrika yindawo ekunokukhutshiswana ngayo ngotyalo-mali, noxa imeko yezoqoqosho ehlabathini imaxongo. Iziphumo zako konke oku ngamathuba omsebenzi nokuphuhliswa kwezakhono zabemi boMzantsi Afrika.

2.5. IKhabhinethi iyiqaphele into yokuba  uMzantsi Afrika uza kuthatha inxaxheba kwiSeshoni yama-60 yeKomishini yeZizwe eziManyeneyo (i-UN) ngeMeko yabaseTyhini  (i-CSW60) eNew York, eMelika, ukususela ngomhla we-14 ukuya kowama-24 kweyoKwindla ngowama-2016 phantsi komxholo othi: “Ukuxhotyiswa ngezakhono kwabasetyhini kunye nendlela okunxibelelana ngayo nophuhliso oluzinzileyo”. Le seshoni ibanjwa ngonyaka obalulekileyo eMzantsi Afrika kuba kukho iziganeko ezithathu ezibalulekleyo ezenzekayo ezizezi: iSikhumbuzo seminyaka engama-20 yokusekwa koMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika ngowe-1996, iSikhumbuzo seminyaka engama-40 sezidube-dube ezazikhokelwa luLutsha eSoweto ngowe-1976 kunye neSikhumbuzo seminyaka engama-60 somngcelele wamanina wangowe-1956.

UMzantsi Afrika wenze ingxelo kwiUN CSW60 kwaye oku kusinika ithuba lokuthelekisa inkqubela esiyenzileyo oko kuthe kwabakho ulawulo lwentando yesininzi. Kubalulekile ukuyiqaphela into yokuba oko kwathi kwabakho ulawulo lwentando yesininzi, phakathi kwezinye izinto, uMzantsi Afika  wathabatha inxaxheba  kwiNkomfa yeHlabathi yesi-4 yabaseTyhini ngowe-1995,waza watyikitya isiVumelwano saseBeijing kunye neQonga lokuSebenza kwangalo nyaka mnye.

Uhambisana nesindululo E/RES/2013/18 seBhunga le-UN lezoQoqosho nezeNtlalo, uMzantsi Afrika uzinikezele ekuqhubeni ukusebenza kwesiVumelwano saseBeijing kunye neQonga lokuSebenza, nto leyo engumkhombandlela wokugunyaziswa kwabasetyhini kwanenkqubela yabo.

3. IMithetho esaYilwayo

3.1. IKhabhinethi ivume ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo osaYilwayo wamaCandelo kaMasipala: uRhulumente weMimandla wonyaka wama- 2016. Izilungiso ziyenziwa kuMthetho wamaCandelo kaMasipala: uRhulumente weMimandla, wonyaka we-1998 (uMthetho uNombolo 117 wowe-1998),  owaqalisa ukusebenza phambi konyulo lokuqala lorhulumente wemimandla kulawulo lwentando yesininzi olwalungomhla wesi-5 kweyoMnga ngowama-2000.

Ezi zilungiso ziza kuphucula ulawulo lonyulo lukarhulumente wemimandla, kwaye phakathi kweenguqulelo ezikhoyo, ziza kwenza oku:

a) ukulungisa imigaqo yoomasipala abakwiCandelo A;
b) ukususa yonke into ebhekisa kwimimandla  yolawulo lwezithili;
c) ukucacisa umhla wokuqalisa kokusebenza koceba;
d) ukumisela ukuba uMongameli abeke umhla  wonyulo loomasipala;
e) ukuvumela ukuba lolulwe ixesha lokubhengeza iziphumo zonyulo;
f) ukufuna ukuba umphathi kamasipala azise i-IEC ngezithuba ezikhoyo kwiiwadi;
g) ukumisela ukuba iLungu leBhunga eliLawulayo limisele umhla wonyulo lwelungu  olwenziwa phakathi kwexesha lolawulo lweBhunga;
h) ukucacisa isininzi esifunekayo ukuze ibekho intlanganiso yebhunga;
i) ukucacisa iimeko zokuvota koceba ochophele intlanganiso yebhunga;
j) ukunyusa ukutshintsha kwamanani abavoti kwiwadi nganye ngelixa lentlanganiso yebhunga;
k) ukunyusa ukutshintsha kwamanani abavoti xa kucandwa ukuze kucaciswe ukunikwa koomasipala basekhaya izihlalo ezingaphaya.

4. Imisitho ezayo

4.1. UMongameli Zuma – njengobambisane isihlalo noMongameli waseFrance uFrançois Hollande, kwiKomishini ePhezulu kwezeNgqesho kwezeMpilo noHlulo loQoqosho – uza kuya ekuphehlelelweni ngokusesikweni kwale Komishini eLyon, eFrance ngoLwesithathu umhla wama-23 kweyoKwindla ngowama-2016. Ikhomishini le igxile kwisidingo seengcali zezempilo kumazwe anemivuzo ephakathi nephantsi. Eli linge le-UN kulindeleke ukuba linyuse ukhuseleko ngokwasempilweni elizweni liphela kwaye likhuthaze ukukhula koqoqosho okubandakanyayo, nto leyo enegalelo ekusebenzeni kweNkqubo yoPhuhliso oluZinzileyo lowama-2030.

4.2. UMongameli Zuma uza kutyelela ngokwasebuRhulumenteni eSaudi Arabia ukususela ngomhla wama-27 ukuya kowama-28 kweyoKwindla ngowama-2016, tyelelo olo oluza kuqinisa ubudlelwane obukhoyo phakathi kwala mazwe mabini.

4.3. UMongameli uza kuya kwiNgqungquthela yesi- 4 engoKhuseleko lweNyukliya eWashington, eMelika, ukususela ngomhla wama-31 kweyoKwindla ukuya kumhla woku-1 kuTshazimpunzi ngowama-2016. Ingqungquthela le iza kuxoxa ngomngcipheko okhulayo onokukhokelela kubunqolobi obunokuqhutywa kusetyenziswa izixhobo zenyukliya, kwaye iza kugqamisa amanyathelo anokuthathwa ngamazwe ngamazwe ukuthoba ukusetyenziswa kweyuraniyam enamandla amakhulu, ukugcinwa kwexhobo ezinobungozi, ukuchasa ukuthutyeleziswa kwenyukliya, ukuthintela, ukubona nokuphazamisa amalinge azama ukusebenzisa izixhobo zenyukliya kwizenzo zobunqolobi.

4.4. UMongameli Zuma uza kukhokhela imibhiyozo yoSuku lwamaLungelo oLuntu kwiBala iMoses Mabhida kwiphondo laKwaZulu-Natal ngoMvulo, umhla wama-21 kweyoKwindla ngowama-2016 phantsi komxholo othi: “UMzantsi Afrika umanyene ekulweni ubuhlanga”. Njengoko kwakwazisiwe kwiNtetho engoBume beSizwe yowe-2016, olu Suku kulo nyaka luza kubeka isiseko senkqubo yexesha elide yokwakha isizwe esingacalulani ngobuhlanga. IKhabhinethi imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba babe banye ekulweni nasekuchaseni ubuhlanga – nokokuba busemakhayeni ethu, ekuhlaleni, kwimibutho yasekuhlaleni, emisebenzini okanye kunxibelelwano ngeselela. Kufuneka sisebenze kunye ukuze kufezeke ulawulo lwentando yesininzi oludibeneyo, olungacaluli ngabuhlanga nasini.

4.5. IKhabhinethi iza kusebenzisana nabemi boMzantsi Afrika kulo lonke eli ngelixa leVeki yeSizwe yokuGxininisa kwiiMbizo phakathi komhla wesi- 4 nowe-10 kuTshazimpunzi ngowama-2016, phantsi komxholo othi: “Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika phambili : Sikhulisa uMzantsi Afrika. Loo veki ingqamana neVeki yePalamente yeeNqila zoVoto nokukhumbula iNyanga yeNkululeko.

IKhabhinethi ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba bathathe inxaxheba ngamandla kule misitho, kwaye bathethathethane neenkokeli zopolitiko. Le Veki yokuGxininisa kwiiMbizo iza kugqamisa ukusebenza kwesiCwangciso esinaManqaku aliThoba enjongo yaso ikukomeleza  ukukhula koqoqosho nokudala amathuba emisebenzi afuneka kangangoko. Le veki yeeMbizo iza kuphinda itshile ngempumelelo yorhulumente wemimandla, kubandakanywa nempumelelo eze ngecebo lokuvuselela urhulumente wasekhaya- inkqubo yokuBuyela kuNdalashe.

Le veki iza kuphinda ingqamane nempelaveki yokugqibela yobhaliso phambi koNyulo looMasipala lowe-2016, nto leyo eza kuphinda inike abaphetheyo ithuba lokuqoqa nokuhlanganisa abemi boMzantsi Afrika ngokubafundisa ngezovoto ukuba babhalise kwaye baqinisekise iinkcukacha zabo zovoto.

4.6. USekela-Mongameli uCyril Ramaphosa uza kuvula iNgqungquthela yesiBini yokuPhuhliswa kwabaSebenzi eza kuba seGallagher Convention Centre eMidrand ngomhla wama-29 nowama- 30 kweyoKwindla ngowama-2016 phantsi komxholo othi: “Intsebenziswano yezakhono – Ikhwelo lokuba kuSetyenzwe”. Le ngqungquthela  iza kudibanisa bonke abachaphazelekayo kwicandelo lemfundo ephakamileyo liphela ukuze incede ekuliphuhliseni nasekudibaneni ngentsebenzisano  edala amaziko emfundo ephakamileyo alungele ukusebenza.

4.7. IVeki yeSizwe yezaManzi yowama-2016 iza kubakho ukususela ngomhla we-14 ukuya kowama-22 kweyoKwindla phantsi komxholo othi, “Amanzi abantu, amanzi ongiwa ngabantu”. Le veki iza kutshila ngamanzi njengelungelo lomntu ngokuvusa abantu malunga nengxaki yabantu abangafikeleliyo emanzini acwengileyo aselwayo.

ISebe laManzi noGutyulo likwiphulo lokutshabalalisa inkqubo yamabhakethe elindle kwaye kungoku nje sele iphelise ukusetyenziswa kwamabhakethe kwiindawo ezingama--78.8% ezinezindlu ezihlala abantu eMzantsi Afrika. Amaphondo asixhenxe aqhube kakuhle kakhulu ngokuphelisa iindawo ezingumyinge ongama-90% ezisasebenzisa amabhakethe. Amaphondo aziphelise zonke iindawo ezinezindlu ezisebenzisa amabhakethe ukuzithumba  yiKwaZulu-Natal, uMntla Ntshona, iMpumalanga neGauteng. INtshona Koloni sele iphelise iindawo ezingama-i-99.8%. Kwinani ebekujongwe kulo elingama-26 120 eMntla Koloni, eMpuma Koloni, eMntla Ntshona naseFreyistata, ukuza kuthi ga ngoku iindawo ezingama-11 650 ebezikade zisebenzisa amabhakethe ngoku azisawasebenzisi.

Noxa iimvula ezithe zana kutsha nje ziye zanceda, imbalela isagquba kwezinye iindawo kweli lizwe. Abemi boMzantsi Afrika mabaqhube bachuleze ukusebenzisa amanzi kwaye basebenzise amalinge okugcina amanzi. URhulumente selebonelele ngemali eyibhiliyoni yeerandi ukuhlangabezana nale ngxaki yembalela.

IKhabhinethi iyayamkela inkqubela eyenziwe yinkqubo yeDabi lokuLwa  ukuVuza kwaManzi yeminyaka emihlanu phantsi komxholo othi: “Ithontsi ngalinye libalulekile). Injongo yayo le nkqubo kukufumana, ukuqeqesha nokusebenzisa abantu abatsha abali-15 000 abanesiqinisekiso semfundo ubuncinane seBanga le-12 okanye u-N3 ukuba babe ngabatywini, amagcisa nee-arhente zamanzi.

5. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba egqubayo ekuhlaleni

5.1. IKhabhinethi iyabacela abaqhankqalazi ukuba bazibambe kakhulu, kwaye izikhalazo zabo zilawulwe ngumthetho nanguMgaqo-siseko. Ukonakalisa okuyinkohlakalo nokonakalisa impahla yinto yokutsiba ilitye likaphungela malunga nelungelo lokuqhankqalaza kwaye loo nto ngumsebenzi wabaphuli-mthetho abalahlekileyo. Ii-arhente zogcino-mthetho aziza kuwugcina umthetho ngokubamba nokubeka ityala abo batshabalalisa impahla kwiidyunivesithi, kwanamanye amaziko emfundo ephakamileyo, ekuhlaleni nangexesha loqhankqalazo..

5.2. UMphathiswa wezeZimali wazise iKhabhinethi ngotyelelo asandula ukuba nalo eMelika naseNgilani apho athe wadibana nabachaphazelekayo, kuquka iinkokheli kwezoshishino. IKhabhinethi izinikele ekuqinisekiseni okokuba izinga lethu kwezoqoqosho alithotywa..

Olo tyelelo lunika urhulumente ithuba lokwabelana ngamalinge athile aliqela asetyenzisiweyo ukuhlangabezana nemingeni. Loo malinge aquka intsebenziswano ukuze ukukhula okubandakanyayo kukhawuleze, ukukhawulezisa amanyathelo okuqinisa imicimbi yemali kaRhulumente nokukhawulezisa ukusebenza kweNkqubo yoTyalo-mali kwiziSeko ezinguNdoqo exabisa iibhiliyoni zeerandi ezingama-R870 kwakunye nenkqubela eyenziweyo ekusombululeni imiqathango yezamandla, kuquka ukusebenzisa amandla ahlaziyekayo.

IKhabhinethi imemelela onke amacandelo ukuba athethe ngazo zonke iinkqubo ezakhayo nangokungenelela okwenziweyo ukukhusela uqoqosho lwethu. Kubalulekile ukuba onke amacandelo aqinisekise ukuba uqoqosho lwelizwe lomelele. Ngokuphathelele kulo mba, iKhabhinethi ikwayalele iKomiti yaBaphathiswa yezoTyalo-mali ukuba ikhawulezise zonke izigqibo ezingundoqo ezayamana noqoqosho. IKhabhinethi iyayiphinda into yokuba ukomelela koqoqosho loMzantsi Afrika kusekelwe phezu kwezinto eziqinileyo nezingundoqo zoqoqosho kwaneenkqubo ezisebenzayo.
 
5.3. IKhabhinethi isiqaphele isimangalo seQumrhu leMigodi sokuba uXwebhu lwezeMigodi kuthiwe alihambisani namgaqo-siseko kwaye alikho mthethweni. IKhabhinethi iphinda iyayithetha into yokuba imithetho-siseko yoXwebhu lwezeMigodi ijonge ekuguquleni ushishino lwemigodi ngenjongo yokulungisa ukungalingani kwezinto ngokwasembalini, nto leyo eyeza nenkqubo yocalucalulo. Injongo kukuba ishishini eli lihambelane neenguqu zoMzantsi Afrika mayelana nezentlalo, ezopolitiko nezoqoqosho. Ukuphuculwa kwabahlali ikwangumba ongundoqo ekugxilwe kuwo ukuqinisekisa ukuba uphuhliso lwemigodi alubabekeli ecaleni abahlali abafaneleyo.   

5.4. IKhabhinethi imemelela bonke abasebenzisa iindlela, ngokukodwa abo baza kuba besendleleni kwezi holide zizayo, ukuba badlale indima yabo ngokuluthabathela kubo uxanduva lokhuseleko lwabo nolo lwabahamba ezindleleni. Ukuphelisa le nyhikityha yokubhubha kwabantu ezindleleni yinto ephambili esizweni. Abaqhubi kufuneka baqave, bathobele imithetho yendlela, bangaseli baze baqhube, basigcine isantya esimiselweyo kwaye baqinisekise ukuba iinqwelo zabo zikufanele ukuhamba endleleni.

5.5. IKhabhinethi ivuyisana nabo bonke abaphumelele iiMbasa zeSizwe zamaLungelo abaKhubazekileyo, msitho lowo owawubanjwe ngomhla we-11 kweyoKwindla ngowama-2016. Ezi mbasa zithulela umnqwazi abantu abakhubazekileyo kunye namatshantliziyo alwela amalungelo abantu abakhubazekileyo abagqwesileyo ngonyaka wama-2015.

5.6. IKhabhinethi ithulela umnqwazi abo baphumelele kwiiMbasa zesiThathu zeSizwe zoNyaka zokuGqwesa zabeNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (i-SAPS), eqhwabela izandla ukugqwesa kwamalungu e-SAPS, amapolisa ahleli ekhaya anokubizwa nanini na kwanamaqonga amapolisa abahlali.

5.7. IKhabhinethi incoma ababhali uMandla Dube noLeon Otto bePambili Media ngefilimu yabo ethi: Kalushi: The Story of Solomon Mahlangu. Abemi boMzantsi Afrika bakhuthazwa ukuba bayibukele le filimu itsala umdla inomxholo otyebileyo wezopolitiko engokuguquka kwetyendyana eliminyaka ili-19 ubudala nelilelaseMamelodi, empuma Pitoli, libe ngumzekelo woMzabalazo. IKhabhinethi iphinde yayithetha into yokuba, ngokusebenzisa isebe lezoRhwebo noShishino nelezobuGcisa neNkcubeko, iza kusoloko ikuxhasa ukukhula kweshishini lobugcisa elisikhumbuza lisixelela ibali loMzantsi Afrika.

5.8. IKhabhinethi ivuyisana netshantliziyo lobulungisa ekuhlaleni uFather Michael Lapsley ngokuwongwa nge-International 2016 Public Peace Prize kwinqanaba i- ‘Global Peace and Reconciliation – Internationally-Reputed Peacemaker’.

5.9. IKhabhinethi iqhwabela izandla uPieter du Preez ngokutyunjelwa iMbasa ye-Laureus yokuba nguYena uGqwesileyo kwabaKhubazekileyo kwezeMidlalo kulo Nyaka, ngenxa yokugqwesa kwakhe ngonyaka wama-2015.

5.10. IKhabhinethi ivuyisana noWayde van Niekerk owenze imbali kwezokubaleka ngokuba ngumntu wokuqala ezimbalini ukubaleka yomithathu le midyarho: i-100m ngexesha elingaphantsi kwemizuzwana eli-10‚ i- 200m ngexesha elingaphantsi kwemizuzwana engama-20 ne-400m ngexesha elingaphansi kwemizuzwana engama- 44‚ nto leyo eqinisekiswe nguMfelandowonye weHlabathi weMibutho yeeMbaleki.

6. Izikhundla

6.1. Akukho zikhundla zazisiweyo kule ntlanganiso yeKhabhinethi.

Imibuzo:
UNksz Phumla Williams (isiThethi seKhabhinethi esiliBambela)
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore