INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-13 kuTshazimpuzi wowama-2016

1. Ukuphunyezwa kweenkqubo zikarhulumente ezingundoqo

1.1. IKhabhinethi iyazamkela izinto ezibe yimpumelelo ezithe zakhankanywa nguMongameli uJacob Zuma ngexesha lokutyelela iziko eliseBhayi eMpuma Koloni, ukuza kuhlola inkqubela esele yenziwe ekuphunyezweni kwephulo elibizwa i-Operation Phakisa: uQoqosho lwezaseLwandle.

Urhulumente uvule utyalo-mali olufikelela kwimali emalunga neebhiliyoni zeerandi ezili-17 kuQoqosho lwezaseLwandle. Ukususela ekusungulweni kwayo, kudalwe imisebenzi engaphezulu kwama-4 500 kumacandelo aliqela.

Oodokolwana ababini kwabalithoba abakhiwa kuMzi weeNqanawa waseMazantsi e-Afrika, i-Southern African Shipyard, nesakhelwa uGunyaziwe waMazibuko eSizwe akwa-Transnet (i-TNPA) kwiZibuko laseDurban baza kuthunyelwa kwiZibuko laseBhayi. UMongameli uZuma umisele ngokusesikweni udokolwana wokuqala eBhayi, obizwa uMvezo, nothiywe ngendawo awazalelwa kuyo owayesakuba nguMongameli uNelson Mandela.

I-TNPA ibekele bucala imali engaphezulu kweebhiliyoni zeerandi ezisixhenxe yokuphucula amazibuko eli. UMongameli ukubona oku kuhlaziywa nokwakhiwa ngokutsha kwesangwana neebhulorho zokungena ekumisa kuzo iinqanawa kwiZibuko laseBhayi neziza kukwazi ukungenisa iinqanawa ezongezelelweyo ezili-12 xa kuthelekiswa nezo zimbini zikhoyo ngoku.

1.2. IKhabhinethi iyababulela abahlawuli berhafu abathe basebenzisana norhulumente kunyaka-mali wama-2015/16 ukwenza ukuba uqokelelo lwethu lwerhafu lufikelele okokuqala kwitriliyoni yeerandi. Lo ngumzekelo ocacileyo wamandla oqoqosho lweli oluphumelela naphantsi kweemeko ezinzima.

Kungenxa yerhafu ehlawulwa ngabemi boMzantsi Afrika abathe bangenisa iingxelo zabo zerhafu ngethuba kunye nomsebenzi omhle wokuqokelela irhafu weZiko leeNkonzo zezeRhafu zaseMzantsi Afrika (i-SARS) okwenza ukuba urhulumente akwazi ukunikezela ngeenkonzo ezidingeka kakhulu nezidlala indima ekuphuculeni ubomi babemi baseMzantsi Afrika. 

1.3. IKhabhinethi iyasamkela isibhengezo esenziwe nguMongameli uZuma sokuba umhla wesi-3 kweyeThupha yowama-2016 njengomhla woNyulo looRhulumente beeNgingqi lowama-2016. Urhulumente uxolile kukuba iimpela-veki ezimbini ezingumhla we-5 ukuya kowe-6 kweyoKwindla nomhla we-9 ukuya kowe-10 kuTshazimpuzi zokubhalisela unyulo kubonakale inani elikhulu labo baselungelweni lokuvota, ingakumbi abo baza kuvota okokuqala kunye nolutsha. 

IKhabhinethi iyababulela bonke abo bathe basabela kwikhwelo lokuya kubhalisa nokuya kukhangela iinkcukhacha zabo kuluhlu lwabavoti. Kungenxa yokusebenza ngokubambisana okubangela ukuba ulawulo lwethu lwentando yesininzi luye lusomelela ngakumbi.

IKhabhinethi ibongoza bonke abemi abangekabhalisi okanye abangekazikhangeli iinkcukhacha zabo ukuba batyelele ii-ofisi zeKhomishini yoNyulo eziMeleyo koomasipala babo baze balungise iinkcukhacha zabo kumqulu woluhlu lwabavoti (banikezele ngeedilesi) baze babhalisele unyulo lomhla wesi-3 kweyeThupha. Abavoti basenokuthumela iinombolo zabo zeZazisi nge-SMS ku-32810 okanye baqhagamshelane neziko loqhagamshelwano ku-0800 11 8000 ukuqinisekisa ukuba buthini ubume babo.

Ubhaliso luqinisekisa ukuba igama lakho likhona kumqulu woluhlu lwabavoti ukuze ukwazi ukuvota. IKhabhinethi imema bonke abemi ukuba basebenzise ilungelo labo lomgaqo-siseko lokuvota nesalufumana nzima ngokuthi bavote kuNyulo looRhulumente beeNgingqi lowama-2016 ngomhla wesi-3 kweyeThupha yowama-2016.

1.4. IKhabhinethi iyakwamkela ukumiselwa ngokusesikweni kweProjekthi yokuLinga i-eChannel yeSebe leMicimbi yezeKhaya (i-DHA) nguMongameli uZuma. Le nkqubo yala maxesha intsha ivumela ukuba abemi bafake izicelo zabo zamakhadi-sazisi, i-Smart ID, kwi-intanethi ukuze baphephe imigca emide.

Le yintsebenziswano kunye neebhanki zeli ezine ezinkulu – i-ABSA, i-FNB, i-Nedbank kunye ne-Standard Bank ukuvelisa iqonga lokufaka isicelo samakhadi-sazisi nepaspothi ngokusebenzisa i-intanethi kuza kuvumela abemi beli ukuba batyelele i-ofisana ze-DHA ukuya kunyathelisa iminwe nemifanekiso yabo emva kokwenza idinga baze bahlawula nge-intanethi.

I-eChannel iyinxalenye yesicwangciso-qhinga sokwenza eli sebe lihambelane nala maxesha xa lilonke ukutshintsha iinkonzo zisuke kwezokusetyenziswa kwamaphepha kusetyenziswa ubuchwepheshe bale mihla , inkqubo eza kuquka ukulungiswa kweziphene kuluhlu oluqulethe iinkcukacha zoluntu.

1.5. IKhabhinethi iyayamkela iimpumelelo yokubanjwa kutsha nje kweVeki eGxile kwiiMbizo phantsi komxholo othi ‘Sisonke siqhubela uMzantsi Afrika phambili’, apho sibone khona amagosa karhulumente etyelela iindawo ezininzi  zoluntu kweli jikelele.

IKhabhinethi ibothulela umnqwazi abo bemi boMzantsi Afrika bathe bathatha inxaxheba kwiinkqubo ezingaphezulu kwama-36 kweli jikelele, nezithe zaqinisekisa ukuba urhulumente uyahlangabezana nezo mfuno zoluntu zichongiweyo. Le Veki iGxile kwiMbizo iye yaxhobisa uluntu ngolwazi lweenkqubo zikarhulumente.

1.6. ISebe lezokuHlaliswa koLuntu lisingathe ingqungquthela yeZizwe eziManyeneyo (i-UN) ebeyimpumelelo enkulu ebigxile kwimiba yeendawo  ezingamatyotyombe, futhi igxininisa nakwisantya esiphezulu sokufudukela kwabantu ezidolophini nokukhula ngokukhawuleza kwemimandla yamatyotyombe.

Ngoku ngabantu abayibhiliyoni ehlabathini jikelele abahlala kwimimandla yamatyotyombe. Ukususela ngowe-1994 uMzantsi Afrika wakhe izigidi zezindlu njengenxalenye yokuqinisekisa ngobomi obungcono kumntu wonke.   

2. IMithetho eYilwayo

IKhabhinethi iphumeze le Mithetho iYilwayo ilandelayo:

2.1. UMthetho oYilwayo ongokuKhuselwa kweZiseko ezinguNdoqo eziBaluleke kaKhulu wama-2016 oza kushicilelwa kwiPhephandaba loMbuso ukwenzela ukuba uluntu luhlomle kuwo.

Lo Mthetho uYilwayo uguzula uMthetho waMaziko weSizwe anguNdoqo, we-1980 (uMthetho onguNombolo 102 we-1980, kwaye ugxile ekulungelelaniseni inkqubo yokuchonga nokubhengeza iziseko ezingundoqo ezibaluleke kakhulu ngendlela eselubala necacisekayo. Kwakhona uza kuqinisekisa ukuba zonke iziseko ezingundoqo ezibaluleke kakhulu ziyachongwa zize zikhuselwe ngokufanelekileyo ukwenzela ukhuseleko lwesizwe.

Lo Mthetho uYilwayo ukwabonelela ngokumiselwa kwenkqubo-sikhokelo yeziko ukwenzela ukuhlolwa nokwenziwa kokhuseleko lweziseko ezingundoqo ezibaluleke kakhulu. Ukwacacisa imisebenzi kweziko eliza kucebisa uMphathiswa wezamaPolisa ekubhengezweni kweziseko ezingundoqo.

2.2. UMthetho-siHlomelo ongeMibutho yabaNikazi Mhlaba wowama-2016 uza kupapashwa ukwenzela ukuba uluntu lukwazi ukuhlomla kuwo. Lo Mthetho uyilwayo uhlomela uMthetho okhoyo ongeMibutho yabaNikazi Mhlaba, we-1996 (uMthetho uNombolo 28 we-1996).

Lo Mthetho uYilwayo womeleza inkqubo yolawulo olulolwentando yesininzi yeMibutho yabaNikazi Mhlaba abaLuluntu okanye amaqumrhu eTrasti akhoyo athi ongamele umhlaba onabanikazi abaluluntu. Lo Mthetho uYilwayo uhlonyelweyo uvumela ukuba kumiselwe i-ofisi yoMgcini-ncwadi kwiSebe loPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo  lweMihlaba, kwaye uyayicacisa imisebenzi yale ofisi. Xa sele upasisiwe lo Mthetho uYilwayo waba ngumthetho, uza komeleza imimiselo yamaziko olawulo uze uqinise inkxaso kaRhulumente kuwo.

Uza kwenza ukuba uluntu lukwazi ukufumana, lubambe luze lulawule imihlaba ngokusebenzisa amaqumrhu olawulo asebenzayo nasekwe ngokomthetho naxhaswayo ngurhulumente.

2.3. Ukuthiwa thaca koMthetho oYilwayo ongoLamlo weHlabathi wowama-2016 ePalamente. Inkqubo yolamlo lwehlabathi sisixhobo esibalulekileyo sokwenza ushishino ngaphaya kwemida yeli lizwe. Uza kwenza ukuba kube lula kwiinkampani ezenza ushishino kumazwe angaphandle kweli nezamazwe angaphandle ezishishina eMzantsi Afrika ukuba zifikelele kwiinkonzo zezobulungisa.

Lo Mthetho uYilwayo uguzula uMthetho wokwaMkelwa nokuSetyenziswa kokuNikezelwa koLamlo lwaMazwe angaPhandle, we-1977 (uMthetho uNombolo 40 we-1977) kwakunye nokuhlonyelwa koMthetho woKhuselo loShishino, we-1978 (uMthetho uNombolo 99 we-1978).

Lo Mthetho uYilwayo uhambelana noMthetho woMfuziselo ongoLamlo kuRhwebo lweHlabathi, owamkelwa yiKhomishini yeZizwe eziManyeneyo (i-UN) kuMthetho woRhwebo lweHlabathi.   

2.4. Ukupapashwa kwedrafti yoMthetho-siHlomelo weSiseko soPhando-nzulu seSizwe wowama-2016 kwiPhephandaba loMbuso ukwenzela ukuba uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uhlomela uMthetho weSiseko soPhando-nzulu weSizwe, we-1998 (uMthetho uNombolo 23 we-1998).

Lo Mthetho uYilwayo uza kuphucula isakhono soMzantsi Afrika sokukwazi ukumelana nokhuphiswano kuphuhliso lwezophando-nzulu nokuvelisa okutsha ngolawullo olusebenzayo, olwaneleyo noluququzelelweyo lokubandakanywa koluntu kwezenzululwazi, nobonelelo lweziseko ezingundoqo zophando-nzulu eziphuculilweyo nofikeleleko.

Kwakhona uza kuphucula indlela uphuhliso loPhando-nzulu olusabela nolusebenza ngokuvakalayo kwalo nokubonelela ukuveliswa kokutsha, ukuphucula umgangatho wobomi babemi baseMzantsi Afrika ngokuhambelana okungcono nemiba ephambili nengundoqo karhulumente.

3. Izigqibo ezingundoqo zeKhabhinethi

3.1. IKhabhinethi ilamkele iPhepha leNgcaciso ngezobuPolisa. Idrafti yeli Phepha leNgcaciso lapapashwa okokuqala kwinyanga yoKwindla yowama-2015 ukwenzela ukuba uluntu luhlomle. Eli phepha libonelele ngenkonzo yezobupolisa ebacingela kakhulu abemi abasebenzayo ize ilandele neemeko ezikhoyo zezobupolisa. Ikwabonelela ngeNkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrika neyamapolisa kamasipala ekwaziyo ukuphendula icacise futhi nesebenza ngobuchule nondiliseko.

Eli Phepha leNgcaciso likwafuna ukuba kumiselwe iBhodi yezobuPolisa yeSizwe eza kuthi, phakathi kweminye yemisebenzi yayo, ijongane nokumiselwa kwemimiselo nemigaqo yokukhupha izithuba zemisebenzi, ukukhethwa nokuqeshwa kwamalungu amatsha kwiinkonzo zezobupolisa. 

3.2. IKhabhinethi ilamkele iPhepha leNgcaciso elingoKhuseleko noKhuselo. Eli Phepha leNgcaciso, nebelikhutshwe  kwinyanga yoMdumba yowama-2015 ukwenzela ukuba kufakwane imilomo noluntu malunga nalo, ligxile kwindlela edibeneyo neyophuhliso kukhuseleko ngaphaya kobupolisa. Linika isikhokelo kumanyathelo okhuseleko loluntu oluthintelayo. Eli Phepha leNgcaciso lichonge onke amasebe afanelekileyo nemibutho yasekuhlaleni yoLuntu enegalelo kukhuseleko loluntu.

3.3. IKhabhinethi iyamkele idrafti yoMgaqo-nkqubo woKwenziwa kweSiko loLwaluko eMzantsi Afrika yaza yakwamkela ukuba iSebe leMicimbi yeMveli maliqalise ukuyila umthetho wesizwe ongolwaluko. Lo mgaqo-nkqubo sele udlule kwinkqubo ebanzi yofakwano-mlomo loluntu kunye nabo bonke abadlali-ndima ababalulekileyo. 

Lo mgaqo-nkqubo ubonelela ngesikhokelo esiqinisekisa ngokhuseleko lwesiko lemveli lolwaluko lwamakhwenkwe lwaminyaka le kungakhange kubekwe emngciphekweni ukhuseleko lwawo. Le yinxalenye yamanyathelo athathwa ngurhulumente ukuqinisa ukwenziwa kweli siko ngendlela efanelekileyo neyamkelekileyo. Ubuyisela izinga elamkelekileyo lokuphendula nokucacisa kwabo baphethe amabhoma nabazali abathumela abantwana babo kulo mabhoma.

3.4. IKhabhinethi izamkele izindululo ezenziwe yiKomiti yoPhando lokuba kunokwenzeka na ukuba kwenziwe kurhwetywe ngeempondo zemikhombe njengenye yeendlela zokusindisa imikhombe yeli lizwe ingabi semngciphekweni wokutshabalala. Ezi zindululo ziye zaxhaswa yiKomiti yabaCebisi bezobuChwephetshe yamaSebe aHlukeneyo kunye neKomiti yabaPhathiswa echongelwe ukuba yenze uphando lokuba kungenzeka na lwenziwe olusemthethweni ushishino lwehlabathi lorhwebo lweempondo zemikhombe.

Ezi zindululo zomeleze indlela yolawulo lobuchule edibeneyo uMzantsi Afrika oyiqwalasele ngayo lo mba ukusombulula ukuzingelwa kwemikhombe ngokungekho mthethweni nokurhweba ngemikhombe okungekhomthethweni. Ikomiti icebisa ukuba le ndlela yangoku yokugcina izinga lomhlambi okhoyo ugcinwe unjalo kunokuba kushishinwe ngeempondo zemikhombe. Indlela yobuchule eliyisebenzisayo eli lizwe iquka ukhuselo; ukuxhotyiswa koluntu; ulawulo lwezenzulu-lwazi ngezilwanyana; imithetho esabela ngqo kulo mngeni nesetyenziswa futhi inyanzeliswe ngokubonakalayo; nolawulo lwezinga lokufunwa kweemveliso zemikhombe.  

3.5. IKhabhinethi ikwamkele ukuyilwa kweenkozo zemali zesikhumbuzo sowama-2016:

a) UThotho lweeNkozo zeMali ze-National Geographic – Iphulo leeKati eziNkulu: ‘INgwenkala’.
b) Uthotho lweeNkozo zeMali zesiThsaba sePonti neTiki sesilivere ‘izinto eziqanjwe eMzantsi Afrika’ – ‘i-Dolosse’
Uyilo lweenkozo zemali, kunye nezibhengezo zazo, ziza kupapshwa kwiPhephandaba loMbuso, ize emva koko ziveliswe ize zithengiswe ngokweendlela zesiqhelo.

4. Imisitho ezayo

4.1. Phakathi komhla we-18 nowama-22 kuTshazimpuzi uMongameli uZuma uza kuthatha utyelelo lwaseburhulumenteni kumazwe angamalungu oMbutho waseMazantsi e-Afrika waMazwe angaHlawulisani Rhafu yoRhwebo (i-SACU) noluza kuquka iNamibia, iBotswana, iLesotho neSwaziland. Olu tyelelo luza kuqinisa indima ebalulekileyo edlalwa yi-SACU ekukhuthazeni ukudityaniswa kommandla nophuhliso lwezoqoqosho lwamazwe angamalungu wayo. 

4.2. Ngomhla wama-23 nowama-24 kuTshazimpuzi wowama-2016 uMongameli uza kuthatha uTyelelo lwasebuRhulumenteni oluya kwi-Islamic Republic of Iran ukomeleza unxibelelwano lwezopolitiko nolwezoqoqosho phakathi kwala mazwe mabini.

4.3. UMongameli uza kukhokela imibhiyozo yoSuku lweSizwe lweNkululeko ngomhla wama-27 kuTshazimpuzi wowama-2016 eLimpopo, kumaBala eMidlalo aseGiyani phantsi komxholo othi: “Sisonke sakha uluntu olungcono – ooRhulumente beeNgingqi yingxaki yomntu wonke”.

IKhabhinethi imemelela bonke abemi baseMzantsi Afrika namacandelo ukuba babonakalise ukuba ngabathandi-besizwe ngokuthatha inxaxheba kwimisitho emininzi yokubhiyozela iNyanga yeNkululeko.

4.4. Kwezi veki zizayo, iPalamente izakuba iqhuba iiNgxoxo-mpikiswano zeVoti zoHlahlo Lwabiwo-mali lwamasebe karhulumente. Amalungu eKhabhinethi  amasebe awohlukahlukeneyo aza kucacisa izicwangciso zawo zokusebenza zonyaka-mali wowama-2016/17. Amalungu oluntu aza kwaziswa malunga neenkqubo zonikezelo-nkonzo zikarhulumente. 

5. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba esematheni

5.1. IKhabhinethi iyayamkela impendulo elandelwe kukucelwa koxolo nguMongameli uZuma kwisiGwebo seNkundla yoMgaqo-siseko ngokumalunga nokuthotyelwa kwamanyathelo okulungisa acaciswe kwingxelo yoMkhuseli woLuntu.

IKhabhinethi isasiphonononga esi sigwebo ukuze iqonde ukuba akhona na amanye amanyathelo ekufuneka athathwe ukuqinisa indima kaRhulumente.

Isigwebo seNkundla yoMgaqo-siseko someleza sikwaqinisekisa ngolawulo lwentando yesininzi lwaseMzantsi Afrika olusekelwe kumgaqo-siseko.

5.2. IKhabhinethi iwaqaphele amanyathelo eebhanki ezine ezithe zakhupha izaziso zokuvala ii-akhawunti zenkampani. Ngeli xesha iKhabhinethi iyiqonda imiselo nemiqathango yeebhanki, la manyathelo asenokugxotha abo bebesenokuba ngabatyali-mali kwixesha elizayo abasenokufuna ukwenza ushishino eMzantsi Afrika.

IKhabhinethi ivumelene ukuba uMphathiswa wezeMali, owezabaSebenzi noweMithombo yeziMbiwa ukuba baqale iingxoxo zokubonisana nokucweya kunye nezi bhanki ukufumana isisombululo esiyakuhlala simile ngalo mba.

5.3. IKhabhinethi iyavuyisana noMphathiswa wezeMpilo, uGq Aaron Motsoaledi, nothe wafumana imbasa yehlabathi i-USAID-TB ngenxa yendlela akhokele ngayo iphulo lehlabathi jikelele lokulwa isifo sephepha (i-TB) kwakunye nokuba nguvulindlela kumaphulo oMzantsi Afrika nawommandla ekuhlolweni, unyango nokuthintelwa kwe-TB; usuleleko lwe-TB nayiNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) kunye ne-TB enganyangekiyo.

5.4. IKhabhinethi iyakwamkela ukuphakanyiswa kwegama loMzantsi Afrika njengelizwe eliza kuwongwa ngeMbasa yeeNkonzo Zozakuzo ezikuDidi oluPhezulu liBhunga leMicimbi yeHlabathi eWashington DC. Njengelizwe lokuqala lase-Afrika ukufumana le mbasa, ingqina ukuzinikela okungathethekiyo kweli lizwe kwezemfundo yehlabathi jikelele, kwimicimbi yehlabathi nonxibelelwano nehlabathi ukuqhubela phambili iimfuno zethu zesizwe.

IKhabhinethi imothulela umnqwazi uMphathiswa woBudlelwane bamaZwe ngamaZwe neNtsebenziswano, uNksz Maite Nkoana-Mashabane, ngegalelo lakhe kunxibelelwano loMzantsi Afrika namazwe ngamazwe, noluqhutywa ngumbono “welizwekazi le-Afrika elimanyeneyo nelinoxolo, elilawulwa ngentando yesininzi, olungenabuhlanga, olungenacalucalulo ngokwesini nelihlumayo, nelithi lenze igalelo kwihlabathi elilungileyo nekulinganwayo kulo.”

5.5. IKhabhinethi iyakwamkela ukuchongwa kuka-Advocate Jan Lekhoa Mothibi, njengentloko yeCandelo loPhando oluKhethekileyo (i-SIU) nguMongameli uZuma, kwaye imnqwenela okuhle kodwa kulo msebenzi wakhe umtsha wokulwa urhwaphilizo nolawulo olugwenxa.

5.6. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho lakwaMakwetu kunye nombutho i-Pan Africanist Congress ngokusweleka kukaMnu Clarence Makwetu. UMnu Makwetu uza kukhunjulwa ngegalelo lakhe elikhulukazi nokuzenza idini kumzabalazo wenkululeko nokusekwa koMzantsi Afrika omtsha wolawulo lwentando yesininzi. UMongameli ubhengeze iinkonzo yoMngcwabo oseSikweni oKhethekileyo wePhondo kweli qhawe lomzabalazo wenkululeko.

5.7. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho lakwaNaidoo ngokusweleka kukaMnu Kumaran Naidoo. UMnu Naidoo ebenguMlawuli-Jikelele oliBambela weSebe loPhuhliso lwezoQoqosho. Ngaphambili ebesebenza njengeGosa lezeZimali eliyiNtloko leSebe lezoRhwebo noShishino. UMnu Naidoo ube negalelo elikhulukazi kulawulo lwezezimali kwiNkonzo kaRhulumente.

5.8. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ombulelo kwigalelo elenziwe nguMnu William Smith, obesenza kwiQonga looNobhala leKhabhinethi. UMnu Smith uthathe umhlala-phantsi ekupheleni kweyoKwindla emva kokuphangelela iNkonzo kaRhulumente iminyaka engama-27. IKhabhinethi imnqwenelela okuhle kodwa kumhlala-phantsi wakhe.

6. IKhabhinethi yazisiwe malunga neNgxelo yeKhomishini yoPhando malunga neziTyholo zobuQhetseba, uRhwaphilizo, iMposiso okanye iziPhene kwiSivumelwano seNtengo yeziXhobo zoMkhosi zobuChule (iKhomishini yeNtengo yeziXhobo) ethe yakhutshwa nguMongameli kusasa nje.

Le Ngxelo ayifumanisanga bungqina bubonakalisa bugwenxa, kunyoba, buqhetseba okanye rhwaphilizo kwinkqubo yokuthengwa kwezixhobo. NjengoRhulumente siyazamkela iziphumo zeKhomishini. Liye lahlanjwa igama lethu njengokuba besisoloko sisitsho kwiminyaka emininzi edlulileyo ukuba akukho bugwenxa kwaye le nkqubo yokuthengwa ibimsulwa ingenamakhwiniba.

Siyathemba ukuba ezi ziphumo ziza kuwuvala lo mba ubukade urhuqwa ixesha elide.

Nathi njengoMongameli uZuma sibulela uJaji Willie Seriti noJaji Thekiso Musi, onke amangqina, kuquka nowayesakuba nguMongameli uThabo Mbeki, abetshutshisi ababegoca-goca amangqina ngemibuzo, amagqwetha, abasebenzi nabo bathe benza igalelo ekwenzeni ukuba umsebenzi wale Khomishini ube yimpumelelo.

7. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
7.1. UMnu Siyabonga Gama njengosa leGosa eliPhezulu lesiGqeba soLawulo noMnu Gary Pita njengeGosa lezeZimali eliyiNtloko lwakwa-Transnet.
7.2. UMnu  Lufuno  Leslie  Nevhutalu njengelungu noSihlalo weBhodi yoPhuhliso lwaMashishini oKwakha.
7.3. UMnu Andile Nongogo njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba kaGunyaziwe weeNkonzo zeCandelo lezeMfundo noQeqesho.
7.4. Amalungu angeyonxalenye yesigqeba solawulo kwiBhodi ye-Arhente yezoThutho lwezeNdlela lwaNgaphaya kweMida:
a) UMnu Raymond Dennis Baloyi;
b) UNksz Keitumetse Mahlangu;
c) UNksz Ignatia Dikeledi Sekonyela;
d) UMnu Mosoenyane Ramathe;
e) UNjing Jan Havenga; kunye
f) noMnu Lucky Lempiditse Thekisho.

Imibuzo: Liezil Cerf
Iselula: 076 778 2380

Share this page

Similar categories to explore