INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-14 kweyoMsintsi yowama-2016

1. Ukuphunyezwa kweeNkqubo zikaRhulumente ezinguNdoqo

1.1. IKhabhinethi iyavuyiswa zindaba ezincumisayo zokukhula kwesambuku semveliso yelizwe (i-GDP) nge-3.3% kwikota yesibini yowama-2016; iinkcukacha zikhutshwe liziko lezeNkcukacha-manani laseMzantsi Afrika. Ukukhula kwcandelo lezemizi-mveliso nge-8.1% kunye nelezemigodi neekwali nge-11.8% kubonakalisa ukukwazi ukumelana neenkqwithela koqoqosho lweli kwezi meko zoqoqosho zimaxongo.

I-GDP ikhule ngemali engaphezulu ngeebhiliyoni zeerandi ezingama-25 kweyekota yokuqala yowama-2016 yaya kufikelela kwisixa esiqikelelwayo esizibhiliyoni ezili-1 068 zeerandi.

Siyalibethelela ikhwelo lokuba urhulumente, amashishini kunye nemibutho yoluntu mabawaqinise amasolotya esivumelwano sokusebenzisana kumba wokuphunyezwa kwesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) kusetyenziswa isiCwangciso esinaManqaku aliThoba ukuze sikwazi ukumelana nezi meko zoqoqosho zigqubayo, sikhwezele nohlumo ukuze sixhase uqoqosho sincede nasekusindiseni imisebenzi ingalahleki.

Oku kubonakalisa ngokuphandle ukuba xa onke amahlakani – urhulumente, amashishini kunye nabasebenzi – esebenzisana singakwazi ukulikhulisa uqoqosho size ekugqibeleni sidale imisebenzi enxanelwe ngumntu wonke.

1.2. IKhabhinethi isamkele isibhengezo sokuba iyunithi ephehla iimegawathi (i-MW) ezingama-800 kwiSitishi soMbane iMedupi esiseLimpopo ukuba siqhakamishelwe kwiziko lombane lesizwe. IYunithi 5 yesitishi sombane, iyenye yezintandathu ezakhiwayo njengenxalenye yeprojekthi yee-MW ezingama-4 800, iza kuqala ukusebenza ngokumsethethweni ngeyoKwindla kowama-2018.

Le yiyunithi yesibini kwiiyunithi yesi sitishi sombane kwiiyunithi ezintandathu ukudityaniswa kwiziko lombane. Iyunithi yokuqala, okanye iYunithi 6, yaqalisa ukugalela umbane kwiziko lombane lesizwe ngeyoKwindla ngowama-2015 kwaye sele iqalisile ukusebenza ngokusesikweni. Isitishi sombane sisonke saseMedupi esineeyunithi ezintandathu kulindeleke ukuba sigqitywe ngowama-2020.

Oku kuza kuba negalelo ekuziseni uzinzo kwiziko lesizwe lombane into leyo eza kuqinisekisa ukuba kukho umbane owaneleyo eMzantsi Afrika.

IKhabhinethi imqhwabele izandla u-Eskom ngeli nyathelo libaluleke kangangaka lokudibanisa le Yunithi intsha kwiziko lombane lesizwe, into leyo iyinxalenye yokukhawuleziswa kwephulo lokwakha, elikhokelwa ngabalawuli abatsha. Oku kunegalelo elihle kwezemisebenzi yemihla ngemihla nezezimali kwa-Eskom.

1.3. IKhabhinethi iyakubethelela ukuzibophelela kwayo kwiNkqubo yabaPhehli boMbane abaziMeleyo, eza kuvelisa inxalenye evisayo yombane omtsha oza kuveliswa njengequmrhu elibalulekileyo eliza kudlala indima ebalulekileyo kuqoqosho uqobo nohlumo lwalo.

Oku kuza buba negalelo kwilinge lokusebenzisa imithombo eyahlukeneyo yokuphehla nokuvelisa umbane. Ukongeza ekunikeni ithuba amaqumrhu amatsha nokufumana iinkampani ezintsha eziza kutyala imali kwicandelo lezombane, kuza kumisela nemiqathango ngamazinga kunye namaxabiso ombane.

Oku kuxhasa i-NDP, echaza ukuba kukho imfuneko yokuba uMzantsi Afrika utyale imali kwiziseko eziluqilima zemithombo eyahlukeneyo yezoqoqosho ezilungiselelwe ukuba zixhase iinjongo zezoqoqosho nezentlalo zexesha eliphakathi nelide.

1.4. IKhabhinethi ikuqaphele nokutyikitywa kwesiVumelwano sokuQondana (i-MoU) phakathi kwe-Arhente yoMzantsi Afrika yooLoliwe babaKhweli (i-Prasa) kunye neChina Communications Construction Company Limited ukuze bahlole amathuba ahlukeneyo amaphulo ophuhliso lweziseko ezingundoqo, kuquka noKwakhiwa koMzila kaLoliwe eMoloto oza kudibanisa iGauteng neMpumalanga.

I-MoU ityikitywe kwiNdibano yesiBini yoTyalo-mali e-Afrika ibizinyaswe nguMongameli Jacob Zuma eGuangzhou, kwiPhondo laseGuangdong, eChina.

Le projekthi iza kusebenza njengephulo eliza kuvula amathuba ophuhliso loqoqosho kulo mmandla nakwezinye iindawo eziwungqongileyo ukulwa ingxaki yezokhuseleko, ukusebenza ngendlela elula, ukuthembeka ukungabizi kakhulu kunye nokuhlanganisa nazo zonke ezinye iintlobo zezithuthi zikawonke-wonke. Futhi liza kuphucula umgangatho wobomi babantu kulo mmandla ngokuphungula iindlela ezinde abantu abazihambayo.

1.5. IKhabhinethi ixelelwe ngeengxelo ngenkqubela yekota yokuqala, yesithuba esisuka kuTshazimpunzi ukuya kweyeSilimela ngowama-2016, malunga nokufezekiswa kweziPhumo. Urhulumente ubonakalise umsebenzi omhle owenza umahluko kubomi babantu futhi osabela kanye kwiingxaki ezichaphazela uhanjiso lweenkonzo.

Ukuphunyezwa kweziPhumo zeNkqubo yokuSebenza kufezekisa iinjongo ze-NDP, esisikhokelo soMzantsi Afrika esiza kusisondeza kakhulu kwinqanaba lokuphila nokuzalisekisa izithembiso zoMbono wowama-2030. Oku kukhokelela kwiinjongo ezicaciswe kwisiCwangciso-sikhokelo sobuChule sesiGaba esiPhakathi, esisisicwangciso sikarhulumente seminyaka emihlanu yokuqala sokufezekisa i-NDP 2030, sesithuba esisuka kuma-2014 ukuya kuma-2019.

Kukho ukuphucuka kwimeko yezempilo kwizalathisi ezingundoqo zemeko yempilo yabemi beli ezifana neminyaka ekulindeleke ukuba iphilwe ngumntu, ukuhla kwezinga lokusweleka kwabantwana abaneminyaka engaphantsi kwemihlanu kunye nezinga lokusweleka koomama ababelekayo. Linyukile izinga lokunikezelwa kweenkonzo ezisisiseko, kuquka nokufakelwa kombane otsalwa kwiziko lombane lesizwe nalowo ungatsalwa kulo, elokubonelwa ngamanzi aselwayo kwiindawo ezihlala abantu, iziseko zogutyulo kunye nokuthuthwa kwenkunkuma.

Noko kunjalo, kusekhona okusasilele ngasemva kwezinye iindawo. Ukusukela ngowe-1994 oko sithe chu sibonelela abantu ngezibonelelo zezentlalo ngokuthe gqolo futhi neziye ziphucuka kubantu abangaphezulu kwezigidi ezili-16, kwaye kukho nobungqina bokuba oku kwenza umahluko omkhulu kubomi babantu abangathathi ntweni.

IZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS) libonisana namasebe ukuze kubizwe iiNtlanganiso zeNtlanganiselo nooNondaba ukuze kucaciswe iingxelo zekota.

1.6. IKhabhinethi iyayamkela Imbizo ibibanjwe nguMphathiswa okwi-Ofisi kaMongameli wezokuCwangcisa, ukuHlola nokuVavanya kunye noSihlalo weKomishini yeSizwe yoCwangciso, uJeff Radebe, ngamanyathelo okungenelela asetyenziswayo ukukhawulezisa umba wokubhatalwa kwababoneleli-zinkonzo ngurhulumente kwisithuba seentsuku ezingama-30 esisikiweyo.

Ukususela oko kwamiselwa iCandelo eliKhethekileyo kwiSebe lezokuCwangcisa, ukuHlola nokuVavanya  (i-DPME) ukulwa ingxaki yokungabhatalwa kwababoneleli-zinkonzo zingaphelanga iintsuku ezingama-30, inani lee-invoyisi ezisesikweni ebesezibhatelwe ngeyeSilimela wowama-2016 bezingama-17 667 kwaye bezixabisa imali ezizigidi zeerandi ezingama-340.

I-DPME kunye noNondyebo weSizwe nabo babekele bucala izixhobo zokuncedisa kulo mngeni wokuhlawulwa kwababoneleli-zinkonzo. Ke ngoko kuvulwe iziko loncedo kwii-ofisi zikaNondyebo weSizwe ukuze kuphendulwe imibuzo yababoneleli-zinkonzo.

Ukongeza koku, icandelo elikhethekileyo kunye namahlakani alo baqalisa ngenkqubo yokuxhasa ejoliswe kanye koku eza kunceda amasebe asokoliswa yile nkqubo akhethiweyo ukuze aqonde futhi alungise imingeni ekhokelela ekungabhatalwini okanye ukubhatalwa emva kwexesha kwababoneleli-zinkonzo.

Ngethuba kutyelelwe la masebe onke amacandelo achaphazelekayo kuhlawulo lwee—invoyisi ayahlolwa, kukhangelwe izinto eziyimiqobo aze amasebe ancediswe ngokuqalisa ukusebenzisa amanyathelo okuphucula iindlela ezibhatalwa ngayo ii-invoyisi.

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1. UMzantsi Afrika uza kusingatha iNtlanganiso ye-17 yeNkomfa yamaZwe angamaLungu (i-COP17) yesiVumelwano soRhwebo lweHlabathi ngeeNtlobo zeziTyalo neziLwanyana Ezisemngciphekweni wokuTshabalala (i-CITES) eza kubanjelwa e-Sandton Convention Centre ukusuka ngomhla wama-24 kweyoMsintsi ukuya kowesi-5 kweyeDwarha ngowama-2016.

Ngamalungu ayo ali-181, i-CITES iyenye yawona maqonga anamandla namagunya amaninzi olondolozo lwendalo ngokulawula urhwebo ngezityalo nezilwanyana zasendle. Amalungu e-CITES kunye nabakhi-mkhanyo kulindeleke ukuba abambe iingxoxo ezishushu aze aphume nezisombululo eziza kuqhubela phambili umsebenzi osele uqhuba kakade malunga norhwebo ngezityalo nezilwanyana.

UMzantsi Afrika lelinye lamazwe aphambili kwezolondolozo lwezilwanyana zasendle ngokuba uyinxalenye yezivumelwno zamazwe ngamazwe ezifana ne-CITES, isiVumelwano ngeziDalwa eziFudukayo kunye neziVumelwano ngeeNdidi ezaHlukeneyo zeziTyalo neziLwanyana.  Inkqubo eyodwa yeli lizwe lethu yemimandla ekhuselweyo iquka umhlaba weli lizwe omalunga ne-5.5%, iZiza ezithandathu ezingaMafa eHlabathi kunye nemiyezo yebhayosfiye emine. 

2.2. UMphathiswa weziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi, uGq Siyabonga Cwele, uza kukhokela igqiza loMzantsi Afrika kwiNkongolo yama-26 yeHlabathi yeePosi yoMbutho wezeePosi weHlabathi (i-UPU) eza kubanjelwa e-Instabul, eTurkey ukusuka ngomhla wama-20 kweyoMsintsi ukuya kowesi-7 kweyeDwarha ngowe-2016.

I-UPU yi-arhente eyodwa yeZizwe eziManyeneyo (i-UN) emsebenzi wayo ikukuphucula icandelo lezeeposi libe lelale mihla nokongeza iimveliso zeeposi zitsho zahluka-hlukane ukuze kuqinisekiseke ukuba icandelo lezeeposi kwihlabathi liphela alibhangi futhi liza kukwazi ukumelana nemingeni yenkulungwane yama-21.

Le nkongolo ibaluleke kakhulu eMzantsi Afrika, njengeko iPosi yoMzantsi Afrika iliziko elibalulekileyo kuhanjiso lweenkonzo kwaye iyahambelana ne-NDP, njengokuba iyidilesi yesizwe nokuba isisa iinkonzo zezimali nezikarhulumente kwimimandla esemaphandleni neminye engafumani zinkonzo zaneleyo.

2.3. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngendlela aqhuba ngayo amalungiselelo eMidlalo yowama-2022 yaMazwe Ayesakuba ngamaThanga (i-Commonwealth) eza kubanjelwa kwisiXeko saseDurban.
Utylalo-mali oluza kwenziwa kwiziseko ezingundoqo ukulungisela le Midlalo kulindeleke ukuba lube lilifa eliza kuxhanyulwa ixesha elide sesi sixeko siza kusingatha le midlalo, eza kusebenzisa neziseko ezashiyeka njengelifa namaqithi-qithi eNdebe yeHlabathi ye-FIFA yowama-2010.

Eli thuba lokuba esi sixeko sibe semehlweni ehlabathi luza kuvula namathuba okukhulisa ukhenketho kunye notyalo-mali oluza kuza ngqo lwangaphandle. Imidlalo yamaZwe Ayesakuba ngamaThanga yowama-2022 kulindeleke ukuba igalele kuqoqosho imali ezibhiliyoni ezingama-20 zeerandi, mali leyo iza kuba yenye imali ezibhiliyoni zeerandi ezili-11 eziza kungena kuhlumo lwe-GDP.

Oku kubeka ilizwe njengendawo yokhenketho lwezemidlalo kwaye kuza kunika namathuba kwiQela loMzantsi Afrika.

2.4. IKhabhinethi iwuqaphele umsilwa wengwe okhutshelwe uNobhala weKhabhinethi nguMkhuseli woLuntu. Lo msila wengwe ucela uNobhala weKhabhinethi ukuba anike uluhlu lwezinto nezipho amalungu eKhabhinethi anazo kune nemizuzu yeKhabhinethi, kwisithuba esisuka kweyeNkanga ngowama-2015 ukuya kwekaTshazimpunzi ngowama-2016, echaza ukonyulwa kwabaPhathiswa abaza kubambela xa abaPhathiswa bezo zikhundla betyelele kumazwe angaphandle.

IKhabhinethi ivumile ukunika uMkhuseli woLuntu uluhlu lwezipho nezinto anazo amalungu eKhabhinethi. Kodwa, kuba uMongameli woMzantsi Afrika inguye okhetha abaPhathiswa nooSekela-baPhathiswa ngokwecandelo 91 necandelo 98 loMgaqo-siseko, imiba efana nabaphathiswa abambeleyo ayixoxwa yiKhabhinethi ke ngoko iinkcukacha zonke azikho kwimizuzu yezigqibo zeKhabhinethi.

3. Imithetho eYilwayo

3.1. Ukupapashwa koMthetho-sihlomelo oYilwayo weSizwe wezoTywala wowama-2016 ukuze uluntu luhlomle ngawo kwamkelwe. Lo Mthetho-sihlomelo utshintsha uMthetho weSizwe wezoTywala, wowama-2003 (uMthetho uNombolo 59 wowama-2003). Oku kuvunywe kunye noMgaqo-nkqubo ogqityiweyo weSizwe wezoTywala, olungisa imingeni ebangela ukungasebenzi ngokufanelekileyo koMthetho okuye kwakhokelela ekubeni kuqaliswe ukubhalwa kwalo Mthetho-sihlomelo uYilwayo.

Lo Mthetho uYilwayo usabela kwifuthe lotywala kuqoqosho nentlalo, isantya sokuza kweengunqu, ukwenza imibandela engundoqo yomthetho ifane kunye nokubangela ukuba imithetho ilungelelane, ukulwa ukudidiyelwa nokurhweba ngotywala bomgunyathi nobungekho mthethweni kwakunye nemingeni emalunga namagunya omthetho kaGunyaziwe weSizwe wezoTywala.

Eli nyathelo lokungenelela likwagxile nasekunciphiseni umonakalo kunye nezinye iingxaki eziza notywala, ukutshintsha indlela elisebenza nelimi ngayo icandelo lezotywala kunye nokuphucula intsebenziswano phakathi kwawo onke amaqoqo karhulumente.

Lo Mthetho-sihlomelo uYilwayo uhambelana nemiba ekhokeliswe phambili kwi-NDP yokuqinisekisa ukuba kukho ulawulo olululo, ukukhuselwa koluntu kunye nokudalwa kwemisebenzi. Phakathi kwezinye izinto, lo Mthetho-sihlomelo uza kuthintela ukurhweba ngokungekho mthethweni, uphucula iinkqubo namaphulo okufundisa uluntu, uncedisa nakwiinkqubo eziphuculiweyo zokunceda abo sele bexhomekeke etywaleni.

3.2. IKhabhinethi ikwayivumile iidrafti yoMthetho-sihlomelo oYilwayo weSizwe wezokuNgcakaza wowama-2016 ukuze uluntu ngobubanzi luhlomle kuwo. Lo Mthetho uYilwayo ulungisa iingxaki ezibangela ukungasebenzi kakuhle koMthetho weSizwe wezokuNgcakaza, wowama-2004 (uMthetho uNombolo 7 wowama-2004).

Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukuqinisekisa ukuba ulawulo ngentsebenziswano kunye nomba wokuba liliso ziyaphuculwa futhi imithetho iyacaciswa kwaye neziphumo ezibi zokungcakaza ziphungulwa kakhulu. Lo Mthetho uYilwayo uza kugxininisa ekuphuculeni ezi ntlobo zikhoyo zongcakazo ngoku kwaye akukho ntlobo zintsha zongcakazo ziza kuqaliswa. Lo Mthetho uYilwayo uza kuqinisekisa ukuba abo basemngciphekweni abafana nabantwana kunye nabo bangcakaza ngemali ngokugqithisileyo bayakhuselwa kwaye baza kukwazi ukufumana uncedo kwimibutho efana noGunyaziwe weSizwe wezokuNgcakaza.

Lo Mthetho uYilwayo ulungelelwaniswe kanye nemiba ephambili ekwi-NDP eneenjongo zokuqinisekisa ukuba kukho ulawulo olululo, ukhuseleko loluntu, ukudalwa kwemisebenzi, ezolonwabo nezokuzonwabisa.

4. Imisitho ezayo

4.1. UMphathiswa wezobuDlelwane bamaZwe ngamaZwe neNtsebenziswano, uNksz Maite Nkoana-Mashabane, uza kukhokela igqiza eliya kwiNgqungquthela yoMbutho wamaZwe asaKhulayo (i-NAM) phantsi komxholo ithi: Uxolo, Ukuzimela noBumbano Kusenzelwa uPhuhliso” eza kubanjelwa eVenezuela ukusuka ngomhla we-17 ukuya kowe-18 kweyoMsintsi ngowama-2016.

I-NAM nguwona mbutho mkhulu wamazwe ngaphandle kwe-UN kwaye inika amazwe asaphuhlayo ithuba lokuba abe negalelo enze nomahluko obonakalayo kwimiba yehlabathi futhi iqinisekisa nokuba izinto ezitya la mazwe asahluphayo zithathelwa ingqalelo.

4.2. UMongameli Zula uza kukhokela igqiza eliya kwiSeshoni yama-71 yeNdibano eNkulu ye-UN (i-UNGA) eza kubanjelwa kuNdlunkulu we-UN eNew York ukusuka ngomhla we-18 ukuya kowama-22 kweyoMsintsi ngowama-2016.

Ngomhla woku-1 kweyoMqungu ngowama-2016 iiNjongo eziZinzileyo zoPhuhliso (ii-SDG) ezili-17 ze-Ajenda yowama-2030 yoPhuhliso oluZinzileyo, ezazamkelwe zinkokeli zehlabathi ngeyoMsintsi ngowama-2015 zaqala ukusebenza ngokusesikweni. Kule minyaka ili-15 izayo, amazwe azakwenza konke okusemandleni awo ukuphelisa zonke iintlobo zendlala, alwe ukungalingani nengxaki yokutshintsha kwemozulu, logama ngaxeshanye kungetho bani ushiywa ngasemva.

4.3. USekela-Mongameli uCyril Ramaphosa uza kukhokela imibhiyozo yoSuku lwaMafa ngomhla wama-24 kweyoMsintsi ngowama-2016 eza kubanjelwa eGaleshewe Stadium, eKimberley, eMntla Koloni.  Olu Suku lubhiyozelwa phantsi komxholo: “Ukuhlonipha Amachule namaGcisa Omthonyama ngokuZingca ngobu-Afrika bethu”.

4.4. INkomfa yeHlabathi ngoPhuhliso oluZinzileyo iza kubanjelwa eNew York ukusuka ngomhla wama-21 ukuya kowama-22 kweyoMsintsi ngowama-2016 phantsi komxholo othi: “Ukuqhubela Phambili: ii-SDG ziseTyenziswa”.

Injongo yale nkomfa kukukhangela nokwabelana izisombululo ezinokusebenziseka nezisekelwe kubungqina ezinokuxhasa ii-SDG. Le nkomfa iza kudibanisa abathathi-nxaxheba abasuka koorhulumente, iingqondi ezifundisa kwiidyunivesiti, kwi-UN, kwii-arhente zamazwe ngamazwe, kwimibutho engekho phantsi korhulumente kunye nemibutho yoluntu ekuhlaleni.

4.5. IKhabhineti iyawamkela umbhiyozo weminyaka emihlanu woMbutho wooRhulumente Abavulelekileyo (i-OGP) ububanjelwe ecaleni ngethuba kuqhutywa i-UNGA, eNew York ngomhla wama-20 kweyoMsintsi ngowama-2016.

Kulo msitho uMzantsi Afrika uza kunikezela ngesikhundla sokuba nguSihlalo Omkhulu we-OGP. Lo msitho uza kuzinyaswa ziNtloko zemiBuso nooRhulumente, inkokeli zemibutho yoluntu kunye namanye amahlakani adlale indima enkulu kwimisebenzi eyimpumelelelo nemihle eyenziwe yi-OGP. UMzatsi Afrika wathatha isikhundla sokuba nguSihlalo Omkhulu se-OGP kwiNgqungquthela yaseMexico ngeyeDwarha ngowama-2015.

Ukususela oko iiNtloko zemiBuso nooRhulumente ezisibhozo zadibana neenkokeli ezisithoba zemibutho yoluntu ukuseka i-OGP kumsitho owawubanjwe ecaleni ngethuba kuqhuba i-UNGA ngowama-2011, lo mbutho uneenjongo ezahlukeneyo ukhule ngoku wanamalungu angoorhulumente angama-70 kunye namawaka emibutho yoluntu ephuma mbombo zone eli zeli limiweyo, kunye nezivumelwano ezingaphezulu kwama-3 000 ezinemigqaliselo ecacileyo ukunyusa izinga lokwenza izinto elubala kunye nelokuphendula koorhulumente kunye nendlela abantu abathatha ngayo inxaxheba kwimiba yolawulo.

4.6. UMphathiswa weziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi, uGq Siyabonga Cwele, uza kukhokela igqiza loMzantsi Afrika eliya kwintlanganiso yeKhomishini ye-UN ye-Intanethi eSebenza Ngesantya eza kubanjelwa eNew York ngomhla we-18 kweyoMsintsi yowama-2016.

Le khomishini inikwe umsebenzi wokuqwalasela amacebo okufakela abantu abazibhiliyoni ezine, abangenayo i-intanethi kungoku nje, i-intanethi ekhawulezayo ngendlela engazikutyabula malini ininzi. Kulo nyaka le ntlanganiso iza kuhlola iphonononge la macebo asetyenziswa ngoku ize igqibe ngamanyathelo aza kuthathwa ukuze i-intanethi ekhawulezayo isetyenziselwe uphuhliso oluzinzileyo.
 

4.7. INyanga yezoThutho ngeyeDwarha yowama-2106 iza kubanjwa phantsi komxholo othi: “Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika Phambili”. Le nkqubo iza kuqhuba inyanga yonke iza kubonisa iqhayise ngeeprojekthi zeziseko ezingudoqo zezothutho, ikhuthaze ukusetyenziswa kwezithuthi zikawonke-wonke ize ibethelele amaphulo esizwe okhuseleko ezindleleni.

Urhulumente utyala imali kwicandelo lezothutho eliyinxalenye yesiCwangciso esinaManqaku aliThoba sokuvuselela uphuhliso sidale nemisebenzi. Iziseko zezothutho ekutyalwe kuzo imali ziyinxalenye yokwakha nokusebenza ngenkqubo ehlangeneyo yezithuthi zikawonke-wonke kulo lonke eli lizwe.

Utyalo-malo olwenziwe sisizwe kwezothutho luza kunceda ukuba uqoqosho lukhule kuze kuliwe nomngeni wentswela-ngqesho, indlala nokungalingani. Utyalo-mali esilwenzileyo kwezothutho abeka eli lizwe njengelinye lamazwe anomtsalane kubatyali-zimali.

5. Uluvo lweKhabhineti kwimiba engundoqo esematheni

5.1. IKhabhinethi iyazamkela iziphumo ezivela kwiNgqungquthela yeeNkokeli ze-G20, ebizinyaswe nguMongameli Jacob Zuma apho izinto ezibalulekileyo kuMzantsi Afrika ziye zaphakanyiswa.

Le Ngqungquthela, ebibanjwe phantsi komxholo othi: Sisingise kuQoqosho lweHlabathi olunoBuchule, oluVuselelekileyo, oluThungelanayo noluDibeneyo” ixovule le miba iphambili ilandelayo: i) UkuKhangela Amacebo Amatsha Okuza Nohlumo, ii), uLawulo oLwenza uMahluko oBonokalayo noluyiMpumelelo loQoqosho neziMali zeHlabathi, iii) uRhwebo noTyalo-mali lweHlabathi oluNgqingqwa, iv) uPhuhliso oluXhanyulwa Nguye Wonke Noludibeneyo, kunye v) Neminye imiba edlikidla iHlabathi efana neNtsholongwana Enganyangekiyo Ngamayeza (i-AMR).

Ngelokuzama ukunyusa umgangatho wezokuyila njengecandelo elibalulekileyo kuhlumo kumazwe ahlukeneyo kunye noqoqosho lwehlabathi, i-G20 iye yamkela isiKhokelo sokuKhulisa uYilo njengenkqubo entsha enemigaqo-nkqubo kunye namanyathelo kuwo onke amacandelo ezoyilo, uhlobo olutsha lobuchule bokutshintsha icandelo lemizi-mveliso noshishino lube lolwale mihla, kunye noqoqosho oluxhomekeke kubuxhaka-xhaka bobuchwepheshe.

Ukongeza, isiCwangciso sokuSebenza se-G20 sokuTshintshela kwiiNtlobo zooMatshini Ezintsha, sisebenzisa amathuba aba matshini batsha kuqoqosho abalinika amashishini, ingakumbi imizi-mveliso kunye neenkonzo ezifana nalo. Oku kuquka inkxaso kumazwe asaphuhlayo kwicandelo lezokutshintsha uqoqosho lube lwale mihla, ingakumbi amazwe ase-Afrika kunye naManye Amazwe Angaphuhlanga Gqibelele (ii-LDC).

Kwakunye, nokuphehlelelwa kwePhulo le-G20 lokuXhasa uTshintshelo kooMatshini e-Afrika nakwii-LDC kukhulisa amathuba ohlumo loqoqosho oluxhanyulwa nguye wonke nawokuphuhla ngokuza nemigaqo-nkqubo ilizwe ngalinye elizikhethelayo.

Ngelokuphosa igade kumsebenzi wokwakha inkqubo yezoqoqosho evulelekileyo nenyamezelayo ukuncedisa kuhlumo nophuhliso oluzinzileyo, isindululo soMzantsi Afrika sokuba umba wemali efumaneka ngeendlela ezimnyama nezingekho mthethweni ngokupheka amaxabiso kufuneka ukhe kuqwalaselwe nguMbutho weHlabathi wezoRhwebo (i-WTO), samkelwe.

Ukulungisa le ngxaki kuza kuvulela izimali ezinokusetyenziswa ngoorhulumente base-Afrika ukuphumeza iiNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo kunye neenkqubo zabo zophuhliso.

5.2. IKhabhinethi iyakubethelela ukuba luxanduva labo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuzama ukonga amanzi nokuwasebenzisa ngobunono, oku kuquka ukutywina imibhobho evuzayo nokukhathalela iziseko ezindundoqo zikarhulumente ezikwiindawo ezihlala uluntu.

Ukuhla komthamo kumadama esizwe kunyanzelise ukuba kumiselwe imiqathango yokusetyenziswa kwamanzi kumaphondo amaninzi, iphondo elisanda kumisela le miqathango liPhondo laseGauteng.

Kufuneka sisebenzisane sincedisa iindawo ezisengxakini ngokuxela kwabasemagunyeni izenzo zokonakalisa nokuba iziseko ezingundoqo. Urhulumente uyazazi iinzima abantu bakuthi abaphila phantsi kwazo kwezi ndawo zichaphazelekileyo kwaye iQela labaPhathiswa Abahlukeneyo eliJongene neMbalela liwacacisile amanyathelo okungenenela kwimimandla ethwaxwe yimbalela kakhulu.

Amanyathelo okungenelela ethuba elide nelifutshane sele eqalisiwe ukusetyenziswa ngelithuba namaphulo okubeka iliso nokuhlola nawo eqhuba. ISebe lezoLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli, lisebenzisa iZiko leSizwe loLawulo lweeNtlekele, liyaqhuba ukubeka phantsi kweliso imeko yembalela egqubayo nokunqongophala kwamanzi elizweni, likwenza oku lisebenzisana nawo onke amanye amacandelo kunye namashishini abucala.

5.3. IKhabhinethi nayo njengesizwe yothulela umnqwazi umsebenzi omhle weQela loMzantsi Afrika elithatha inxaxheba kwiMidlalo yeParalimpikhi yowama-2016 eRio eBrazil ukusuka ngomhla wesi-7 ukuya kowe-18 kweyoMsintsi. Ezi mbaleki zisenze saziva sinebhongo neqhayiya sisizwe kwaye zithathele kwinto ezidume ngayo eyokuqhuba kakuhle kakhulu kwimidlalo yeParalimpikhi. IKhabhinethi iliqhwabela izandla eli qela ngokuphumelela iindebe ezisithoba okwangoku: ezegolide ezintathu, ezesilivere ezintathu nezebronzi ezintathu. IKhabhinethi ithi amaqobokazana angalal’endleleni kunyembelekile kwezi mbaleki zilandelayo ngokukhuphumelela iindebe zegolide: indadi uKevin Paul, uHilton Langenhoven kwezokutsiba kunye noCharl du Toit ngokuphumulela umbaleko womgama we-100-metre.

5.4. IKhabhinethi iyakuvuyela ukukhutshwa kweenkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho nguMbutho wamaPolisa aseMzantsi Afrika (i-SAPS) ezinika iinkcukacha ezigcweleyo ezibonakalisa ukuba amazinga olwaphulo-mthetho lulonke kweli lizwe ehlile.

Nangona amalinge e-SAPS okuthoba amazinga eentlobo ezithile zolwaphulo-mthetho encomeka, iKhabhinethi isaxhalabile ngokunyuka kolwaphulo-mthetho olunobundlobongela, ingakumbi ukubulala.

Ukulwa ulwaphulo-mthetho luxanduva lomntu wonke. Kufuneka sisebenzisane ne-SAPS ukuze sifikelele kwingomso esilifunayo sonke, leendawo esihlala kuzo ezikhuselekileyo, izixeko ezikhuselekileyo kunye nesizwe esikhuselekileyo. Oku kuza kunyusa izinga lentsebenziswano phakathi kwee-arhente ezahlukeneyo zogcino-mthetho ukuze kuphungulwa ulwaphulo-mthetho.

5.5. IKhabhinethi ikhumbuza abahlawuli berhafu ukuba bangenise iingxelo zabo zerhafu ngokwabo okanye bazithumele ngeposi kuba sele ukufutshane kakhulu umhla omiselweyo wokuvala ukungeniswa kweengxelo zerhafu zowama-2016 ongumhla wama-23 kweyoMsintsi ngowama-2016.

IKhabhinethi ifuna ukubamba ngazibini kubahlawuli berhafu asele bezingenisile iingxelo zabo zerhafu. Imali eqokelwa ngu-SARS inceda urhulumente ukuba akwazi ukubonelela izigidi zabemi boMzantsi Afrika ngeenkonzo abazidinga kakhulu.

5.6. IKhabhinethi iyayazi imigudu neenzima abantu abatsha abadibana nazo xa bezama ukuzifundisa. IKhabhinethi isazimisele ekuqinisekiseni ukuba imfundo esemgangathweni nefikelelekayo ifunyanwa ngabo bonke.

Imali yokuncedisa abafundi ekhutshwe sisiKimu seSizwe sokuNceda Abafundi ngeMali yokuFunda (i-NSFAS) zibhiliyoni ezingama-14 582 zeerandi, futhi inceda abafundi abaphuma kumakhaya asokolayo kodwa abaqhuba kakuhle kwizifundo zabo ukuba bakwazi ukufunda kuzo zonke iidyunivesiti zikawonke-wonke ezingama-26 kunye neeKholeji zoQeqesho neMfundo yobuGcisa namaKhondo (i-TVET) ezingama-50.

NgokoPhando lwamaKhaya Ngobubanzi oluqhutywe liZiko leeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika: Iziphumo zezifundo kwabo bafundayo ziyaphucuka futhi nezinga labo baya esikoweni liyakhula. Kubantu abaneminyaka yobudala ephakathi kwama-20 nangaphezulu, ipesenti yabo baphumelele iBanga le-12 njengelona banga liphezulu lesikolo baliphumeleleyo inyuke isuka kwi-21.9% ngowama-2002 laya kwi-28,0% ngowama-2015.

Inani labantu abaphumelele izifundo kumaziko emfundo ephakamileyo linyukile lisuka ku-9.3% laya kutsho kwi-14.1%. IKhabhinethi isazimisele ukubonelela ngemfundo esimahla kwabo basokolayo, kodwa oku kuza kwenziwa ngezigaba futhi kuxhomekeke kwimpokotho yesizwe.

Umbono wethu wexesha elide wemfundo ephakamileyo uza kuxhomekeka kwiziphumo zoKomishini yoPhando ngokuXhaswa ngeMali kweMfundo ePhakamileyo noQeqesho, ekungoku ehleliyo kwaye ekulindeleke ukuba iqukumbele umsebenzi wayo ngomhla wama-30 kweyeSilimela ngowama-2017. Sicela onke amahlakani ukuba anike iKomishini yoPhando ngokuXhaswa ngeMali kweMfundo ePhakamileyo noQeqesho ithuba lokuba igqibe umsebenzi wayo. Ngokusebenzisana singeza nezisombululo ezivakalayo neziza kusebenza ixesha elide.

5.7. IKhabhinethi ixhalabile kukuqhambuka kwakhona kwemigushuzo yogwayimbo enobundlobongela kwamanye amaziko emfundo ephakamileyo. Ukonakaliswa kwempahla sisenzo zolwaphulo-mthetho esiphazamisana nezikhalazo neminye imiba efanelekileyo.

Izixhobo zokusebenza ezitshatyalaliswa, kuquka ithala leencwadi kwiDyunivesiti yaKwaZulu-Natal, ukutshiswa kweencwadi iziseko ezingundoqo akwamkelekanga kwaphela, endaweni yoko kutshabalalisa indyebo novimba wolwazi oqokelelwe iminyaka. Ezi zizenzo zolwaphulo-mthetho ekufuneka ii-arhente zogcino-mthetho zibe ngqwabalala kuzo.

Ezi zenzo zityabula imali nayo engekhoyo yokubonelela ngemfundo abantwana abaphuma kumakhaya angathathi ntweni. IKhabhinethi icela iinkokeli zabafundi ukuba nazo zibe yinxalenye yekhwelo lokuba makukhuselwe iziseko ezingundoqo ezibalulekileyo zeedyunivesiti kuba ziyinxalenye yamafa esizwe abo bonke abemi boMzantsi Afrika.

Urhulumente uzivile izikhalazo zabafundi, futhi ziyaqwalaselwa kungoku nje. Sisebenzisana nabo bonke abachaphazelekayo ukuze sifumane isisombululo esiza kuhlala ixesha elide.

5.8. IKhabhinethi ikhathazekile kukusweleka kwabo bemba imigodi ngokungekho mthethweni kumgodi osele wavalwa oseLanglaagte. Ukusweleka kwaba bantu kusikhumbuza ngeengozi zokumba imigodi eyavalwayo ngokungekho mthethweni ukuba ayizozenzo ezingekho mthethweni nje kuphela koko zibeka ubomi babantu emngciphekweni.

ISebe leziMbiwa lisebenzisana nee-arhente zogcino-mthetho ukuqinisekisa ukuba abophuli-mthetho bayabanjwa ingakumbi loo migulukudu iphambili iqhubeleka nokurhweba ngezimbiwa ezingekho mthethweni.

IKhabhinethi icela ukuba onke amahlakani asebenzisane ukulwa umkhuba wokumbiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni. Isebe lisebenzisana neenkampani zezemigodi kwaye livale imigodi ebingasasetyenziswa engaphezulu kwama-200 ebichaphazeleka kwizenzo zokombiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni.

5.9. IKhabhinethi iqhwabela izandla iSebe leMfundo esisiSeko ngokuphumelela Imbasa yeHlabathi yezeLitherasi yoMbutho we-UN wezeMfundo, ezeNzululwazi nezeNkcubeko (i-UNESCO) ngephulo lalo i-Kha Ri Gude Mass Literacy Campaign. IiMbasa zeHlabathi zeLitherasi ze-UNESCO ziwonga umsebenzi ogqwesileyo namaphulo angaqhelekanga ezinto ezintsha kwicandelo lezelitherasi (isakhono sokukwazi ukufunda nokubhala).

I-Kha Ri Gude Mass Literacy Campaign yaqalwa ukuze iphungule inani labantu abangakwaziyo ukufunda nokubhala eMzantsi Afrika, kwaye lincede abantu abasemaphandleni nabasezidolophini abazizigidi eziyi-4.7. Iqhutywa ngazo zoli-11 iilwimi ezisemthethweni, kuquka ne-braille.

5.10. IKhabhinethi yothulela umnqwazi umlonjikazi uPretty Yende oyimvumi ehlonitshwa lihlabathi liphela kodwa eyinzalelwana yedolophana encinci yasePiet Retief ngokuba abe ngumzekelo omhle kuthi sonke. Phakathi kweminyhadala aza kucula kuyo, uza kube inguye oyimvumi ephambili kumnyhadala wase-Italy womculo we-opera i-Lucia di Lammermoor e-Opéra Bastille eParis kule nyanga izayo. NgeyoMnga uza kube eyimvumi ephambili ku-Roméo et Juliette kwiholo iMetropolitan Opera House eNew York.

5.11. IKhabhinethi iqhwabela izandla uNksz Esther Mahlangu, umzobi negcisa leNdebele elihlonitshwa lihlabathi liphela nelawongwa nge-Order of Ikhamanga yoMzantsi Afrika. UMama uMahlangu kunye nabakwa-BMW baza kuphawula iminyaka engama-25 yesivumelwano sabo sokusebenzisana esisengundaba-mlonyeni nanamhlanje kwi-Frieze Art Fair eLondon phakathi komhla we-5 ukuya kowesi-9 ngeyeDwarha yowama-2016.

5.12. IKhabhinethi njengabemi boMzantsi Afrika nayo inqwenelela uMama uWinnie Madikizela-Mandela amathamsanqa nempilo ende xa eza kuba egqiba iminyaka engama-80 ezelwe. Owaziwa ngabaninzi njengokuba “nguMama woMzabalazo, uMama uWinnie ligqala lomzabalazo elihlonitshwa ngumntu wonke kwaye usisibane nomzekelo wesibindi sokukwazi ukunyamezela kwabantu basetyhini kwihlabathi liphela.

IKhabhinethi ithumela amazwi ayo ovelwano kwaba:
5.13. Usapho nezihlobo zemvumi ye-opera eyinzalelwane yoMzantsi Afrika ehlonitshwa lihlabathi liphela, uMnu Johan Botha. UMnu Botha uza kukhunjulwa ngelizwi ebelipholile kodwa lithi lakutsho kuhlokome amawa elaziwe kumaholo namaziko omculo we-opera mbombo zone zeli limiweyo, kuquka ne-Vienna State Opera eyamhlonipha ngewonga lokuba yi-Kammersänger, iwonga elinikwe iimvumi ezingenantanga kumculo we-opera nowe-classical e-Austria naseGermany.
5.14. Kwiintsapho, izihlobo zabo bebesebenza nomqhubi kaloliwe wakwaTransnet nomncedisi kaloliwe abathe basutywa kukufa ngethuba uloliwe wakwaTransnet olayisha iimpahla ethe wawa kwisikhululo sikaloliwe iDelvillewood kulandela ukudilika kweengqimba zodaka eHillcrest entshona yaseDurban.
5.15. Abantu baseTanzania emva kwenyikima ebeyi-5.7 ngokwesikali sikaRichter ebulele abantu abaninzi. Iintsapho zabo baphulukene nobomi babo kunye nabo bonzakeleyo siza kuzibeka emithandazweni yethu.

6. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emzemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
6.1. ISebe lezeMidlalo noLonwabo: UMnu Alec Moemi njengoMlawuli-Jikelele kwisivumelwano sesihlandlo sesibini seminyaka emihlanu.

Imibuzo:
Donald Liphoko
Inombolo yoqhakamshelwano: 082 901 0766

Share this page

Similar categories to explore